Gold Mametja
[IMbasa yeMapungubwe, Baobab, Mahlakani ye-O R Tambo, kaLuthuli, weMendi soBukhalipha]
UGold Mametja unegama elimnandi elichaza kanye isiphiwo sakhe. Imisebenzi yakhe yoyilo yaye yakhethwa phakathi kweminye emininzi eyayingeniswe emva kokuba iZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS) lalimeme abayili bamajikazi nemisebenzi yobugcisa ukuba bangenise imisebenzi yoyilo yeeMbasa zeSizwe ezintsha.
Ubomi bakhe buzele izinto ezintle neziyimpumelelo azenzileyo ukususela oko waphumelela izifundo zakhe eTechnikon Witwatersrand. Izinto eziyimpumelelo nezinkulu azenzileyo ziquka uthotho lwemisebenzi yoyilo eyenzela amashishini abucala eMzantsi Afrika kuquka nembasa zegolide zesikhumbuzo se-Comrades Marathon.
Njengomntu ongaliphakamisiyo ilizwi xa ethetha futhi nongazigwagwisiyo, unoluvo lokuba ukusebenza ngeeMbasa zeSizwe: ‘Yeyona nto intle eyakhe yandehlela. Nje ngokundivumela ukuba ndenze le misebenzi yoyilo, lelona wonga liphambili elandinika lona eli lizwe’. UMametja usebenza njengomyili wezoshishino, i-industrial designer, kwa-CSIR ePitoli. Uhlala eKempton Park nenkosikazi yakhe kunye nabantwana ababini.
Gareth Smart
[IMbasa ye-Ikhamanga]
UGareth Smart uye wazibonakalisa njengomyili wemisebenzi yobugcisa eyahlukeneyo ukususela oko waphumela isidanga sakhe-BA in Graphic Design eMidrand Graduate Institute. Icandelo ayingcali kulo lele--3D Multimedia. Ingxelo emfutshane ngemisebenzi yakhe ibonakalisa ukuba uneenkampani ezininzi azisebenzeleyo ngexeshana nje elifutshane.
Kuye eli ‘lelona thuba endingasokuze ndililibale ebomini bam’ ukukhethwa ukuba ayile iMbasa yeSizwe entsha. Uhlala ePitoli futhi wenza imisebenzi yeenkampani ezininzi esebenza njenge-graphic designer, i-animator ne-conceptualist ezisebenzelayo.