INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-10 kweyeKhala wowama- 2019

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso ngoLwesithathu, umhla we-10 kweyeKhala ngowama-2019 eTuynhuys, eKapa.

A. Imiba engundaba-mlonyeni

1. Iziphumo zeNgqungquthela yaMazwe angama-20 (i-G20)

1.1. IKhabhinethi iyazamkela iziphumo zeNgqungquthela ye-G20 ebibanjelwe e-Osaka, eJapan ukususela ngomhla wama-28 ukuya kowama-29 kweyeSilimela 2019. UMongameli ubambe iintlanganiso ezininzi ngethuba kuqhutywa le ngqungquthela ngeenjongo zokuqinisa ubudlelwane namazwe amaninzi.

1.2. Ubambe intlanganiso noSihlalo weMbumba ye-Afrika (i-AU) uMongameli Abdel Fattah el-Sisi wase-Egypt bekunye noSihlalo woMbutho oMtsha woPhuhliso lwe-Afrika (i-Nepad), uMongameli Macky Sall waseSenegal, waze emva koko wabamba enye intlanganiso neRussia, enye neChina, enye neJapan, enye neSaudi Arabia, yaze enye wayibamba noMongameli weBhanki yeHlabati, uMnu David Malpass.

1.3. UMongameli Ramaphosa uqukumbele olu hambo lwakhe lwase-Osaka ngokuthi abambe intlanganiso nabezoshishini ngethuba lendibano yezikhulu eziphezulu zecandelo lezoshishino zeli nezaseJapan, i-Japan-South Africa CEO Business Roundtable, ngenjongo zokuthengisa uMzantsi Afrika njengelizwe elinamathuba amahle otyalo-mali.

1.4. Inkokeli zehlabathi ebezikule ngqungquthela zizibophelele ukuba ziza kufaka isandla kumaphulo okuqalisa iNkqubo yowama-203) yoPhuhliso oluZinzileyo kunye nesicwangciso sokusebenza sase-Addis Ababa, i-Addis Ababa Action Agenda.

2. Utyelelo lwaseburhulumenteni oluya eLesotho

2.1. Utyelelo lwaseburhulumenteni lwakutsha nje lukaMongameli Ramaphosa eKingdom of Lesotho belineenjongo zokwakha ubudlelwano obungqingqwa nobushushu phakathi kwala mazwe ethu mabini. Ebeye kweliya lizwe nanjengonozakuzaku woMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC) eLesotho.

2.2. Ngethuba ekweliya lizwe, uMongameli uye wanikwa nengxelo ngendlela eqhuba ngayo inkqubo namalinge okuzisa utshintsho eKingdom of Lesotho. Iinkcukacha nokunye akufumanisileyo uMongameli kuza kuba yinxalenye yengxelo aza kuyinika iiNtloko zemiBuso nooRhulumente be-SADC eziza kuba nentlanganiso e-United Republic of Tanzania ngeyeThupha kowama-2019.

2.3. IKhabhinethi iyakwamkela ukutyikitywa kwesivumelwano ngamaqela ezopolitiko aseLesotho sokusekwa kwequmrhu lesizwe lokuzisa iinguqu, i-National Legislative Reform Authority. Esi sivumelwano sigxininisa ukuba eli qumrhu kufuneka lisekwe ngokwemigaqo yoMthetho wePalamente nokuba eli qumrhu kufuneka likhokele ilizwe xa lisenza utshintsho kumgaqo-siseko, ulawulo, ukhuseleko nakumajelo eendaba.

2.4. IKhabhinethi ibongoza onke amaqela ukuba awuxhase umbono wokuba iPalamente ivulwe into leyo eza kuqinisekisa ukuba esi sivumelwano siyamkelwa.

3. Ukonakaliswa kwempahla karhulumente

3.1. IKhabhinethi iyakugxibha ukutshishwakwesikolo samabanga aphantsi eKatlehong, eGauteng ngabantu abebeqhankqalaza kwezi ntsuku zimbalwa zidlulileyo. Akukho sikhalazo sinokusetyenziswa njengesizathu sokutshiswa nokonokaliswa kwamaziko karhulumente afana nezikolo, ezingamaziko okuxhobisa abantwana bethu ngezakhono eziza kufuneka ngomso.

3.2. Kule minyaka ingama-25 idlulileyo, urhulumente ugalele iibhiliyoni ngeebhiliyoni zeerandi kumaphulo okwakha izikolo ezitsha nokuphucula ezi zikhoyo. Kulo nyaka, urhulumente ubekele bucala imali emalunga neebhiliyoni zeerandi ezingama-30 ezakusetyenziselwa ukwakha izikolo ezitsha nokulungisa ezi zikhoyo zibe kwimo efanelekileyo.

3.3. IKhabhinethi icela abantu bakuthi ukuba baziphathe ngenkathalo iziseko zophuhliso eziluncedo kubo. Icela abantu ukuba basebenzisane namapolisa ukuqinisekisa ukuba abantu abonakalisa izinto zikarhulumente bayabanjwa.

4. INgxelo yoMphicothi-ziNcwadi-Jikelele waseMzantsi Afrika (i-AGSA)

4.1. IKhabhinethi ayonwabanga ziziphumo zabaphicothi zincwadi zoomasipala ezikhutshwe ngu-AGSA kwezi ntsuku zimbalwa zidlulileyo. Ulawulo olugwenxa olubonakele kwiziphumo zophicotho zincwadi zoomasipala abaninzi alwamkelekanga konke konke, ingakumbi kwindlela abayisebenzisa ngayo imali karhulumente oomasipala abaninzi. Oku kuthetha ukuba iinkqubo zokuhanjiswa kweenkonzo aziqhutywa ngeendlela efanelekileyo.

4.2. UMthetho-sihlomelo woPhicotho-zincwadi zikaRhulumente, wowama-2018 (uMthetho 5 wowama-2018), unika i-AGSA igunya lokunyanzelisa abo balawula imali gwenxa ukuba baphendule ngezenzo zabo nelokulwa ukusetyenziswa kakubi nangokungakhathali kwezinto zombuso, ingakumbi koomasipala ekusele kulithuba ngoku kungabonakali bungcono kwiziphumo zophicotho-zincwadi zabo. 

4.3. Ukongeza, iKhabhinethi, isebenzisana noMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano nezeMicimbi yeMveli, uGq Nkosazana Dlamini Zuma kunye noNondyebo weSizwe, iyasivuma isicwangciso sokufezekisa inkqubo yokuBuyela kuNdalashe eyiyo ekhokela amaphulo okuphuhliswa kwezakhono koomasipala. Esi sicwangciso, phakathi kwezinye izinto, sineenjongo zokuphuhlisa izakhono zabasebenzi ngokubaqeqesha nokubafundisa izakhono ezitsha, nokunyanzelisa ukuthotyelwa kwemigaqo nemithetho ngabaphathi boomasipala namagosa azizikhulu.

4.4. Esebenzisana neenkokeli zamaphondo, uMphathiswa uDlamini Zuma uza kuqhubeleka enikeza ngoncedo olufunekayo koomasipala.

5. IXesha lobuChwepheshe Bale Mihla (i-4IR)

5.1. IKhabhinethi ichulumancile kukuba uMzantsi Afrika ubambe ngempumelelo iNgqungquthela yokuqala yoQoqosho lwe-Intanethi, eRhawutini ngomhla wesi-5 kweyeKhala 2019. Le Ngqungquthela iyindibano ebaluleke kakhulu eza kuba negalelo ekuqinisekiseni ukuba isicwangciso se-4IR sesizwe siyasebenza. UMongameli Ramaphosa, umqikeleli (usiyazi) uGeorge Friedman, icandelo lezabasebenzi, izifundiswa  kunye nemibutho yoluntu bonke bebeyizimasile le ngqungquthela, ethe yavusa umdla yenza i-4IR yangundaba-mlonyeni, yaqondwa yabangela nokuba kubhalwe izicwangciso zokusebenza eziza kwenza uMzantsi Afrika ube lilizwe elikwaziyo ukukhuphisana namazwe ehlabathi kweze-4IR.

5.2. IKhabhinethi iyazamkela izicwangciso zika-Google zokugrumbela zifake phantsi kwamanzi umbhobho oza kuhamba iintambo ze-intanethi, usuka ePortugal uze eMzantsi Afrika ngolo hlobo ukhulise umthamo weziseko zobuchwepheshe be-intanethi ngokuphindwe kangangama-20, ukuzekuqinisekiswe ukuba i-intanethi isebenza ngesantya esiphezulu. Lo mbhobho kulindeleke ukuba ugqitywe ngowama-2021. Amanyathelo afana nala aza kuba negalelo kumaphulo okwenza uMzantsi Afrika ube lilizwe elifanelekileyo kubatyali-mali balapha ekhaya nabamazwe angaphandle 

6. Ezamandla

6.1. IKhabhinethi iyasamkela isibhengezo esenziweyo sokuba iCandelo 2 leZiko lokuPhehlo-mbane laseMedupi elikufutshane neLephalale eLimpopo sele lifikile kwinqanaba lokuphehla umbane onokuthengiswa kwaye sele lidityanisiwe neziko lesizwe lombane.

6.2. Oku kuza kugalela umbane ozimegawathi ezingama-796 kumthombo wombane wesizwe. IBhanki yoMhlaba ivakalise ukwaneliseka nokuwathemba amalinge enziwa ngurhulumente okuxhasa u-Eskom.

6.3. Nangona siqhubekayo ngokumxhasa nokumnceda u-Eskom, iKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baqhubeleke besebenzisa umbane ngobunono ingakumbi phakathi kwentsimbi yesi-17:00 neyama-21:00, xa abantu abaninzi emakhaya kweli lizwe besebenzisa kakhulu umbane.

7. Ulwaphulo-mthetho

7.1. IKhabhinethi ivakalise umothuko nodano zindaba zokubulawa kwabantu abali-13 ePhillippi, eKapa kule mpelaveki. Sithi tutwini kwiintsapho nezihlobo zaba babuleweyo, abaquka abantu basetyhini abathandathu abaneminyaka yobudala ephakathi kweli-18 nengama-26.

7.2. IKhabhinethi ixelelwe ukuba kukho amanyathelo athathwayo ukuqinisekisa ukuba iyaphucululwa imeko yokhuselo nokhuseleko kulaa ndawo, kwaye icela abo banolwazi olunokukhokelela ekubanjweni kwabenzi bobubi ukuba baye kwisikhululo samapolisa esikufutshane nabo.

8. Ukuqhambuka kwesifo seehagu

8.1. IKhabhinethi iliqhwabela izandla iSebe lezoLimo, ukuBuyiswa koMhlaba noPhuhliso lwamaPhandle ngokuthatha amanyathelo akhawulezileyo okulwa ukuqhambuka kwesifo seehagu (i-swine fever) eMntla Ntshona, Gauteng naseMpumalanga. Amanyathelo okungenelela athathiweyo ancede enza esi sifo asanwenwa. Nangona isifo seehagu sase-Afrika singabachaphazeli abantu, nayiphina inyama okanye imveliso yenyama esuka kwiihagu ezinesi sifo ingazosulela ezinye iihagu. 

8.2. IKhabhinethi ibongoza amafama akwimimandla enesi sifo ukuba ahlale evule amehlo aze axelele abasemagunyeni xa ebona iimpawu zesi sifo ezihagwini zawo.

9. Ukhuseleko kumaziko ezempilo.

9.1. IKhabhinethi ikugxininisile ukubaluleka kokhuseleko lwabasebenzi bezempilo nezigulane. Oku kulandela iziganeko ezisanda kwenzeke kutsha nje zokuhlaselwa kwabasebenzi bee-ambulensi xa besiya kunika uncedo olungxamisekileyo. Ukususela ngenyanga yoMqungu 2010 kukho iziganeko ezili-10 zokuhlaselwa kwaba basebenzi ezixelwe kwabasemagunyeni, esona sisanda kwenzeka senzeke eCosmo City, Extension 2 eRhawutini. IKhabhinethi icela ii-arhente zogcino-mthetho ezisebenzisana namaziko karhulumente ezempilo ukuba ziba ngathi ziyaluqinisa ukhuselo nokhuseleko kula maziko kwakunye nakwinqwelo ezithutha izigulana. 

9.2. IKhabhinethi ibongoza oonompilo ukuba nabo baziphathe kakuhle futhi bathobele imigaqo elawula umsebenzi wabo xa benika izigulana unyango.

10. Uhola wendlela waseRhawutini ohlawulelwa nge-intanethi (i-e-tolling)

10.1. UMongameli Ramaphosa ugunyazise uMphathiswa wezoThutho uFikile Mbalula, uMphathiswa wezeziMali uTito Mboweni kunye neNkulumbuso yaseGauteng uDavid Makhura ukuba bafune isisombululo kule ngxaki yoohola bendlela baseGauteng abahlawulelwayo.

10.2. Iindibano zikarhulumente zokubonisana eziza kubanjwa kwezi veki zizayo kulindeleke ukuba zize neziphumo ezibambekayo neziza kuba luncedo, eziza kuthi zingeniswe kwiKhabhinethi ekupheleni kwenyanga yeThuba ngowama-2019.

10.3. Urhulumente wonke kufuneka athethe ngazwi-nye kwimiba efana ne-e-tolling ukwenzela ukuba abemi boMzantsi Afrika bamthembe urhulumente kunye nendlela asebenza ngayo.

11. Iintetho zevoti yoHlahlo Lwabiwo-mali

11.1. Ngenyanga yeThuba yowama-2019, amasebe aza kuthi thaca iintetho zevoti yohlahlo lwabiwo-mali, eziza kunika iinkcukacha ezicacileyo nezibambekayo ngezicwangciso zezimali ezisabela kwizithembiso ezenziwe nguMongameli Ramaphosa ngethuba esenza iNtetho engoBume beSizwe (i-SoNA) yokuqala kulo mbuso ulawulwa ngentando yesininzi wonyulwe kulo nyaka.

11.2. Iintetho zevoti yohlahlo lwabiwo-mali zinika iingcaciso ebanzi negcweleyo ngezicwangciso zalo nyaka singena kuwo zamasebe ahlukeneyo, ezithetha kanye nesiCwangciso-sikhokelo esiQiqisisiweyo sesiGaba esiPhakathi (i sowama-2019-2024 (i-2019-2024 MTSF).

11.3. IKhabhinethi iyabakhuthaza abemi beli ukuba bazihlalutye futhi bazifunde ezi ntetho zevoti yohlahlo lwabiwo-mali futhi bawabuze imibuzo amasebe ngemisebenzi yawo. Iintetho zevoti yohlahlo lwabiwo-mali ziqinisekisa ukuba imali karhulumente isetyenziswa kanye kwezi zinto urhulumente azikhokelisa phambili nazithatha njengezibalulekileyo kusenzelwa bonke abemi boMzantsi Afrika.

B. Izigqibo zeKhabhinethi

1. IKhabhinethi ivumile ukuba kungeniswe kwiZizwe eziManyeneyo (i-UN) iNgxelo yoPhononongo yeSizwe Efakwa ngokuziThandela. UMzantsi Afrika uyinxalenye yamazwe angama-193 angamalungu e-UN amkela ngokusesikweni iiNjongo zoPhuhliso oluZinzileyo (ii-SDG). Ngowama-2017, uMzantsi Afrika waba lelinye lamazwe angama-51 avumayo ngokuzithandela ukungenisa ingxelo yenkqubo kwi-UN.

2. IsiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP) soMzantsi Afrika, i-Ajenda yowama-20163 ye-AU kunye nee-SDG ze-UN zonke zigxininisa kuphuhliso eMzantsi Afrika nakwilizwekazi le-Afrika.

3. Ingxelo ngenkqubo yabhalwa emva kokuba kubekho ukufakana imilomo namahlakani amaninzi aquka imibutho yoluntu, icandelo labucala kunye nezifundiswa. Le ngxelo icacise nemiba eseyimingeni. Emva kokuba ingenisiwe, iza kufumaneka kwiwebhusayithi ye-UN ethi: https://www.un.org/en/

C. ImiThetho esaYilwayo

1. IKhabhinethi iwuvumile uMthetho oYilwayo we-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe (i-NHI) ukuba uthiwe thaca ePalamente. Ngowama-2018, iKhabhinethi yavuma ukuba lo Mthetho uYilwayo upapashwe isithuba esizinyanga ezintathu, ukusuka ngenyanga yeSilimela ukuya kweyoMsintsi 2018, ukuze uluntu luhlomle kuwo. Izimvo ezithunyelwe luluntu zifakiwe kule drafti ikhoyo yawo, nayo phofu eza kuphinda ihambe onke amanqanaba epalamente okuyicokisa nokuyibangula iziphene..

2. Lo Mthetho uYilwayo uzalisekisa i-NDP yona egxininisa ukuba bonke abemi boMzantsi Afrika kufuneka bafumane iinkonzo zezempilo ezisemgangathweni, kungajongwanga kufuma kwapokotho nandawo ahlala kuyo umntu. Lo Mthetho uYilwayo usekelwe kubulungisa, imigaqo yokungacaluli, uvelwano nentsebenziswano phakathi kwabantu. Lo Mthetho uYilwayo uza kulungisa iingxaki ezikhoyo kule nkqubo yezempilo inikezelwa ngamaziko nezibhedlela zabucala ixhanyulwa ngabemi boMzantsi Afrika abali-16% kuphela, ibe ilushiya ngaphandle uninzi lwabantu beli.

3. Lo Mthetho uYilwayo we-NHI unika nethuba lokuba kumiselwe iNgxowa-mali ye-NHI (i-NHI Fund) njengequmrhu likarhulumente eliphantsi koMphathiswa wezeMpilo. Le Ngxowa-mali iza kusekwa njengequmrhu likarhulumente elizimeleyo elingushedyuli 3A phantsi komthetho wokulawulwa kwemali karhulumente, i-Public Finance Management Act, wowe-1999 (uMthetho 1 we-1999).

4. Wakuba lo Mthetho uYilwayo uphunyeziwe, esi sicwangciso sikhoyo singekaqukunjelwa sokuqalisa i-NHI naso siza kwenziwa izilungiso ezifanelekileyo size sivulele ukuba kwenziwe amalungiselelo ethutyana okuqalisa i-NHI ngezigaba. Xa kuqaliswa i-NHI eminye imithetho iza kurhoxiswa ipheliswe ukulungiselela ukuba kubekho ukuhambelena nokulungelelana.

5. UMphathiswa wezeMpilo, uGq Zweli Mkhize, uza kubamba enye intlanganiso namajelo eendaba apho eza kunika iinkcukacha nengcaciso egcweleyo ngalo Mthetho uYilwayo.

D. Imisitho ezayo

1. NgoLwesibini, umhla wama-23 kweyeKhala 2019 uMongameli Ramaphosa uza kukhokela igqiza likarhulumente eliza kube likwiNkomfa entsuku-mbini ethi "Iminyana Engama-25 yeNkululeko - Le Minyaka Ingama-25 Izayo" eza kubanjelwa kwiDyunivesiti yaseRhawutini (i-UJ). UMongameli uza kwenza intetho yokuvula le nkomfa, ibanjwe ngentsebenziswano phakathi kweMapungubwe Institute for Strategic Reflection, i-UJ kunye ne-Ofisi kaMongameli.

2. Le nkomfa iza kuhlalutya le minyaka idlulileyo ingama-25 yenkululeko ize inike neengcebiso nezimvo ngezinto eziza kwenzeka ezinxulumene nophuhliso loMzantsi Afrika kule minyaka ingama-25 izayo. Iza kuzinyaswa zizifundiswa ezifunde zayityekeza, iinkokeli zikarhulumente kunye nabo baza kube bemele amahlakani ethu esisebenzisana nawo - amashishini, imibutho yabasebenzi, uluntu, ulutsha kunye nabafundi.

E. Imiyalezo

1. Amazwi ovelwano

IKhabhinethi malilale ngenxeba usapho nabahlobo:

1.1. bakamakhwekhwetha wemisebenzi yobugcisa nowayewongwe ngeembasa ezininzi uMnu David Koloane. Lo mzobi uhlonitshwa jikelele wayengomnye wamalungu aseka i-Bag Factory (ngaphambili eyasaziwa njenge-Fordsburg Artists' Studios) eyanceda ukuba amagcisa antsundu namhlophe akwazi ukusebenza kunye ngokuphathelelene nomsebenzi wawo, nangona imithetho yombusuo wocalululo yayikukhaba nje oku.

1.2. bakaMama Vivian Magdalene Sarah Daniels. Ebeligqala futhi engumntu ongumzekelo owanikela ngako konke kwidabi lokulwa ucalucalulo. Iziphumo zokuzinikela kwakhe ziyabonaka kwimisebenzi ayishiye kwiindawo awafaka isandla kuzo kummandla waseKapa.

1.3. balowo wayesakuba ngonozakuzaku, uGq Khorshed Ginwala, owayengomnye woonozakuzaku bokuqala boMzantsi Afrika okhulekileyo abangabantu basetyhini  futhi wayenguvulindlela kwidabi lokulwela inkululeko.

1.4. bakaMnu Mandla Maseko, ebekulindeleke ukuba abe ngumntu oMnyama ongumntwana womgquba wokuqala ukuya emajukujukwini. Ngowama-2014, uMnu Maseko waphuma phambili kukhuphiswano lwabantu abasisigidi waze wangomnye wabantu abangama-23 abathi baphumelela ithuba lokuba babe kwiqela eliza kuya emajukujukwini, uhambo olo belixhaswa ngemali yi-Axe Apollo Space Academy.

1.5. begqala lomdlali weqonga nemiboniso bhanya-bhanya uMama uNomhle Nkonyeni, olandulele eli Phakade eneminyaka engama-77. UMongameli Ramaphosa usanda kumwonga ngembasa yesizwe i-Order of Ikhamanga ngenxa yegalelo nemisebenzi yakhe njengegcisa. I-Aggrey Road eNew Brighton eMpuma Koloni, apho wayekhulela khona, yatshintshwa igama yathiywa ngaye. Wayengumlinganiswa kwimidlalo efana no-Mzansi, Tsha Tsha, Igazi kunye nomdlalo oneziqendu ezimbalwa wowama-2007 othi: Society  

1.6. bakaMama uSusan Manana Matona – umama kaNobhala weKomishini yesiZwe yezoCwangciso (i-NPC), uMnu Tseliso Matona, osweleke eneminyaka engama-90.

1.7. Zalowo wayesaya kudlala ephikweni kuMabhokobhoko (i-Springboks) uJames Small, osutywe kukufa eneminyaka engama-50. Wayengomnye wabadlali kwiqela lamaBhokobhoko elaphumelela iNdebe yeHlabathi yeBhola yoMbhoxo yowe-1995 eyayibanjelwe kweli.

1.8. bakaMama uBetty Philile Khumalo-Zulu, ongumamazala kaSekela-Mphathiswa woPhuhliso loluNtu, Nksz Hendrietta Bogopane-Zulu.

1.9. bamaxhoba ezichotho nezantyala-ntyala zemvula e-India, kuquka noRhulumente wase-India. IKhabhinethi inqwenelela bonke abonzakeleyo ukuchacha ngokukhawuleza.

2. Amazwi okuvuyisana

IKhabhinethi nayo njengabemi boMzantsi Afrika ithi huntshu:

2.1. kwimbaleki eyintshatsheli yenene uCaster Semenya ngokuphumelela umbaleko womgama ongama-800m ePrefontaine Classic, eCalifornia, e-USA. USemenya, obeyintshatsheli kwimidlalo yee-Olimpikhi izihlandlo ezibini, useyintshatsheli engabethwa mbaleki kumgama ongama-800m ukususela ngeyoMsintsi ngowama-2015.

2.2. kwiBafana Bafana ngokugqithela kwimidlalo yamaqela asibhozo okugqibela kwiMidlalo yeNdebe yamaZwe ase-Afrika (i-Afcon) ebanjelwe e-Egypt kwaye sibanqwenelela impumelelo kumdlalo wabo neNigeria.

2.3. ku-Amy Claire King, oyintshatsheli ye-World Masters Singles kwimidlalo ekudidi oluphezulu i-World 8 Ball Pool Championships ebanjelwe eBlackpool e-United Kingdom.

2.4. kumdlali ophambili wentenetya uKgothatso Montjane, ongumntu ontsundu woMzantsi Afrika oza kuqala ukudlala eWimbledon. Ubethe uKatharina Kruger waseGermany kwimidlalo ephambi kweyandulela ephambi kweyamagqibela kankqoyi kumdlalo wabasetyhini abahamba ngesitulo esinamavili bedlala umntu eyedwa ngexesha (i-singles). UMontjane ukwindawo yesibhozo kuluhlu lwehlabathi lwabadlali bentenetya.

2.5. kuKevin Anderson ngokufikelela kumjikelo wesithathu kwimidlalo yamadoda adlala ngoononye kunye noRaven Klaasen ngokufikelela kwimidlalo eyandulela owamagqibela kankqoyi wamadoda adlala ezizibi.

2.6. kwiqela lwabantwana boMzantsi Afrika abangama-20 abenze into eyimbali kwezophapho ngokwakha ngokwabo inqwelo-moya ekhwela abantu abane. Aba bantwana bakhe le nqwelo-moya ngesithuba esiziveki ezimbini bephantsi kwesandla se-The Airplane Factory, i-U-Dream kunye nezikhulu ezihlanu ezivela kwa-Denel Aviation. Le nqwelo-moya ikhwela abantu abane ibizwa ngokuba si-Sling imise eNamibia, Malawi, Ethiopia, Zanzibar, Tanzania nase-Uganda ngethuba ikuhambo oluzikhilomitha ezingama-12 000 oluya e-Egypt, emva kokusuka eKapa kule nyanga iphelileyo.

F. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1. IBhodi yethutyana yabaLawuli yeQumrhu loPhuhliso lwamaShishini (i-PIC) eza kuqala ukusebenza ngomhla we-12 kweyeKhala 2019 ukuya kumhla wama-31 kweyeKhala 2020. Amagama amalungu ale Bhodi akhutshwe nguNondyebo weSizwe izolo.

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams – uMlawuli Jikelel oliBambela (GCIS)
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore