INtetho engoBume beSizwe (i-SoNA) nguMongameli uCyril Ramaphosa

INtetho engoBume beSizwe (i-SoNA) nguMongameli uCyril RamaphosaIHolo lesiXeko saseKapa

Somlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe (i-NA), Nksz Nosiviwe Mapisa-Nqakula,
Sihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo (i-NCOP), Mnu Amos Masondo,
Sekela-Mongameli weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika, Mnu Paul Mashatile noNkskz Mashatile,
Owayesakuba nguMongameli, uThabo Mbeki,
Owayesakuba nguSekela-Mongameli Phumzile Mlambo-Ngcuka,
Owayesakuba nguSomlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe, Baleka Mbete,
Jaji eyiNtloko Raymond Zondo,
ISekela leJaji eyiNtloko, Nks Mandisa Maya,
Iijaji ezahlukeneyo ezikhoyo apha,
Sodolophu wesiXeko saseKapa, Mnu Geordin Hill-Lewis,
Intloko yooNozakuzaku kunye neeNtloko zooNozakuzaku zeeNgingqi,
Iintloko zamaZiko kaRhulumente aXhasa uLawulo lweNtando yeSininzi,
Abantu abaHloniphekileyo abamele amaphondo ethu asithoba,
Malungu ePalamente,
Bemi boMzantsi Afrika,

Ngethuba silungiselela le Ntetho ingoBume beSizwe (i-SoNA), sothuswe kakhulu sisithwakumbe esibuhlungu sokusweleka kukaGq Hage Geingob, uMongameli weRiphablikhi yase-Namibia.

UMongameli Geingob ebengumhlobo osentliziyweni kum nakubantu boMzantsi Afrika futhi ebeliqabane esasinalo ngethuba loMzabalazo wenkululeko. Ebeliqhawe ebelisilwela uxolo, ubumbano, inkqubela kunye nophuhliso e-Afrika.

Ndicela sithathe umzuzwane, sithobe iintloko sihloniphe eli qhawe.

Bemi boMzantsi Afrika,

Le SoNA iqhuba ngonyaka wama-30 silawulwa ngokwentando yesininzi.

Ngomhla wama-27 kuTshazimpunzi 1994, izigidi zabantu boMzantsi Afrika bavota kunyulo lwentando yesininzi, uninzi lwabo okokuqala ebomini babo.

Lo mhla uyimbali wazalwa lidabi elaqhuba iinkulungwane zeminyaka, iDabi lokukhulula abantu bakuthi kumakhamandela entsokolo nengcinezelo, kumakhamandela okuhluthelwa umhlaba nokuxhatshazwa, nakumakhamandela endlala nokungalingani.

Ngethuba sime kwimintyangambo yemigca sisiya kuvota, sasichulumancile sincokola sivakalisa uvuyo esinalo, sikwenza oko sichiphiza iinyembezi zovuyo.

Izihlobo kunye nabo bangazaniyo babemntu mnye, begcotyiswa kukwazi ukuba balwela ingomso elinye lokuba siza konyula urhulumente oza kusilawula ngokusebenzisa ivoti.

Kwezo bhokisana zeevoti sasingafaki nje amaphepha okuvota, koko sasifaka iphupha lesizwe esifuna ukusakha.

Elo yayiliphupha loMzantsi Afrika wakhe wonke umntu ohlala kuwo, bebumbene nangona bezintlanga ezahlukeneyo.

Ihlabathi lalibukele uNelson Mandela, umongameli wokuqala wentando yesininzi wezwe lakuthi, evota e-Inanda kwiphondo laKwaZulu-Natal, apho ikhoyo inkaba kaShaka, igorha eliyimbali nanamhlanje; apho wazalelwa khona u-John Langalibalele Dube, uMongameli wokuqala we-ANC, yena owadibanisa onke ama-Afrika, futhi ikwanguwo nombutho kaNkosi Albert Luthuli, ongumdaka wokuqala wase-Afrika ukuwongwa ngembasa yoxolo ka-Nobel, i-Nobel Peace Prize.

Okuyinene kukuba into yokuba avotele e-Inanda, apho likhoyo ingcwaba lika-John Langalibalele Dube, kwakunentsingiselo enzulu kuba ngokuvotela kula ndawo, wayeyokunika ingxelo uMongameli wokuqala we-ANC emchazela ukuba umzabalazo uqhuba njani na.

Emva kokuvota, uMadiba wathetha wenjenje:

“Esi sisiqalo sexesha elitsha. Ngoku sisukile kwixesha lokungabi nathemba ngekamva lethu, kwixesha lokuba zintlaba-zahlukane, lokungabi namathuba oneleyo, lezidube-dube nongquzulwano. Ngoku singena kwixesha elitsha lethemba, uxolelwaniso nelokwakhiwa kwesizwe.”

 

Eli phupha lethu labantu abakhululekileyo nabayimbumba, licacisiwe kuMgaqo-siseko walo rhulumente wethu ulawulwa ngokwentando yesininzi.

Ngulo Mgaqo-siseko ubusikhokelo esisisebenzisayo kumalinge ethu sonke kule minyaka ingama-30 idlulileyo okutshintsha eli lizwe lakuthi libe ngcono, futhi kufuneka ube likhubalo esime ngalo kuyo yonke imisebenzi esiyenzayo yokwakhela wonke umntu ubomi obungcono.

Kule minyaka ingama-30 idlulileyo besiqhuba amalinge okwakha isizwe esitsha – isizwe esilawulwa ngokwentando yesininzi.

Sasilwa sasilahla kude isihelegu socalu-calulo saze sakha isizwe esilawulwa ngokwentando yesininzi.

Sakhe amaziko angqongqo okukhusela amalungelo abalulekileyo kunye namalungelo oluntu omntu wonke.

Senze utshintsho olumandla kwiimpilo zezigidi zabantu boMzantsi Afrika, sibanika iinkonzo ezibalulekileyo zobomi futhi sibadalela namathuba abangazange babenawo ngaphambili.

Sivule uqoqosho lweli lizwe olunezimbiwa ezityhutyha lonke eli limiweyo, oluneemveliso zolimo ezirhweba kwihlabathi liphela kunye neempahla eziveliswe kweli ezihamba mbombo zone zehlabathi. Konke oku, sikwenza nemisebenzi eMzantsi Afrika.

Njengesizwe siyekile ukuba likheswa, ngoku siyinxalenye yamazwe ehlabathi, kwaye silwela uxolo futhi sisakha nobuhlobo nawo onke amazwe futhi nabo bonke abantu.

Nangona singenakuwukhanyela umsebenzi owenziweyo kule minyaka ingama-30 idlulileyo, kodwa akufuneki sizibethe ngoyaba iingxaki neenzima esisajamelene nazo.

Sisuka kumaxesha obunzima ngethuba eli lizwe lethu lilawulwa ngentando yesininzi lidlikidlwa zinzima licofwa ukuqinika kwefokotho.

Bekukho amaxesha apho izinto ezenzeka ngaphaya kwemida yethu isibambezela kwimisebenzi yethu.

Umbhodamo owenzeka kuqoqosho lwehlabathi ngowama-2007 nangowama-2008 waludodobalisa uqoqosho lweli olwalukhula ngesantya esiphezulu futhi ludala nemisebenzi emininzi.

Ungquzulwano lwakutsha nje phakathi kwe-Russia ne-Ukraine lube negalelo kwingxaki yokunyuka kwamaxabiso amafutha ezithuthi, okutya nakwezinye iimpahla kwihlabathi liphela – futhi lwenze izinto zanzinyana kubo bonke abemi boMzantsi Afrika.

Bekukho namaxesha apho izinto ezenzeka apha ekhaya nazo zathi zasigungqisa isizwe sakuthi.

Mhlawumbi owona monakalo mkhulu wenzeke ngethuba lokubanjwa kombuso ngobhongwane.

Kwisithuba esingangeminyaka elishumi, izikhulu eziphezulu kuMbuso zenza amayelenqe namagosa ecandelo labucala lokuba benziwe oopokobhane abo babaphethe amashishini karhulumente, ii-arhente zogcino-mthetho kunye namaqumrhu karhulumente.

Kwezinye iimeko, le mikhuba yayiphekwa ngamashishini alapha kunye namazwe angaphandle.

Iimali ezibhiliyoni zeerandi eyayibekelwe iimfuno zabemi boMzantsi Afrika yathotywa nemilenze.

Abantu baphelelwa lithemba kurhulumente wethu. Amaqumrhu karhulumente ayelicheya elisisisulu sakhe nabani na.

Umonakalo owenziwa ngumkhuba wokubanjwa kombuso ngobhongwane usabonakala nangoku kwizwe lakuthi. Ubonakala kwintlungu yokunqongophala koololiwe bokuthutha iimpahla ukuya kwiinkonzo zoluntu ezihexayo, ukungasebenzi ngokufanelekileyo kwamaziko ophehlo-mbane ethu nakumaphulo ophuhliso angaqhubeli phambili.

Kodwa abemi boMzantsi Afrika, kuquka namagosa karhulumente azinikeleyo nathembekileyo, baye babeka unyawo phantsi bathi unotshe, bawusiphula nengcambu lo mkhuba wokubanjwa ngobhongwane kombuso.

Ngoku sekunjalo, zange bayeke oohlohlesakhe ukuzama ukuphazamisa amalinge okulwa lo mkhuba.

Sizazikhumbula kakuhle izidube-dube zenyanga yeKhala yowama-2021, ngethuba oohlohlesakhe befuna ukuphemba uvukelo-mbuso, malinge lawo athi akhokelela ekuswelekeni kwabantu abaninzi kunye nokutshatyalaliswa kweempahla.

Nakuleyo imizamo batsho phantsi.

Le mikhuba yokuzama ukusibuyisela emva yaphanza kuba abemi boMzantsi Afrika bema abavuma, babambisana bekhusela uMgaqo-siseko kunye nezithembiso owazenzayo wobomi obungcono kumntu wonke.

Sasebenzisa esi sibindi sinye esasincedayo satsho sakwazi ukumelana nobhubhane oweza ne-COVID-19, oyena bhubhane wehlabathi wayembi kakhulu kwisithuba esingaphezulu kwenkulungwane.

Abemi boMzantsi Afrika abangaphezulu kwama-100 000 bathi basutywa kukufa ngenxa yesi sifo baze abazizigidi ezibini baphulukana nemisebenzi.

Kodwa lo bhubhane ngewawugqugqise kakhulu ukuba sasingazange sisebenze ngokubambisana siyithintele singayisasazi la ntshongwane, sinike inkxaso koonompilo, sikhusele abantu abangathathi ntweni futhi siqalise inkqubo yogonyo eyiyona inkulu ezimbalini.

Sakwazi ukwenza isizwe simanyane silwele ukusindisa impilo kunye nobomi babantu.

 

Ndibamba ngazibini kumawaka abemi boMzantsi Afrika abafaka isandla kwi-Solidarity Fund, kubasebenzi ababevelisa amachiza nezixhobo zonyango, kunye nabongikazi, oogqirha kunye nabanye oonompilo ababeka emngciphekweni iimpilo zabo benakekela abo babegula.

Omnye umngeni esifuna ukulwa nawo ngowobundlobongela obusekelwe kwisini nokubulawa kwamanina (i-GBVF), thina esibubona njengobhubhane wesibini.

Njengorhulumente siphumeze imithetho saze sagalela imali kumalinge okutshutshisa abenzi bobubi, sinika inkxaso engcono kumaxhoba futhi sisilelwa nokuxhotyiswa kwamanina ngezoqoqosho.

Njengesizwe, kufuneka siwaqinise amalinge ethu okusiphula i-GBVF neengcambu.

Kule minyaka imbalwa idlulileyo, isizwe sakuthi sijongene nengxaki yoguqu-guquko lwemozulu.

Sikhe sanengxaki yemililo yamadlelo egqugqisayo kwiphondo laseNtshona Koloni, izikhukhula ezibi kwiphondo laKwaZulu-Natala, ilanga elitshisa ngamandla kwiphondo laseMntla Koloni kunye neendunduma ezoyikisayo eGauteng.

Umsebenzi omninzi walo mbuso uphetheyo ubugxile kakhulu ekulweni ezi ngxaki nasekuqinisekiseni ukuba siyegqitha kuzo size sibuyele kwimeko yesiqhelo.

Nangona uvakala umonakalo owenziwe zezi ziganeko, kodwa izwe lakuthi liphume litshaya, lingaqhwaleli ngandawo.

Ewe kona izivubeko ziyavakala, kodwa akukho nasinye esisishiye singamatywantsi, singabemi boMzantsi Afrika.

Khange sinyamezele nje kuphela koko siphume somelele futhi sihlaziyeke nangakumbi.

Onke la malinge abonise ukuba akukho nto bayixabisa njengenkululeko yabo abayilelwa iminyaka emininzi abemi boMzantsi Afrika.

Le minyaka yokuqala ingama-30 yeli lizwe lethu lilawulwa ngokwentando yesininzi ibaliswe ngumntwana ogama linguTintswalo, owazalwa kanye nale nkululeko yethu ngowe-1994.

UTintswalo – oyintaka yale Nkululeko yethu ukhule kwisizwe esahluke kakhulu kulo Mzantsi Afrika babekhulele kuwo abazali, oomawomkhulu kunye nookhokho bakhe.

Ukhulele kwisizwe esilawulwa ngokomgaqo-siseko okhokelisa phambili ulingwano, umthetho, ukulwelwa kwesidima sakhe ummi weli.

UTintswalo, kunye noontanga bakhe abaninzi, bangabantu bokuqala ukuxhamla kwimigaqo-nkqubo yoMbuso olawulwa ngokwentando yesininzi yeenkonzo zezempilo ezisimahla ebantwini abakhulelweyo kunye nabantwana abaneminyaka engaphantsi kwemithandathu ubudala.

UTintswalo ukhulele kwindlu esisibonelelo sikarhulumente, enye yezindlu ezizigidi ezakhelwe abantu abangathathi ntweni.

UTintswalo ukhulele kwikhaya elinamanzi kunye nombane osimahla, kwindlu endikrokrayo ukuba abazali bakhe babengenawo phambi kowe-1994.  

UTintswalo ufunde kwisikolo apho kwakunganyanzelekanga ukuba abazali bakhe bambhatalele imali yokufunda, futhi kwisikolo apho ebefumana ukutya okuya egazini yonke imihla njengenxalenye yenkqubo karhulumente exhanyulwa ngabanye abantwana abazizigidi ezilithoba abaphuma kumakhaya asokolayo.

Lo Rhulumente ulawulwa ngokwentando yesininzi umnike isiBonelelo saBantwana ukwenzela ukuba akwazi ukuzifumana izinto ezingundoqo. Esi sibonelelo kunye nezinye izibonelo zentlalo zikarhulumente, siso abasele bexhomekeke kuso abanye abemi boMzantsi Afrika abazizigidi ezingama-26 ukuze bagxothe ikati eziko.

Ngesi sisibonelelo, uTintswalo – umntwana oyintanga yenkululeko yethu – ukwazile ukufunda agqibe esikolweni.

Ngoncedo lweSikimu seSizwe seMali yokuFunda yabaFundi (i-NSFAS), uTintswalo ufunde kwenye yeekholeji zethu zoQeqesho neziFundo zeZandla nobuChule (ii-TVET) wada waziphumelela izifundo zakhe.

Ngethuba uTintswalo eqala ukusebenza, wathi wakwazi ukuntinga ngenxa yoncedo lwenkqubo yolingwano ngokwengqesho kunye nemigaqo-nkqubo yokuXhotyiswa kwabaNtsundu ngezoQoqosho (i-BEE).

Ngemali azenzele yona, ukwazile ukuzigcinela imali, wazifunela iqabane bafumana abantwana, wazifunela eyakhe indlu ukuze akwazi ukuphila ubomi obungcono.

La ngamanqanaba ahanjwe zezinye izigidi zabantu abazelwe ngethuba kuphethe lo rhulumente ulawula ngokwentando yesininzi. Kodwa, ayingabo bonke abafumene le ntlahla ifunyenwe kuTintswalo.

Kuba, nangona zininzi izinto ezintle esizenzileyo kule minyaka ingama-30 idlulileyo, abantwana abaninzi abazalwa kunye nale nkululeko yethu basajamelene neengxaki ezininzi.

Izigidi zabantu abatsha abaneminyaka yobudala esuka kweli-15 ukuya kwengama-24 abaphangeli, abafundi futhi akukho luqeqesho balufumanayo.

Baninzi abaphumelele ibanga lematrikhi, abaneediploma okanye izidanga abangafumani misebenzi. Baninzi nabangenamali yokuziqalela amashishini.

Nangona uhlumo loqoqosho lubalulekile ukuze kwehle inani labantu abangaphangeliyo, sikulangazelela ngabomvu ukunika aba bantwana bazelwe kunye nale nkululeko siyixhamlayo ukuba bafumane imisebenzi.

Njengorhulumente, sithathe amanyathelo okulungisa le ngxaki yokungaphangeli kolutsha.

Kule minyaka mithathu idlulileyo, sisakhela kwiziphumo ezincumisayo zeNkqubo eNatyisiweyo yeMisebenzi kaRhulumente (i-EPWP), siseka isibonelelo semisebenzi sikaMongameli, i-Presidential Employment Stimulus.

Ngale nkqubo, sidale amathuba emisebenzi nawokuphucula impilo angaphezulu kwisigidi esiyi-1.7.

Ngesi sibonelelo, sifake abancedisi-zikolweni abangaphezulu kwesigidi, kwizikolo ezingama-23 000, ngolo hlobo sinika aba bantu batsha amava omsebenzi futhi siphucula neziphumo zezifundo ngaxeshanye.

Ngokusebenzisa i-Presidential Youth Employment Intervention, sathi saseka i-SAYouth.mobi njengekhasi lonxibelelwano elingahlawulelwayo sisenzela abantu abatsha abangaphangeliyo ukuze bakhangele amathuba okufunda nawokufumana imali.

Abantu abatsha abangaphezulu kwezigidi eziyi-4.3 ngoku bayalisebenzisa eli khasi futhi bona abasisigidi esiyi-1.6 sele bewafumene amathuba.

Simisele namanye amalinge aliqela, sisebenzisana ne-Arhente yeSizwe yoPhuhliso loLutsha (i-NYDA) okunika abantu abatsha amathuba. La malinge aquka ne-National Youth Service kunye ne-Youth Employment Service.

Ezi nkqubo zibalulekile kuba imisebenzi ibalulekile ebantwini. I-NYDA idlale indima enkulu ekuncedeni abantu abatsha abaliqela ukuba bakwazi ukuziqalela awabo amashishini.

Ukufumana umsebenzi akukuniki nje umvuzo kuphela – koko kubalulekile kuba kumenza umntu azive enesidima, exabisekile, enethemba, enamaphupha futhi engeyonkomo idla yodwa.

Kule minyaka ingama-30 idlulileyo senze konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba siyazonyula kwiindlala ebomvu nokungalingani, ngolo hlobo saqinisekisa ukuba bonke abemi boMzantsi Afrika banamathuba alinganayo okuntingela ezinkwenkwezini.

Akwanelanga nje ukuthetha ngeentlungu zangaphambili, kufuneka sizilungise.

Siphumeze imithetho saze saqalisa neenkqubo eziza kunceda imidaka entsundu yoMzantsi Afrika kunye namanina ukuba bakhule emisebenzini, babezizikhulu kunye nabanikazi bamashishini, bakwazi ukuthenga umhlaba bazakhele ubutyebi.

Umyinge wezikhundla eziphezulu ezibanjwe ngabantu abamnyama wanyuka ngokuphindwe kahlanu phakathi kowe-1996 nowama-2016.

Eminye imingeni owawujongene nawo lo mbuso wathatha intambo zolawulo ngowama-2019 kukubanjwa kombuso ngobhongwane kunye norhwaphilizo.

Eyona nto ebesiyikhokelise phambili ibikukulwa umkhuba wokubanjwa kombuso ngobhongwane, sisuse abo babesophula umthetho kumbuso size siqinisekise nokuba abenzi bolwaphulo-mthetho baziswa ngaphambili.

Kwakunyanzelekile ukuba senze loo nto ukuze sikwazi ukubuyisela amaqumrhu karhulumente kwisimo esifanelekileyo size sakhe ngokutsha uqoqosho lwelizwe lakuthi.

Sathi saqesha abantu abanezakhono nabathembakeleyo ukuba babe zintloko zee-arhente zogcino-mthetho zezwe, amasebe karhulumente, iinkonzo zokhuseleko kunye namashishini karhulumente, kumaxa amaninzi oku sikwenza ngokulandela iinkqubo eziqhutywa elubala.

Isidima sibuyiselwe futhi uphucukile nomgangatho womsebenzi wamaziko amaninzi afana neZiko lezeRhafu loMzantsi Afrika (i-SARS).

Simisele iCandelo lezoPhando njengecandelo leengcali elenza imisebenzi eyahlukeneyo phantsi kweGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA) lokuphanda urhwaphilizo nezinye iintlobo zolwaphulo-mthetho ezinobuzaza.

Mkhulu umsebenzi osele wenziwe ukuqinisekisa ukuba abo babekhankathele umkhuba wokubanjwa kombuso ngobhongwane baziswa ngaphambili.

Sithetha nje abantu abangaphezulu kwama-200 bahamba ezinkundleni bexoxa amatyala. Abaninzi basaphandwa.

Iimali ezazibiwe ziyabuyiselwa.

Imiyalelo yokuthinjwa kweempahla ezixabisa imali ezibhiliyoni zeerandi ezili-14 sele inikezelwe iCandelo looNothimba le-NPA. Ezi mali zezamatyala anxulumene nokubanjwa ngobhongwane kombuso, futhi imali efunyenwe ngemikhuba yorhwaphilizo ezibhiliyoni zeerandi eziyi-8.6 sele ibuyiselwe kurhulumente.

I-SARS ehlaziyiweyo nebuyiselwe kwimo yayo yangaphambili sele iqokelele imali ezibhiliyoni zeerandi eziyi-4.8 iyithatha kwirhafu engahlawulwanga isebenzisa ubungqina obabunikwe ngethuba leKhomishini, ngelithuba lona iCandelo eliKhethekileyo loPhando (i-SIU) sele lifake amatyala axabisa imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-64.

Sithathe amanyathelo, aquka imithetho, ukwenza ngqingqwa amalinge ethu okuthintela ukuthutyeleziswa okanye ukugudiswa kwemali kutye nobuqhetseba size sizame nokuba kususwe i-Financial Action Task Force kuluhlu lwabo banebatha kwindlela abazibhatala ngayo izikweliti.

Ngoncedo lwamashishini, simisele icandelwana lokuphanda nge-intanethi lokuxhasa ICandelo lezoPhando le-NPA, eliza kwandiswa kungekudala kusenzelwa ukuba lixhase ngokubanzi kumaphulo ogcino-mthetho.

Sithetha nje sele uthiwe thaca ePalamente umthetho wokuba eli Candelo lezoPhando limiselwe ngokusesikweni njengequmrhu elisisigxina elinamagunya agcweleyo okuphanda.

Kodwa usemninzi umsebenzi ekufuneka wenziwe ukuze lusitshulwe neengcambu urhwaphilizo.

Ngokweziphakamiso ezenziwe liBhunga leSizwe leeNgcebiso ngokuLwa uRhwaphilizo, sizimisele ukuza namalinge amatsha okwenza ngqingqwa ii-arhente zeli zokulwa urhwaphilizo, ukukhusela oodiz’amahlebo, ukulawula iindlela zokulukuhla nokuthintela ukuba abameli babantu babekwe phantsi konxinzelelo ngendlela engeyiyo kwimicimbi enxulumene nentengo.

Asizikuphumla bade babanjwe bonke abo babandakanyeka kurhwaphilizo.

Asizikuphumla ide ibuye yonke imali ebiweyo.

Eyona ntlungu yokwenene eyeza nokubanjwa ngobhongwane kombuso kukuthatha imali urhulumente ebeza kuyisebenzisela izinto ezibalulekileyo, ezikukukhulisa uqoqosho lweli lizwe nokudala imisebenzi.

Kule minyaka mihlanu idlulileyo, senze konke okusemandleni ukuvuselela uqoqosho lweli obelusebugxwayibeni isithuba seminyaka elishumi nokulukhusela lungaxikixwa zingxaki zalapha ekhaya nezehlabathi.

Ukhona umsebenzi esele siwenzile.

Uqoqosho lweli lizwe namhlanje likhulu ngokuphindwe kathathu koluya lweminyaka engama-30 eyadlulayo.

Inani labemi boMzantsi Afrika abaphangelayo linyuke lisuka kwizigidi ezisibhozo ngowe-1994 laza kubantu abangaphezulu kwizigidi ezili-16.7 ngoku.

Kule minyaka mibini idlulileyo, inani lemisebenzi edaliweyo belinyuka rhoqo ngekota, kwaye ngoku inani labantu abaphangelayo lingaphezulu kwelabo babephangela phambi kokufika kubhubhane.

Kodwa, izinga lentswela-misebenzi liselelona liphezulu ezimbalini.

Nangoku inani labantu abaphangelayo likhulayo, elabantu abafuna imisebenzi ngonyaka ngamnye lingaphezulu kwizithuba zemisebenzi ezivelayo.

Siwenzile amalungiselo okukhuthaza uhlumo ngokuqulunqa iinkqubo zokwenza iinguqu kwezoqoqosho, iphulo lokutsalela utyalo-mali kweli, inkqubo yokwakhiwa kweziseko ezingundoqo eqalisa ukuza neziphumo ngoku.

 

Iinkampani ziyaqhubeleka nokutyala imali, amawaka eehektare zomhlaba wokulima ayalinywa, iifektri ezintsha ziyavulwa kwaye nomthamo wemveliso uyenyuka.

Sisekhondweni lokususa eyona miqobo inzima ithintela uhlumo loqoqosho ngokuthi sizise uzinzo kwicandelo lezamandla silungise neli lokuthuthwa kwemithwalo emikhulu.

Ngokuye siyisusa le miqobo, uqoqosho lweli lizwe nalo luza kuqalisa ukusibonisa imimangaliso.

Sinesicwangciso esicacileyo sokuphelisa le ngxaki kacimi-cimi wombane, ekudala sisilandela futhi singagungqi oku sikwenza sisebenzisa iKomiti yeSizwe yokuLwa iNgxaki yoMbane, i-National Energy Crisis Committee.

Sizizalisekisile izithembiso zethu zokuba sithenge umbane omtsha oveliswa zinkampani zabucala ugalelwe kulo wesizwe, into leyo ethe yanceda yaphungula le ngxaki kacimi-cimi wombane.

Kulo nyaka uphelileyo, siqalise ngesicwangciso sokulwa ityala, into leyo iza kunceda u-Eskom ukuba akwazi ukuba nemali azakuyisebenzisela ukukhanda nokugcina ubuxhaka-xhaka bakhe busemgangathweni nakwiziseko zakhe zokuhambisa umbane nokuqinisekisa ukuba kukho uzinzo kweli qumrhu ukususela ngoku.

Ukususela oko sathi sayivuselela inkqubo yethu yombane ohlaziyekayo kule minyaka mihlanu idlulileyo sele sigalele kuvimba wombane wesizwe umbane osuka kwisola nakumaphiko omoya oyi-2 500 MW, futhi omnye ophindwe kathathu kulo wona kusenziwa amalungiselo okuwuthenga, omnye wona kusakhiwa ubuxhaka-xhaka bawo.

Ngokusebenzisa izibonelelo zerhafu kunye nenkxaso-mali, silongeze ngokuphindwe kabini inani lamacangca esola axhonywa phezu kwezindlu kulo lonke eli kulo nyaka uphelileyo.

Siqulunqe imithetho emitsha ukuze sincede ukuba icandelo labucala lityale imali kumsebenzi wokuphehlwa kombane, kwaye sithetha nje kukho iiprojekthi ezintsha zabucala ezili-120 eziqhubayo.

Ezi projekthi zizo eziphambili kumalinge ethu okwenza iinguqu kwicandelo lezamandla kweli lizwe ngolo hlobo silandela indlela esele kuqhutywa ngayo kumanye amazwe ukuze kwenziwe eli candelo likwazi ukumelana nokhuphiswano futhi kuthotywe namaxabiso.

Ngala manyathelo, siye saqinisekisa ukuba noko sele sigqithile kwelo xesha linzima kwaye sekumbovu ukuba le ngxaki kacimi-cimi wombane siyiphose kwelokulibala.

 

Kodwa asizuphelela apha.

Ukuze siqinisekise ukuba le ngxaki siyiphosa kwelokulibala ngenene, senza iinguqu kwinkqubo yethu yezamandla ukuyenza ukuba ikwazi ukumelana nokhuphiswano, izinze futhi ithembeke naphakade.

Siza kufakela iintambo ezintsha zokuhambisa umbane ezizikhilomitha ezingama-14 000 ukulungiselela lo mbane uhlaziyiweyo kule minyaka izayo.

Ukukhawulezisa le nkqubo, siza kuvumela iinkampani zabucala zityale imali kwiziseko zokuhambisa umbane ngokusebenzisa iintlobo ezahlukeneyo zokutyala imali.

Kulo nyaka uphelileyo, siye sathi thaca uMthetho-siHlomelo oYilwayo woLawulo loMbane ukwenzela ukuxhasa umsebenzi wokwenza iinguqu ku-Eskom kuze kwenziwe icandelo lombane likwazi ukukhuphisana.

Ngokuqhubeleka nezi nguqu zizama ukulungiselela uqoqosho lweli lizwe likwazi ukukhula kule minyaka izayo apho kuza kube kukho ingxaki yokuguqu-guquka kwemozulu futhi ilixesha lokukhonya kohlobo lombane ongenabungozi kokusingqongileyo.

Kule minyaka mithathu idlulileyo, izwe lakuthi liye laxhatshakelwa zingxaki ezinxulumene nemozulu embi kakhulu, futhi iziphumo zoku bezizibi kakhulu.

Yiyo loo nto silandela le nkqubo yokutshintshwa ngobunono kohlobo lwamandla asetyenziswayo. Le nkqubo ayizikuphungula nje kuphela isisi sekhabhoni esikhutshwayo futhi ilwe nokuguqu-guquka kwemozulu, koko iza kuza nohlumo ize idalele abantu bakuthi imisebenzi.

Olu tshintsho luza kuhamba ngesantya esifanelekileyo, luthathe umgama ongazikusahlula futhi lingatyabuli mali ingaphaya kwamandla wethu, konke oku kusenziwa kuqinisekiswa ukuba sinombane owaneleyo.

Njengoko sinelanga eligqatsa imihla nezolo, umoya obhudla yonke imihla futhi sityebile nangezimbiwa, siza kudala amawaka emisebenzi kwicandelo lombane ohlaziyekayo, kwelehaydrojini engeyobungozi kokusingqongileyo, kwisinyithi esingeyongozi kokusingqongileyo, kwizithuthi ezihamba ngombane kunye nakwezinye iimveliso ezingenabungozi kokusingqongileyo.

Kwiphondo loMntla Koloni, elaziwa ngokulungela kanye ubuxhaka-xhaka besola, sele kutyalwe imali ezibhiliyoni zeerandi.

Siza kwakha uMmandla oKhethekileyo wezoQoqosho (i-SEZ) kwizibuko lase-Boegoebaai eliza kugxininisa kakhulu kutyalo-mali kumbane ongeyongozi kokusingqongileyo. Zininzi iinkampani zabucala ezifuna ukuxhamla kula mathuba aza kuvela kwiiprojekthi zehayidrojini engeyongozi kokusingqongileyo.

Sigqibe kwelokuba sikuxhase ukuveliswa kwezithuthi ezihamba ngombane eMzantsi Afrika ukuze sikhulise icandelo lokuveliswa kwezithuthi, elinemisebenzi encumisayo exhanyulwa ngamawaka abasebenzi.

Sigqibe kwelokuba sigxininise kakhulu kwimimandla efana nephondo laseMpumalanga ukuze silincede lakhe imizi-mveliso emitsha, amathuba ezoqoqosho amatsha kunye nemisebenzi esisigxina.

Futhi kulo nyaka uphelileyo siyinyusile imali ekuthenjiswe ukuba iza kugalewa kwisiCwangciso soTyalo-mali kwiNkqubo yokuTshintsha Amandla esiWasebenzisayo ngobuNono (i-Just Energy Transition Investment Plan) isuka kwiibhiliyoni zeerandi ezili-170 yaya kutsho kwimali ephantse yazibhiliyoni zeerandi ezingama-240.

Ukulungisa lo monakalo wenziwa rhoqo kukunyuka kwamaqondo obushushu ehlabathini, esiwubona ngezikhukhula ezingapheliyo, imililo kunye nembalela ethe gqolo, sigqibe kwelokuba siseke ingxowa-mali yokulwa utshintsho lwemozulu, i-Climate Change Response Fund.

Le ngxowa-mali iza kudibanisa onke amaqoqo karhulumente kunye necandelo labucala kwilinge lokusebenzisana ukusenza sikwazi ukunyamezela nokulwa umonakalo owenziwa kukuguqu-guquka kwemozulu.

Ukuze silungise ezi ngxaki sijamelene nazo kwicandelo lokuhanjiswa kwemithwalo emikhulu, sithatha amanyathelo okuphucula amazibuko ethu kunye nemizila kaloliwe siyibuyisele kumgangatho wehlabathi.

Sisiqulunqile isicwangciso esicacileyo ukuze sizise uzinzo ku-Transnet senze utshintsho kwicandelo lethu lokuhanjiswa kwemithwalo emikhulu.

Sisebenza ngokubambisana namashishini kunye nabasebenzi, simisele amaqela okuphucula indlela yokusebenza kwimimandla emihlanu yokuhanjiswa kwemithwalo eza kuthunyelwa kumazwe angaphandle.

Inani leenqanawa ezilinde ukungena kwiZibuko lase-Durban – ebelinyukile kwezi nyanga zimbalwa zidlulileyo – lehlile lisuka kwiinqanawa ezingaphezulu kwama-60 phakathi kwinyanga yeNkanga laya kutsho kwezili-12 ekupheleni kwenyanga yoMqungu.

U-Transnet utyumbe inkampani yehlabathi eza kulawula amazibuko ukumnceda ukuba akhulise aze aphucule iZibuko lase-Durban, elilelona likhulu lakhe.

Senza utshintsho olumandla kwicandelo loololiwe abalayisha imithwalo ngokuthi sivumele neenkampani zabucala ezinoololiwe bemithwalo ukuba zisebenzise imizila yethu yoololiwe.

Njengoko olu ngquzulwano luqhubayo eMbindi-Mpuma luchaphazela ukuhamba kweenqanawa e-Suez Canal, uMzantsi Afrika ukwindawo entle kakhulu ukuba uncede ngokutha idizili kwiinqanawa eziza kujikwa phaya e-Suez Canal zize zizokuhamba kolu nxweme lwethu.

Sikugqibile ukuthengisa kwifandesi amaza osasazo ka-intanethi emva kokuba oku kuthe kwalibaziseka isithuba esingaphezulu kweminyaka elishumi. Lo msebenzi ukhokelele ekubeni kubekho utyalo-mali olutsha, kuhle amaxabiso e-data futhi nenani labo bafumana u-intanethi lenyuke buze nobuxhaka-xhaka be-intanethi bube kumgangatho ongcono.

Ezi nguqu ziza kwenza umahluko omkhulu kwisizwe sakuthi esibone ukunyuka kakhulu kwenani labantu abano-intanethi kule minyaka ilishumi idlulileyo.

Ngowama-2011 yayingamakhaya angaphantsi kwesiqingatha ayeno-intanethi, xa uthelekisa namakhaya ayi-79% ngowama-2022.

Kule veki sipapashe imithetho emitsha yokwenza utshintsho kwinkqubo yethu yokukhupha i-visa. Olu lutshintsho luza kwenza lula ukukhuthaza abantu abanezakhono esibadinga kakhulu ukuba bangene kweli lizwe ngolo hlobo sibe neentlobo ezahlukeneyo zeengcali ezikwazi ukuyila noosomashishini abasakhasayo.

Sinemali eyitriliyoni yeerandi eyi-1.5 evela kwizithembiso zotyalo-mali ezenziwe kwiiNkomfa zoTyalo-mali zoMzantsi Afrika ezintlanu. Kule mali, ezibhiliyoni zeerandi ezingama-500 sele igalelwe kuqoqosho lweli lizwe.

Ukuxhasa uhlumo kwicandelo lezemigodi, siza kuqhuba nenkqubo yokwenza inkqubo yokukhutshwa kweelayisenisi zemigodi ibe yeyale mihla kwaye siza kuvula ingxowa yokuzingela izimbiwa ukuxhasa oosomashishini abasakhasayo becandelo lezemigodi futhi sixhamle kwezi zimbiwa zisandula ukubhaqwa.

Ngokwenza oku, icandelo lezemigodi, elisisiseko sokwenene olwakhelwa phezu kwaso uqoqosho loMzantsi Afrika liza kuba licandelo esithembele kulo kwakhona.

Liyenyuka inani labantu abantsundu ababehlelelekile ngaphambili abathatha inxaxheba kweli candelo.

Umyinge wabantu abantsundu abangabanikazi bemigodi ngoku limi ku-39% xa lithelekiswa no-2% wangowe-2004.

Kuza kusetyenziswa iindlela ezintsha nezihlakaniphileyo zokuxhasa ngemali ngeenjongo zokwandisa umsebenzi wokwakhiwa kweziseko ezingundoqo.

 

ISebe lezaManzi nokuGutyulo lifuna ukuphucula indlela alawulwa ngayo amanzi ngokuqalisa amaphulo okwakhiwa kweziseko ezingundoqo kuqinisekiswe ukuba kukho amanzi futhi namanzi asuka kwimithombo eyahlukeneyo lo nto isenze singaxhomekeki kakhulu kumanzi amadama nemilambo aphezu komhlaba.

Iprojekthi zamanzi ayimithamo emikhulu ziyakhiwa kulo lonke eli ukuze kuphuculwe amanzi aya kwizigidi zabantu emaphandleni, ezidolophini nasezixekweni.

Ezi projekthi zokwakhiwa kweziseko ezingundoqo zamanzi ziyaqhuba okanye sele zigqityiwe.

I-Lesotho Highlands Water Project, Umzimvubu, Hazelmere Dam, uMkhomazi Water Project, Clanwilliam Dam, Tzaneen Dam, Loskop, Mandlakazi, umbhobho wamanzi osuka kwiDama laseJozini, Giyani, imibhobho yamanzi esuka kwiDama laseNandoni isiya kwiDama laseNsami, Pilanesberg Water, Vaal Gamagara kunye nombhobho wamanzi osuka eLigwa usiya eHothazel.

EMpuma Koloni umsebenzi wokwakhiwa kwebhulorho yaseMsikaba neyaseMtentu uyaqhuba, kwaye ukugqitywa kwayo iza kuba yenye yezona bhulorho ziphakamileyo kwi-Afrika iphela.

Isinyithi esisetyenziswe kwiindawo ezithile zalo msebenzi besenziwe eMpumalanga, ukanti yona i-iron ore ibusuka eMntla Koloni.

Kule minyaka mihlanu idlulileyo, i-arhente eyinkampani yezeendlela yoMzantsi Afrika, i-South African National Roads Agency Limited, ephethe iindlela ezibubude buzikhilomitha ezingama-25 000, inikezele ngeeprojethi ezili-120 ezixabisa imali ezibhiliyoni zeerandi ezili-120.

NgeyeNkanga kulo nyaka uphelileyo, iKhabhinethi yasivuma isicwangciso sikaloliwe ohamba ngesantya esiphezulu, esiza kugxininisa kuqala kule ndlela isuka eRhawutini iya eThekwini.

Ngokuye silukhulisa uqoqosho lweli lizwe, sikwalenza ukuba lubandakanye wonke umntu.

Sisebenzisa inkqubo yokubuyiselwa komhlaba, umhlaba wokulima oyi-25% weli lizwe lakowethu ngoku usezandleni zabemi abamnyama boMzantsi Afrika, into leyo isisondeze kakhulu kwiinjongo zethu zokufikelela kuma-30% ngonyaka wama-2030.

Kule minyaka mihlanu idlulileyo, sixhase ngemali oosomashishini abakhulu abamnyama abali-1 000 kunye nezinye iintlobo zenkxaso. Ezi nkampani zabantu abamnyama ziqeshe abantu abangaphezulu kwama-90 000 kwaye zigalela imali ezibhiliyoni zeerandi kuqoqosho lweli lizwe.

Ngaxeshanye, abasebenzi abamalunga nama-200 000 bafumene izabelo kwiinkampani abasebenza kuzo, into leyo eyenyusa inani labasebenzi abanezabelo ezibanika amagunya okuba ngabanikazi beenkampani abazisebenzelayo lakhula langaphezulu nakwisiqingatha sesigidi.

Siyalibona eli nani liya linyuka ngokuye inkampani ezininzi zibona ukuba kuluncedo ukuba abasebenzi bazo babenesabelo kwinkampani abayisebenzelayo.

Ezi nguqu sele sizenzile kunye nalo msebenzi uqhubayo uza kusinceda ukuba siphelise le ngxaki kacimi-cimi wombane, siphucule icandelo lezokuhanjiswa kwemithwalo emikhulu, sibe namanzi oneleyo size ekugqibeleni sidale imisebenzi.

Nangona ezi izezona ngxaki zinkulu sakhe sajamelana nazo, amanyathelo esiwathabathayo ukulwa ezi ngxaki aza kusidalela ikamva eliqaqambileyo esingazanga salibona ezimbalini.

Enye yezona ntlungu zibuhlungu zenkqubo yocalu-calulo yayiyindlela eyayisetyenziswa ngayo imfundo ukudala ukungalingani.

Kule minyaka ingama-30 idlulileyo, sizamile ukusebenzisa imfundo njengesixhobo sokudala ulingwano.

Iziphumo zemfundo esisiseko kweli lizwe zithe gqolo ukuba ngcono kuwo onke amabakala aqwalaselwayo xa kuhlolwa.

Izinga lakutsha nje lokuphumelela kwabantwana kwibanga lematrikhi limi ku-82.9%, izinga elo lilelona liphezulu ezimbalini.

Futhi, minyaka le, abantwana abaphuma kwizikolo ezingahlawuli mali yokufunda ngabo abaninzi abaphumelela ngebakala elibavumela ukuba bafunde isidanga edyunivesiti.

Futhi liya lisihla nenani labantwana abasiyeka phakathi isikolo.

Kule minyaka mihlanu idlulileyo siyenyuse kakhulu imali yokuncedisa abantwana abaphuma kumakhaya angathathi ntweni namkela imivuzo ephantsi abafunda ezidyunivesiti nakwii-TVET.

Kule minyaka mihlanu izayo, siza kugxininisa kumba wokwandisa inani labantwana abafunda kwizikolo-mpeleso futhi siphucule nezakhono zokufunda zabafundi abakumabanga aphantsi, apho phofu sesiqala ukubona iziphumo ezincumisayo.

Sahlaba sikhangele ngokuthatha icandelo lezikolo-mpeleso silifake phantsi kweSebe leMfundo esiSiseko (i-DBE) njengoko ngoku sikwaziyo ukugalela izixhobo zoncedo kwicandelo lezikolo-mpeleso size ngokusebenzisa ulawulo ngentsebenziswano siqinisekise ukuba amasebe karhulumente ahlukeneyo adlala indima kwicandelo lezikolo-mpeleso encedwa yi-DBE.

Kule minyaka ingama-30 idlulileyo imigaqo-nkqubo kunye neenkqubo zethu zikwazile ukonyula izigidi zabantu kwindlala ebomvu.

Namhlanje, bambalwa abemi boMzantsi Afrika abalala bengatyanga nabathwaxwa yindlala.

Ngowe-1993, uMzantsi Afrika wawujamelene nengxaki yendlala exakileyo, kuba abantu beli lizwe abayi-71.1% babetyiwa yindlala.

Kodwa ke, phantsi kwalo rhulumente ulawulwa ngokwentando yesininzi, lehle kakhulu eli nani.

Kwathi kufika unyaka wama-2011, izinga lendlala labe selihle lafika ku-60.9%, kwaye lathi laqhubeleka nokuhla, lade lafikelela ku-55.5% ngowama-2020, ngokwengxelo zeBhanki yeHlabathi.

Eli nani lehle ngenxa yoncedo oluza nezibonelelo zentlalo ezixhasa abo bazimpula zikaLujaca kweli lizwe.

Kule minyaka mihlanu idlulileyo, saqalisa ngamanyathelo okulwa indlala ngokuphumeza uMvuzo oMiselweyo weSizwe onguWona uPhantsi njengoko kutshiwo kuXwebhu lweNkululeko.

Esi sigqibo sathatywathwa ngabathathi-nxaxheba abangundoqo, abangamashishini nabasebenzi kunye noluntu, ngokuza nowona mvuzo uphantsi umiselweyo sanyusa imivuzo yabasebenzi abazizigidi ezithandathu ngoko nangoko.

Kanye ngethuba kugquba ubhubhane, seza ne-Social Relief Distress Grant, ekungoku exhanyulwa ngabantu abangaphangeliyo abazizigidi ezisithoba rhoqo ngenyanga. Silubonile uncedo olwenziwa sesi sibonelelo-mali kwaye siza kuyinabisa size siyisebenzise njengenqanaba lokuqala eliya kwisibonelo-mali sabantu abangasebenziyo.

Ezi zibonelelo zidlala indima enkulu engaphezulu kunale yokuthenga izinto ezilula.

Zililinge lokutyala imali kwikamva leli lizwe.

Kukho iingxelo ezibonisa ukuba izibonelelo zentlalo zandisa inani labantwana ababhalise esikolweni futhi nabahamba isikolo, zize ziphungule elabo basishiya phakathi isikolo siphucule nomgangatho weziphumo zesikolo.

Ngoku abemi boMzantsi Afrika baphila iminyaka emininzi kunangaphambili.

Iminyaka eluqikelelo enokuphilwa ngumntu ngoku inyukile isuka kwiminyaka engama-54 ngowama-2003 yaya kutsho kwengama-65 ngowama-2023.

Inani loomama ababelekayo kunye neentsana eziswelekayo lehle kakhulu.

Sakhe izibhedlela neeklinikhi ezininzi, ingakumbi kwiindawo ezingathathi ntweni, ngolo hlobo sinike abemi boMzantsi Afrika iinkonzo zezempilo ezisemgangathweni.

Namhlanje, i-95% yabantu abafunyanise bene-HIV bayazazi ukuba banayo, futhi i-79% yabo bafumana amachiza okuthomalalisa intsholongwana kagawulayo, ize i-93% yabo bona ingabonakali intsholongwane emizimbeni yabo.

Lehle kakhulu inani labantu abatsha abosulelwa okokuqala yi-HIV.

Kodwa ke, nangona icandelo lezempilo lethu lenze umahluko omkhulu kwiimpilo zabantu beli, sizama konke okusemandleni ukuphucula umgangatho weenkonzo zempilo nokuqinisekisa ukuba wonke umntu uyazifumana ezi nkonzo.

 

I-Inshorensi yeSizwe yezeMpilo (i-NHI) iza kubonelela ngeenkonzo zezempilo ezisimahla kubo bonke abemi boMzantsi Afrika, kwizibhedlela zikarhulumente kunye nezabucala.

Siceba ukuyiqalisa i-NHI ngezigaba, siqalise silungise imiba enxulumene nemali yokuxhasa icandelo lezempilo, abasebenzi becandelo lezempilo, iimveliso zonyango, amachiza okugonya kunye neentlobo zobuchwepheshe bale mihla kunye nenkqubo eneenkcukacha ngezempilo.

Owona msebenzi ubonakalayo, mkhulu nowenza umahluko ovakalayo kule minyaka ingama-30 eli lizwe likhululekile kukwakhelwa kwabantu izindlu.

Namhlanje, amakhaya amalunga nesithoba kwalishumi ahlala kwizindlu zesitena.

Kwiindawo ekwakukho amatyotyombe nezindlu zodaka ngaphambili, ngoku kukho izindlu ezintsha ezakhiwe ngezitena.

La ngamakhaya anamanzi okusela nokuhlamba, ngamakhaya anombane wokukhanyisa nokupheka.

Ngala nyaka wokuphela kwenkqubo yocalu-calulo, yayingabantu abathandathu kuphela kwabalishumi ababenawo amanzi acocekileyo aselwayo. Namhlanje, eli nani linyuke laya kutsho kubantu abaphantse babesithoba kwabalishumi.

Sizamela ukuqinisekisa ukuba izindlu ezisisibonelelo zakhiwe kufutshane nemisebenzi, amaziko emfundo kunye nezinye iinkonzo.

Kodwa ukuze iinkonzo zihanjiswe, urhulemente weengingqi kufuneka asebenze.

Baninzi kakhulu oomasipala abanolawulo olugwenxa, abangaziphathii kakuhle izimali nabaneenkqubo zokuhanjiswa kweenkonzo eziqhwalelayo.

Le miqobo iyichaphazela yonke impilo yabantu yemihla ngemihla.

Siqalise ngokuphumeza amanyathelo amaninzi okulungisa le ngxaki ngokuthi sibanike iinkxaso oomasipala, kuquka nokuqeqesha abasebenzi bakarhulumente babe zingcali kunye nokuqinisekisa ukuba abantu abanezakhono ezifanelekileyo baqeshwa kwizikhundla ezibalulekileyo ezifanelekileyo.

I-Ofisi kaMongameli, uNondyebo weSizwe kunye neSebe loLawulo lweNtsebenziswano kunye neMicimbi yezeMveli ayasebenzisana ukuphucula izakhono zobugcisa koomasipala kunye nokuphucula indlela yokucwangcisa, ukulungelelanisa kunye nokubeka iliso kwizimali zombuso.

Ngokusebenzisa inkqubo yeeMbizo zikaMongameli ezibanjwa mbombo zonke zeli lizwe, sibonile indlela iNkqubo yoPhuhliso oluKhokelwa ziziThili (i-DDM) ewadibanisa ngayo onke amaqoqo karhulumente kunye namahlakani abalulekileyo ukuba kuliwe iingxaki ezinxulumene nokuhanjiswa kweenkonzo eziya kubantu bakuthi.

I-DDM isibonisile ukuba isisixhobo esiluncedo sokuphucula ulawulo ngentsebenziswano kunye nokubambisana. Siza kuqhubeleka siyandisa futhi siyibethelela le nkqubo.

Ukulwa ulwaphulo-mthetho nokunqongophala kokhuseleko ngumba esiwukhokelise phambili.

Abemi boMzantsi Afrika bafaneleke ukuba bakhuseleke futhi bazive bekhuselekile, bahambe ezindleleni ngemizimba ekhululekileyo futhi bangoyiki nto kwiindawo abahlala kuzo nakwiindawo zikawonke-wonke.

Ngeli thuba kuphethe lombuso, sigxininise ekuxhobiseni ii-arhente zogcino-mthetho, ebezithenwe amandla, ngezakhono zokuzinceda zenze umsebenzi wazo kakuhle.

Silandisile inani lamapolisa ngokuqesha amapolisa angama-20 000 kule minyaka mibini idlulileyo futhi siza kuqesha amanye ali-10 000 kule minyaka izayo.

Amanye amapolisa angama-5 000 atyalwe kwiCandelo loCwangco lamaPolisa.

UMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) uphehlelele i-Operation Shanela njengephulo elitsha lokugxininisa kwiindawo ezinolwaphulo-mthetho oluninzi, into leyo ebangele ukuba kubanjwe abantu abangaphezulu kwama-285 000 ukususela ngoCanzibe kulo nyaka uphelileyo.

AmaQela aJongene noMsebenzi weziSeko ezinguNdoqo zoQoqosho (i-Economic Infrastructure Task Teams) asebenza kuwo onke amaphondo aqhuba kakuhle kakhulu ekulweni kwingxaki yokubiwa kweentambo zombane, eyokonakaliswa kweziseko ezingundoqo ezibalulekileyo kunye nokwembiwa kwemigodi ngokungekho mthethweni.

Ngokusebenzisana ngamandla necandelo labucala, sikwazile ukuziphungula iziganeko ezinxulumene nokhuseleko kwimizila yoololiwe.

Kulo nyaka uphelileyo siseke iQumrhu loLawulo lweMida elitsha ukuze siphucule ukhuseleko kwimida yethu, kwaye sele sinqade abantu abangaphezulu kwama-100 000 ababefuna ukungena kweli lizwe ngokungekho mthethweni.

Sibambisene nemibutho yoluntu, siye saqulunqa isiCwangciso-qhinga seSizwe se-GBVF njengenyathelo lesizwe lokulwa esi sihelegu.

Imali emalunga neebhiliyoni zeerandi ezingama-21 iye yabekelwa bucala kwisigaba esiphakathi ukuze kuphunyuzwe le mixholo mithandathu yesi sicwangciso, kuquka nokuphuhliswa kwamanina ngokwezoqoqosho.

Imithetho emitsha iyaphunyezwa ukuqinisekisa ukuba anolwamvila amanyathelo athathwa licandelo lezolwaphulo-mthetho ukulwa i-GBV futhi noncedo alunika amaxhoba ayo luyabonakala.

Eyona njongo yethu kukuyisiphula neengcambu i-GBV ngokuthi sikhuthaze uluntu ukuba lubandakanyeke. Njengenxalenye yoku, siyasixhasa isibhambathiso esenziweyo esokuba amadoda eMzantsi Afrika ayacelwa abonakalise ukuba azibophelele ngenene wona buqu kwiphulo lokulwa esi sihelegu.

Amanina nawo asaqulunqa esawo isibhambathiso.

Kusekude kakhulu ekubeni sibe sisizwe esikhuselekileyo, sikwazi ukuthintela ulwaphulo-mthetho olunobundlobongela, size sikhusele neziseko ezingundoqo zeli lizwe.

Kodwa ndiqinisekile ukuba amapolisa azingcali, aqeqeshwe agqibelela futhi nanazo zonke izixhobo azifunayo, asebenzisana kakhulu noluntu angakwazi ukulikhusela eli lizwe.

Namhlanje, wonke ummi woMzantsi Afrika uziva enelunda, eqinisekile ukuba nathi siyahlonitshwa lihlabathi liphela.

Sizimisele ukudlala indima eyakhayo kweli lizwekazi lakuthi nakwihlabathi liphela sisilwela iphupha lethu le-Afrika engcono kunye nehlabathi elingcono.

Siza kuqhubeleka sidlala indima ebalulekileyo ukuphelisa iimfazwe kulo lonke eli lizwekazi lakuthi.

Zisaqhuba iindibano zethu namanye amaqela kungquzulwano olukhoyo phakathi kwe-Russia ne-Ukraine eziququzelelwa yi-Africa Peace Initiative. Sithatha inxaxheba kula maphulo okudala uxolo kuba sikholelwa ukuba akukho nto ingaphezulu kunokuthetha-thethana ukusombulula nezinzima iintlobo zongquzulwano.

Sikhokelwa luluvo lwethu olukhokelisa phambili amalungelo oluntu nenkululeko ngaphezu kwako konke, siye sawuthathela kuthi umba wase-Palestine ukuthintela ukuba kungasweleki abanye abantu futhi kutshatyalaliswe nezinye izakhiwo e-Gaza.

Siyasamkela isigwebo seNkundla yeHlabathi yezoBulungisa (i-ICJ) esithi i-Israel mayenze konke okusemandleni ukuthintela izenzo ezinokukhokelela ekutshatyalalisweni kwabantu base-Palestine.

Siyazigxibha izenzo zokubulawa kwabantu ngawo omabini amacala kwaye sicela bonke abo babandakanyekayo kolu ngquzulwano ukuba bazibophelele kwinkqubo yoxolo eza kubangela kuzalwe izizwe ezibini ezizimeleyo.

Siza kusebenzisa umgaqo-nkqubo wethu wezangaphandle size silandelele kwiinjongo zethu zophuhliso. Ngethuba eli lizwe lingusihlalo we-Brazil, Russia, India, China noMzantsi Afrika (i-BRICS) kulo nyaka uphelileyo, sabona etyhila kwiphepha elitsha lamazwe ayinxalenye ye-BRICS.

Ukwandisa kwe-BRICS isuka ekubeni namalungu amahlanu ngoku ibe namalungu alishumi kuza kuvula amathuba ezorhwebo futhi kuqinise nobudlelwano bezopolitiko nobezozakuzo phakathi kwamazwe akumazantsi ehlabathi.

Siza kwakhela kulo msebenzi sele siwenzile wokusekwa koMmandla weliZwekazi le-Afrika ongaHlawulisani iRhafu yezoRhwebo (i-AfCFTA), oza kutshintsha uqoqosho loMzantsi Afrika kunye nolwalweli lizwekazi ngokudala imisebenzi emitsha kuze kunyuswe nenani labo bathatha inxaxheba kwiintshukumo zoqoqosho.

Kwaye xa sisingathe i-G20 ngowama-2025, sizawukhokelisa phambili umba wophuhliso lwe-Afrika.

Ezi zinto sikwazileyo ukuzenza kule minyaka ingama-30 idlulileyo zibubungqina obubonisa ukuba intsebenziswano nobambiswano ziluncedo kakhulu xa ufuna ukulungisa iingxaki ezitshisa ibunzi.

Izwe lakuthi linemibutho yoluntu engalalanga emqokozweni, imibutho yabasebenzi engezodyongo kunye necandelo labucala elingasonganga zandla.

Kule minyaka mihlanu idlulileyo, sisebenzisene nala mahlakani ezentlalo ukulwa iingxaki esijamelene nazo ezifana nokukhusela uluntu nokuthumela amachiza okugonya ebantwini ngethuba sigutyungelwe ngubhubhane we-COVID-19 saze sashukumisa uluntu ukuba kuliwe i-GBV.

Kulo nyaka uphelileyo, sikwazile ukubambisana namahlakani ezentlalo ukuze siphelise ingxaki kacimi-cimi wombane, silungise iingxaki ezambethe icandelo lokuthuthwa kwemithwalo emikhulu, silwe ulwaphulo-mthetho norhwaphilizo, size sikhawulezise amaphulo okudala imisebenzi.

Le yindlela esiqhuba ngayo eMzantsi Afrika xa sisakha isivumelwano sezentlalo sisebenzisana ngomba obambekayo, kwaye lo moya uza kusinceda xa sisakha isizwe esitsha kule minyaka izayo.

Bemi boMzantsi Afrika,

Le yi-SoNA yokugqibela yalo mbuso wawonyulwe ngowama-2019.

Le minyaka mihlanu idlulileyo ibilixesha lokuvuselela, ukwakha ngokutsha nokuhlaziya.

Le minyaka iye yanyanzelisa ukuba sivuselele uqoqosho lweli lizwe emva kweminyaka engaphezulu kwelishumi ludodobala.

Iye yanyanzelisa ukuba sakhe ngokutsha amaziko karhulumente emva kwexesha lokubanjwa kombuso ngobhongwane.

Siye sanyanzeleka ukuba sizame ukubuyela kwimo yesiqhelo emva kokuthwaxwa ngubhubhane wehlabathi owashiya intlungu nosizi, wavala amashishini amaninzi  baze nabantu baphelelwa yimisebenzi.

Futhi kwafuneka sijamelane size silwe ingxaki enzima kacimi-cimi wombane, eqhubelekayo ingumqobo kuhlumo loqoqosho lweli, nangona kwezi nyanga zimbalwa zidlulileyo ukhona noko umahluko obonakalayo.

Sidlule kwiinzima ezinkulu kule minyaka mihlanu idlulileyo. Sakhele phezu kwemisebenzi emihle yale minyaka ingama-30 idlulileyo kwaye sithathe amanyathelo angqingqwa okulwa le mingeni bajongene nayo ngoku abemi boMzantsi Afrika.

Sizenzile iinguqu kwii-arhente zogcino-mthetho zatsho zakwazi ukusebenza ngokuzimeleleyo kumsebenzi wokulwa urhwaphilizo nolwaphulo-mthetho futhi saqesha nabantu abanezakhono.

Siqhubile nakumsebenzi wokulwela amalungelo abantu abakhubazekileyo. Sizingomba isifuba ngokwenza uLwimi lweZandla loMzantsi Afrika lube lulwimi lwaseburhulumenteni le-12 lweli lizwe.

Siwakhusele saze sawalwela amalungelo asisiseko akuMgaqo-siseko wethu, afana nelungelo lokuthetha ngokukhululekileyo, elokuzibandakanya nelenkolo. Sililwele ilungelo lamajelo eendaba kunye nokugcina icandelo lezeenkundla lizimele.

Siwakhusele saze sawalwela amalungelo abantu ababhinqileyo abathandana nabantu ababhinqileyo, abangamadoda abathandana namadoda, abathandana namadoda nabafazi, abatshintshe isini, abangazikhethelanga sini, abadalwa njengamadoda nanjengabafazi, kwaye sizilwa zonke iindlela zokucalula nokubukulwa kwabanye abantu.

Mkhulu umsebenzi esele siwenzile ekukhuliseni uqoqosho, ekudaleni imisebenzi nasekuphunguleni amazinga endlala.

Nangona sele siyiqalisile inkqubo yokuvuselela nokwenza iinguqu, usemninzi umsebenzi ekufuneka wenziwe ukuqinisekisa ukuba ezi nguqu ziyenzeka ngenene.

Siza kuwugqibezela umsebenzi esele siwuqalile namahlakani ethu wokuphelisa ingxaki kacimi-cimi wombane kwaye siza kuwavuselela amazibuko kunye nemizila kaloliwe yeli.

Siza kuqhubeleka sixhobisa ngezakhono amaziko eli ogcino-mthetho, sisilwa i-GBV norhwaphilizo ukwenza uMzantsi Afrika ube lilizwe elikhuselekileyo kuye wonke umntu.

Siza kuqhubekela sixhobisa ngezakhono urhulumente weengingqi, siqeqesha abasebenzi bakarhulumente babe zingcali siqinisekisa nokuba amagosa karhulumente ayaphendula ngemisebenzi ayenzayo.

Siza kuqhubeleka sizama ukwenza uqoqosho lweli lizwe ukuba lukhule lukwazi ukukhuphisana nehlabathi elitshintsha ngokukhawuleza, ukuxhasa amashishini asakhasayo, ukunika abantu abatsha amathuba ezoqoqosho kunye nokubonelela abantu abangathathi ntweni ngezibonelelo zezentlalo.

Siza kuqhubeleka sizama ukuphucula izimali zeli lizwe siqhube ngale nkqubo yezoqoqosho sihamba ngayo.

Siza kusebenzisa i-AfCFTA ukwandisa umthamo worhwebo size sandise nemizi-mveliso yeli.

Siza kuqhubeleka sisakha uqoqosho oluquka wonke umntu, sigxininisa ekuxhobiseni ngezoqoqosho abantu abamnyama namanina oMzantsi Afrika, sisilwela amalungelo abasebenzi, sibethelela inkqubo yokubuyiswa komhlaba siqhuba ngenkqubo yokutshintshela kuhlobo olongenabungozi kokusingqongileyo ngobunono, konke oku sikwenza singashiyi namnye ngasemva.

Bemi boMzantsi Afrika,

Njengoko sibhiyozela iminyaka engama-30 sixhamla inkululeko, kufuneka sihlale simi ekuhlonipheni ulawulo lwentando yesininzi olukhokelisa umgaqo-siseko kunye nesithembiso sawo sobomi obungcono kubo bonke abantu.

Akufuneki sivume ukuphazanyiswa ngabo bangalifuniyo uxanduva olubekwa emagxeni ethu nguMgaqo-siseko lokulungisa iintlungu zangaphambili size senze iinguqu ezimandla kuqoqosho lweli lizwe nakwisizwe uqobo.

Kufuneka sibakhumbuze aba bantu ngoxanduva olubekwa nguMgaqo-siseko emagxeni oMbuso lokuqinisekisa ukuba uthe gqolo uzama ukuzalisekisa isithembiso sokuba wonke umntu unelungelo lokufumana indlu, lokufumana iinkonzo zempilo, ukutya, amanzi, izibonelelo zentlalo, ukhuseleko kunye nemfundo.

Kananjalo, kufuneka singavumeli namnye azame ukuphazamisa amaziko axhasa ulawulo lwentando yesininzi, ukugxibha icandelo leenkundla okanye ukuphikisana namagunya akumgaqo-siseko ale Palamante.

Akufuneki sivumele abo bafuna ukusiqhekeza isizwe sakuthi, baxhokonkxa udlame futhi badelela lo mbuso ulawulwa ngentando yesininzi.

Njengaphambili, nanjengoko kuza kubanjalo ngomso, abantu boMzantsi Afrika kufuneka bamanyane bawakhabe la malinge okuzama ukusibuyisela umva kulo mgama sele siwuhambile singumbuso olawulwa ngokwentando yesininzi.

NjengeSihlalo weNdlu yoQulunqo loMgaqo-siseko ndandisebenza neenkokeli ezichubekileyo ezininzi zeli lizwe lakuthi ukuqulunqa uMgaqo-siseko oqulathe kanye ezi zinto zifunwa ngabantu boMzantsi Afrika.

NjengoMongameli, ndikubona njengomsebenzi wam ophambili ukukhusela uMgaqo-siseko wethu, futhi imihla nezolo ndizama ukuzalisekisa izithembiso zawo.

Xa siphuma namhlanje, kufuneka sikhumbule ukuba kuxhomekeke kuthi – hayi komnye umntu – ukuthatha isigqibo ngekamva loMzantsi Afrika.

Asingobabukeli abame bhunxe kwizinto ezenzekayo kwilizwe lakuthi.

Sithi abaza kukhokela izinto ezenzekayo kweli lizwe.

Sithi abaza kukwakha eli lizwe lilikhaya lethu.

Njengoko singena kwindlela eya kweminye iminyaka engama-30 yenkululeko, kufuneka sizibuze ukuba sifuna ukwakha uhlobo lwelizwe elinjani na, isizwe esifuna ukwakhela hayi nje thina sodwa koko nabantwana bethu.

Sizimisele ukwakha uMzantsi Afrika apho sakuthi ukuze sizazi ukuba singoobani na ngenene siqale sazi ukuba umntu ngamnye kuthi ufukanyelwe ngumoya wobuntu.

Sifuna isizwe apho umntu ngamnye ekhululekile ukuba enze kanye le nto afuna ukuyenza, nokuba ungowaliphi ibala, usesiphi isini, ukholelwa ekubeni ngumntu wasiphi isini, uloluphi uhlanga okanye uhamba nayiphi inkolelo.

Sifuna isizwe apho wonke umntwana enamathuba afanayo, nokuba loo mntwana uzalelwe e-Sandton, eMdantsane, eSekhukhune, e-Mitchell’s Plain okanye e-Phoenix.

Sifuna isizwe apho imithetho ithotyelwa ngumntu wonke, nokuba umntu ifume kangakanani na ipokotho yakhe okanye ubambe esiphi isikhundla.

Njengoko sithe chu, sibambene ngezandla sizama ukuzalisekisa eli phupha, sivuselelwa ngabantwana abantanganye nenkululeko yethu, ludlamko abalubonisayo, bubuchule babo bokuyila kunye nomoya ochulumancileyo wabo.

Sikhuthazwa ngabantu abatsha abenza imimangaliso phambi kwamazwe ehlabathi, ukusuka kwi-Springboks ukuya kuBanyana Banyana, ukusuka kumadodana eqela laBafana Bafana ukuya kwiimbalasane eziphumelele ii-Grammy Awards ezifana no-Tyla.

Njengoko siphawula iminyaka engama-30 sikhululekile, sikhumbula amazwi kaMongameli Nelson Mandela, owakhe wathi ngenye imini emva kokuqabela iqhina, uye ubone amanye amaqhina ekufuneka uwanyukile.

Wathetha wenjenje:

“Ndithe mandithi vu apha ndiphumle, ndityebise amehlo wam kobu bumbeje-mbeje buphambi kwam, ndiphose amehlo ngasemva ndijonge lo mgama sele ndiwuhambile.

Kodwa ke andizikukwazi ukuchopha xesha lide, kuba inkululeko ikhatshwa luxanduva, futhi andifuni ukwenza mpazamo ndichophe ndide ndilibale, kuba isende le ndlela ndiyihambayo.”

Nangona kukude apho sivela khona, kusekude nalapho siya khona.

NjengoMadiba, masingcambaze siye phambili, sithi ngcembe sijolise phambili, sisingise kumaphupha esibekelwe wona sisizwe sakuthi. Sikwenza oko siqinisekile ukuba siza kuza noloyiso.

Ndiyabulela

Issued by
More from

Share this page

Similar categories to explore