UMhombiso weMendi soBukhalipha

Le Mbasa kuwongwa ngayo abemi boMzantsi Afrika abathe benza isenzo sobukhalipha esibalaseleyo nabafake ubomi babo engozini enkulu, okanye abo bathi basweleka, kuquka nokuzama ukuhlangula nokusindisa omnye umntu, okanye ukuhlangula impahla enexabiso, apha ngaphakathi okanye ngaphandle kweRiphablikhi yoMzantsi Afrika.

Indlela ewongwa ngayo

Le Mbasa inganikwa ngokweendidi ezi ntathu:

  • Udidi  1 = IGolide
  • Udidi  2 = ISilivere
  • Udidi  3 = IBronzi.

Intsingiselo /izinto eyenziwe ngazo

Umxholo ophambili /intsingiselo

Ikhaka elenziwe ngofele lwesilwanyana, kumaxa amaninzi inkomo. Olu fele luyasetyenzwa lusukwe lube likhakha elimbhoxo elinomphezulu owomeleleyo lize lifakelwe isiphatho somthi. Intonga nomkhonto zihamba nekhaka, elinikwa iindwendwe eziza kwilizwe lethu ezivela kulo lonke eli limiweyo njengesenzo somoya omhle neminqweno emihle.

Imbasa yasentanyeni

 

Imbasa esisipeliti

Imbasa eliqhosha

Ikhaka

  1. I-SS Mendi – imele ubugorha bamajoni antsundu amaninzi oMzantsi Afrika kwakunye namanye amajoni amhlophe angoogxa babo batshonayo ngethuba inqanawa ababekhwele kuyo i-SS Mendi, izika. Le nqanawa yazika emva kokuba ingqubene ne-SS Darro yaza yaphantsa ukuphuka kubini kumanzi angumkhenkce ukubanda oku olwandlwe lwe-English Channel, kufutshane nesiqithi i-Isle of Wight ngomhla wama-21 kweyoMdumba  ngowe-1917. La majoni ayesendleleni eya eFrance ukuya kuncedisa iBritain ngethuba leMfazwe yokuQala yeHlabathi.
  2. Indwe – ukubhabha kwendwe elwandle phezu kwe-SS Mendi kumele ukuphuma kwemiphefumlo yamajoni angamagorha arhaxwayo aze asweleka. Iintsiba zendwe ngokwamandulo zazisetyenziselwa ukuhombisa amajoni akhaliphileyo ngexesha leemfazwe zokulwela ukugonyamelwa kwamanye amazwe enziwe amathanga.
  3. Ilitye elinqabileyo eliluhlaza – apho iintloko ezintathu zekhala zisukela khona, eli litye limele indlela eza kuhanjwa xa kunikwa uncedo kwabo basezingxakini ngexesha leentlekele zendalo nezinye iimeko ezinzima ngokugqithisileyo ezithi ziqhubeke amaxesha ngamaxesha kwihlabathi ngokubanzi.
  4. Imilo yale mbasa
  5. Ingonyama – imele ubuhle, amandla nobukhalipha. Yona ingonyama imelwe  ngamathupha ayo ajikeleza umphetho wale mbasa. Oku kumele ukugadwa kwemidae, ngaphakathi nangaphandle kwilizwe lethu, ngabemi boMzantsi Afrika abazimiseleyo nabakhaliphileyo. Iintonga zokwalatha ezintathu zimele ukuhlangana kweentyatyambo zekhala elikrakrayo,isityalo salapha eMzantsi Afrika esimele ukomelela , ukumelana neemeko ezinzima kunye nokuba esi sityalo sisetyenziswa njengeyeza.
  6. Igqudu nomkhonto – zincedisa ikhaka njengophawu lokhuselo nentlonipho.

Share this page