INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yangomhla wama-24 kweyeSilimela ngowama-2015

1. Ukusebenza kweeNkqubo ezinguNdoqo zikaRhulumente

1.1. IKhabhinethi yamkele izigqibo ezithathwe kwiNtlanganiso yama-25 yeManyano ye-Afrika (i-AU) ebeka i-Afrika endleleni entsha yophuhliso nokukhula neza kwenza ilizwekazi lithathe indawo yalo efanelekileyo kwimicimbi yehlabathi.

Izigqibo ziquka umkhosi omnye omanyeneyo nosebenzayo ungekapheli unyaka. Iinkokheli zizibophelele ekukhawuleziseni ukusebenza koMkhosi wase-Afrika wokuLalelisela (i-ASF).

IKhabhinethi iliqhwabele izandla ilinge le-AU lokudibanisa ummandla norhwebo ngokusungula iingxoxo zokuseka ummandla worhwebo ongahlawulisani rhafukwilizwekazi neliza kuqinisa amatyathanga oqoqosho lwamazwe ase-Afrika.  

1.2. IKhabhinethi iyamkele intlanganiso yaBaphathiswa beManyano ye-Afrika bemiCimbi yeSini neyabaseTyhini eyayingomhla we-12 kweyeSilimela ngowama-2015. Loo ntlanganiso ilandela eyesibini yeGqiza eliPhezulu le-AU lokuLingana ngokweSini nokuXhotyiswa ngezaKhono kwabaseTyhini eyayibanjwe ngomhla we-10 ukuya kowe-12 kweyeSilimela ngowama-2015 ngaxeshanye neSeshoni eQhelekileyo yama-25 yeNtlanganiso ye-AU, phantsi komxholo othi: “Mayenzeke Ngokuquka Kwezezimali abaseTyhini kwiCandelo loShishino lezoLimo”.

Isiphumo sezi ntlanganiso zimbini ibe siSibhengezo neKhwelo lokuSebenza malunga nokuQukwa kwezeZimali kwiShishini lezoLimo. Phakathi kwezinye izinto, eli Khwelo lokuSebenza, liquka oku:

  • Kuzalisekiswe amalungelo abasetyhini okufikelela, ukulawula, ubumnikazi nokuxhamla ngokwezimali, kuquka ukufikelela kwiinkqubo zentengo kwezemfundo, ukuphuhliswa kolwazi nezakhono, iitheknoloji ezenza inguqulelo kunye nemisebenzi enjalo, ukuze kuxhotyiswe yaye kuphuhliswe abasetyhini kwezoqoqosho kushishino lezolimo;
  • Kuqiniswe amalinge okudala imeko evumela abasetyhini ukuqhuba amashishini ezolimokunye namanye amacandelo abandakanyekayo kwezolimo ngokuthintela nokusabela kwiimbambano kwiLizwekazi, kujongwe, kulungelelaniswe yaye kudanjiswe ifuthe lokuguqu-guquka kwemozulu, yaye kujongwe nefuthe lezifo neentlekele zendalo.         
  • Kuququzelelwe uphuhliso lwamashishini ezolimo kunye namanye amacandelo abandakanyekayo kwezolimo ngokusebenzisa oomatshini, ukungenisa izinto ezintsha ngetheknoloji nokuphuhlisa izakhono zabasetyhini;

1.3. Kungekudala, abafundi bematriki baza kuchophela iimviwo zabo zokuphela konyaka. IKhabhinethi imemelela aBafundi beBanga le-12 bowama-2015 ukuba bafake izicelo zokwamkelwa kumaziko emfundo ephakamileyo kwangoko njengenxalenye yePhulo likaFaka isicelo Ngoku/Iphulo lokuCebisa ngokuKhethwa kwamaKhondoelenziwa minyaka le liSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho.

Sibongoza abafundi ukuba bacinge ukukhetha iMathematika kunye nezeNzululwazi njengamakhondo aza kunyusa umgangatho wokukhula koqoqosho. Isiphiwo sokuyila nokuqalisa izinto ezintsha zizinto ezingundoqo eziqhuba uqoqosho lweli lizwe. Ulutsha kufuneka bawase iso amathuba akhoyo kwiikholeji zeMfundo noQeqesho kwezobuGcisa nezeMisebenzi ezikhoyo elizweni liphela ezongeza kwiidyunivesithi eziquka ezintsha iDyunivesiti iSol T Plaatje eseMntla Koloni neDyunivesiti yaseMpumalanga.

2. Izigqibo ezingundoqo zeKhabhinethi

2.1 IKhabhinethi igqibe kwelokuqinisekisa isigqibo sokumisela uMmandla wezoPhuhliso lwaMashishini iMaluti-A-Phofung (i-MAP IDZ) eTshiame (i-Industriqwa-1A), eHarrismith, kwiPhondo laseFreystata.  Ivume nokunikezelwa kwePhepha-mvume lokuSebenza kwalo mmandla kweQumrhu loPhuhliso lwaseFreyistata
Le MAP IDZ iza kuseka iqonga eligxininsa kwezothutho lweempahla (i-Logistics Hub) kumgama oziikhilomitha ezi-10 cebu eHarrismith (la Industriqwa indala), ikakhulu ukuze incede amacandelo leentsimbi zeemoto, imizi-mveliso emincinci, ukusetyenzwa nokucolwa kweemveliso zezolimo kunye nelezokuhambisa nokuthuthwa kweempahla.

2.2. IKhabhinethi ivume ukuba uMzantsi Afrika uzimanye ne-Asian Infrastructure Investment Bank. Le Bhanki igxile kuMmandla wase-Asiya ne-Oceania ekuxhaseni ukwakhiwa kwezizisiseko zophuhliso.

Ukuthatha inxaxheba koMzantsi Afrika kuza kuqinisa ubedlelwane bawo nala mimandla obukhulayo kwezoshishino, buphinde bubonise ukuzimanya neminqweno yala mimandla yophuhliso.

2.3. IKhabhinethi ivume ukukhethwa koMphathiswa wezoBulungisa neeNkonzo zoLuleko kunye nowezamaPolisa njengabanoxanduva lokuzalisekisa imisebenzi kaRhulumente ngokwecandelo 9(2) loMthetho wama-2013 wokuThintela nokuLwa ukuNgcungcuthekiswa kwaBantu.

Bobabini aba Baphathiswa  baza kuba noxanduva lokuza neenkqubo ezijonge ekuthinteleni nasekulweni ukungcungcuthekiswa nto leyo ikhuthaza ilungelo elibalulekileyo lenkululeko nokhuseleko lomntu ngokwecandelo le-12 loMgaqo-siseko.

2.4 IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente esiNye isiVumelwano esoNgezelelweyo kwisiVumelwano soRhwebo, uPhuhliso kunye neNtsebenziswano phakathi kweManyano yaseYurophu kunye naMazwe angamaLungu ayo ukuze siqinisekiswe.  

Esi siVumelwano soNgezelelweyo sithathela ingqalelo  ukwamkelwa kweRipabliki yaseCroatia kwiManyano yaseYurophu (i-EU) eli lizwe elibe yinxalenye mva yesi siVumelwano.  

Ukwandiswa kwe-EU kuza kunyusa inani lamazwe uMzantsi Afrika onokurhweba nawo kwi-EU, nto leyo eza kukhokhelela ekudalweni kwamathuba emisebenzi, iphembelele ukukhula koqoqosho, yaye iphucule nezinto nenani lezinto abathengi abanokukhetha kuzo. Oku kuhambelana nombono wesiCwangciso seSizwe soPhuhliso wokudala ingqesho, ukukhulisa uqoqosho nokukhuthaza urhwebo lokuthunyelwa kweempahla kumanye amazwe.  

2.5. IKhabhinethi iphumeze imiqathango efaneleyo yehlabathi kunye neminye imimiselo yenzululwazi ukuba isebenze ngenjongo yokuqinisekisa ulawulo olwaneleyo lwengozi xa kungeniswa elizweni iinkomo nezinye iimveliso zeenkomo.

Oku kulungelelaniswa kwezinto ezifunwa nguMzantsi Afrika xa kungeniswa izinto kuwo kunye nemiqathango yezobunzululwazi yehlabathi, kuza komeleza indawo yeli lizwe kurhwebo lwehlabathi. Le nto iza kwenza ukufikeleleka ngakumbi kwabantu nezilwanyana ekutyeni okwaneleyo, okukhuselekileyo nokuya egazini ngokuthenga ngeendlela ethile kwaye kuza kwandisa amathuba emisebenzi ngokungeniswa kweemveliso zenyama yenkomo ekulindeleke ukuba ziphinde zisetyenzwe eMzantsi Afrika.

3 IMithetho esaYilwayo

3.1 IKhabhinethi ivume ukungeniswa ePalamente koMthetho osaYilwayo weMiba yezoLwaphulo-mthetho wowama-- 2015.

Izilungiso ziza notshintsho kwimithetho ephathelele kumatyala eziseko zophuhliso ezifana nokubiwa kweengcingo zombane nezemfono-mfono. Kukho imiqathango eqatha malunga nokunikwa ibheyile, ukugwetywa kwabaphuli-mthetho kunye nokudala ityala elitsha elenza ukuba kuthathwe njengesenzo solwaphulo-mthetho ukonakalisa iziseko zophuhliso okwenziwa ngokuthi kukuphazanyiswe ukuhanjiswa kweenkonzo ezisiseko ngenxa yezenzo zolwaphulo-mthetho.  

Wakuba uphunyeziwe umthetho osayilwayo uza kuqinisekisa ukuba kukho izinto ezimiselweyo zokukhusela iziseko zophuhliso apho urhulumente aza kutyala imali kakhulu kuzo, ukuqinisekisa ukuba ilizwe lifezekisa izinto ebelizibekele zona zokukhulisa uqoqosho nokwandisa imisebenzi.

3.2 IKhabhinethi ivume ukungeniswa ePalamente koMthetho osaYilwayo wokuKhuthazwa nokuKhuselwa koTyalo-mali wowama-2015.

Lo Mthetho usaYilwayo uqinisekisa kwakhona ukuba uMzantsi Afrika uvulelekile kutyalomali olusuka kumazwe angaphandle, ukhusela bonke abatyalimali ngokwaneleyo, yaye ugcina ilungelo lokuzimela likaRhulumente woMzantsi Afrika lokulandela iinjongo zomgaqo-nkqubo karrhulumente ophuhlisayo nokhuthaza iinguqu.

Oku kukuxhasa injongo yesiCwangciso seSizwe soPhuhliso yokukhuthaza utyalomali nokukhulisa umthamo weempahla ezithunyelwa kumazwe angaphandle ukuze kuvuseleleke ukukhula nophuhliso oluzinzileyo eMzantsi Afrika.

3.3 IKhabhinethi ivume ukupapashwa kwesiLungiso soMthetho osaYilwayo weLungelo lobunini-kushicilela nokuThengisa (iKoporayithi) wowama-2015 kwiPhephandaba  lakwaRhulumente ukuze uluntu luhlomle kuwo.

Lo Mthetho osaYilwayo ulungisa uMthetho weLungelo loBunini-kushicilela uNombolo 98 yowe-1978 noMthetho wokuKhuselwa kweeMvumi nabaDlali beQonga, uNombolo 11 yowe-1967, esele iphelelwe lixesha kuba ingakunyatheli okwenzekayo kumacandelo ahlukeneyo ingayiseli so nenkqubelo kubuxhaka-xhaka bobuchwepheshe.  

Lo Mthetho usaYilwayo ukwajongana nokukhutshwa kwamaphepha-mvume  lelungelo lobunini-kushicilela  lomsebenzi ogunyazisiweyo ukuze kuthintelwe ukuxhatshazwa ngokorhwebo. Le nto iza kunceda urhulumente ajongane nengxaki yeemvumi nabadlali (beqonga nemiboniso) ngokuthi aqinisekise ukuba iimali abazibhatalwayo ngokushicilelwa nokusasazwa kuthengiswa imisebenzi yabo zibhatalwa kwangoko ziinkampani ezishicilelayo namaziko osasazo kuba inkoliso yabo ibhubha izimpula kalujaca.

3.2. IKhabhinethi ivume ukungeniswa ePalamente koMthetho osaYilwayo weKomishini yeeNkonzo zikaRhulumente wowama-2015. Lo Mthetho ulungisa uMthetho weKomishini yeeNkonzo zikaRhulumene, uNombolo 46  wowe-1997.

Lo Mthetho usaYilwayo ujongene nokuhlaziywa kwesivumelwano sengqesho soMkhomishinara kwaye unika usihlalo igunya lokuba anyule omnye wabakhomishinara ukuba abe ngusihlalo ngelixa kungekho sihlalo okanye isekela lakhe.

4. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba egqubayo

4.1 IKhabhinethi yamkela isiHlanu saseCuba esabanjwa eMerika ngowe-1998  sagwetywa ngamatyala aquka ukuba ulwazi lwezobuntlola ukuya kwawokubulala. Esi sihlanu sathunyelwa eMerika njengenxalenye yombutho obizwa i-La Red Avispa ukuba uphande izenzo zamaqela oophuma-silwe baseCuba ababeselubhacweni ababesenza iyelenqe lokubhukuqa umbuso kaFidel Castro.

4.2 IKhabhinethi ibulela urhulumente waseMalawi omelwe apho nguNozakuzaku waseMzantsi Afrika uNksz Cassandra Mbuyane-Mokone ngokulungiselela ukubuyiselwa ekhaya kwabantwana ababini baseMzantsi Afrika abaminyaka ili-14 nama-20 abasuswa elugcinweni lukamakhulu wabo eMpumalanga basiwa eMalawi kweyeKhala ngowama-2014 ngowasetyhini owayezenza owayesakuba ngutitshala wabo. Namhlanje, uMphathiswa woPhuhliso loLuntu, uBathabile Dlamini, uza kubamkela aba bantwana.

5. Imisitho ezayo

5.1. IKhabhinethi imemelela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bathathe inxaxheba kumbhiyozo ozayo weNyanga kaNelson Mandela ngeyeKhala phantsi komxholo othi: “Yenza yonke imihla ibe luSuku lukaMandela: Ukunikela ngemizuzu engama-67 yexesha lakho ukuze uncede abasweleyo.” Ummi waseMzantsi Afrika ngamnye unako ukuliqhubela phambili ilifa asishiye nalo ongasekhoyo owayesakuba nguMongameli uNelson ngokwenza umahluko kubomi babanye abantu.
Ngomoya welifa asishiye nalo uMadiba masisebenzisane ngelixa sikhumbula iNyanga yokuSebenzisana koLuntu kwinyanga yeKhala ukuze siphuhlise uluntu olubumbeneyo ngokukhuthaza amaphupha esizwe esingenabuhlanga, umkhethe ngokwesini, esinobulungisa nokulingana kwabantu bonke njengoko lowo ingumbono okhuthazwa nguMgaqo-siseko wethu.

5.2 Njengenxalenye yokubhiyozela nokuwonga amagalelo abaleseleyo kwezenzululwazi, ubunjineli, ubuchwepheshe nokuyila izinto ezintsha, uMphathiswa wezeNzululwazi nobuChwepheshe uza kusingatha isibhadlalala sesidlo apho aza kwazisa abaphumeleleyo kwCandelo leSizwe lezeNzululwazi nobuChwepheshe – iiMbasa zakwa-BHP Billiton  ngomhla wesi-9 kweyeKhala ngowama-2015 e-Emperors Palace, Kempton Park phantsi komxholo othi: “Ukukhanya”.

Ezi mbasa zasungulwa ngowe-1988.  Xa kubhiyozela lo nyaka womxholo we-UNESCO othi “Unyaka weHlabathi wokuKhanya kunye nobuChwepheshe obusekelwe kukuKhanya”, kuza  kuwongwa ngeMbasa eyodwa uphando-nzulu olwayame kwi-Photonics.

5.3 Ngokomoya weVeki ye-Afrika yeeNkonzo zikaRhulumente eza kuba kwiveki eqala ngomhla wama-22 ukuya kowama-26 kweyeSilimela, iKhabhinethi ifuna ukubulela bonke abasebenzi bakarhulumente ngokuzinikela, ukuzimisela nokusebenza bezijula ijacu ekunikezeleni ngeenkonzo kubantu bakuthi. Simemelela bonke abasebenzi bakarhulumente ukuba baphinde bazinikele ekufezekiseni iimfuno zabemi boMzantsi Afrika.

6. Uluvo loMzantsi Afrikamalunga nomcimbi weNkundla yeHlabathi yamaTyala (i-ICC)

Ngezizathu ezininzi, iKhabhinethi igqibe kwelokuba iza kuwuqwalasela umba wokuba yinxalenye yesiVumelwano saseRome sokusekwa kweNkundla yeHlabathi yamaTyala.

UMzantsi Afrika ubusoloko ungumxhasi othembekileyo wokusekwa kweNkundla yeHlabathi yamaTyala (i-ICC) nomnye wamazwe okuqala awatyikitya isiVumelwano saseRome sokusekwa kweNkundla yeHlabathi yamaTyala. Umile ekuzinikeleni kwinkqubo yehlabathi yobulungisa “ukuqinisekisa ukuba amatyala anzima kakhulu nachaphazela izizwe zehlabathi makafumane isohlwayo futhi kuqinisekiswe ukuba atshutshiswa ngokungenalusini ngokuthathwa kwamanyathelo zizizwe ngokwazo nangokukhulisa intsebenziswano phakathi kwezizwe zehlabathi.”

UMzantsi Afrika uza kusoloko uxhasa, ukhuthaza amalinge emimandla nawamazwe okujongana namatyala anje.

UMzantsi Afrika lilungu loLuhlu lwaMazwe aSeka i-ICC  olasekwa ngokweCandelo le-112(1) lesiVumelwano saseRome seNkundla yeHlabathi yamaTyala.

UMzantsi Afrika ukwalilungu leZizwe eziManyeneyo (i-UN), iManyano ye-Afrika (i-AU) neminye imibutho yehlabathi.  Awulideleli konke konke uxanduva nemisebenzi yawo njengenxalenye yezizwe zehlabathi.

UMzantsi Afrika udlala indima ebalulekileyo kwilizwekazi lase-Afrika nakweminye imibutho yelizwekazi. Ikwasingathe nePalamente yeManyano ye-Afrika. Owayesakuba nguMphathiswa weMicimbi yezeKhaya  eMzantsi Afrika nguSihlalo weKhomishoni yeManyano ye-Afrika.

UMzantsi Afrika uthatha inxaxheba kumaphulo ogcino-xolo kumazwe amaninzi ase-Afrika afana neDemocratic Republic of the Congo. UMzantsi Afrika ukwakhona nakumaphulo okuqinisekisa ukuba imizamo yokuzisa uxolo oluyeke-yeke eSudan naseSouth Sudan ayiwi phantsi, egameni labantu baloo mazwe azimeleyo nelizwekazi lase-Afrika.

UMzantsi Afrika amazwe awuthatha njengelizwe elinyanisekileyo nelithembekileyo ekuncediseni kumaphulo okudala uxolo njengoko amajoni aseMzantsi Afrika angama-3 000 ethatha inxaxheba kumaphulo anjalo phantsi kwe-AUa ne-UN.

UMzantsi Afrika ukhuthaza intsebenziswano phakathi kwawo namanye amazwe nophuhliso oludibeneyo kweli lizwekazi. Phakathi kwezinye izinto, uMzantsi Afrika usebenzisa ingxowa ye-African Renaissance neye-International Co-operation ukuze ikukhuthaze ulawulo lwentando yesininzi, ulawulo oluhle, ukuthintelwa nokusonjululwa kweembambano.

UMzantsi Afrika usebenzisa ngamandla imali yawo, uncedo lomkhosi, ubugcisa nabantu ekudaleni uxolo, ukhuselo nenkqubela kwilizwekazi lase-Afrika. Iinzuzo zoku ziya zibonakala kumazwe apho uMzantsi Afrika uncedisayo kuwo. La mazwe aquka iSudan neSouth  Sudan.

Noxa uMzantsi Afrika ulilungu loLuhlu lwaMazwe ayiNxalenye yesiVumelwano saseRome sokusekwa kweNkundla yeHlabathi yamaTyala, kufuneka ilungelelanise uxanduva lwayo kwi-ICC kunye nelo lwayo kwi-AU kunye nezivumelwano onazo nelizwe ngalinye, kuquka lawo ase-Afrika, ngokwezivumelwano zamazwe ehlabathi ozityikityayo.  

UMzantsi Afrika uyayiqaphela into yokuba kwanamaLungu asisiGxina eBhunga lezoKhuselo akasityikityanga isiVumelwano saseRome sokusekwa kwe-ICC angayithatha inxaxheba ngokupheleleyo kwiingxoxo ze-ICC kwakunyea nakwimiba ethunyelwe kuyo liBhunga loKhuselo ephathelele kwimeko eselizweni elithile.

Loo mazwe athatha amanyathelo aqinisekisa ukuba amagosa awo namajoni aw awatshutshiswa yi-ICC.

UMzantsi Afrika ukwaqaphela ukuphikisana okukhoyo kumacandelo ahlukeneyo esiVumelwano saseRome sokusekwa kwe-ICC  malunga nokunqanyulwa kwamagunya okutshutshiswa kweeNtloko zaMazwe.

ICandelo lama-27 lithi:
     
Ukungathathelwa ngqalelo kwesikhundla

1.  Esi siVumelwano siza kusetyenziswa ngokufanayo kubo bonke abantu kungajongwana sikhundla samntu. Ingakumbi isikhunldla sokuba yiNtloko yeLizwe okanye kaRhulumente, igosa likaRhulumente okanye ilungu lepalamente, ummeli onyuliweyo okanye igosa likarhulumente esi siVumelwano asisayi kukhetha naphantsi kwayiphi na imeko ukuba umntu angabekwa ityala atshutshiswa phantsi kwesi siVumelwano okanye ngenxa yesikhundla asibambileyo ngokusemthethweni wenzelwe idolo lokuba kuphungulwe isigwebo.

2. Ukungabinakuchukunyiswa okanye imithetho eyodwa enokusetyenziswa ngenxa yesikhundla somntu, nokuba kungokomthetho wesizwe okanye wezizwe, akusayi kuthintela i-CC ekubeni itshutshise loo mntu.

Xa ubalekisa nje amehlo kweli candelo linika i-ICC igunya lokutshutshisa nabani na, kungakhathaliseki sikhundla sakhe.  

Phofu lona iCandelo lama-98 lithi:

Intsebenziswano malunga nokubekela ecaleni ilungelo lokungatshutshiswa nokuvuma ukunikezela.

1. INkundla ayingeqhubekeki nesicelo sokufuna kunikezelwe okanye uncedo olunokufuna iLizwe elicelwayo lenze into ephikisana nezivumelwano zalo phantsi komthetho wezizwe zehlabathi ngokubhekisele kwiSizwe okanye ilungelo lokungabinakuchukunyiswa komntu okanye impahla yelinye ilizwe ngenxa yezivumelwano eziphakathi kwamazwe, ngaphandle kokuba iNkundla iqala ifumane imvume kwelo lizwe ukuba ilungelo lokungatshutshiswa libekelwe ecaleni.

2. INkundla ayingeqhubekeki nesicelo sokufuna kunikezelwe nto leyo iza kufuna iLizwe elicelwayo lenze into ephikisana nezivumelwano zalo phantsi kwezivumelwano zamazwe ehlabathi ekuthi ngazo imvume yeLizwe elithumelayo ifuneke ukuze kunikezelwe umntu welo Lizwe kwiNkundla, ngaphandle kokuba iNkundla iqale ifumane intsebenziswano yeLizwe elithumelayo yokunika imvume yokunikezela.

ICandelo lama-98(2) libalulekile yaye licacile. Litsho ngokucacileyo ukuba iNkundla ayingeceli ukunikezelwa komntu liLizwe elicela oko, ukuba loo nto ingaphuma ekubeni ilizwe elicelwayo laphule izivumelwano zalo zezizwe zehlabathi, ngaphandle kokuba iNkundla ngokunokwayo iqala ifumane intsebenziswano yeLizwe elithumelayo. Ngamanye amazwi, iCandelo lama-98(2) libeka uxanduva kwi-ICC ukuba incedise amazwe anyanzelise umyalelo wenkundla wokubamba umntu.

Kucace gca ukuba i-ICC yayiyiqonda into yokuba uMzantsi Afrika unganeengxaki ekunyanzeliseni umyalelo wenkundla wokuba kubanjwe  uMongameli uAl-Bashir ngenxa yezivumelwano zawo nezizwe zehlabathi.

Ngomhla wama-28 kuCanzibe ngowama-2015 i-ICC yayisele imeme uMzantsi Afrika kwiintlanganiso zokubonisana nayo malunga nokunyanzelisa umyalelo wenkundla wokubamba ngokweCandelo lama-97 elitsho ngokucacileyo nangokungalahlekisiyo ukuthi apho iLizwe eliLungu le-ICC lifumana isicelo ekuthi ngaso libone iingxaki ezinokuphazamisa okanye zithintele ukufezekisa eso sicelo, iLizwe liza kudibana neNkundla kungaphoziswanga maseko ukuze kusonjululwe loo mcimbi.

Iingxaki ezinjengezo zingaquka into yokuba ukufezekisa isicelo kule meko singayo kungafuna iLizwe elicelwayo laphule izivumelwano zangaphambili elinazo nelinye iLizwe.  

INkundla imele ukuba yayiyiqonda into yokuba uMzantsi Afrika ekunyanzeliseni umyalelo wenkundla wokubanjwa uza kuba waphula izivumelwano zawo ne-AU. Kumele ukuba sesi sizathu kuphela esivakalayo esenza ukuba iNkundla imeme uMzantsi Afrika kwiintlanganiso zokubonisana nayo.

Yakuba i-ICC imeme uMzantsi Afrika kwiintlanganiso zokubonisana nayo, kwakunyanzelekile ukuba ithethathethane ngomoya omhle noMzantsi Afrika, yaye iwuncedise uthobele uxanduva lwayo kwi-ICC nakwi-AU.

UMzantsi Afrika wasamkela isimemo sentlanganiso yokubonisana  ne-ICC ngokweCandelo lama-97. Kambe uMzantsi Afrika wawunemibandela emininzi ongayiqondiyo malunga nomyalelo wenkundla wokubamba  kunye nezivumelwano uMzantsi Afrika onazo njengelungu le-AU.
 
UMzantsi Afrika unyanzelekile ukuba uhloniphe  isigqibo esathathwa yi-AU eSirte eLibya ngomhla wesi-3 kweyeKhala ngowama-2009 sokuba amalungu ayo angasebenzisani ne-ICC ukuthobela iCandelo lama-98 lesiVumelwano saseRome sokusekwa kwe-ICC lide iBhunga lezoKhuselo libe liqwalasele isicelo se-AU. I-AU icele iBhunga lezoKhuselo ukuba likhe lisibambe isigqibo salo sokuthumela ingxaki yaseDarfur kwi-ICC ukuba iyiphande.
 
Esi sicelo akukenziwa nto ngaso. I-AU yenze esi sicelo ngokweCandelo le-16 lesiVumelwano saseRome sokusekwa kwe-ICC, kuba i-AU ikholelwa ekubeni ukuba i-ICC ingena lo mcimbi loo nto iza kubeka emngciphekweni amalinge oxolo nokhuseleko kwilizwekazi lase-Afrika.

UMzantsi Afrika uchatshazelwa kakhulu  sesi sigqibo se-AU ngenxa yokubandakanyeka kwawo kumalinge okudala uxolo eSudan naseSouth Sudan. Omabini awuqinisekisa uMzantsi Afrika ngokuzibophelela kwawo kumalinge okudalwa koxolo. Okokuba eli linge lokudala uxolo liyaphanza, iziphumo zoko kubantu bala mazwe mabini nelizwekazi lase-Afrika ziyakuba zibi kakhulu.
 
UMzantsi Afrika ubamba iingxoxo rhoqo neSudan kunye neSouth Sudan yaye uqinisekisiwe ngala mazwe mabini ngelinge lokudala uxolo.

UMzantsi Afrika usamkele ngomoya omhle isicelo se-ICC sokuthetha nayo ngokweCandelo lama-97 yaye wawunethemba leengxoxo ezakhayo, ezineziqhamo nezinolutho mayelana neengxaki zoMzantsi Afrika onokuba nazo ngokunyanzelisa umyalelo wenkundla wokubamba uMongameli Al-Bashir.

Intlanganiso yokuqala ne-ICC yabanjwa ngomhla we-12 kweyeSilimela ngowama-2015. Kuloo ntlanganiso kwakukho uNozakuzaku woMzantsi Afrika nomcebisi wakhe kwezomthetho. Kuloo ntlanganiso uNozakuzaku wayigxininisa into yokuba akakwazi kuxoxa avumelane ngemibandela yezomthetho nentsokothileyo yaye unqwenela enye intlanganiso apho abantu abanokusingatha le mibandela baza kubakho.

Intlanganiso yesibini yaloo nto yamiselwa uMvulo we-15 kweyeSilimela ngowama-2015. Ngaloo mhla, eyona ntlanganiso yokubonanisana  ngokweCandelo  lama- 97 yayiza kubanjwa. Kodwa i-ICC yacela ukuba intlanganiso ibe phambi koko yaza loo ntlanganiso yamiselwa iCawe yomhla we-14 kweyeSilimela ngowama-2015 ngo-12h30. Kodwa ebusuku kakhulu ngoMgqibelo umhla we-13 kweyeSilimela ngowama-2015, uMtshutshisi we-ICC wenza isicelo esingxamisekileyo eNkundleni esithi:

“Isicelo soMtshutshisi esiNgxamisekileyo soMyalelo ocacisa okokuba iintlanganiso zokubonisana noMzantsi Afrika ngokweCandelo lama-97 ukuba seziqukunjlwe na nokuba uMzantsi Afrika unyanzelekile okokuba ubambe uAl Bashir ngoko nangoko, umnikezele kwi-ICC.”

UMtshutshisi wenza esi Sicelo siNgxamisekileyo kwi-ICC engakhange awazise konke konke uMzantsi Afrika. UMtshutshisi wacela okokuba iinkcukacha zesi Sicelo siNgxamisekileyo zibe yimfihlelo, kodwa isigqibo se-ICC sona saziswe.

I-ICC yawuchophela lo mcimbi ngoko nangoko yaza yakhupha isiGqibo. Ngeliphandle i-ICC, ingakhange iwunike ithuba lokuphendula uMzantsi Afrika, yagqiba kwelokuba iintlanganiso zokubonisana ngokweCandelo lama-97 ziqukunjelwe yaye uMzantsi Afrika unyanzelekile ukubamba nokunikezela uMongameli Omar Al-Bashir. Njengoko sesitshilo, eso sigqibo senziwa uMzantsi Afrika ungakhange waziswe kwaphela.

UMzantsi Afrika njengeLizwe eliyinxalenye yesiVumelwano sokusekwa kwe-ICC nanjengeLizwe elikuLuhlu lwaMazwe angamaLungu e-ICC unelungelo lokwaziswa ngeSicelo esiNgxamisekileyo esenziwa kwi-ICC nokuviwa ngalo mbandela, ngokukodwa kuba kwakusekwenziwe amalungiselelo eentlanganiso zokubonisana.  

UMzantsi Afrika njengesizwe esizimeleyo  unelungelo lokuphathwa ngokulinganayo namanye amazwe, ngembeko, kungakhathaliseki nokuba iimeko zithini.

Kuyacaca ukuba i-ICC zange imeme uMzantsi Afrikaukuba kwiintlanganiso zokubonisana nayo ngomoya omhle ngokweCandelo lama-97 kwanangeenjongo ezinyanisekileyo  zokuba iwuncede. Kungoko ke uMzantsi Afrika ugqibe kwelokuyiqwalasela ngokutsha indima yawo kwisiVumelwano saseRome sokusekwa kwe-ICC.

Kukho amacandelo amabini abalulekileyo ngesiVumelwano saseRome sokusekwa kwe-ICC uMzantsi Afrika omele ukuwajonga xa ucinga ngendima oza kuyidlala kwi-ICC kwixesha elizayo.

Lawo ngamacandelo e-19 nele-127.

ICANDELO LE-119

Ukusonjululwa kweembambano

1.  Nayiphi na imbambano emayelana namagunya okutshutshisa e-ICC iza kusonjululwa sisigqibo seNkundla.

2.  Imbambano eyenye phakathi kwaMazwe amabini nangaphezulu athatha inxaxheba ekusekweni kweNkundla ephathelele ekutolikeni okanye ekusebenziseni esi Sivumelwano engasonjululwanga ngokuthethathethana kwiinyanga ezintathu kuqalile, iza kuthunyelwa kwiNtlanganiso yamaZwe angamaLungu.
INtlanganiso  ingathanda ukusombulula imbambano okanye icebise ngeendlela ezizezinye zokusombulula imbambano, kuquka nokuba kuthunyelwe kwiNkundla yeHlabathi yobuLungisa ngokuhambisana nesiVumelwano seNkundla.

Icandelo le-119 lixulusha iimeko ezimbini:

Okokuqala, iimbambano malunga namagunya okutshutshisa e-ICC, okwesibini, nayiphi na imbambano phakathi kweZizwe ezibini okanye ngaphezulu esokula kwindlela esitolikwa okanye sisetyenziswe ngayo isiVumelwano saseRome.

Ngokubhekisele kumba wokuqala ngentla, uMzantsi Afrika unganayo imbambano ne-ICC malunga neSigqibo eyasenzayo ukulandela iSicelo esiNgxamisekileyo soMtshutshisi soMyalelo ocacisa ukuba ngaba iintlanganiso zokubonisana ngokweCandelo lama-97 noMzantsi Afrika ziqukunjelwe na nokuba ngaba uMzantsi Afrika unyanzelekile na ukubamba ngoko nangoko umnikezele uMongameli Omar Al Bashir.

UMzantsi Afrika uza kubamba ingxoxo ezisesikweni ne-ICC ngalo mbandela ngenjongo yokuqonda izizathu zayo kunye nendlela ielitolika ngayo iCandelo lama-97. 

UMzantsi Afrika ukwafuna nokuqonda kwi-ICC ukuba luyintoni na uxanduva lwayo ngokweCandelo lama-98(2) kwiLizwe eliceliweyo elingenako ukwaphula izivumelwano elinazo nezizwe ngokuthi linyanzelise ukuthotyelwa komyalelo wenkundla wokubamba umntu.
 
UMzantsi Afrika ukwazimisele ukuwuveza lo mbandela kwintlanganiso elandelayo yeNdibano zeZizwe ezingaMalungu esiVumelwano saseRome sokusekwa kwe-ICC. Ngenxa yenkxalabo esinayo malunga  nokuntsonkotha nobunzulu bezomthetho ngalo mbandela, uMzantsi Afrika uza kuyicinga nento yokuwugqithisela kwiNkundla yeHlabathi yezobuLungisa ukuba ithathe isigqibo ngawo.

ICandelo lama-97 zange likhe lisetyenziswe yiNkundla ngaphambili. Lityeli lokuqala eli lokumenywa kweLizwe elalizibandakanyile yiNkundla ukuba libonisana nayo malunga neengxaki elinazo ekunyanzeliseni ukuthotyelwa komyalelo wenkundla wokubanjwa, nto leyo enokwenza elo lizwe laphule izivumelwano elinazo nezinye izizwe. Kwakufuneke iNkundla lo mcimbi iwuthathe ngokuzimisela yaye omabini la macala ayenyanzelekile ukuba axoxe ngomoya omhle.

Ngelokuncama, uMzantsi Afrika ungayicinga nento yokurhoxa kwi-ICC. Isigqibo esinjalo siza kuthatyathwa kuphela xa uMzantsi Afrika uzame konke ukuyilungisa le meko ngokwesiVumelwano saseRome sokusekwa kwe-ICC, uMqulu weZizwe eziManyeneyo kunye namanye amaqonga ehlabathi.
 
ICandelo le-127 lijongene nokurhoxa kwi-ICC yaye, phakathi kwezinye izinto, lithi :

1.  ILizwe elizibandakanyileyo lingarhoxa kwesi siVumelwano ngokubhala lazise uNobhala Jikelele weZizwe eziManyeneyo. Oko kurhoxa kuza kusebenza kwisithuba sonyaka emva kokwamkelwa kweso saziso sokurhoxa, ngaphandle kokuba isaziso eso simisela umhla wamva.

UMzantsi Afrika uza kubamba iingxoxo kwakamsinyane ne-AU kunye namazwe angamalungu ayo malunga nendlela yokusebenzisa amaqonga okusombulula iimbambano e-Afrika kungaphoziswanga maseko “ukuze kuqinisekiswe ukuba olona lwaphulo-mthetho lumasikizi noluxhalabisa izizwe zizonke luyohlwaywa nokuthi ukutshutshiswa kwalo ngokugqibeleleyo kuyaqinisekiswa ngokuthatha amanyathelo kwinqanaba lesizwe nangokukhulisa intsebenziswano yezizwe.”

Kodwa ngokukodwa, uMzantsi Afrika uza kubamba iingxoxo namanye amazwe ase-Afrika ukuze kukhawuleziswe uhlaziyo lweNkundla yaseAfrika yamaLungelo oLuntu nawaBantu nezinye iinkundla zamatyala zommandla. Oku kuza kuqinisekisa ukuba ulwaphulo-mthetho olubi malunga noluntu luza kusingathwa kwangoko nangokugqibeleleyo ngala maziko, nokuba inkqubo efezekisayo ikhona apho ulwaphulo-mthetho olunje lungatshutshiswa yiNkundla okanye amanye amaziko ommandla.
 
Kungekudala uMzantsi Afrika uza kwenza amalungiselelo okubamba iingxoxo ngokusesikweni ne-ICC ngemiba onenkxalabo ngayo.
 
UMzantsi Afrika uza kulungisa ingxelo emayelena neziphumo zeentlanganiso zokubonisana ubunazo ne-ICC ngokweCandelo lama-97 kunye neengxaki odibene nazo ngokweCandelo lama-98(2). Le ngxelo uza kuyifaka kwintlanganiso elandelayo yeNdibano yeZizwe ezingamaLungu.

UMzantsi Afrika uza kuphinda wenze isindululo sezilungiso kwisiVumelwano sase-Rome sokusekwa kwe-ICC ukuze kucaciswe, kwandiswe inkcaza yoxanduva lwe-ICC kumazwe angamalungu ayo.

Iingxoxo ne-AU namanye amazwe ase-Afrika nazo ziza kuqalisa. URhulumente uza kunyula iqela laBaphathiswa eliza kuthi ngoko nangoko liqalise iingxoxo ne-ICC, i-AU namanye amazwe ase-Afrika.

7. Izikhundla

Ukuqeshwa kuzo zonke izikhundla kuxhomekeke ekuqinisekisweni kwezifundo nokuba msulwa okufaneleyo ngabasemagunyeni abafanelekileyo.

7.1 Amalungu angekho kwisiGqeba soLawulo kwiBhodi sikaGunyaziwe woMzantsi Afrika woKhuseleko eLwandle (i-SAMSA):
a) UMnu Mavuso Msimang (uSihlalo);
b) Nomsa Cele (uSekela Sihlalo)
c) UNksz Anna Sekabiso Molemane;
d) UMnu Mervyn Robert Burton

7.2 UMnu Virgin Anzel Seafield ukhethwe njengeSekela loMlawuli-Jikelele  woMgaqo-nkqubo wezabaSebenzi neMpathwano eMsebenzini kwiSebe lezabaSebenzi

7.3 UNjing Richard Michael Levin. INqununu yeSikolo seSizwe sikaRhulumente ngesivumelwano sengqesho seminyaka emihlanu esiphela ngeyoMnga ngowama-2019.

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams (iSithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Inombolo yomnxeba: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore