Ukubhalisa kwiziko lemfundo ephakamileyo

Malunga
Omawukwenze
Sithatha ixesha elingakanan 
Kubiza malini 
Iifomu ezigcwaliswayo 
Ungaqhagamshelana nabani

 

 

Malunga nokubhalisa kwiziko lemfundo ephakamileyo

Ungaqhubeka nezifundo zakho kwidyunivesithi, kwidyunivesithi yobuchwepheshe okanye kwikholeji yemfundo noqeqesho lobugcisa nobuchule (i-TVET) oyithandayo, ukuba uselungelweni. 

Iidyunivesithi zifundisa izifundo zemfundo nezobungcali, ngeli xesha iidyunivesithi zobuchwepheshe neekholeji ze-TVET zona zifundisa izifundo ezigxila kubuchule nezakhono zokwenza umsebenzi.

Kufanele uqinisekise ngezona zinto zifunekayo ukuze ubani akwazi ukwamkelwa kwiziko olithandayo.

Ukuba ngaba ungumfundi ophuma kumazwe angaphandle, kufuneka uqale wenze isicelo semvume yokufunda, usenze kwiziko lezozakuzo laseMzantsi Afrika  elikwilizwe lakho. Iziqinisekiso zamabakala wakho ezeMfundo kufuneka zivavanywe kuqala nguGunyaziwe woQinisekiso lwamaBakala ezeMfundo waseMzantsi Afrika (i-Saqa) phambi kokuba ubhalise. Uvavanyo olo lungathatha iintsuku ezingafikelela kwi-16.  

Omawukwenze

  1. Ngokuxhomekeke kumanqaku okwamkeleka kunye nezinto ezifunwa liziko khetha izifundo ovumelekileyo kuzo.
  2. Ukuba ubhalisa kwiziko labucala, khangela ukuba libhalisiwe na phantsi kweSebe lezeMfundo.
  3. Faka isicelo sokwamkelwa ngqo kwiziko olithandayo.
  4. Gcwalisa ifomu yokufaka isicelo emiselweyo yeziko elo.
  5. Faka ifomu yakho yokufaka isicelo nawo onke amaxwebhu afunekayo kwiziko elo.

Ukuba ngaba ungumfundi osuka kwilizwe langaphandle, faka isicelo soku kulandelayo:

Sithatha ixesha elingakanani

Amaziko awohlukeneyo athatha amaxesha awohlukeneyo.

Kubiza malini

Imali yokufunda yamaziko iyohluka.

Iifomu ezigcwaliswayo

Iifomu zokubhalisa zifumaneka kwiidyunivesithi nakwiikholeji ze-TVET.

Ungaqhagamshelana nabani

Iidyunivesithi

Iikholeji ze-TVET zikawonkewonke

Iikholeji ze-TVET zabucala

 

 

Share this page