Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani
Malunga nokufaka isicelo sokuthatha umntwana abe ngowakho ngokomthetho wamazwe ngamazwe
Ukuba ungummi welizwe langaphandle ohlala eMzantsi-Afrika kwaye ufuna ukuthatha umntwana waseMzantsi Afrika abe ngowakho, kufuneka uqhagamshelane nonontlalontle ogunyazisiweyo okanye umbutho ingeyiyo leyo igunyaziselwe ukuthathwa kwabantwana phakathi kwamazwe amabini.
Kufuneka ube uhleli kweli lizwe isithuba seminyaka emihlanu kwaye kufuneka ufake isiqinisekiso sokuba uhlala phi na kunye nemvume yokusebenza.
Ofanele kukwenza
- Qhagamshelana nombutho wokuthathwa kwabantwana banikezelwe kubazali abatsha ofanelekileyo okufutshane nawe.
- Umbutho wokuthathwa kwabantwana banikezelwe kubazali abatsha uya kuvavanya/ uphonononge nekhaya ukukhangela ukuba ingaba ukulungele na ukuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho.
- Ukuba umbutho wanelisekile ziziphumo, baya kukufaka kwiRejista yaBantwana kunye naBazali lo gama bekunceda ukukhangela umntwana okhoyo olungele ukuthathwa ngabazali abatsha.
- Ukuba kukho umntwana okhoyo olungele ukuthathwa, baya kukubiza uze kwii-ofisi zabo uzokumbona umntwana lowo kwaye bakubuze ukuba usenomdla na wokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho.
- Ukuba uyavuma, baya kuyithumela ingxelo ngawe kwinkundla yabaNtwana ukuqoshelisa ukuthathwa komntwana abe ngowakho kuze kukhutshwe nomyalelo wokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho.
- Ingxelo yenkundla iya kuthunyelwa kwiSebe loPhuhliso loLuntu ukuze bakhangele ukuba inkqubo ilandelwe kakuhle na kwaye babhale phantsi iinkcukacha zakho nezomntwana.
Ingaba kubiza malini na
Kufuneka uhlawule kumbutho okhusela abantwana ogunyazisiweyo malunga nokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho phakathi kwamazwe amabini.
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Onke amaxwebhu ayafumaneka kwi-ofisi yeSebe loPhuhliso loLuntu ekufutshane nawe.