Le Mbasa kuwongwa ngayo abemi baseMzantsi Afrika ababenegalelo elimandla kwidabi lomzabalazo wenkululeko, amalungelo oluntu, ukwakha isizwe, ubulungisa noxolo, nakusombululo longquzulwano.
Indlela ewongwa ngayo
Le Mbasa kungawongwa ngayo abantu kwezi ndidi ezintathu:
- Udidi loku-1 = iGolide
- Udidi lwesi-2 = iSilivere
- Udidi lwesi-3 = iBronzi
Intsingiselo/Izinto eyenziwe ngazo
Umxholo ophambili/Intsingiselo
Ilitye lenyengane elingunxantathu limele isixhobo esingundoqo sokuziphilisa esasisetyenziswa ngookhokho mandulo lisetyenziselwa ukuhlinza izilwanyana, ukwakha indawo yokufihla intloko kwanokusika imitya efeleni ukuze babe nokuzenzela iimpahla.
Limele umbono nephupha longasekhoyo uNkosi Albert Luthuli – igqala negorha lomzabalazo wenkululeko nomdaka oNtsundu wokuqala weli lizwekazi le-Afrika ukufumana iMbasa yoXolo kaNobel ngowe-1961 – wokuba ama-Afrika athabathe inxaxheba ngokuzeleyo kuphuhliso lwezentlalo, lwezoqoqosho nopolitiko eMzantsi Afrika.
Izinto eyenziwe ngazo
Imbasa yasentanyeni |
|
Imbasa esisipeliti |
Imbasa eliqhosha |
Ilitye lenyengane
- Induli yaseSandlwana – imele uxolo nenzolo emva kweDabi laseSandlwana ngowe-1879.
- Iflegi yaseMzantsi Afrika – imele ukungena kwenkululeko nolawulo lwentando yesininzi.
- Ubuchwepheshe – Bugxininisa ukuphuhliswa kobuxhaka-xhaka bobuchwepheshe obukwizinga eliphezulu.
Imbiza yesiNtu
- Iimpondo ezimbini – ziveza umbono wakhe woMzantsi Afrika olawulwa ngokwentando yesininzi, ongacaluli ngokobuhlanga nangokwesini.
- Umzobo omile okwehlosi – umele isidlokolo sikaNkosi Luthuli awayesaziwa ngaso.
- Amaso – le mihombiso imele ubuhle be-Afrika ize inkunzi yenkomo yase-Afrika yona imele ukuxhotyiswa ngezakhono kwabantu base-Afrika kwanenkqubela-phambili yabantu base-Afrika.