INtetho kaMongameli engoBume beSizwe ngoBekekileyo uMongameli weRiphabliki yoMzantsi Afrika u-JG Zuma, INdibanisela yeziNdlu zePalamente, eKapa

11 Feb 2010

SoMlomo oHloniphekileyo;
Sihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo;
Sekela Somlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe kunye noSekela Sihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo;
Sekela Mongameli weRiphabliki, oHloniphekileyo uKgalema Motlanthe;
kweHloniphekileyo iJaji eyiNtloko yeRiphabliki yoMzantsi Afrika, nakuwo onke amalungu axabisekileyo eCandelo leeNkundla;
Isithwalandwe uMongameli uNelson Rolihlahla Mandela;
Owayesakuba nguMongameli u-FW de Klerk;
uBawo wethu, Owayesakuba nguMongameli waseZambia uKenneth Kaunda;
Kwababesakuba ngooSekela Mongameli;
iiNkulumbuso eziBekekileyo kunye nooSomlomo bamaPhondo wethu;
uSihlalo weBhunga looMasipala baseMzantsi Afrika kunye nazo zonke iinkokheli zoorhulumente basekhaya;
uSihlalo weNdlu yeeNkokheli zeMveli yeSizwe;
KwiiNtloko zamaZiko kaRhulumente axhasa intando yesininzi;
KwiRhuluneli yeBhanka enguVimba;
Kwiindwendwe ezikhethekileyo zezizwe ngezizwe, ingakumbi uSihlalo weKhomishini yeManyano yamaZwe ase-Afrika, uMnu Jean Ping;
Ababesakuba ngamabanjwa opolitiko neenkonde;
Kumalungu eenkonzo zozakuzo;
Koonondaba baseMzantsi Afrika nabamazwe angaphandle;
Bemi boMzantsi Afrika;
Dumelang, molweni, goeie naand, good evening, sanibonani nonke emakhaya!
Siyavuya ukuba nani ngobubusuku bubaluleke kangaka.

SoMlomo oHloniphekileyo,

Ndimi phambi kwakho ngobu busuku, sekuyiminyaka ingama-20 ukususela mhla uMongameli Nelson Rolihlahla Mandela waphumayo eluvalelweni. Sikhethe olu suku njengosuku lokubiza leNdibanisela yeziNdlu zePalamente ukuze ndinikezele ngeNtetho kaMongameli engoBume beSizwe, ukubhiyozela imbali eyaguqula ilizwe lethu.

Ukukhululwa kukaMadiba kwabangelwa yimizabalazo engahexiyo yabantu baseMzantsi Afrika. Ababesakuba ngamabanjwa opolitiko neenkonde ezikunye nathi apha bayibona loo nto kuba nabo babeyinxalenye yaloo nkqubo. Ngokuqinisekileyo uya kukhumbula ukuba abantu beli lizwe ngokobuninzi babo, kwiindibanisela ezahluka hlukeneyo, balisabela ngokuzinikela ikhwelo lokwenza eli lizwe ukuba lingalawuleki nocalu-calulo lungasebenzi.

Olu suku silubhiyozela sikunye nabo babesakuba ngamabanjwa opolitiko nesithe sabamema ngokukodwa ukuba babe kunye nathi. Sibamkela ngokukodwa abo basuka kumazwe angaphesheya ukuze babe kunye nathi, uHelene Pastoors, uMichael Dingake baseBotswana, uMnu Andimba Toivo ya Toivo weSwapo eNamibia. Sinovuyo ukuba iqela lezomthetho kwityala lokuNgcatsha uMbuso laseRivonia libe likunye nathi ? uLord Joffe, ongumhlali waseLondon sithethe nje kunye noJaji Arthur Chaskalson.

Sikwakhumbula simnika nembeko uMnu Harry Schwarz, nothe ngelishwa wasweleka kule veki iphelileyo. Phakathi kwezinye izinto, ebelilungu leqela elimele abamangalelwa kwityala laseRivonia. Sidlulisa umbulelo wethu kubahlobo bethu namaqabane wamazwe ngamazwe, ngokuthi bancedisane nathi ngamaxesha onke xa besilwela ukuzuza inkululeko yethu.

Samkela ngokukodwa usapho lakwaMandela. Bathe baba luphawu lokuzenza idini kwabaninzi abathi babulaleka phantsi kwengqumbo yocalucalulo.

Sibulisa iinkokheli zeqela elilawulayo kunye nembumba yaMahlakani yalo, ekungumsitho owodwa kubo lo.

Bantu bakuthi nabahlobo,

Ngale mini ikhethekileyo, kufuneka siqaphele negalelo labo babe kubunkokheli be-Nationa Party, nabathe ekugqibeleni babona ukuthi ucalucalulo alunakamva. Ndivumeleni ndithethe ngendima eyadlalwa ngowayesakuba nguMongameli u-PW Botha.

Yaba nguye owavula iingxoxo ezimalunga nokukhululwa kwamabanjwa opolitiko. UMongameli uBotha ngokusebenzisana nowayesakuba nguMphathiswa wezobuLungisa, uMnu Kobie Coetzee, nothe yena wancediswa nguGqirha Neil Barnard noMnu Mike Louw. Badlala indima ebalulekileyo kwinkqubo eyakhokelela ekukhululweni kukaMadiba.

MaLungu aHloniphekileyo,

UMzantsi Afrika kufanele kwakhona uqaphele ngokupheleleyo, indima ebalulekileyo eyadlalwa ngowayesakuba nguMongameli we-ANC, uQabane Oliver Tambo, nowathi wakhela eli lizwe isisekelo sokuba ngumzekelo oqaqambileyo wenkululeko nentando yesininzi. Yaba bubunkokheli bakhe obuqaqambileyo, ukubona into isekude, nombono ocacileyo okwakhokelela ukuba i-ANC iqinise ekutyhaleleni kwisivumelwano ekubonisweneyo ngaso.

Ubulumko bakhe baphinda babonakaliswa kwisiBhambathiso saseHarare, awathi wasibhala wanguvulindlela waso kananjalo. Yaba koku okwathi kwakha isisekelo sesibhengezo esaba yimbali esenziwa nguMongameli u-FW de Klerk, kwiminyaka engama-20 eyadlulayo.

Koku, uMongameli de Klerk wabonakalisa ukuba nesibindi okukhulu nobunkokheli obungahexiyo. Ngale mini ibalulekileyo, mandiqaphele kwakhona indima eyadlalwa ngongasekhoyo uNkosk. Helen Suzman.
Ixesha elide, waba lilizwi elinkenteza lodwa ePalamente, elimemeza ngotshintsho. Sikwaqaphela nendima eyadlalwa yinkokheli ye-Inkatha Freedom Party, uNkosi Mangosuthu Buthelezi, nowathi naye wamemezela ukukhululwa kukaMadiba, kwakunye nokukhululwa kwamanye amabanjwa opolitiko nokubuya kwabo babeselubhacweni.

Siphinda kwakhona umbulelo wethu osuka emazantsi entliziyo kwabezizwe ngezizwe ngenkxaso yabo engagungqiyo ekuxhaseni umzabalazo wethu. La mathuba kwimbali yethu abonakalisa amandla wethu okumanyana, nkqu nangaphezu kwazo naziphi na iimeko ezinzima, nokubeka phambili iimfuno zesizwe ngaphezu kwazo naziphi na ezinye iimfuno.

Xa sisebenzisana singenza ngcono.

MaLungu aHloniphekileyo,

Apha ekuhambeni konyaka, siza kubhiyozela ukusekwa kweManyano yoMzantsi Afrika, neyasekwa ngowe-1910. Oku kwadala umbuso olawulwa liqela elinye kungekho qela liphikisayo. Ngokuqaphelekayo, ukushiyelwa ngaphandle kwabantu abamnyama kule Manyano kwaba sesinye sezizathu eziyintloko zokusekwa kwe-African National Congress ngowe-1912. Xa siphawula lo mbhiyozo apha ekuhambeni konyaka, kufanele sibonakalise ukuba sesihambe kangakanani na njengesizwe.

MaLungu aHloniphekileyo,

Sikhumbula amazwi kaMadiba ekukhululweni kwakhe, xa wayesithi ndiyacaphula:

?Ndimi phambi kwenu, hayi njengomprofeti kodwa njengesicaka senu bantu, esizithobileyo. Ukuzenza kwenu idini ngokungadinwayo nokobuqhawe kuko okwenze ukuba ndibe nakho ukuba lapha namhlanje. Ngoko ke iminyaka esaseleyo kubomi bam, ndiyi nikezela esandleni senu?.

La mazwi ayasivuselela ukuba singaphumli side sibe siyiphumezile iminqweno nenkolelo yoluntu olukhululekileyo kwindlala nasekusweleni. Kule minyaka ingamashumi amabini ukususela ekukhululweni kukaMadiba, ilizwe lethu litshintshe ngokuncamisayo. UMongameli Mandela walimanyanisa eli lizwe phantsi kweenjongo zoMzantsi Afrika ongenacalucalulo ngokwesini, ngokobuhlanga, wentando yesininzi nohlumayo.

Njengoko sibhiyozela ukukhululwa kukaMadiba namhlanje, masiphinde sizibophelele ekwakheni ingomso eliqaqambileyo labo bonke abantu baseMzantsi Afrika, abamnyama nabamhlophe.

Masiqhubele phambili umnqweno nenkolelo uMadiba ebehlala eyilwela ubomi bakhe bonke ? umnqweno wesizwe sentando yesininzi nesikhululekileyo, apho bonke abantu bahlalisana ngokuvana namathuba alinganayo.

MaLungu aHloniphekileyo,

Sibize le ndibanisela ebusuku ukuze uninzi lwabantu kwilizwe lethu, abasebenzi nabantwana besikolo, bakwazi ukuba yinxalenye yalo msitho. Siyithandile indlela ulutsha olubonakalise ngayo umdla ngokumalunga nalo msitho.

Ngamakhulu mabini anamashumi mathandathu anesithandathu abantwana abavela kuwo onke amaphondo abathe bathatha inxaxheba kwingxoxo-mpikiswano yangaphambi-kweNtetho engoBume beSizwe malunga nendima yolutsha kumlo wokulwa nendlala.

Siyavuyisana nophumelele phambili kubo bonke, uCharlotte Le Fleur weSikolo seSekondari saseWorcester, nabo bonke abathathi-nxaxheba ngomsebenzi wabo omkhulu.

Bantu bakuthi nabahlobo,

Sidibana sizoku lwisana nentlekele yokubuyela umva koqoqosho lwehlabathi. Kulo nyaka uphelileyo, sifumene ukudodobala koqoqosho okokuqala kwiminyaka eli-17. Le ntlekele ibangele ukuba kuqoqosho lwethu siphulukane namathuba omsebenzi engama-900 000. Uninzi lwabo baphulukene nemisebenzi ngabantu ekuxhonyekekwe kubo kwiintsapho ezihluphekileyo.

KweyoMdumba kulo nyaka uphelileyo, urhulumente, abezoshishino, abasebenzi nabameli boluntu bavumelana ngamanyathelo anokuthatyathwa ukunciphisa izinga nempembelelo yale ntlekele. Sesisebenzise amaninzi kula manyathelo. Siphumeze amanyathelo abalulekileyo okulwana nokudodobala koqoqosho kwinkcitho karhulumente, ingakumbi kwiziseko zoncedo.

Ukuqiniseka ukuba ababetheki kakhulu, senyuse inkxaso-mali yezentlalo, saza sayandisa iminyaka yabantwana abafumana iNkxaso-mali yaBantwana yayakutsho kwiminyaka engaphezulu kwe-14. Kule minyaka mithathu izayo, abantwana abongezelelweyo abazizigidi ezibini abavela kwiintsapho nemizi ehlwempuzekileyo, ababudala buli-15 ukuya kwi-18 leminyaka, bayakuxhamla kwiNkxaso-mali yaBantwana.

IQumrhu loPhuhliso lwamaShishini ibekele bucala imali ezibhiliyoni ezi-6 ukuncedana neenkampani ezisokolayo. URhulumente uvelise ?isikimu seenkqubo zoqeqesho? ukunika abasebenzi ixesha lokuba bafumane uqeqesho kunokuba badendwe. La malinge omelezwe yiNkqubo yeMisebenzi yoLuntu yethu.

Isizwe siyakukhumbula ukuba kwiNtetho kaMongameli engoBume beSizwe yowama-2009, ndabhengeza ukuba iNkqubo yeMisebenzi yoLuntu eNatyisiweyo iza kudala amathuba emisebenzi engama-500 000 kweyoMnga 2009. La ngamathuba emisebenzi adalelwe ukubonelela abantu abangaphangeliyo ngomvuzo, amava omsebenzi namathuba oqeqesho.

MaLungu aHloniphekileyo,

Bemi boMzantsi Afrika, sinovuyo ukunazisa ukuba ekupheleni kweyoMnga, besesidale amathuba emisebenzi yoluntu engaphezulu kwama-480 000, into ethetha ukuthi ngama-97% yenani ebesijolise kulo. Le yimisebenzi efana neyokwakha, unakekelo lwezempilo lwasekhaya nolwasekuhlaleni, neeprojekti zokusingqongileyo. Sityumbe imimandla ethile efuna ukuphuculwa, esiza kuyisebenzisa ukuya phambili, kuquka nokuqinisekisa ngeeprojekti ezijolise kakhulu ekusekweni kwemisebenzi.

Siyayazi ukuba oku namanye amanyathelo akusoze kuyinciphise ngokupheleleyo impembelelo yokudodobala koqoqosho. Siyawubulela umoya weentsapho, wobuhlali nomsebenzi wamavolontiya ovuselela abantu abaninizi ukuba bancede abo bachatshazelwe kakhulu yile ntlekele, ngala maxesha obunzima.

MaLungu aHloniphekileyo,

Iimpawu zoqoqosho zibonisa ukuba ngoku sesidlulile kwelona xesha linzima. Uqoqosho luyakhula eMzantsi Afrika, kwaye silindele ukukhula koqoqosho okuya phambili. Iinkcukacha-manani zezemisebenzi ezikhutshwe ngoLwesibini, zibonakalisa ukuba uqoqosho ludala amathuba emisebenzi kunokuba luyivale. Kodwa ke, kuse kutsha noko, ukuba singaqiniseka ngezinga lokuphucuka. Ngoko ke, uRhulumente akakazukuyirhoxisa inkxaso yakhe. Ngoku lixesha lokuba sakhe isiseko sokukhula koqoqosho olomeleleyo ukuya phambili, nokukhula okuvelisa amathuba emisebenzi eyongezelelweyo.

Inkqubo yethu yeziseko zoncedo yexesha elide iza kusinceda sikhule ngoku khawuleza.Iinkqubo zethu zezemfundo nezakhono ziza kwandisa ukuvelisa kwethu nokukhuphisana. IsiCwangciso sokuSebenza koMgaqo-nkqubo wezoShishino wethu nengqwalasela yethu entsha kwimisebenzi efanelekileyo ngokusingqongileyo, siyakwakha ushishino olomelele ngokuthe chatha noluqesha abantu abaninzi. Inkqubo yethu yophuhliso lwamaphandle iya kuphucula imveliso yasemaphandleni, kwakunye nobomi babantu abahlala emaphandleni. Isiseko sesicwangciso-qhinga sethu sokubuyisela uqoqosho nokukhula, inkqubo yethu yotyalo-mali lwemali eyinkunzi.

Kule minyaka mithathu izayo, urhulumente uza kuchitha ama-R846 eebhiliyoni kwiziseko zoncedo zoluntu. Kwezothutho, siza kulolonga sandise uthungelwano lwethu leendlela. Siza kuqinisekisa ukuba uthungelwano lwethu lomzila kaloliwe luthembakele, luyakhuphisana kwaye ludityaniswe ngendlela engcono namazibuko wethu.

Ukuqinisekisa unikezelo mbane oluthembakeleyo, siye saseka iKomiti yabaPhathiswa kwezaMandla, ukuze baphuhlise isicwangciso semithombo esidibeneyo seminyaka engama-20.

Phakathi kwezinye izinto, oku kuya kujonga ekuthatheni inxaxheba kwabavelisi bombane abazimeleyo, nokukhusela abantu abahluphekileyo kumaxabiso ombane onyukayo. Siza kuseka ulawulo lwenkqubo ezimeleyo, eyahlukileyo ku-Eskom Holdings. U-Eskom uza kuqhubekeka ukwakha amandla okuvelisa aze aphucule indlela yokulolonga izikhululo zakhe. Ukuqinisekisa ukukhuthaza uqoqosho oluquka wonke umntu, ukuncedisa nokuphuhlisa, siye saseka iBhunga lokuCebisa lokuXhotyiswa kwaBamnyama ngokuBanzi kwezoQoqosho, usihlalo walo nguMongameli.

Eyona ngqwalasela intsha ingxamisekileyo lutshintsho lomgaqo-nkqubo ekufuneka ibe ngamangenelelo okudala amathuba emisebenzi yabantu abatsha. Izinga lokungaphangeli kwabantu abatsha lingaphezu kokuqonda. Kuza kwenziwa iziphakamiso zokuncedisa kwiindleko zokuqeshwa kwabasebenzi abasebatsha, ukukhuthaza iifemu ukuba ziqeshe abasebenzi abangenamava. Okunye ukwandiswa kwenkqubo yemisebenzi yoluntu nako kusendleleni.

Oku kuquka iziseko zoncedo zasekhaya neeprojekti zamaziko emfundo ephakamileyo neeprojekti zezakhono zokufunda nokubhala, unakekelo lwezempilo lasekhaya, ukunakekelwa kwezikolo namaphulo okuPhuhliswa kwabaNtwana abasaKhulayo.

Kulo nyaka uphelileyo siseke i-Arhente yoPhuhliso loLutsha yeSizwe.
Siyalele ukuba le arhente mayisebenze ngokukhawuleza ukuseka iziseko zayo, elizweni jikelele, ukuze ibe nokuncedisa ukufaka iinkqubo zophuhliso lolutsha eburhulumenteni.

MaLungu aHloniphekileyo,

Ekungeneni kolu lawulo kulo nyaka uphelileyo, saqalisa ukusebenza ngamandla ukwakha isizwe esiphuhlayo.
Sathi iya kuba sisizwe esihoyana neemfuno neminqweno yabantu, esisebenza ngcono nangokukhawuleza. Lo nyaka, wama-2010, uza kuba ngunyaka wokuba kusetyenzwe. Olona phawu lubalulekileyo kolu lawulo iza kuba kukuba luyabazi abantu ukuba bahlala phi na, luyaziqonda iimfuno zabo kwaye lusabela ngokukhawuleza. URhulumente kufuneka asebenze ngokukhawuleza, ngamandla nangcono.

Siza kulindela ukuba iiNkonzo zesiGqeba nezoLuntu ukuba ziwuthobele lo mbono. Sakha isizwe esisekelezelwe ekwenziweni komsebenzi, ngokuphucula ucwangciso kwakunye nohlolo novavanyo lomsebenzi.

Sikwafuna ukuquka amanyathelo okulingana ngokwesini kwiNkqubo yoMsebenzi kaRhulumente. La manyathelo ayakuqinisekisa ukuba abantu ababhinqileyo, abantwana nabantu abakhubazekileyo bayakwazi ukufikelela kumathuba ophuhliso. Sinovuyo ukwazisa ngendlela entsha yokusebenza kurhulumente.

Imisebenzi yamasebe iya kulinganiswa ngemiphumela, ephuhliswe ngenkqubo yethu yohlolo novavanyo lomsebenzi. Abaphathiswa abajongene nemiphumela ethile, baya kutyikitya isivumelwano sokwenziwa komsebenzi esicwangcisiweyo kuMongameli. Siza kucacisa ukuba yintoni ekufanele yenziwe, njani, ngubani, phakathi kwexesha elingakanani na kwaye kusetyenziswa wuphi umlinganiselo nayiphi imithombo.

Njengoko nisazi, sizibophelele kwiindawo zantlanu eziphambili emakuqalwe ngazo: ezemfundo, ezempilo, uphuhliso lwamaphandle novuselelo lomhlaba, ukudala umsebenzi ofanelekileyo, nokulwa ulwaphulo-mthetho. Ukongeza, siza kusebenzela ukuphucula ukusebenza koorhulumente basekhaya, uphuhliso lweziseko zoncedo neendawo zokuhlala koluntu. Siza kwenza imisebenzi emininzi engundoqo ukujolisa ekuphumezeni le miphumela.

Ingqwalasela yethu enkulu siyibeke kwezemfundo nasekuphuhlisweni kwezakhono kwimigaqo-nkqubo yalo rhulumente. Kwinkqubo yethu yama-2010, sifuna ukuphucula amandla abantwana bethu okufunda, ukubhala nokubala kwakwiminyaka yabo yokuqala.

Asisokuze siwuphucule umgangatho wemfundo, ngaphandle kokuba senze oku. Iinjongo zethu eziphambili kwezemfundo zilula kodwa zibalulekile. Sifuna ukuba abafundi kunye nootitshala babe sesikolweni, emagumbini okufundela, ngexesha, bafunde kwaye bafundise iiyure ezisixhenxe ngosuku.

Siza kuncedisa ootitshala ngokubabonelela ngezicwangciso zemihla ngemihla zezifundo ezineenkcukacha. Abafundi, siyakuba bonelela ngeencwadi zokusebenzela ekulula ukuzisebenzisa ezifumaneka ngeelwimi ezili-11.
Ukusukela kulo nyaka ukuya phambili, bonke abafundi bebanga le-3, le-6 nele-9 baya kubhala uvavanyo lokufunda nokubhala nolwezibalo oluphononongwe ngokuzimeleyo. Sizimisele ukwandisa izinga lempumelelo kolu vavanyo lisuke kwizinga lomlinganiso ophakathi wangoku ophakathi kwama-35 nama-40% ukuya kuma-60% ngowama-2014 ubuncinane.

Iziphumo ziya kuthunyelwa kubazali ukuze bakwazi ukubona inkqubela.

Ukongeza apho, isikolo ngasinye kwizikolo zethu ezingama-27 000 ziya kuhlolwa ngamagosa eSebe leMfundo esisiSeko. Oku kuya kushicelelwa kwingxelo ebhaliweyo ezakuphicothwa. Sizimisele ukulandisa inani labafundi bematriki abalungele ukungena eyunivesithi liyokuma kwi-175 000 ngonyaka ngowama-2014. Sicela abazali ukuba basebenzisane kunye nathi ekwenzeni oku kube yimpumelelo. Siyayamkela intetho eyenziwe yimibutho yootitshala, i-NAPTOSA, SADTU ne-SAOU, xa bengqina ukuzibophelela kwabo kwiPhulo lokuFunda nokuFundisa okuseMgangathweni ukususela ekuqaleni kowama-2010.

MaLungu aHloniphekileyo,

Kufanele sidale ihlumelo kulutsha lwethu ukuqinisekisa abasebenzi abanezakhono nabakwaziyo ukusebenza ukuxhasa ukukhula nokudalwa kwamathuba emisebenzi. Ngako oko siceba ukwandisa uqeqesho lwababudala buphakathi kwe-16 ? 25 kumaziko okwandisa imfundo noqeqesho. Oku kuza kusivumela ukuba sinike abo bangakulungelanga ukungena eyunivesiti ngokwemfundo, ithuba lesibini kwimfundo.

Sisebenzisana namaziko emfundo ephakamileyo ukuqinisekisa ukuba abafundi abafanelekileyo bafumana uncedo lwemali, ngeSikimu soNcedo lwezeZimali lwabaFundi seSizwe.

Kwakhona sizibekele ngebhongo iinjongo eziphambili zophuhliso lwezakhono, ukuvelisa iinjineli namagcisa ongezelelweyo, nokwandisa inani lootitshala abalungele ukufundisa iziBalo neNzululwazi. Kufuneka sandise inani lolutsha olungenela uqeqesho emisebenzini kumacandelo abucala nawakarhulumente.

Omnye umphumela ongundoqo kukuqinisekisa ubomi obude nobusempilweni kubo bonke aBemi boMzantsi Afrika. Siza kuqhubekeka ukuphucula inkqubo yethu yonakekelo lwezempilo. Oku kuquka ukwakhiwa nokuphuculwa kwezibhedlele neekliniki, nokuqhubekeka ukuphucula iimeko abasebenza phantsi kwazo abasebenzi bonakekelo lwezempilo. Sizidibanise neBhanki yoPhuhliso yaseMazantsi e-Afrika ukuphucula iindlela ezisebenza ngayo izibhedlele zikarhulumente kunye nee-ofisi zazo zesithili. Kwakhona sikwasebenzisana neBhanki yoPhuhliso yaseMazantsi e-Afrika kunye neQumrhu loPhuhliso lwamaShishini, kwinkqubo yobehlulelani bukarhulumente nabezoshishino labucala ukuphucula izibhedlele nokubonelela iiprojekthi ngemali.

MaLungu aHloniphekileyo,

Kufuneka sihoyane nento yokuba ukuba ubomi obuphilwayo ukusukela ekuzalweni komntu, kwehlile ukusuka kwiminyaka engama-60 ngowe-1994 kwayo kutsho njengaphantsi kwama-50 eminyaka namhlanje. Ngoko ke senza amangenelela okunciphisa izinga lokubhubha kwabantwana abazalwayo, ukunciphisa usuleleko olutsha lweNtsholongwane kaGawulayo kwakunye nokunyanga ngokuvakalayo iNtsholongwane kaGawulayo nesifo sephepha. Kwakhona siza kunciphisa ukubhubha kweentsana ngenkqubo yokugonya ngokobuninzi.

Siza kubuyisela iinkqubo zezempilo ezikolweni. Siza kuphumeza zonke izivumelwano ezenziwa ngoMhla kaGawulayo weHlabathi ngokumalunga nothintelo olutsha lweNtsholongwane kaGawulayo namanyathelo onyango. Umsebenzi omkhulu uyenziwa ukuqinisekisa ukuba lo msebenzi ugqitywa ngexesha elifanelekileyo. Kwakhona siza kuqhubekeka ngamalungiselelo okusekwa kwenkqubo ye-inshorensi yesizwe yezempilo.

Bemi boMzantsi Afrika,

Senza konke okusemandleni wethu ukuqinisekisa ukuba wonke ubani eMzantsi Afrika uziva ekhuselekile kwaye ukhuselekile.

Siza kuwuqhubela phambili umsebenzi wethu ukuciphisa ulwaphulo-mthetho olumasikizi nolunobundlongondlongo, nokuqinisekisa ukuba inkqubo yezobulungisa isebenza ngokuvakalayo. Siphumeza izicwangciso zokwandisa inani lamapolisa namapolisakazi nge-10% kule minyaka mithathu ilandelayo.

Sityumbe ukulwana nokuqweqwediswa, ukukhuthuza kwasekhaya nokwamashishini, kwakunye nolwaphulo-mthetho oluphakathi komntu nomtu olufana nobugebenga, ukudlwengula nokuhlasela, njengeendawo eziphambili ekufanele kuqalwe ngazo. Sonke sinendima ekufanele siyidlalile.

Masithathe inxaxheba kumaqonga okhuseleko nabahlali. Masiyeke ukuthenga izinto ezibiweyo. Masisoloko sikulungele ukunika amapolisa ulwazi malunga nezenzo zolwaphulo-mthetho.

Xa sisebenzisana siya kuloyisa ulwaphulo-mthetho.

Bantu bakuthi neendwendwe ezibalulekileyo,

Oorhulumente basekhaya kufuneka basebenze. Oomaspala kufuneka baphucule ubonelelo ngezindlu, amanzi, ugutyulo, umbane, ulawulo lwenkunkuma neendlela. Kulo nyaka uphelileyo besinentlanganiso noosodolophu nabaphathi boomaspala. Oku kusinike umfanekiso wemiceli mingeni oorhulumente basekhaya abajongene nayo. Kwakhona sikwatyelele neendawo abantu abahlala kuzo, kuquka neBalfour eMpumalanga neThembisa eGauteng. Emva kotyelelo lwaseBalfour, sithumele iqela loMphathiswa elimalungu alithoba ukuba lityelele lommandla ukuze lisombulule le miba ibiphakanyiswe ngabahlali.

Iliqela imiba esele ihoyiwe.

Ndiyalele ukuba abaPhathiswa mabahoyane nemiba esaseleyo. Siya phinda sithi akukho nasiphi na isikhalazo esifunisa ubundlongondlongo nokutshatyalaliswa kwempahla. Siyalele i-arhente zabezomthetho ukuba zithabathe amanyathelo aqatha kuwo nawuphi na umbodamo oseBalfour nakwezinye iindawo.

KweyoMga yama-2009, iKhabhinethi iphumeze isicwangciso-qhinga sokudala inguqu koorhulumente basekhaya. Oku kuya kuqinisekisa ukuba oorhulumente basekhaya banolawulo olufanelekileyo, izakhono zezolawulo nezobugcisa ezifanelekileyo.

Kuwo lo nyaka wokuba kusetyenzwe, masisebenzisane ukwenza oorhulumente basekhaya babe ngumsebenzi wonmtu wonke. Sijonge ekuphuculeni iindawo zokuhlala zasematyotyombeni ezimi kwindawo entle size sinikezele ngeenkonzo ezifanelekileyo nelungelo lokuhlala isigxina kwimizi engama-500 000 ubuncinane ngowama-2014. Siceba ukubekela bucala ngaphezulu kweehektare ezingama-6 000 omhlaba karhulumente osendaweni entle ukwenzela ukwakha izindlu zabo bamivuzo iphantsi nezifikelelekayo.

Iphulo elitsha elingundoqo liya kuba kukulungiselela abo bamivuzo iphezulu ukuba bangafumana inkxaso-mali karhulumente, kodwa besamkela kancinci kakhulu ukuba bangafumana imali-mboleko yebhanki eqhelekileyo yokuthenga indlu. Siza kuseka ingxowa-mali yesiqinisekiso se-R1 sebhiliyoni ukukhuthaza iibhanki zabucala necandelo lezezindlu, ukuba ziphuhlise imveliso entsha ukukhawulelana noku kufuneka kwezindlu.

Bantu bakuthi,

Kunyaka ophelileyo sathi, abantu basemaphandleni nabo banelungelo lokuba nombane, amanzi, izindlu zangasese ezigungxulwayo neendlela.

Sathi kufanele babe neendawo zezemidlalo kunye neendawo zokuthenga ezinkulu neziphucukileyo njengezasezidolophini.

Kule meko, sisungule isiza selinge lokuqala leNkqubo yoPhuhliso oluBanzi lwaseMaphandleni eGiyani, eLimpopo, kweyeThupha kulo nyaka uphelileyo.

Ukususela ngelo xesha, ngama-231 ezindlu ezakhiweyo. Inkqubela phambili yokubonelela ngeziseko zoncedo ukuxhasa uphuhliso lwezolimo, noqeqesho lwabahlali seyenziwe nayo. Ufikelelo kumaziko ezempilo nawezemfundo sele luphuculiwe. Siphumeza iinkqubo ezifanayo kwiziza ezisixhenxe elizweni jikelele, oku kuza kuxhamlisa iwodi ezingama-21.

Ngowama-2014, sizimisele ukuba neziza kwiiwodi ezili-16. Sifuna imizi engama-60% kwezi ziza ukuba iphumeze iimfuno zayo zokutya ngemveliso yazo ngowama-2014.

Kancinci kancinci kuza kude kulunge, bantu bakuthi, kuthiwa nenkqayi iqala ngentlontlo.

Sikwafuna ukudibanisa ngcono iinkqubo zobuyiselo mhlaba nenkxaso yezolimo. Impumelelo yethu kule ndawo iya kubonakala ngokwanda kwenani lamafama ezinga elincinci athi akhule aphuhle kwezoqoqosho.

SoMlomo oHloniphekileyo noSihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo,

Asisilo lizwe lityebileyo kwicala lokuba namanzi. Noxa kunjalo, sisalahlekelwa ngamanzi amaninzi ngenxa yemibhobho evuzayo nokungoneli kweziseko zoncedo. Siza kuba namanyathelo esiwabekayo ukunciphisa ukulahlekelwa kwethu ngamanzi kangangesiqingatha ngowama-2014.

MaLungu aHloniphekileyo,

Njengenxalenye yethu yokukhuthaza ukukhula koqoqosho, sisazama indlela yokunciphisa iindleko zoqhagamshelwano. Uluntu lwaseMzantsi Afrika lungalindela okunye ukuthotywa kwamaxabiso othungelwano-maza, umnxeba weselula, umnxeba wocingo kunye namaxabiso eminxeba kawonkewonke. Siza kusebenzela ukwandisa isantya sothungelwano-maza nokuqinisekisa izinga eliphezulu lenkonzo ye-Intaneti, ngokuhambelana nemigangatho yezizwe ngezizwe.

Bemi boMzantsi Afrika,

Lo rhulumente uza kuqinisekisa ukuba indalo yethu nemithombo yethu yendalo ikhuseleke kakuhle, kwaye ixhotyiswa rhoqo.

Sikunye neBrazil, i-India neChina, kwangenelela ne-United States, emele ihlabathi eliphuhlileyo, senze igalelo elincomekayo kwisivumelwano esamkelwa kwiNdibano engokuGuquguquka kweMozulu ebiseCopenhagen kweyoMnga kulo nyaka uphelileyo. Nangona singahambi ngangokuba kulindelekile nje, linyathelo elibalulekileyo ukubheka phambili kuba sibophelela onke amazwe ukuba kubekho into ayenzayo ngokuguquguquka kwemozulu.

Siza kusebenza ngokuthe chatha kunye noogxa bethu bezizwe ngezizwe sisebenzela isivumelwano esibophelela ngokusemthethweni. NjengoMzantsi Afrika, sizibophelele ngokuzithandela kwiinjongo eziphambili ezibaluliweyo zokunciphisa ungcoliseko, kwaye siza kuqhubekeka ukusebenzisa isicwangciso-qhinga sethu sokunciphisa ukuguquguquka kwemozulu sexesha elide.

MaLungu aHloniphekileyo,

Siza kuqinisa amalinge wethu okuphakamisa iimfuno zoMzantsi Afrika kwihlabathi jikelele. Siza kuwaxhasa amalinge okukhawulezisa indibaniselwano yepolitiki neyoqoqosho yommandla weNkqubo yokuPhuhliswa kwaMazwe e-Afrika eseMazantsi (i-SADC), nokukhuthaza urhwebo notyalo-mali phakathi kulo mmandla. UMzantsi Afrika usaqhubekeka ukudlala indima ephambili kumalinge elizwekazi ukomeleza iManyano yamaZwe ase-Afrika kunye neziseko zayo, nokusebenzela umanyano. Siza kunikezela amandla ekuvuseleleni ubuDlelwane obuTsha boPhuhliso lwe-Afrika, njengesicwangciso-qhinga sophuhliso loqoqosho kwilizwekazi.

Bemi boMzantsi Afrika,

INkonzo kaRhulumente isabele kubizo lokwenza eli ixesha lokuqala lokusebenza msinyane nokuphuculwa komsebenzi karhulumente. Siza kulindela ukusebenza okugqwesileyo nokusebenza ngamandla. Sifuna abasebenzi bakarhulumente abakhutheleyo, abakwaziyo ukusebenza nabazikhathaleleyo iimfuno zoluntu. Urhulumente sele esebenzela uphuhliso nokuphunyezwa kwenkqubo yophuhliso lwenkonzo karhulumente, oluya kucacisa indlela nomgangatho wokuziphatha kwabasebenzi bakarhulumente kuwo onke amazinga.

MaLungu aHloniphekileyo,

Siyaqhubekeka ngamalinge wethu okuncothula urhwaphilizo nenkohliso ekunikezelweni kwemisebenzi neenkqubo zeziniki maxabiso, nakwizicelo zeempepha mvume zokuqhuba, inkxaso-mali karhulumente yezentlalo namaxwebhu ezazisi, phakathi kwezinye.

Sixolile yinkqubela urhulumente ayenzayo kwezinye iindawo. Kule veki, sirhoxise iintlawulo zenkxaso-mali karhulumente yezentlalo zenkohliso ezingama-32 687, ezixabisa i-R180 lezigidi. IKomiti yethu yabaPhathiswa ejongene noRhwaphilizo isakhangela iindlela zokuloyisa luphele nya urhwaphilizo. Xa sisebenzisana singenza ngcono.

Bantu bakuthi,

Njengoko nisazi, savelisa uMnxeba kaMongameli ongaValwayo ukwenza ufikelelo kurhulumente nakuMongameli lube lula ngakumbi kuluntu, nokunceda ukususa imiqobo ekunikezelo nkonzo. Lo mnxeba ungavalwayo ubonakalisa ukuzimisela kwethu ekwenzeni izinto ngendlela eyahlukileyo eburhulumenteni.Lo mnxeba wenze umahluko kubomi babemi boMzantsi Afrika abaninzi.

Singakhankanya uNkosk. Buziwe Ngaleka waseMount Frere, omnxeba wakhe umalunga nemali yomhlalaphantsi yomyeni wakhe ongasekhoyo waba ngowokuqala esawufumanayo ngosuku lokuqala lale nkonzo. Ukunye nathi apha ngokuhlwa nje. Kwakhona phakathi kwethu sinoMnu Nkululeko Cele, owancedakala ngokuthi afumane ixwebhu lakhe lesazisi, elathi lamenza ukuba akwazi ukubhalisa kwi-Yunivesiti yezobuGcisa yaseThswane.

La ngamabini nje kumabali amaninzi empumelelo. Kule neminye imizekelo, siqaphele ubuthakathaka ekufanele bulungiswe ngamazinga awohluka hlukeneyo aseburhulumenteni. Ngegunya likaSomlomo, siye samema igqiza lamaqela ngamaqela asePalamente ukuba atyelele eli ziko lomnxeba, ukuze amaLungu ePalamente azibonele ngokwawo umsebenzi owenziwayo.

Bantu bakuthi nabahlobo,

Ndizicacisile iimpawu zezicwangciso zethu zowama-2010, isibophelelo sethu esihlangeneyo njengorhulumente kubantu baseMzantsi Afrika. INtetho kaMongameli engoBume beSizwe inika umfanekiso ophangaleleyo wesicwangciso sethu somsebenzi. AbaPhathiswa baza kunikezela ngeenkcukacha kwiintetho zabo zoHlahlo Lwabiwo-mali lwabo olwahluka hlukeneyo.

MaLungu aHloniphekileyo, Bemi boMzantsi Afrika,

KweyeNkanga kulo nyaka, siya kuphawula isikhumbuzo seminyaka eli-150 yokufika kwamaNdiya eMzantsi Afrika. Oku kunikeza ithuba lokuba sikwazi ukubaluleka kwegalelo elenziwe ngamaNdiya kumacandelo ezemisebenzi, ezoshishino, ezenzululwazi, ezemidlalo, ezenkolo, ezobugcisa, ezenkcubeko nempumelelo nokomeleza intando yethu yesininzi.

Bantu bakuthi nabahlobo,

Mandithathe eli thuba lokuba ndivakalise kwakhona uvelwano lwethu olunzulu kuRhulumente nabantu baseHaiti ngesihelegu sentlekele ethe yabehlela. Sinovuyo lokuba amaqela wethu ezohlangulo akwazile ukuya kunceda. Ndingathanda ukuqaphela ngokukodwa omnye ummi woMzantsi Afrika osoloko ephumelela ukuya kunceda ngamaxesha entlekele, nosincedayo ukukhuthaza umoya wesizwe esikhathalayo. Siyamamkela kule ndlu namhlanje uGqr Imtiaz Sooliman weGift of the Givers.

Bemi boMzantsi Afrika,

Ukusingatha umnyhadala weNdebe yeHlabathi yeFIFA yenza owama-2010 ngokwenene ube ngunyaka wokuba kusetyenzwe. Sichithe iminyaka emininzi silungiselela leNdebe yeHlabathi. Sishiyekelwe nje ziinyanga ezintathu. Kwaye sizimisele ukuyenza ibe yimpumelelo. Iziseko zoncedo, ukhuselo namalungiselelo ezinto eziyimfuneko sele enziwe ukuqinisekisa umnyhadala oyimpumelelo.

Njengesizwe, kufanele ukuba siyibulele iKomiti yaseKhaya eQuquzelelelayo yowama-2010 ngomsebenzi wayo omhle. Sinqwenela uSihlalo wayo, u-Irvin Khoza, iGosa eliyiNtloko yesiGqeba soLawulo uDanny Jordaan kunye nomqeqeshi weBafana Bafana, uCarlos Alberto Parreira, amathamsanqa odwa kwezi nyanga zizayo.

UMongameli Mandela ube negalelo ekuncedeni ilizwe lethu ukuba linikwe amalungelo okusingatha lo mnyhadala mkhulu kangaka. Ngoko ke kufanele ukuba leNdebe yeHlabathi siyenze impumelelo enkulu njengentlonipho yokumbulela. Bantu bakuthi, nathi masilixhase iqela lethu lesizwe iBafana Bafana. Ndingomnye wabo bakholelwa ukuba iBafana Bafana iza kwenza imimangaliso. Okona kubaluleke kakhulu, itikiti esandlelni bantu bakuthi!
Sonke masithenge amatikiti kuselithuba ukuze sikwazi ukuya emidlalweni.

Bemi boMzantsi Afrika,

Njengoko sibhiyozela ukukhululwa kukaMadiba namhlanje, sizibophelela ngokutsha kuxolelwano, umanyano lwesizwe, ukungabi nabuhlanga nokwakha ikamva elingcono njengabemi boMzantsi Afrika, abamnyama nabamhlophe.

Sikhokelwa koko kwathethwa nguMadiba esemkhumbini, ndiya caphula:

?Ngexesha lokuphila kwam ndinikela ubomi bam kumzabalazo wabantu abaMnyama. Ndilwile nokuthi abamhlophe babe ngentla kwezinye iintlanga, ndaza ndalwa nokuthi abamnyama babe ngentla kwezinye iintlanga.

" Ndiyixabisile iminqweno yentando yesininzi nesizwe esikhululekileyo, apho bonke abantu bahlalisana ngokuvana, kwaye bafumane amathuba alinganayo. Ngumnqweno endithemba ukuba ndiyakuwuphilela, kwaye ndiwuphumeze.

" Kodwa ukuba kukho imfuneko, ngumnqweno lowo endikulungeleyo ukuwufela?.

Ngokuvuselelwa sisisele sethu senyathi uMadiba, kuyinyhweba kum ukuba ndinikezele leNtetho kaMongameli engoBume beSizwe yowama-2010 kuwo onke amaqhawe namaqhawekazi wethu, adumileyo nangadumanga, awaziwayo nangaziwayo. Masisebenze kunye ukwenza lo nyaka wokuba kusetyenzwe ube yimpumelelo kwilizwe lethu.

Ndiyabulela.

Issued by: The Presidency
11 February 2010

 

Issued by: The Presidency

Share this page

Similar categories to explore