INtetho kaMongameli engoBume beSizwe ngoBekekileyo uJacob G Zuma, uMongameli weRiphabliki yoMzantsi Afrika kwiNdibanisela yeziNdlu zePalamente, eKapa

09 Feb 2012

Somlomo oHloniphekileyo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe,
Sihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo (NCOP),
Sekela Somlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe kunye noSekela Sihlalo we-NCOP,
Sekela Mongameli weRiphabliki yoMzantsi Afrika, oHloniphekileyo uKgalema Motlanthe, Owayesakuba nguSekela Mongameli uFW de Klerk,
Owayesakuba nguSekela Mongameli uBaleka Mbete,
KweHloniphekileyo iJaji eyiNtloko yeRiphabliki yoMzantsi Afrika, kunye nawo onke amalungu axabisekileyo eCandelo leeNkundla,
SihlalooHloniphekileyo weQumrhu lePalamente yaMazwe akumaZantsi e-Afrika kunye noSomlomo wePalamente yaseZimbabwe, uMnu Lovemore Moyo,
AbaPhathiswa abaHloniphekileyo kunye nooSekela baPhathiswa,
KoHloniphekileyo uMphathiswa woBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano weRiphabliki yase-Angola, uMnu Rebelo Chikoti,
KoHloniphekileyo uMphathiswa weMicimbi yezangaPhandle weRiphabliki yaseMozambique, uMnu Julio Baloi,
IiNkulumbuso eziBekekileyo kunye nooSomlomo bePalamente zamaPhondo wethu;
Sihlalo weSalga, kunye nazo zonke iinkokheli zoorhulumente basekhaya;
Sihlalo weNdlu yeeNkokheli zeMveli yeSizwe,
KwiiNtloko zamaZiko kaRhulumente axhasa intando yesininzi,
KwiRhuluneli yeBhanka enguVimba,
Iinkokheli zamacandelo onke ukusukela kwezoshishino, ezemidlalo, iinkokheli zemveli nezenkolo,
Amalungu eenkonzo zozakuzo,
Iindwendwe ezikhethekileyo nezibekekileyo,
Bemi baseMzantsi Afrika,
 
Dumelang, good evening, goeienaand, molweni, thobela, xewani! 

Ndibulisa kuni nonke ngobubele ngolu suku lubaluleke kangaka. 

Liqhayiya ukuthetha naBemi baseMzantsi Afrika kule Ndlu nakumakhaya ngamakhaya kunye nakumaziko alungiselelwe ukubukela akhoyo kulo lonke eli. 

Ndamkela ngobubele ooNozakuzaku kunye nooKomishinala abaPhezulu abangabameli bamazwe ali-146, uMzantsi Afrika ononxibelelwano nentsebenziswano nawo. Sibuxabisile ubukho benu kwilizwe lethu. 

Mathandazwe kunye nabahlobo, 

Le Ntetho kaMongameli engoBume beSizwe yenzeka ngonyaka obalulekileyo kwimbaliyelizwelethu, unyakawekhuluwombuthoolawulayo, i-African National Congress (ANC). 

Ukuphawula lo mbiyozo sinakana umsebenzi wabo bonke abemi baseMzantsi Afrika wokudala ilizwe elikhululeke ngokwenene, elingenabuhlanga, elingenangcinezelo ngokwesini, elilawulwa ngentando yesininzi kunye nelinenkqubela phambili. 

Sibalula ngokukodwa abo babesakuba ngoomongameli be-ANC abathi bakhokela umzabalazo wenkululeko nokudala ubomi obungcono kuzo zonke izizukulwana. Sikhahlela kuJohn Langalibalele Dube, Sefako Makgatho, Zac Mahabane, Josiah Gumede, Pixley ka Isaka Seme, AB Xuma, JS Moroka, Inkosi u-Albert Luthuli, Oliver Tambo, Nelson Mandela kunye noThabo Mbeki. 

Samkela iintsapho zabo babesakuba ngoomongameli be-ANC ezizindwendwe zethu ezikhethekileyo ngokuhlwa nje. 

Samkela sikwanakana namanye amacandelo omzabalazo wenkululeko ? i-Black Consciousness Movement eyayikhokelwa nguMnu Steve Biko, unyana wakhe, uSamora, naye ulundwendwe lwethu olukhethekileyo, kunye nePan-Africanist Congress eyayikhokelwa nguMnu Robert Sobukwe. 

Sikwabulela igalelo lalowo ungasekhoyo owayesakuba liLungu lePalamente, uNks Helen Suzman, owayenkenteza ngelizwi lakhe eyedwa kuyo le Ndlu, egxeka imithetho yengcinezelo. 

MaLungu aHloniphekileyo,
Mathandazwe kunye nabahlobo, 

Unyaka wama-2012 ngokhethekileyo kuba usekwaphawula isikhumbuzo se-16 soMgaqo-siseko weRiphabliki, obonisa ngokucacileyo iinjongo zethu ezifezekileyo zentando yesininzi.

UMgaqo-siseko yinkcazelo ngombono osisiseko soMzantsi Afrika, okhokela imigaqo-nkqubo kunye nezenzo zethu. Siyakuqinisekisa kwakhona ukuzinikela kwethu ukuqhubela phambilil iinjongo zoMgaqo-siseko welizwe lethu ngawo onke amaxesha.

Mathandazwe nezihlobo,

Kwindibano (i-Lekgotla) yeKhabhinethi ebibanjwe kweyoMqungu, sagqiba kwelokuba sibe nophononongo lwaphakathi enyakeni, sijonge inkqubela ukusukela ngowama-2009 ukuza kuthi ga ngoku endaweni yokwenza uphononongo oluqhelekileyo ekupheleni konyaka. 

Uphononongo lwaphakathi enyakeni lwabonisa inkqubela ezingileyo kwimimandla ethile efana nezempilo, imfundo, ukulwa nolwaphulo-mthetho, ukuhlaliswa kwabantu, amandla, ukubonelelwa ngamanzi, uphuhliso lwasemaphandleni nokunye. 

Kodwake, imicelimngeni emithathu intswelangqesho, intluphe kokunye nokungalingani ihleli ihleli, nangona kukho inkqubela ebonakalayo eyenziweyo. Ama-Afrika, abasetyhini kunye nolutsha basaqhubeka ingabona batsala nzima kulemicelimngeni. 

Somlomo noSihlalo abaHloniphekileyo,

NjengeKhabhinethi kaZwelonke sithathe isigqibo sokuthi kufanele senze ngaphezulu, ukukhulisa uqoqosho lwelizwelethu, ukuzesiphelise le micelimngeni yentswelangqesho, intlupheko kunye nokungalingani elizweni.

Zezo zinto zintathu esiza kujongana nazo ngqo, kulo nyaka nakwiminyaka ezayo.

Mathandazwe,

Xa sasifumana inkululeko ngowe-1994, uMzantsi Afrika wafumana ilifa eliyingxaki eyamiselwayo yokunqaba kwemisebenzi okunembali yako esuka kwiminyaka yowe-1970. Ingqesho iqhubekile ukwehla kwiminyaka yowe-1990 nasekuqaleni kowama-2000 ngenxa yokukhula kancinane kunye nokwehla kwengqesho kwicandelo lemigodi yegolide kunye nezolimo.

Nangona imisebenzi yakhula ngokukhawuleza ngexesha ebikheyaxhaphaka ngalo ukusukela ngowama-2003 ukuya kowama-2008, intswelangqesho khange kwehle ngaphantsi kwama-20%.

Ingqesho iphinde yahlelwa yintlekele ngexesha lokwehla kwamandla emali ngowama-2009.

Ngethamsanqa, uRhulumente wangena kunyaka wama-2008 ukuya kowama-2009 emi kakuhle ngokwasezimalini zoluntu, kwaye enetyala elingekho likhulu xa kuthelekiswa neminye iminyaka.

Oku kwavumela iimpendulo eziguquguqukayo kwiimeko zoqoqosho oluhlayo.

Umzekelo, sanyusa inkcitho kukhuseleko loluntu kunye nophuhliso lwezakhiwo ukuvuselela uqoqosho, ingakumbi ngenkqubo yokwakha yeNdebe yeHlabathi yeBhola eKhatywayo yeFIFA yowama-2010.

Sixhotyiswe zezinye zezi ngxaki kunye nokulangazelela ukushenxa kwizicwangciso zexeshana, sathatha isigqibo ngowama-2009 sokuseka iKomishoni yoCwangciso yeSizwesayicela ukuba ivelise isicwangciso sophuhliso sesizwe, bengqiyame ngoMgaqo-siseko weRiphabliki.

Le Komishoni yakhupha isiqalo sabakuyilileyo kwiSicwangciso soPhuhliso seSizwe ukuba kucamngcwe ngako, kujongwe ekubeni sinqwenela ukuba sibe siphi na kwiminyaka engama-20 ezayo.

Esi Sicwangciso sijongene ngqo nokushukuxa ukutshatyalaliswa kwentlupheko kunye nokungalingani njengezona ngongoma ekufuneka zithathelwe ingqalelo.

Isisombululo selizwe ngoko ke, kukukhula okungaphezulu koqoqosho kunye nokudalwa kwemisebenzi ukunciphisa de ekugqibeleni kutshatyalaliswe kwaphela intlupheko nokungalingani.

Njengombuso osaphuhlayo osembindini woqoqosho oluxubileyo, indima yethu siyibona njengaleyo yokukhokela kwezoqoqosho nokungenelela ngenxa yomdla wethu kwabo bahluphekayo, oko kubangelwa yimbali yelizwe lethu.

Sifundiswe lolu xanduva, ngowama-2010, sasungula inkqubo-sikhokelo yoMgaqo-nkqubo oMtsha wokuHluma koQoqosho saze sachonga awona macandelo anokudala imisebenzi emininzi njengophuhliso lwezakhiwo eziluncedo kuluntu, ukhenketho, ezolimo, imigodi, ukwenziwa kwezinto kunye nezoqoqosho olungenabungozi kokusingqongileyo.

Sabhengeza owama-2011 njengonyaka wokudala imisebenzi, sahlanganisa esisebenzisana nabo kuluntu, ababizwa ngokuthi ngabezoshishino, abasebenzi, noluntu, ukuba basebenzisane nathi ekuqaliseni Umgaqo-nkqubo oMtsha wokuHluma koQoqosho.

Iziphumo zoko ziyakhuthaza, nangona singekaphumi engozini nje, ingakumbi xa sijonga uqoqosho lomhlaba jikelele.

Amanani ekota yesine akhutshwe ngoLwesibini, abonisa ukuba izinga lokunqaba kwemisebenzi lihlile ukusuka kuma-25% ukuya kuma-23.9% ngenxa yokudalwa kwemisebenzi emitsha.

Ngowama-2011, inani elipheleleyo labantu abathe baqeshwa ngama-365 000. Esi sesona senzo sihle kweli lizwe ukususela kwixesha lokwehla kwamandla emali ngowama-2008.

Okunye okubalulekileyo kukuba yonke le misebenzi ikwicandelo elisesikweni lezoqoqosho, kumacandelo afana nemigodi, ezothutho, iinkonzo zoluntu norhwebo, ukubala nje ambalwa.

Kukho izinto ezimbini ezibalulekileyo esithe sazenza ngokufanelekileyo ngowama-2011 ezinegalelo kule ntsebenziswano.

Eyokuqala, simisele ukudalwa kwemisebenzi kuwo onke amacandelo karhulumente kuquka namashishini akhe.

Okwesibini, someleze ingxoxo yoluntu nentsebenziswano phakathi kukarhulumente, ezoshishino kunye noluntu.

IziVumelwano ezityikitywe ngurhulumente, abezoshishino kunye nabasebenzi zokubonelela ngeenkonzo nokunikezela umsebenzi, uphuhliso lwezakhono, imfundo esisiseko kunye noqoqosho olungenabungozi kokusingqongileyo, kungqina injongo yethu efanayo kunye nokuzimisela ukwakha eli lizwe.

URhulumente eyedwa akakwazi ukusombulula imicelimngeni ejongene nelizwe, kodwa xa sisebenzisana, izisombululo ziyafumaneka.

Mathandazwe,

Mandithathe eli thuba ndinike ingxelo ngemisebenzi nezithembiso ezenziwa kwiNtetho kaMongameli engoBume beSizwe yonyaka ophelileyo.

INgxowamali yeMisebenzi esayibhengeza kunyaka ophelileyo yaqalisa ukusebenza kweyeSilimela. Kwafunyanwa izicelo ezingaphezu kwama-2 500 kumjikelo wokuqala. Izabelo zeeprojekthi ezingaphezu kwesigidigidi seerandi sele zinikezelwe.

Sayesabhengeza izigidigidi ezingama-R20 zenkuthazo phantsi kweCandelo 12(i) loMthetho weRhafu yeNgeniso, eyilelwe ukuxhasa iiprojekthi zorhwebo ezintsha noshishino lokwenza, kunye neeprojekthi ezisixhenxe ezixabisa izigidigidi ezi-R8.4 zotyalo-mali ezithe zamkelwa.

Imiqathango yokubonelela ngeenkonzo nokunikezela ngemisebenzi exhobisa iSebe lezoRhwebo noShishino ukuba lahlule urhwebo oluthile apho kumiselwa izinto zasekhaya iqalisile kweyoMnga.

Amacandelo aquka ishishini lokuthunga impahla, imifuno enkonkxiweyo, isikhumba kunye nezihlangu.

Inkqubela yenziwe ekudibaniseni amaziko amashishini amancinane, kwaye iziko elitsha liza kusungulwa kulo nyaka.

Sibhengeze izigidigidi ezili-R10 ukuba zibekelwe bucala liQumrhu loPhuhliso lwamaShishini ukuze kudalwe imisebenzi.

Ukuza kuthi ga ngoku, malunga nesigidigidi esinesiqingatha seerandi samkelwe ukuxhasa iinkampani ezingama-60 ukuze zidale imisebenzi.

Mathandazwe nabahlobo,

Ushishino lwezemigodi, olunye oluhamba phambili ukudala imisebenzi kuMgaqo-nkqubo oMtsha wokuHluma koQoqosho, lidlala indima ebonakalayo kuphuhliso lwezoqoqosho nezentlalo yelizwe.

Njengenxalenye yokushukuxa imicelimngeni emithathu eyintlupheko, ukungalingani, kunye nentswelangqesho, urhulumente uqalisa ngenkqubo-sikhokelo yokunyityilikiswa nokuphuculwa kwezimbiwa ngeenjongo zokufumana inzuzo, enqwenela ukubonelela ngamathuba ngokuhla kwamanqanaba njengenxalenye yecandelo lezimbiwa.

Sisazinikele ekudaleni icandelo lezimbiwa elikumgangatho ofanelekileyo wokhuphiswano ehlabathini, kunye nokuxhasa urhwebo ukutsala utyalo-mali kunye nokuphumeza ukukhula kwezoshishino nokufikelela kwinguqu efuneka kakhulu.

Somlomo oHloniphekileyo,
Sihlalo oHloniphekileyo we-NCOP,
MaLungu aHloniphekileyo

Umsebenzi owenziweyo kunyaka ophelileyo ubonisa ukuba siza kuqhuba sikhula kakuhle nangokufanelekileyo, siza kuqala ukubhala ibali elitsha malunga noMzantsi Afrika ? ibali elibalisa ukuba xa sisebenzisana siyakuphelisa ukunqaba kwemisebenzi, sinciphise ukungalingani kwezoqoqosho kunye nentlupheko.

Oko kuyaqala ukukhangeleka ngathi kungenzeka.

Masingaphuncukani nesi santya.

Kowama-2012 ukuya phambili, simema isizwe ukuba sibambisane norhulumente kwiphulo elikhulukazi lokuphuhlisa ukwakha indawo eziluncedo kuluntu.

Tata uSomlomo noSihlalo,

Siza kuqala iphulo elikhulu lokwakha izakhiwo eziluncedo kuluntu kwilizwe lonke. Oku kuza kuphakamisa umgangatho wezoqoqosho, kwaye kuya kudala amathuba emisebenzi.

Mathandazwe,

Siza kusebenzisa ubuchule bengcaphephe bokulawula iiprojekthi esibufunde ngexesha leNdebe yeHlabathi yeBhola eKhatywayo yeFIFA yowama-2010 ukwenza le projekthi ibe yimpumelelo.

Esi sicwangciso sokwakha izakhiwo eziluncedo kuluntu siza kuqhutywa songanyelwe yiKomishoni kaMongameli yokuLungelelanisa izaKhiwo ezilundeco kuluntu (PICC), eyasekwa kweyoMsintsi, ehlanganisa abaPhathiswa, iiNkulumbuso kunye nooSodolophu booMasipala abaKhulu bekhokelwa nguMongameli kunye noSekela Mongameli.

I-PICC ichonge yaphuhlisa iiprojekthi kunye namalinge ezakhiwo eziluncedo kuluntu ukusuka kumashishini karhulumente kwakunye namasebe karhulumente wesizwe, awamaphondo kunye nawoomasipala.

Ezi projekthi zidityanisiwe, zalandelelaniswa zaze zanikwa indawo ephambili zenziwa zaba ziiprojekthi zobuchule ezihlanganisiweyo.

Sikhethe iinkqubo ezintlanu ezijoliswe kwiindawo ezohlukileyo ngokwesimo sentlalo, kwakunye neeprojekthi ezigxininisa kwezempilo, kwizakhiwo zemfundo esisiseko, ulwazi kunye nobuchwepheshe bonxibelelwano kunye nokudibanisa iingingqi.

Ezi projekthi zezi zilandelayo:

Eyokuqala, sicwangcisa ukuphuhlisa nokuhlanganisa imizila kaloliwe, iindlela kunye nezakhiwo zamanzi eziluncedo, ezisembindini wemimandla emibini eLimpopo: i-Waterberg kwicala eliseNtshona lephondo kunye ne-Steelpoort ekwicala elisempuma yephondo.

Ezi nzame zijolise ukuvula ummandla omkhulu wezimbiwa ojikelezileyo ekukho kuwo amalahle, i-platinum, i-palladium, i-chrome kunye nezinye izimbiwa, ukuze sikhawulezise ukwandisa ukombiwa kwakunye nokunyityilikiswa nokuphuculwa kwezimbiwa ngeenjongo zokufumana inzuzo.

Sisebenzisa uphuhliso lwaseLimpopo njengesiseko, siyakwandisa uthutho ngomzila kaloliwe eMpumalanga, sidibanisa imigodi yamalahle kunye nezikhululo zokuphehla nokuvelisa umbane.

Oku kuya kusenza sikwazi ngokugqibeleleyo ukushenxa kwimeko yokusebenzisa iindlela koko sisebenzise umzila kaloliwe kuthutho lwamalahle, okubangele ukwehla komgangatho weendlela eMpumalanga.

Imimandla esempuma yephondo loMntla Ntshona iya kufumana uncedo koku kugxininisa kwizakhiwo eziluncedo kuluntu okuhlangene nemigodi kunye nokunyityilikiswa nokuphuculwa kwezimbiwa ngeenjongo zokufumana inzuzo.

Okwesibini, siya kuphucula ukuthuthwa kwempahla nokudibana kwezoqoqosho ngomjelo wezorhwebo nolungiselelo lwenkxaso yezothutho phakathi kweThekwini? Freyistata-neGauteng.

Le projekthi izimisele ukudibanisa amaziko ezoqoqosho amakhulu aseGauteng, eThekwini nasePinetown, ngaxeshanye, ihlanganise la maziko abe nomthamo ophucukileyo wokuthumela impahla kumazwe angaphandle ngamazibuko ethu okungena nokungenisa impahla.

Kulo mba, ndinochulumankco ukubhengeza uBuchule bokuBanga iMarike beTransnet, obuquka utyalo-mali, kwiminyaka esixhenxe ezayo, olungangezigidigidi ezingama-R300 kwiiprojekthi zokuxhasa ngenkunzi.

Kwesisixamali, izigidigidi ezingama-R200 zabelwe iiprojekthi zomzila kaloliwe buze ubukhulu bentsalela, buye kwiiprojekthi zamazibuko okungena.

Phakathi koluhlu lweeprojekthi ezicwangcisiweyo, kukwandisa umjelo wokuThumela iNtsimbi ukusuka kuma-60 ezigidi zeetoni ngonyaka ukuya kwi-82 lezigidi zeetoni ngonyaka.

Ikwaquka ukuphuculwa okwahlukahlukeneyo kwendlela yomzila kaloliwe iDurban-Gauteng kunye nophuhliso olumane lusongezwa lwezigidi ezili-16 zeetoni ngonyaka kumjelo wokuthumela imanganese ngezibuko laseNgqura eliseNelson Mandela Bay.

UBuchule bokuBanga iMarike buya kuba nesiphumo sokudala imisebenzi engaphezulu kuqoqosho lwaseMzantsi Afrika, kwakunye nokwandisa uqoqosho lwasekhaya nokuXhotyiswa koQoqosho lwabaMnyama. Iya kubeka uMzantsi Afrika njengengingqi exakekileyo yothutho-ngolwandle ye-Sub-Saharan Afrika kunye nokuzisa iziphumo ze-ajenda yokuhlanganiswa kwengingqi ye-Nepad.

Siye sakwakujonga ukubaluleka bokunciphisa imali yomrhumo wokungena kumazibuko, njengenxalenye yokunciphisa inkcitho yokwenza ezoshishino. Umba womrhumo ophezulu ngomnye wemiba ethiwe thaca licandelo lokwakha izithuthi eBhayi naseTinarha ngexesha lotyelelo lwam lokongamela nokubona okwenziwayo kweli candelo kunyaka ophelileyo.

Malunga nalo mba, ndinochulumankco ukubhengeza ukuba uLawulo lwamaZibuko kunye noTransnet bavumile ukufikelela kwintsebenziswano eya kuba nesiphumo sokuthumela impahla eyenziweyo, bafumane ukuncitshiswa komrhumo wezibuko, kunyaka ozayo, okuya kuba sisigidigidi seerandi xa oko kuncitshiswa kuphelele.

Okwesithathu, siza kuphuhlisa icala elitsha elikhulu laseMzantsi Mpuma eliya kuphucula urhwebo nophuhliso lwezolimo kunye nomthamo wokuthumela impahla kummandla weMpuma Koloni, nokwandisa uqoqosho lwephondo namakhonkco olungiselelo lokuphuculwa kwezothutho eMntla Koloni naKwaZulu-Natal.

Kummandla owawusakwaziwa njengeTranskei oyinxalenye yeMpuma Koloni, sizinikele ukwakha idama sisebenzisa umlambo uMzimvubu njengeliso, ukuze kwandiswe imveliso yezolimo.

Ukongeza koku, ukuqaliswa kweprojekthi yokuhlaziya uMthatha, eyiprojekthi ekhethekileyo kaMongameli, kuhamba kakuhle kakhulu.

Umsebenzi wokuphucula amanzi, ukuthuthwa kwelindle, umbane, iindlela, ukuhlaliswa kwabantu, uphuhliso lwezikhululo zeenqwelomoya nemiba yolawulo lukarhulumente ukwinqanaba eliphambili.

Okwesine, eMntla Ntshona, siya kwandisa ukunikezela ngamanzi, iindlela, imizila yoololiwe kunye nobuxhakaxhaka bokuphehla nokuvelisa umbane. Siza kuphucula neendlela ezibalulekileyo ezilishumi.

Okwesihlanu, sibona amandlakazi aleleyo ombane agudle ulwandle lwentshona yelizwe kwaye sinqwenela ukuphucula izakhiwo eziluncedo kuluntu ukuvula laa mandlakazi.

Izicwangciso zethu ziquka ukwandisa umzila kaloliwe wokuthutha intsimbi phakathi kweSishen eMntla Koloni kunye nase-Saldanha Bay eNtshona Koloni, eya kudala imisebenzi ekwinani eliphezulu kuwo omabini la maphondo.

Umthamo wentsimbi kwicala lothutho uyakwandiswa ukuya kwi-100 lezigidi zeetoni ngonyaka.

Oku kuya kuvumela ukwanda kokombiwa kwentsimbi kwiminyaka elishumi ezayo ukwandisa utyalo-mali olukhulayo lwehlabathi elisaphuhlayo ngokwakhiwa kwezakhiwo eziluncedo kuluntu nemisebenzi yorhwebo.

Mathandazwe,

Sichonge iiprojekthi ezibalulekileyo zokwakhiwa kwezakhiwo eziluncedo kuluntu. Ezi projekthi ziquka iiprojekthi ezijolise ekwandlaleleni i-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe efana nokuhlaziywa kwezibhedlele neendawo ezihlala abongikazi.

Izigidi ezingama-R300 zabelwe umsebenzi wokulungiselela ukwakha iiyunivesithi ezintsha eMpumalanga naseNtshona Koloni.

Enye iprojekthi enamandla kakhulu yezakhiwo eziluncedo kuluntu lilinge loMzantsi Afrika lokusindleka iteleskopu ebizwa ngokuthi yi-Square Kilometre Array ngentsebenziswano kunye namazwe asibhozo ase-Afrika. Ilizwe eliluphumeleleyo ugqatso liza kubhengezwa kwinyanga ezayo. Siyanibongoza ukuba nixhase ugqatso lwelizwe lethu.

Okokugqibela, umsebenzi wethu wezakhiwo eziluncedo kuluntu unabelengaphaya kwemida yethu. UMzantsi Afrika ukhokela umjelo wendlela nomzila kaloliwe obizwa ngokuthi yi-North-South Road and Rail Corridor, eyinxalenye yelinge likaMongameli we-Nepad lokukhokela ngokwakha izakhiwo eziluncedo kuluntu phantsi kweManyano ye-Afrika.

Umsebenzi kulo mba, uquka iiprojekthi ezahlukahlukeneyo nezinxulumeneyo eziquka iindlela nemizila kaloliwe, imida yokunqumla, amandla kunye nobuchwepheshe bolwazi nonxibelelwano.

Mathandazwe,

Utyalo-mali ngokwakha izakhiwo eziluncedo kuluntu lwesixamali esikhulu kufuneka lushiye ngaphezu kwezikhululo zokuphehla nokuvelisa umbane, imizila kaloliwe, amadama kunye neendlela. Kufuneka lwenze ilizwe libe lilizwe lezorhwebo, luveze izakhono luze lukhulise ukudalwa kwemisebenzi efuneka kakhulu.

Ndiza kubamba intlanganiso kaMongameli yabaphathi bamazwe engokwakhiwa kwezakhiwo eziluncedo kuluntu ukuxoxa ngokuqalisa ngesicwangciso sabanqwenela ukutyala imali kunye nabathathi-nxaxheba ngokwasentlalweni.

Somlomo oHloniphekileyo, Sihlalo oHloniphekileyo we-NCOP,

Ngoku ndiza kuxoxa ngemiba ephathelele ekwandisweni kweenkonzo ezisisiseko, ndishukuxe ukungalingani, uxolo nokhuseleko kunye nokumanyana ngokwezentlalo.

Ndifumene imbalelwano eninzi kakhulu enexabiso ngethuba silungiselela le Ntetho kaMongameli engoBume beSizwe. Unxibelelwano olu nje lwenza ukuba sikwazi ukuba sihlale siphefumlelana nabantu bethu sizazi nezinto abazifunayo.

Ndifumene i-imeyili, malunga nengxaki yezindlu evela kuMzukisi Mali, umsebenzi karhulumente ophuma kummandla waseFingo eRhini. Ubhale wenjenje;

?Ngowe-1994 ingeniso yam yayiphakame kakhulu ukuba ndifumane indlu esisibonelelo sikarhulumente kwaye yayisezantsi kakhulu ukuba ndibolekwe imali yokuthenga indlu yibhanki, oko kusaqhubeka nanamhlanje. Ndinabantwana abathathu kwaye umfazi wam akaphangeli.

?Xa ndifaka isicelo sendlu esisibonelelo sikarhulumente ndixelelwa ukuba andikwazi kuyifumana kwaye andikwazi kufumana imali-mboleko ebhankini kuba ngokwebhanki imeko yam ingumngcipheko ...??

Le yingxaki abantu abakwicandelo elithile abajongene nayo kweli lizwe. Yingxaki ekhoyo.

Ngethamsanqa, sesihambe umgama ukushukuxa le ngxaki ajongene nayo uMnu Mali kunye nabanye abaninzi.

Ngowama-2010, sabhengeza isigidigidi seerandi njengengxowamali yesiqinisekiso ukuxhasa ukufikelela kwimali-mboleko.

Kuluvuyo ukubhengeza ukuba le ngxowamali izakuqalisa ukusebenza kwekaTshazimpunzi, ilawulwa liQumrhu leziMali zeziNdlu leSizwe. Le nkqubo iza kwenza ukuba iibhanki ziboleke abantu abakwimeko efanayo nale kaMnu Mali.

Ukongeza, ukusuka kwekaTshazimpunzi, abantu abamkela phakathi kwama-R3 500 kunye ne-R15 000, baza kukwazi kukufumana inkxaso efikelela kuma-83 000 kumaphondo, ukubanceda ukuba bakwazi ukufumana imali yokuthenga izindlu ngemali-mboleko evela kwiibhanki ezisemthethweni neziqinisekisiweyo.

Ungalilahli ithemba Mnu. Mali nabanye abaninzi; kuza kulunga, ngenxa yale nkxaso eza kufumaneka koorhulumente bamaphondo, kunye ne-inshorensi entsha eza kwenza kuba lula ukuba iibhanki ziniboleke imali.

Mathandazwe,

Kukho inkxalabo engapheliyo evela kwabezoshishino noluntu malunga nexabiso eliphezulu lombane.

Ndicele u-Eskom ukuba akhangele iindlela angathi ahlise ngazo amaxabiso okunyuka kombane kwiminyaka emibini ezayo, ukuxhasa ukukhula koqoqosho kunye nokudala imisebenzi baze bandinike ingxelo ngabakucebayo ukuba ndiyetyise.

Sifuna indlela yamaxabiso ombane eya kuqinisekisa ukuba u-Eskom kunye norhwebo baya kuhlala bezinzile ngokwasezimalini, kodwa uhlale ufikeleleka ingakumbi kwabahluphekayo.

Kodwa ke, ukuphumeza uzinzo, isivumelwano siya kufuneka kunye nabo bonke abemi baseMzantsi Afrika ? kuquka ushishino, abasebenzi, oomasipala, uluntu kunye nabathengisa iinkonzo.

Kufuneka siwonge umbane.

Kwiminyaka emibini ezayo, zide zibe ziyaqalisa ukusebenza izikhululo zokuphehla nokuvelisa umbane iMedupi kunye neKusile, inkqubo yombane iza kuba yengqingqwa.

Sonke kufuneka sidlale indima yethu ukuphepha inkqubo yokunkinkishelwa umbane.

Ukwandisa umthamo wamandla siya kuqhubeka sikhangela amandla anokuphinda asetyenziswe, ingakumbi umbane ophehlwa uveliswe yimitha yelanga kunye nombane ophehlwa uveliswe ngezimbiwa njengokuba siqalisa iSivumelwano soQoqosho Olungenabungozi kokusiNgqongileyo kunye nabachaphazelekayo kwezoqoqosho.

Ukuza kuthi ga ngoku, sesifakele iigiza ezisebenzisa umbane ophehlwa uveliswe yimitha yelanga ezingaphezu kwama-220 000 kulo lonke.

URhulumente ujolise ekufakeleni iigiza ezisebenzisa umbane ophehlwe waveliswa yimitha yelanga ezisisigidi ngowama-2014 ukuya kowama-2015.

Malungu aHloniphekileyo,
Mathandazwe,

Urhulumente uyaqhuba ukwandisa ukufikelela kwamanzi kuluntu. Kodwake, ngokucacileyo, ukufikelela kwamanzi kusengumcelimngeni kweminye imimandla.

Umyalezowe we-imeyili evela kuMmatsheko Pine ophuma eHammanskraal ngumzekelo.

Umbhali uthi; ?Kukho ummandla obizwa ngokuba yiNgobi kufutshane neHammanskraal, phantsi komasipala waseKhaya iMoretele, apho kuhlala khona abantu abasele bekhulile, boluphele, kwaye uninzi lwabo luyagula.

Lo mmandla ubungenamanzi iminyaka emibini ephelileyo. Abantu bathembele kwimvula ukuze bafumane amanzi.

Kukho imibhobho yamanzi kunye noomatshini abafakiweyo kodwa ingxaki kuthiwa ngamandla okumpompa amanzi. Ingaba i-ofisi yakho nabasemagunyeni banganceda na?.?

Ndicele uMphathiswa weMicimbi yaManzi kunye nokusiNgqongileyo ukuba aphande lo mba ngenjongo yokufumana isisombululo ngokukhawuleza.

Ukwandiswa kwamanzi kulibazisekile kweminye imimandla yelizwe ngenxa yokungabikho kwezixhobo eziluncedo. Oku kuthathelwe ingqalelo. Umzekelo, iinkqubo ezintlanu ezintsha zokwandisa amanzi zikuludwe lwenkqubo ecwangcisiweyo.

Ezi nguMthombo waManzi oMlambo i-Olifants eSteelpoort kwiphondo laseLimpopo, iNkqubo yenkxaso kwicala laseMpuma loMlambo iVaal eSecunda eMpumalanga, iNkqubo yoKwandisa aManzi eKomati, eNkangala, eMpumalanga, ukuphakanyiswa komthamo wedama iHazelmere KwaZulu Natal kunye nedama iClan William eClan William eNtshona Koloni. Ukongeza, amadama alithoba kumadama angama-25 avuselelwe ngokutsha.

Ngokuphathelele kwizibhengezo esathi sazenza ngexesha leNkomfa yaMazwe ngaMazwe ye-17 yeZizwe eziManyeneyo engoguquguquko lwemozulu, isixamali esizizigidi ezingama-R248 sizakutyalwa kwiminyaka emibini ezayo ukujongana nomba wemiSele ehambisa i-asidi kwiMigodi eseWitwatersrand.

Mandithathe eli thuba ndivuyisane neKomiti yabaPhathiswa eyayiJongene neNkomfa yaMazwe ngaMazwe ye-17 ngokwenza le nkomfa ibe yimpumelelo engathethekiyo.

Isiphumo sokugqibela seNkomfa yaMazwe ngaMazwe ye-17 sibe yimbali kwaye siyinto eqalayo ukwehla; silinganiswa nesenkomfa yowe-1997 apho kwamkelwa khona iSivumelwano sase-Kyoto.

Sisakha kwisiseko esiyimpumelelo seNkomfa yaMazwe ngaMazwe ye-17, uMzantsi Afrika uzakuthatha inxaxheba kwiNtlanganiso ye-Rio Plus 20 eBrazil, ephawula isikhumbuzo seshumi seNtlanganiso yeHlabathi yabaphathi bamazwe engoPhuhliso oluZinzileyo.

Somlomo oHloniphekileyo kunye noSihlalo oHloniphekileyo,

Ukugqalisela kwethu kwezemfundo kuza neziphumo.

Sixoliswa kukuba ipesenti yempumelelo kwibanga lematriki ibonakala ikhula. Siyavuyisana nootitshala, abafundi, abazali kunye noluntu ngeenzame zabo.

Siza kuqhubeka sityala imali ekuqeqesheni ootitshala abongezelelweyo abanokufundisa iZibalo, iNzululwazi kunye neelwimi zase-Afrika.

Mathandazwe,

Ikhwelo lethu kootitshala lokuba babe sesikolweni, kumagumbi okufundisa, ngexesha, befundisa ubuncinane iiyure ezisixhenxe lisengundoqo kwimpumelelo. Siyazibulela iimanyano zootitshala ngokuxhasa eli phulo.

Eyona mpumelelo inkulu kukuphindwa kabini kwenani labantwana ababhalisele iBanga R, ukusuka kuma-300 000 ngowama-2003 ukuya kuma-705 000 kowama-2011. Kukhangeleka ngathi singafikelela kwesijolise kuko okuli-100% labantwana ababhalisele iBanga R ngowama-2014.

Ukulwa intlupheko nokungalingani kunye nokugcina abafundi besesikolweni, ngaphezu kwezigidi ezisibhozo zabafundi bahamba isikolo kwizikolo ezingawuhlawulisiyo umrhumo oyimali yesikolo, lo gama abafundi abangaphezu kwezigidi ezisibhozo bafumana umxhesho esikolweni ophuma kurhulumente.

Kunyaka ophelileyo, urhulumente kazwelonke wamisela ungenelelo ngokweCandelo 100 (1) (b) eMpuma Koloni, ukuncedisa iSebe lezeMfundo liphucule ukuziswa kweenkonzo kwezemfundo.

Iingxaki zaziquka ukuhanjiswa kweencwadi, ukungahlawulwa kwemali yokuthutha abafundi basiwe esikolweni, ootitshala abangaphezu kwenani elifunekayo kwisikolo ngasinye kunye nemeko engaginyisi mathe jikelele yokufunda nokufundisa.

Ukuqaliswa kongenelelo kuza kuqhubeka kwaye sisebenzisana kakuhle nephondo kulo mba. Sizimisele ukwenza imeko yezemfundo ibe ngcono eMpuma Koloni. Sihlaba ikhwelo kubo bonke abachaphazelekayo ukuba basebenze kunye nathi ukwenza le nguqu ibe yimpumelelo.

Mathandazwe,

Ngexesha leNdebe yeHlabathi yeBhola eKhatywayo yeFIFA yowama-2010, sagqiba kwelokuba ilifa loMzantsi Afrika libe kukuxhasa ukufikelela kwimfundo kwilizwe lonke.

Ukuhamba isikolo elizweni ngoku kuphantse kwaba li-100% kwabo bakwicandelo elinyanzelekileyo, abaneminyaka esixhenxe ukuya kweli-15 ubudala. Kodwa sisaxhalabile yingxelo yoPhando lwamaKhaya Jikelele yowama-2010 yokuba ngaphezulu nje kwe-120 000 labantwana abakwicandelo elinyanzelekileyo abahambi sikolo okanye abafundi.

Ukuyeka phakathi kwabafundi beBanga leShumi kukhangeleka kuyingxaki, ingakumbi kwimimandla yasemaphandleni nakwiifama zeNtshona Koloni.

URhulumente kazwelonke uza kusebenzisana norhulumente waseNtshona Koloni, ukulandela aba bafundi nokunika inkxaso ukuze bangaphulukani nekamva labo.

Ngokubhekiselele kwiMfundo ePhakamileyo, sidlulile kwesijolise kuko. Phantse babe ngama-14 000 abafundi abathe banikwa amathuba okufunda besebenza kulo nyaka uphelileyo, ize abe ngaphezu kwama-11 000 amagcisa athe agqibezela izifundo zawo zobugcisa.

Siyavuya ukubona ukuthi liyanda inani lolutsha olufunda izakhono kwiKholeji zokwaNdisa iMfundo noQeqesho.

Siyanicela bazali ukuthi nikhuthaze abantwana bafunde kwezi kholeji. Akufanele ukuba sicinge ukuthi imisebenzi ifundelwa eyunivesithi kuphela.

Siyazifuna izakhono ezifumaneka kwezi kholeji.

Ukwandisa ukufikelela kwimfundo ephakamileyo njengoko sathi sabhengeza kunyaka ophelileyo, izigidi ezingama-R200 zasetyenziswa ukunceda abafundi abangama-25 000 ukuhlawula onke amatyala abo kumaziko emfundo ephakamileyo.

Mathandazwe nabahlobo,

Siyavuyisana necandelo lezempilo kwakunye neBhunga likaZwelonke likaGawulayo loMzantsi Afrika elikhokelwa nguSekela Mongameli weRiphabliki ngempumelelo yabo kwinkqubo yeNtsholongwane kaGawulayo noGawulayo.

Lo gama sisenza kakuhle mayela nonyango kunye nokuthintela ukosuleleka kwabantwana besosulelwa ngoonina, iinzame jikelele zothintelo kufuneka ziqhubele phambili ngesantya esiphezulu.

Sikhuthaza abemi baseMzantsi Afrika ukuba baphile ubomi obusempilweni ukunciphisa ifuthe lezifo zemfuzo ezifana neswekile, isifo sentliziyo kunye noxinzelelo lwegazi.

Mathandazwe nabahlobo,

Unyaka owama-2013 uza kuphawula ikhulu leminyaka loMthetho woMhlaba waBantu abaMnyama owama-1913, owathi wathatha ama-87% zomhlaba kubantu abamnyama.

UMgaqo-siseko ufuna ukuba uMbuso uqonde amalungelo okubuyiselwa komhlaba kwabo bawohluthwayo njengesiphumo somthetho wonyaka we-1913.

Sibuyisele kuphela umhlaba ozi pesenti ezisibhozo kwezingama-30% ebesijolise kuzo ngowama-2014. Le nkqubo iyacotha kwaye iyadinisa. Kukwakho nokuvumelana ngamxhelomnye ukuba inkqubo yomthengi-nomthengisi ozithandelayo ayikhange ibe yeyona ndlela ifanelekileyo yokushukuxa lo mba.

Yiyo loo nto siye sazisa inkqubo sikhokelo yomgaqo-nkqubo omtsha, iPhepha loGayo-zimvo ngoHlengahlengiso loMhlaba.

Sikhuthaza uluntu ukuba luthathe inxaxheba kule nkqubo yokuphucula ukubuyiselwa nohlengahlengiso lomhlaba ukubuyisa umva ifuthe loMthetho we-1913.

Somlomo oHloniphekileyo,
Sihlalo oHloniphekileyo,
Mathandazwe,

Kwinguqu yezoqoqosho, siyawuhlomela uMthetho wokuXhobisa ngezoQoqosho kwabaMnyama ngokuBanzi. Ezi zihlomelo phakathi kwezinye izinto, ziseka iKomishoni eya kujongana nokungathobeli umthetho nokuthintelwa.

Lo mthetho usacetywayo uya kukwenza ulwaphulo-mthetho ukusebenzisa igama lomntu njengonezabelo kwishishini kanti oko akuyonyaniso kunye nezinye iintlobo zokuxhotyiswa okunganyanisekanga.

Ngokuphathelele kwimiba yokukhubazeka, siyalele onke amasebe karhulumente aqinisekise ukuba siyafikelela kokujoliswe kuko esathi sakumisela kwiminyaka embalwa edlulileyo yokuba sibe neepesenti ezimbini zabantu abakhubazekileyo abaqeshwe kumaSebe kaRhulumente.

Sisekwazama ukuqulunqa uMthetho osaYilwayo wokuXhobisa abaseTyhini nokuLingana ngokweSini, ukuxhasa ukuthotyelwa komthetho ngurhulumente necandelo loshishino lwabucala kunye nokubonelela ngokungaxhaswa kwiimeko zokungawuthobeli umthetho.

Kwesi sithuba, iNkqubo ye-Nedlac ngeeNtlobo zeNgqesho eziNgaqhelekanga kunye nabaThengisi boMsebenzi igqityiwe.

URhulumente ufuna ukuphelisa zonke iintlobo zokuxhatshazwa ezihamba nokuthengiswa kwemisebenzi, ukuze omeleze ukukhuselwa kwabasebenzi abasesichengeni. Siyathemba ukuba siya kuzifumana iingongoma esiya kuthi sivumelane ngazo kulo mba kulo nyaka.

Mathandazwe,

Ngowama-2009 sazinikela ekukhawuleziseni ukulwa ulwaphulo-mthetho kunye norhwaphilizo.

Iinkcukachamanani zolwaphulo-mthetho zonyaka wama-2010/11 zibonisa ukuba ulwaphulo-mthetho olumandundu oluziswe ngaphambili xa kuthelekiswa nonyaka ophelileyo luye lwehla ngeepesenti ezintlanu kwilizwe lethu.

Nangona kunjalo, asiyi konwaba. Siyaqhubeka ukuqalisa ngeenkqubo zethu zokwenza abemi baseMzantsi Afrika bazive bekhululekile kwaye bekhuselekile.

Sisaqhubeka ukuphucula ukusebenza kombuso ngeendlela eziliqela, kuquka ukulwa norhwaphilizo.

IQela eliSebenzayo le-Arhente ePhindiweyo yokubonelela ngeenkonzo nokunikezela ngemisebenzi elikhokelwa ziiNkonzo zeRhafu zaseMzantsi Afrika kunye neZiko lezobuNtlola kwezeziMali liphonononga yonke inkqubo yokubonelela ngeenkonzo nokunikezela ngemisebenzi kombuso ukuqinisekisa ukuba kuthengwa izinto zexabiso ngemali eyinkcitho yombuso.

Amalinge aquka ukuvavanyelwa ubumfihlo nokunyaniseka kwabasebenzi abakwicandelo lokuthenga nokubonelela ngeenkonzo nokunikezela ngemisebenzi kumasebe karhulumente.

Ukuphucula ukhuseleko, iSebe leMicimbi yezeKhaya, lityikitye iSivumelwano sokuQonda kunye neebhanki, ukuqalisa ngenkqubo yokuqinisekisa ubuqu ngokubeka umnwe kwikhompyutha kuzo zonke iibhanki ezithatha inxaxheba, ukunceda ukuthintela nokufumanisa ubuqhetseba.

Mathandazwe nabahlobo,

Sisebenzisana namaphondo aliqela ukuphucula ukusebenza kukarhulumente, iinkqubo zakhe kunye nolawulo.

Oku kuquka iphondo laseGauteng ekufuneka liphucule ukuziswa kweenkonzo zezempilo, iFreyistata iphucule iindlela nezothutho kunye neLimpopo iphucule ulawulo lwezimali kumasebe amahlanu, aquka noNondyebo wePhondo.

Siyakwamkela ukusungulwa kweLiso loRhwaphilizo yi-Cosatu, kwakunye nesivumelwano phakathi kukarhulumente necandelo loshishino sokuqalisa ngeenkqubo zokulwa urhwaphilizo.

Oku kungenelela kuya kukhuthaza umsebenzi karhulumente wokuthibaza urhwaphilizo.

Mathandazwe nabahlobo,

Njengenxalenye yokuxhasa umanyano kwezentlalo, kulo nyaka siza kuzimisela ukuqhubeka neeprojekthi ezininzi zamagugu esizwe.

Iimuziyamu kunye namaziko aza kutyhilwa aza kuquka imuziyamu yoGqogqo lwaseMatola eMaputo, imuziyamu yakwaNcome KwaZulu Natal, isigaba sesibini se-Freedom Park kunye neziko lamagugu i-Steve Biko eGinsberg eQonce.

Sibeke kwindawo ephambili amakhaya kunye namangcwaba abo babesakuba ngooMongameli be-ANC kunye namanye amaqhawe esizwe aquka uThomas Maphikela, Lillian Ngoyi, Walter no-Albertina Sisulu, Griffiths no-Victoria Mxenge, Robert Sobukwe nabanye.

Iindawo zesikhumbuzo eziza kubekwa endaweni ephambili ziquka eyoVukelo-mbuso yamaMpondo, iimfazwe ze-Frontier, uvukelo-mbuso ngabasetyhini base-Afrika eFreyistata ngowe-1913, uvukelo-mbuso olwaluchasene nokuphathwa kwamapasi ngabasetyhini eZeerust ngowe-1957, iZiko loLuntu i-Rocklands eMitchells Plein apho umbutho i-United Democratic Front wasekwa khona kunye nesiKhumbuzo sokuBulawa kwabaSixhenxe eGugulethu eKapa.

Sikwinkqubo yokuthenga nokuvuselela indlu kaWinnie Mandela eseBrandfort, indlu kaGqr. Moroka eseThaba Nchu kunye nendlu kaBram Fischer eseWestdene.

Ezinye iiprojekthi ezongezelelweyo ziquka ukusungulwa kweDube Tradeport kunye nokutyhilwa komqingqwa kaJohn Dube kwisiKhululo seeNqwelomoya samazwe ngamazwe iKing Shaka kule nyanga izayo kunye nokuthiywa ngokutsha kwendawo ehlala uMongameli eseThekwini ngoGqr. Dube.

INdlu yeeNdwendwe zikaMongameli esePitoli iza kuthiywa ngoMnu Sefako Makgatho ize iNdlu yeeNdwendwe zoZakuzo esePitoli ithiywe ngonozakuzaku, uMnu Johnny Makathini.

URhulumente uza kuthi thaca uMthetho osaYilwayo weMicimbi yeMveli yeSizwe oya kubonelela ngokunakanwa koluntu lwama-Khoi San, ubunkokeli babo kunye nentlalo yawo.

Kubalulekile ukukhumbula ukuba uluntu lwama-Khoi San ngabona bantu baphathwa gadalala ngokugqithisileyo ngamakoloniyali awayezama ukubatshabalalisa nya nokujongela phantsi ulwimi lwabo nobuqu babo. Namhlanje, njengoMzantsi Afrika okhululekileyo nowentando yesininzi, asinakho ukukubethisa ngoyaba ukulungisa okungalunganga okwenzeka kwixesha eladlulayo.

Lo mba ndiwuxoxe ngokubanzi noluntu lwama-Khoi San xa ndandihlangene nawo eKapa kunyaka ophelileyo kwaye savumelana ngentsebenziswano ukulungisa ukuphathwa ngendlela engenabulungisa kwixesha eladlulayo.

Mathandazwe,

Kulo nyaka uzayo wama-2013, isihlalo sikarhulumente, iZakhiwo zoMdibanisoziza kubhiyozela iminyaka elikhulu zakhiwe kwaye izicwangciso zokubhiyozela eso sikhumbuzo seminyaka elikhulu ziza kuqala kulo nyaka.

Bemi baseMzantsi Afrika,

Kufuneka senze ngcono kwezemidlalo kulo nyaka. Owezemidlalo osemagqabini, u-Oscar Pistorius, useke umgangatho ophezulu kwezemidlalo kulo nyaka ngokuphumelela iMbasa ye-Laureus yowama-2012 yokuba ngoyena Mdlali oKhubazekileyo woNyaka obalaseleyo. Siyavuyisana naye ngale mpumelelo.

Sikwavuyisana neqela labasetyhini lebhola ekhatywayo iBanyana Banyana ngokuthi lifikelele kwimidlalo yee-Olimpiki yaseLondon okokuqala. Xa sibaxhasa sonke, baya kudlala kakuhle.

Sithiwe jize ngembeko neqhayiya lokusindleka iNdebe yeZizwe zase-Afrika kulo nyaka uzayo; sithatha indawo yeLibya kuba elo lizwe lingakwazi ukusindleka olu khuphiswano.

Mathandazwe,

Ndivumeleni ndisebenzise eli thuba lokuvuyisana ngemincili neminqweno emihle noMama uRebecca Kotane, umfazi wowayesakuba ngunondyebo jikelele we-ANC, uMoses Kotane, kunye nonobhala jikelele we-SACP, oza kugqiba iminyaka eli-100 yobudala ngeCawa umhla we-12 kweyoMdumba.

Amadodana aseWesile, nawo aza kubhiyozela iminyaka eli-100 kulo nyaka.

Abanye ababhiyozela iminyaka eli-100 ngoOmama Besililo baseRhabe.

Bonke sibanqwenelela imibhiyozo enempumelelo.

Mathandazwe,

Sizizobele inkqubo yokuqalisa izakhiwo eziluncedo kuluntu exakekileyo ukusuka ngoku kude kube ngowama-2014 nangaphaya.

Ndicela bonke abantu bethu babambane ngezandla njengokuba besoloko besenza, njengokuba sijongene kwaye sisebenza ngokugqibeleleyo nemicelimngeni emithathu, intswelangqesho, intlupheko kunye nokungalingani. Akukho bani oya kuthi akwenze oku ekwenzela thina, konke kusezandleni zethu. Kwaye sisonke siwulungele loo msebenzi.

Njengokuba siza kubuyela emsebenzini ngomso, masiwenze abe ngawethu amazwi kaMongameli owaseka uMbutho wamaNina we-ANC uCharlotte Maxeke owathi kwiNtetho yakhe njengoMongameli kwiBhunga likaZwelonke labaseTyhini base-Afrika:

?Lo msebenzi asingowenu ? wubulaleni laa moya wesiqu, kwaye musani ukuphila kumgangatho ongaphezu kwabantu benu, kodwa philani kunye nabo. Ukuba uyakwazi ukunyuka ngokomgangatho, nyuka kunye nomnye umntu?.

Ndiyabulela.

Issued by: The Presidency

Additional Formats

 

Share this page

Similar categories to explore