Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani
Malunga nokutshintsha iphepha-mvume lakho lokuqhuba lelizwe langaphandle
Ukuba unikwe imvume yokuba ngumhlali osisigxina eMzantsi Afrik, kufuneka utshintshe iphepha-mvume lakho lokuqhuba libe lelaseMzantsi Afrika kwisithuba sonyaka wokufumana kwakho imvume yokuba ngumhlali osisigxina.
Ukuba awukwazi ukutshintsha iphepha-mvume lakho kwisithuba sonyaka, iya kuthathwa njengengekho mthethweni.
Ungafaka isicelo sokutshintsha iphepha-mvume lakho libe lelaseMzantsi Afrika ukuba unemvume yozakuzo kodwa akunayo imvume yokuba ngumhlali osisigxina.
Ukuba iphepha-mvume yakho ayibhalwanga ngenye yeelwimi zaseMzantsi Afrika ezisemthethweni, kufuneka ufumane incwadi eguquliweyo yephepha-mvume eyenziwe ligunyabantu elinobuchule.
Iphepha-mvume lakho liya kuguqulwa ukuba:
- iphepha-mvume lisemthethweni
- liguqulelwe kwenye yeelwimi zaseMzantsi Afrika
- iphepha-mvume likhatshwa yincwadi esemthethweni efunyenwe kumzi wommelisizwe kunye nephepha-mvume eliguqulelwe kwenye yeelwimi zaseMzantsi Afrika ukuba belingabhalwanga ngenye yezi lwimi
- iphepha-mvume linefoto yakho kwaye ulityikityile.
Ofanele kukwenza
- Yiya kwiziko lovavanyo lwelayisenisi yokuqhuba (i-DLTC) kwiphondo ofumene kulo imvume yokuhlala esisigxina.
- Gcwalisa ifomu (i-DL1) yokuFaka isiCelo sokutshintshwa kwelayisenisi yokuqhuba kulo naliphi na iziko lovavanyo lwelayisenisi yokuqhuba.
- Gcwalisa ifomu (i-NCP) yesaziso sokutshintshwa kwedilesi okanye iinkcukhacha zomntu okanye iqumrhu.
- Kufuneka ufake oku kulandelayo:
- Isaziso esamkelekileyo njengoko kulindelekile ngokomthetho waseMzantsi Afrika (umz., incwadi yesazisi (i-ID), i-ID yethutyana, ipaspoti yaseMzantsi Afrika esemthethweni, okanye ipaspoti yamazwe angaphandle enephepha-mvume lokuhlala isigxina).
- Iifoto zakho ezine ezifanayo ezimbala umnyama namhlophe ezilingana nezi ze-ID.
- Ilayisenisi yokuqhuba yelizwe langaphandle le unayo ngoku
- Isiqinisekiso sokuhlala ngokusisigxina kwiRhiphabliki yoMzantsi Afrika
- Isiqinisekiso sokuba ubungenguye umhlali osisigxina waseMzantsi Afrika ngexesha wakhutshelwa ngalo ilayisenisi yokuqhuba yelizwe langaphandle (umz., usenokuveza ipaspoti, iphepha-mvume lokuhlala ngokusisigxina okanye i-visa).
- Ileta yenguqulelo yelayisenisi liqumrhu elifanelekileyo ukuba ngaba ilayisenisi ayikho kwelinye leelwimi ezisemthethweni zaseMzantsi Afrika
- Isiqinisekiso esikhutshwe liqumrhu elikhupha ilayisenisi yokuqhuba sokuba unelayisenisi yokuqhuba esemthethweni (esichaza iikhowudi neendidi zezithuthi umntu avumeleke ukuba angaziqhuba) engacinywanga okanye enganqunyanyiswanga.
- Kwimeko yePhepha-mvume lokuQhuba leZizwe ngezizwe (i-IDP), kufuneka ufake ilayisenisi yokuqhuba ekukhutshwe phantsi kwegunya layo lo mpepha-mvume.
- Isiqinisekiso sedilesi yeposi nesendawo ohlala kuyo umz., ileta ye-akhawunti kamasipala. Ukuba ngaba ayibhalwanga ngegama lakho, umnikazi wayo kufuneka enze inkcazelo efungelweyo echaza ukuba uhlala kulo dilesi ize i-akhawunti leyo ihambe nenkcazelo efungelweyo.
- Ukuba ngaba uhlala kwindawo engamatyotyombeni, kufuneka uze nencwadi engqina idilesi yakho yeposi nendawo ohlala kuyo enestampu esisesikweni esigximfizwe nguceba wewadi.
- Iziko lovavanyo lwelayisenisi yokuqhuba liza kukhuphela ilayisenisi ukuba ngaba lanelisekile ukuba:
- unguye umnikazi wale layisenisi yokuqhuba yelizwe langaphandle.
- Uza kuyinikezela kwabasemagunyeni ilayisenisi yakho yokuqhuba yelizwe langaphandle okanye iphepha-mvume lokuqhuba xa ufumana ilayisenisi yaseMzantsi Afrika.
- Awuyikulindeleka ukuba ubhaliswe uvavanyo lwelayisenisi yokuqhuba kodwa uza kwenziwa uvavanyo lwamehlo kwiziko elo phambi kokuba kuqukunjelwe utshintsho olo.
Ixesha elimiselweyo
Ixesha elithathwayo ukutshintshela iphepha-mvume liyohluka ukusuka kwiziko ukuya kwelinye ngenxa yeenkqubo zophicotho-zincwadi zangaphakathi.
Ingaba kubiza malini na
Qhagamshelana ne-ofisi yakho yasekuhlaleni ekhupha iimpephamvume uze ufumane amaxabiso.
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Uxwebhu lwesicelo sephepha-mvume lokuqhuba (DL1) luyafumaneka kulo naliphi na iziko lokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba nakwiwebhusayithi edilesi ye -eNatis
Ungaqhagamshela nabani
Contact your local department of transport