Mongameli Cyril Ramaphosa: INtetho engoBume beSizwe

INtetho engoBume beSizwe eyenziwa nguMongameli Cyril Ramaphosa

Somlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe (i-NA), Nksz Thandi Modise
Sihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo (i-NCOP), Mnu Amos Masondo
Sekela-Mongameli David Mabuza
Jaji eyiNtloko Mogoeng Mogoeng nawo onke amalungu ahloniphekileyo eCandelo leeNkundla,
Owayesakuba nguMongameli, uKgalema Motlante
Owayesakuba nguMongameli, uThabo Mbeki
Owasakuba nguSomlomo we-NA, uGq Frene Ginwala,
Owasakuba nguSomlomo we-NA, uMnu Max Sisulu
UMongameli wePalamente yaMazwe ase-Afrika, uMnu Roger Nkodo Dang,
Magqala omzabalazo wenkululeko,
Gq Dennis Goldberg,
Gq Andrew Mlangeni,
Advocate Priscilla Jana,
Nksz Joyce Dipale,
Nksz Lillian Keagile,
Nksz Smally Maqungo,
Baphathiswa nooSekela-Baphathiswa,
ZiNkulumbuso nooSomlomo beziNdlu zoWiso-mthetho zamaPhondo,
Sihlalo woMbutho wooMasipala baseMzantsi Afrika (i-SALGA) nabo bonke oosodolophu abahloniphekileyo abakhoyo
IRhuluneli yeBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika, uMnu Lesetja Kganyago
Intloko zamaZiko karhulumente axhasa ulawulo lwentando yesininzi,
Iinkokeli zemibutho yeemvaba ngeemvaba,
Iinkokeli zamaziko emfundo ephakamileyo nawezophando,
Iindwendwe ezimenyiweyo,
Malungu abekekileyo e-NA
Malungu abekekileyo e-NCOP,
Bantu boMzantsi Afrika,

Sidibene apha namhlanje xa le Palamente yesithandathu iLawulwa ngokweNtando yeSininzi iqala ukuhlala, kanye ngomhla okwamiselwa ngawo uMthetho woMhlaba waBantu abaNtsundu kwiminyaka eli-106 eyadlulayo, umthetho lowo ungomnye wesenzo esisesona sibuhlungu sokuhluthwa, intlungu nokuhlazwa owakhe waphunyezwa.
 
Sikhumbula amazwi uSol Plaatjie awawathetha emva kokuwiswa kwalo mthetho wawusekelwe kwinkohlakalo, apho wathi:
 
“Uthe xa esula iintongo evuka ngentseni yangoLwesihlanu, umhla wama-20 kweyeSilimela 1913, umntu ontsundu woMzantsi Afrika wazibona, engelokhob nje kuphela koko eyintlekisa engudinga-sithebeni elizweni lakhe lokuzalwa.”
 
Abantu bakuthi bangcungcuthekiswa kakhulu kwaye banyamezela ubunzima obungaphaya ngenxa yokumiselwa nokuqaliswa ukusetyenziswa koMthetho woMhlaba waBantu abaNtsundu. Umonakalo owenziwa ngulo mthetho usabonakala nanamhlanje.

Ngoku kwisithuba esingaphezulu kweminyaka elikhulu emva kokuphunyezwa kwalo mthetho wawungenabulungisa, kuhlatywa ikhwelo kuthi ukuba sakhe uMzantsi Afrika apho kungazikubakho mntu ulikhoboka okanye uyintlekisa, kubekho abantu abakhululekileyo nabalinganayo kunye nabahlonitshwayo kuphela.
 
Sidibene apha namhlanje ngexesha elinzima nelibi kakhulu kweli lizwe lethu litsha lilawulwa ngokwentando yesininzi.

Kodwa noko kunjalo, sikwixesha apho kwimbali yeli lizwe kugquba ithemba elithi nokuba kuyintoni na kuza kulunga.
 
Kule minyaka ingama-25 sikhululekile mkhulu kakhulu umsebenzi esele siwenzile kumalinge okwakha isizwe esitsha apho bonke abemi boMzantsi Afrika benamalungelo alinganayo kunye namathuba amaninzi.
 
Kwisithuba esingaphezulu kweminyaka engama-25, kukhulu kakhulu esikwenzileyo ukunceda abantu ngeenkonzo ezisisiseko, ukugxotha ikati eziko nokuzisa iinguqu kuqoqosho lweli olwalulungiselwe futhi lixhanyulwa ligcuntswana labantu beli.
 
Sisebenzisana sisonke, siwenzile amalungiselelo angqingqwa esiza kwakhela kuwo eli lizwe apho wonke umntu eza kuhlala eluxolweni, ngokonwaba nangokuxola.
 
Kodwa noko kunjalo sidibene namhlanje ngexesha apho eli lizwe lijamelene nemingeni emikhulu.
 
Uqoqosho lweli lizwe luyadodobala. Alidali misebenzi yaneleyo.
 
Le yingxaki engaphezulu kunazo zonke.
 
Ibetha wonke umntu.
 
Ibetha wena, tyendyana laseMzihlophe eSoweto, elineminyaka emihlanu kungokunje lazigqibayo izifundo kodwa kodwa elingekawufumani umsebenzi.
 
Nawe, mama waseDelft otsala wedwa ungenaqabane, imali yakha yenkam-nkam engondli nje wena kuphela koko nabazukulwana bakho abaxhomekeke kuyo.
 
Ikwathwaxa nawe, msebenzi waseNelson Mandela Bay, othi nangona esamkela umvuzo kodwa ubopha amabande ucazulule loo malanyana unayo ukuze kulalwe kutyiwe.
 
Kanti nakuwe, mfundi oselula weDyunivesiti iSol Plaatjie eMntla Koloni, ekufuneka uxhomekeke kwimalanyana oyiphiwa ngabazali bakho ukuze ukwazi ukuzithengela into esiwa phantsi kwempumlo nobunye ubuvilikitshane.

Iimeko abaphila phantsi kwazo abantu bakuthi zezi kanye ndizichaze apha ngasentla.
 
Nina intlungu nentsokolo yabantu beli lizwe niyazi kanye.
 
Nina kunye nabanye abaninzi sinivile.

Uninzi lwethu thina singabangabantu abanyuliweyo abamele abantu apha, sichithe ixesha elininzi kwezi nyanga zimbalwa zidlulileyo sityhutyha eli lizwe, simamela abantu bakuthi.  

Sibavile abantu bakuthi, bethetha nathi, singena siphuma ezindllini zabo.

Ro vha pfa hoṱhe hoṱhe he ra tshimbila hone. Ndi amba na he ha tshimbila Vho Maimane na Vho Julius Malema.

Lapho kuhambe khona oHloniphekileyo uMnu Buthelezi naye uzwile ukuthi abantu bathini.

Apho naye uMnu Groenewald ayileyo, njengoko besimbona etyhutyha eli lizwe, hey kan ook se da thy het die mense gehoor.

Sinivile. Hi swi twile. Ro ni pfa. Re le utlwile. Sinivile.
 
Ngokusebenzisa unyulo obelubanjwe ngoCanzibe, nisinike umsebenzi ocacileleyo othi masikhokelisa phambili uhlumo nohlaziyo.

Sonke sinivile -  mna uqobo ndinivile, oHloniphekile uMnu Maimane, oHloniphekileyo uMnu Malema, oHloniphekileyo uMnu Buthelezi, oHloniphekileyo uMnu Groenewald, oHloniphekileyo uMnu Meshoe, oHloniphekileyo uMnu Holomisa, oHloniphekileyo uMnu Zungula, oHloniphekileyo uNksz De Lille, oHloniphekileyo uNkskz Magwaza-Msibi, oHloniphekileyo uMnu Galo, oHloniphekileyo uMnu Lekota, oHloniphekileyo uMnu Nyhontso noHloniphekileyo uMnu Hendricks.
     
Umonakalo owashiywa ngumbuso wocalu-calulo kweli lizwe weengxaki ezinkulu zendlela izinto ezazihlelwe ngayo - indlela uqoqosho nentlalo eyayihlelwe ngayo.
 
Ngaxeshanye, kufuneka sijamelene nomngeni wobuchwepheshe obungxamileyo obuza neentlobo zemisebenzi emitsha, obutshintsha uqoqosho lwehlabathi kunye neendlela abantu abanxibelelana futhi basebenzisane ngazo.
 
Thina sidibene namanye amazwe ehlabathi, sijamelene nomonakalo ombi kakhulu ezimbalini obangelwa kukutshintsha kwemo zezulu emhlabeni jikelele.  
 
Iimeko zezulu ezimbi kakhulu ezihambelana nokunyuka kwamaqondo obushushu zilubeka emngciphekweni uqoqosho lweli lizwe, zibubeka emngciphekweni ubomi nempilo yabantu bakuthi kwaye zingasibeka emngciphekweni wokutshabalala thina singabantu ukuba asithathi manyathelo ngokukhawuleza.
 
Sizivile izikhalazo zabantu abatsha beli abathe babamba umngcelele oya kwiZakhiwo zoMdibaniso kule veki iphelileyo besicela ukuba sithathe amanyathelo ukusindisa umhlaba kule ntshabalalo.
 
Isizathu esabangela ukuba samkele isiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP) ngowama-2012 ukulwa le mingeni sasifuna ukuba sikhokele amalinge ethu sisizwe okulwa indlala, intswelo-misebenzi nokungalingani.
 
Kodwa, xa sishiyekelwe yiminyaka eli-10 phambi kokuba sifike kunyaka wama-2030, asikenzi msebenzi waneleyo kumalinge ethu okuzalisekisa iinjongo nemibono ze-NDP.
 
Ngaphandle kokuba singenza imilingo, kona ngoku asikawuzalisekisa uMbono wowama-2030.
 
Oku kuthetha ukuba kufuneka sikhokelisa izinto ezibalulekileyo phambili.
 
Kufuneka sigxininise kwizinto eziza kwenza umahluko obonakalayo, amalinge aza kukhathula enze umqela, ngoku nakule minyaka ili-10 izayo.
 
Kubalulekile ukuba sikhumbule ukuba isiCwangciso-sikhokelo esiQiqisisiweyo sesiGaba esiPhakathi (i-MTSF) sale minyaka mihlanu idlulileyo besinezalathisi ezingaphezulu kwe-1 100 eziza kusetyenziswa ukuhlola indlela esiqhuba ngayo kumalinge ethu okufezekisa nokuphumeza i-NDP.
 
Ngoku kufuneka sigxininise ekuphumezeni.
 
Ngoku kufuneka sithathe izigqibo ngezinto esifuna ukuzenza.
 
Ezinye zezi zigqibo ziza kubanzima ezinye zona azizukuthandwa ngumntu wonke.
 
Kwilizwe elinoqoqosho olungakhuliyo, apho imali karhulumente iqingqekileyo, asizikukwazi ukwenza yonke into ngexesha elinye.
 
Njengoko lo mbuso wonyulwe kulo nyaka uthatha iintambo zolawulo, kufuneka sigxile kwezi zinto zisixhenxe kukhokeliswe zona.

  • Iinguku kuqoqosho nokudalwa kwemisebenzi
  • Imfundo, izakhono nezempilo.
  • Ukuhlanganisa izibonelelo zikarhulumente ngokusebenzisa iinkonzo ezisisiseko ezithembekileyo nezisemgangathweni ngomnye umba okhokeliswe phambili.
  • Ukuxutywa kwabantu kwiindawo abahlala kuzo, ukuhlaliswa kwabantu kunye norhulumente wemimandla.
  • Ukuhlalisana ngoxolo kunye neendawo ezihlala abantu bakuthi ezikhuselekileyo ngomnye umba okhokeliswe phambili.
  • Ukwakha umbuso onezakhono, oziphatha ngokufanelekileyo nogxininisa kuphuhliso.
  • Afrika nehlabathi elingcono.

Zonke iinkqubo nemigaqo-nkqubo yethu kuwo onke amasebe nee-arhente zikarhulumente ziza kugxininisa kwezi zinto zikhokeliswe phambili esikholelwa ukuba siza kukwazi ukulizalisekisa iphupha lobomi obungcono kubo bonke abemi boMzantsi Afrika.

Ngaxeshanye, kufuneka sibuyisele i-NDP endaweni yayo apho iyiyo eza kuba sisikhokelo sezinto zonke esizenzayo sisisizwe, siyivuselele, siyenze ukuba abantu boMzantsi Afrika bangayisebenzisi nje kuphela koko bayiphile.
 
Kumsitho wokubekwa kwam ngokusesikweni, sathi eli lixesha elibaluleke kakhulu kwesi sizwe sethu sitsha.
Isizwe esijongene nemingeni enzima. Isizwe esinabantu abazizigidi ezingama-57 abathatha izikrweqe balwa iminyaka emininzi futhi boyisa ucalu-calulo, oluleyona nkqubo yolawulo ikhohlakeleyo eyamiselwe ngabantu nabo abanegazi ezimbalini Isizwe sabantu abanesibindi. Isizwe sabantu abangakhomb'indlela baphinde bajike.
 
Sasithe izinto esizenzayo namhlanje zizo eziza kusixelela apho siyakhona.
 
Njengoko uMzantsi Afrika ungena kweminye iminyaka engama-25 ulawulwa ngokwentando yesininzi, kwakunye nokuzama ukuzalisekisa iinjongo ze-NDP, masizibekele injongo eza kufuna isibindi nobugorha ukuze izalisekiswe, iinjongo thina sonke esiza kusingisa kuyo, iinjongo esiza kuncamela kuyo amandla ethu nako konke esinako.
 
Njengoko singena kwiminyaka eli-10 yokugqibela yoMbono wowama-20130, kufuneka sibe nombono ocace gca ngowona Mzantsi Afrika sinephupha lawo size sivumelane ngamanye amanyathelo ekufuneka siwathathile ukuze sifikelele apho.
 
Ukuze siqinisekise ukuba izinto esizenzayo zisebenzela ukufikelela apho ndicebisa ukuba, kwezinye zezinto ezibekwe phambili ngulo mbuso uthathe iintambo kulo nyaka, masivumelana ngeenjongo ezibalulekileyo ezintlanu esiza kugxila kuzo kule minyaka ili-10 izayo, ezo eziyinxalenye yezi zinto zisixhenxe zikhokeliswe phambili.
 
Masivumelane ukuba, njengesizwe nanjengabantu abamaphupha manye, kule minyaka ili-10 izayo siza kube senze umsebenzi obonakalayo kumalinge okulwa indlela, ukungalingani nentswelo-ngqesho, apho:

  • Kungekho mntu eMzantsi Afrika uza kutyiwa yindlala. Esi sisithembiso esibonakalisa isibindi kwaye ndikholelwa ukuba siza kusizalisekisa.   
  • Uqoqosho lweli lizwe luza kukhula ngesantya esingaphezulu kakhulu kwesi likhula ngalo inani labantu beli.
  • Abanye abantu abatsha abazizigidi ezibini beza kuba semsebenzini.
  • Izikolo zethu ziza kuba neziphumo zezifundo ezincumisa kakhulu, wonke umntwana oneminyaka eli-10 eza kukwazi ukufunda ngokuqonda nokulandela.
  • Inani leziganeko zolwaphulo-mthetho olunobondlongela luza kuhla ngokuphindwe kabini, ukuba luzakube lungapheliswanga nya.

Masizibophelele ngezi zithembiso ngoku - thina ezintliziyweni zethu nabanye abantu - sazi ukuba siza kugalela yonke into esinayo kumalinge okuzalisekisa esi sithembiso, kodwa sazi ukuba, ukuba sikwazile ukuzizalisekisa ezi njongo zintlanu, siyakube senze utshintsho olukhulu kwisizwe sethu.
 
Asizibekeli ezi njongo zinzima ngenxa yokuba kukho imingeni emandla ngoku, koko ngenxa yokuba zona ziyimfuneko.
 
Sizibekela ezi njongo ukuze izigqibo esizithathayo ngoku zibonakalise isibindi kwaye sisebenze ngokukhawuleza.
 
Isigqibo esisithathileyo sokuba kule minyaka ili-10 akukho mntu kufuneka athwaxwe yindlala eMzantsi Afrika sibalulekile kumalinge ethu okulwa indlala nokuphungula ukungalingani.
 
Ngaphandle kokuba kuza kudala imisebenzi kunye namanye amathuba ezoqoqosho, oku kuthetha ukuba kufuneka sizame ukuphucula izibonelelo zikarhulumente siphungule neendleko ezifunekayo zemihla ngemihla.
 
Oku kuthetha ukuba kufuneka sizenze zifikeleleke, zikhuseleke futhi zisebenzisane izithuthi zabakhweli abaphuma kumakhaya amkela imivuzo ephantsi.
 
Nangona sele sakhe izindlu ezininzi, abemi boMzantsi Afrika abaninzi basafuna umhlaba abazakwakha kuwo amakhaya abo baphile ubomi obundilisekileyo.
 
Kule minyaka mihlanu izayo, siza kusinyusa isantya esakha ngazo izindlu nesinikezela ngaso umhlaba okwiindawo ezifanelekileyo kubemi boMzantsi Afrika abangathathi ntweni.
 
Ukuze siphucule ubomi babemi boMzantsi Afrika, ukuphungula iintlobo zonke zendlala kunye nokukhulisa uqoqosho lweli lizwe siza kugxila kwimiba enxulumene nempilo yabantu bakuthi.
 
Kufuneka siqwalasele ingxaki yokunqongophala koogqirha nabongikazi kwizibhedlele naseziklinikhi.
 
Ingwevukazi eneminyaka engama-80 ayikwazi kwaye akufanelekanga ukuba ichithe imini yonke itshitshiliza ezitulweni ilinde amayeza ayo.
 
Umntu ogulayo akanakujikiswa ngenxa yokuba kunqongophele oogqirha nabongikazi.
 
Umama olunywanyo akanakubeka ubomi bomntwana wakhe ongekazalwa emgciphekweni ngenxa yokuba i-ambulensi ithatha ixesha ukufika kuye.
 
Njengenxalenye yomsebenzi ekufuneka siwenze ngokukhawuleza ukuphucula umgangatho wenkqubo yezempilo, siqukumbela isiVumelwano seNgqungquthela yezeMpilo kaMongameli, esiquka imibono nezimvo ezaziphakanyisiwe kwaye siza kusebenzisa iingcali ezivela kubo bonke abachaphazelekayo ukuze kulungiswe ezi ngxaki zambethe iiklinikhi nezibhedlela.
 
Sele sihambe umgama omde ekuqwalaseleni kwakhona isicwangciso esineenkcukacha sokuphumeza i-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe (i-NHI), kuquka nokuphucula umgangatho weenkonzo zoncedo kumaziko ezempilo karhulumente, ukuqeqeshwa kwabantu, ukumisela iNgxowa-mali ye-NHI kunye nezinye iinkcukacha ezinxulumente neendleko kunye nolawulo lweNgxowa-mali ye-NHI.
 
Iyasikhathaza into yokunyuka kwenani labantu abosulelwa yiNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV), ingakumbi amantombazana aselula, kunye nenani lamadoda azihlola i-HIV aze aqalise ukusebenzisa amachiza eliphantsi kakhulu, xa lithelekiswa neloomama.
 
Siza kuba ngathi siyaqinisa kumalinge ethu okuqalisa isiCwangciso-qhinga se-90-90-90 (ngokufutshane esithetha oku: ngowama-2020 abantu abane-HIV abangama-90% kufuneka basazi isimo sabo malunga ne-HIV; abangama-90% basebenzise amachiza okuthomalalisa i-HIV (ii-ARV); abangama-90% abasebenzisa ii-ARV intsholongwane ingabonakali egazini labo) ukuze siphelise i-HIV njengesifo esifana nobhubhane, into leyo iza kuquka ukwandisa inani labantu abasebenzisa amachiza okunyanga i-HIV ngezinye izigidi ezibini ubuncinane ngeyoMnga wowama-2020.
 
Ukuze sikwazi ukuyilwa siyiphelise nya indlala kulo lonke eli, kufuneka sixhobise abantu abakhubazekileyo ngezakhono sibanike namathuba ezoqoqosho.
 
Ke ngoko kubuhlungu ukubona ukuba kukho abantwana abakhubazekileyo abakwintanga yokuya esikolweni abamalunga nesiqingatha sesigidi abahleli emakhaya bengafundi.
 
Njengelinge lokungenelela kwezi ngxaki, umba wolawulo lwamaphulo okunceda abantu abakhubazekileyo ngoku ukwi-ofisi enkulu karhulumente, i-Ofisi kaMongameli.
 
Silivuselele iQela likaMongameli eliSebenza ngokuKhubazeka, kwaye kulo nyaka siza kungenisa ePalamenete isiVumelwano samaLungelo Abantu abaKhubazekileyo e-Afrika ukuze sivunywe ngokusemthethweni.
 
Ukulungisa iingxaki zabantu abamkela imivuzo ephantsi kakhulu, umvuzo wesizwe omiswelweyo ongowona uphantsi ngoku uneenyanga ezintandathu umiselwe ngokusesikweni kwaye iingxelo esele sizifumene zithi iinkampani ezininzi ziyawusebenzisa.
 
IKhomishini yoMvuzo weSizwe oMisweleyo ongoWona uPhantsi kulindeleke ukuba iqukumbele uphando lwayo ekupheleni kweyoMsintsi ngowama-2019 olumalunga nomahluko owenziwe ngumvuzo ungowona uphantsi kwimisebenzi, indlala, ukungalingani kunye nomahluko okhoyo phakathi kwemivuzo.
 
Asinakwenza umahluko kubomi bethu ngaphandle kokuba sigxininisa ngamandla kuhlumo loqoqosho.
 
Kule minyaka ilishumi izayo, kuliphupha lethu ukubona uqoqosho lweli lizwe lukhula ngesantya esingaphezulu kakhulu kwesi senani labantu beli.
 
Umonakalo owenziwa ngaphambili kuqoqosho lweli uyakulungiseka kuphela xa sinoqoqosho olukhula gqolo ngesantya esiphezulu.
 
Sisenza esi sithembiso ngexesha apho uqoqosho lweli lukwinqanaba lokubuthisa.
 
Kulandela ukuhla kakhulu kuhlumo kwikota yokuqala, ibhanki enguvimba ngoku iqikelela ukuba isantya sohlumo ngowama-2019 maninzi amathuba okuba sibe ngaphantsi kweso besiqikelelwe kuHlahlo Lwabiwo-mali olwalwenziwe ngenyanga yoMdumba.
 
Esinye sezizathu ezibangela ukudodobala koqoqosho lweli kukumane kucima umbane ekuqaleni kulo nyaka, kunye nengxaki yokungabikho kombane owaneleyo kunye nemeko emaxongo ka-Eskom.
 
Into esiyifundileyo icacile yile: ukuze kubekho uhlumo, kufuneka sibe nombane othembekileyo nowaneleyo.
 
U-Eskom usezingxakini ezinkulu zezimali, akanazinzo kwindlela asebenza ngayo kunye namacandelo akhe.
 
Ukususela oko kwakukho ingxaki yokucima kombane ekuqaleni kwalo nyaka, u-Eskom sele ehambe umgama omde kwinkqubo yokuzalisekisa isiCwangciso sakhe esiManqaku aliThoba, esiqinisekisa ukuba amaziko akhe okuvelisa umbane ayahlaziywa futhi agcinwe ekwisimo esifanelekileyo, uphungula iindleko zakhe nokuqinisekisa ukuba uhleli enamalahle aneleyo koovimba bakhe.
 
U-Eskom, elandela izindululo ezenziwe liQela eliNikwe uMsebenzi Wokuzisa uZinzo ku-Eskom kunye neQela leeNgcali lokuPhonononga, uthumela abasebenzi bakhe abanezakhono nabanamava kumacandelo abafuneka kuwo ngamandla.
 
Imeko yezimali yeli ziko isemaxongo kakhulu futhi iyaxhalabisa.
 
Ngale mali ikhoyo ngoku ayithenjiswe ngurhulumente, njengoko kwakucacisiwe kuHlahlo Lwabiwo-mali lowama-2019, u-Eskom unemali eyaneleyo yokuba akwazi ukubhatala iindleko zakhe kude kube sekupheleni kwenyanga yeDwarha yowama-2019.
 
Ukuba u-Eskom angatsiba inyanga angayibhatali le mali ayibolekiweyo oko kungabangela ukuba angalibhatali neli ityala lishiyekileyo, oko ke kungayingxaki enkulu enokuthwalisa ubunzima izimali zikarhulumente esele zisebunzimeni kakade.
 
Ke ngoko le ngxaki siza kuyisombulula ngokuthi sithi thaca uMthetho oYilwayo oWodwa woHlahlo-mali okhawulezileyo ukuze u-Eskom anikwe kwiminyaka yokuqala isixa esivakalayo sale mali izibhiliyoni ezingama-230 zeerandi aza kuyifumana kurhulumente kule minyaka ili-10 izayo.
 
Oku kunyanzelekile ukuba sikwenze kuba u-Eskom ubaluleke kakhulu kuqoqosho lweli ukuba angayekwa azike.  U-Eskom ungumthwalo wethu sonke sisisizwe kwaye kufuneka siqinisekise ukuba siyamxhasa. 
Ezinye iinkcukacha ziza kunikwa nguMphathiswa weziMali kwalapha ethubeni.
 
Siza kubhengeza ukuqeshwa kweGosa eliPhezulu lesiGqeba (i-CEO), kulandela ukulahla kwesi sikhundla kukaMnu Phakamani Hadebe. Wangena kwesi sikhundla kwa-Eskom ngexesha elinzima kakhulu kwaye wenze umsebenzi oncomeka kakhulu ekunye nebhodi ekhokelwa nguMnu Jabu Mabuza ukuzama ukuzisa uzinzo kule nkampani.

Kungekudala siza kuqasha iGosa eliPhezulu lokuHlela ngokuTsha, ekuza kulindeleka ukuba litshintshe iimeko zezimali zakwa-Eskom liqwalasele umba wokudityaniswa kwengeniso, ityala neendleko zale nkampani.
 
U-Eskom ukwasebenza norhulumente kunye namanye amahlakani ukuze kulungiswe isicwangciso sakhe esibanzi sendlela akhekhe ngayo (okkt, amacandelo anawo) kunye netyala lakhe lilonke kwakunye netyala lombane likamasipala nelabantu.
 
Njengelizwe kufuneka sikhuthaze ukuba abo basebenzisa umbane kufuneka bawubhatale.
 
Ukungabhatali kubeka engxakini onke amaziko abandakanyekayo ekuhanjisweni kombane kunya namalinge ethu okudala imisebenzi.
 
Ligqithile ixesha lokugwayimba zingabhatalelwa iinkonzo. Ngoku kufike ixesha lokwakha, ixesha lokuba sonke siphose igade.
Ke ngoko, sihlaba ikhwelo kubo bonke abantu bakuthi abasebenzisa umbane ukuba bawubhatale umbane ukuze u-Eskom akwazi ukuqhubeleka nomsebenzi wakhe wokuvelisa umbane.

Bantu bakuthi,
 
Ukuze sifikelele kwiqondo esizibekele lona lohlumo, kufuneka sivuselele amaseko oqoqosho lweli lizwe ngokuthi sihlaziye futhi sikhulise amacandelo emveliso.
 
Oku kufuna ukuba siphonononge isicwangciso-qhinga sethu sokwakhiwa kwemizi-mveliso, sivulele utyalo-mali lwabucala size sivuselele umbuso ukuze kubekho uqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke.
 
Oku kufuna uMbuso ukuba udlale indima njengequmrhu elivula amathuba, elibonelela ngeenkonzo ezisisiseko nelakha iziseko ezingundoqo ezibalulekileyo, elibeka imithetho edala amathuba alinganayo axhanyulwa ngabo bonke abadlali-ndima, kunye neliqinisekisa ukuba abo bangathathi ntweni kweli lizwe bakhuselekile kwaye banikwa ithuba lokuba basebenzise izakhono zabo kangangoko ngaphandle kokuthintelwa yimiqobo.

Kukho enye indima esifuna ukuba uMbuso uyidlale, le yokuncedisa kumaphulo okuvula amashishini. Indima apho uMbuso uza kuba lidelangozi uze uncede uqoqosho luhlume.
 
Siza kuthathela ingqalelo kakhulu amacandelo oqoqosho lweli anamathuba amahle kakhulu okukhula.
 
Sisebenzisa umzekelo wempumelelo entle esiyibone kwicandelo lweemoto, siza kuqalisa ukusebenzisa izicwangciso ekuvunyelwene ngazo licandelo lezoshishini nelabasebenzi kumacandelo afana nelezempahla namalaphu, elezegesi, elamachiza neplastiki, eleemveliso ezihlaziyekayo, neleemveliso zentsimbi nesinyithi.
 
Siza kulikhulisa kakhulu icandelo lezolimo nelokulungiswa nokuhlelwa kweemveliso zolimo ngokuthi sixhase iimveliso namanye amacandelo abalulekileyo abandakanyekayo kwezolimo, sikhangele iindawo ezintsha ekunokuthengiswa kuzo iimveliso kunye nokulwa le ngxaki yokuxhomekeka kwiimveliso zezolimo ezisuka kumazwe angaphandle.  
 
Siza kulincedisa ngamandla icandelo lezemigodi ngokuthi sikhangela iindawo ekuza kuthengiswa kuzo izimbiwa zoMzantsi Afrika ngokuthi sisebenzise inkqubo yokuxhamlisa ejoliswe kwabathile, siphungule iindleko zokuvelisa, kunye nokuphucula uphando-nzulu nophuhliso.
 
Ngokucanda umhlaba ngendlela ethile efana nokwakha imimandla ekhethekileyo yezoqoqosho, ukuvuselela amaziko anemizi-mveliso, amaziko ezoshishino, amaziko anobuxhakaxhaka bobuchwepheshe kunye namashishini asezilokishini nasemaphandleni, siza kuphuhlisa uqoqosho kwiindawo ezihlala abantu bakuthi. Siza kugxininisa kumashishini amancinane naphakathi kwizixeko, ezilokishini nakwiindawo ezisemaphandleni size sivule iimarike namaziko abaza kuthengisa kuwo iimveliso zabo.
 
Siza kusizalisekisa isithembiso sethu sokulandisa ngokuphindwe kabini inani labakhenkethi bangaphandle abangena kweli libe zizigidi ezingama-21 ngowama-2030.
 
Oku kuza kwenziwa ngokuthi livuselelwe igama leli lizwe, kusetyenziswa inkqubo yokufaka isicelo se-visa ekumgangatho wehlabathi kugxininiswe kakhulu kubakhenkethi abavela eChina nase-India kunye nabo bafika ngeenqwelo-moya bephuma mbombo zone zeli lizwekazi.
 
Sizimisele ukuqinisekisa ukuba abakhenkethi abatyelela kweli bakhuselekile.
 
Siza kulikhulisa icandelo leli lizwe lobuchwepheshe obukwizinga eliphezulu ngokuqinisekisa ukuba imithetho esinayo ikhuthaza izakhono zokuqamba nokuyila, ukuphucula amaphulo ophuhliso lwezakhono kubuxhakaxhaka bobuchwepheshe kubantu abatsha, nokuphungula iindleko ze-data.  Kuzo zonke iindawo esihamba kuzo, abantu abatsha bakhala ngamaxabiso e-data aphezulu ngokugqithisileyo eMzantsi Afrika.
 
Ukuze siqinisekise ukuba oku kuyenzeka ngenene, kule nyanga izayo, uMphathiswa wezoNxibelelwano uza kuphumeza umgaqo-nkqubo oza kuya kwiZiko eliziMeleyo lezoNxibelelwano loMzantsi Afrika (i-Icasa) ukuba liqalise ngenkqubo yokukhupha iilayisenisi zamaza asasaza ngomoya.
 
Le nkqubo iza kuquka amanyathelo aza kukhuthaza ukuba kubekho ukhuphiswano, iinguqu, uhlumo lweli candelo oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke kunye nokuba wonke ubani axhamle kobu buxhakaxhaka.
 
Oku kubaluleke kakhulu kumalinge okuphungula iindleko ze-data, into leyo ibalulekileyo kuphuhliso loqoqosho kunye nokuvulela amathuba amaninzi abantu abatsha.
 
Sihlaba ikhwelo kwicandelo leziseko zonxibelelwano ukuba liphinde lizithobe iindleko ze-data ukuze zifane nezamanye amazwe ehlabathi.
 
Sinyusa iikawusi kwiphulo lethu lotyalo-mali.
 
Kutyalo-mali oluzibhiliyoni zeerandi ezingama-300 ebelibhengezwe kwiNkomfa yoTyalo-mali yokuqala kulo nyaka uphelileyo, iprojekthi ezixabisa imali engaphezulwana nje kwibhiliyoni zeerandi ezingama-250 sele ziqalisiwe.
 
Siyaqhubeka nokuqokelela amaphulo otyalo-mali, ekuza kunikwa iinkcukacha zawo kwiNkomfa yoTyalo-mali yoMzantsi Afrika yesibini eza kubanjwa ukususela ngomhla wesi-5 ukuye kowesi-7 kweyeNkanga.  
 
Kweli xesha libi kangaka, umsebenzi wabathunywa botyalo-mali wakhe ubuhlobo nentsebenziswano entle phakathi kukarhulumente namashishini.
 
Ngokweengxelo esizifumana kwaba bathunywa, kucacile ukuba kusekuninzi ekufuneka kwenziwe ukulungiselela ukuba iimeko zifaneleke kanye kutyalo-mali.
 
Oku kuquka ukuqwalasela ngokutsha indlela urhulumente asebenza ngayo ukusombulula iingxaki abatyali-mali abajamelena nazo kunye nokutshintsha imigaqo-nkqubo neminye imigaqo yethu yokukhuthaza utyalo-mali.
 
Mhle umsebenzi osele wenziwe ngePhulo loHlumo Phakathi kukaRhulumente neCandelo labuCala, umsebenzi lowo ukhokelwa nguMphathiswa uNkosazana Dlamini-Zuma, uMnu Roelf Meyer kunye noGq Johan van Zyl Slabbert.

Icandelo labucala lithembisile ukuba liza kutyala imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-840 kwiiprojekthi ezingama-43 kumacandelo ali-19 ngolo hlobo lidale imisebenzi engama-155 000 kule minyaka mihlanu izayo.
 
Kwiingxoxo urhulumente ebezibambile nabezoshishino uye wathembisa ukuba uza kuyiguzula imigaqo-nkqubo eyimiqobo aze akhawulezise ukuphunyezwa kwezi projekthi.
 
Sizama ukwenza utshintsho olungxamileyo ukuze senze kube lula ukuqala nokuqhuba ishishini ngokuthi siqinisekise ukuba imithetho iyahambelana futhi iyaqondana, izicelo zamaphepha-mvume nobunye ubucukubhede zenziwa ngekhompyutha nokuphungula iindleko zokuqinisekisa ukuba ubani unazo zonke izinto ezifunwayo.
 
Iziseko ezingundoqo zibaluleke kakhulu kutyalo-mali oluxhasa indlela uqoqosho lweli olwakheke ngayo, uhlumo nokudala imisebenzi.
 
Zibalulekile kumaphulo ethu okuvuselela uqoqosho, nokwenza ukuba umbono wexesha elitsha lotshintsho uyazalisekiswa ngenene.
 
Indlela yethu entsha yokujongana nomba wophuhliso lweziseko ezingundoqo uxhomekeke kwintsebenziswano emandla phakathi kukarhulumente necandelo labucala kunye nabantu bakuthi.
 
Le ndlela iza kusetyenziswa iquka imali eza kubekelwa bucala kunye notshintsho oluza kwenziwa kumaqumrhu ukuze kuncediswa amaphulo okwakha kukhokeliswa phambili iziseko ezingundoqo zamanzi, iindlela kunye neendawo zokuhlala abantwana besikolo ngokuthi isetyenziswe ngobunono imali ebekelwe lo msebenzi.
 
Njengoko kwakubhengeziwe kwi-SoNA yangaphambili, urhulumente ubeke bucala imali ezibhiliyoni zeerandi ezili-100 ukuze ibe yimali yokuncedisa iNgxowa-mali yeziSeko ezinguNdoqo.
 
Senza amalungiselo okuseka le ngxowa-mail itsho ibe liqumrhu eligcweleyo, eliza kuba phantsi kweBhanki yezoPhuhliso yaMazantsi e-Afrika (i-DBSA), apho iSebe lemiSebenzi yoLuntu neziSeko ezinguNdoqo elitsha liza kudlala indima yokuba liliso kwimisebenzi eyenziwa yile Ngxowa-mali.
 
Oku sikwenze ngokufakana imilomo necandelo labucala, elifana namaqumrhu engxowa-mali zomhlala-phantsi, abonakalise umdla ngokuthi nawo adlale indima kule Ngxowa-mali yeziSeko ezinguNdoqo.
 
Olu tshintsho luza kuqinisekisa ukuba luqhutywa ngcono ucwangciso lweprojekthi zokwakha iziseko ezingundoqo, ukwenza uphando olunzulu lokuhlola ukuba iiprojekthi ingenzeka ngempumelelo na kunye namalungiselo avuthiweyo phambi kokuqala umsebenzi, kuphuculwe indlela zokuphatha, kuqinisekiswe ukuba umsebenzi wenziwa ngendlela egqibeleleyo futhi kukho nolawulo olungcono.  
 
Oku kuza kulinceda kakhulu icandelo lezokwakha esele linethuba litsala nzima.
 
Siza kukhuthaza abathengi ukuba bathenge iimveliso zalapha ekhaya ngolo hlobo bakhulise icandelo lezemveliso laseMzantsi Afrika ngokuqinisekisa ukuba iphulo elikhuthaza ukuthengwa kweemveliso zeli, i-Buy Local campain, likhoyo kuyo yonke indawo ngalo lonke ixesha.
 
Sibongoza abemi boMzantsi Afrika ukuba bathathe isigqibo sokuba bathenge gqolo iimveliso ezenziwe apha ekhaya.
 
Le suti, hempe kunye neli qhina ndilinxibileyo namhlanje zenziwe apha ekhaya ngabasebenzi bamalaphu boMzantsi Afrika e-House of Monatic, apha eSalt River eKapa.
 
Ndiyacela ukuba sonke sithenge iimveliso ezenziwe apha ekhaya ukuze sandise inani labathengi ngolo hlobo sikhwezele uqoqosho lwelizwe.
 
Ungekapheli lo nyaka, sifuna ukutyikitya izivumelwano neevenkile ezinkulu zeli ukuba zithenge iimveliso zoMzantsi Afrika zize zenze kangangoko ukubabaza nokuthengisa iimveliso ezikudidi oluphezulu eziveliswe ngabasebenzi boMzantsi Afrika.
 
Ngaxeshanye, siza kuthengisa iimveliso zethu ngamandla kweli lizwekazi le-Afrika nakwihlabathi liphela.
 
La manyathelo aza kuxhaswa yindlela engagungqiyo esiwuxhasa ngayo umgaqo-nkqubo woqoqosho olubanzi nowezimali zikarhulumente oza kuqhubeleka unika ithemba ukhuthaza notyalo-mali.
 
Sizimisele ukuboleka ngendlela enobulumko nokusebenzisa imali ngobunono ukuze siqinisekise ukuba kukho uzinzo kwizimali zikarhulumente futhi asingeni matyaleni makhulu.
 
IBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika iliqumrhu elibaluleke kakhulu kweli lizwe lethu lilawulwa ngokwentando yesininzi, kwaye lihlonitshwa kakhulu kweli lizwe nakwihlabathi liphela.
 
Uzinzo kumaxabiso luyafuneka kodwa akunakusetyenziswa lona lodwa xa kufunwa ukukhulisa uqoqosho.
 
Amaxabiso anyukayo eempahla neenkonzo abagqibela imali abemi boMzantsi Afrika, ingakumbi abantu abangathathi ntweni.
 
Unyuko-maxabiso kwenza zingaqhubi kakuhle iimveliso zeli ezithunyelwa kumazwe angaphandle ngokunjalo neenkampani ezithenga iimveliso kumazwe angaphandle, ngolo hlobo imizi-mveliso namaphulo okudala imisebenzi ibe sengxakini.
 
Ngenxa yezi zizathu, uMgaqo-siseko weli lizwe ugunyazisa iBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika ukuba ikhusele ixabiso lemali yeli lizwe isenzela ukube kubekho uhlumo oluzingileyo nolungenandawo luhexa kuzo.
 
Namhlanje, siyaphinda siyalibethelela eli gunya, ibhanki enguvimba ekufuneka ilisebenzise ngaphandle kokulukuhlwa, koloyiko, ngendlele eyenzelelelayo okanye edlela indlala.
 
UMgaqo-siseko weli lizwe ukwafuna ukuba kubekho iindibano zokubonisana rhoqo phakathi kwebhanki enguvimba noMphahtiswa weziMali ukuze kubekho ulawulo olungqingqwa loqoqosho olubanzi, konke oku bekwenzela ukuncedisa kumaphulo okudala imisebenzi nohlumo loqoqosho.
 
Ukuze sikwazi ukukhuphisana namazwe ehlabathi, ukuze sikwazi ukurhwebesha abatyali-zimali beze kweli, kufuneka silungise ingxaki yemali eninzi efunekayo xa ubani eqhuba ishishini eMzantsi Afrika, kunye nemithetho enobucukubhede obuninzi obutya ixesha.
 
Kufuneka sifikelele kwixesha apho inkampani kungazikufuneka ukuba ilinde ixesha elingaphezulu kwiinyanga ezintandathu ukuze ifumane iphepha-mvume okanye ilayisenisi kwaye kufuneka inkqubo yokubhalisa iinkampani ezintsha ithathe nje imini enye.
 
Siza kuqhubeleka nokuphungula iindleko nemali efunekayo xa ubani eqhuba ishishini kweli ngokuthi siphungule ixabiso lerhafu yeemveliso ezisuka ngaphandle, sikhangele iindlela ezintsha zokuphehla umbane ezibiza eyona mali incinci size senze oololiwe babe zintlobo zezithuthi ezikwaziyo ukukhuphisana nezinye iintlobo zezithuthi.
 
Sikhokelwa yi-NDP, luxanduva lwethu ukuba sikhethe uphuhliso oluzinzileyo noluza kuxhanyulwa ngumntu wonke oluza kukwazi ukumelana neengxaki eziza nokutshintsha kweemeko zezulu.
 
Sisebenzisana necandelo labucala, abasebenzi kunye namazwe ehlabathi siza kuphucula amacebo ethu esiza kuwasebenzisa ukuze sikwazi ukumelana nezi meko zemozulu zitshintshayo namanye amacebo esinokuwasebenzisa ukuphungula umonakalo owenziwa lolu tshintsho kwimozulu.
 
Sinethuba lokuba sibe lelinye lamazwe aphambili kuhlumo olungenabungozi kokusingqongileyo, ukwakha imizi-mveliso engavelisi sisi singcolisa okusingqongileyo sininzi, siqambe size siqale ubuxhakaxhaka bobuchwepheshe obutsha nasekuhambeni ngesantya esiphezulu sisukela kuhlobo loqoqosho olulindelekileyo ngomso.
 
Kufuneka siwunyuse umthamo wamandla ahlaziyekayo nangenabungozi kokusingqongileyo kwiintlobo zamandla esinazo size siqwalasele nokuba uqoqosho oluxhomekeke kwihayodrojini lungadlala indima engakanani na.
 
Uqoqosho oluhluma ngesantya esiphezulu lukwafuna nokuba kwenziwe iinguqu kwezomhlaba ezidolophini nasemaphandleni kunye nokuqinisekisa ukuba imithetho engamalungelo obunini-mhlaba nezindlu icaciswa kangangoko.
 
Siyifumene ingxelo yeQela labaCebisi likaMongameli ebeliChophele uMba weeNguqu kwezoMhlaba nezoLimo, ebelikhokelwa nguSekela-Mongameli, ngoku eza kusiwa kwiKhabhinethi ukuze yona iyiqwalaselisise.
 
Izindululo ezenziwe leli qela ziza kusetyenziswa xa kuqukunjelwa inkqubo ebanzi neenjongo zokwenza utshintsho kwezemihlaba.
 
Kungekudala, urhulumente uza kugxagxamisa akhangele aze akhulule umhlaba okulungeleyo ukuba kwakhiwe iindawo zokuhlala abantu ezidolophini nokulima okanye ukufuya.
 
Kwisicwangciso soncedo-mali esasibhengezwe kulo nyaka uphelileyo, saye sathembisa amafama asakhulayo ukuba aza kuba ngabanye babantu bokuqala abaza kuncedwa.
 
Kuhlahlo lwabiwo-mali lwesigaba esiphakathi, kwaye kwabelwa iBhanki yezeMihlaba imali ezibhiliyoni zeerandi eziyi-3.9 eza kuyisebenzisa ukuxhasa amafama amnyama arhwebayo.
 
Icandelo elikhulu lesicwangciso-qhinga sohlumo soMzantsi Afrika lithetha ngokudibanisa uqoqosho lweli lizwe nolwamazwe angabamelwane kunye nelizwekazi liphela.
 
UMmandla weliZwekazi lase-Afrika ongaHlawulisani Rhafu yoRhwebelwano (i-AfCFTA) uza kwenza kube lula ukuhamba kweempahla neenkonzo, imali kunye nezixhobo zokuvelisa kulo lonke eli lizwekazi.
 
Isicwangciso-qhinga sethu sezemizi-mveliso esihlaziyiweyo sigxininisa kumba wokongeza amazwe esinobudlelwano borhwebo notyalo-mali kummandla oseMazantsi e-Afrika nakwilizwekazi liphela.
 
Kumazwe ayinxalenye yoMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC) siza kukhokelisa phambili umba wokuqinisekisa ukuba amanqanaba abalulekileyo kwinkqubo yokuvelisa aqhutywa ngawo onke la mazwe ingakumbi kumacandelo afana nelezamandla, elezemigodi nokuxhamlisa ngezimbiwa, elezemveliso, eleziseko ezingundoqo kunye nelokuhlelwa nokucolwa kweemveliso zolimo.
 
Bantu bakuthi,
 
Uhlumo loqoqosho lweli aluyikuba lulutho ngaphandle kokuba luza kukhatshwa kukudalwa kwemisebenzi emininzi.
 
Into yokuba kube kanti izinga lentswelo-ngqesho kubantu abatsha abangabemi boMzantsi Afrika lingaphezulu kwama-50% ithetha ukuba eli lizwe lisengxakini enkulu efuna kuthathwe amanyathelo akhawulezileyo, ahlakaniphileyo nangqongqo apho thina sonke siza kubona ukuba kunyanzelekile ukuba sisebenzisane.
 
Nokuba abantu abaninzi abatsha bafikelela kwinqanaba lokufuna imisebenzi, eli lizwe kufuneka ludale imisebenzi yolutsha engaphezulu kwale liyidalayo; ukuba nje likwazi ukugcina inani labantu abatsha abangasebenziyo lingenyuki.
 
Inyani emsulwa yona yeyokuba xa kuthethwa ngengxaki yenani labantu abatsha abangasebenziyo kufuneka senze nje amacebo okubambisa nokuncamela ukuqinisekisa ukuba eli nani alandi.
 
Ke ngoko kunyanzelekile ukuba singaphozisi maseko siqalise ukusebenzisa esi sicwangciso sibanzi - esiza kulawulwa futhi siqhutywa yi-Ofisi kaMongameli - sokudala imisebenzi emitsha engekho ngaphantsi kwizigidi ezibini kule minyaka ilishumi izayo.
 
Esi sicwangciso siza kusetyenziswa kuwo onke amasebe karhulumente nakuwo omathathu amaqoqo karhulumente, kusetyenziswano necandelo labucala.
 
Sele sisebenzisana necandelo labucala ukuze sivulele amathuba abantu abatsha ukuba babambe izingxungxo eziza kubanika amava okusebenza ngokuthi kuphuculwe la mathuba akhoyo.
 
La mathuba anceda abantu abatsha abawasebenzisayo ukuba babonakale, bafumane inkxaso bakwazi nokuzibonisa ukuba nabo bakhona kwaye bafuna ukuqeshwa nokuziqesha.
 
Aqinisekisa ukuba abantu abatsha abaphuma kumakhaya asokolayo - ingakumbi abantu abatsha ababhinqileyo - baxhotyiswa ngezakhono eziza kwenza ukuba kube lula ukuthatha amathuba amatsha avelayo.
 
Urhulumente uza kuqhubeleka ukudala imisebenzi esebenzisa iNkqubo yemiSebenzi yoLuntu eNatyisiweyo (i-EPWP), ingakumbi imisebenzi efuna izandla namandla efana nokulungisa, ukucoca nokususa ukhula, ukutywina imibhobho yamanzi evuzayo nokwenza iindlela.
 
Siza kuqhubeleka ukuqulunqa iinkqubo eziza kuqinisekisa ukuba abantu abatsha abasokolayo bakulungele ukungena emisebenzini futhi bafumana imisebenzi kuloo macandelo anamathuba emisebenzi akhulayo.
 
La macandelo aquka icandelo lamaziko ehlabathi asebenza ngomnxeba ukunika uncedo nemibuzo, icandelo lamanqanaba ahlukeneyo okuhlela nokucola iimveliso zezolimo, ukusebenza ngobuxhakaxhaka bobuchwepheshe, ukulungisa nokukhanda kunye namanye amathuba amatsha eza nolu qoqosho luxhomekeke kubuchwepheshe kunye neli liXhomekeke kubuChwepheshe Bale Mihla.
 
Urhulumente uza kuqinisekisa ukuba abantu abatsha bayaqeshwa nayimibutho yoluntu kwimisebenzi efumaneka, umzekelo, kumaziko ophuhliso lwabantwana abaselula (i-ECD) kunye nawonakekelo lwezempilo.
 
Siza kuwunyusa umthamo othathwa yiNkonzo yeSizwe yoLutsha itsho ithathe abantu abatsha abangama-50 000 ngonyaka.
 
Urhulumente uza kuxhasa iinkampani ezikwazi ukusebenza ngobuxhaka-xhaka be-intanethi zabantu abatsha abazisebenzelayo ezisemaphandleni nasezilokishini.
 
Siza kuzangeza iinkqubo zethu ukuze sincede abantu abatsha bafumane izingxungxo eziza kubanceda bafumane amava ngokusebenzisa amaphulo afana neNkonzo yokuQeshwa koLutsha (i-YES), kunye nokuququzelela amaphulo okufundiswa umsebenzi beqeqeshelwa emsebenzini.

Siza kuvula amaziko okufukamela nokutatamisa amashishini asakhasayo ukuze sibonelele amashishini asakhasayo aqalwe lulutsha ngoncedo lwezimali nobunye ubuchule njengoko bengena kwicandelo lokuziqhubela awabo amashishini.
 
Izolo, ndibe nenyhweba yokudibana ndize ndincokole nabantu abatsha boMzantsi Afrika abenza imisebenzi emihle ukwakha eli lizwe lethu baze baphuhlise nabantu bakuthi.
 
Bangoosomashishini, abaphuhlisi boluntu, amatshantliziyo kunye namagcisa.
 
Eyona nto siyifundileyo kwincoko ebesinazo nabantu abatsha beli lizwe kukuba ayibobulumko ukuba sibakakaze: yonke into esiyenzayo kufuneka ikhokelwe ngabantu abatsha ngokwabo.
 
Basixelele izinto abazifunayo nabazidingayo.
 
Ewe bona bafuna imisebenzi, kodwa bayafuna nokuzisebenzela baqeshe abantu.
 
Iingqondo zabo ziyaphuphuma yimibono, kwaye ngabo abaphambili nabangoqala-zive kwezokuqamba nokuyila futhi bafuna ukuzenzela izinto ngokwabo.
 
Kufuneka sibaxhase abo banamaphupha namadlu okuziqalela amashishini kuba ikamva leli lizwe lixhomekeke kwizakhono nobuchule beziphiwo zolutsha leli lizwe.
 
Bantu bakuthi,
 
Ukuba sifuna ukuqinisekisa ukuba kule minyaka ili-10 izayo wonke umntwana oneminyaka eli-10 uyakwazi ukufunda ngokuqonda nokulandela, kufuneka siphume sisisizwe sixhase iphulo elikhulu lokufunda.
 
Ukufundisa abantwana ukufunda beselula kusisiseko umntwana athathela kuso kwimfundo yakhe ukusuka kumabanga aphantsi esikolweni, ukuya kwimfundo ephakamileyo ade aye kungena emsebenzini.
 
Onke amanye amanyathelo okungenelela - ukusuka kumsebenzi owenziwayo ukuphucula umgangatho wemfundo esisiseko ukuya kwimfundo ephakamileyo esimahla kwabo baphuma kumakhaya asokolayo, ukusuka kwimali etyalwa kwikholeji zeMfundo noQeqesho lobuGcisa nobuChule (i-TVET) ukuya kumaphulo okwandisa amathuba okuqeqesha abantu besemsebenzini - akayikunika ziphumo zincumisayo ngaphandle kokuba siqale siqinisekise ukuba abantwana bayakwazi ukufunda ngokuqonda.  
 
Ngamaphulo afana nePhulo leSizwe lokuFunda aza kusinceda sitsho sikwazi ukudlala indima ephambili kumaphulo esizwe okufunda.
 
Bonke ootitshala abafundisa kwisigaba esisisiseko nesiphakathi baza kuqeqeshwa kwizakhono zokufundisa isiNgesi neelwimi zesiNtu, kwaye siqeqesha size sithumele abaqeqeshi abanamava ukuze bakwazi ukunika ootitshala uncedo olukwizinga eliphezulu bekwezi ndawo bafundisela kuzo.
 
Siqalisa iNkqubo yokuFunda yamaBanga aseZansi, eza kuquka izicwangciso zezifundo ezinako konke, izixhobo ezongezelweleyo zokufunda kunye noncedo lweengcali oluza kunikwa ootitshala besiGaba esisisiSeko.
 
Oku kuyinxalenye yamalinge abanzi okuphucula imfundo esisiseko ngokuthi kuxhotyiswe ngezakhono abaphathi nabalawuli bezikolo, ukuphucula izakhono zotitshala nokuqinisekisa ukuba iintlobo zokuhlola nokuvavanya zebanga lesithathu, elesithandathu nelesithoba ziyafana futhi ziyalingana ngokuntsokotha.
 
Abantu abatsha kufuneka sibaxhobise nangezakhono eziza kubanceda bakwazi ukumelana neemeko zasemsebenzini kwilixa elizayo.
 
Yiyo loo nto siqalisa izifundo ezifana ne-coding, kunye ne-data analytics kumabanga aphantsi esikolo.
 
Malungu abekekileyo,
 
UMzantsi Afrika esiwunqwenelayo ngulowo apho abantu bengaziva nje bekhuselekile koko bekhuselekile ngenene.
 
Ke ngoko, masisebenzisane ukuze siqinisekise inani leziganeko zolwaphulo-mthetho olunobundlobongela nobundladiya liza kuhla ngesiqingatha kule minyaka ili-10 izayo.
 
Inyathelo lokuqala kukwandisa inani lamapolisa ahamba-hamba phakathi koluntu ngokuthi kuqeshwe amapolisa, nangokuthi sikhuthaze abemi ukuba nabo badlale indima ebalulekileyo ngokuthi kusekwe imibutho esebenzayo yobupolisa yoluntu.
 
Kungokunje, kukho abafundi ababhalisele ukuthatha inxaxheba kuqeqesho olusisiseko kwikholeji zoqeqesho zamapolisa zeli kwaye siqikelela ukuba eli nani liza kunyuka liye kuma-7 000 kule mijikelo mibini izayo yokuqesha amapolisa.  
 
Sizama ukunyusa inani lamatyala aphandwa ngempumelelo nelabaphuli-mthetho abathi bagwetywe ngenxa yamatyala abo, nokuqinisekisa ukuba iinkqubo zoqeqesho zingcono futhi kukho iingcali ezinenazakhono ezikwizinga eliphezulu kwicandelo lezenkundla.
 
Ulwaphulo-mthetho olunobundlobongela luyingxaki yesizwe kwaye kufuneka luliwe sisizwe siphela.
 
Sisebenzisana nemibutho yoluntu ukugwadla amacebo anokusetyenziswa ukulwa nokuphelisa ubundlobongela obusekekwe kwisini esithile nokubulalwa kwabasetyhini.
 
Kulandela iindibano zokufakana imilomo nokubonisana, ngoku sisebenzela ukumisela iBhunga lobuNdlobongela obuJoliswe kwabeSini Esithile nokuBulawa kwabaseTyhini kunye nesiCwangciso-qhinga seSizwe esiza kusikhokela, naphi na apho sikhoyo, kumalinge okulwa esi sihelegu.
 
Siqesha size sixhobise ngezakhono amapolisa kunye neenkundla ukuze zikwazi ukunceda amaxhoba obundlobongela obujoliswe kwabesini esithile.
 
Siwenza ngqingqwa amaphulo ethu okulwa imigulukudu ethengisa iziyobisi ngokuthi siphumeze isiCwangciso-qhinga seSizwe sokuLwa namaQela emiGulukudu kunye nesiCwangciso esiKhulu seSizwe sokuLwa iziYobisi.
 
Manene nani manenekazi,
zindwendwe ezibekekileyo,
 
Ukuze sikwazi ukuzifezekisa ezi njongo kufuneka sibe noMbuso onezakhono nogxigxinisa kuphuhliso.
 
Lowo nguMbuso ongapheleli nje ekumiseleni amaziko neziseko ezingundoqo ezinceda uqoqosho nesizwe zisebenze koko onazo nezixhobo zokuzisa iinguqu notshintsho.
 
Ekuqaleni kwale nyanga, saye sabhengeza utshintsho oluza kwenzeka kumasebe karhulumente amaninzi ukuze siwancede akwazi ukwenza umsebenzi wawo awugunyazisiweyo.
 
Isigqibo sethu sisekelwe kumbono wokusebenza ngobulumko, ukonga imali, ulawulo lwentsebenziswano kunye nokulungelelanisa ngendlela ehlakaniphileyo.
 
Eli linyathelo lokuqala lwenkqubo ebanzi yokuthintela ukuba uMbuso ungalahlekelwa ngabasebenzi abanezakhono nokutshintsha indlela iinkonzo ezihanjiswa ngayo ukuze zixhanyulwa ngabantu beli lizwe.
 
Siza kusebenzisa indlela eza kugxininisa kwizithili - sigxininise kwizithili ezingama-44 noomasipala abambaxa abasibhozo - ukuze sikhawulezisa indlela ezihanjiswa ngayo iinkonzo, ukuqinisekisa ukuba oomasipala bafumana inkxaso efanelekileyo futhi banazo nezixhobo ezifanelekileyo.
 
Ukuqinisekisa ukuba uMbuso uyakwazi ukudala iimeko eziza kukhuthaza uphuhliso loqoqosho nezentlalo, kubalulekile ukuba siwaxhobise kangangoko amaShishini kaRhulumente (ii-SOE).
 
Ngokusebenzisa iBhunga likaMongameli lee-SOE, urhulumente ufuna ukuqinisekisa ukuba kukho intsebenziswano phakathi kwawo onke amashishini karhulumente futhi kucaciswe kakuhle owona kanye msebenzi wawo.
 
Ngokusebenzisa eli bhunga, siza kusebenzisana nezikhulu eziphethe ezi SOE ukuze siqulunqe imithetho nemigaqo ekhuthaza izakhono zoyilo kunye nodlamko kunye nokuwanceda akwazi ukumelana nokhuphiswano.
 
Siza kwakhela kulo msebenzi sele siwuqalile ukulungisa ezi ngxaki zinxulumene nolawulo oluhexayo, ukusebenza ngendlela enganabunono kunye nozinzo kwizimali.
 
Sizimisele ukwakha uMbuso oziphatha ngendlela esulungekileyo apho lungazikuba nandawo urhwaphilizo, ukwenzelelana ngendlela ekhethayo, ukuba nguhlohlesakhe nokuthoba ngemilenze imali karhulumente.
 
Sifuna abasebenzi bakarhulumente abanezakhono ezikumgangatho ophezulu nabaziphatha ngendlela esulungekileyo nenesimilo - nabazinikele ngokugqibeleleyo ekusebenzeleni urhulumente.
 
Amanyathelo angqingqwa esiwathathileyo ukulwa ingxaki yokubanjwa kombuso ngobhongwane ngamashishini abucala norhwaphilizo, aquka namanyathelo okuqasha izikhulu ezifanelekileyo kwiGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA), iCandelo eliKhethekileyo lokuPhanda (i-SIU), iZiko lezeRhafu loMzantsi Afrika (i-SARS) kunye ne-Arhente yoKhuseleko lweLizwe, aza neziphumo ezincumisayo.
 
Noko kunjalo kusekude engqinibeni.
 
Sicele uMlawuli kaZwelonke weGunyabantu lezoTshutshiso (i-NDPP) ukuba aqulunqe isicwangciso esineenkcukacha ngokuqashwa kwabantu nokwenza i-NPA ibe nolwamvila, kuquka nokuqinisekisa ukuba icandelo loonothimba liyasifaka isabhokhwe.
 
Kufuneka siqinisekise ukuba imali karhulumente ebiweyo iyabuyiswa ize isetyenziselwe iinkonzo kunye neziseko ezingundoqo ezifuneka ngamandla kwiindawo zabantu abangathathi ntweni.
 
Silindele ukuba iNkundla eYodwa ye-SIU esanda kuvulwa iza kuqala ukusebenza kwezi nyanga zimbalwa zizayo ukuze amabango oluntu avele kuphando olwenziwa yi-SIU akhawuleze aqukunjelwe, ekungoku nje aqikelelwe ukuba axabisa malunga neebhiliyoni ezili-14,7 zeerandi.
 
UMzantsi Afrika uza kuqhubeleka ukudlala indima emandla kwimiba yezobudlelwane bamazwe ehlabathi ngeenjongo zokulwela uxolo nokhuseleko kwihlabathi, uphuhliso olukhokelwa ngabantu namathamsanqa kuye wonke umntu.
 
Sizimisele nangakumbi ukusebenzisana namazwe ehlabathi ukuze kugcinwe futhi kukhuselwe le mibutho yokusebenzisana kwamazwe omhlaba ahlukeneyo ikhokelwa ngumbutho weZizwe eziManyeneyo (i-UN).
 
Siza kusebenzisa esi sikhundla sethu sokuba lilungu leBhunga lezoKhuseleko le-UN (i-UNSC) sikhuthaze ukuba iingxwaba-ngxwaba neembambano zisonjululwe ngoxolo, ingakumbi ezo zikweli lizwekazi lethu.
 
Bantu bakuthi,
 
Ukuba siza kufikelela kulo Mzantsi Afrika siwunqwenelayo, kufuneka sibe nesivumelwano sokusebenzisana.
 
Kufuneka kubekho intsebenziswano phakathi kukarhulumente, abezoshishino, abasebenzi, uluntu kunye nemibutho yoluntu.
 
Oku kubeka lo mthwalo emagxeni ethu sonke.
 
Urhulumente makadale iimeko eziza kukhuthaza oku, asebenzise iziseko nezixhobo zikarhulumente ngobulumko aze atyale imali neziseko kumaphulo okuphuhlisa izakhono zabantu beli lizwe.
 
Sifuna amashishini azithathele ingqalelo iinjongo ezibalulekileyo zesizwe kunye nezinto eziza kuba lulutho kuluntu xa ethatha izigqibo namanyathelo.
 
Siyavuma ukuba imibutho yabasebenzi kufuneka ilwele amalungelo abasebenzi kodwa kufuneka ikwenze oku ikwazi nokubaluleka kozinzo kumashishini nokudalwa kwemisebenzi.
 
Imibutho yoluntu kufuneka iqhubeleke idlala indima emandla ekunyanzeliseni urhulumente ukuba aphendule ngemisebenzi yakhe kodwa nayo kufuneka ibhinqe omfutshane incedise kwimisebenzi esiyenzayo ukufezekisa ezi njongo sizifuna sonke.
 
Sijonge kumaqela alapha kule Palamente ukuba nawo adlale indima emandla kule ntsebenziswano, anike inkxaso, iingcebiso kunye nezisombululo ezibambekayo nakumaphulo aza kunceda kwizinto ezilulutho kwisizwe.
 
Esi sivumelwano sentsebenziswano sifuna ukuba wonke umntu aphose igade.
 
Siza kufuna ukuba abantu beli lizwe benze u-ina-ethe, zibe khona izinto abakhetha ukuzincama.
 
Ikamva lethu sonke lixhomekeke kwindlela esiziphethe ngayo.
 
Ukuba sifuna i-NDP ibe yimpumelelo kufuneka singajongi nje apha phambi kweenyawo zethu, amehlo masiwaphose kude phaya.
 
Sifuna uMzantsi Afrika apho wonke umntu ahlala kamnandi futhi engesosisulu sentsokolo.
 
Sifuna uMzantsi Afrika apho sonke siza kwenza konke okusemandleni ethu njengoko sithe ngcembe kwindlela eya empumelelweni.
 
Sinombono woMzantsi Afrika owukhokelisa phambili umba wokwakhiwa kweziporo zoololiwe, owenza oololiwe bale mihla abanesantya esiphezulu abaphuma bengena kwizixeko ezikhulukazi zeli, nditsho nezo zikwiindawo ezisemalandalahla zeli.
 
Kufuneka sibe nombono welizwe apho oololiwe bale mihla ababaleka okweentolo benza utshe begqitha eRhawutini besuka apha phofu belisingise eMusina, baze beme eBuffalo City bephuma eThekwini bebuyela apha eKapa.
 
Sifuna uMzantsi Afrika onoqoqosho olusebenzisa ubuxhakaxhaka bezinga eliphezulu apho ezempilo zisebenzisa i-intanethi, i-robotics kunye nezonyango ezisebenzisa ubuchwepheshe bale mihla njengoko siza kube siqalisa ukusebenzisa i-NHI.

Ingaba sinqwenela uMzantsi Afrika onjani?

Sinqwenela uMzantsi Afrika ongazithathi nje iimveliso zawo ezingasetyenziswanga uzithumele kumazwe angaphandle koko oliziko lale mihla lokuvelisa nelemizi-mveliso evelisa ubuxhaka-xhaka be-intanethi neekhompyutha kunye neentsimbi zeemoto.  
 
Kufuneka sibe sisizwe esikwaziyo ukuzondla, esithatha sisebenzise ubuxhakaxhaka bezinga eliphezulu kulimo lwale mihla.
 
Ndinephupha loMzantsi Afrika apho isixeko esitsha tsha esakhiwe emva kokuba eli lizwe lifumene inkululeko, esinezakhiwo ezingokrwec'izulu, izikolo, iidyunivesiti, izibhedlele neefektri.
 
Eli phupha ndinalo livunjululwe lathunukwa yincoko ebendinayo nabantu abane ababaluke kakhulu abangaba: uGq Nkosazana Dlamini Zuma, uGq Naledi Pandor, uNksz Jessie Duarte kunye noMongameli Xi Jinping waseChina, abathe bakundibalisele ukuba ilizwe laseChina lona lakha isixeko esitsha esikumgama ozikhilomita ezili-100 ukusuka eBeijing bandenza ndatsho ndaqonda ukuba eli ayilophupha nje koko ngumbono onokuzalisekiswa.
 
Eli liphupha thina sonke esinokulifunqula, sithathe inxaxheba kumaphulo okulizalisekisa.
 
Asikakhi sixeko sitsha kule minyaka ingama-25 esi sizwe sikhululekile.
 
Ama-75% abantu boMzantsi Afrika azakube ehlala ezidolophini ngonyaka wama-2030.
 
Isixeko saseRhawutini, eTshwane, eKapa nesaseThekewini ziphelelwa ngumhlaba eziza kuhlalisa kuwo abantu abagxalathelanayo besiya ezidolophini.
 
Ingaba ngoku akufikanga xesha lokuba siginye ilitye, sidel'ukufa senze into onokuthi xa uyijonga uthi ingaphezulu kwamandla wethu?
 
Ingaba alifakanga na ixesha lokuba sakhe isixeko sala maxesha esisebenzisa ubuxhaka-xhaka beli xesha futhi lixhomekeke kuBuchwepheshe Bale Mihla.
 
Ndifuna bonke abemi boMzantsi Afrika bakhe bathi nqumama, bahlafune baze betyise lo mbono.
 
Sisisizwe soMzantsi Afrika esisebenzisa uMgaqo-siseko waso sinike ithemba abo bebesele bencamile, amalungelo kwabo bazintswela namajacu, ukhuseleko nolonwabo kumadoda, oomama nabantwana.
 
Nangona zikhona iindawo esithe sagqwidiza kuzo, asizilibalanga ukuba singoobani, nokuba simele ntoni na.
 
Sise sesaa sizwe.
 
Omnye umntu angabuza ukuba ndihlala njani na ndinethemba kwiimeko ezimaxongo ezinje.
 
Into endivuselele ithemba kukuhla ndinyuka nabantu beli lizwe - oomongikazi noonompilo, amajoni namapolisa, ootitishala ezikolweni zethu, abafundi abathi nakuba baphuma kumakhaya ahlwempuzekileyo kodwa abanamaphupha empumelelo, nabantu abatsha abatabalazayo bezama ukuziqalale awabo amashishini, bayile beqamba izinto ezintsha bezama ukuzonyula kwiinzima abakhula nabaphila phantsi kwazo.
 
Nini abandinika ithemba nomdla wokungcambaza ndiye phambili, nam ndithi kuni nani ngcambazani.

Banamaphupha obomi obungcono kub bonke abemi boMzantsi Afrika.

Xa sisebenzisana sibambisene sakunqandwa zinkwenkwezi, futhi akutho qhina singenakuqabela kulo kwaye asinakungawafezekisi amaphupha ethu.

Akukho ntsunguzi singenakuphumela kuyo.

Icekwa ngoku likumagorha namagorhakazi eli, akwazi ukubhinqa omfutshane aqhube umsebenzi. Amagorha namagorhakazi akwaziyo ukukhomba indlela esalatha into emwayenziwe, futhi yenziwe igqitywe gqibi.

Aba ngaba bangumzekelo nezibane esijonga kuzo thina bantu boMzantsi Afrika. Ngamaxhadi axhase abo baxheshayo begxagxamisela phambili bebona uMzantsi Afrika oxhomileyo ngempumelelo.

Ina, hi vona vanhu lava, lava hlohlotelaka vanhu va Afrika-Dzonga. I vanhu lava va hlayisaka volavo va kotaka ku languta emahlweni na ku vona Afrika-Dzonga leri humeleleke.

Ndi vhenevho vhane vha ri Afrika Tshipembe heḽi ḽashu vha ṱoḓa ḽi tshi ya phanḓa, ḽi vhe na mvelaphanḓa ine ya ḓo vhonwa nga vhathu vhoṱhe.

Lo nguMzantsi Afrika ekufuneka usivuselele.

Xa sisebenzisana sibambisene sakunqandwa zinkwenkwezi, futhi akukho qhina singenakuqabela kulo kwaye asinakungawazalisekisi amaphupha ethu.
 
Xa singena kweli xesha litsha, lokwenza izinto ngendlela eyahlukileyo, masikhe singcamle amazwi engqanga, uBen Okri, xa athi:
 
Will you be at the harvest,
Among the gatherers of new fruits?
Then you must begin today to remake
Your mental and spiritual world,
And join the warriors and celebrants
Of freedom, realizers of great dreams.
You can’t remake the world
Without remaking yourself.
Each new era begins within.
It is an inward event,
With unsuspected possibilities
For inner liberation.
We could use it to turn on
Our inward lights.
We could use it to use even the dark
And negative things positively.
We could use the new era
To clean our eyes,
To see the world differently,
To see ourselves more clearly.
Only free people can make a free world.
Infect the world with your light.
Help fulfil the golden prophecies.
Press forward the human genius.
Our future is greater than our past.

Bantu bakuthi,

Kumaxa anzima afana nale kufuneka sikhulelwe ngumbono nephupha loMzantsi Afrika esiwunqwenelayo.
 
Kumaxa anje kufuneka amehlo ethu siwaphose phambili ngaphaya kwezi ngxaki sijamelene nazo sibone uMzantsi Afrika onoqoqosho oluhluma kuhle apho umlisela nomthinjana weli usemisebenzini, uMzantsi Afrika ongenamikhingqi ozimiseleyo oqhathulela phambili.
 
Lo nguMzantsi Afrika abantu beli abanephupha lawo. Lo nguMzantsi Afrika abathi bafuna ukubona wona bonke abemi boMzantsi Afirka.
 
Masiqhubeleke sakhe lo Mzantsi Afrika.
 
Ndibamba ngazibini.
 
Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore