INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla wama-21 kweyeThupha wama-2013

1. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba ebalulekileyo kwiimeko ezigqubayo nezingundabamlonyeni

1.1. IKhabhinethi yamkela ukusungulwa esidlangalaleni koshicilelo lwesithandathu lweeMpawu zoPhuhliso nguMphathiswa kuBongameli woHlolo noVavanyo lweNtsebenzo kwakunye noLawulo. Njengoko isizwe silungiselela ukubhiyozela iMinyaka engama-20 eNkululeko, aBemi boMzantsi Afrika kufanele babeneqhayiya kuba ubomi butshintshe bangcono ukusukela ngowe-1994.

Iimpawu zibonisa impucuko kwiindawo ezibalulekileyo kwaye ngaxeshanye zolatha umsebenzi onzima ekusafuneka wenziwe ukujongana neminye imingeni yethu egquba ngakumbi. Ngaphezu koko, iimpawu zikhuthaza ingxoxo ngemingeni ejongene nelizwe lethu kwaye zikwasebenza njengeziphawuli apha kuhambo lwethu lwenkqubela-phambili kwezoqoqosho nentlalo.
1.2. IKhabhinethi income ama-41% (115) oomasipala abafumene iingxelo zophicotho-zincwadi zezimali ezingenachaphaza kunyaka-mali wama-2011/2012.  Ikwavume impucuko eyenziwe ngoomasipala abangama-21 ababefumene iingxelo ezingachanekanga okanye okungakhange kwenziwe ingxelo kubo kunyaka ophelileyo.

IKhabhinethi iyawubulela umsebenzi owenziwe nguMphicothi-zincwadi Jikelele ekuncediseni oomasipala ukuba baphucule iimfuneko zothotyelo lolawulo lwezimali. Kananjalo, ikwavume ukuzinikela okwenziwe ziinkokeli zoomasipala ngokuqhubeka zisebenzela ukuphucula iziphene eziqaqanjiswe nguMphicothi-zincwadi-Jikelele.

1.3  IKhabhinethi ibulele bonke abemi boMzantsi Afrika ngenkxaso yabo yoSuku lwezeMidlalo neNkcubeko lukaNelson Mandela ebelusingathwe ukunceda iprojekthi yeSibhedlele saBantwana iNelson Mandela. Abemi boMzantsi Afrika bayakhuthazwa ukuba baqhubeke besebenza eluntwini baze basebenzisane norhulumente ukuphucula ubomi babemi baze bafezekise izinto uMadiba ebenikele ubomi bakhe kuzo.

1.4   IKhabhinethi iqaphele utyelelo oluzayo lukaMongameli Jacob Zuma kwiRiphabliki yaseRashiya. Ngolu tyelelo uza kuzimasa iNgqungquthela yeeNtloko zaMazwe, aBaphathiswa bezeziMali neeRhuluneli zeBhanki (iG20) eSt Petersburg ngomhla we-5 nowe-6 kweyoMsintsi wama-2013 njengenxalenye yokukhuthaza umdla woMzantsi Afrika kwezopolitiko noqoqosho.

UMzantsi Afrika uqhubeka nokuxhasa i-ajenda yophuhliso yeG20 eqhubela phambili uzinzo loqoqosho lwehlabathi nohlumo oluzinzileyo lwexesha elide nokudala imisebenzi.

1.5  IKhabhinethi income intlanganiso yokuqala yeBhunga lezoShishino yeBrazil, iRashiya, i-Indiya, iTshayina noMzantsi Afrika (iBRICS), apho bekudibene iinkokeli zoshishino ezivela kula mazwe eMzantsi Afrika . Intlanganiso ibikwazinyaswe ziinkokeli zoshishino ezibalulekileyo nezaziwayo ezivela kwamanye amazwe ase-Afrika ali-19.

1.6  IKhabhinethi yamkele isiqinisekiso esenziwe kwiQonga lonyaka le-12 loMthetho woHlumo lwe-Afrika namaThuba lokuvuselela i-AGOA phambi kokuba iphelelwe lixesha ngowama-2015. I-AGOA ixhamle e-United States nakwizwekazi i-Afrika kwaye ixhase ukuhluma nobudlelwane obulinganayo borhwebelwano obunamacala amabini phakathi koMzantsi Afrika ne-United States (US).

UMzantsi Afrika ukholelwa ukuba i-AGOA ibonelela ngesikhokelo-nkqubo esifanelekileyo sokwakha urhwebelwano oluluqilima oluxhamlisa macala omabini nakubudlelwane botyalo-zimali nokuxhobisa intsebenziswano phakathi kwe-US nezwekazi i-Afrika ngokubanzi.

1.7 Njengenxalenye yesikhumbuzo seNyanga yabaseTyhini esiqhutywa kwisizwe ngokubanzi, uSekela Mongameli uKgalema Motlanthe uza kutyelela iLali iGombani ekuMasipala iMutale ngoLwesihlanu, umhla wama-23 kweyeThupha wama-2013 eLimpopo ukuze anikezele ngezindlu eluntwini. Abasetyhini baseGombani bathathe inxaheba ekwakheni ezi zindlu. UMongameli uJacob Zuma uza kuba yinxalenye yoMngcelele waMadoda ochase uBundlobongela ngokwezeSini kwiBala lebhola laseRhawutini, ngomhla wama-24 kweyeThupha wama-2013. Amadoda ayamenywa ukuba azibandakanye noMngcelele waMadoda aze azinikele ekuncothuleni nengcambu zonke iintlobo zobundlobongela kwabasetyhini nabantwana.
 
1.8  UMphathiswa woKhenketho naye uza kusungula iNyanga yoKhenketho ngomhla wama-28 kweyeThupha yowama-2013 kwindawo yokundwendwela ebizwa ngokuthi Amanzingwe Lodge, eHartebeespoort, phantsi komxholo othi: “Amanzi ayoNwabisa.”

Njengenxalenye yemisebenzi yenyanga, uMboniso weKhondo leMisebenzi yoKhenketho weSizwe uza kubanjwa kwiZiko laseMonti leNgqungquthela yaMazwe ngaMazwe phakathi komhla we-19 nowama-21 kweyoMsintsi kowama-2013 ukuze kuboniswe amathuba emisebenzi kweli candelo likhulayo esele liqeshe ngaphezu kwesiqingatha sesigidi sabemi boMzantsi Afrika.

1.9 IKhabhinethi iqaphele ukuba uMphathiswa woPhuhliso lwaMaphandle noHlengahlengiso lwezeMihlaba uza kunikezela ngokusesikweni izindlu kubaxhamli baseDistrict Six, ngoMgqibelo umhla wama-24 kweyeThupha kowama-2013. Oku yinxalenye yelinge lokubuyisela umva imbali yoMthetho wezeMihlaba waBantu abaNtsundu we-1913 owashiya amawaka abantu abantsundu bengenamakhaya kwaye bengenamihlaba.

1.10 IKhabhinethi kananjalo ixoxe ngemiba ephuma kwintlanganiso yeKhabhinethi i-Lekgotla ebibanjwe ngomhla we-13 ukuya kowe-15 kweyeThupha kowama-2013. UMphathiswa uRob Davies ukhona ukuthi gqabagqaba ngezigqibo zeKhabhinethi ngokuphathelele kulo mba.

Imibuzo: Phumla Williams (ISithethi seKhabhinethi esiliBambela)

Umnxeba woqhagamshelwano: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore