Umyalezo ovela kumongameli Cyril Ramaphosa ongobhubhane we-COVID-19

Bemi boMzantsi Afrika,

Ndiyanibulisa ngolu rhatya,

Namhlanje lusuku lwesine ilizwe lakuthi likwixesha apho zonke izinto zivaleleke phanti kwemiqathango ethile kulo lonke okokuqala oko lathi laphantsi kolawulo lwentando yesininzi.

Eli linyathelo lokugqibela ekuye kwanyanzeleka ukuba silithathe ukulwa lo bhubhane we-COVID-19.

Njengorhulumente, siyakuqonda ukuba ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwizwelonke kubangele uphazamiseko olukhulu kwiimpilo zethu kwaye kwenze umbhodamo ongathethekiyo kuqoqosho lweli lizwe. 

Kodwa siyazi kwaye sivuma ukuba eli nyathelo lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwilizwelonke lifuneka ngamandla ukuze sisindise amawaka abantu bakuthi, futhi nabanokude babe ngamashumi amawawaka.

Amazwe amaninzi kweli lizwekazi lakuthi nakule ngingqi yethu ye-SADC nawo athathe amanyathelo akumila kunje. 

Esi sifo sinwenwa ngokukhawuleza kumazwe amaninzi kwihlabathi liphela kwaye sele sosulele abantu abamalunga nama-740, 000 kwihlabathi jikelele. 

Sele sibulele abantu abangaphezulu kwama-35,000.

Amaziko ezempilo kumazwe amaninzi, aquka izibhedlele neeklinikhi, agcwele ayaphuphuma ngabantu abonganyelwe sesi sifo.

Iingcali zophando-nzulu kunye noosonzululwazi zisixelele ukuba isigqibo sethu sokuvalela phantsi kwemiqathango ethile izinto kwizwelonke sisigqibo esichanekileyo.

Bezixhalabile kuba ukuba besingathathanga amanyathelo ngokukhawuleza besisele sishiyekelwe ziiveki ezimbalwa phambi kokuba ilizwe lakuthi nalo lijamelane nezi ngxaki zambethe amanye amazwe, wona abethwe kakhulu ngulo bhubhane. 

Yiyo loo nto saya sathatha inyathelo elingaqhelekanga lokuba sivalele phantsi kwemiqathango ethile izinto kwizwelonke isithuba esizintsuku ezingama-21.

Abemi boMzantsi Afrika abaninzi balisabele eli khwelo besixhasa esi sigqibo ngokuthi bahlale emakhaya, bathobele imiqathango futhi nabo bazinakekele kangangoko. 

Ndibamba ngazibini kubantu boMzantsi Afrika ngokuthi baziphathe ngendlela efanelekileyo ngeli xesha lobunzima.

Noko kunjalo, bayasixhalabisa abo babonakalisa ukungabuqondi ubungozi nomonakalo onokwenziwa sesi sifo.

Njengesizwe, iintliziyo zethu zisadandathekile kukuva ukuba kwezi ntsukwana zimbalwa zidlulileyo, abemi abathathu boMzantsi Afrika baye babulalwa sesi sifo.

Sithi tutwini, akuhlanga lungehliyo kwiintsapho nezihlobo zabo kunye noluntu ngokubanzi kwiindawo ebebehlala kuzo.

Inani labantu abosulelwe sesi sifo liyaqhubeka nokukhula kuba ngoku bali-1,326 abantu abaqinisekisiweyo ukuba banentsholongwane i-corona eMzantsi Afrika.

Ndiyabacela kwakhona bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bahlale emakhaya bangaphumi kwezi ntsuku zili-17 zizayo.

Ungaphuma ngaphandle kwamasango ekhaya lakho kuphela ukuba ufuna ukuya kuthenga ukutya nezinye izinto ezingundoqo, ukuya kulanda imali yakho yenkam-nkam, ukuya kuthenga amayeza okanye usiya kufuna unyango olungxamisekileyo.

Abantu abanokuya emsebenzini ngabasebenzi becandelo lezempilo, abasebenzi bezokhuselo, abantu abasebenza ngeenkonzo zikaxakeka, abo basebenza kwicandelo lokuqinisekisa ukuba abantu bakuthi bafumana ukutya, amayeza neempahla ezingundoqo kunye nezinye iinkampani ezibonelela ngeenkonzo ezibalulekileyo ezichazwe kwimigaqo.

Ukuba uthe waphuma, qinisekisa ukuba wenza konke onako ukuze ungosuleleki uze wosulele nabanye abantu. 

Abanye abantu bacinga ukuba esi sifo asibachaphazeli futhi asisokuze sibosulele.

Bathi yinto nje abafunda ngayo kumaphepha-ndaba okanye abayibona ezindabeni kumabonakude. 

Kubo ndithi sikhona, kwaye siyingozi kuthi sonke kweli lizwe lakuthi.

Sihlasela izinhanha namahlwempu, abancinci nabadala, omnyama nomhlophe, abo bahlala ezidolophini nabo bahlala ezilalini.

Masingenzi impazamo yokucinga ukuba esi sifo sosulela abantu abathile kuphela.

Nanini na usaphula imithetho emiselwe ngurhulumente okanye wenze amacebo athile okudelela le mithetho, uzibeka wena nabanye esichengeni, ngolo hlobo ube kanti uncedisa ekusasazeni le ntsholongwane. 

Ezi ntsuku zili-17 zizayo ziza kubanzima kumntu wonke. 

Abazali boyikisela ukhuseleko lwabantwana babo.

Oosomashishini abasakhasayo kunye nabarhwebi abangabhaliswanga ngokusesikweni baza kulahlekelwa yingeniso eninzi, okanye yiyo yonke.

Abasebenzi boyika ukuphelelwa yimisebenzi.

Abantu abadala nabampilo inkene-nkene badinga abantu abaza kubanakekela.

Abanye babo bangenamakhaya bahlala ezitalatweni abanandawo zokufihla intloko okanye ukutya. 

Abafundi bayashiywa zizifundo zabo esikolweni kwaye abazi nokuba kuza kwenzeka ntoni na ngamaphupha abo.

Mininzi imingeni esigageni nayo engumthwalo omkhulu emagxeni abantu bakuthi. 

Yiyo le nto sithathe amanyathelo ahlukeneyo okuxhasa amashishini athwaxwe kakhulu yile ngxaki, sincedise abasebenzi abasemngciphekweni wokuphelelwa yimisebenzi size sincedise ngemali amashishini asakhasayo. 

Sibafunele iindawo zokuziqhusheka intloko abantu abangenamakhaya.

Siyaqhubeleka nokusa amanzi kwezo ndawo zingenamanzi ukuze abantu bakuthi bakwazi ukuphila ngococeko.

Siwoyika kakhulu umonakalo oza kwenziwa leli nyathelo silithathileyo lokuvalela phantsi kwemiqathango ethile izinto sivale kwabo bazisebenzelayo kunye nakumashishini angabhaliswanga ngokusesikweni. 

Siqulunqa amanye amacebo akhawulezileyo aza kubancedisa ngeli xesha lobunzima.

Siyayazi ukuba baninzi abemi boMzantsi Afrika abakumazwe angaphandle kungoku nje abafuna ukubuyela ekhaya.

Lo mba siwunika ingqwalasela kwaye siza kulunika uncedo apho sikwaziyo khona ngokwezixhobo zethu nazo ezinqongopheleyo. 

Bemi boMzantsi Afrika,

Ngoku singene kwisigaba esitsha kwidabi lokulwa lo bhubhane we-COVID-19.

Kwezi ntsuku zizayo urhulumente uza kuqalisa ngephulo elikhulu lokuxilonga, ukuvavanya, nokulandelela kukhangelwa kunye nolawulo lwezonyango.

Abasebenzi abaza kuya eluntwini abamalunga nama-10,000 baza kundwendwela iindawo zasemaphandleni, iidolophu nezixeko ukuya kuxilonga abantu abaneempawu ze-COVID-19.

Abantu abaneempawu zayo baza kuthunyelwa kwiiklinikhi ezikufutshane okanye iiklinikhi ezingoomahamba-nandlwana baye kuvavanywa.

Abantu abosulelwe yintsholongwane i-corona, kodwa abangabonakalisi zimpawu okanye abanempawu ezingabonakalisi bungozi baza kuzivalela bodwa emakhaya okanye kwiziko likarhulumente baze abo baneempawu ezibonakalisa ubungozi bathunyelwe ezibhedlele.

Sisebenzisa ubuchwepheshe obuphathwayo, kuza kuqaliswa iphulo elikhulu lokukhangela abo bebekwindawo enabantu abaqinisekisiweyo ukuba banentsholongwane i-corona ize ibekwe phantsi kweliso elibukhali loo ndawo kufumaniseke ukuba inabantu abasolelwe yile ntsholongwane okokuqala. 

Eli phulo liza kuba likhulu kakhulu, liza kucokisa ngendlela eliza kuqhuba ngayo kwaye kokokuqala ezimbalini ukuba sibe nephulo elikumila kunje nelikhulu kangaka kweli.
 
Lo bhubhane usifikela ngexesha elibi xa kanye uqoqosho lweli lizwe lakuthi lwambethwe zingxaki ezinzima. 

Kuthe kanye xa singena kwixesha lokuvalela phantsi kwemiqathango ethile izinto, safumana iindaba zokuba i-arhente yokuhlela uqoqosho, i-Moody’s ilithobile inqanaba obekwa kulo uMzantsi Afrika ngokwesakhono sokukwazi ukubhatala izikweliti laya kutsho kwelona lisezantsi.

Oku kuza zinyusa kakhulu iindleko zokuboleka imali eza kusetyenziselwa inkcitho karhulumente kwaye kuza kuba neziphumo ezimbi kakhulu kuqoqosho lweli lizwe. 

Ezi ndaba aziz’ ukuwaphazamisa amanyatheko esiwathathileyo okulwa lo bhubhane we-COVID-19.

Siyaqhuba ngamanyathelo afunekayo okuncedisa kwezempilo kunye nawokungenelela kuqoqosho nakwezentlalo ukuze sinqande esi sifo singanwenwi kakhulu size sincede ukuphungula ubunzulu bomonakalo esinokuwenza kubantu bakuthi.

Nangona lo bhubhane esibambe izandla nje, sizimisele ukuqalisa ngeenguqu kuqoqosho lweli lizwe ngokubanzi size silwe le ngxaki yoqoqosho olungahlumiyo, iimali zikarhulumente ezinqongopheleyo kunye namaqumrhu ombuso atsala nzima. 

Sisebenza kunye namahlakani ethu ezentlalo ukuze sikhangele amanye amanyathelo esinokuwathatha ukuphungula umonakalo onokwenzeka kuqoqosho lweli lizwe, size siqinisekise ukuba xa sigqitha kulo bhubhane uqoqosho lweli lizwe luza kuba lusendleleni eya kuhlumo. 

Nangona ilizwe lakuthi lijamelene nemingeni enzima nenzulu evela macala onke, ndiqinisekile ukuba siza kuyoyisa.

Kuba abemi boMzantsi Afrika babumbene ngendlela engazange yabonwa ngaphambili ukulwa eli dabi lale ntsholongwane. 

Amashishini amaninzi kunye nabantu bafaka isandla ngokuthi bancedise ngemali nangezinye izinto.

Ukungoza kwizithembiso zemali ebezibhengezwe kule veki iphelileyo, sibulela nangesithembiso esenziwe yi-Motsepe Foundation semali eyibhiliyoni yeerandi nesenziwe ngu-Naspers semali eyibhiliyoni eyi-1.5 yeerandi eza kuncedisa kumaphulo okulwa intsholongwane i-corona. 

Sibulela ngokungazenzisiyo kuMnu Jack Ma, umseki wenkampani yase-China, i-Alibaba, olize uMzantsi Afrika namanye amazwe ase-Afrika ngezixhobo zezempilo.

Sibothulela umnqwazi abongikazi, oogqirha kunye nabanye oonompilo, oonontlalontle kunye nabasebenzi bakarhulumente abasebenza ngqo noluntu, amavolontiya kunye nemibutho engekho phantsi kukarhulumente (ii-NGO) ephambili kwidabi lokulwa esi sifo.

Sithi ukwanda kwaliwa ngumthakathi kubasebenzi bezokhuselo abangama-18 000, abaphuma emapoliseni, emkhosini wezokhuselo, kumapolisa kamasipala nakwamanye amaqurhu, ajongene nomba wokhuseleko lwethu. 

Sikucacisile ukuba umsebenzi wabasebenzi bezokhuseleko kukunika inkxaso, ukomeleza nokuthoba izibilini zabantu bakuthi nokuqinisekisa ukuba kukho uxolo nozinzo.

Bayayazi ukuba kufuneka bathobele umthetho ngalo lonke ixesha kwaye akufuneki bonzakalise abantu bakuthi. 

Sithi maz’ enethole nakuni bemi nabahlali boMzantsi Afrika abazizigidi ezingama-58 abayimbumba ebambeneyo elwa lo bhubhane uhlasela ilizwe lakuthi. 

Sithi camagu, kumlisela nomthinjana ovuka ngonyezi yonke imihla, ubile usoma kude kutshone ilanga usebenzela ukuba eli lizwe lingavali. 

Xa nditshoyo, ndibhekisa kubasebenzi basezifama abenza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba siyayifumana into esiwa phantsi kwempumlo.

Ndithetha ngengcali esebenza kwiziko lokuphehla umbane engaliphosiyo ixesha lokungena emsebenzini isilwela ukuba umbane ungacimi.
 
Ndithetha ngomntu onakekele iinkonde neenkondekazi kumaziko okugcina abantu abadala, kumaziko ogcino-bantwana nabantu abagula kakhulu, abavuka baye emisebenzini yonke imihla ukuya kunakekela aba bantu bafuna uncedo kakhulu beli lizwe lakuthi.

Kumqhubi weteksi, umsebenzi oqokelela inkunkuma, abasebenzi beevenkile ezinkulu, umcoci wasesibhedlela, kumsebenzi wasegaraji, nakubo bonke abasebenzi ababonelela ngeenkonzo ezingundoqo, nangona bengaselwa so nje kodwa imisebenzi yabo iyimpilo kuthi, ke ngoko sithi kubo mathol’ anyongande kudlelana.

Nangona sikule ntsunguzi nentlungu, zikhona noko iindaba ezincumisayo nezivuselela ithemba. 

Izolo bendiye kudibana nabemi boMzantsi Afrika abali-114 abathi baya kulandwa e-Wuhan, eChina kungoku nje ababuyela emakhaya emva kokuba bebevalelwe bodwa iiveki ezimbini ePolokwane. 

Eli liqela labemi boMzantsi Afrika abangumzekelo omhle eliquka abantu abaphuma kwiintlanga ezahlukeneyo, abadala nabancinci, ababhinqileyo nabangamadoda nabaphuma kwiindawo ezahlukeneyo. 

Besele kuzinyanga bevalelekile. Baqale e-Wuhan, apho izinto bezimi ngxi, apho bachitha isithuba esizintsuku ezingama-51 bevalelekile, baze beza ePolokwane apho bachithe khona iintsuku ezili-14 bevalelekile.

Ngoku kuza kufuneka baphinde bachithe ezinye iintsuku ezili-17 bevaleleke emakhaya. 

Kufanele ukuba sonke zisichulumancise iindaba zokuba iziphumo zovavanyo ziphume zisithi abanayo intsholongwane i-corona kwaye baphile bayimiqaba-qaba.

Bachulumance kakhulu kwaye babulela ngokungazenzisiyo ngale nto bayenzelwe sisizwe ngokuthi sibabuyisele ekhaya bafike bengenawo nomkrwelo.
 
Abanye babo ngabafundi, abanye ngootitshala, abanye bebesebenza e-China. 

Sibulela abasebenzi bakwa-SAA, iqela leengcali zezempilo, amapolisa namajoni kunye nabasebenzi nabalawuli abanobuntu kakhulu base-Ranch Hotel ngokuthi benze eli phulo libe yimpumelelo. 

Iinzima abebejongene nazo aba bemi boMzantsi Afrika bebese-Wuhan zisinika ithemba ngeli xesha sijongene nezi ngxaki zizayo. 

Sonke zange sayihamba le ndlela.

Zange sayibona into efana nale ngaphambili, ke ngoko siza kwenza iimpazamo ezininzi, kodwa sicela abantu bakuthi ukuba basinyamezele kuba yonke le nto siyenzayo, siyenzela ukunceda wonke umntu. 

Siza kuqhubeka sizilungisa iimpazamo zethu esizenzayo. 

Kodwa ndiqinisekile ukuba siza kuwenza lo msebenzi ngempumelelo, kuba siza kubuqonda ubungozi obunokwenziwa yile ntsholongwane i-corona, side siyiqhele le meko sisizwe, izinto sizenze ngenkathalo. 

Ukuba sisebenza ngokubambisana, ukuba sithe tse kule ndlela kufanele sihambe kuyo, siza kusoyisa esi sifo.

Andithandabuzi, siza kusoyisa esi sifo.

Nilale kamnandi. 

Wanga uThixo angawusikelela uMzantsi Afrika afake phantsi kwamaphiko aKhe abantu baKhe.  
 

Share this page

Similar categories to explore