Ingxelo kaMongameli u-Cyril Ramaphosa emalunga nenkqubela phambili kwiinzame zesizwe zokunqanda ubhubhani we-COVID-19

Bantu bakuthi eMzantsi Afrika,

Sekumalunga nesithuba seminyaka emibini ndathi ndema phambi kwenu ndinazisa ukuba uMzantsi Afrika uzakungena kwimeko yokumiswa ngxi kweentshukumo kwilizwe ngokubanzi ngelokuthintela ukusasazeka kwentsholongwane ye-COVID-19.

Eli yayilinyathelo eliqatha nelingazange lakhe labonwa nangaphambili.

Nangona yayilinyathelo eliqatha, kodwa lakwazi ukuthomalalisa isantya sokusasazeka kwale ntsholongwane ukuze amaziko ethu ezempilo - kwakunye noluntu lwethu - abe nexesha lokulungiselela imisinga yosulelo eyayilindelekile.

Ukususela ngoko ke, kwaye kwafuneka ukuba sihlengahlengise indlela esijongana ngayo nolu bhubhane njengoko lwalusele luyintsholongwane elusulelo olugqugqisa ngamanani awayesehla esonyuka nto leyo eyayifaka unxinzelelo olunzima kumaziko empilo.

Sele kusisithuba esingangeminyaka emibini, ubomi bethu bubunjwe lolu bhubhane.

UMzantsi Afrika unamanani angaphezulu kwe-3.7 yezigidi zabantu abathi bosuleleka, kula manani phantse i-100 000 yaphulukana nobomi ngenxa ye-COVID-19.

Olu bhubhane luyiqubude yajonga phantsi indlela esisebenza ngayo, indlela yokutyelela nokuhamba, indlela yokunqula kwakunye nendlela yokuphilisana eluntwini.

Luthwaxe, lwaphazamisa iindlela ezininzi zokuziphilisa lwaze lonakalisa noqoqosho lwethu, nto leyo ekhokelele ekuvalweni kwamashishini amaninzi nokuphulukana nemisebenzi emalunga nezigidi ezibini.

Ukanti lukwabonisile ukuba abemi boMzantsi Afrika bangabantu abanenkathalo, nabanovelwano, abakwaziyo ukuqumana imiqolo ngeenxesha lobunzima.

Njengabemi boMzantsi Afrika, xa sasibongozwa ukuba sithobele imiqathango  yokuhamba, iindibano kwakunye nezinye iintshukumo ezahlukahlukeneyo saye sayithobela kuba siqonda ukuba oko sikwenzela impilo nobomi bethu kwakunye nokwenza okulungileyo elizweni lethu.  

Kule minyaka mibini igqithileyo, sithathe amanyathelo angazange akhe abonwe ngaphambili okuqinisa inkqubo ekumaziko ethu ezempilo.

Saqesha abantu abaninzi ukuze bajongane nobhubhane, sandisa izibhedlele  nelebhu ukuze zikwazi ukumumatha umthamo othe kratya kwakhona saqinisekisa ukuba izigulana ze-COVID-19 zikhathalelwa kakuhle kwizibhedlele zethu.

Noko ngoku siselunxwemeni siphumile enzonzibileni.

Ngoku sele sikulungele ukungena kwisigaba esitsha sokulawula lobhubhane.

Emva kwamatyeli amane osulelo, sele bembalwa abantu abagula kakhulu nekude kubekho imfuneko yokuba balaliswe esibhedlele. Kananjalo bambalwa kakhulu abaphulukana nemiphefumlo xa kuthelekiswa nexesha langaphambili.

Iinzulu-lwazi zethu zithi oku kungenxa yokuba abanye abantu abangama-60 ukuya kuma-80 ekhulwini imizimba yabo sele ikwazi ukumelana nale nentsholongwane nto leyo engabangelwa kukuba umzimba wawukhe wayifumana ngaphambili okanye umntu ugonyile.

Ngenxa yamava ale minyaka mibini igqithileyo, iinkonzo zethu zempilo sele  zikufundile ukulawula esi sifo ngokufanelekileyo.

Seside saqhela ukunxiba izigqubutheli-buso,kunye nokuhlamba izandla rhoqo.

Okona kubaluleke kakhulu, kukuba malunga neepesenti ezingama-48 zabo bonke abantu abadala sele befumene okungenani isitofu esinye sokugonya.

Ithi ke ngoko lentetho singena kunyaka wesithathu wesi sifo sinethemba ngakumbi kunangaphambili.

Ngelixa ubhubhane ungekapheli, kwaye nangona nje sisahlala sithe qwa, kodwa noko sibona iindawo ezininzi zobomi bethu bemihla ngemihla zibuyela kundalatshe.

Sibona uqoqosho lwethu lubuyela ekusebenzeni ngokupheleleyo.

Ukanti siyawuva nomthwalo woloyiko kunye nonxunguphalo lweminyaka emibini egqithileyo usuka emagxeni ethu.

Ngenxa yokutshintsha-tshintsha kwemeko yolu bhubhane, nangenxa yenkqubela phambili esele yenziwe zinzame zethu sisonke, kwakuba nje uluvo loluntu olumalunga nemigaqo yezempilo lupapashiwe nguMphathiswa wezempilo, siceba  ukuba sinciphise eminye imiqathango yesiMo seNtlekele yeSizwe.

Kwakuba le mimiselo iqukunjelwe, iza kuthatha indawo yoMthetho wesiMo seNtlekele njengesixhobo esisemthethweni esisisebenzisayo ukulawula ubhubhane.

Bonke abemi boMzantsi Afrika bayamenywa ukuba ngaphambi komhla we-16 kweka Tshazimpunzi, bathumele izimvo zabo ezimalunga nokuyilwa kwale mimiselo.

Into ekufuneka icace okwekati emhlophe ehlungwini kukuba ukuphela kwemeko yentlekele esizweni akuthethi ukuba kuphele lo bhubhane.

Ithi lento sitshintsha nje indlela esilawula ngayo ubhubhane, nangona sisezakuqhubeka sithembele kwimithetho yezempilo yona ke engaphezu kwemithetho yolawulo lwentlekele.

Ithetha ukuba sifunda ukuphila nentsholongwane njengento ekhona phakathi kwethu.

Ithetha ukuba sithe chu ngcembe sibuyela kubomi esasibuphila ngaphambi kokuba lobhubhane agqugqise elizweni jikelele.

Oku kuthetha ukuba sivula uqoqosho lwethu nangakumbi, kwaye siqalisa kwakhona imisebenzi yezentlalo nenkcubeko ebesele siyiphosile kule minyaka mibini igqithileyo.

Ukususela ngenyanga yeDwarha kulo nyaka uphelileyo, ilizwe belikwiNqanaba lokuQala leSilumkiso esiLungisiweyo, oko kwakuthetha ukuba imisebenzi emininzi eqhelekileyo yaphinda yaqala phantsi kwakhona. Kodwa oku bekusenziwa ngaphantsi kokulandelwa kwezikhokelo zempilo ebezilandelwa ngawo onke amaxesha. Uninzi lwezithintelo kwezoqoqosho zasuswa.

Ngoku siyakwazi ukuthoba izithintelo nangakumbi.

Ekwenzeni isigqibo sokuba yeyiphi na imiqobo ekufuneka ithotywe naleyo emayigcinwe ilungile, siyakhokelwa – njengoba bekunjalo nakwisithuba esingaphambili –  ngeengcebiso zeKomiti yabaPhathiswa yeeNgcebiso nge-COVID-19.

Siye sajonga namava amanye amazwe, kuquka nalawo apho ukususwa ngokupheleleyo kwezithintelo kwaye kwalandelwa kukwanda kosulelo kunye nokufa.

Ngenxa yokwazi ukuba kufuneka singene kwisigaba esitsha sokulawula lo bhubhane, siye sathatha ixesha ukubonisana ngokubanzi nabachaphazelekayo ngokwahluka-hlukana kwabo, kuquka imibutho yezenkolo kunye neenkokheli zemveli.

Namhlanje, besibambe intlanganiso yeBhunga likaMongameli lokuLungelelanisa, elidibanisa iiNkulumbuso, ooSodolophu bazo zonke iiDolophu ezinkulu, abaPhathiswa nooSekela baPhathiswa, abameli boMbutho wooRhulumente baseKhaya baseMzantsi Afrika, kwakunye neenkokheli zemveli.

Ngokusekwe kolu thetha-thethwano kunye nezindululo zeBhunga leSizwe lokuLawula intsholongwane i-Corona, iKhabhinethi igqibe ekubeni icuthe izithintelo ezininzi njengenxalenye yeSilumkiso esiLungisiweyo.

Inqanaba lokuqala

Izithintelo kwiindibano zizakutshintshwa kakhulu.

Kwimimiselo yangaphambili, ugxininiso yayikukubeka umda ophezulu kwinani labantu ababenokuya kwindibano.

Ukususela ngoku ukubheka phambili zonke iindawo zendibano ezingaphakathi nangaphandle ngoku zingathatha ukuya kutsho kuma-50 eepesenti zomthamo wazo ukuba ngaba iindlela zokungena zifuna umntu aveze ubungqina bogonyo okanye uvavanyo lwe-COVID-19 olungenziwanga kwisithuba esingaphezulu kweeyure ezingama-72.

Kodwa-ke apho kungekho lungiselelo lobungqina bogonyo okanye uvavanyo lwe-COVID-19, umthamo ophezulu usezakuhlala - ungabantu abayi-1 000  abangaphakathi kunye nabantu abangama-2 000 ngaphandle.

Olu tshintsho kwizithintelo zendibano luza kuba luncedo olukhulu kumashishini ezemidlalo, enkcubeko, ingakumbi kwicandelo lolonwabo kunye nemisitho nemnyhadala.

Ithi lento ke ukuba ngaba siye sagonywa okanye sisandul’ ukufunyaniswa singenayo intsholongwane, siza kukwazi ukubuyela ekubukeleni imidlalo kumabala emidlalo nokuzimasa iikonsathi zomculo, imiboniso yethiyetha, iinkomfa neminye iminyhadala.

Elona nani liphezulu labantu abavunyelweyo emngcwabeni lizakukwanda ukusuka kwi-100 ukuya kuma-200 yabantu.

Njenga ngaphambili, imilindo yasebusuku kunye neendibano zasemva komngcwabo kunye nama- ‘after tears’ azikavumeleki.

Kukwakho neenguqu ezibalulekileyo kummiselo wokunxitywa kwesigqubutheli-buso.

Njenga ngaphambili, kunyanzelekile ukuba unxibe isigqubutheli-buso selaphu okanye nantoni na efanelekileyo yogquma impumlo nomlomo xa ukwindawo  engaphakathi kawonke-wonke

Nangona kunjalo, isigqubutheli-buso asinyanzelekanga xa ungaphandle.

Oku kuthetha ukuba kusafuneka sinxibe isigqubutheli-buso xa sikwiivenkile, kudederhu lweevenkile, ii-ofisi, iifektri, iiteksi, iibhasi, oololiwe okanye nayiphi na enye indawo kawonke-wonke engaphakathi.

Kodwa akuyomfuneko ukuba sinxibe izigqubutheli-buso xa sihamba esitratweni okanye kwindawo evulekileyo, xa sizilolonga ngaphandle okanye xa sikwindibaniso yangaphandle.

Kwakhona Imimiselo yokugcina umgama phakathi komntu nomnye nayo iyatshintshwa, ngoku kuza kugcinwa umgama oyimitha enye kuzo zonke iimeko ngaphandle kwezikolo.

Kukwakho notshintsho kwimigaqo yohambo lwamazwe ngamazwe. Abahambi abangena eMzantsi Afrika kuza kufuneka babonise ubungqina bogonyo okanye uvavanyo lwe-PCR olungekho ngaphezu kweeyure ezingama-72.

Bonke abahambi abangagonywanga abangena kweli lizwe abafuna ukugonywa baza kunikwa nabo ugonyo.

La manyathelo aza kuqala ukusebenza ukususela ngomso, uLwesithathu umhla wama-23 kweyeNkwindla 2022, kwakuba nje imimiselo emitsha ifakwe kwigazethi.

Ngolu tshintsho, phantse yonke imiqobo kwimisebenzi yezentlalo nezoqoqosho iza kube isusiwe.

Ukuqhubela phambili, olona khuselo lwethu lubaluleke kakhulu ekulweni nesi sifo, okokuqala, lugonyo ze, okwesibini, ibe kukugcinwa kwamanyathelo asisiseko, njengokunxiba isigqubutheli-buso xa ungaphakathi endlini.

Ukwenziwa lula ngakumbi kwezithintelo ezishiyekileyo kuza kufuna ukuba sinyuse izinga logonyo kubemi baseMzantsi Afrika.

Isitofu sokugonya sikubonakalisile ukukwazi ukunciphisa kakhulu ukugula okubukhali.

Amanani asuka kumaziko ethu ezempilo, abonisa ngokucacileyo ukuba abantu abangagonywanga basengozini enkulu yokulaliswa esibhedlele okanye yokubhubha ngenxa ye-COVID-19.

Ugonyo lungakwazi nokunciphisa usulelo ekhaya nakwiindawo ezifana nezikolo kunye neeyunivesithi apho kukho ukusondelana kakhulu.

Ngelixa siyamkela into yokuba ngaphezulu kwe-68 pesenti yabantu ababudala babo bungaphezu kweminyaka engama-60 iye yagonywa, kodwa ke sisaxhalabile kuba ziipesenti ezingama-35 nje kuphela zabantu abaphakathi kwe-18 kunye nama-35 eminyaka abaye bagonywa.

Kubaluleke kakhulu ukuba sibone uninzi lwabantu bethu abaphakathi kweminyaka eli-18 nama-35 begonywa, yiyo loo nto kwinyanga ephelileyo siphehlelele iphulo le-#KeReady.

Eli phulo libandakanya imiyalezo eyenziwe lulutsha lijolise ekukhuthazeni abantu abaphakathi kweminyaka eyi-18 nama-35 ukuba bagonye.

Ukongeza, singathanda ukukhuthaza abo bagonyiweyo ukuba baye kufumana izitofu zabo zokuvuselela.

Ukuba sonke siyagonywa, singaguqula amandla ethu, izixhobo kunye neenzame zethu sakhe ngokutsha uqoqosho lwethu kunye nokudala imisebenzi eyimfuneko enkulu.

Kwiminyaka emibini egqithileyo, xa sasibhengeza ukuqala kokuvalwa kwelizwe lonke, ndandithe kwiintsuku, iiveki neenyanga ezizayo isigqibo sethu, ubuchule bethu kunye nomanyano lwethu njengesizwe ziza kuvavanywa ngendlela engazange ibonwe ngaphambili.

Ndimemelela ukuba sonke sidlale indima yethu:

"Ukuba nesibindi, ukuba nomonde, kwaye ngaphezu kwako konke, ukubonisa uvelwano."

Amaxesha ngamaxesha, abantu baseMzantsi Afrika baye balisabela elo khwelo.

Kwakhona, siyabongozwa ukuba sidlale indima yethu - ngokuthi sigonywe nanjengoko singena sinethemba kunye nokuzimisela kweli nqanaba litsha lokulwa nolu bhubhane.  

Ndiyabulela

Share this page

Similar categories to explore