INtetho kaMongameli engoBume beSizwe ngoBekekileyo uJacob G Zuma, uMongameli weRhiphabliki yoMzantsi Afrika kumsitho weNdibanisela yeziNdlu zePalamente, eKapa

14 Feb 2013

SoMlomo oHloniphekileyo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe,
SiHlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo (i-NCOP);
Sekela soMlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe noSekela Sihlalo we-NCOP;
Sekela Mongameli weRhiphabliki oHloniphekileyo Kgalema Motlanthe;
OwayeSakuba nguMongameli uThabo Mbeki noNkosk. Mbeki,
OwayeSakuba nguMongameli u-De Klerk noNkosk. De Klerk,
AbabeSakuba ngooSekela Mongameli uNkosk. Phumzile Mlambo-Ngcuka noBaleka Mbete,
kweHloniphekileyo iJaji eyiNtloko yeRhiphabliki nawo onke amalungu axabisekileyo eCandelo leeNkundla;
Ohloniphekileyo uPeeroo, onguSihlalo weQonga lePalamente yommandla weCandelo loPhuhliso lwaMazwe e-Afrika eseMazantsi (i-SADC),
AbaPhathiswa abaHloniphekileyo nooSekela baPhathiswa,
IiNkulumbuso eziBekekileyo nooSomlomo bamaPhondo wethu;
USihlalo weBhunga looMasipala baseMzantsi Afrika, nazo zonke iinkokheli zoorhulumente basekhaya;
USihlalo weNdlu yeeNkokheli zeMveli yeSizwe;
IiNtloko zamaZiko kaRhulumente axhasa intando yesininzi;
IRhuluneli yeBhanka enguVimba, uNkosk. Gill Marcus,
USekela Sihlalo weKhomishoni yoCwangciso yeSizwe (i-NPC) nokwanguSekela Mongameli we-ANC, uMnu. Cyril Ramaphosa nawo onke amagosa we-ANC,
Inkokheli zezoshishino, ezemidlalo, ezemveli, ezakwalizwi nezawo onke amacandelo,
AmaLungu ezozakuzo, iindwendwe ezikhethekileyo nezibekekileyo,
MaLungu aHloniphekileyo,
Bemi boMzantsi Afrika,
Ndiyanibhotisa nonke ngale ntlwa, sanibonani nonke, molweni, dumelang.

Mandibulele amaGosa awoNgameleyo ngokundinika eli thuba lokuba ndabelane nale ndibanisela yezindlu zePalamente ngenkqubo yethu yokusebenza yowama-2013.

Sibulisa bonke abo babukele olu sasazo emakhayeni wabo nakumaziko okubukela akwa-GCIS elizweni jikelele, kuquka nabo baseKhayelitsha, eNyanga naseGugulethu apha eKapa.

Mandidlulisele umbulelo wam nakubo bonke abo bathe banegalelo kumalungiselelo ale ntetho. Ndifumene imiyalezo eliqela nge-imeyili, Twitter nakwikhasi le-Facebook.

Ndikwachithe ixesha kunye nabafundi beBanga le-12 nabathe babelana nam ngezabo izimvo zokuba kokuphi ekufanele kuqulathwe yile ntetho. Elo galelo ndilifumene ligcwele lulwazi kwaye likwaxhobisa.

MaLungu aHloniphekileyo,

Bantu bakuthi nani bahlobo,

Ngomhla we-15 kweyeThupha kulo nyaka uphelileyo, i-NPC yanikezela ngesiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP), esingumbono weli lizwe sale minyaka ingama-20 izayo, kuMongameli kule ndlu ibekekileyo.

I-NDP iqulethe iziphakamiso zokuhlasela iingxaki zendlala, ukungalingani nentswelo-ngqesho.

Ngumhlahla-ndlela oya kuMzantsi Afrika apho kuwo sonke sakuba sinamanzi, umbane, ugutyulo, imisebenzi, izindlu, izithuthi zikawonke-wonke, ukutya okwaneleyo, imfundo, ukhuseleko lwezentlalo, inkathalelo yezempilo esemgangathweni, ezolonwabo nokusingqongileyo okucocekileyo.

Ukuphunyezwa kwezi njongo ziphambili kubonakele kunzima kweli xesha lisanda kudlula, ngenxa yokudodobala koqoqosho lwehlabathi.

Intlekele yaMazwe aseYurophu iyaluchaphazela uqoqosho lwethu kuba lo  Mazwe angabehlulelani bethu abangundoqo kwezorhwebo, olubalelwa kuma-21 eepesenti kunaniselwano lwemveliso yethu ethunyelwa kumazwe angaphandle. 

Uhlumo lwethu lweMveliso ePheleleyo yeLizwe yoNyaka (i-GDP) ilindeleke ibe kumyinge we-2.5%, lwehlile ukusuka kwi-3.1% kunyaka ophelileyo. Sidinga izinga lohlumo olungaphezulu kweepesenti ezintlanu  ukudala amathuba emisebenzi ongezelelekileyo.

I-NDP icwangcisa amanyathelo okungenelela anokubeka uqoqosho kwinqanaba elingcono. Inani ekujoliswe kulo ekudalweni kwamathuba emisebenzi liqingqwe kwi-11 lezigidi ungekafiki owama-2030 kwaye uqoqosho kufanele lukhule ngokuntlandlu-ntathu ukudala amathuba emisebenzi afunekayo.

Kwintlanganiso yam yokugqibela nabezoshishino, eli candelo likhankanye ukuba ukuze uqoqosho lukwazi ukukhula ngokuntlandlu-ntathu, kukho imiqobo ethile ekufuneka isusiwe.

Siza kuthethathethana nabezoshishino, ezabasebenzi nabanye abehlulelani bethu kwezentlalo kwilinge lokufumana izisombululo. Akukho qela lisebenza lodwa linokukwazi ukuphumeza iinjongo esizimisele zona.

MaLungu aHloniphekileyo,

Ngoku ndingathanda ukufaka ingxelo ngenkqubela esele yenziwe ukususela emva kweNthetho kaMongameli engoBume beSizwe yonyaka uphelileyo kwakunye nokucacisa ngenkqubo yethu yomsebenzi yowama-2013.

Ndiza kuqwalasela imiba emihlanu engundoqo – ezemfundo, ezempilo, ukulwa ulwaphulo-mthetho, ukudala amathuba emisebenzi endilisekileyo kwakunye nokuphuhliswa kwamaphandle nobuyekezo lwemihlaba.

Kulo nyaka uphelileyo, ndithethe nesizwe ngezicwangciso zikarhulumente zeziseko ezingundoqo.

Ekupheleni kweyoKwindla kulo nyaka, urhulumente uza kuba echithe malunga nama-860 eebhiliyoni zerandi kwiziseko ezingundoqo, ukususela ngowama-2009. Ziiprojekthi eziliqela eziphunyezwayo kweli lizwe jikelele. Ndiza kucacisa nje ezimbalwa. 

Ulwakhiwo lwesigaba sokuqala soLwandiso lwaManzi kuMlambo i-Mokolo noMlambo i-Crocodile soluqalile kwaye luya kubonelela ngenxalenye yamanzi afunekayo kwizikhululo zombane i-Matimba ne-Modupi.

Ulwakhiwo lwenkqubo yokuhambisa amanzi ngobuninzi yeDama i-De Hoop luqalile kweyeDwarha yowama-2012, ukubonelela imimandla yoomasipala bezithili i-Greater Sekhukhune, i-Waterberg ne-Capricorn.  

Sikushenxisile ukuthuthwa kwamalahle ngokusebenzisa indlela sakusa ekuthuthweni ngomzila kaloliwe eMpumalanga, ngeenjongo zokukhusela iindlela zephondo. Kungoko ke kuza kuqalisa kungekudala ulwakhiwo lomzila kaLoliwe iMajuba owenzelwe ukuthutha amalahle.

Sikwazibophelele ekuphuculeni ukuhanjiswa kwemithwalo nokuhlanganisa kwezoqoqosho ngomjelo wolungiselelo norhwebo lwemizi-mveliso yeTheku-Freystata-neGauteng.

Kule meko, umsebenzi omninzi uyaqhubeka ukuphuhlisa itheminali yangaphakathi ye-City Deep eGauteng.

Umsebenzi wokuqala sele uqalisile ekwandisweni kwe-Pier 2 kwiziBuko leTheku.

Okwesithathu, sele uthengiwe umhlaba wokuphuculwa kwezibuko eligrunjwe ngokutsha kwisikhuluko senqwelo-moya esindala saseThekwini.

EMpuma Koloni, ndivule ngokusesikweni izibuko laseNgqurha kwaye ngoku ulwakhiwo lokuphucula owona mbindi mtsha mkhulu wendawo yokugcina iintlobo ngeentlobo zemithwalo neenqanawa luyaqhubekeka.

IDama uMzimvubu libaluleke kakhulu kwintlalo nobomi basemaphandleni. Umsebenzi wokulungiselela ukuqalisa kolwakhiwo oluza kuqalisa kulo nyaka uzayo sowuqhubekeka.

Umsebenzi wokuphuculwa kwendlela yeenqwelo-moya neetheminali kwisikhululo seenqwelo-moya iMthatha nolwakhiwo lweNdlela yeLifa iKumkani Dalibhunga Mandela neBhulorho luyaqhubeka sithetha nje.

Ndicele ukuba umsebenzi ukhawulezise ngakumbi eMntla Ntshona ngenxa yokusilela okukhulu kweliya phondo, ingakumbi umbane, izikolo, iikliniki, iindlela namanzi kule minyaka mibini ilandelayo.

Ukuphucula ukuthuthwa kwesinyithi nokuvula unxweme olusentshona yelizwe, siye sawandisa umthamo kumzila kaloliwe ngokunikezela ngeentloko zikaloliwe ezili-11.

Isigaba sokuqala solwandiso – Ukuphucula umthamo wesinyithi kwizibuko i-Saldanha ukuya kwiitoni ezingama-60 zezigidi ngonyaka – kugqityezelwe ngokusesikweni kweyoMsintsi kunyaka ophelileyo.

Umsebenzi wokwakha uqhubekeka kwizixeko ezihlanu – eKapa, eNelson Mandela Bay, eRustenburg, eThekwini naseTshwane ngenjongo yokudibanisa iindidi ezahlukahlukeneyo zezithuthi – ibhasi, iteksi nololiwe.

Kwicandelo lezombane, ngoku sityale ama-675 eekhilo mitha zentambo zokuhambisa umbane ukuqhagamshelanisa amaziko oqoqosho lwawo lukhula ngokukhawuleza kwakunye nokuzisa umbane kwimimandla yasemaphandleni.

Ukongeza apho, urhulumente utyikitye isivumelwano esixabisa kangangama-R47 eebhiliyoni kwinkqubo yokuveliswe kwamandla ngokutsha.

Oku kuquka iiprojekthi ezingama-28 zetheknoloji yomoya, yesola nobuchwephetshe obusebenza ngamanzi amancinci, eziza kuphuhliswa eMpuma Koloni, eNtshona Koloni, eMntla Koloni naseFreystata.

Siseke ingxowa mali engama-800 ezigidi zeerandi yokunciphisa iigesi ezingcolisa okusingqongileyo kulo nyaka uphelileyo. Ukuza kutsho ngoku, lungaphezulu kwama-400 ezigidi zeerandi utyalo-mali kwiiprojekthi zoqoqosho olunobuhlobo kokusingqongileyo esele ziphunyeziwe zoomasipala, amanye amaqumrhu karhulumente, imibutho yoluntu nabecandelo labucala jikelele kuwo onke amaphondo.

Sikwaphumeze malunga nama-315 000 eegiza zesola ukususela kweyoMqungu kulo nyaka, uninzi lwazo lunikezelwe kumakhaya ahluphekayo, uninzi lawo aluzange laba namanzi ashushu aphuma etepini ngaphambili.

Sizuze iimpumelelo ekwandiseni iinkonzo ezingundoqo ngenkqubo yeziseko ezingundoqo. Aphantse abe ngama-200 000 amakhaya athe afakelwa umbane xa sijonga kwisizwe jikelele ngowama-2012.

Kwakhona niyakukhumbula ukuba uBalo-bantu lowama-2011 luzicacisile iimpumelelo ekwandiseni iinkonzo ezingundoqo. Le ngxelo ithe inani lamakhaya anombane ngoku likwi-12.1 lezigidi, into ethetha ukuba ngama-85%. Ngamakhaya alithoba kwalishumi akwaziyo ukufumana amanzi.

Ukulungiselela uqoqosho oluqhubela phambili kufanele siphuhlise, siza kwandisa uthungelwano lwamaza ombane.

Kulo nyaka uphelileyo, abecandelo labucala nabecandelo likarhulumente bafakele malunga nama-7 000 eekhilomitha zeentambo zombane ezintsha ezinesigqubuthelo seplastiki. Esi sisicwangciso sokuphumeza ii-100% zokugqobhoza kothungelwano lwamaza lombane we-intanethi ungekafiki owama-2020.

Ngokumalunga neziseko ezingundoqo zezentlalo, kuza kuba sekwakhiwe izikolo ezitsha ezingama-98 zizonke ekupheleni kweyoKwindla, apha kuzo ezingaphezulu kwama-40 ziseMpuma Koloni zithatha indawo yezikolo ezazakhiwe ngodaka.    

Ulwakhiwo kulindeleke ukuba luqalise kweyoMsintsi kwiziza zeedyunivesithi ezimbini ezintsha eMntla Koloni naseMpumalanga. 

Kule veki iphelileyo, sishicilele uMthetho oYilwayo woPhuhliso lweZiseko ezinguNdoqo ukwenzela uluntu luhlomle luvakalise izimvo zalo.

Siqubisana nalo urhwaphilizo, inkohliso kwiziniki maxabiso nokunyuswa kwamaxabiso kule nkqubo yeziseko ezingundoqo.

Umbuso sowuqokelele umthamo ovisayo wamadokheti olwazi olungokuziphatha okungekuhle kweenkampani ezinkulu zokwakha.

Oku ngoku kujongene neenkqubo ezisesikweni zekhomishoni yokhuphiswano nabanye oogunyaziwe bezomthetho.

Inkqubo yophuhliso lweziseko ezingundoqo ibe ngumthombo oxabisekileyo wokufunda kukarhulumente. Kulo nyaka sijonge kuwo, siza kukhawulezisa uninzi lweeprojekthi ezazichazwe yiKhomishoni kaMongameli yokuLungelelanisa iziSeko ezinguNdoqo (i-PICC).  Esikufundileyo kukuba kufuneka siququzelele, sidibanise size sigxile ekuphumezeni.

MaLungu aHloniphekileyo,

Le minyaka mibini idlulileyo ibonakalise ukuba apho urhulumente athe wangenelela khona ngokuqinisekileyo nangokungaguqukiyo, unakho ukudala inguqu kumashishini angundoqo ajongene nezigrogriso zangaphandle okanye zangaphakathi njengoko kwenzekile kwicandelo lethu lezemveliso.

Sikubonile ukuvuselelwa kwemveliso yokuveliswa koololiwe neebhasi eMzantsi Afrika, ikakhulu ngenxa yokutyhalela kubonelelo lwalapha ekhaya.

I-Arhente yaBakhweli bakaLoliwe yaseMzantsi Afrika (i-PRASA) noTransnet baqingqe amakhulu eebhiliyoni zeerandi ukwenzela ukuphucula uthungelwano loololiwe babakhweli nabemithwalo emikhulu.

Imizi-mveliso yempahla, yemiqhaphu neyezihlangu iye yazinza emva kweminyaka eli-15 yokuwa kancinci kancinci kwengqesho. Iskimu senkxaso yeempahla sibonelela ngenkxaso yemali ebanzi, yaxhasa inani lemizi-mveliso nemisebenzi.

Ekudalweni kwenguqu kwezoqoqosho ngokubanzi, ohlaziyiweyo uMthetho wokuXhotyiswa kwaBantsundu kwezoQoqosho ngokuBanzi kunye neekhowudi ziyaqukunjelwa. Ukuphuhliswa kwamashishini anabanini abantsundu kunye nabanini bemizi-mveliso abantsundu kuyakuba ngumba ophambili.

Urhulumente uneenkqubo ezahlukahlukeneyo zokuxhasa amashishini amancinci. Eyona projekthi iphambili ye-Ofisi kaMongameli sithetha nje kukwenza ukuba amasebe karhulumente ahlawule amaShishini amaNcinci, aPhakathi nasaKhulawo zingadlulanga iintsuku ezingama-30.

Amasebe kulindeleke ukuba afake iingxelo nyanga nenyanga ukuze sikwazi ukubeka esweni inkqubela phambili kulo mba.

Sithathe isigqibo sokuba amagosa awongameleyo asilelayo ukuwenza lo myalelo, kufanele ajongane namanyathelo. 

KwiNthetho kaMongameli engoBume beSizwe yowama-2010, ndathi ndazisa ngeNgxowa-mali yeMisebenzi, kwaye kwaphunyezwa imali engangeebhiliyoni ezintathu ukwenzela iiprojekthi eziza kudala amathuba emisebenzi.

MaLungu aHloniphekileyo,

Ngaphezulu nje kweqhezu elisisithathu loluntu lwethu lungaphantsi kweminyaka eli-15. Ilizwe lethu, njengamanye amaninzi, lunengxaki yokungaphangeli kolutsha.

Kulo nyaka uphelileyo ndizicelile iinqila kwiBhunga leSizwe lokuPhuhlisa uQoqosho nezabaSebenzi (i-NEDLAC) ukuba zixoxe ngesibonelelo esinokufumaneka kwigalelo lokulwa intswela-ngqesho kulutsha. Ndinovuyo lokuba iingxoxo seziqukunjelwe kwaza kwafikelelwa kwisigqibo ngokumalunga nemigomo engundoqo. Amaqela aza kusityikitya esi Sivumelwano apha ekuhambeni kwethuba kule nyanga.

Esi sibonelelo siza kongeza koko uRhulumente sele ekwenza ekuxhobiseni ulutsha.

Iinkampani ezingamaQumrhu kaRhulumente zibonelela ngokufundisa ubugcisa kunye neNkqubo yokufundisa abantwana besikolo umsebenzi kwaye siyabongoza ukuba oku makwandiswe. Sibhenela kwabecandelo labucala ukuba bathathe abo basalindele izithuba bali-11 000 bafumene izidanga zabo kwiikholeji zoKwandisa iMfundo noQeqesho. 
 
ISebe loPhuhliso lwaMaphandle noBuyekezo lweMihlaba luqhuba iQela leNkonzo yoManyano lwamaShishini oLutsha lwasemaPhandleni lweSizwe, nelibhalise ulutsha olukwi-11 740  kwiinkqubo zoqeqesho ezahlukahlukeneyo.

ISebe liceba iiNdawo zoManyano lwaMashishini oLutsha lwaseMaphandleni ezilithoba kwiphondo ngalinye, kuquka nakwizithili ezingama-23 ezizezona zihluphekileyo kweli lizwe.

Siza kusebenzisa neNkqubo yeMisebenzi yoLuntu eNatyisiweyo neNkqubo yeMisebenzi yoLuntu ukuthatha abantu abatsha.
Xa sisebenzisana siza kusifumana isisombululo kwintswelo-ngqesho yolutsha.

MaLungu aHloniphekileyo,

Sichonge ezokhenketho njengelinye labaqhubi bethu ekudaleni amathuba emisebenzi.

Ukundwendwela kwabakhenkethi kweli lizwe kukhule ngokumangalisayo nge-10.7% phakathi kweyoMqungu neyoMsintsi kowama-2012, elinani elingaphezulu kunomyinge wehlabathi ozi-4% kulo nyaka uphelileyo.

Ngokuyimpoxo, kanye eyona mpumelelo yelinge lolondolozo loMzantsi Afrika olukhokelele ekubeni inkitha yemikhombe yehlabathi engama-73% ilondolozwe apha, ikhokelele ekubeni ilizwe lethu kujoliswe kulo ngamaqela wabazingeli abazingela ngaphandle kwemvume.

Siyasebenzisana namazwe ekuthunyelwa nalawo kuthuthelwa kuwo afana ne-Vietnam, i-Thailand ne-China kwaye siqinisa amalinge wethu okuthintela ukwanda kwesi sibetho.

SoMlomo oHloniphekileyo,
Sihlalo oHloniphekileyo,

Imigodi, neyintsika yoqoqosho ngokwezembali, ikhe yajongana neenzima kwezi nyanga zakutsha nje.

Kunyaka ophelileyo eli candela lagutyungelwa lugwayimbo olungekho mthethweni kunye nentlekele yaseMarikana apho kwathi kwabulawa ngaphezulu kwabantu abangama-44.

Saseka iKomiti yabaPhathiswa equlathe abaPhathiswa abaphezulu kwikhabinethi ukuba bancede iintsapho ngelo xesha lenzima. IKhomishoni yoPhando yezobuLungisa nekhokelwa nguJaji Ian Farlam isaqhuba ngomsebenzi wayo.

Xa sisebenzisana sikwazile ukubuyisela uzinzo lwezentlalo kula mmandla.

URhulumente, abasebenzi ngokwemibutho i-COSATU, i-NACTU ne-FEDUSA, iManyano yabezoShishino yaseMzantsi Afrika, iBhunga looSomashishini abaNtsundu necandelo labahlali bebedibene kweyeDwarha baza bafikelela kwisivumelwano esithe sacwangcisa isiseko sokubuyela emsebenzini kulo lonke ushishino lwezemigodi.

Ngokukodwa, sivumelene ukuba sisebenzisane ukomeleza iqonga lothethathethwano ngamalungelo wabasebenzi; ukuba lihlangabezane neengxaki zendawo zokuhlala kwidolophu zemigodi; ukuba lixhase iNkqubo yeziSeko ezinguNdoqo yeSizwe; lihoye intswela-ngqesho kulutsha; kwaye lichonge amanyathelo okunciphisa ukungalingani.

Umsebenzi uya qhubekeka kwaye iqela liza kufaka ingxelo kungekudala linezicwangciso ezicacileyo nge-Rustenburg, i-Lephalale, Emalahleni, i-West Rand, i-Welkom, i-Klerksdorp, i-Burgersfort/Steelport, i-Carletonville ne-Madibeng.

Kwezi veki zimbini zidlulileyo, bendinentlanganiso no-Sir John Parker ePitoli, ongusihlalo we-Anglo-American Plc siyokuxoxa ngezicwangciso ekuthethwa ngazo zokuhlengahlengisa ngokutsha nokudenda abasebenzi abangama-14 000 bakwa- Anglo American Platinum. 

Bantu bakuthi,

MaLungu aHloniphekileyo,

Sikholelwa ukuba ngokwemigaqo-nkqubo sikwazile ukuzisa ingqinisekiso kwicandelo lezemigodi. Ingxoxo-mpikiswano ngokufakwa kwemigodi phantsi kukarhululumente iye yavalwa kwingqungquthela yeqela elilawulayo kweyoMnga.  

Ukuqinisekisa ukuba iinkonzo zikarhulumente esizinikezela kuluntu lwethu namhlanje zingakwazi na ukuqhubekeka zinikezelwe kuluntu lwethu ngomso, kufuna ukuba sibe nemigaqo-nkqubo yerhafu efanelekileyo yokuqokelela ingeniso eyaneleyo yokuhlawulela ezi nkonzo. 

Amaxa ngamaxa sigunyazisa uphando kwimigaqo-nkqubo yethu yerhafu, ukuhlola ukuba ingaba ifikelela kangakanani na kwiimfuno zezimali.

Apha ekuhambeni konyaka, uMphathiswa wezeZimali uza kugunyazisa uphando lwemigaqo-nkqubo yethu yangoku yerhafu, ukuqinisekisa ukuba sinesiseko semali esifanelekileyo sokuxhasa inkcitho karhulumente.

Inxalenye yolu phando, iza kuhlola umthetho wangoku olawula imali ehlawulwa yimigodi ngokusebenza kwayo kumhlaba othile, ngokumalunga namandla wayo okukhonza abantu bethu ngokufanelekileyo.

MaLungu aHloniphekileyo,

Zindwendwe ezibekekileyo,

Kwintetho yalo nyaka uphelileyo siphakamise umba womsantsa kwezentengiso, ngabantu abamkela kakhulu ukuba bangafumana izindlu ze-RDP baze kwelinye icala babe bamkela kancinci kakhulu ukuba bangafumana imali-mboleko yokuthenga indlu ngebhanka.

Ukususela kwekaTshazimpunzi yowama-2012 ukuya kweyoMnga yowama-2012, amaSebe kuMaphondo abekele le nkqubo bucala uhlahlo-lwabiwo mali olungange-126 zezigidi zeerandi zeSibonelelo soPhuhliso lwezokuHlaliswa koLuntu, neyaziwa njengenkqubo eyiNkxaso-mali yokuVala uMsantsa kuMntu ngaMnye.

Le mali isetyenziswa liQumrhu leziMali zeziNdlu leSizwe, elithe lachongelwa ukuba libonelele ngokwakhela abantu abangamaxhoba walo msantsa izindlu kwiiprojekthi ezili-12 ezibhalisiweyo.

Imali engangama-70 ezigidi zeerandi iyonke sele isebenzile ukuza kutsho ngoku.

Ezi projekthi ziquka i-Walmer Link eMpuma Koloni, i-Lady Selbourne, i-Nelmapius, i-Bohlabela Borwa, i-Cosmo City ne-Fleurhof eGauteng, Intabazwe Corridor Housing eFreystata ne-Seraleng eMntla Ntshona.

Ukuphunyezwa kwezi projekthi zezindlu ze-GAP ezisibhozo kuya qhubekeka ngoku sithethayo.

Bantu bakuthi nani bahlobo,

MaLungu aHloniphekileyo,

Kwezemfundo, sixolile kukubona ukuba izinga lokuphumelela kwiBanga le-12 liyenyuka. Siyavuyisana naBafundi boNyaka wama-2012, ootitshala babo, abazali nabahlali ngokuqinisekisa ukuba ukuphucuka kwemfundo kuyaqhubekeka.

Sivuyisana nephondo elithe lahamba phambili kunyaka wama-2012, iGauteng noyena mfundi ugqwesileyo kubo bonke abe banga le-12, uNkosz. Madikgetho Komane, ovela kwisithili saseSekhukhune, eLimpopo, nolindwendwe lethu elibekekileyo namhlanje.

MaLungu aHloniphekileyo,

UHlolo loNyaka-nonyaka lweSizwe (i-ANA) ezikolweni zethu, luba sisixhobo esisebenzayo ekuhloleni ubume benkqubo yethu yezemfundo.

Siyakwamkela ukuphucuka kweziphumo ze-ANA qho ngonyaka, kodwa kusekuninzi ekufuneka kwenziwe ukuphucula izibalo, inzululwazi nobuchwephetshe.

ISebe lezeMfundo esiSiseko liza kuseka iqela lesizwe elijongene nokomeleza ukuphunyezwa kwesiCwangciso-qhinga seZibalo, iNzululwazi noBuchwephetshe.

Sibongoza abecandelo labucala ukuba bazibandakanye norhulumente ngokuseka, ukwamkela okanye ukuxhasa ngemali amaziko okufundisa ngezibalo nenzululwazi okanye izikolo ezingena ngeMigqibelo.

Bantu bakuthi,

Sixolile ngokukhula kwenkqubo yethu yokufundiswa kwabantwana abasebancinci, kuquka nabe banga likaGredi R.

Sikwaxolile nayinkqubo yethu yemfundo yabadala, i-Khari Gude, nethe yafikelela kubantu abangaphezulu kwe-2, 2 sezigidi phakathi kowama-2008 nowama-2011.

Sikwakhuthaza abantu kwiinkalo zonke ukuba bangayeki ukufunda. Uninzi luye lwavuseleleka xa imvumi ephumeleleyo nelundwendwe lwam olukhethekileyo, uMnu. Sipho Hotstix Mabuse ethe waphumelela imatriki yakhe kulo nyaka uphelileyo, eneminyaka engama-60.

MaLungu aHloniphekileyo,

Sabhengeza imfundo njengowona mba uphambili ngowama-2009. Sifuna ukubona wonke ubani eyiqonda imfundo ukuba iyinkonzo ebaluleke kakhulu kwisizwe sethu.

Ngokuthi imfundo iyinkonzo ebaluleke kakhulu asilithathi ilungelo lootitshala elikuMgaqo-siseko njengabasebenzi elifana nelungelo lokuqhankqalaza.

Oku kuthetha ukuthi sifuna ukuba icandelo lezemfundo noluntu luphela luyithathele phezulu ngokuthe chatha imfundo kunokuba kusenzeka ngoku.

Lonke uluntu oluphumeleleyo lunanto inye efanayo – luyixabisile kwaye lujonge lukhulu kwimfundo. Imivuzo endilisekileyo neemeko zokusebenza ezikwanjalo ziyakudlala indima ebaluleke kakhulu ekutsaleni, ekukhuthazeni nasekugcineni iititshala ezinesakhono.

Kulo meko, siza kuseka iKhomishoni kaMongameli eJongene neMivuzo eza kuphanda ukufaneleka kwemivuzo neemeko zempangelo uRhulumente abonelela ngazo bonke abasebenzi bakhe.

Ndiyalele ukuba umba wokuqala kufanele ibe ngootitshala.

Le Khomishoni iza kuhlola kwanembuyekezo kutyalo-mali.

Ekunyuseleni imfundo kwindawo yayo efanelekileyo, sifuna ukubona ukuphucuka kumgangatho wokufunda nolawulo lwezikolo. Sifuna ukubona ukuphucuka kwindlela ekuthathwa, ekusetyenzwa ngayo neziphumo zayo.

Xa sisebenzisana nootitshala, abazali, uluntu kunye nabadlali-ndima ababalulekileyo abohlukahlukeneyo, siza kuba nakho ukuguqulela izikolo zethu ekubeni zibe ngamaziko agqwesileyo.

MaLungu aHloniphekileyo,

Kwiminyaka emihlanu eyadlulayo, uMzantsi Afrika ubunezinga eliphantsi leminyaka  yokuphila kwabantu esezantsi kangangokuba iingcali zacebisa ukuba ngowama-2015, iminyaka yethu elindelekileyo yokuphila ibiza kuba kanye lapho yayikhona ngowe-1955.

Bekukho izizathu ezihle ezibangele ukuba sivuye xa phaya eku konyaka  uphelileyo, uphando lweBhunga loPhando kwezoNyango, iphepha-ndaba lezonyango i-Lancet namanye aqalisa ukufaka ingxelo yokwanda okungumangaliso kwiminyaka yokuphila ukususela kumyinge wesiseko weminyaka engama-56 ngowama-2009 ukuya kwiminyaka engama-60 ngowama-2011. Ezi ngxelo zikwaphawule ukwehla okubonakalayo kokusweleka kweentsana nakwabangaphantsi kweminyaka emihlanu.  

Ukwanda kweminyaka yokuphila kungundoqo kuphuhliso lwelizwe. Abantu babuyela  emsebenzini, baba lulutho olunemveliso, kwezoqoqosho nakwezentlalo. Iziseko zeentsapho zizinze ngokumangalisayo kwaye abazali baphila ixesha elide baze bakwazi ukunakekela abantwana babo.

Akufanelekanga ukuba sibonakale sithobe umxakatho, ngenxa yezi mpumelelo.

Xa siqwalasele izinga eliphezulu losuleleko oludibeneyo lweNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) neSifo sePhepha, sizidibanisile ezi nkonzo. 

Umsebenzi wezophando nawo uyaqhubekeka kwelinye icala. UMzantsi Afrika ufumane ichiza elinokusetyenziswa ekulingeni ukunyanga uMalaleveva.

Ukongeza apho, abaphandi kwiqumrhu leZiko leNkqubo yoPhando ngoGawulayo eMzantsi Afrika, nabo bafumanise intlaninge yamajoni athomalalisa i-HIV.

USekela Mongameli uMotlanthe uye wonyulwa amalungu amatsha weTrasti yeBhunga likaGawulayo yeSizwe eMzantsi Afrika. Sivuyisana nalo elo qela, nelikhokelwa ngodla umhlala-phantsi uJaji Zac Yacoob, ongusihlalo.

Kukho ukwenyuka okothusayo kwezifo ezibangelwa yindlela esiphila ngayo. Kufanele sithintele, sinciphise izinga lokutshaya, impembelelo eyonzakalisayo yotywala, ukutya ngendlela engafanelekanga nokubhukuxa.

MaLungu aHloniphekileyo,

Ngowama-2014 siza kudala iNgxowa-mali ye-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe. ISebe lezeMpilo liza kwandisa isantya liqinise inkqubela kwizithili ekulingwa kuzo.

Kulo meko, ukususela kwekaTshazimpunzi kulo nyaka, iqela lokuqala elimalunga nama-600 oogqirha babucala baza kuqeshwa phantsi kwekontrakthi ukuba banikezele ngeenkonzo zezonyango kwiikliniki ezingama-533 ezilalini nakwiilokishi kwizithili ezishumi ekulingwa kuzo.

Bantu bakuthi nani bahlobo,

KweyeSilimela siza kube siphawula iminyaka elikhulu yoMthetho woMhlaba waBantu abaMnyama we-1913 nowathi wajika abantu abamnyama bazibona bezizibhadubhadu, abaqeshwa nabantu bodidi oluphantsi abangafunwayo kwilizwe labo.

Owayesakuba nguMongameli we-ANC, uSefako Makgatho wacacisa ngolu hlobo kwingqungquthela ye-ANC xa wayesenza intetho kamongameli.

Wathi;

“UMthetho woMhlaba waBantu abaMnyama usasebenza ngokungena nceba kwindawo ezahlukahlukeneyo zeRhiphabliki, kwaye ngenxa yoko iintsapho ezininzi eziyinzalelwane yeli zisasebenzela amafama amhlophe kuphela ukuze zifumane ukutya.”

Kwakhona kulo nyaka sikwawongwe, kulo nyaka wesikhumbuzo salo Mthetho woMhlaba waBantu abaMnyama we-1913, ngokuthi phakathi kwethu sibe, noNkosk. Nomhlangano Beauty Mkhize, omnye weenkondekazi owathi kunye nomyeni wakhe, uSaul Mkhize, bakhokela umzabalazo wokulwana nokususwa ngenkani e-Driefontein nase-Daggaskraal, kwiPhondo elibizwa iMpumalanga ngoku.  

Umba womhlaba ngumba onobuzaza kakhulu.

Kufanele siwusombulule kakuhle ngokuhambelana nenkqubo-sikhokelo yoMgaqo-siseko kunye nomthetho.

Ndifumene umyalezo ku-Facebook ovela kuThulani Zondi othe wavakalisa inkxalabo yakhe malunga nesantya esicothayo ohamba ngaso umba wokwabiwa komhlaba ngokutsha. Uthe: “Mongameli ohloniphekileyo, njengokuba sikhumbula iminyaka eli-100 ukususela oko kwaziswa uMthetho woMhlaba waBantu abaMnyama we-1913 owahlutha abantu abaNtsundu abasisininzi umhlaba wabo.

“Ndiyabongoza ukuba kukhawuleziswe ukwabiwa komhlaba ngokutsha kwabo bangenamhlaba abangabantu abaNtsundu.

“Xa sisaba umhlaba kwakhona kufanele siyicinge indaba yokufumaneka kokutya. Ukuqeqeshwa nokucetyiswa kwamafama asakhulayo amnyama werhwebo kufuneka kwenzekile” 

Ukususela ngowe-1994, besihlangabezana nomba wengxaki yokuvuselelwa komhlaba ngokuwubuyisela kubanikazi bawo, ngokuwaba nokuhlaziya ixesha elihleliwe okanye kusetyenzwa kulo mhlaba.

Njengoko besenditshilo ngaphambili, asizokukwazi ukufikelela koko sizimisele ukufikelela kuko kulwabiwo lomhlaba ngokutsha.   

Uhlaziyo lukarhulumente lwesigaba esiphakathi lwalo nyaka uphelileyo ludize inani lokusilela kwinkqubo yokuphunyezwa kokuvuselela kwethu umhlaba. Siza kusebenzisa oko sikufundileyo ukuphucula ukuziphumeza kwethu.

Okokuqala, kufuneka sicuthe ixesha esilithathayo ukuqukumbela amabango afakiweyo. Kulo meko, uRhulumente uza kulandela umgomo ‘ofanelekileyo nolinganayo’ xa uhlawulela imbuyekezo, njengoko ucacisiwe kuMgaqo-siseko endaweni yomgomo wo-“kuthenga ngokuzithandela, ukuthengisa ngokuzithandela”, umgomo lowo onyanzelisa ukuba urhulumente ahlawule ngaphezulu kunexabiso elililo.

Okwesibini, kukho izihlomelo eziphakanyisiweyo kuMthetho wamaLungelo okuBuyiselwa uMhlaba, we-1994 khona ukuze kubonelelwe kwakhona ngenyoba yokufakwa kwamabango okubuyiselwa umhlaba, ngabo bantu babeliphosile ixesha ebelimiselwe lomhla wama-31 kweyoMnga we-1998.

Kwakhona ekufanele kuhlolwe, kokungumahluko kwixesha lokuvalwa elalimiselwe kweyeSilimela yowe-1913 ukubonelela isizukulwana sama-Khoi nama-San ngethuba lokuba bakwazi ukufaka amabango kwakunye neziza zamagugu neempawu ezisemhlabeni ezinembali.

Esinye isifundo esingundoqo kukubonelela abanini-mhlaba abatsha ngenkxaso eyaneleyo emveni kokuhlaliswa kwabo kulo mhlaba ukuze bakwazi ukuqhubekeka ukuwusebenzisa ngokunemveliso.

Kwakhona sikwadinga ukuba siwabonelele ngcono amafama werhwebo abonakalise ukuba nomdla nakwaziyo ukudlala indima yokuba ngabacebisi kumafama anemihlatyana emincinci. 

Omnye umngeni esijongene nawo kukukhetha kwabanye babafaki-mabango imali endaweni yomhlaba, nokungasincediyo ekuguquleni ubume bobunini-mhlaba.

Njengenxalenye yenkqubo yokuthethathethana kwe-Ofisi kaMongameli nabadlali-ndima ababalulekileyo phambi kweNtetho kaMongameli engoBume beSizwe, uSekela Mongameli uKgalema Motlanthe uye wabamba intlanganiso kunye namafama ngokufanayo kunye nabasebenzi basezifama ePaarl ngoLwesibini.

Abadlali-ndima ababalulekileyo bavumile ukuba kufanele kubekho uxolo nozinzo kwicandelo lezolimo kwaye iimeko zomsebenzi nezokuhlala zabasebenzi basezifama kufanele ziphuculwe ngokungxamisekileyo.

Kukwakhuthaza ukuba nkqu namafama acebisa ukuba inkqubo yokuvuselelwa komhlaba nokufumana kwamafama asakhasayo inkxaso kufanele ukuba kukhawuleziswe. 

Siza kuqhubekeka ukuthethathethana namafama ngokufanayo nabasebenzi basezifama.

Bantu bakuthi nani bahlobo,

Kukwafanele ukuba sisoloko sikhumbula ukufudukela kwabantu ngokuphindaphindeneyo ezidolophini okuqhubekayo. IiNkcukacha-manani zoBalo-bantu zidiza ukuba ama-63% abantu beli ahlala ezidolophini. Oku kusenokwanda ngaphezulu kwama-70% ungekafiki owama-2030.

Ubume bomsantsa owadalwa lucalucalulo busaqhubekeka ezidolophini nakwizixeko zethu. Oomasipala bebodwa abanakho ukumelana nalomngeni. Sidinga indlela yokuwuhlangabeza equka isizwe siphela.

Ngeli xesha ukuphuhliswa kwamaphandle kungumba ophambili kurhulumente, kukwabaluleke kakhulu ukuba siphuhlise nenkqubo-sikhokelo yophuhliso lwedolophu edibeneyo yesizwe ukuncedisa oomasipala ukuba bakwazi ukukulawula ngokubonakalayo ukufudukela kwabantu ezidolophini ngamandla. 

Njengenxalenye yokuphumeza i-NDP, omathathu amazinga aseburhulumenteni kufanele alawule le ndlela intsha yokufudukela kwabantu ezidolophini ngendlela ekwa negalelo kuphuhliso lwamaphandle.

MaLungu aHloniphekileyo,

Ukuphucula ubume babasetyhini kohlala kungumba obaluleke kakhulu kulo rhulumente.

UMthetho oYilwayo ongoKulingana kweSini nokuXhotyiswa kwabaseTyhini uphunyeziwe yiKhabhinethi ukuba uluntu luhlomle luvakalise izimvo zalo.  Lo Mthetho uYilwayo uzenza zibe zezinxamnye nomthethweni izenzo ezinempembelelo egwenxa kwabasetyhini namantombazana.

Kwakhona iwufaka emthethweni umgaqo-nkqubo kamakulinganwe ongama-50/50 ngokumalunga nokumelwa kwabasetyhini kumazinga okuthatha izigqibo.

MaLungu aHloniphekileyo,

Ukudlwengulwa ngokungenalusini nokugetyengwa kuka-Anene Booysen liqela labantu kunye nabanye abantu basetyhini namantombazana kula maxesha angoku kuzise ingqwalasela emandla kwimfuno yokuba simanyane kumanyathelo esiwathathayo ukuncothula esi sibetho.

Ukungabi nalusini nenkohlakalo ejoliswe kwabasetyhini abangakwaziyo ukuzikhusela akwamkeleki tu kwaye akuna ndawo kwilizwe lethu. Kulo nyaka uphelileyo kwasekwa iBhunga leSizwe eliJongene noBundlobongela obuSekelezelwe kwiSini.

Liquka urhulumente, iMibutho eNgekho Phantsi kukaRhulumente, iMibutho yoLuntu, iMibutho yezeNkolo, izifundiswa, amaziko ophandonzulu, urhulumente, amaqela wamadoda, nabameli babasetyhini, abantwana nabantu abakhubazekileyo.

Sibongoza iziko eliququzelelayo ukuba lenze iphulo lokulwa ubundlobongela kwabasetyhini libe liphulo lemihla yonke.

Siwaqhwabela izandla onke amacandelo ngamaphulo asele enziwe, eqaqambisa ukuba izenzo ezilolu hlobo azisayi kunyanyezelwa.

Ndiyalele ii-arhente zezomthetho ukuba amatyala anje ziwathathe njengawona angxamisekileyo nabalulekileyo. ICandelo lobuNdlobongela baseKhaya, neCandelo loKhuseleko lwaBantwana noLwaphulo-mthetho lwezeSondo, nathe aphinda asekwa ngokutsha ngowama-2010, abandisile abasebenzi bawo.

Kulo nyaka-mali udlulileyo, la maCandelo akhokelele ekubeni kugwetyelwe ubomi entolongweni abantu abangaphezulu kwama-363, ngezinga lokufunyaniswa benetyala elikuma-73% olwaphulo-mthetho olubhekisele kwabasetyhini abaminyaka ingaphezuku kwe-18 ubudala ize ama-70% ibe lulwaphulo-mthetho olubhekisele kubantwana abangaphantsi kwe-18 yeminyaka ubudala.

Masibhinqele phezulu sisebenzisane, silwe nale ngxaki sijongene nayo yabantu abadlwengula oomama nabantwana, nditsho nkqu namaxhegwazana embala. Lihlazo nobuntswelambeko oboyikekayo obu babenzayo. Zizigilamkhuba ekufanele zixelwe emapoliseni ukuze zivalelwe.

Urhulumente wongeza ezinye iindlela zokukhusela abasetyhini, ezifana noMthetho oYilwayo wokuKhusela kwiMpatho-mbi. Ngeli xesha uMthetho oLwa noBundlobongela baseKhaya nawo ubonelela ngokhuseleko, usebenza kuphela kubantu abanobudlelwane basekhaya.

UMthetho oYilwayo wokuKhusela kwiMpatho-mbi ukwasebenza ngempatho-mbi ngabantu abangcungcuthekisa amaxhoba wabo ngezixhobo zonxibelelwano lombane.

Ukongeza, uMthetho oYilwayo wokuThintela uNaniselwano ngabantu uphunyeziwe yiNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe kulo nyaka uphelileyo ngoku ukwiBhunga leSizwe lamaPhondo.

Xa sewuphunyeziwe, lo mthetho uza kubanceda abasetyhini nabantwana, abathi ngamanye amaxesha babe ngamaxhoba olona ulwaphulo-mthetho lunobundlavini.

Bantu bakuthi nani bahlobo,

Kukho ukwanda ekubonakaleni kwamapolisa into leyo eyenza igalelo ekuhleni kolwaphulo-mthetho oluxhomisa amehlo.

Umsebenzi ogxile ekufumaneni imipu engekho mthethweni, izithuthi ezibiweyo nezikhuthuziweyo, utywala neziyobisi nezithathwa njengezona zingundoqo ekuphembeleleni ulwaphulo-mthetho kuncedile ekunciphiseni ulwaphulo-mthetho.

Bantu bakuthi nani bahlobo,

Urhulumente usaqhubekeka ukulwa norhwaphilizo.

Umthamo weCandelo eliKhethekileyo loPhando (i-SIU) ukhulile ukususela kubasebenzi bakuqala abangamalungu angama-70 ukuya kumalungu angaphezulu kwama-600 ngoku sithetha nje.

Ukususela ngowama-2009, ndityikitye izigunyaziso ezingama-34 eziyalela i-SIU ukuba iphande izityholo zorhwaphilizo, inkohliso okanye ulawulo olugwenxa kumasebe ngamasebe nakumaqumrhu karhulumente.

Uphando lolwaphulo-mthetho ekuqaleni belujongene nabamangalelwa abangama-203 babantu kumatyala aphambili abephantsi kophando ekupheleni kweyoMsintsi wama-2012.

Konke konke, kusetyenziswe iinkqubo zangaphambi kovavanyo lwetyala ngokuchasene nabantu abali-191. Abantu abangama-66 abaphantsi kophando batyholwa ngokuba bafumene izibonelelo ezingange-R5 yezigidi okanye ngaphezulu ngendlela yorhwaphilizo. Kufunyenwe imiyalelo yokuvala iibhanki zabantu abangama-46.

Kwezinye iimpumelelo, kulo nyaka-mali udlulileyo, amagosa ali-107 asebenza kumaziko enkqubo yolwaphula-mthetho nezobulungisa afunyaniswe enetyala.

ICandelo lokuThimba iMpahla lithimbe impahla exabisa ngaphezulu kwama-R541 ezigidi. Kwezi mpahla, impahla exabisa ama-R61 ezigidi sele ithinjwe ngokupheleleyo ngurhulumente. Le mpahla iphinda isetyenziselwe ekuncediseni ukulwa ulwaphulo-mthetho norhwaphilizo nge-Akhawunti yeeMpahla zoLwaphulo-mthetho eziFumanekileyo.  

Kulo nyaka uphelileyo, inkxaso-mali eyongezelelweyo eli-R150 lezigidi esuka kwi-Akhawunti yeeMpahla zoLwaphulo-mthetho eziFumanekileyo yathi yaphunyezelwa umsebenzi weQela eliKhethekileyo wokuLwa noRhwaphilizo eliquka ii-Hawks, i-SIU noGunyaziwe woTshutshiso weSizwe. 

Le mithombo ijoliswe ekomelezeni amandla ezi arhente zezomthetho ekuzimiseleni kwethu ukulwa urhwaphilizo.

Sibongoza nabe candelo labucala ukuba lo mlo wokulwa norhwaphilizo bawuthathele phezulu kakhulu ukuze siwulwe kwiinkalo zonke.

Ukomeleza ngakumbi umlo wokulwa norhwaphilizo, siza kuvala zonke izithuba ezikhoyo kwizikhundla eziphezulu kwinkqubo yezobulungisa bolwaphulo-mthetho.

Bantu bakuthi nani bahlobo,

MaLungu aHloniphekileyo,

Kukho esikufundile ngesehlo saseMarikana nezinye izehlo esingenakho ukuzivumela ukuba ziphinde zenzeke kwilizwe lethu.

Enyanisweni, uMgaqo-siseko wethu yenye yezona mpumelelo zintle zesizwe sethu. Into nganye esiyenzayo njegorhulumente ikhokelwa nguMgaqo-siseko wethu kunye nombono wawo wesizwe esisakhayo.

Simema bonke abemi ukuba babhiyoze, bathobele baze bakhusele uMgaqo-siseko wethu.

UMqulu wethu wamaLungelo oLuntu uyaqinisekisa ukuba “umntu ngamnye unelungelo, lokuthi ngoxolo kwaye engaxhobanga, abe yinxalenye yendibano, abonakalise, abhengeze okubhaliweyo kwanokunikezela uxwebhu lezikhalazo.”

Ngoko ke sibongoza bonke abantu bakuthi ukuthi bawasebenzise amalungelo wabo ngendlela enoxolo nendilisekileyo.

Akwamkeleki ukuba amalungelo wabantu ophulwe ngabadali bezenzo ezinobundlobongela, ezifana nezenzo ezikhokelela ekonzakaleni nokusweleka kwabantu, ukonakaliswa kwempahla nokutshatyalaliswa kweziseko ezingundoqo zoluntu.  

Luxanduva lwethu ke ukuba siwuthobele, siwukhusele kwaye siwuhloniphe uMgaqo-siseko njengowona mthetho mkhulu weRiphabliki. Siyokwenza ngako konke okusemandleni ukuphumeza oku.

Ngeso sizathu, ndiyalele iQela lezobuLungisa, elokuThintela uLwaphulo-mthetho noKhuseleko ukuba libeke amanyathelo, ngoko nangoko, ukuqinisekisa ukuba nawaphi na amanyathelo obundlobongela kuqhankqalazo kuyasetyenzwa ngawo, aphandwe kuze kutshutshiswe abophuli-mthetho. 

Kuza kutyunjwa iinkundla emazisebenze ngamatyala anje kuluhlu lwamatyala angxamisekileyo. Umthetho mawusetyenziswe kwaye kufuneka kubonakale ukuba uyasetyenziswa – ngokungena mkhethe, ngempumelelo nangokukhawulezileyo.

Abemi belizwe lethu banelungelo lokulindela ukuba urhulumente wabo wentando yesininzi uza kulisebenzisa igunya lakhe lokukhusela uMgaqo-siseko owathi wazatyalazelwa luninzi ixesha elide nanzima. Asinakho ukubaphoxa koko bakulindeleyo.

Ngoko ke iQela le-JCPS limisele amanyathelo kwizinga lesizwe, lamaphando, nelasekuhlaleni ukuze kusetyenzwe ngokubonakalayo ngezehlo ezinjalo.

Mandingxame ndongeze ngokuthi amasebe karhulumente kumazinga onke mawasebenzisane nabahlali baze baqinisekise ukuba zonke iinkxalabo ziyahoywa phambi kokuba zinwene. Olo xanduva luhlala luhleli. Singurhulumente onenkathalo.

MaLungu aHloniphekileyo,

Kulo nyaka sibhiyozela unyaka wama-50 wazalwa uMbutho weManyano yamaZwe ase-Afrika (i-OAU) nowathi walandelwa yiManyano yase-Afrika (i-AU).

Siyothulela umnqwazi i-OAU ngomzabalazo wayo ongagungqiyo ukukhupha ilizwekazi lethu phantsi kolawulo lobukoloniyali, kuquka nokwenza igalelo nakule yethu inkululeko.

Siza kuqhubekeka ukusebenzela ukuququzelela iManyano yethu ethe chatha ngokomelela nenolwamvila oluthe chatha. Inkqubo yobuDlelwane oButsha boPhuhliso lwe-Afrika (i-NEPAD) kwakunye neNkqubo yokuziHlola kwaMazwe ase-Afrika ibisanda kubhiyozela unyaka wayo weshumi ikhona.

Njengomququzeleli wePhulo lobuMongameli looVulindlela kwiZiseko ezinguNdoqo le-NEPAD, uMzantsi Afrika usaqhubekeka ukusebenza nabanye oovulindlela ukuphumeza iiprojekthi zeziseko ezingundoqo ezinempembelelo enkulu kwilizwekazi.

Kuxolo nokhuseleko, siyabaxhasa abantu baseMali kwilinge labo lokubanga nokufunela kulo isidima semida yelizwe labo.

Siyazibongoza iinkokheli zeRhiphabliki ye-Afrika eseMbindini, i-Guinea Bissau neSomalia ukuba baqhubekeke ukuzabalazela uxolo  oluyakuhlala luhleli olwenzelwe  abantu babo. Siyiphikisa siqinisekile into yokutshintshwa kukarhulumente ngendlela engahambelaniyo nomgaqo-siseko.
 
Sikhuthazwa zinguqu ezintle phakathi kwe-Sudan ne-Sudan eseMazantsi. Siyamncoma owayesakuba nguMongameli wethu uThabo Mbeki namanye amalungu weGqiza elikwiZinga eliPhezulu le-AU  ngendlela ekhutheleyo abasebenzisene ngayo nala macala mabini.

Siyavelana ne-Democratic Republic of Congo njengelizwe elilwa umngcipheko wokhuseleko lwalo.

UMzantsi Afrika uza kuqhubekeka ukuxhasa amalinge oxolo ase-Afrika kuquka nokulamla, ukuthumela umkhosi wokudala uxolo, nangokubonelela ngoncedo lwezinto eziphathekayo okanye lwezimali.

Kule meko, silangazelela ukuqukunjelwa kothethathethwano lwezopolitiko phakathi kwe-Zimbabwe ne-Madagascar.

Umbono wethu we-Afrika engcono kwihlabathi elingcono uza kufumana inkuthazo enkulu xa siza kuba sisingatha iNgqungquthela yesihlanu yamazwe e-BRICS
(i-Brazil, Russia, India, China noMzantsi Afrika) eThekwini kule nyanga izayo.

Siyavuseleleka  kukukhula okucacileyo kobudlelwane boMzantsi Afrika nelizwe ngalinye kula we-BRICS, ngokobudlelwane, ngokwezozakuzo nangokwezoqoqosho.

Ukomeleza ubudlelwane boMntla-Mzantsi kuhleli kungundoqo kwi-ajenda yomgaqo-nkqubo wethu wamazwe wangaphandle.

Siyabugqinisisa ubudlelwane bethu namazwe aseMntla, ingakumbi iMelika, iYurobhu ne-Japan.

Isikhumbuzo seminyaka engama-70 yeBhunga leZizwe eziManyeneyo kunikezela ngethuba lokubheka phambili ekudaleni inguqu kwiBhunga loKhuseleko leZizwe eziManyeneyo.

Siza kuqhubekeka ukusebenzisa i-G20 ukumela iminqweno yabantu base-Afrika nokuzama inguqu yamaziko we-Bretton Woods.

Ukusebenzisana koMzantsi Afrika namazwe wehlabathi kunophawu olomeleleyo lovelwano kuko. Siyabaxhasa abantu basePalestina xa bezamela ukutyhila kwelinye iphepha lokuzabalazela ilungelo labo lokuzimela; kungoko sibaxhasile xa bebezamela ukuba babe sisizwe esizimeleyo.

Ukunatyiselwa kwemida yakwaSirayeli kumhlaba wasePalestina kungumqobo omkhulu ekusonjululweni kwale mfazwe.

Ilungelo lokuzimela kwabantu baseSahara eseNtshona kufanele kuhoyiwe.

Asigungqi kwisimemezo sethu sokuba makurhoxiswe ukukwaywa kwe-Cuba kwezoqoqosho.

Xa sisebenzisana singenza lukhulu ukudala i-Afrika engcono nehlabathi elingcono.

Bantu bakuthi,

Ngonyaka wama-2012, sigxile ekugcineni nasekwaziseni ngamagugu enkcubeko yethu yeli lizwe apho sigxininise ngokukodwa kumagugu omzabalazo wethu.

Besikhe sasingatha neNgqungquthela yeSizwe yoBumbano lwezeNtlalo ebe yimbali, engxile ekwakheni ukuquka ezentlalo, isizwe esikhathalayo nesizingcayo.

Ekuphumezeni inkqubo yethu siza kusebenza nooVulindlela bethu boBumbano lwezeNtlalo; abemi boMzantsi Afrika abathathwe kuwo onke amacandelo oluntu lwethu.

Sineqhayiya ukuba phakathi kwethu ngokuhlwa nje, sibe nababini abaziwayo oovulindlela bethu bobumbano lwezentlalo, uJaji Yvonne Mokgoro neGqwetha eliKhulu u-George Bizos.

Bantu bakuthi,

Kulo nyaka siphawula isikhumbuzo seminyaka engama-50 oGqogqo lweFama i-Liliesleaf, uQhwesho lwase-Marshall Square kwakunye nokuQaliswa kweTyala lase-Rivonia.

Luthotho lwemisitho ecetywayo kulo nyaka nje wonke ukukhumbula loo misitho mithathu, eyakuthi iqukunjelwe ngesikhumbuzo sesizwe ngomhla we-11 kweyeKhala.

MaLungu aHloniphekileyo,

Sisanda kuqukumbela itumente yeNdebe yeZizwe zase-Afrika ebikwizinga eliphezulu lempumelelo. Sivuyisana kakhulu neentshatsheli zase-Afrika, iRiphabliki yoManyano yase-Nigeria kwakunye nawo onke amaqela athathe inxaxheba ngegalelo lawo lokubonisa ngomgangatho webhola ekhatywayo yase-Afrika.

Sibulela bonke abantu bethu ngokuthi babe ngabasingathi nabalandeli abagqwesileyo.

Ndibe nalo ithuba lokuba ndimbulele ngokwam buqu uMongameli weMbumba yaMazwe ase-Afrika yeBhola eKhatywayo (i-CAF) oHloniphekileyo u-Issa Hayatou ngokusinika iwonga lokusingatha i-AFCON.

Bantu bakuthi nani bahlobo,

Njengoko besenditshilo phambili, le nkqubo yokusebenza iza kuphunyezwa ngeendlela ezahlukahlukeneyo njengoko imisebenzi yamasebe kufuneka ihambelane ne-NDP.  

Bantu bakuthi,

Phambi kokuba ndiqukumbele, mandithathe eli thuba ndidlulise uvelwano lwethu olunzulu kusapho lwegqala lomzabalazo negqwetha elaziwayo lamalungelo oluntu, uQabane uPhyllis Naidoo nothe wasutywa kukufa namhlanje.

Kutsha nje, sisanda kushiywa nguQabane u-Amina Cachalia.

Sibuhlungu kakhulu kukulahlekelwa ngabo.

MaLungu aHloniphekileyo,

Bantu bakuthi,

Njengabemi boMzantsi Afrika, kufanele siqhubekeke ukuba nenjongo engundoqo enye – ukwenza ilizwe lethu libe sisizwe esiqaqambileyo nesihlumayo.

Mini yabaThandanayo eMnandi kuni nonke!

Ndiyabulela.

Issued by: The Presidency

Related information

 

Share this page

Similar categories to explore