INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-18 kweyeNkanga 2015

1. Ukuphunyezwa kweenkqubo zikarhulumente ezingundoqo

1.1. IKhabhinethi iyalincoma iSebe lezokuHlaliswa koLuntu ngokunikezela ngezindlu kwiprojekthi yezokuHlaliswa koLuntu eDibeneyo yeSixeko i-Savanna kuMasipala weSithili saseSedibeng kubantu abasokolayo. Ngabemi boMzantsi Afrika abaziwayo abathe bazibandakanya nabadlali-ndima ababalulekileyo kolushishino, kuquka oosodolophu kunye namagosa woMasipala weSithili saseSedibeng, ekupeyinteni nasekulimeni kwizindlu esezigqityiwe ukwakhiwa ngexesha bezimiselwa.

Zimalunga nama-18 000 izindlu ezakhiweyo, ezixhamlisa abantu abadala, abakhubazekileyo, kunye namakhaya angesanabazali ondliwa ngabantwana nawondliwa ngabasetyhini. Kwakhona iKhabhinethi iyasamkela isibhengezo sokuba kulo nyaka uzayo eli sebe liza kumisela iprojekthi ezakwakha izindlu ezingama-60 000.

1.2. IKhabhinethi iyayamkela inkqubela eyenziwe yiprojekthi i-Tshepo 10 000, encedisa ukuncothula intswela-ngqesho kulutsha kwiSixeko saseTshwane. Le projekthi yezigidi ngezigidi zeerandi yeSixeko, ngentsebenziswano neDyunivesithi yasePitoli, izimisele ukuqeqesha ama-10 000 olutsha olungaphangeliyo ngokulunika izakhono nobuchwepheshe obudingekayo ukuze lukwazi ukungena kwiiprojekthi zeziniki-maxabiso.

Emva kokugqiba uqeqesho olu lutsha lumisela luze luqhube ookopolotyeni ngokuyimpumelelo. Ukuza kutsho ngoku, bangaphezulu kwe-190 ookopolotyeni ababonelela uninzi lolutsha ngamathuba emisebenzi. Ukongeza apho, amasebe esixeko aqesha olunye lolu lutsha selufumene uqeqesho.

1.3. IKhabhinethi iyakwamkela ukuphuculwa kwendlela engu-R25 (P6-1), indlela engama-42 eekhilomitha edibanisa iGauteng neLimpopo. Le ndlela, inqumla phakathi kweBapsfontein neBronkoro, iqeshe ngaphezulu kwabantu abangama-200. Iza kuxhamlisa nabecandelo lezolimo nelezemigodi kulo mmandla ngokunceda ukuhamba ngokukhawuleza kwezigadla ezithutha imithwalo emikhulu nokunikezelwa kweenkonzo.

2. Izigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1 IKhabhinethi iye yaziswa liSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe, ukuba liza kusingatha iveki yezenzululwazi yoluntu engundoqo: iQonga lezeNzululwazi loMzantsi Afrika lowama-2015 phantsi komxholo othi: “Ukuqalisa incoko ngezenzululwazi” ukususela ngomhla we-8 ukuya kowe-9 kweyoMnga yowama-2015, ePitoli.

Lo msitho unika iqonga abadlali-ndima ababalulekileyo baseMzantsi Afrika, amaqabane aphuma kweli lizwekazi nakumazwe ehlabathi lengxoxo-mpikiswano nokufunda imigaqo-nkqubo kumda wothungelwano phakathi kwenzululwazi noluntu.

2.2 IKhabhinethi ikwamkele ukuba umsitho woMbutho woLwandle weHlabathi oBanjwa ngaXeshanye woMbutho woLwandle weHlabathi (i-IMO)  ukuba mawubanjelwe eMzantsi Afrika ngowama-2020. Ngoko ke uMphathiswa wezoThutho uza kusiphalaza esi sigqibo seKhabhinethi kwintlanganiso yeBhunga le-IMO eza kubanjwa ukususela ngomhla wama-23 kweyeNkanga ukuya kowe-4 kweyoMnga yowama-2015.

3. Imisitho ezayo

3.1. UMongameli uJacob Zuma uza kundwendwelwa nguMongameli wase-China u- Xi Jinping kuTyelelo lasebuRhulumenteni oluntsuku-mbini ukususela ngomhla we-2 ukuya kowe-3 kweyoMnga. Iinjongo zolu tyelelo kukuqukumbela iNkqubo-sikhokelo yemiNyaka emi-5 ukuya kweli-10 kwiNtsebenziswano ye-China-noMzantsi Afrika eza kuqhubeka ukumisela ukufezekiswa kwezivumelwano zethu ukususela ekuqukunjelweni kwesiBhengezo sase-Beijing ngowama-2010. Iza kuqubeka ukwandisa nokunabisa ubuDlelwane bobuChule obuDibeneyo la mazwe mabini abelana ngabo.

Ubudlelwane boMzantsi Afrika neChina buza kuhlala buphambili ekuqinisekiseni ngomba wawo wophuhliso ongemigaqo-nkqubo yawo yamazwe angaphandle njengokuba isandisa amalinge okufezekisa isiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP), intsebenziswano kwezolimo, imicimbi yezokusingqongileyo, urhwebo noshishino nezezimali njengokuba eli lizwe liqhubeka ukuqhuba umba wokuqhubela uMzantsi Afrika phambili.

Ikwabonelela ngethuba lokuhlola inkqubela eseyenziwe kwimimandla ekhoyo yezorhwebo nentsebenziswano phakathi kwezi zizwe zibini, nokukhawulezisa ukuqukumbela imimandla emitsha yentsebenziswano.

3.2. UMongameli uZuma uza kukhokela igqiza eliya kwiSeshoni yama-21 yeNkomfa yamaZwe kwiNkqubo-sikhokelo yeNgqungquthela engokuGuquguquka kweSimo seZulu yeZizwe eziManyeneyo (i-UNFCCC) neSeshoni yayo ye-11 yeNkomfa yamaZwe esebenza njengeNtlanganiso yamaZwe kwiSivumelwano sase-Kyoto (i-CMP11) eza kubanjwa ukususela ngomhla wama-30 kweyeNkanga ukuya kowe-11 kweyoMnga yowama-2015 eParis, eFrance.

Iindibano zokubonisana zamazwe ngamazwe  ngesivumelwano esitsha esisemthethweni ziuza kugwadlwa indlela emakuhlangatyezwane ngayo nokuguquguquka kwesimo sezulu, neza kuqalisa ukusebenza ngowama-2020 ukubheka phambili. Ngokuhambelana nemfuno yoMzantsi Afrika yeSizwe njengelizwe lase-Afrika nelisaphuhlayo eliza kudinga inkxaso nasemva kowama-2020, uMzantsi Afrika uza kuqhubeka ukukhusela imigomo engundoqo ye-UNFCCC yomakulingwane nokuwazi umahluko.

Kwintlanganiso yamazwe angama-77 kunye ne-China, uMzantsi Afrika uza kufuna ukugcina nokomeleza umanyano lwamazwe asaphuhlayo ukugcina iSivumelwano sase-Paris esingenamkhethe, esinokuzingca, esigxile kwinzululwazi nesivelisela amazwe asaphuhlayo ithuba lokuba aphuhle.

3.3. UMongameli uZuma uza kumisela iPhulo lobuTshantliziyo leeNtsuku ezili-16 lokulwa ubuNdlobongela obujoliswe kwabaseTyhini naBantwana ngomhla wama-25 kweyeNkanga eNaauwpoort, eMahikeng phantsi komxholo othi: “Ndibale Nam: Sikunye siqhubela uMzantsi Afrika ongenabuNdlobongela Phambili.” Eli phulo libhiyozelwa njengenxalenye yeNtshukumo yeeNtsuku ezingama-365, neliphulo eliqhubekekayo elifundisa nelazisa ngokuliwa kobundlobongela obujoliswe kwabasetyhini nabantwana, nokuvuselela abantu ngabanye ukuba nabo babalwe kweli phulo lentshukumo yonyaka wonke.

IKhabhinethi imema bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba balixhase eli phulo baze basebenzise eli thuba ukuvuselela uluntu nokuzibandakanya norhulumente ekupheliseni ubundlobongela obujoliswe kubantu basetyhini nabantwana - #Count me In.

3.4. USekela-Mongameli uRamaphosa uza kukhokela igqiza likarhulumente kwiintlanganiso zakhe zarhoqo kunye neQonga leSizwe labaHleli baseMzantsi Afrika ngomhla wama-21 kweyeNkanga yowama-2015 njengenxalenye yokuzinikela kukarhulumente nenkqubo eqhubekayo yokomeleza ubudlelwane kunye namajelo eendaba. Urhulumente uza kwazisa abahleli ngemiba engundoqo nezicwangciso zexesha elizayo kwangaxesha nye ebanika ithuba lokuba baveze iindawo abanomdla wokuba urhulumente abachazele ngazo.

3.5. UMzantsi Afrika uza kuphawula uSuku lweHlabathi lukaGawulayo phantsi komxholo othi: “Ukujongisa kwisiZukulwana esingenayo iNtsholongwane kaGawulayo: QAQAMBA. THATHA INYATHELO. KHUSELA. PHELISA NYA - osisimemo sokuba uluntu luthathe amanyathelo. Umxholo walo nyaka uhambelana nomxholo weZizwe eziManyeneyo woSuku lukaGawulayo lweHlabathi lonyaka wama-2011 ukuya kowama-2015 othi: Phelisa Nya”. USuku lukaGawulayo lweHlabathi lowama-2015 luza kuqhubeka ukomeleza uthethathethwano malunga nomdintsi nocalucalulo, nokuvuselela uluntu ukuba luhlangabezane nokhuselo nokwandisa ufikelelo kukhuselo, iinkonzo zonyango nezenkxaso.

Umsitho omkhulu wesikhumbuzo soSuku lukaGawulayo lweHlabathi uza kubanjelwa KwaZulu-Natal. Oku kuza kuthathwa njengamalungiselelo okuqala okusingathwa kweNkomfa yeHlabathi kaGawulayo nguMzantsi Afrika kwiZiko leNgqungquthela leZizwe ngezizwe Inkosi Albert Luthuli eDurban ukususela ngomhla we-17 ukuya kowama-22 kweyeKhala yowama-2016. UMzantsi Afrika uyaqhubeka ngokwenza inkqubela  ekulweni iNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) noGawulayo (i-AIDS), ekubeni eyandisile inkqubo yokukhutshwa kwamachiza okuthomalalisa i-HIV yeli lizwe, apho ingabantu abangaphezulu kwezigidi ezithathu abawafumanayo, nokunciphisa ngakumbi ukosuleleka komntwana esosulelwa ngunina nokuphucuka kwendlela ekubonakala ngayo iimpawo zesifo sephepha (i-TB).

3.6. IKhabhinethi ikhuthaza abantu baseMzantsi Afrika ukuba bathathe inxaxheba kwimisitho yeeMbizo ecwangciswe kweli jikelele ngexesha leVeki yeSizwe eGxile kwiiMbizo ukususela ngomhla wama-30 kweyeNkanga ukuya kowe-6 kweyoMnga yowama-2015. Eli liqonga elinika abemi ithuba lokuba bathethe namalungu eKhabhinethi.

IVeki yeSizwe eGxile kwiiMbizo iza kuqhuba phantsi komxholo othi: “Sisonke siqhubela uMzantsi Afrika phambili” kwaye iza kwazisa uluntu ngokufezekisa kukarhulumente isiCwangciso esiManqaku aliThoba ekuqaliseni uhlumo lwezoqoqosho nokudala imisebenzi, njengoko kuchazwe nguMongameli uZuma kwiNtetho kaMongameli engoBume beSizwe kweyoMdumba yowama-2015. Amalungu eKhabhinethi aza kusebenzisa eli thuba nasekuvuseni uluntu ukuba luthathe inxaxheba ekuqubisaneni nemikhwa eliqela engemihle yezentlalo, kuquka nemiba emayela nobundlobongela obujoliswe kubantu basetyhini nabantwana.

3.7. Inyanga yoMnga yiNyanga yoXolelwaniso kwaye uMzantsi Afrika uza kuluphawula eBhayi, eMpuma Koloni uSuku loXolelwaniso ngomhla we-16 kweyoMnga, phantsi komxholo othi: “Ukuvala umsantsa weyantlukwano: Ukwakha ubuzwe boMzantsi Afrika obufanayo obubhekisele kumbuso wophuhliso wesizwe”. Le nyanga inokubaluleka okukhethekileyo kwisizwe kuba ikhuthaza uxolelwaniso, uxolo nokuhlalisana ngoxolo athe urhulumente omtsha olawulwa ngentando yesininzi wasekwa phezu kwayo.

IKhabhinethi ikhuthaza bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba bolulelane isandla soxolo njengoko isizwe sisaqhubeka ukusebenzisana ukwakha isizwe esimanyeneyo nesihlumayo.

3.8. IKhabhinethi ikhumbuza abahlawuli berhafu abangekawafaki amaxwebhu wabo werhafu wonyaka-rhafu wama-2014/15 ukuba usuku lokugqibela lokufaka amaxwebhu ngumhla wama-27 kweyeNkanga yowama-2015. IKhabhinethi ibulela bonke abahlawuli berhafu ngokuzibandakanya kwabo norhulumente ekuboneleleni ngeenkonzo ezidingeka kakhulu ezinceda ekuphuculeni ubomi bamawaka-waka oluntu kweli jikelele.

3.9. IKhabhinethi iyavuyisana neZiko lokuLawula ubuNdlobongela obuGxile ngokweSini (i-GBVCC) leSebe loPhuhliso loLuntu ngokuphumelela iMbasa yeLona Ziko leMibuzo liGqwesileyo eHlabathini eLas Vegas, e-USA, ngoLwesine umhla we-5 kweyeNkanga yowama-2015. Iziko i-GBVCC liziko lomnxeba elivula iiyure ezingama-24 elizinikele ekuboneleleni ngenkxaso nentetho-ntuthuzelo kumaxhoba obundlobongela obugxile ngokwesini. Eli lelinye lamabali ayimpumelelo elibonakalisa urhulumente okhathalayo ozimiseleyo ekulwela ukupheliswa kobundlobongela obugxile ngokwesini.

3.10. IKhabhinethi iyavuyisana no-Eskom ngokusebenza iintsuku ezili-100 ngaphandle kokunqamka kombane (ukucima kombane ngeenjongo zokuwunkinkisha). U-Eskom ufikelele kule mpumelelo iyimbali ngoLwesibini, umhla we-17 kweyeNkanga yowama-2015. Ukugqiba iintsuku ezili-100 zokubonelelwa ngombane ngaphandle kokuphazamiseka akuthethi ukuba masithobe umxakatho. Endaweni yoko, iKhabhinethi ibongoza uluntu ukuba luqhubekeke lusebenzisa amacebo okonga umbane.  

3.11. IKhabhinethi iyavuyisana nabo amagama aphakanyiselwe ukuphumelela iiMbasa zezeMidlalo zaseMzantsi Afrika zowama-2015, umsitho wazo oza kubanjelwa eSand du Plessis Theatre eMangaung, eFreystata ngomhla wama-22 kweyeNkanga yowama-2015. Lo msitho wonikezelo-mbasa, uququzelelwe phantsi komxholo othi: “Ukugqwesha asikuko ukuba ube ungoyena ungcono; koko kukwenza okona kungcono”, ubhiyozela iminyaka eli-10 yokuhlonipha nokuwonga abadlali namaqela agqwesileyo ebaleni nangaphandle kwebala. Abantu baseMzantsi Afrika bayakhuthazwa ukuba bawuxhase lo msitho ngokuvotela uMdlali ongoYena uGqwesileyo kuNyaka wama-2015.

4. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba egqubayo
4.1. IKhabhinethi njengoMongameli kunye noluntu lwehlabathi ilugxeka kabukhali uhlaselo lobunqolobi oluthe lwaqhubeka e-Beirut (e-Lebanon), e-Baghdad (e-Iraq), eYola (e-Nigeria) nase-Paris (e-France), noluthe lwakhokelela ekulahlekeni kobomi babantu abamsulwa nokutshatyalaliswa kwempahla nezakhiwo. UMzantsi Afrika ume awugungqi ekugxekeni lonke uhlaselo olugxile kubantu abamsulwa ukwayiphinda indawo yokuba ubunqolobi, nokuba buluhlobo luni na kwaye luvela phi na, alusokuze lunyamezeleke.

4.2. IKhabhinethi iyawaxhasa amanyathelo eKomiti yabaPhathiswa kaRhulumente (i-IMC) engokuNqaba kwaManzi neMbalela ukuthibaza ifuthe negalelo lembalela ikwabongoza uluntu ukuba luwasebenzise ngobunono amanzi khona akwazi ukubakho ngokwaneleyo kwixesha elizayo.

Urhulumente wongeze imali ezizigidi zeerandin ezingama-96,6  kwezizigidi zeerandi ezingama-352,6 yakuqala ebekelwe bucala ukwenzela ukuxhasa amalinge okunika umnyenyevu kwimbalela kweli lizwe. Oku kuquka ukuthengwa kwezigadla ezibeleke iitanki zamanzi ukwenzela ukuba kuhanjiswe amanzi kwimimandla echaphazelekileyo, ukubhola imingxuma yokutsala amanzi nokuyihlaziya, ukongiwa kwamanzi nolawulo lwendlela asetyenziswa ngayo nokwandiswa kwemithombo yamanzi.

ISebe loPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo lwemiHlaba kwimimandla echaphazeleke kakhulu liza kuvumela ukuba kufuduselwe imfuyo kumhlaba karhulumente apho kusekho khona amadlelo angcono. Ukongeza apho, iSebe loLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli nooSodolophu liququzelele ukufezekiswa kwamanyathelo awohlukahlukeneyo wokonga amanzi ngokukhokelwa liSebe lezaManzi noGutyulo.

Oku kuquka ukumiselwa kwemiqathango yokusetyenziswa kwamanzi; ukuhlola ukuthotyelwa kwayo; ukuwisa izohlwayo apho kukho imfuneko khona; ukubeka phambili umba wokulungiswa kweempompo nemibhobho yamanzi evuzayo; ukukhuthaza ubuchwepheshe bokusebenzisa ngobuchule amanzi ezifana nezigcini-manzi zamagumbi angasese ezikhupha amanzi amancinci xa kugungxulwa; ukuqokelelwa kwamanzi emvula nokusebenzisa amanzi asebenzileyo ukunkcenkceshela.

4.3. UMongameli uZuma ebekhokele igqiza laseMzantsi Afrika ukuya kwiNgqungquthela yeeNkokheli ze-G20 e-Antalya, e-Turkey ukususela ngomhla we-15 ukuya kowe-16 kweyeNkanga yowama-2015, Umxholo wale ngqungquthela ubusithi ukuqukeka, utyalo-mali nokufezekisa. UMzantsi Afrika uphakathi kwaMazwe angama-51 athe atyikitya iSivumelwano sokwaBelana ngokuZenzekelayo ngoLwazi lweRhafu e-Berlin, eGermany kweyeDwarha yowama-2015. Amazwe aza kuqalisa ukwabelana ngolwazi ngowama-2017, okuza kuxhaswa ngumthetho ophambi kwePalamente ngoku sithetha nje.

UMongameli Zuma ukwamnkele ukuqukunjelwa kwemiba yokusebenza eli-15 ye-G20/uMbutho weNtsebenziswano yezoQoqosho noKhukuluseko lweziSeko zoPhuhliso neprojekthi yokuShenxisa iNgeniso, ebiyimiba ebaluleke kakhulu ukuqinisekisa  ukungabikho komkhethe nokukhusela imithombo engenisa imali yamazwe e-Afrika esemazantsi eSahara.

4.4. Amalungu eBhunga labaPhathiswa yoMbutho weRhafu yoRhwebo we-Afrika aseMazantsi (i-SACU) ahlangene ngomhla we-11 kweyeNkanga yowama-2015 e-Windhoek, eNamibia kusuku olungaphambi kokumiselwa ngokusesikweni kwekomkhulu le-SACU nengxoxo ezingekho sesikweni zoMongameli neeNkokeli zoRhulumente ze-SACU. Eli bhunga lisebenzise eli thuba ukukhumbuza ngenkqubela esele yenziwe kwiSicwangciso esiManqaku Maathandathu ukususela kwintlanganiso yalo yokugqibela nokugxininisa kwakhona ukuzinikela kwalo kwi-SACU. Ibhunga livumile ukuba i-SACU kufanele ingoneli nje kukwabelana ngemali eyingeniso koko idlulele kwilinge lophuhliso eliza kuxhasa indibaniselwano kulo mmandla. Amalungu amnkele isicwangciso sendlela emakwenziwe ngayo nesicwangciso sokusebenzela ukulungiselela imbizo eza kubanjwa kweyeSilimela yowama-2016. 

4.5. IKhabhinethi iyazamkela iziPhumo zoPhicotho-zincwadi lowama-2014/15 lorhulumente wesizwe nabamaphondo. Le ngxelo ibonakalisa ukuphucuka okuqhubekayo phantse kuyo yonke imiba yophicotho-zincwadi lukarhulumente wesizwe nabamaphondo. Kukhombisa uphuhliso olukekelele kulawulo olungcono nolawulo lwezezimali oluhle nokuxhasa ulawulo olungcono njengokuba amasebe amaninzi efumene iziphumo zophicotho-zincwadi eziungenachaphaza. Oku kuphucuka kukwabonisa ukuba urhulumente usebenza ngamandla ukuqinisekisa ngokuba kufanele akwazi ukuphendula acacise kuzo zonke iinkalo zomsebenzi wakhe.

Nangona kukho oku ukuphucuka, urhulumente uthathe isigqibo sokuqhubekeka exhasa amasebe afumane iziphumo ezingezihle nokuqinisekisa ukuba yonke nje inkqubo karhulumente isebenza ngokugqibeleleyo.

4.6. IKhabhinethi iyakwamkela ukubekwa esikhundle kukaJaji Mandisa Muriel Maya njengoSekela Mongameli weeJaji yeNkundla ePhakamileyo yeziBhenonguMongameli Zuma ngokwemimiselo yecandelo 174 (4) loMgaqo-siseko  weRhiphabliki yoMzantsi Afrika wowe-1996 kunye noJaji Nonkosi Zoliswa Mhlantla njengejaji yeNkundla yoMgaqo-siseko ngokwemimiselo yecandelo 174 (4) loMgaqo-siseko  weRhiphabliki yoMzantsi Afrika wowe-1996.

Oku kubekwa esikhundleni komeleza ukuzinikela koMzantsi Afrika kumakulingwane ngokwesini kwelona nqanaba liphakamileyo nokuqhubela phambili ukudala inguqu kwiinkundla. IKhabhinethi ivuyisana nazo zombini ezi jaji izinqwenelela okuhle kodwa ekwenzeni lo msebenzi ubaluleke kakhulu kwicandelo leeNkundla laseMzantsi Afrika.

4.7. IKhabhinethi ivuyisana noGq S’thembile Ngidi nothe wenza imbali xa ephumelela imfundo enesidanga kwiKholeji yobuGqirha yaseMzantsi Afrika njengongowokuqala ugqirha oyingcali yesifo somhlaza  ongumntu wasetyhini ontsundu aze abe ngowesibini kweli lizwe.

4.8. IKhabhinethi iyamncoma uMenzi weeFilimu waseMzantsi Afrika u-Reina-Marie Loader omboniso-bhanyabhanya wakhe u-‘Horn’ ufumane amawonga amaninzi, kuquka nokuchongelwa iMbasa yokuLondolozwa kweMikhombe yowama-2015 kweyeKhala phantsi kwecandelo: Eyona Filimu iLumnkisayo, iFundisayo neNkxaso-mali, nokuphumelela iMbasa yeYona Filimu yoLondolozo  kuMsitho weFilimu weHlabathi e-New York, e-USA.

4.9. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano olunzulu kusapho, izihlobo nezalamane zikaSekela-Mphathiswa wezaManzi noGutyulo, uNksz, Pamela Tshwete, ngokushiywa ngumama wakhe, uMama uRuth Nomzi Zondeki.

4.10. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano olunzulu kurhulumente waseNew Zealand, usapho, izihlobo nezalamane neManyano yeBhola yoMboxo yaseNew Zealand ngokushiywa ngumdlali womboxo oyimbalasane, uJonah Tali Lomu, nobe nefuthe elikhulu kulo mdlalo.

5. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emzemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo
5.1. Ukwandiselwa iminyaka emihlanu kweSivumelwano seNgqesho sikaMnu Maswahle Diphofa – uMlawuli Jikelele (u-DG): kwiSebe lezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo.

5.2. Ukwandiselwa iinyanga ezilishumi elinesibini kweSivumelwano seNgqesho sikaNksz Nonkululeko Sindane –u-DG: iSebe lezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.

5.3. UMn uLivhuwani Tommy Makhode njengoSekela-DG: uCwangciso lweZiko neNkxaso kwiSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe

5.4. UMnu Rory Gallocher njengeGosa lesiGqeba eliyiNtloko soGunyaziwe woLawulo lezeziNdlu zoluntu.
5.5. UGq Pradish Rampersadh njengoMlawuli okwisiGqeba soLawulo  omtsha weBhunga lamaGcisa ezeNzululwazi yeNdalo lwaseMzantsi Afrika.
5.6. UMnu Mark Barnes njengeGosa lesiGqeba eliyiNtloko lePosi yoMzantsi Afrika5.7. IBhodi yeBhanki yoPhuhliso ye-Afrika eseMazantsi:

i. UMnu Jabulani Philip Moleketi – (uqeshiwe kwakhona ekwanguSihlalo);
ii. UMnu Msokoli Frans Baleni – (uqeshiwe ekwanguSekela- Sihlalo);
iii. UNksz Martie Janse van Rensburg – (uMlawuli ongekho kwisigqeba soLawulo);
iv. UNksz Malijeng Theresa Ngqaleni – (uMlawuli ongekho kwisigqeba soLawulo); no-
v. UNksz Kameshni Naidoo – (uqeshiwe kwakhona njengoMlawuli okwisiGqeba soLawulo).

5.8. IBhodi yeNkampani ye-Inshorensi yoMngcipheko oKhethekileyo yaseMzantsi Afrika:
i. UNksz Margaret Octavia Ndlovu – (uqeshi kwakhona ekwanguMlawuli ongekho kwisiGqeba soLawulo); no-
ii. UNksz Bulelwa Mnkangisa – (uqeshi kwakhona ekwanguMlawuli ongekho kwisiGqeba soLawulo).

Imibuzo: UNksz Phumla Williams (iSithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Umnxeba woqhagamshelwano: 083 501 0139

 

Share this page

Similar categories to explore