Le Mbasa kuwongwa ngayo abemi baseMzantsi Afrika ngenxa yomsebenzi nenkonzo engenachaphaza. Umsebenzi owongwa ngale mbasa kufuneka ukuba ube kanti ugqibelele futhi ugqithisile kobekulindelwe. Le yimbasa yokuwonga umntu ngenxa yegalelo elibalaseleyo neliqaqambileyo kwezi ndidi zilandelayo:
- Ushishino noqoqosho
- Inzululwazi, amayeza nokuyila/ukuqamba izinto ezintsha zobuchwepheshe
- Imisebenzi emihle yokunceda uluntu.
Indlela ewongwa ngayo
Le Mbasa ingawongwa ngokwala mahlelo mathathu alandelayo:
- Ihlelo 1 = iMbasa eGqibeleyo yeBaobab (iGolide)
- Ihlelo 2 = iMbasa ePhezulu yeBaobab (iSilivere)
- Ihlelo 3 = iMbasa yeBaobab (iBronzi).
Intsingiselo /izinto eyenziwe ngazo
Umxholo ophambili /intsingiselo
Le Mbasa isuselwa kumthi i-Baobab, ongumthi womthonyama okhula kwimimandla yetropikhi. Imvelaphi nembali yegama elithi Baobab ingalandwa kumabali nembali etyebileyo yeli lizwekazi le-Afrika. Lo mthi ungumthi osoloko ungundaba-mlonyenikweli lizwekazi ngenxa yokuba, phakathi kwezinye izinto, ingumthi oliyeza, onexabiso nohlonitshwayo ngabantwana bomgquba. Isakhono sawo sokukwazi ukukhula umelane namaqhwa neenkqwithela ude ube bhondebhonde zizangqa zamazinga sibonakalisa inkonzo nomsebenzi ongenasiphako nachaphaza lowo uwongwa ngale Mbasa ekufuneka abe kanti naye uwenzile eMzantsi Afrika. Ngokunjalo nomsebenzi waloo mntu uwongwe ngale Mbasa nawo I unegalelo futhi ukwaqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika uzingile kwindlela yawo esingise phambili.
I-Baobab ngumthi obalulekileyo kwiindalo namahlathi eli lizwekazi le-Afrika. Amaxolo awo asetyenziselwa ukwenza amalaphu neminxeba (iintambo), iziqhamo zikukutya okunesondlo nentswane futhi ukwasetyenziswa nanjeneenkuni zokubasa, unazo nezinye iimveliso eziluncedo. Iingcambu zalo mthi ezibanzi nezomeleleyo eziphumela ngaphandle zithwala umthi omkhulu owaziwa njengendawo yokubamba iintlanganiso ezibalulekileyo ezininzi nekhuselekileyo kubantu bomgquba beli lizwekazi le-Afrika.
Izinto eyenziwe ngazo
![]() Ibheji yasentanyeni |
|
Umfanekiswana |
Imbasa eliqhosha |
- I-Baobab (i-Adonsonia Digitata) – eyaziwayo ngenxa yeengcambu zayo nobomi bayo obude. Ayingomthi nje womthunzi nendawo yokubamba iintlanganiso, koko ingumthi oyimpilo kubantu balo ndawo umile kuyo.
- Imilo enamacala asithoba- le milo inamacala asithoba kwakhelwe kuyo ibhekisa kwizinto ezininzi umntu anokuzenza ukuncedisa kumalinge namaphulo okuqhubela eli lizwe phambili. Le milo ikwamele namaphondo alithoba eli lizwe..
- Imilo erhabaxa engumphandle ekuncanyathiselwe kuyo – Le milo ifana nexolo elirhabaxa lomthi i-Baobab; kumaxa amaninzi ixolo lisetyenziselwa ukwenza amakhuko neminqwazi.