IiMbasa zeSizwe

Ukufika kolawulo lwentando yesininzi olungacaluli ngokobuhlanga nangokwesini eMzantsi Afrika kwenza kwayimfuneko ukuba kuqwalaselwe ngokutsha inkqubo yeeMbasa zeSizwe. Iimbasa zangaphambili zaziquka iWonga elinye kunye neeMbasa ezine ezaziluphawu lwesimo esasigquba ngelo xesha.

Ngelifuna ukuziphosa kwelokulibala izinto ezilumezayo ezazisenzekangaphambili, ngoCanzibe wowe-1998, iBhunga likaMongameli leeNgcebiso ngeeMbasa zeSizwe elalisanda kumiselwa lanikwa umsebenzi noxanduva lokuphonononga inkqubo yeeMbasa namawonga eSizwe. Ukuqalisa lo msebenzi, kwamiselwa ikomiti yeengcali eyathi yaqhuba uphando olubanzi olwaquka wonke umntu olwalubandakanya ukubamba iindibano zokufakana imilomo noluntu, ukuqhuba udliwanondlebe namahlakani kazwelonke, iingxoxo zamaqela ezazigxininise ekukhangeleni iintlobo zeembasa ezizezinye ekunokuthi kuwongwe ngazo, ukuqeshwa kwenkampani yabucala ukuba iqhube uphando ngeendlela ekwakuqhutywa ngayo ngaphambili  kwanokuqokelelwa kweengcali zokuxhonkxa amatye anqabileyo nabayili beembasa ukuze bayile iimbasa ezintsha besebenzisa iingcaciso abayinikiweyo ngeentlobo zeembasa ezifunwayo.

Njengenxalenye yale nkqubo, isebe elalifudula lisaziwe njengeSebe lezobuGcisa, iNkcubeko, iNzululwazi nobuChwepheshe, libambisene neZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS) laphanda banzi malunga neempawu kwanentsingiselo zeembasa  ngeenzame zokufumana owona mongo  weempawu ezintsha zesizwe eziza kuhambelana nomoya woMzantsi Afrika omtsha. Iqela labahlohli ezidyunivesiti kwaneengcali ezinolwazi olutyebileyo nolunzulu ngeempawu nentsingiselo yeempawu zemveli lacelwa ukuba lichaze imiba engundoqo nezinto ezibalulekileyo kuyo  ezibonakalisa imbali ehlangeneyo neyabantu bonke base-Afrika kugxininiswa kakhulu kuMzantsi Afrika. Isiphumo soku saba kukuqeshwa kwabantu kwanokuyilwa kweeMbasa zeSizwe ezintsha.

Imeko

Mde umgama osele uhanjwe nguMzantsi Afrika kumalinge okusiphula neengcambu ingxaki yokucalulwa kwabantu  ngokwesini, ibala nenkolo. Eli lizwe lithe chuu libheka phambili lilandela ikhondo elimisela ubuntu bethu ngokutsha. Kule ndlela isingise ebuntwini, umoya wokuhloniph amalungelo oluntu nesidima somoya wobuntu nguwo oluphawu oluchaza uMzantsi Afrika.

Elinye ixesha elabonakalisa ngenene ukuba izinto zangaphambili ngoku sizilahlela kude yaba kukuxhonywa kweflegi yeli entsha ngowe-1994. Oku kwangqina futhi kwabethelela ngokugcweleyo iqhayiya nesidima selizwe eliswabulukayo liphuma ezimbandezelweni kunye nokubonakalisa ukuhlonipha nokuxabisa ubuntu. Isihlandlo sesibini esifana nesi senzeka ngethuba kuvezwa ngokusesikweni uPhawu lweSizwe (i-Coat of Arms) ngomhla wama-27 kuTshazimpunzi ngowama-2000. Ukuziswa koPhawu lweSizwe ebantwini ngokusesikweni kwabonakalisa ukuba sifikelele, lona eliluphawu oluhlonipha futhi lugxininisa kwindima ebalulekileyo edlalwa zizizwe neentlanga ezahlukeneyo zeli lizwe. Ngokwenjenjalo, uphawu olungumfanekiso omhle oluyithathela ingqalelo i-Afrika kwaneempawu zayo lwaba yinxalenye yendlela entsha yokwenza izinto eqaqambisa uMzantsi Afrika ozelwe ngokutsha.

IiMbasa zeSizwe ezintsha zisekelwe phezu kwalo moya wovuselelo nokuzalwa ngokutsha.

Share this page