Isicelo sokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho kumazwe amabini ngokomthetho wasekhaya

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo sokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho kumazwe amabini ngokomthetho wasekhaya

Ukuba ungummi waseMzantsi Afrika ohlala kumazwe aphesheya, onomdla wokuthatha umntwana waseMzantsi Afrika ongamzalanga abe owakho, kufuneka uqhagamshelane neGunyabantu elikwilizwe ohlala kulo.

Ukuba akukho GunyabantulinoBuchule likwaziyo ukukunceda kwilizwe lakho, ungaqhagamshelana neeNkonzo zoLuntu zaMazwe ngaMazwe.

Ukuthathwa komntwana ongazalwanga nguwe anikezelwe kuwe njengowakho ngesivumelwano phakathi kwamazwe amabini kukunikezelwa komntwana kubazali abangengobakhe ngokuzalwa ngokusisigxina ehlala kwilizwe langaphandle. Le nkonzo ibonelela umntwana ngosapho olusisigxina apho usapho olufanelekileyo lungafumanekanga kwilizwe lakhe lokuzalwa.

Ofanele kukwenza

  1. Qhagamshelana negunyabantu okanye neeNkonzo zoLuntu zaMazwe ngaMazwe.
  2. IGunyabantueliyiNtloko okanye iiNkonzo zoLuntu zaMazwe ngaMazwe kwilizwe lakho ziya kuncoma umbutho othile wokuthathwa kwabantwana oya kukuvavanya ukuba ukulungele na ukuba ngumzali kuloo mntwana.
  3. Ukuba igunyabantu okanye iiNkonzo zoLuntu zaMazwe ngaMazwe zikufumanisa ukulungele ukuba ngumzali waloo mntwana, liya kuqulunqa ingxelo ngokubanzi ngekhaya lize liyithumele kwiSACA.
  4. IGunyabantu eliyiNtloko laseMzantsi Afrika liya kuthumela lo mcimbi kumbutho ogunyazisiweyo wokuthathwa kwabantwana ukukhangela ukuba ukhona na umntwana okhoyo olungele ukufumana abazali.
  5. Unontlalontle uya kuqinisekisa ukuba wonke ubani ekufuneka avume koku kuthathwa komntwana uyayinika loo mvume eNkundleni yabaNtwana.
  6. Abo bachaphazelekayo baya kunikwa iintsuku ezingama-60 zokuthi bayirhoxise imvume yabo phambi kokuba kuthathwe ngokuba umntwana anganikezelwa kubazali abo.
  7. Kanye ukuba umbutho wokuthathwa kwabantwana ufake ingxelo exhasa ukuthathwa komntwana, iSACA iya kukhupha iNqaku le-17, elivuma isicelo sokuthathwa komntwana phakathi kwamazwe amabini.
  8. IGunyabantu eliyiNtloko laseMzantsi Afrika liya kudlulisela ingxelo ngomntwana kwigunyabantu eliyintloko kwilizwe lakho ukuba litshatise wena kunye nomtwana.
  9. Ukuba usenomdla wokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho, igunyabantu eliyintloko kwilizwe langaphandle liya kukhupha iNqaku le-17 elikunika imvume yokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho lilidlulisele kwiGunyabantu eliyiNtloko laseMzantsi Afrika.
  10. Uya kumenywa ukuba utyelele eMzantsi Afrika ukuze ukuthathwa komntwana abe ngowakho kuqosheliswe enkundleni yabantwana.
  11. Inkundla yabantwana iya kukhupha umyalelo wokuthathwa komntwana ongamzalanga abe ngowakho kunye namaxwebhu afanelekileyo iwadlulisele kwiGunyabantu eliyiNtloko laseMzantsi Afrika ukuze iqinisekise kwaye ibhalise oko kuthathwa komntwana ongamzalanga abe ngowakho.
  12. Ukuba oku kuthathwa komntwana ongamzalanga abe ngowakho kwalungiselelwa ngamazwe anesivumelwano saseHague, iGunyabantu eliyiNtloko laseMzantsi Afrika liya kuqinisekisa ukuba iSiqinisekiso sokuVumelana sikhutshiwe.
  13. Umbutho okhusela abantwana ogunyazisiweyo uya kuqinisekisa ukuba iSebe lezeKhaya lifumana ikopi yomyalelo wokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho kwaye ukuguqulwa kwamagama kwenziwe kunye nesiqinisekiso sokuzalwa sikhutshiwe.
  14. Umbutho okhusela abantwana ogunyazisiweyo uya kudlulisela kuwe isiqinisekiso sokuzalwa esitsha.
  15. I-arhente yokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho yelizwe langaphandle iya kukubonelela ngeenkonzo zokujonga umntwana isithuba seminyaka emihlanu.

Ixesha elimiselweyo

Imeko yohluka ukusuka kwenye ukuya kwenye.

Ingaba kubiza malini na

Kufuneka uhlawule kumbutho okhusela abantwana ogunyazisiweyo malunga nokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho phakathi kwamazwe amabini.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Qhagamshelana negunyabantu okanye neeNkonzo zoLuntu zaMazwe ngaMazwe.

Ungaqhagamshela nabani

Share this page