Ukuqeshwa kwicandelo lenkonzo yoluntu

Ungasifaka njani isicelo sengqesho kwaRhulumente

Izithuba kumasebe esizwe nawamaphondo zivalwa ngokuqesha abasebenzi asele besebenza okanye ngokumema izicelo kwabo bangasebenzeli uRhulumente. Izithuba zezikhundla eziphezulu, oko kukuthi, iinkonzo zabalawuli abaphezulu, kufuneka zipapashwe kwilizwe jikelele ukuze kuqeshwe kwabo sele besebenzela nabo bangasebenzeli uRhulumente.

Izithuba ngokomthetho zipapashwa kuLuhlu lweziThuba kuRhulumente elilungiselelwa lipapashwe rhoqo ngeveki liSebe lezabaSebenzi bakaRhulumente  noLawulo (i-DPSA).

ULuhlu lweziThuba kuRhulumente lazisa abasebenzi bakarhulumente ngezithuba ezikhoyo kumaSebe kaRhulumente.  Abantu abangasebenzi kuRhulumente kodwa babe bezinqwenela izithuba ezipapashiweyo kufuneka baqale babuze kwisebe elipapashe isithuba ukuba bangasifaka na isicelo. Iinkcukacha zonxibelelwano zamasebe apapashe izithuba zikhona kolu Luhlu.

Amanye amasebe afana nelezoKhuselo angafuna ukuba uhlolwe ngugqirha phambi kokuba isicelo sakho sithathelwe ingqalelo.

Ekufuneka ukwenze

  1. Khangela kwi-intanethi uxwebhu i-Z83 uligcwalise (isiCelo seNgqesho). Olu xwebhu ungalifumana nakweliphi na isebe lesizwe okanye lephondo.
  2. Faka nencwadana enamagqabantshintshi ngamava nemfundo yakho (i-CV). Isebe lingakuyalela ukuba ufake neekopi zeziqinisekiso zemfundo, incwadi-sazisi kunye namanye amaxwebhu angawe aqinisekisiweyo. Nceda ufunde isipapasho eso ngocoselelo ukhangele ukuba yintoni na enye ekufuneka uyifakile.
  3. Faka uxwebhu i-Z83 lakho eligcwalisiweyo kunye nawo onke amanye amaxwebhu afunekayo kwidilesi ebhalwe kwisipapasho eso.
  4. Ingabuya nempendulo echaza ukuba isicelo sifikile, kodwa oku kuxhomekeka kwindlela eliqhuba ngayo isebe elo.

Kuthatha ixesha elingakanani?

Inkqubo elandelwayo xa kuqeshwa iyahluka ngokwamasebe, kodwa injongo kukuba ikhawuleziswe igqitywe ngesithuba esifutshane kangangoko.

 

Share this page