Ukufaka isicelo sokuhambisa iposi efikayo

Malunga
Kufuneka wenze ntoni
Kuthatha ixesha elingakanani
Kubiza malini
Iifomu emazigcwaliswe
Kunxityelelwana nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo sokuhambisa iposi efikayo

Ukuba ufuna ibhokisi yeposi entsha, iposibhokisi, ingxowa yeposi eyeyakho, faka isicelo sokuhanjiselwa iposi kwiPosi ekufutshane nawe. Inkonzo yokuhanjiselwa iposi isebenza ngokusemthethweni ukusuka ngomhla woku-1 kweyoMqungu ukuya kowama-31 kweyoMnga kunyaka ngamnye kwaye imali yayo ihlawulwa phambi kweyoMnga.

Qaphela: Iifomu zokufaka isicelo ezithunyelwe ngeposi aziyi kwamkelwa.

  • Ngabanikazi bezindlu ababhaliswe ngokusemthethweni okanye abo babhalisiweyo baqeshe iindawo zokuhlala kuphela kwiindawo apho kungenakukwazi ukuhanjiswa iposi ngokwezitalato, umzekelo, ezifama, imimandla engamasimi, iindawo ezisemaphandleni nezisakhiwayo abanelungelo lokufumana ibhokisi yeposi enye simahla kwindawo ekufutshane ekuthathwa kuyo iposi okanye iposi ngokwemida yeeposi kwaye kufuneka bafake ubungqina bokuba ngabanikazi okanye isivumelwano sokuqesha indawo yokuhlala.
  • AbasePosini banelungelo lokuphanda baqinisekise ulwazi olunikwe kwisicelo.
  • Eminye imiqathango ikhona ePosini okanye kwiwebhusayithi yePosi.

Kufuneka wenze ntoni

  1. Yiya kwiPosi ekufutshane nawe ucele ifomu yokufaka isicelo efestileni yoncedo.
  2. Gcwalisa ifomu yokufaka isicelo.
  3. Ifomu yokufaka isicelo ikhona nakwiwebhusayithi yePosi.
  4. Ngenisa nekopi yencwadi-sazisi sakho okanye naluphina uxwebhu olububungqina besazisi elifana nencwadana yokundwendwela, ilayisenisi yokuqhuba kunye nefomi uzinike umsebenzi osefestileni yoncedo kwiposi ekufutshane nawe.

Kuthatha ixesha elingakanani

Kuthatha imizuzu eli-10 ukuya kweli-15.

Kubiza malini

Mailbox renewal

Iifomu emazigcwaliswe

Iifomi zokufaka isicelo zikhona kuzo zonke iiPosi kulo lonke ilizwe.

Kunxityelelwana nabani

 

E-mail: customer.services@postoffice.co.za
Tel: 0860 111 502 

Share this page