INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla wama-26 kweyeSilimela wama-2013

1. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba ebalulekileyo kwiimeko ezigqubayo nezingundabamlonyeni

1.1. IKhabhinethi izibandakanya nesizwe kunye noluntu lwamazwe ngamazwe ekuthandazeleni utata wesizwe, owayesakuba nguMongameli uNelson Mandela. Ngeli xesha lobunzima, sisonke masibonise uthando novelwano ukuze simenze uMadiba azingce ngathi.

1.2. IKhabhinethi iqaphele isikhumbuzo seminyaka engama-58 sokutyikitywa koMqulu wamaLungelo oLuntu ngomhla wama-26 kweyeSilimela we-1955 osisiseko sentando yesininzi yethu kunye noMgaqo-siseko wethu. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba ‘Badlale iNdima Yabo’ ekusondezeni eli lizwe kumbono woluntu loMzantsi Afrika olumanyeneyo, olungenabuhlanga, olungacalucaluli ngokwesini, lwentando yesininzi kunye nolunenkqubela phambili.

1.3. IKhabhinethi yamkele ukuzinikela ngokutsha kweSebe lezeMpilo, likunye nabaphandi ukuba bajongane ngqo nemiba engumngeni kwiinzame zabo ezihlangeneyo zokulwa neNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV). IKhabhinethi isekwamkela amalungiselelo eSebe lezeMpilo okwazisa imiba eliqela yokungenelela kwiinzame ezikhoyo eziquka ukufundisa ukuqonda ngakumbi i-HIV noGuwulayo (i-AIDS), kunye namanyathelo okunciphisa umngcipheko wokosuleleka yi-HIV.

1.4. IKhabhinethi idlulisa umyalezo wovelwano kulandela ukuhlaselwa okumasikizi kwiNdawo yoncedo lweeMbacu yeZizwe eziManyeneyo eMogadishu, eSomalia ngomhla we-19 kweyeSilimela wama-2013 oluthe lwashiya abantu abali-15 beswelekile kuquka abemi baseMzantsi Afrika ababini. Sihlaba ikhwelo kuwo onke amaqela ezopolitiko angaphandle kwenkqubo yezopolitiko eSomalia ukuba agxeke ubundlobongela baze bazise inkxalabo yabo kuRhulumente waseSomalia ngendlela eyakhayo nedala uxolelwaniso.

1.5. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba banikezele ngexesha labo ngoSuku lukaNelson Mandela (umhla we-18 kweyeKhala) ukuze bancede baguqule uluntu abahlala kulo kunye nokwenza uMzantsi Afrika ube ngcono. Lo mbhiyozo uza kubanjwa phantsi komxholo othi “Thatha amanyathelo; phembelela inguqu; yenza yonke imihla ibe luSuku lukaMandela” kugxininiswa kubukho bokutya, indawo yokuhlala kunye nokwazi ukufunda nokubhala.

1.6. IKhabhinethi iqaphele ukuba njengenxalenye yoSuku lukaNelson Mandela, kuza kusungulwa ukunatyiselwa ngokwamanqanaba kokunikezelwa kwecwecwe leSazisi esiliKhadi. Oku kusungulwa linyathelo elibalulekileyo lokwahlukana kwethu nexesha nobomi obudlulileyo kunye nokufikelela esiphelweni kwexesha lamapasi eMzantsi Afrika. ISazisi esiliKhadi licwecwe elikwaziyo ukugcina ulwazi neenkcukacha ezivela kwiqela labachaphazelekayo ngoku nakwixesha elizayo. UMphathiswa weSebe lezeKhaya uza kunikezela ngeenkcukacha ezithe vetshe kwindibano emfutshane ecwangcisiweyo ekuhambeni kwexesha.

1.7. IKhabhinethi yamkela ukusungulwa kwephulo leSebe lezeMfundo esiSiseko elibizwa ngokuthi iiProjekthi ezingaphezu kwezingama-94 zikaMadiba ukubhiyozela umhla wokuzalwa kukaNelson Mandela kunye nelifa asishiya nalo. Eli phulo lijolise ekuphuculeni iziseko zophuhliso neziluncedo kwizikolo ezingaphezu kwama-94 ukuze zibe ngamaziko anobuchwepheshe bale mihla nawemfundo esemgangathweni. Eli phulo linika ithemba nesidima ezikolweni kwilizwe ngokubanzi. Ngexesha leNyanga kaMandela ukususela kweyeKhala wama-2013, isebe liza kukhokela ekunikezeleni izikolo ezitsha ezigqityiweyo rhoqo ngeveki njengenxalenye yokuzinikezela imfundo esisiseko ephucukileyo nesemgangathweni.

1.8. IKhabhinethi yamkele ukugqitywa kunye nokunikezelwa kweBhulorho yeLifa likaMandela eyaziwa ngokuba yiNkosi Dalibhunga eya eMvezo ekhokelwa nguNkosi Mandla Mandela, umzukulwana walowo wayesakuba nguMongameli ngomhla we-18 kweyeKhala wama-2013. Oku kunikezelwa kuza kungqinelana nosuku lokuzalwa lwalowo wayesakuba nguMongameli uMnu Nelson Mandela, oza kugqiba iminyaka engama-95 ngolo suku.

1.9. IKhabhinethi iqaphele isikhumbuzo soMzantsi Afrika soSuku lwaMazwe ngaMazwe lweZizwe eziManyeneyo oluchasene nokuSetyenziswa gwenxa kweZiyobisi kunye nokuThutyeleziswa kwazo ngokungekho mthethweni ngomhla wama-26 kweyeSilimela wama-2013, eKimberley. Olu Suku lwasetyenziswa ukugxininisa ukubaluleka kokujongana nemingeni ehlabathini kuquka ulwaphulo-mthetho, i-HIV ne-AIDS, ukuphela kwezimilo, ubundlobongela basemakhaya kunye nokukhulelwa kwabafikisayo.  

1.10. IKhabhinethi yamkele ukusindlekwa kweNtlanganiso yaBaphathi baMazwe yeNzululwazi, uBuchwepheshe kunye neeNguqu eza kubanjwa ukususela ngomhla wama-20 ukuya kumhla wama-21 kweyeKhala. Le ntlanganiso iza kushukuxa icebo eliqulethwe kwingxelo yeKomiti yaBaphathiswa yoHlalutyo, iphucule ukulungelelanisa kunye nokuhlangana kweNkqubo yeSizwe yeNguqu ize yomeleze nengxoxo phakathi korhulumente, ezorhwebo kunye nabemfundo ephakamileyo.

1.11. IKhabhinethi yamkele ingxelo ngenkqubela eyenziwe kwilali yaseMuyexe, eGiyani, kwiphondo laseLimpopo yokuqalisa kokuzinikela kukarhulumente ekuphuculeni ubomi babantu. IKhabhinethi ingqine inkxalabo kaMongameli yokuba onke amanqanaba karhulumente kufuneka akhawulezise ukuziswa kweenkonzo njengezicwangciso ekuvunyelenwe ngazo.

1.12. IKhabhinethi yamkele ukusungulwa ngoMgqibelo, umhla wama-29 kweyeSilimela wama-2013 kwe-SIP 18 enxulumene nemiba yeziseko zophuhliso neziluncedo ngeenjongo zokuziswa kwamanzi kunye nokuhanjiswa kogutyulo. Le projekthi iza kuqinisekisa ukubonelelwa ngamanzi okuzinzileyo ukuze kufikelele kwimfuno zoluntu kunye nokuxhasa ukukhula koqoqosho.

1.13. IKhabhinethi yamkele inkcazelo emfutshane eyifumene kwicandelo lezokwakha malunga nezivumelwano eziphakathi kweenkampani eziza kunciphisa zithintele ukhuphiswano. IKhabhinethi yamkele isiphumo sophando esibonise ukuba kukho ukumiselwa kwamaxabiso okungekho mthethweni, izivumelwano ezingekho mthethweni nezilahlekisayo zokuthintela ukhuphiswano kunye norhwaphilizo kurhwebo lwezokwakha lwabucala. Ubungakanani bezi zivumelwano zingekho mthethweni nezilahlekisayo zokuthintela ukhuphiswano bungqina ukuba kufuneka kuthathwe amanyathelo aqatha ligunyabantu lezokhuphiswano. IKhabhinethi ilindele isiphumo senkqubo yenkundla yamatyala okhuphiswano kodwa iqaphela ukuba ubungqina bubonisa ukonakala kakhulu komdla woluntu ngamaxabiso anyuswe kakhulu urhulumente athe wawahlawula ngenxa yezivumelwano ezingekho mthethweni nezilahlekisayo zokuthintela ukhuphiswano.

2. Iingxoxo kunye nezigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1. IKhabhinethi ivume isiCwangciso esinguNdoqo seSizwe seZiyobisi (2013–2017) kunye nokuqaliswa kwaso kwiminyaka emihlanu ezayo. Esi sicwangciso sisebenza njengoyilo olusephepheni noluphambili lwelizwe lokuthintela kunye nokunciphisa ukusetyenziswa gwenxa kotywala neziyobisi kunye neziphumo ezinxulumene nezentlalo nezoqoqosho kuluntu lwaseMzantsi Afrika.

2.2. IKhabhinethi ivume ukuSindlekwa kweMbizo yokuXhotyiswa kwabaNtsundu ngokuBanzi kwezoQoqosho ngowama-2013. Le ntlanganiso iza kuqhayisa ngamabali ayimpumelelo kunye nokucacisa ukungenelela kukarhulumente ngenkxaso esebenza kakuhle kunye nokuthatha inxaxheba kuqoqosho oluzinzileyo kunye nokufikelela kwabantu abantsundu kuqoqosho olungundoqo, ngendlela eza kuba negalelo ekukhuleni koqoqosho oluqukayo. 

2.3. IKhabhinethi ivumele uMzantsi Afrika ukuba ubambisane nenkqubo yokuHlaliswa kwaBantu yeZizwe eziManyeneyo (UN-HABITAT) ngomhla we-5 kunye nowe-6 kweyoMsintsi wama-2013 ekusindlekeni iNkomfa esihloko sithi “Ukukhokela inguqu eSixekweni”. Le nkomfa iza kugxininisa ekuthatheni inxaxheba kwabasetyhini kubomi basezidolophini e-Afrika. Le nkomfa iza kubonelela ngeqonga ukuze i-Afrika ikwazi ukushukuxa ngokwaneleyo imingeni yokuhlala ezidolophini kunye nokulawula ukuhlala kwabantu ezidolophini ngeenjongo zokuphuhlisa uluntu.

2.4. IKhabhinethi ivume iPhepha elisaYilwayo leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo woSapho kunye nokuqaliswa kwesiCwangciso. Eli Phepha elisaYilwayo  leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo liza kwenza ukuba urhulumente kunye nabachaphazelekayo basebenzise usapho njengendawo yokuqala yokuqonda impilo entle yoluntu. Eli Phepha elisaYilwayo leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo lenza isindululo sezinto ezintathu ezingundoqo ezizezi, ukuXhasa ubomi bosapho olusempilweni, ukomelezwa koSapho kunye nokulondoloza uSapho.     

2.5. IKhabhinethi ivume ukugqityezelwa kunye nokufakwa kwiphephandaba lakwarhulumente kweSicwangciso soBuchule sesibini soMthombo waManzi eSizwe. Esi sicwangciso sobuchule songeza kweso sowama-2004. ISiCwangciso soBuchule seSibini soMthombo waManzi eSizwe sibonelela ngohlalutyo lwendima yamanzi kuqoqosho kunye nokuchonga eyona mingeni, amathuba ophuhliso kunye nezenzo ezithi zichaze isikhokelo-nkqubo ekuvunyelwene ngaso kwimimandla ebalulekileyo yelizwe. Isicwangciso sobuchule sesibini sikwafuna ukuqinisekisa ubukho bamanzi ngokuzinzileyo, ngokulinganayo nangokukhuselekileyo ukuze kubekho ubomi obungcono kunye nokusingqongileyo kunye nokuqinisekisa ukuba amanzi alawulwa kakuhle nangoku ngeenjongo zokukhula nophuhliso oluzinzileyo nolulinganayo.

2.6. IKhabhinethi ivume ingxelo yeZiphumo zeNtlanganiso ye-16 yeNkomfa yeZizwe ngeZizwe yoRhwebo lwaMazwe ngaMazwe ngeZilwanyana neziTyalo eziseMngciphekweni wokuTshabalala (CITES CoP 16), ebanjwe eBangkok, eThailand ukususela kumhla we-3 ukuya kowe-14 kweyoKwindla wama-2013. Ikhabhinethi ikwavume ukuba uMzantsi Afrika ulungiselela kwaye ufake isicelo sezorhwebo ukuba sichotshelwe kwiCITES CoP 17 ngowama-2016 eMzantsi Afrika.

2.7. IKhabhinethi yamkele isimemo esivela kwiBanki yoPhuhliso lwe-Afrika eJongene noMzantsi Afrika ukuba ube lilungu leQela lase-Afrika leZiseko zoNcedo noPhuhliso (i-ICA) elasungulwa kwiNtlanganiso yaBaphathi baMazwe eG8 eGleneagles ngowama-2005. Utyalomali olubonakayo loMzantsi Afrika kwiziseko zophuhliso neziluncedo kwixesha laphakathi enyakeni luza kuqaqambisa ubulungu bayo kwi-ICA ingakumbi xa kusenziwa iinkcukacha kunye nemveliso zolwazi kunye nokulungelelanisa imigaqo-nkqubo yophuhliso phakathi kwamazwe e-G20 kunye namazwe ase-Afrika.

2.8. IKhabhinethi ivume ukufakwa kweMithetho yokuZiphatha kweCandelo loPhuhliso lwaMazwe e-Afrika eseMazantsi (i-SADC) kwiiNkonzo zoRhwebo ePalamente ukuze kuphunyezwe ukuqinisekisa, ngokuhambelana necandelo lama-231 loMgaqo-siseko. Iinjongo zeMithetho yokuZiphatha kukukhulula urhwebo phakathi kwengingqi kwiinkonzo ngokukhokelwa kukulingana, ukulinganiswa kunye nokuzuza macala omabini. Le Mithetho yokuZiphatha isekwaseka isikhokelo-nkqubo sokukhululeka korhwebo kwiinkonzo eziphakathi kwamazwe angamalungu eSADC kunye nokusebenza njengesiseko sothethathethwano.

2.9. IKhabhinethi iqaphele ukusungulwa kwezifundo zeSidanga soPhuhliso lokuHlaliswa koLuntu (i-BHSD) ngokuphathisana phakathi kweSebe lezeMfundo ePhakamileyo noQeqesho kunye neDyunivesithi yeSixeko iNelson Mandela. Ezi zifundo zesi sidanga zijolise ekuphuhliseni abalawuli nabasebenzi kwezokuhlaliswa koluntu abaza kuba nolwazi olufanelekileyo nezakhono ezifunekayo ukudala, ukuphucula nokukhawulezisa ukuhlaliswa koluntu okuzinzileyo eMzantsi Afrika.

2.10. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuwo onke amasebe karhulumente, oomasipala kunye namashishini karhulumente azinze eGauteng ukuba babhalise zonke izithuthi zikarhulumente kuhlelo lwe-e-tags.

2.11. IKhabhinethi ivume amanyathelo okuqalisa acetywayo ukuseka i-Arhente yoLawulo lweMida (i-BMA). I-BMA iza kulawula ukungena nokuphuma, kunye neenkonzo zolawulo lwemida esemhlabeni ize ilungelelanise iinkonzo zesebe kuyo yonke imida yokungena kweli. ISebe leMicimbi yezeKhaya liza kukhokela ekusekeni le arhente.

3. IKhabhinethi ivumele ukuba le Mithetho isaYilwayo ifakwe ePalamente:

3.1. UMthetho osaYilwayo woLawulo lokuNgena nokuPhuma kwaBantu, uMthetho osaYilwayo weRhafu yokuNgena nokuPhuma, 2013 kunye noMthetho siHlomelo weRhafu yeZinto zaseKhaya, 2013 – Le mithetho isaYilwayo ibonelela ngesiseko sokuququzelela urhwebo lwamazwe ngamazwe kunye nokukhuselwa koqoqosho kunye noluntu, ize ngalo ndlela idale ulingano phakathi kolawulo lokungena nokuququzelelwa korhwebo.

3.2. UMthetho siHlomelo ongoPhando ngaManzi – Lo Mthetho Sihlomelo ujolise ekubeni ulungelelanise iinguqu kumaziko, umgaqo-nkqubo, inzululwazi ngamanzi kunye nokusingqongileyo okusemthethweni kwakunye nokwandisa igalelo leKomishoni yoPhando ngaManzi kwiimfuno zophando ngamanzi zaseMzantsi Afrika kunye nokuqinisekisa ukuba ilizwe lisendaweni efanelekileyo yobuchule ukuze liphendule kwiimfuno nemingeni yelizwe elinqatyelwe ngamanzi elifana noMzantsi Afrika.

3.3. UMthetho siHlomelo ongeMithetho yoLawulo lokusiNgqongileyo kweSizwe, wama-2013 – Lo Mthetho osaYilwayo uceba izihlomelo kwizibonelelo ezithile eziphantsi koMthetho woLawulo lokusiNgqongileyo kweSizwe, we-1998 (uMthetho Nombolo 107 we-1998) uze uqinisekise ukuba ubuncwane bendalo belizwe bukhuselekile kwisizukulwana sangoku nesexesha elizayo njengokuba oko kuqulethwe kwisiCwangciso soPhuhliso seSizwe.

3.4. ULawulo olusaCetywayo lokusiNgqongileyo kweSizwe: uMthetho siHlomelo woMgangatho woMoya, wama-2013 – Lo Mthetho osaYilwayo uhlomela izibonelelo ezithile eziphantsi koLawulo lokusiNgqongileyo kweSizwe: uMthetho woMgangatho woMoya, wama-2004 olawula umgangatho womoya elizweni ukukhusela okusingqongileyo ngokubonelela ngamanyathelo afanelekileyo okuthintela ungcoliseko kunye nokuhla komgangatho wezendalo lo gama uxhasa uphuhliso lwezoqoqosho nezentlalo.

3.5. ULawulo lokusiNgqongileyo kweSizwe: uMthetho siHlomelo weNkunkuma, wama-2013 - Lo Mthetho osaYilwayo uhlomela uLawulo lokusiNgqongileyo kweSizwe: uMthetho weNkunkuma, wama-2008 (uMthetho Nombolo 59 wama-2008) ojongene nokulawulwa kwenkunkuma ukuze kukhuselwe impilo kunye nokusingqongileyo.

3.6. ULawulo lokusiNgqongileyo kweSizwe: uMthetho siHlomelo ongeMimandla eKhuselweyo, wama-2013 – Lo Mthetho osaYilwayo uhlomela uLawulo lokusiNgqongileyo kweSizwe: uMthetho weMimandla eKhuselweyo wama-2003 (uMthetho Nombolo 57 wama-2003). Izihlomelo ziquka ulawulo lwemimandla ekhuselweyo yaseLwandle kwinkqubo yolawulo lweminye imimandla ekhuselweyo kwakunye nokunika ingqalelo kwiZibhengezo zikaMongameli ezohlula imisebenzi phakathi koshishino lwezokuloba kunye nolawulo lokusingqongileyo.

3.7. UMthetho siHlomelo weBhanki yePosi yaseMzantsi Afrika – Eyona njongo yoMthetho weBhanki yePosi, wama-2010 (uMthetho Nombolo 9 wama-2010) kukuseka iziko lezezimali eliza kugaya uluntu kangangoko ukuba longa kwaye lutyale imali kunye nokudala ibhanki ekhethwa kuqala ngamaqela oluntu anengeniso ephantsi.

3.8. IKhabhinethi ivuma uMthetho siHlomelo weNgxowa-mali ye-Inshorensi yabaNgesaphangeliyo wama-2012 ukuze uluntu luphefumle kunye nothethathethwano namaqabane ezentlalo eBhunga leSizwe lokuPhuhlisa uQoqosho nezabaSebenzi. Lo Mthetho osaYilwayo uhlomela uMthetho weNgxowa-mali ye-Inshorensi yabaNgesaphangeliyo, uMthetho Nombolo 63 wama-2001. Esi sihlomelo sishukuxa umba wabasebenzi ababekelwe bucala ngulo Mthetho ngoku kwaye uphucula ukuhlawulwa kwenzuzo kwabo banegalelo kule inshorensi, wandisa nexesha lokuhlawulwa kwenzuzo ukususela kwiinyanga ezisibhozo ukuya kwezili-12 kwaye ubonelela ngokonyulwa kwabaxhamli xa kuthe kwasweleka lowo ubenegalelo ngokuhlawula le inshorensi.

3.9. IKhabhinethi ivume ukufakwa koMthetho Sihlomelo wezoNyulo, wama-2013 ePalamente. Lo Mthetho Sihlomelo ufuna ukubonelela ngeevoti ezikhethekileyo kunyulo lweNdlu yoWiso-mthetho, kwakunye nokubonelela ngobhaliso lwabavoti abahlala ngaphaya kwemida yaseMzantsi Afrika ukuze bakwazi ukuvota ngokukhethekileyo.

4. Izikhundla

4.1. IKhabhinethi ivumelana nokuqeshwa kukaMnu. Romeo Adams kwisikhundla sokuba nguSekela Mlawuli-Jikelele: iiNkonzo zokuXhasa ukuPhathwa kweMisebenzi kwiSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.

4.2. IKhabhinethi ivumelana nokuqeshwa kukaNks. Irene Rofhiwa Singo kwisikhundla sokuba liGosa eliyiNtloko kwezeziMali kwiSebe leziMbiwa.

4.3. IKhabhinethi ivumelana nokuqeshwa kukaNks. Kalayvani Pillay kwisikhundla sokuba nguSekela Mlawuli-Jikelele: uPhuhliso lwezoMthetho kwiSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.

4.4. IKhabhinethi ivumelana nokuqeshwa kukaGqr. Bismark Tyobeka kwisikhundla sokuba liGosa eliyiNtloko yeSigqeba kwiziko loLawulo lweSizwe lweNukliya eMzantsi Afrika.  

4.5. IKhabhinethi ivumelana nokuqeshwa kwakhona kukaMnu. Tsietsi Mokhele kwisikhundla sokuba liGosa eliyiNtloko yeSigqeba seGunyabantu loKhuseleko emaLwandle aseMzantsi Afrika iminyaka emihlanu ukususela kumhla woku-1 kuTshazimpunzi wama-2013.

4.6. IKhabhinethi ivumelana nokuqeshwa kwakhona kwala malungu angekho kwisigqeba seBhodi yeNkqubo yeziQinisekiso yeSizwe yaseMzantsi Afrika, ixesha labo lomsebenzi eliphelelwa ngomhla wama-30 kweyeNkanga wama-2013, ukuba basebenze eminye iminyaka ukususela kumhla woku-1 kweyoMnga wama-2013 ukuya kumhla wama-30 kweyeNkanga wama-2018. 
• Mnu. Vernon Roderick Seymour
• Mnu. Phakamisa Zonke

4.7. IKhabhinethi iqaphele ukuqeshwe kwakhona kwamalungu ali-13 kwi-South African Council for Space Affairs ukususela kumhla wama-24 kweyeSilimela wama-2013 ukuya kumhla wama-24 kweyeSilimela wama-2015. Ikhabhinethi isekwaqaphele ukuqeshwa kwabameli abaphuma kwiSebe lezoKhuselo, iBhunga loPhando lweNzululwazi nezoRhwebo (i-CSIR) kunye neSebe loBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano ukususela kumhla wama-24 kweyeSilimela wama-2013 ukuya kumhla wama-24 kweyeSilimela wama-2015.
a. Gqr. Peter Martinez
b. Nks. Nomfuneko Majaja
c. Mnu. Kim Victor Gorringe
d. Gqr. Sandile Bethuel Malinga
e. Nks. Pontsho Maruping
f. Nks. Andiswa Mlisa
g. Gqr. Valanathan Munsami
h. Mnu. Tenza Themba
i. Mnu. Ron Olivier
j. Mnu. Linden Petzer
k. Mnu. Hendrik Rheeder
l. Adv Phetole Patrick Sekhule
m. Gqr. Jo-Ansie Karina van Wyk
n. Umnyulwa ophuma kwiSebe lezoKhuselo
o. Umnyulwa ovela kwa-CSIR)
p. Umnyulwa ovela kwiSebe lezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano

4.8. IKhabhinethi iqaphele ukuqeshwa kukaMnu. Kutoane Obed Kutoane esikhundleni sokuba liGosa eliyiNtloko yeSigqeba seMbumba ye-Inshorensi yamaTyala yaseMzantsi Afrika iminyaka emithathu ukususela kumhla woku-1 kweyeThupha wama-2013 ukuya kumhla wama-31 kweyeKhala wama-2016.  

4.9. IKhabhinethi iqaphele ukuqeshwa kwakhona kukuNjingalwazi Linda De Vries esikhundleni sokuba nguSihlalo ongelilo ilungu lesigqeba leBhodi yokuNgcakaza yeSizwe ilixa lesibini ukususela ngomhla woku-1 kweyoMnga wama-2013 ukuya kumhla wama-30 kweyeNkanga wama-2018.  

4.10. IKhabhinethi iqaphele ukuqeshwa kukaMnu. Ndwakhulu Samuel Mukhufhi esikhundleni sokuba liGosa eliyiNtloko yeSigqeba leZiko lweMetroloji yeSizwe yaseMzantsi Afrika iminyaka emihlanu ukususela kumhla woku-1 kweyeThupha wama-2013 ukuya kumhla wama-31 kweyeKhala wama-2018. 

4.11. IKhabhinethi iqaphele ukuqeshwa kukaNks. Agnes Tsele-Maseloanyane esikhundleni sokuba liLungu lenkundla elisisigxina kwiNkundla yeeNkampani isithuba seminyaka emihlanu ukususela ngomhla woku-1 kweyeKhala wama-2013 ukuya kumhla wama-30 kweyeSilimela wama-2018. 

Imibuzo: Phumla Williams (ISithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Umnxeba woqhagamshelwano: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore