IZiko lokuHlanganisa iZicelo kuMaziko eMfundo eliDibeneyo (CACH)

IZiko lokuHlanganisa iziCelo kuMaziko eMfundo eliDibeneyo (CACH) linceda abafundi abangafumanga ndawo yokufunda kwidyunivesithi okanye ikholeji abebefake kuyo isicelo sokufunda, ukuba bafumene indawo kwenye idyunivesithi okanye ikholeji.

Ukuba ufuna ukufunda kwiziko lemfundo ephakamileyo, sifake ngqo kwiidyunivesithi neekholeji ezo unqwenela ukufunda kuzo isicelo sakho ngoko nangoko bevula ixesha lokufaka izicelo.  

Iziko le-CACH lizakuthumela iinkcukacha zabafundi abalindelekileyo kwiidyunivesithi, kwiikholeji zeMfundo noQeqesho lobuGcisa nobuChule (ii-TVET) kunye namaqumrhu ezemfundo noqeqesho kumacandelo athile (ii-SETA) ukwenzela ukufundiswa umsebenzi. Apho kukho khona iindawo kwaye unazo zonke izinto ezifunwayo, amaziko lawo ayakuqhagamshelana nawe aze akunike indawo leyo. 

Iidyunivesithi neekholeji azizamkeli izicelo ‘eziziswe ngesandla’.

Bhalisa ku-intanethi kwiwebhusaythi ye-CACH okanye qhagamshelana nenkonzo ye-CACH ukususela kweyoMqungu ukuya kweyoMdumba phakathi kwentsimbi ye-8h00 neye-20h00 kule nombolo: 0800 356 635. Kungenjalo, thumela nge-SMS igama lakho nenombolo yakho yencwadi-sazisi kule nombolo: 49200.

Published Date

Share this page