INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngoNxibelelwano lweVidiyo, ngoLwesithathu umhla wama-24 kweyeSilimela 2020

INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngoNxibelelwano lweVidiyo, ngoLwesithathu umhla wama-24 kweyeSilimela 2020

1. IsiCwangciso soHlangulo lweShishini lweNkampani yeeHambo zoMoya yaseMzantsi Afrika (SAA)

1.1  IKhabhinethi ifumene ingxelo yenkqubela kwinkqubo yohlangulo lweshishini lwe-SAA, ebichotshelwe nguMphathiswa wamaShishini kaRhulumente u-Pravin Gordhan.
1.2  IKhabhinethi isemile kwelokuba ukwamkelwa kakuhle kokuqukunjelwa kwale nkqubo yokuhlangulwa kweshishini ngabo batyalwayo isesesona sisombululo sifanelekileyo nesinokhawulezileyo, esinokunceda eli qumrhu lezothutho lesizwe ukuba likwazi ukuhlengahlengisa imicimbi yalo equka ushishino lwalo, amatyala alo kunye nezinye izinto eziluxanduva lwayo. IKhabhinethi ikholelwa ekubeni inkampani yeehambo zomoya ehlengahlengisiweyo iza kuqhubela phambili imiba ekufanele yenziwe malunga nezenguqu efana nokungabikho kwamathuba okunyuselwa kwabaqhubi beenqwelo-moya abaNtsundu emva kweminyaka engama-26 sikulawulo lwentando yesininzi.   
1.3 Iyasixhasa isiphakamiso sokuba kusekwe inkampani yeehambo zomoya entsha kunye namalinge okufaka izicelo zokuncediswa ngemali kwimithombo eyahlukahlukeneyo, kuquka nevela kwabo banokuba banokuthenga izabelo kule nkampani yeehambo zomoya entsha. Le yeyona ndlela ekuphela kwayo enamathuba amahle okuphumelela enokuthi isetyenziswe ukuze kusekwe inkampani yeehambo zomoya entsha esebenzayo, ezinzileyo, enakho ukumelana nokhuphiswano nenokukwazi ukulayisha abakhweli bala ekhaya, abaloo mmandla kunye nabehlabathi.

2. Uqoqosho

2.1 IKhabhinethi iyalwamkela uxabangelo lohlahlo lwabiwo-mali olulungelelanisiweyo lowama-2020/21 obelunikezelwa nguMphathiswa wezeZimali uTito Mboweni ngoLwesithathu, umhla wama-24 kweyeSilimela yowama-2020. Oku kube yimfuneko ngenxa yobhubhane weSifo seNtsholongwane i-Corona (i-COVID-19) nokhokelele ekwehleni koqoqosho. UXabangelo loHlahlo Lwabiwo-mali lusinika umlima-ndlela wokuzinzisa ityala ngokuphucula indlela esichitha ngayo imali nokudala isisekelo sokuvuselelwa koqoqosho.
2.2  IKhabhinethi iqinisekile ukuba izithembiso ezibhengezwe nguMphathiswa uMboweni ziza kubeka uqoqosho lwethu kwindlela eqinileyo nezinzileyo, ingakumbi ukuba wonke umntu usebenzisana norhulumente ekuzifezekiseni. 

3. Ezintsha nge-COVID-19

3.1 IKhabinethi ifumene ingxelo yenkqubela kwiBhunga loLawulo lweNtsholongwane i-Corona leSizwe (i-National Coronavirus Command Council). Njengenxalenye yokuphendula ekuxhotyisweni komngcipheko olungelelanisiweyo weNqanaba lesi-3 lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile lesizwe, kunikezelwe ngezihlomelo zale mimiselo ngokoMthetho woLawulo lweNtlekele, wowama-2002 (uMthetho 57 wowama-2002). 
3.2  Ngeli xesha iKhabhinethi iwuqonda umsebenzi omkhulu owenziwayo ukuqinisekisa ukuba iimpilo zabantu aziphazanyiswa kwelinye icala nokusindisa ubomi babantu kwelinye, ikuvumile ukupapashwa kwiphephadaba lombuso kwezihlomelo ezimalunga nokuvulwa kweendawo zokutyela, iihotele kunye neendawo zokungcakaza.
3.3  IKhabinethi iyasigxininisa isimemo kuthi sonke sokuba sisebenze kunye ukunqanda ukunyuka kwenani labantu abosulelekayo kwiindawo esihlala kuzo ngokuthobela imimiselo yezempilo efana nokuhlanjwa rhoqo kwezandla, ukugcina umgama wokuqelelana nokunxitywa kwezigqubuthelo zobuso kwiindawo zikawonkewonke.

4. UbuNdlobongela obuGxile kwezeSini (i-GBV)

4.1  IKhabhinethi ixhalabe kakhulu kukwanda okukhulu kobundlobongela obugxile kwezesini (i-GBV) kweli lizwe jikelele. Emva  kwezehlo zokubulawa kwabasetyhini nabantwana kutsha nje, iye yacela bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba bamanyane baze basebenze kunye ukunqanda le nyhikitya. IKhabhinethi iyazincoma ii-arhente zogcino-mthetho ngamanyathelo azo akhawulezileyo ekubambeni abanye babarhanelwa kwaye isababongoza ukuba baqhubeke ukusebenza ngokuzinikela ukubamba bonke abo babandakanyekayo kokukubulala kumasikizi kangaka.

4.2  IKhabhinethi ayigungqi kwisigqibo sayo sokufezekisa ngokupheleleyo iindidi ezahlukeneyo zamanyathelo okungenelela athe aveliswa sisiCwangciso sobuChule seSizwe kwi-GBV nokubulawa kwabasetyhini ngamadoda. IKomiti yabaPhathiswa nosihlalo wayo inguMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli ojongene nemiba yabaseTyhini, uLutsha nabaKhubazekileyo, uNksz Maite Nkoana-Mashabane, iyaqhubeka ukukhokela amanyathelo okungenelela awahlukeneyo karhulumente. Kodwa ke, elona nyathelo lokungenelela  lisebenza ngamandla lifuna ukuba wonke umntu waseMzantsi Afrika adlale indima yakhe ekupheliseni lo mkhuba wobundlobongela obujolise kubona bantu bangamaxhoba alula okuxhatshazwa.
 
5. INgqungquthela yoMzantsi Afrika engoPhuhliso lweziSeko ezinguNdoqo oluZinzileyo (i-SIDSSA)
 

5.1 Khabhinethi iyayamkela iNgqungquthela yoMzantsi Afrika yokuqala engoPhuhliso lweziSeko ezinguNdoqo oluZinzileyo (i-SIDSSA) ebibanjwe ngonxibelelwano ngevidiyo kule veki, phantsi komxholo othi: Utyalo-mali kwiziseko ezingundoqo ukwenzela inkqubela eza kuxhanyulwa nguye wonke: ngoku, ngomso nangaphaya”. I-SIDSSA liqonga elidibanisa abadlali-ndima ababalulekileyo kwicandelo lotyalo-mali kwiziseko ezingundoqo, abadityaniswe yinjongo ephambili engundoqo yokukhawulezisa isicwangciso sokuvuselela uqoqosho  esiza kukhokelwa ngamaphulo okwakha iziseko ezingundoqo. Amaphulo okuphuhlisa okanye ukwakha iziseko ezingundoqo ngawo aza kukhokela iinkqubo zokuvuselela uqoqosho loMzansi Afrika.
5.2  Ngale nkqubo, sele iziprojekthi ezingama-276 esele zihloliwe. Ezi projekthi zizo eziza kusetyenziswa njengesiseko samaphulo okwakha iziseko ezingundoqo eziza kwenza umahluko omkhulu nakumanye amacandelo ezoqoqosho kuba ziza kuqala amathuba emisebenzi kunye nokukhwezela uqoqosho.
5.3 Iiprojekthi ezingama-88 zezi sele zilungele utyalo-mali kwaye ziquka amashishini anegalelo elimandla kwicandelo lezamandla; elezamanzi; elezothutho; eleziseko ezingundoqo zonxibelelwano ngobuchwepheshe nolwazi; elezokuhlaliswa koluntu; elezolimo kunye nelokuhlelwa nokucolwa kweemveliso zezolimo.
5.4 Ezi projekthi ikakhulu ziza kuxhaswa ngemali eza kuvela kwelinye lala macandelo mathathu – kwicandelo labucala lodwa, kurhulumente ebambisene necandelo labucala kunye norhulumente eyedwa. Njengenxalenye yesicwangciso sokuvuselela uqoqosho, amaphulo esizwe  entsebenziswano phakathi kukarhulumente namashishini abucala agxininisa kumba wokulungisa wokwabiwa komhlaba ngokungalinganiyo, ukuzisa iinguqu kuqoqo nokudala imisebenzi edingeka kakhulu. 

Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emzemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo. 
1. Amalungu eBhodi ye-Independent Regulatory Board of Auditors: 
1.1. Nksz Martie Janse van Rensburg (uqeshiwe kwakhona);
1.2. Mnu Iqbal Motala (uqeshiwe kwakhona);
1.3. Mnu Madoda Petros (uqeshiwe kwakhona);
1.4. Nksz Nombulelo Gumata;
1.5. Nksz Thembeka Semane;
1.6. Mnu Roy Andersen;
1.7.  Mnu Preston Speckmann;
1.8. Nksz Jesmane Boggenpoels;
1.9.  Mnu Shauket Fakie; kunye 
1.10 noNjing Nirupa Padia.

2.    Amalungu eBhodi yeSouth African Special Risk Insurance Association:
2.1.  Mnu Moss Ngoasheng (uSihlalo);
2.2. Nksz Priscilla Mokonyane (uSekela-sihlalo);
2.3. Nksz Moipone Ramoipone;
2.4. Mnu Desmond Marumo;
2.5. Nksz Japhtaline Mantuka Maisela;
2.6. Mnu Christiaan Johannes van Dyk;
2.7. Mnu Enos Ngutshane;
2.8. Mnu Reginald Haman;
2.9. Mnu Sathie Gounden;
2.10. Nksz Margret Mosibudi Phiri;
2.11. Nksz Refilwe Moletsane; kunye 
2.12. noNksz Nolwandile Mgoqi-Mbalo.

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams – isiThethi seKhabhinethi
Iselula: 083 501 0139
 

Share this page

Similar categories to explore