INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla we-4 kweyoMnga wama-2013

05 Dec 2013

1. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba ebalulekileyo kwiimeko ezigqubayo nezingundabamlonyeni

1.1. IKhabhinethi ivuyisene neSebe lezeMfundo esiSiseko, iinqununu, ootitshala nabafundi ekugqibeni kwabo ngempumelelo iimviwo zeSizwe zeMatriki.

IKhabhinethi yamkele ukukhutshwa koHlolo loNyaka lweSizwe lowama-2013 namhlanje, umhla we-4 kweyoMnga wama-2013, olusisixhobo esibalaseleyo sokuhlola nesinceda iSebe lezeMfundo esiSiseko lilandele inkqubela-phambili yeziphumo zokufunda kwanokuphucula umgangatho wezemfundo.

1.2. IKhabhinethi ikwancoma iSebe lezeMfundo esiSiseko neKhomishoni kaMongameli yokuLungelelanisa iziSeko ezinguNdoqo (iPICC) kwisigaba esibalaseleyo sokuhambisa iincwadi zokufunda, iincwadi zokusebenzela, ifenitshala nokunikezelwa kwesikolo esinye ngeveki ukusukela ngomhla wama-22 kweyeKhala wama-2013, njengenxalenye yesiCwangciso seSizwe seziSeko ezinguNdoqo. IKhabhinethi yamkele ukusungulwa koMgodi we-Sinter iStanley Nkosi weNkampani yeManganizi eKalagadi, eHotazel emNtla Koloni, olelona ziko likhulu ehlabathini elivelisa imanganizi ye-sinter. Oku kuyinxalenye yeeprojekthi eziququzelelwa yi-PICC, ekhokelwe nguMongameli uJacob Zuma. Ngale projekthi, uMntla Koloni ufumene utyalo-mali olumalunga ne-R6.5 yeebhiliyoni, kwiminyaka emine, kwaze ubuncinci kwadalwa ngqo amathuba emisebenzi angama-3 000, nophuhliso lwezakhono zolutsha lwendawo.

1.3. UMongameli uJacob Zuma uza kuphawula uSuku loXelelwaniso ngomhla we-16 kweyoMnga kwiZakhiwo zoMdibaniso phantsi komxholo othi: Ukwakha iSizwe, amaTyathanga aHlanganisa uluNtu noXolelwaniso”.

Lo mbhiyozo udibana nesikhumbuzo seminyaka eli-100 yeZakhiwo zoMdibaniso njengendawo esisihlalo nesakhiwo sikarhulumente. Umfuziselo ongumqingwa  wowayesakuba nguMongameli uNelson Mandela, isithwalandwe kwezenkululeko nakwezoxolelwaniso zelizwe lethu, uza kutyhilwa kwiZakhiwo zoMdibaniso njengenxalenye yemibhiyozo yesikhumbuzo. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise olu suku ukubonisa amanyathelo awodwa esiwahambileyo okuphila nawokusebenza kunye sisisizwe.

1.4. USekela Mongameli uKgalema Motlanthe uza kukhokela iNgqungquthela yeSibini yeSikhokelo sikaRhulumente kwiZiko leNkomfa leHlabathi leCSIR, ePitoli ukususela ngomhla we-10 ukuya kowe-12 kweyoMnga kowama-2013. Le ngqungquthela iza kudibanisa abaphathi abakhulu abasuka kuwo omathathu amabakala karhulumente, ngenjongo yokuxhobisa ukuqonda okwabelwana ngako malunga nendima edlalwa ngaBasebenzi bakaRhulumente ekuhlangabezeni iimfuno ezingundoqo zabemi boMzantsi Afrika nasekukhokeleni kuphuhliso loqoqosho lwethu.

1.5. UMongameli uJacob Zuma uza kusindleka iKumkani yeManyano yaseMalaysia, uTuanku Abdul Halim Mu’adza, Shah, oze kutyelelo lwasebuRhulumenteni kwiZakhiwo zoMdibaniso ngomhla we-10 kweyoMnga kowama-2013. UTyelelo lwasebuRhulumenteni luza komeleza ubudlelwane kwezopolotiko noqoqosho obuphakathi kwethu neMalaysia, kananjalo buza kubalithuba lokuqhubela phambili i-Ajenda yethu ye-Afrika.

1.6.  IKhabhinethi ixoxe ngokwaziswa kwengxelo nguMphathiswa weMisebenzi yoluNtu yeQela laBaphathiswa ebelinikwe umsebenzi wokujonga uMsebenzi ongokuhlaziya ukhuseleko kwizindlu zikaMongameli zaseNkandla. IKhabhinethi ivume iziphakamiso ezijoliswe kwingxelo yaze yayalela ukuba ingxelo ikhutshelwe uluntu. Abaphathiswa abakwiCandelo loKhuseleko noMphathiswa weMisebenzi yoluNtu baza kukhupha amagqabantshintshi koonondaba ngoLwesibini, umhla we-10 kweyoMnga wama-2013.

1.7. IKhabhinethi yamkela iziphumo zeQonga leBRICS leSibini lokwanda kokuHlala kwabantu eziDolophini neQonga lesiThathu leZixeko ezinoBudlelwane neNtsebenziswano yooRhulumente baseKhaya. Eli qonga ligxile kwimfuno yamanqanaba ohlukeneyo karhulumente ukuba aqinise uthethathethwano nentsebenziswano kwimimandla echaphazela iziseko ezingundoqo, uphuhliso loluntu, uqoqosho olunobudlelwane kokusingqongileyo, ukwabelane ngenkcubeko, utyalo-mali nokutshintshiselana ngobugcisa.

1.8. IKhabhinethi yamkela izizwe ezili-16 zase-Afrika nabaxhasi bazo abathatha inxaxheba kwiTumente  yesiThathu ye-Orange African Nations (iCHAN) phakathi komhla we-11 kweyoMqungu nowoku-1 kweyoMdumba kowama-2014 eMzantsi Afrika. Ukusingatha itumente kuza kuvumela uMzantsi Afrika ukuba wakhele kumsebenzi omhle welifa leNdebe yeHlabathi yeFIFA yowama-2010 neNdebe yeZizwe zase-Afrika yowama-2013, kananjalo kuza kukhusela amatyathanga ahlanganisa uluntu neqhayiya lesizwe.

Itumente ikwaveza nethuba kubemi boMzantsi Afrika ukuba babonise ngelizwe lethu njengendawo edlamkileyo yokhenketho, urhwebelwano notyalo-mali.

1.9 Kweli xesha leeholide, urhulumente ukhokela amaphulo amaninzi ngentsebenziswano yamacandelo onke oluluntu ukuqinisekisa indlela yokuziphatha enoxanduva nekhuselekileyo. Awona aphambili kula Maphulo ngaweNdlela yokuPhila ngokuseMpilweni, uFika uPhila, iiNtsuku ezili-16 zokulwa uBundlobongela obuChasene nabaseTyhini naBantwana. Bonke abemi boMzantsi Afrika kufanele badlale indima yabo ekunikeni intsingiselo kula maphulo. Urhulumente akanako ukuphumelela eyedwa.

Kweli xesha ukubonakala okwandisiweyo kwamagosa anyanzelisa ukuthotyelwa komthetho kwiindawo ekumiswa kuzo ngamapolisa kuhlolwe izithuthi nabaqhubi nakwimisebenzi yokugqogqa kwilizwe ngokubanzi kuza kuqinisekisa ukukhuseleka kwabemi boMzantsi Afrika.

Abasebenzisi beendlela bayakhunjuzwa ukuba bangaseli utywala baze baqhube, okanye bangaseli utywala baze baphinde bahambe ngeenyawo. Abo bathe bafunyaniswa benetyala lokwaphula imithetho baza kujongana nengalo yomthetho.

1.10 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba balumke ngakumbi ukuqinisekisa ukuba abantwana bethu bayakhathalelwa kwaye bagcinwe kude engozini. Ngumsebenzi noxanduva lwabazali, lwabagcini abasemthethweni babantwana noluntu ukuqinisekisa ukhuseleko lwabantwana bethu, ingakumbi kweli xesha leziyunguma lizayo.

1.11 Kuba iyintlanganiso yokugqibela yeKhabhinethi kowama-2013, amalungu eSigqeba soLawulo anqwenelela bonke abemi boMzantsi Afrika ixesha leziyunguma elinokuphumla, elinoxolo nelikhuselekileyo. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuthi sonke abanako, ukuba basebenzise Ubuntu ngokuncedisa abo bantu babodwa neentsapho zabo ezingakwaziyo ukuzixhasa ngokunokwazo, nokubonisa uvelwano sisisizwe esikhathalelanayo nesihloniphanayo.

2. IziGqibo zeKhabhinethi ezinguNdoqo

2.1 IKhabhinethi ivume isiCwangciso soBuchule soMgaqo-nkqubo weSizwe we-Broadband, esaziwa njengoQhagamshela Mzantsi Afrika. Oku kuza kubanegalelo elibalulekileyo kuhlumo lwezoqoqosho, kuphuhliso nasekudaleni imisebenzi. Injongo ngokubanzi kukuzuza umyinge wesantya se-100 mbps wehlabathi oqhelekileyo wokukhuphela ngowama-2030.

Ukufikelela koku sizisikele kona ngendlela eqhubela phambili, kukho amaxesha esiza kumana siphonononga ngawo siqale ngamava omsebenzisi oqhelekileyo esantya se-5 mbps sifikelele kuso ngowama-2016 kwaye sifumaneke kuma-50% zabemi nakuma-90% ngowama-2020. Olu qhagamshelwano kujoliswe kulo lusekwamiselwe izikolo neekliniki kunye noluntu ngokubanzi. Ukudaleka okukhawulezileyo kobugcisa be-broadband kuthetha ukuba ekujoliswe kuko kuza kuphononongwa unyaka nonyaka.

2.2 IKhabhinethi ivume ukupapashwa kwePhepha loGayo-zimvo loMgaqo-nkqubo weSizwe wezoNxibelelwano nobuChwepheshe boLwazi oluDityanisiweyo (i-ICT) kwiphephandaba likarhulumente ukuze uluntu luvakalise izimvo zalo. IPhepha loGayo-zimvo lithetha ngemfuno yokwenza isihlomelo kwimigaqo-nkqubo nakwimigaqo ihambelane neenguqu ezikhawulezayo kwi-ICT kutshanje. Phakathi kwemiba eyiqwalaselayo igxininisa kunxibelelwano lwabakude ngendlela yobugcisa, ukusasaza neenkonzo zaseposini. Iindibano zovakaliso-zimvo ziza kubanjwa kumaphondo onke ebutsheni bonyaka ozayo.

2.3 IKhabhinethi ivume izihlomelo zoMgaqo-nkqubo wokuTshintshela kuSasazo lweMivo ezinxulumene nokuba ingaba i-Set Top Box  (i-STB) eyidikhowuda kufuneka zibe nesixokelelwano solawulo kusini na okanye zingabinaso. Phakathi kweendlela zokugweba ezisetyenzisiweyo ukuthatha isigqibo malunga noku ibezezi zilandelayo:

  • imfuno yesantya kutshintshelo kwimivo; ingakumbi ukukhulula iindidi zamaza omoya oonomathotholo;
  • ukuqinisekisa ukuba isibonelelo sikarhulumente sisetyenziswa ngendlela enemveliso;
  • ukuvuselela ushishino lwee-elektroniki zakweli nokudala imisebenzi;
  • ukuxhamlisa oosomashishini abasakhulayo;
  • ukunciphisa amathuba emarike yoMzantsi Afrika okuba izaliswe zii-STB ezixabisa phantsi nezingasebenzi ngokupheleleyo;
  • ukukhusela umdla weQumrhu loSasazo loMzantsi Afrika;
  • ukusabela ngononophelo kwiinguqu ezikhawulezayo kwicandelo losasazo nele-ICT liphela;
  • ukunciphisa inqanaba lokubanga konke nokukhuthaza ukhuphiswano ngokudala isithuba sabadlali abatsha kwimarike kamabonakude ohlawulelwayo ngaphandle kokuxhamla ngendlela engenabulungisa kwinkxaso-mali kaRhulumente;
  • Ukunciphisa amathuba okuthatha amanyathelo omthetho okwenziwa ngabasasazi noosomashishini okubamba inkqubo yokutshintshela kwimivo.

Xa uthatha ezi nezinye iindlela zokugweba ezisetyenzisiweyo, iKhabhinethi igqibe ukuba ukusetyenziswa kwenkqubo yokulawula kufanele inganyanzelisi. Ii-STB noko kunjalo, zinenkqubo yokulawula ekhusela utyalo-mali lukaRhulumente kwimarike yeSTB exhaswe ngemali noshishino lwee-elektroniki lwalapha, ngeenguqu ezikhawulezayo zobuchwepheshe, ukuba isetyenziswe kwixesha elizayo ngabasasazi abanokufuna ukungayisebenzisi ngoku.

Ukuphepha abasasazi abarhumayo ukuba bangaxhamli ngendlela engenabulungisa kwinkqubo yokulawula yeSTB, utyalo-mali lukarhulumente kwiNkqubo yokuLawula yeSTB luza kubuyiswa kwabo basasazi barhumayo abakhetha ukusebenzisa inkqubo yokuLawula yeSTB.

IKhabhinethi imemela onke amaqela ukuba ayeke iyantlukwano yangaphambili yawo koko asebenze kunye norhulumente ekuqalisweni kokutshintshelwa kwimivo kwakamsinya ngenxa yomdla welizwe.

2.4 IKhabhinethi ivume amanyathelo ajoliswe ekuncediseni amakhaya anamatyala ngokugqithisileyo nokuqinisa uzinzo kwezezimali.

ABaphathiswa bezeziMali nezoRhwebo nezoShishino bagunyaziswe ukuba bafezekise amanyathelo athintelayo ukunciphisa umngcipheko wokuba sematyaleni ngendlela egqithisileyo ngenxa yemali-mboleko. Oku kuquka ukubonelela inkqubo ehlangeneyo yamanyathelo asebenzayo okuncedisa amakhaya asematyaleni ngokugqithisileyo, kwanokuthintela amakhaya ukuba angangeni ematyaleni ngokugqithisileyo kwixesha elizayo.

UMphathiswa wezeziMali naye uza kuthatha amanyathelo okukhuthaza abaqeshi ukuba bancede abo basebenzi basematyaleni ngokugqithisileyo ngokuphanda ngokubasemthethweni kwemiyalelo yokutsala imali emivuzweni yabasebenzi, kwaye babonelele abasebenzi ngeendlela zokuphatha nokusebenzisa  imali.

2.5 IKhabhinethi ivume iPhepha leNgcaciso loMgaqo-nkqubo kuMgaqo-nkqubo woLawulo lokusiNgqongileyo weSizwe weLwandlekazi. Umgaqo-nkqubo uyila indlela yolawulo lwecandelo ehambelanayo nolawulo lolwandlekazi olusingqongileyo. Oku kuza kuvumela uMzantsi Afrika ushukuxe imingeni ekhulayo ebangelwa lifuthe labantu kulwandlekazi olusingqongileyo usebenze ngakumbi, ngaxesha linye uza kwandisa amandla okuphuhlisa uqoqosho aza nolwandlekazi.

2.6 IKhabhinethi ivume iiNdawo zokugqibela zeSizwe zoMgaqo-nkqubo waManzi yaze yaqaphela iinkqubo zofakano-milomo eziqhutywe ukuze kuqukunjelwe uPhononongo lweSizwe loMgaqo-nkqubo waManzi.

IiNdawo ezintsha zoMgaqo-nkqubo waManzi zamkela indawo yophuhliso lolawulo lwamanzi, olushukuxa amakhonkco aphakathi kolawulo lwamanzi neenjongo zikarhulumente zophuhliso nezokwenza inguqu. Oku kuqwalasela ityathanga lokuxabiseka kwamanzi ngokupheleleyo malunga nendlela amanzi anokuthi abenegalelo ngayo ekuzuzeni uphuhliso olulinganayo, oluxhamlisayo noluzinzileyo kwilizwe ngokubanzi.

2.7 IKhabhinethi ivume inkqubo yokuhambelana kweeBhodi zaManzi kwiiNgingqi eziluNcedo zaManzi ezilithoba. Oku kulandela ingxelo yokugqibela kuphuculo olucetywayo lweeBhodi zaManzi.

Umsebenzi ophambili weeNgiqngi zaManzi eziluNcedo uza kuba kukuphuhlisa nokulawula iziseko zophuhliso ezingundoqo zengingqi zamanzi amaninzi (ukubonelelwa ngamanzi nomthombo wamanzi) kuquka nokuxhaswa ngezimali, uphuhliso lweprojekthi nemisebenzi eqhubekayo kunye nokulungisa. Oku kuza kwenza ukuba kubekho ubonelelo olungcono lwenkxaso kurhumente wasekhaya, nto leyo eyimfuneko ebalulekileyo kuphuculo lwecandelo lilonke.

2.8 IKhabhinethi yamkele ukufezekiswa kwechiza lokugonya iHuman Papiloma Virus (iHPV) (iNtsholongwane ebangela uMhlaza), eliza kusetyenziswa iinyanga ezintandathu ezohlukeneyo ngowama-2014, kumantombazana aneminyaka eli-9 ukuya kweli-10 ngeNkqubo yeZikolo nezeMpilo eDityanisiweyo. Oku kuhambelana necebiso loMbutho wezeMpilo weHlabathi .

Injongo kukunciphisa umngcipheko wokuba nomhlaza wesibeleko ebudaleni babo, kwaye liza kubanegalelo ekuphuculeni umgangatho wobomi babasetyhini nokwandisa ixesha labo lokuphila kananjalo lunciphise ngokubalulekileyo ukuxhaphaka kwezifo ezendeleyo ezingosuleliyo.

3. IMithetho esaYilwayo

3.1 IKhabhinethi ivume ukupapashwa kwiphephandaba likarhulumente uMthetho osaYilwayo weSivumelwano sokuyila soMzantsi Afrika, wama-2013 neNqaku elingeeNjongo zoMthetho osaYilwayo ukuze uluntu luvakalise izimvo zalo.

UMthetho osaYilwayo ulungiselela ukuqondwa kwe-Agrément South Africa, njengeshishini likarhulumente. Ibhodi ye-Agrément South Africa igunyaziswe phakathi kwezinye izinto, ukuba ihlole ukomelela-nokumelana kwenjongo zemveliso ezinxulumene nolwakhiwo olungekho semgangathweni okanye izixokelelwano ezisetyenziswa kushishino lolwakhiwo, apho kungekho mgangatho wesizwe umiselweyo khona.

Oku kuza kubanegalelo ekudalweni koshishino lokhwakha olumangalisayo noluyilayo oluza kubanefuthe elihle lokudala imisebenzi lo gama libanegalelo kwizicwangciso zikaRhumente zeziseko ezingundoqo.

3.2 IKhabhinethi ivume ukwaziswa koMthetho-siHlomelo weBhanki yoPhuhliso yaseMazantsi e-Afrika, wama-2013, ePalamente. Lo Mthetho oYilwayo uhlomela uMthetho weBhanki yoPhuhliso yaseMazantsi e-Afrika, we-1997.

Ingqwalasela yesicwangciso-qhinga soMthetho-siHlomelo kukuvumela ukwandisa ukusebenza kweBhanki yoPhuhliso yaseMazantsi e-Afrika kuwo nawuphi na umda wesizwe kwiliZwekazi i-Afrika neziqithi zalo. Oku kuza kubangela ukuba iBhanki ithathe inxaxheba kwiziseko ezingundoqo ezinkulu nakwezinye iiprojekthi zobuchule ezingaphandle kwengingqi yeSADC ezinamandla okuqaqambisa urhwebelwano nokukhula koqoqosho kwilizwekazi nokuxhasa iikhomishoni zamazwe amabini oyinxalenye yazo uMzantsi Afrika nokuzinikela kwimanyano yengingqi.

3.3 IKhabhinethi ivume ukuba uMthetho oYilwayo oLawula iCandelo lezeziMali ukuba ukhutshwe ukuze uluntu luvakalise izimvo zalo, luze luqalise ngeziphumo kwizibophelelo zoMzantsi Afrika kwintlanganiso yaMazwe eG-20.

Injongo yoMthetho osaYilwayo kukwenza icandelo lezezimali likhuseleke ngokufezekisa inkqubo yokulawula ‘entlantlo-mbini’, oko kukuthi ukudalwa kwabalawuli ababini: Omnye ojongene nokhuseleko nokuthembeka kwamaziko ezezimali aze omnye ajongane noxanduva lwendlela amaziko ezezimali aqhuba ngayo ushishino lwawo.

4 Izikhundla

4.1 IKhabhinethi ivume ukuqeshwa kuka-Esther Sarah Makau kwisikhundla seGosa eliyiNtloko lezeziMali kwiSebe lezobuGcisa neNkcubeko.

4.2  IKhabhinethi ivume ezi zikhundla zilandelayo kwiSebe lezoNxibelelwano:
a) uReneva Fourie kwisikhundla sikaSekela Mlawuli-Jikelele: kuPhuhliso lolwazi loluNtu noPhando;
b) uTinyiko Moses Ngobeni kwisikhundla sikaSekela Mlawuli-Jikelele: kuPhuhliso lweziSekelo ezingundoqo ze-ICT;
c)  uSibongile Vulikhaya Makopi kwisikhundla sikaSekela Mlawuli-Jikelele: kuKongamela kweeNkampani zikaRhulumente noPhuhliso lwamaShishini e-ICT

4.3  IKhabhinethi ivume ukuqeshwa kukaSiyakhula Paradise Simelane kwisikhundla seGosa eliyiNtloko lezeziMali kwiSebe loPhuhliso lwezamaPhandle noHlengahlengiso lwezoMhlaba.

4.4 IKhabhinethi ivume ukuqeshwa kwakhona kukaSiyabulela Thomas Tsengiwe kwisikhundla soMkomishinala oyiNtloko weKomishoni yeHlabathi yoLawulo lwezoRhwebo.

4.5 IKhabhinethi ivume ukuqeshwa kuNks. Thezi Rosemary Mabuza njengeSekela Mkomishinala kwiKomishini yeSizwe yaBathengi.

4.6 IKhabhinethi ivume ukuqeshwa kuka Mnu. Themba Thomas Cryil Dlamini njengeGosa eliyiNtloko yeSigqeba leBhodi yokuNgcakaza yeSizwe

4.7 IKhabhinethi ivume ukuqeshwa kuka-Adv Solomon Makhosini Msibi njengeGosa eliyiNtloko yeSigqeba kwiQumrhu lokuLawula lweziThuthi eziNdleleni.

4.8 IKhabhinethi ivume ezi zikhundla zilandelayo kwiBhodi yeQumrhu loLawulo lweziThuthi eziNdleleni:
a) uNks Thembeka Mdlulwa (iLungu eliNgekho kwiSigqeba soLawulo)
b) uMnu. Ike Nxedlana (iLungu eliNgekho kwiSigqeba soLawulo)
c) uNks. Nalini Maharaj (iLungu eliNgekho kwiSigqeba soLawulo)
d) uMnu. Rowan Graham Nicholls (iLungu eliNgekho kwiSigqeba soLawulo)
e) uNks. Morwenyane Maria Mathabathe (iLungu eliNgekho kwiSigqeba soLawulo)
f) uMnu Zola Malvern Percival Majavu (iLungu eliNgekho kwiSigqeba soLawulo)
g) uMnu. Sam Ledwaba (iLungu eliNgekho kwiSigqeba soLawulo)

4.9 IKhabhinethi ivume ezi zikhundla zilandelayo zabaLawuli abaNgekho kwiSigqeba soLawulo kwiBhodi yePosi yoMzantsi Afrika:
a) uMnu. Templeton Mageza
b) uMnu Sihle Joel Ngubane
c) uNks. Selebaleng Primrose (Boitumelo) Mothelesi
d) uMnu. Sathiaseelan Gounden.

4.10 IKhabhinethi ivume ezi zikhundla zilandelayo kwiBhodi yokuSungula yeZiko leSizwe lokuLahlwa kweNkunkuma ye-Radioactive:
a) uNjingalwazi Gordan Sibiya (uSihlalo)
b) uClive Douglas Kneale
c) u-Eric Peter McDonald
d) uQueen Nothando Gopo
e) uMathews Mateo Mathebe
f) uGqr. uMargaret Msongi Mkhosi
g) uNolwazi Zandile Cobbinah
h) uJustin Daniel.

4.11 IKhabhinethi ivume ukuqeshwa kwaba baGcini-ofisi balandelayo aboNyulwe nguMqeshi kwiNgxowa-mali yoMhlalaphantsi waBasebenzi bakaRhulumente:
a) uMnu. Stadi Mngomezulu (kwi-ofisi kaNondyebo weSizwe)
b) uMnu. Bhekithemba Thabo Gamedze (we-ofisi yoMphathiswa wezeziMali)
c) uGqr. uRenosi Mokate (we-ofisi yoMphathiswa wezeziMali)
d) uGqr. uMalcolm Barry Kistnasamy (kwiSebe lezeMpilo)
e) uNks. Gladys Modise (kwiSebe lezeMfundo esiSiseko)
f) uNks. Esther Euphane Aletta (Barbara) Watson (kwiSebe leeNkonzo zabaSebenzi basebuRhulumenteni noLawulo)
g) uMnu. Nkhangweleni Seth Makhani (kwiSebe lezoKhuselo)
h) uNks. Moira-Anne Moses (kwiQumrhu loTyalo-mali loluNtu).

IKhabhinethi ivume ukuqeshwa kwaba baGcini-ofisi abaTshintshanayo balandelayo aboNyulwe nguMqeshi:

i) uNks. Lindy Ann Bodewig (kwi-ofisi kaNondyebo weSizwe)
j) u-Adv Lindiwe Grace Nkosi-Thomas (we-ofisi yoMphathiswa wezeziMali)
k) uMnu. u-Abel Sithole (we-ofisi yoMphathiswa wezeziMali)
l) uGqr. Thamizhanban Pillay (kwiSebe lezeMpilo)
m) uGqr. Mogenthiran Shunmugam (Morgan) Pillay (kwiSebe lezeMfundo esiSiseko)
n) uGqr. Lesiba Alex Mahapa (kwiSebe leNkonzo kaRhulumente noLawulo)
o) uNjengele Johan David Griesel (weeNkonzo zobuPolisa zoMzantsi Afrika)
p) uNks uRejane Woodroffe (iQumrhu loTyalo-mali loluNtu)

4.12 IKhabhinethi ivume ukuqeshwa kwakhona kukaMnu. Andrew Zaloumis njengeGosa eliyiNtloko yeSigqeba se-iSimangaliso Wetland Park Authority.

4.13 IKhabhinethi iqaphele oku kuqeshwa kwakhona kwi-National Regulator for Compulsory Specifications
a) uJeff Molobela (uSihlalo)
b) uMnu. Nico Vermeulen (iLungu eliNgekho kwiSigqeba soLawulo)
c) uNks. uFunzani Asnath Melato (iLungu eliNgekho kwiSigqeba soLawulo)
d) uNks. Susanna Elizabeth Moolman (iLungu eliNgekho kwiSigqeba soLawulo)
e) uNjingalwazi uSadhasivan Perumal (iLungu eliNgekho kwiSigqeba soLawulo)
f) uNks. uDora Ndaba (iLungu eliNgekho kwiSigqeba soLawulo)
g) uMnu. Paul Serote (iLungu eliNgekho kwiSigqeba soLawulo)
h) uMnu. Sipho Reginald Zikode (iLungu eliNgekho kwiSigqeba soLawulo)

Imibuzo:
Phumla Williams (ISithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Umnxeba woqhagamshelwano: 083 501 0139

Issued by: Government Communications

Share this page

Similar categories to explore