Le Mbasa kuwongwa ngayo abantu bamanye amazwe (IiNtloko zeMibuso nezooRhulumente) nezinye izidwangube zamanye amazwe. Ikhutshelwa ubuhlobo obubonakaliswe ngakuMzantsi Afrika. Ngoko ke yimbasa yoxolo, intsebenziswano kwanokuvakaliswa ngendlela ebonakalayo kovelwano nenkxaso. Le Mbasa imi njengentsika ekusekelwe kuyo ubudlelwane eli lizwe elinawo namazwe ehlabathi.
Indlela ewongwa ngayo
Le Mbasa kungawongwa ngayo abantu kwiindidi ezintathu:
- Udidi loku-1 = iMbasa eGqibeleleyo yamaHlakani eHlabathi ka-OR Tambo (iGolide)
- Udidi lwesi-2 = iMbasa ePhezulu yamaHlakani eHlabathi ka-OR Tambo (iSilivere)
- Udidi lwesi-3 = iMbasa yamaHlakani eHlabathi ka-OR Tambo (iBronzi).
Zonke ezi mbasa zikhatshwa zizipho ezine: umsimelelo, imbasa yentamo, imbasa engumfanekiso omncinane kunye nembasa esisipeliti.
Intsingiselo/izinto eyenziwe ngazo
Umxholo ophambili/Intsingiselo
U-OR Tambo: U-OR Tambo wadlala indima enkulu ekumiseleni imibutho yehlabathi eyayincedisa kwidabi lokulwa ubuhlanga noCalucalulo. Phakathi kwezinye izinto, wavula i-Ofisi ezingamaZiko Ozakuzo okuqala ombutho olwela inkululeko kula mazwe: e-Egypt, eMorocco, eGhana naseLondon. Eli yayilinyathelo lokuqala elincinane lokuqokelela abahlobo boMzantsi Afrika kwihlabathi jikelele kwilinge elaliqhuba lokuhlanganisa abauntu behlabathi ukuba baxhase amaphulo okulwela uMzantsi Afrika okhululekileyo nolawulwa ngokwentando yesininzi futhi bachase isihelegu sobuhlanga, ingcinezelo noCalucalulo.
UMajola (Inkwakhwa): Inyoka ethwathwa njengesinyanya sooJola endwendwela iintsana xa zisanda kubelekwa. Ayize nakanye ilonzakalise usana okanye amalungu osapho kwaye indlela ekukuphela kwayo yokuyigxotha ngobubele kukuba unina wosana ayitshize ngobisi lwebele lakhe. Indwendwela usana ukuza kulivulela indlela, ukuza kulinqulisa iliqulise kuze kudede ubumnyama kuvele ukukhanya ebomini nasendleleni yalo. Iza njengomhlobo nesinyanya esizokukhusela ikhaya nomntwana lowo kwimimoya emdaka nengendawo. Ubuhlobo ebubonakalisayo abusekelwanga nje ekubonakaliseni ububele obungenantsingiselo nasiseko, koko ngumyalezo obonakalayo othi ‘nathi singabaphantsi sikho phakathi kwekhaya’ nelinge lokubonakalisa inkxaso nokukhuthaza ukube kubekho impumelelo nendlela emhlophe kwabadala nabancinci. Le nyoka kuyabaliswa ngayo kwimbali namabali amagorha, amasiko nezithethe zemidaka eNtsundu, abantwana bomgquba, kuba nakwincwadi eyabhalwa ngumakhwekhwetha ngokwakhe, u-AC Jordan ethi: Ingqumbo Yeminyanya ingomnye wabalinganiswa abaphambili. Le ncwadi iphikisa uluvo lwakudala lokuba inyoka isisilwanyana esinobungozi ekufuneka sityunyuzwe intloko endaweni yoko icacisa indima edlalwa sesi sirhubuluzi kubomi, impilo namasiko ezizwe eziNtsundu ikubethelela nokuba le nyoka isisinyanya nomlowo kwizizwe eziNtsundu
Izinto eyenziwe ngazo
- Umsimelelo – oxozwe kumthi omnyama wemveli, uluphawu lokubulela nokubamba ngazibini kwinkxaso ebonakalisiweyo, kwanokuzinikela ekuxhaseni nokuma nalowo umnika inkxaso.
- UMajola – iliso elibukhali elinamahuku phezulu nasezantsi liluphawu lokubulela ukuvakalisa ngokuphandle nangokungagungqiyo inkxaso kuMzantsi Afrika.
- Umzobo omacandelo-mane obizwa ngokuba yi-tomoye – usekelwe kwimilo eyaziwa jikelele elingana-macala okanye engumatwatotse eluphawu olubonakalisa indawo ehlanganisa imimoya yeenkolo ezahlukeneyo.
Umsimelelo |
Imbasa yasentanyeni |
Imbasa esisipeliti |
Imbasa eliqhosha |