INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla we-19 kweyoKwindla kowama-2014

1. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba egqubayo neziganeko ezizayo

1.1 IKhabinethi iyakwamkela ukukhutshwa kweNgxelo ngoPhononongo loMzantsi Afrika lwemiNyaka engamaShumi amaBini yeyowama-1994 ukuya kowama-2014, nguMongameli Jacob Zuma, ebubungqina benkqubela phambili  urhulumente ayenzileyo ukuqinisekisa ubomi obungcono babo bonke abantu.

Njengoko le Ngxelo iza kusetyenziswa njengesinikezelo sokukhumbula ongasekhoyo nowayesakuba nguMongameli uNelson Mandela, isiGqeba sihlaba ikhwelo kuwo onke amacandelo oluntu ukuba ayifunde ayixoxe le ngxelo, aze abe yinxalenye yemibhiyozo yemiNyaka engama-20 yeNkululeko kwaye abe phambili kumaphulo esizwe okugwadla nokuxoxa ngempumelelo kunye nemingeni esisajongene nayo.

Le Ngxelo ibubungqina benkqubela phambiliesele yenziwe ekwakheni uhlobo lwenkululeko engenacalu-calulo ngokobuhlanga nangokwesini, eqhubela phambili nedlamkileyo yentando yesininzi exhaswa nguMgaqo-siseko ukuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika ngenene lilizwe elingcono ubani anokuphila kulo.

1.2 IKhabinethi ikhumbuza onke amacandelo oluntu ukuba unyaka wama-2014 ubekelwe bucala njengonyaka wephulo leNkululeko yemiNyaka engama-20.
UTshazimpunzi yiNyanga yeNkululeko. Bonke abemi boMzantsi Afrika kunye namahlakani nabachaphazelekayo bamazwe ngamazwe bayamenywa ukuba babe yinxalenye yemibhiyozo yeNyanga yeNkululeko ngokubalisa awabo amabali okuba sibutshintshe bangcono njani ubomi babemi boMzantsi Afrika ngokusebenzisana.

Njengoko siza kuqokoza sisiya kwizikhululo zokuvota ngomhla we-7 kuCanzibe kowama-2014, masiphinde kwakhona sibonakalise ukuba ulawulo lwethu lwentando yesininzi lunoxolo, ludlamkile kwaye sisalulangazelela.

IKhabinethi ihlaba ikhwelo kubo  bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba nabo bathathe inxaxheba kumaphulo okugaya iivoti kodwa bakwenze oko ngoxolo kunye nokunyamezelana okuhlonela amalungelo abo bonke abavoti okuvakalisa izimvo zabo esidlangalaleni nokukhetha elo qela balithandayo kunyulo ekhusini kwindlwana yokuvotela.

I-arente ezinyanzelisa ukuthotyelwa komthetho ziza kusebenza ukukhusela eli lungelo, ukuqinisekisa ukuba yonke imimandla kweli lizwe ithatha inxaxheba kule nkqubo yentando yesininzi, esisiphumo soMzabalazo wethu wenkululeko.

1.3 Njengenxalenye yesicwangciso sokunatyiswa kweziseko zoncedo nophuhliso ezingundoqo zesizwe seKhomishoni kaMongameli yokuLungelelanisa iziSeko ezinguNdoqo, iKhabinethi icela isizwe ukuba siqwalasele le misebenzi incumisayo ilandelayo:

1.3.1 IDama i-De Hoop, eLimpopo, liza kusebenza ngokusesikweni ekupheleni kweyoKwindla kowama-2014. Eli lidama lesine ngobukhulu ukwakhiwa emva kolawulo lwentando yesininzi. Eli Dama liza kuphuhlisa uqoqosho, lidale imisebenzi kwaye lincedise nasekuhanjisweni kweenkonzo kweli phondo nakwilizwe ngokubanzi.

Abantu abangaphezu kwama-800 000 kummandla waseSekhukhune baza kuxhamla kumanzi acocekileyo nasisigxina ukanti imigodi emitsha kunye nabalimi nabo baza kuxhamla kula manzi eli dama.

Oomasipala kulo mmandla, bexhaswa ngurhulumente kandlukulu nowephondo, batyale imali eyongezelelweyo ezibhiliyoni ezintathu zeerandi kwiziseko zoncedo nophuhliso  zokucoca nokusa amanzi kubantu basemaphandleni nasezidolophini.

1.3.2 IKhabinethi ivakalise ukoneliseka ngokusungulwa okucetywayo kwesiGaba II se-Lesotho Highlands Water Project ngomhla wama-27 kweyoKwindla kowama-2014. Le Projekthi ingumzekelo omhle wokunokuba sisiphumo xa amazwe ameleneyo esebenzisana kwaye esengela thungeni linye. Ukuphuhliswa kwemithombo yamanzi kunegalelo elibalulekileyo kuxolo nakuhlumo lommandla waMazantsi e-Afrika kwakunye nobomi babantu balo mmandla.

1.3.3 IKhabinethi ivuya kakhulu ngumsebenzi wokuhlaziya imizila kaloliwe yoMzantsi Afrika, ngokutyikitya isivumelwano esixabisa ama-50 eebhiliyoni zeerandi ngabakwa-Transnet sokwakhiwa koololiwe abali-1 064 bale mihla nabanobuxhakaxhaka bobuchwepheshe obukwizinga eliphezulu .

Indima yeCandelo lezoBunjineli lakwaTransnet kwesi sivumelwano kukuqinisekisa ukuba emva kwethuba eli candelo liza kutshintsha libe ngumzi ovelisa izixhobo ezizezokuqala. Esi sivumelwano sentengiselwano sijolise ekuguquleni ushishino ngezololiwe ngokukhulisa amashishini amancinci asele ekho nokuseka amashishini amatsha.

1.4 IKhabinethi iyakwamkela ukuphehlelelwa kwesitya sokuqala sokujonga emajukujukwini sesibonakude i-MeerKAT liSebe lezeNzululwazi noBuchwepheshe kwiBala elisisiza eliyiKhilomitha ubuDe nobuBanzi, ebizwa ngokuba yi-SKA ngaseCarnavon, eMntla Koloni ngomhla wama-27 kweyoKwindla kowama-2014.

Isibonakude i-MeerKAT, ebubuxhakaxhaka obayilwa bakhiwa kweli ubuninzi babo, iyabonisa kwakhona ukuba uMzantsi Afrika ungakhuphisana noompondo zihlanjiwe xa kuthethwa ngezophando, ezobunjineli, ezenzululwazi kunye nobuchwepheshwe. Esi sibonakude siza kuba ngama-25 ekhulwini esiGaba sokuQala se-SKA.

1.5 IKhabinethi ivakalisa amazwi ovelwano kwiintsapho nezihlobo zabo baphulukene nobomi babo kwiimvula ezinkulu zakutsha nje. IKhabinethi iyabaqinisekisa abemi boMzantsi Afrika ukuba iZiko loLawulo lweeNtlekelo leSizwe – lisebenzisana necandelo lezobuNtlola nokuSebenza ngoBambiswano leSizwe – liza kuqhubeka ngeenzame zokukhangela nokuhlangula kwakunye namalinge okuncedisa abantu abachaphazelekileyo. IKhabinethi iyababulela ibancoma abezokhuselo ngokuncedisa kwiinzame zohlangulo.

Bonke abemi boMzantsi Afrika, ingakumbi abo bahlala kwiindawo ezithandwa zizikhukula, bayacelwa ukuba bahlale belumkile kumaxa emozulu enyeke-nyeke. Abazali nabagcini-bantwana kufuneka bathathe amanyathelo okuqinisekisa ukuba abantwana bakhuselekile. Ukongeza koku, abaqhubi-zimoto nabahambi ngeenyawo nabo kufuneka bahlale bephaphile xa besebenzisa iindlela kumanzi.

1.6 IKhabinethi ibulela uluntu ngenxaxheba oluyithathileyo ukusebenzisa umbane ngononophelo ngethuba iziko leenkozo zezombane lesizwe liphantsi koxinzelelo kule nyanga iphelileyo.

Abantu kunye namashishini bayakhuthazwa ukuba baqhubeke besebenzisa umbane ngobunono kwaye bawonge xa kukho indlela, ingakumbi kwezi meko zemozulu zigqubayo ngoku.

1.7 UMzantsi Afrika uza kuzimasa iNgqungquthela yesiNe yeeNkokeli zaMazwe ngaMazwe yeMbumba yase-Yurophu ne-Afrika eza kubanjelwa eBrussels, eBelgium ngomhla we-2 nowe-3 kuTshazimpunzi ngowama-2014. Umxholo wale Ngqungquthela yeNkokeli zaMazwe ngaMazwe uthi “Ukuzibophelela eBantwini, kuHlumo nakuXolo”.

Le Ngqungquthela iza kugxininisa kwimfundo noqeqesho, abasetyhini nolutsha kwakunye nabafuduki abasemthethweni nabangekho mthethweni abangena kula mazwekazi mabini.

1.8 Ngomhla wama-24 kweyoKwindla kowama-2014, iza kuba sisikhumbuzo saminyaka le soSuku lweSifo sePhepha lweHlabathi. IKhabinethi inqwenela ukukhuthaza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzisane norhulumente ukulwa esi sifo.

Ubhubhani weSifo sePhepha (i-TB) wayengagqugqisi nje kuphela eMzantsi Afrika koko nakuwo wonke uMmandla osemaZantsi eSahara. Amanyathelo karhulumente okuphumeza eyona nkqubo yakhe yankulu kwiHlabathi yokunyanga nokukhusela intsholongwane i-HIV noGawulayo alenze layimpumelelo idabi lokulwa ne-TB.
  
Iinkqubo zikarhulumente zokulwa ne-TB zikwaquka namaphulo okukhangela abo bagulayo bengazazi nokukhangela nabo bathe bahlangana naba bangazaziyo ukuba banesi sifo, nokusetyenziswa kobuxhakaxhaka be-GeneExpert ukuze sibonwe ngokukhawuleza isifo se-TB. Siyazingca ngokuba uMzantsi Afrika uhamba phambili kwihlabathi liphela kumbandela wokusetyenziswa kobuxhakaxhaka beGeneXpert kumaziko ezempilo.

IKhabinethi iyayamkela le Ntlanganiso yaBaphathiswa izayo ngokuDityaniswa kwaMacebo eNgingqi nokuSabela ekuLweni ne-TB kwiCandelo lezeMigodi kuMazantsi e-Afrika. Le Ntlanganiso iza kubanjelwa kwiZiko leeNgqungquthela laseSandton ngomhla wama-25 kweyoKwindla kowama-2014 kwaye iza kudibanisa bonke abadlala iindima koorhulumente balo Mmandla, iCandelo lezeMigodi eMzantsi Afrika, imibutho yabasebenzi, Amaqabane kwezoPhuhliso kunye neMibutho yoLuntu.

1.9 IKhabinethi ivuyisena nabo bonke abafikelele kumagqibela kankqoyi nabo baphumelele iiMbasa zezoShishino olukuMgangatho oPhezulu zoMzantsi Afrika zoNyaka wesiBini.

Ezi Mbasa ziwonga amashishini ngendlela aqhube ngayo kumacandelo ohlukeneyo kwaye zinikezelwe kwitheko ebelizinyaswe nguMongameli Jacob Zuma.

Phakathi kwabo bawongwe ngeembasa nevuyisana nabo iKhabinethi nguMnu Sam Motsuenyane ofumene iMbasa yoBomi emfaneleyo yeMisebenzi eMihle.

1.10 IKhabinethi iyiqaphele ingxelo yophando-nzulu eyayigunyaziswe liSebe lezeziMali kwiKhomishoni yoNyulo Ezimeleyo. Oku kulandela isiphakamiso esenziwa kwingxelo yoMkhuseli woLuntu. Iye yacela uMphathiswa weMicimbi yezeKhaya ukuba awulandele lo mba aze acebise iKhabinethi.

1.11 IKhabinethi iwagxeka kakhulu amaqela emigulukudu athe gqolo eNtshona Koloni, abonakala ngemikhuba yokuhlasela ngenkohlakalo nangobundladiya uluntu, ingakumbi abantwana. Oku akunakunyanyezelwa njengoko kusibuyisela umva kumgama osele siwuhambile kulo rhulumente wethu wentando yesininzi. IKhabinethi iyawuvuma iwubulela umsebenzi owenziwa ngabeeNkonzo zamaPolisa zoMzantsi Afrika ekulweni amaqela emigulukudu kwaye ihlaba ikhwelo kuluntu oluchaphazelekayo ukuba lusebenzisane namapolisa ukukhusela uluntu kulo mkhuba.

1.12 IKhabinethi ivakalisa usizi namazwi ayo ovelwano kusapho nezihlobo zikaNksk Martha Mahlangu obengumama wowayesakuba lijoni loMkhonto weSizwe uSolomon Mahlangu. UNksk Mahlangu uza kubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela ngoMgqibelo umhla wama-22 kweyoKwindla ngowama-2014. IsiXeko saseTshwane siza kuwuqhuba ngokomgcwabo webhunga likamasipala umfihlo wakhe kwaye neeflegi ziza kuthotywa ukubonakalisa imbeko kuye.

2. Iingxoxo kunye nezigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1 IKhabinethi ifumene ingxelo ngoMnxeba oNgxamisekileyo kaMongameli yale minyaka mine usebenza. Iziphumo zokusonjululwa kweengxaki, nendlela oqhuba ngayo ziye ziphucuka xa kuthelekiswa le minyaka ngolu hlobo: ama-64,03% unyaka wokuqala, ama-77,79% kunyaka wesibini; ama-87,47% kunyaka wesithathu, kulo unyaka ngama-94,7%. Kwesi sithuba sale minyaka mine, inani elidityanisiweyo lezikhalazo nemibuzo ezathathwayo linyuke ukusuka kuma-75 873 kunyaka wokuqala laya kutsho kwi-183 445 kunyaka wesine.
 
IKhabinethi ihlaba ikhwelo kumasebe namaphondo ukuba aqhubeke ephucula umgangatho kunye nesantya sokuphanda izikhalazo njengoko kubalulekile ukwaneliswa kwabemi negama nokusebenza kkomnxeba oNgxamisekileyo kaMongameli

2.2 IKhabinethi iwamkele uMkhomba-ndlela woMgaqo-nkqubo wezoShishino (i-IPAP) oPhindaphindwayo waMinyaka le wesiThandathu weminyaka wama-2014 nowama-2015 ukuya kowama-2016 nowama-2017 ukuba uphunyezwe.
Injongo ephambili ye-IPAP kukunqanda ukuhla kwezoshishino, ukuxhasa uhlumo kunye nokuxutywa kwecandelo lezinto eziveliswayo eMzantsi Afrika. UMphathiswa wezoRhwebo noShishino uza kuthetha namajelo eendaba xa i-IPAP iphehlelelwa kule nyanga izayo.

2.3 IKhabinethi iyamkele indlela ekuchotshelwe ngayo ukusondela kosuku lokuphelelwa kwamaphepha-mvume akhutshwe phantsi kweprojekthi yesiBonelelo esiSodwa sabemi baseZimbabwe (i-DZP). Abo baneempepha-mvume baza kulindeleka ukuba baphinde bafake izicelo zokuhlaziywa kwamaphepha-mvume kwilizwe labo lokuzalwa. UMphathiswa weMicimbi yezeKhaya uza kunika ingcaciso ethe vetshe kwalapha ekuhambeni kwexesha ngenkqubo eza kulandelwa kunye nosuku ekuza kuqalwa ngalo.

2.4 IKhabinethi ivume ukuba iCandelo le-100 (1) (b) elingongenelelo eLimpopo lihlale liqhuba, ukuze libe nakho ukuphinda lihlaziywe kweyeSilimela kowama-2014 emva kokuba kukho umbuso wolawulo omtsha. Oku kuza kwenza ukuba kusoloko kukho amaphulo okungenelela ukulwa nemingeni esaseleyo. Oku kuza kuqinisekisa ukuba ukuphucuka kweemeko zezimali kumaphondo kunye nokuhanjiswa kweenkonzo kwiinkonzo zoluntu nakumanye amacandelo zihlala zihleli.

2.5 IKhabinethi iluphumezile uHlaziyo lwezoKhuselo loMzantsi Afrika lowama-2014, yaze yayalela nokuba luthiwe thaca ePalamente. Olu Hlaziyo luza kucacisa umgaqo-nkqubo wezokhuselo wexesha elide kunye nendlela yezokhuselo enobuchule ezakulandelwa lilizwe kule minyaka mine yeSicwangciso-nkqubo soBuchule seXesha eliPhakathi. Olu xwebhu kuza kwabelwana ngalo noluntu, njengoko uluntu lwaluthathe inxaxheba kwiintlanganiso zovakaliso-zimvo ezazibanjwe kwimbombo zonke zelizwe kulo nyaka uphelileyo.

2.6 IKhabinethi ivumile ukuba iNgxelo yeKomiti yaBaphathiswa ngeNgcaciso yoMgaqo-nkqubo ipapashwe kwiPhephandaba lakwaRhulumente ukuze noluntu luhlomle.

Le ngxelo ihlalutya imfundo ephakamileyo kunye nefuthe lenkqubo yezoqeqesho kwezentlalo nezoqoqosho. Inika uMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho iziphakamiso ngendlela ekunokususwa ngayo imiqobo ekungekho mfuneko yayo nethintela okanye enika abafundi ubunzima ukuba baqhube kakuhle.

Umgaqo-nkqubo wengcaciso ubhekisa kwiphulo lokulungelelanisa amaziko ezemfundo, iinkqubo zezemfundo kunye neziqinisekiso zezemfundo ukuze abafundi bakwazi ukufundela loo makhondo bawakhethileyo ngendlela elula.

2.7 IKhabinethi ivumile ukuba iNgxelo esuka kwiQela laBaphathiswa ebeliChophele iiNkqubo ezisiSiseko zeZibalo neNzululwazi mayipapashwe kwiPhephandaba lakwaRhulumente, ukuze uluntu luhlomle.

IQela laBaphathiswa eliChophele uMcimbi lagunyaziswa ukuba liqulunqe iNkqubo esiSiseko yeZibalo neNzululwazi esekelwe kwiMfundo yobuGcisa bobuChule neKholeji yoQeqesho.

Oku kuza kunceda ukwandisa inani labafundi abakhetha iNzululwazi neZibalo edyunivesiti kwaye iqaqambise nabanobungcali bokuyila izinto ezintsha njengoko kucacisiwe kwisiCwangciso soPhuhliso seSizwe.

Le nkqubo ijolise kwabo banqwenela ukungena kwicandelwano leMfundo yobuGcisa boBuchule noQeqesho, abo basele bekwiikholeji zemfundo yobugcisa bobuchule noqeqesho nabanqwenela ukuqhubeka bangene kwiidyunivesiti, kwakunye nabafundi beBanga le-12 abafuna ukungena kwiidyunivesiti kodwa babe bengazizalisekisi zonke iimfuno zeZibalo neNzululwazi.

2.8 IKhabinethi ivumile ukuba iziphumo zophando lowama-2012 nowama-2013 ngokuxhaswa ngemali ngurhulumente kwemisebenzi yezenzuluwazi nobuchwepheshe zipapashwe.

AmaSebe eSizwe atyale imali emalunga nama-29,4 eebhiliyoni zeerandi kwimisebenzi yezobunzululwazi nobuchwepheshe, oku sisithathu ekhulwini sohlahlo-lwabiwo-mali olupheleleyo lukarhulumente wesizwe. Oku kubonakalisa ukunyuka kumyinge weminyaka emine we-2.9% phakathi kowama-2008/09 ukuya kowama-2011/12.

Kukho nobungqina bokuba urhulumente uxhasa ngemali amaphulo amaninzi ophando lwezenzululwazi aqhubeka eMzantsi Afrika, nokuba uninzi lweeprojekthi zokufezekiswa kweziphumo zophando aluqhutywa kumasebe esizwe, koko kumabhunga enzululwazi kunye namaziko emfundo ephakamileyo.

2.9 IKhabinethi yazisiwe ngohlalutyo oluqhutywe liSebe lokuVavanywa nokuHlola uMsebenzi ‘Ngefuthe lokuQaliswa kweBanga R kwiziPhumo zokuFunda’.

Ukuthathela ingqalelo kwangethuba umbandela wokukhula nokuphuhla kwabantwana abaselula kungakunciphisa ukungalingani kunyuse nomgangatho wemveliso,  ingakumbi kubantwana abaselula abasuka kumakhaya ahlelelekileyo.

IKhabinethi iyawamkela umsebenzi oncumisayo wokwandiswa kakhulu kweBanga R ekufuneka lisebenzise amandla alo kangangoko ukuze libe nefuthe elibonakalayo kwindlela abaqhuba ngayo abafundi kwizifundo zabo.

2.10 IKhabinethi inikwe amagqqabantshintshi ngeziphumo zeNkqubo eNgaphambili yokuHlola ukuZiswa kweeNkonzo yonyaka wama-2013.

IKhabinethi iyancoma kwaye ikhuthazwa ziziphumo ezincumisayo ezisuka kumasebe karhulumente anoxanduva , ngendlela  alawula ngobuchule ngayo kunye nokongamela iindawo nokusebenza kwezixhobo zomsebenzi.

Iziphumo ngophando lweendawo nezixhobo zokusebenza ezili-186 (ebeziphononongwe okokuqala) kuwo onke amaphondo ngowama-2012 zibonakalisa ukuba abahlali nabo bebehlola kwaye bonelisekile yindlela yokuphathwa ngembeko, yindawo nokufikeleleka kunye namaxesha okuvula nokuvala bekunye nabo bangabahloli bakarhulumente.

Indawo ekusafuneka ungenelelo kuzo zezi: ukusatyelwa kwezikhalazo, ukubonakala nemibhalo ekhombisayo, ukulawula imingcelele, amaxesha okulinda kunye nokhuseleko.

Iziphumo zophando zamaziko angama-77 aphindwe onganyelwa kwakhona, ukuvavanya impucuko, ziphinde zabonakalisa ukonyuka komgangatho wokwaneliseka, okuyinto encumisayo kwiphulo lolawulo lwamaziko njengomba obalulekileyo nokhokeliswa phambili.

2.11 IKhabinethi ikuphumezile ukusindlekwa kweNtlanganiso ePhezulu yaBaphathiswa baMazwe oPhuhliso loLuntu kuMazantsi e-Afrika abajongene ne-ICT, uNxibelelwano kunye neeNkonzo zePosi ukusuka ngomhla wama-23 ukuya kowama-25 kweyoKwindla ngowama-2014, eRhawutini.

3. Izikhundla

IKhabinethi ikuphumezile ukuqeshwa kwaba balandelayo:

3.1 UNks Elaine Alexander kwisikhundla sokuba nguSekela Mlawuli-Jikelele: uPhuhliso lwezoQoqosho, uRhwebo neNtengiso kwiSebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba.

3.2 UNks Nkidi Dinah Mohoboko kwisikhundla sokuba nguSekela Mlawuli-Jikelele: IZiko lezeMfundo kwiSebe leMicimbi yezeKhaya.

3.3 UMnu Sam Themba Mtshisa kwisikhundla sokuba nguSekela Mlawuli-Jikelele: IiNkonzo zamaShishini kwiSebe lezeMisebenzi kaRhulumente.

3.4 UNks Malijeng Theresa Ngqaleni kwisikhundla sokuba nguSekela Mlawuli-Jikelele: INtsebenziswano phakathi kooRhulumente kwiSebe lezeziMali.

3.5 UMnu Michael Sass kwisikhundla sokuba nguMcwangcisi-mali-Jikelele kwiSebe lezeziMali.

3.6 UMnu Mlungisi Justice Mathonsi njengeGosa eliyiNtloko kwezoMsebenzi kwiPosi yoMzantsi Afrika.

3.7 Amalungu angekho kwisiGqeba soLawulo kwi-Arhente yezoThutho lweNdlela eziNqumla imiDa:
a) UNks Pam Edith Pokane (USihlalo);
b) UMnu Reuben Abel Dlamini;
c) UMnu Gordon Noah;
d) UMnu Moses Cyril Tiel Scott;
e) UMnu Wayne Smith;
f) UNks Maleho Margaret Nkomo (uqeshwe kwakhona njengeSekela Sihlalo); kunye
g) noNks Nala Mhlongo (uqeshiwe kwakhona).

3.8 UMnu Mahesh Fakir njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba loLawulo lwamaZibuko.

3.9 Amalungu angekho kwisigqeba solawulo kwiBhodi yabaLawuli kwiNkampani yeziXhobo yoMzantsi Afrika (i-Armscor):
a) UMphathi-mkhosi (sele esidla umhlalaphantsi) Refiloe Johannes Mudimu (USihlalo);
b) UNks Thuthukile Skweyiya (uSekela Sihlalo);
c) UGqr Moses Khanyile;
d) UMnu Bethuel Motshwariseng Fantas Mobu;
e) Adv Sesi Baloyi;
f) UNks Mpumi Zikalala;
g) UMnu Ndumiso M Tyibilika;
h) UMnu Raymond Mlungwana Vokwana; kunye
i) no-Adv Virginia Lee Anne De La Hunt.

Imibuzo: Phumla Williams (ISithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Umnxeba woqhagamshelwano: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore