Isicelo somnyenyevu wentlalo, wokuphuma embandezelweni

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga isicelo somnyenyevu wentlalo, wokuphuma embandezelweni

Umnyenyevu wentlalo wokuphuma embandezelweni luncediso lwexeshana olunikwa abantu abakwinzima nenkxwaleko yokuswela kangangokuba abanako ukufezekisa nkqu nezona mfuno zingundoqo nezisisiseko zeentsapho (zeefemeli) zabo.

Ngubani ongafumana umnyenyevu wentlalo wokuphuma embandezelweni?

Urhulumente angakunika umnyenyevu wentlalo wokuphuma embandezelweni ukubangaba ukwilixa lobunzima. Obu bunzima bungaba ngenxa yezi meko zilandelayo:

  • udinga uncedo ngelilixa ulinde iigranti zabantwana ziphunyezwe ngurhulumente
  • uhlelwe yinto embi okanye intlekele, umzekelo utshelwe yindlu
  • awuvumelekanga ufumane igranti, yaye usengxingweni
  • awunako kwaye awukulungelanga ukusebenza ngenxa yempilo – oku kuthetha ukuba uyagula iinyanga ezingaphantsi kwesithandathu
  • awunako ukufumana isapoti komnye umzali womntwana okanye wabantwana
  • umntu olithemba lokondla usapho (ifemeli) ubhubhile
  • umntu olithemba lokondla usapho uvalelwe entolongweni ixeshana elifutshane (ngaphantsi kweenyanga ezintandathu), okanye
  • uchatshazelwe yintlekele, kodwa ummandla okanye indawo ohlala kuyo ayibhengezwanga njengommandla wentlekele.

Ukunika ntoni urhulumente?

UMnyenyevu weNtlalo wokuPhuma eMbandezelweni ungawunikwa ngokwesiqhuma sokutya okanye ngokwetikiti lokuthenga (ngokwevawutsha yokuthenga) ukutya. Amanye amaphondo alunika ngokwemali olu ncediso. UMnyenyevu weNtlalo wokuPhuma eMbandezelweni unikwa ixeshana elifutshane kuphela – idla ngokuba lixesha elithi ga kwiinyanga ezintathu, yaye maxa wambi lingaya kutsho kwiinyanga ezintandathu.

Ofanele kukwenza

  • Yenza isicelo somnyenyevu wentlalo wokuphuma embandezelweni kwi-ofisi yoPhuhliso lweNtlalo ekufuphi kuwe.
  • Hambisa ezi ncwadi zilandelayo nesicelo sakho:
    • Incwadi yakho yesazisi enomqukumbelo nemivo yamanani eli 13 kunye nezatifiketi zokuzalwa zabantwana bakho.
    • Lamaphepha alandelayo ayafuneka ukuze ufake isicelo, xa incwadi yesazisi okanye isitifiketi singekho:
      • isitatimenti esifungelwengumfungisi, isitatimenti esifungelwe kumele siqinisekise ngamagama atshoyo ukuba umntu angathetha ubuxoki okanye athethe inkcukacha ekungezizo eziyinyani, lowo mmntu uyakutshutshiswa ngokwesekisheni 21 yomthetho wezontlalontle ka 2004
      • isitetimenti esifungelwe ngummtu ohloniphekileyo wendawo owazi ummntu lowo ofaka isicelo kungaba lilungu lekhansela, inkosi, unontlalontle okanye umfundisi
      • ubungqina obutshoyo ukuba isitifiketi sokuzalwa okanye incwadisazisi ifakiwe kwisebe lezasekhaya
      • incwadi yesazisi yexeshana ekhutshwe lisebe lezasekhaya
      • isitifiketi sokubhaptizwa
      • ikhadi lekliniki
      • incwadi evela esikolweni.

Isaziso: Asikho isicelo esizosetyenzwa xa isitetimenti esifungelwe okanye iafudafiti ingekho.

  • Kukwafuneka unike ubungqina bezi zinto zilandelayo:
    • wenze isicelo segranti
    • uthwaxwe yimeko emaxongo (umzekelo nika ingxelo yamapolisa yokutsha kwendlu yakho)
    • uzamile ukufumana isapoti
    • awunankxaso ingenye
    • utshatile, uqhawule umtshato (udivosile) okanye awutshatanga
    • awunamali ekungenelayo, okanye
    • unokhubazeko lwempilo lwexeshana elifutshane.

Ixesha elimiselweyo

  • Isicelo sakho siyakuphunyezwa ngoko nangoko.
  • Sakuba sifakiwe isicelo sakho siyakuvavanyelwa ukukholeleka kwanokuba ngenene uyayidinga na le nkonzo.
  • Nokuba awunazo zonke ezi ncwadi ziyimfuneko, uyakusifumana isiqhuma sokutya, itikiti lokuthenga ukutya okanye imali yenyanga yokuqala, ngaphandle kwazo.
  • Ungalibali ke kodwa ukusa zonke iincwadi kwigosa phambi kokuba kufike ixesha lentlawulo yenyanga yesibini. Ukuba awuzisanga iincwadi, usenokungasifumani isiqhuma sokutya, itikiti lokuthenga ukutya okanye imali yenyanga yesibini neyesithathu.
  • Ukubangaba awukafumani siqabu kubunzima okubo, emva kokuba ufumene le granti iinyanga ezintathu, ungenza isicelo sokuba le granti inyenyiselwe ezinye iinyanga ezintathu.

Ingaba kubiza malini na

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.

Ungaqhagamshela nabani

South African Social Security Agency (SASSA)

 

Share this page