INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wesi-8 kweyeSilimela yowama-2016

1.1. Siziqaphele iingxelo zee-arhente zehlabathi zokuhlela izinga lotyalo-mali u-Fitch, Standard & Poor’s kunye neMoodys, ezithe zayibethelela indawo obekwa kuyo uMzantsi Afrika ngokomgangatho worhwebo kwaye zaqinisekisa ukuba imeko yeli yezoqoqosho izinzile. Ezi ngxelo zokuhlela zingqina umsebenzi oqhubekekayo owenziwa ngurhulumente ukutshintsha imeko yoqoqosho lweli ibe yencumisayo nokunika eli lizwe umtyhi eliwudingayo wokuba libhinqe omfutshane liqalise izicwangciso namacebo alo okungenelela.

1.2. Umsebenzi oncomekayo weQela loMzantsi Afrika elakhiwe ngurhulumente, amashishini kunye nemibutho yabasebenzi uqinisekise ukuba uMzantsi Afrika uyasinda ekubekweni kwinqanaba elilelona lisezantsi ngokotyalo-mali. UMzantsi Afrika uqalise ukusebenzisa iinkqubo ezithathwe kwisiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) eziza kuqinisekisa ukuba eli lihlala ililizwe elinomtsalane kubatyali-zimali. Oku kuthetha ukuba xa sisebenza ngokubambisana singalukhwezela uqoqosho lwethu, sitsale abatyali-mali kuze kudaleke imisebenzi edingeka kakhulu eMzantsi Afrika.

1.3. Nangona isambuku semveliso yelizwe (i-GDP) sehle nge-1.2% kwikota yokuqala yowama-2016, ngokweenkcukacha-manani ezikhutshwe liZiko leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika (i-Stats SA), urhulumente sele eqalisile ngamanyathelo abalulekileyo okungenelela kuloo macandelo achatshazelwe koku afana necandelo lezolimo, ezothutho, umbane kunye nelezemigodi. La manyathelo okungenelela aqulathwe kwiphulo i-Operation Phakisa, kwaye afuna ukususa imiqobo ethintela ukukhula koqoqosho.

1.4. Iingxelo eziqikelela isantya sokukhula kwe-GDP ngoku ziqokelelwa zize zikhutshwe endaweni enye, kwi-Stats SA. Ngaphambili, imisebenzi yokuqokelela nokusasaza okanye ukupapasha iinkcukacha zezimali zoMzantsi Afrika yayabiwe ngolu hlobo: i-Stats SA sasikhupha iinkcukacha ze-GDP zekota nezonyaka eziqikelela imveliso ngeli thuba yona iBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika (i-SARS) yayipapasha iinkcukacha ze-GDP zekota eziqikelela inkcitho.

1.5. Njengorhulumente sijongene nezidingo zabemi kwaye ngokusebenza ngokubambisana sitshintsha ubomi babemi boMzantsi Afrika. Ukwakhiwa kweziko lokucoca amanzi elixabise izigidi zeerandi ezili-166 eSteytlerville, cebu kuhle eBhayi, kwiphondo leMpuma Koloni kuza kulwa ingxaki yokunqongophala kwamanzi. Lo msebenzi ubuphehlelelwe liSebe lezoRhwebo noShishino (i-dti), lisebenzisa iNkqubo yalo yeziSeko ezinguNdoqo eziBalulekileyo, iSebe lezaManzi noGutyulo, kunye noMasipala weeNgingqi waseBaviaans.

Kwilizwe elinamanzi anqongopheleyo, eli ziko litsha lokucoca amanzi liza kunceda uluntu kunye namashishini ukuba babe neempompo eziphuma amanzi azilitha ezingama-24 ngomzuzwana zisuka kwilitha esisibhozo ukuya kwezili-10 ngaphambili, lowo ongumthamo owaneleyo wokwanezisa iimfuno zamanzi zaseSteytlervile kule minyaka ili-15 izayo.

Eli ziko litsha likwayinxalenye yephulo lophuhliso loqoqosho lonke lwale dolophu njengoko liza kunceda amafama ngezawo iingxaki, amashishini asakhasayo kunye nabatyali-mali ngeyabo imingeni. Inkxaso yemali esuka kwa-dti isiya kuMasipala weNgingqi waseBaviaans yokuba kwakhiwe iziseko ezingundoqo izale imisebenzi engama-238 kwicandelo lezokwakha kulo mmandla. Eli liphulo libalulekile ekufakeni isandla kuhlumo loqoqosho nokudala imisebenzi elanjelwe sisizwe siphela.

1.6. Njengenxalenye yenkqubo karhulumente yokuhlaziya iziporo zikaloliwe, iKhabhinethi iwamkele ngezandla ezishushu umsebenzi wokuvavanya oololiwe abatsha bokukhwela abantu, i-X’Trapolis Mega, be-Arhente yoMzantsi Afrika yooLoliwe abaKhwelwa ngaBantu (i-PRASA).

Aba loliwe bale mihla ekucetywa ukuba baqalise ukusebenza ngeyeDwarha kulo nyaka banamacango azivulekelayo, isithuba esikhulu sokuhamba-hamba phakathi kwezitulo kuye wonke uloliwe, oomatshini bokupholisa umoya kunye neekhamera ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba abakhweli bakhuseleke kangangoko.

1.7. Ngelinge lokuzama ukwenzela amashishini amancinci umsebenzi lula uNondyebo weSizwe kunye neBhunga lamaShishini abaNtsundu (i-BBC) bamisela iziko lemibuzo lokunceda amashishini amancinci abhalise kuLuhlu likaZwelonke lwabaBoneleli-zinkonzo (i-CSD), imibuzo malunga neziniki-maxabiso kunye nezinye iinkonzo zoncedo zikaNondyebo weSizwe.

Oku kudlala indima emandla ekuphunguleni ubucukubhede obuninzi obuthanda ukufunwa ngabasemagunyeni kwaye kwenze kube lula kumashishini, ingakumbi amashishini amancinci, ukuba awaxhamle amathuba ezoqoqosho futhi aze aphose negada kumsebenzi wokuphuhlisa uqoqosho lweli lizwe kunye nelizwe uqobo.

1.8. Siyababongoza abo banqwenela ukuba ngababoneleli-zinkonzo kunye nabo sele bengabo ukuba babhalise kwi-CSD, engumthombo oneenkcukacha zabo bonke ababoneleli-zinkonzo kuwo onke amaqoqo karhulumente. Injongo yokuzifaka kuluhlu olunye zonke iinkcukacha zababoneleli-zinkonzo kukuphungula iindleko kunye namathuba okuba kuphinda-phindwe umsebenzi omnye ngababoneleli-zinkonzo norhulumente ngokunjalo kube ngaxeshanye kukhuthazwa ukusetyenziswa kweenkqubo zokuthenga ze-intanethi.

1.9. Kwenziwe elinye igalelo kwiphulo lokudala imisebenzi endilisekileyo ngohlumo loqoqosho oluquka wonke ngokuthi kubanjwe uMboniso weSizwe wemiSebenzi phantsi komxholo othi: “INgqungqthela yemiSebenzi kunye noMboniso wemiSebenzi – Umsebenzi wam Ikamva lam. Lo Mboniso uxhobise abantu abangasebenziyo ngezakhono zokukwazi ukusebenzisana nabantu, ulwazi, amathuba okukwazi ukubuzisa nokufuna imisebenzi ubuso ngobuso, ingakumbi ngokuphathelele nokuqhubekeka nezifundo, ukuziqasha, ookopoletyeni kunye neenkqubo zemisebenzi yoluntu.

1.10. Ukuphunyezwa yiPalamente koMthetho oYilwayo wokuThathwa koMhlaba kunika amagunya omthetho acacileyo kuMbuso okuba aqhubeleke nokuqalisa ngenkqubo yeli yokuzisa iinguqu zezentlalo nezoqoqosho ezibonakalayo ukuze kusonjululwe umba wemihlaba ongophambili kule nkqubo. Lo Mthetho uYilwayo ucacisa indlela enobulungisa eza kulandelwa lilo naliphi na iqumrhu elinegunya lokuthatha umhlaba.

Lo Mthetho uYilwayo wokuThathwa koMhlaba kunye noMthetho uqobo ocetywa ukuphunyezwa icacisa inkqubo eza kulandelwa kunye neenkqubo ezikhawulezayo zokuthathwa komhlaba kuba kulungiselelwa uluntu, kuquka nokubuyiselwa komhlaba. Umntu okanye abantu abathathelwe umhlaba kwezi nkulungwane zidlulileyo banelungelo lokubuyiselwa loo mhlaba okanye bafumane imbuyekezo efanelekileyo ngokwezibonelelo zalo Mthetho uyiLwayo.

Ukwacacisa nemigaqo urhulumente anokuyilandela xa efaka ibango lomhlaba esenzela uluntu, nomhlaba lowo uza kuxhanyulwa luluntu. Lo Mthetho uYilwayo ulandela indlela esetyenziswayo kuMqulu wamaLungelo oLuntu kunye neSolotya elingezoMhlaba xa kuchotshelwe umba wembuyekezo yokuthathelwa umhlaba. Uza kunika abanini-mhlaba ithuba lokuba babuyekwezwe ngendlela engakhalisiyo nefanelekileyo.

Wakuba utyikityiwe wangumthetho, lo Mthetho uYilwayo uza kungena endaweni yoMthetho wokuThathwa kwemiHlaba, wowe-1975 (uMthetho uNombolo 63 wowe-1975).

1.11. Umba wohlumo loqoqosho uphambili kwiBhunga likaMongameli leeNgcebiso loPhuhliso oluBanzi lwabaMnyama kwezoQoqosho (i-B-BBEE) ebelisanda ukuhlangana kutsha nje. Eli Bhunga leeNgcebiso le-B-BBEE liza kusebenzisana kakhulu neQela likaMongameli eliJongene nezeziFundiswa, elasekwa nguMongameli uJacob Zuma, ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba imiba echaphazela abasebenzi abantsundu abanezakhono ezifundelweyo ifumana ingqwalasela.

Le ntlanganiso ibingomnye umzekelo obonisa umoya womanyano nentsebenziswano ngeenjongo zokukhwezela uhlumo loqoqosho, oko kusenziwa ingalityalwanga injongo ye-BEE ukuze sikwazi ukuqhubela phambili ngomsebenzi wokuzisa iinguqu nokususa iintshiyelana zobuhlanga kuqoqosho lweli.

1.12. UMzantsi Afrika uthatha inxaxheba okokuqala kwiNgqungquthela entsuku-mbini yeHlabathi ngoLwazi ngezobuChwepheshe (i-IT) ebanjelwe eKhanty-Mansiysk, kwelaseRussia, kwaye eli liizwe liza kumelwa nguMphathiswa uFaith Muthambi. Le ngqungquthela iza kuqala ngomhla wesi-8 iphele ngowesi-9 kweyeSilimela yowama-2016, kwaye iza kukhuthaza ukusetyenziswa kwezenzululwazi nezobuchwepheshe ukusombulula iingxaki ezinkulu ezikwezemfundo nezempilo. Abathunywa abakule ngqungquthela baquka abo bamele amashishini, imibutho yezifundiswa, ezophando, ezemfundo, kunye neengcali ze-IT eziphuma kumazwe angamalungu e-BRICS (i Brazil, iRussia, i-India, iChina kunye noMzantsi Afrika).

1.13. INkomfa yoNyaka yesiHlanu yoLawulo lweeNkunkuma, ebizwa ngokuba yiKhorho, ekhokelwa nguMphathiswa wezeNdalo enomxholo othi: “Ukukhuthaza Uyilo nokuKhokeliso uPhuhliso lwamaShishini” ineenjongo zokuphucula uhanjiso lweenkonzo, ukuqinisekisa ukuba iinjongo zeenkqubo zokuthuthwa nokulawulwa kwenkunkuma zifezekiswa ngokukhawuleza ukuze kukhuthazwe uqoqosho olugxininisa kuhlaziyo ngokutsha, oku kwenziwe ngeli thuba kuvulelwa amathuba abantu abaninzi okuba bathathe inxaxheba eyiyo kuqoqosho lwesizwe lulonke, ngokwandisa amathuba emisebenzi kwicandelo lenkunkuma.

1.14. Iziphumo zophicotho-zincwadi zowama-2014/15 zoomasipala ezisandula ukukhutshwa zibonakalisa ukuphucuka kwiziphumo zophicotho-zincwadi zoomasipala ukusuka kowama-2010/11 ukuya kutsho kowama-2014/15.

Inani loomasipala abafumene iingxelo zophicotho-zincwadi ezingenachaphaza futhi nezingabiki namiba ithile lenyukile ukusuka kwi-13 laya kutsho kuma-54. Ngaphezu koku, amanye amaqumrhu oomasipala ali-18 nawo afumene iingxelo zophicotho-zincwadi ezingenachaphaza, loo nto ethe yenyusa inani leengxelo zophicotho-zincwadi ezingenachaphaza laya kutsho kuma-72 kulo nyaka-mali. Lehle kakhulu inani labo bafumene iingxelo zophicotho-zincwadi ezinechaphaza, lehle lisuka koomasipala abangaphezulu kwama-30% ngowama-2010/11 laya kutsho kwabamalunga ne-11% kulo nyaka-mali.

Ezi ziphumo zophicotho-zincwadi zincumisayo zoomasipala zifumaneke ngenxa yeNkqubo yokuBuyela kuNdalashe, i-Operation Clean Audit, abaphathi abawaziyo umsebenzi wabo, indlela yokulawula izimali nomsebenzi ethe yaphuculwa kunye nokugcina iingxelo ngobunono.

1.15. IKhabhinethi isiqaphele isigwebo esiwiswe yiNkundla ePhakamileyo yeziBheno sokuba uMgaqo-nkqubo wokuFudukela kuSasazo oluDijithali wowama-2015 awukho mthethweni, awunamagunya saze sawulahlela ngaphandle. I-Ofisi kaMongameli kunye nala maSebe: elezoNxibelelwano, eleziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi, elezoBulungisa nokuPhuhliswa koMgaqo-siseko kwakunye nelezoRhwebo noShishino baza kucebisa urhulumente ngokuthethwa kunye neziphumo zesi sigwebo.

1.16. Njengoko uNyulo looRhulumente beeNgingqi kumiselwe ukuba luza kubanjwa ngoLwesithathu, umhla wesi-3 kweyeThupha ngowama-2016, onke amaqela ezopolitiko kufuneka ayithobele imigaqo yokuziphatha yolonyulo etyikitywe ngawo onke amaqela ezopolitiko. Le migaqo ibophelela onke amaqela ezopolitiko aza kuthatha inxaxheba kulonyulo ukuba adlale indima ekuqinisekiseni ukuba ulonyulo lukhulekile kwaye alunamakhwiniba. Amaqela ezopolitiko kunye nabalandeli kufuneka bahloniphe uMgaqo-siseko kwaye abo bafunyenwe benetyala lokwaphula umthetho baza kujongana nengalo yomthetho.

Ngenxa yeziganeko zakutsha nje zokungakwazi ukunyamezelana kwabezopolitiko, uMphathiswa wezamaPolisa umisele iqela elakhiwe ngamacandelo ahlukeneyo angala: iCandelo lezobuNltola loMbutho wezamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS), iCandelo labeCuphi, iCandelo loPhando lwamaTyala aNgxamisekileyo (ooKhetshe) kunye neloPhando kusetyenziswa ubuNzululwazi nto leyo ihambelana kanye neenjongo zesiPhumo sesiThathu seNkqubo-sikhokelo yobuChule yesiGaba esiPhakathi ethi “Bonke abantu eMzantsi Afrika abaziva nje bekhuselikile koko bakhuselekile ngenene”.

1.17. Malunga nomba wesilumkiso sabanqolobi esikhutshwe liZiko loZakuzo le-United States (i-US) ePitoli. IKhabhinethi iyasibethelele isaziso esikhutshwe yi-Ofisi kaMongameli sokuba iNtlanganisela yezoKhuseleko ibidibene izolo ukugwadla ngokubanzi lo mba, ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba wonke umntu weli ukhuselekile.

Ukongeza koku, uRhulumente woMzantsi Afrika uza kuqhubekeka ubonisana ne-US ngalo mba njengenxalenye yamaphulo ukusebenzisana ngemiba yezokhuseleko phakathi kwala mazwe mabini. UMzantsi Afrika ne-US ngamazwe anobudlelwano obushushu nobungaqhwaleliyo ngemiba ayahlukeneyo yokusebenzisana kuquka imiba yezopolitiko, uqoqosho, intlalo kunye neyokhuseleko.

1.18. Lo nyaka sisikhumbuzo seminyaka engama-40 sezidubedube zomhla we-16 kweyeSilimela ngowe-1976, ezathi zatshintsha kakhulu imeko yezopolitiko nezentlalo eMzantsi Afrika.
UMongameli Zuma uza kuba sisithethi sembeko kwimibhiyozo yoSuku leSizwe loLutsha eza kubanjelwa kumaBala ase-Orlando eSoweto ngomhla we-16 kweyeSilimela ngowama-2016 phantsi komxholo othi: “Ulutsha luqhubela uMzantsi Afrika Phambili”.

Le mibhiyozo iza kuquka udlwabevu lwentetho eliza kwenziwa nguMongameli njengeSithethi seMbeko kunye neenkonzo yokubekwa kwenkatha yeentyatyambo kwiliTye lesiKhumbuzo likaHector Pieterson.

Kuza kubanjwa intlanganiso ekhethekileyo noonondaba ngoLwesibini, umhla we-14 eyeSilimela yowama-2016 apho kuza kunikwa iinkcukacha ezithe vetshe ngenkqubo yoSuku loLutsha. ABaphathiswa kunye namaSekela-baPhathiswa kudala kule nyanga befakana imilomo nabantu beli, ingakumbi abantu abatsha ebakhuthaza ukuba bawathathe amathuba akumacandelo ahlukeneyo ukuze bakwazi ukuphucula ubomi babo ngolo hlobo babe negalelo elibonakalayo kuphuhliso loqoqosho nolwelizwe. Uluhlu lwezinto eziza kwenziwa ngabaPhathiswa abayinxalenye yeNkqubo yeNyanga yoLutsha luza kupapashwa kwiiwebhusayithi zikarhulumente kunye nakumaqonga amakhasi onxibelwano loluntu.

1.19. Njengoko kuza kuqala ixesha lolwaluko, amakhwenkwe amaninzi azidyongwana alungiselela ukuya esuthwini.

Urhulumente, ekhokelwa liSebe loLawulo lweNtsebenziswano nelezeMicimbi yeMveli (i-CoGTA), usebenza namaZiko eeNkokeli zeMveli kunye nabo bonke abachaphazelekayo ukuqinisekisa ukuba kweli xesha lolwaluko lowama-2016 akukho namnye umkhwetha oza kusweleka, umbono lowo ukhokelwa ngumxholo othi – “Siyawathanda Amasiko Ethu, Sibuxabisile uBomi boLutsha Lweli”.

Iintsapho, abazali, abagcini-bantwana abasemthethweni kufuneka baqinisekise ukuba amakhwenkwe aza kuya kumaziko olwaluko asemthethweni, nokuba iingcibi namakhankatha ibe ngabantu abawaziyo umsebenzi wabo futhi nabaziwayo ngabazali bamakhwenkwe. 

Abantu bayacelwa ukuba bazixele zonke izenzo ezingekho mthethweni ngokutsalela ku: 0800 111 166 okanye babe yinxalenye ye-#zero tolerance on initiation deaths.

2. Izigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1. UMongameli weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, uMongameli uJacob Zuma ukhethwe kwiGqiza eliPhezulu lezaManzi leeNtloko zemiBuso; waze uMlawuli-Jikelele wachongwa njengeSithunywa soMbuso (umsebenzi karhulumente okanye owecandelo lezozakuzo onikwa umsebenzi wokwenza amalungiselelo engqungquthela) kaMongameli woMzantsi Afrika njengeLungu leGqiza leGqiza eliPhezulu lezaManzi.

IBhodi yeeNgcebiso yezaManzi noGutyulo kaNobhala Jikelele weZizwe eziManyeneyo (i-UNSG) iphakamise ukuba makumiselwe iGqiza eliPhezulu leeNtloko zemiBuso lezaManzi ukuba likhokele amaphulo okufundisa nokulumkisa ngamanzi, kulandela ukwamkelwa kweNkqubo yezoPhuhliso yowama-2013 yi-UNSG ngeyoMsintsi ngowama-2015.

Eli gqiza liza kukhawulezisa umsebenzi wokuphunyezwa kweNjongo 6 yoPhuhliso oluZinzileyo (amanzi acocekileyo nogutyulo), ekungoku egxininisa kumba wefuthe elimandla lokuguqu-guquka kwemozulu kwinkqubo yokwenzeka kwamanzi. Kungesi sizathu kwakunye nangenxa yembalela ethe gqolo ukuthwaxa lonke eli, le nto abemi boMzantsi Afrika bakhuthazwayo ukuba bathathe inxaxheba kumaphulo okucoca imilambo, imijelo kunye neendawo ezingamajojo ngomhla we-18 kweyeKhala, njengenxalenye yezinto eziza kwenziwa ngoSuku lukaMandela olubanjwa minyaka le.

2.2. IsiCwangciso-qhinga soNxibelelwano ngoMbono wama-2030 we-NDP sigxininisa ukuphunyezwa kwe-NDP kwaye siza kucacisa ifuthe le-NDP kubemi boMzantsi Afrika. Intlanganiso eyodwa noonondaba iza kubanjwa ukuze kuhlalutywe kucaciswa isicwangciso-sikhokelo sonxibelelwano, ukusetyenziswa kophawu, izikhokelo ezicacisa imigaqo yokusetyenziswa kophawu kunye neenkqubo zeekhompyutha ukuqinisekisa kusetyenziswa indlela endindeneyo yokunxibelelana kuwo onke amasebe karhulumente namaqumrhu aza kuphumeza i-NDP. 

2.3. Ingxelo ngoMonakalo wokuTshintsha koMhlaba ube yiNtlango eMzantsi Afrika kunye neziphumo zoku kuqoqosho lwasemaphandleni kunye namanye amaqhinga asetyenziswayo ukuphungula ulwamvila olwenziwa ngulo monakalo.

Iziphumo zokutshintsha koMhlaba ube yiNtlango, ukuKhukuliseka koMhlaba neMbalela ziphazamisa amalinge okulwa nendlala, okuqinisekisa ukuba kukho ukutya okwaneleyo, ukuphucula umgangatho nomthamo wamanzi, ukukwazi ukunyamezela kunye nokumelana nokuguqu-guquka kwemo yezulu kwakunye nophuhliso oluzinzileyo.

Ngenxa yale miba, uMzantsi Afrika uvelise imithetho emininzi emitsha, imigaqo-nkqubo, amaqhinga kunye neenkqubo ezilula ezilungiselelwe ukulwa ukutshintsha komhlaba ube yintlango kunye nokukhukuliseka komhlaba kuwo onke amanqanaba. La manyathelo okungenelela ancedisa kumalinge olondolozo kunye nokuphucula iimeko zezoqoqosho nezentlalo ngeli thuba kudala amathuba omsebenzi, uphuhliso lwezakhono kunye nokuphucula ubomi babantu.

2.4. Ukukhutshwa kwale ngxelo kunika isidima kumhla we-17 kweyeSilimela   njengoSuku lweHlabathi lokuLwa nokuKhukuliseka nokuTshintsha koMhlaba ube yiNtlango owabhengezwa liQumrhu laMazwe Onke Angamalungu e-UN. Kulo nyaka uSuku lweHlabathi lokuLwa nokuKhukuliseka nokuTshintsha koMhlaba ube ziNtlango luphakamisa ukubaluleka kokusebenzisana ngokubambisana ukuze kuhlaziywe umhlaba okhukulisekileyo into leyo eza kuba negalelo ekufezekiseni zonke iiNjongo zoPhuhliso oluZinzileyo. Ngokwenza oku, uMzantsi Afrika uzalisekisa uxanduva lwawo ngokwesiVumelwano se-UN sokuLwa ukuTshintsha koMhlaba ube yiNtlango.

2.5. Ingxelo ephendula kwimiba ebiphakanyiswe yiKomiti ye-UN yamaLungelo aBantwana yamkelwe. Oku kunxulumene nengxelo yesibini ngomba wokufezekiswa kwesiVumelwano samaLungelo aBantwana kunye Nesinye isiVumelwano ngokuThengiswa kwaBantwana, ukuNyanzeliswa kwaBantwana baThengise ngemiZimba kunye nemiFanekiso yaBantwana abaHamba Ze.

Le miba iza kuxovulwa kwiSeshoni yama-73 eza kubanjelwa eGeneva ukusuka ngomhla we-13 ukuya kowama-30 kweyoMsintsi ngowama-2016. IKhabhinethi ikuqaphele ukuba sele iqalile inkqubo yokuqokelela ulwazi lwengxelo yesithuba esilandelayo esiphantsi kwesivumelwano ngoMqulu we-Afrika wamaLungelo neNtlalontle yaBantwana oza kungeniswa ngomhla wesi-7 kweyoMqungu ngowama-2017 kunye nesiVumelwano se-UN samaLungelo aBantwana esiza kungeniswa ngomhla we-15 kweyeKhala ngowama-2017.

2.6. Izindululo neziphakamiso kwiNgxelo eGcweleyo ngokuPhononongwa kokufezekiswa kwePhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo wezeNtlalontle yoLuntu wowe-1997 zamkelwe. Oku kuza kukhawulezisa iPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo wezeNtlalontle yoLuntu, ohambelana nomba ophambili karhulumente wokwakha isizwe esimanyeneyo, esinenkathalo, esizinzileyo nesikhuselekileyo.

Ezi zindululo zigxininisa kwimiba ephambili ye-NDP, ekhethe ukhuseleko loluntu kunye nentlalontle ephuhlisayo njengemiba eza kukhokeliswa phambili ukuze kuzalisekiswe uphuhliso loluntu. Ukuphunyezwa kwezi zinto kwenza umahluko omkhulu kubomi babantu abasemngciphekweni wokuba ngamaxhoba endlala, abasokolayo nabo bathwaxwa ngamandla yintsokolo, ingakumbi abasetyhini, abantwana kunye nabantu abakhubazekileyo. Iza kuqinisekisa ukuba aba bantu bafumana iinkonzo ezithile zophuhliso loluntu ezifunekayo ukuze ziphucule iimeko abaphila phantsi kwazo kunye nentlalontle yabo.

2.7. UMzantsi Afrika uza kutyikitya isiVumelwaniso esiLungisiweyo neRiphabhulikhi yaseBotswana sokuBuyiselwa kwaBatyholwa, ngokwesolotya lama-231 (1) loMgaqo-siseko.
Injongo yoku kukuba kubekho intsebenziswano entle phakathi koMzantsi Afrika neBotswana ukuze kukwazi ukuqwalaselwa kwezicelo ezivela eBotswana zokuthunyelwa kwabatyholwa apho kukho amathuba okuba umtyholwa angafumana isigwebo sentambo.

Oku kubethelela ukuba uMzantsi Afrika awuzikuba yindawo yokuzimela imigulukudu yabophuli-mthetho kunye nokunceda ii-arhente zogcino-mthetho kumaphulo azo okuthintela, ukuphanda nokutshutshiswa kwabophuli-mthetho.

2.8. Kungekudala i-SAPS iza kupapasha ingxelo yonyaka ezeleyo enye neenkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho rhoqo ngekota. Le ngxelo izeleyo yonyaka iza kuquka izinto ezitshintshileyo kwiinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho into leyo iza kukhokelela ekubeni iingxelo ziba naziphene futhi kunikwe neenkcukacha ngeemeko zamatyala okunokwenzeka kulo nyaka uphethweyo.

Umba wokukhupha iinkcukacha-manani rhoqo uza kunceda urhulumente xa ethatha izigqibo ngeentlobo zolwaphulo-mthetho ezifuna ukuthatha unyawo. Oku kuza kuncedisa kumongo we-NDP, othi abantu eMzantsi Afrika kufuneka babe negalelo kwiphulo lokwakha isizwe esikhuselekileyo.

3. ImiThetho eYilwayo

3.1. UMthetho-sihlomelo oYilwayo weLungelo loBunini kuShicilela kunye noMthetho-sihlomelo oYilwayo wokuKhuselwa kwamaGcisa uza kungeniswa ePalamente. UMthetho weLungelo loBunini kuShicilela, wowe-1978 (uMthetho uNombolo 98 wowe-1978) kunye noMthetho wokuKhuselwa kwamaGcisa, wowe-1967 (uMthetho uNombolo 11 wowe-1967) udlulelwe lixesha kwaye awuzithatheli ngqalelo izinto ezitshintshileyo kwizivumelwano eziphakathi kwamazwe amaninzi futhi ungayiseli naliso imiba yobuchwepheshe bale mihla.

Oku kuhambelana neenjongo ze-NDP zokukhuthaza isakhono sokuyila, ukunyusa nokuphucula umgagantho wemisebenzi yobugcisa, ukuzama kangangoko ukuxhamla kuqoqosho lwezolwazi kunye nokusebenzisa amathuba avela ngenxa yokukwazi ukumelana nokulibetha ukhuphiswano.

Ezi zilungiso zenziwayo ngoku kumgaqo-nkqubo zisekelwe kumba wokufunda ukulungelelanisa imithetho yeMisebenzi yobuGcisa beNgqondo kunye nala maxesha obuchwepheshe kunye notshintsho olwenzekayo kwindlela ekusetyenziswana ngayo namanye amazwe. Oku kukhokelela ekubeni kubekho umgaqo-nkqubo omnye ojongene nemiba yesizwe neyamazwe ngamazwe. Ezi zilungiso ziquka ukufakwa kwamasolotya avumela izinto ezithile kumbandela welungelo lobunini kushicelela nokukhuselwa kwamagcisa.

4. Imisitho ezayo

4.1. IKomiti yaBaphathiswa ikwinqananba lokuqukumbela amalungiselo okusingatha iNkomfa yama-21 yeHlabathi kaGawulayo (i-AIDS), eza kubanjelwa kwiZiko leeNgqugquthela laMazwe ngamazwe i-Inkosi Albert Luthuli eDurban ukusuka ngomhla wesi-18 ukuya kowama-22 kweyeKhaya ngowama-2016. Le nkomfa iza kusingathwa ngurhulumente kunye noMbutho weHlabathi we-AIDS.

UMzantsi Afrika ukulungele ukusingatha le nkomfa, eza kuthi ifake uchatha kwicandelo lezokhenketho, amashishini amancinci, aphakathi namancinane kunye necandelo labarhwebi abathengisela ezitalatweni.

Le nkomfa iza kunika eli lizwe ithuba elihle lokuba liqhayise ngemisebenzi emihle nencomekayo eliyenzileyo ukulwa ne-AIDS kunye neNtsholongwane yayo (i-HIV). Le nkomfa ibaluleke kakhulu nakwihlabathi liphela kuba iza kuzinyaswa ngabathunywa abaphakathi kwama-18 000 nama-20 000 abaphuma kumazwe ali-18. Ziza kuthatha inxaxheba iinkokeli zehlabathi eziphuma koorhulumente, kwezopolitiko, kwicandelo lezoshishino, kwimibutho yoluntu, amahlakani ezophuhliso kunye nakumaziko emfundo ephakamileyo.

Intlanganiso elandelayo ye-IMC iza kubanjelwa eDurban kwaye iza kuquka ukuya kuhlola amaziko nezixhobo eziza kusetyenziswa. Kuza kubanjwa intlanganiso ekhethekileyo noonondaba ngoMvulo, umhla we-13 kweyeSilimela ngowama-2016.

4.2. UMongameli Zuma uza kuqhuba ngephulo likaMongameli iSiyahlola eKwaggafonteni eMpumalanga ngoLwesihlanu, umhla we-10 kweyeSilimela ngowama-2016.

Isigqibo sokuya kule ndawo silandela isicelo esenziwa ngabemi boMzantsi afrika ngethuba uMongameli wayehamba-hamba ethetha nabantu eMarabastad ePitoli ngeyoMdumba ngowama-2016, apho abakhweli baye baphakamisa umba wemingeni yohanjiso lweenkonzo eKwaggafontein.

INkqubo kaMongameli iSiyahlola inika uMongameli Zuma kunye nezinye iinkokeli zikarhulumente ithuba lokuzibonela ngokwabo izinto eziyimpumelelo neziyimingeni kulo mmandla. UMongameli uza kusebenziswa eli thuba ukuba asabele kwimingeni abajongene nayo abahlali boMasipala weNgingqi iThembisile Hani.

5. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba engundoqo egqubayo

5.1. Sivuyisana kwaye sidlulisa neminqweno emihle kwaba balandelayo:
a. UDavid Gatebe kunye noCharné Bosman ngokuphumelela umdyaro weembaleki, i-Comrades Marathon yowama-2016. UGatebe uphumelele kwicandelo labangamadoda waze uBosman waphumelela kwelabasetyhini. UGatebe ube yimbaleki eyindoda yokuqala ukubaleka ixesha eliziyure ezintlanu nemizuzu eli-18 xa lo mdyarho uqale kwicala lasePietermaritzburg.
b. Ukwaziswa kokuba umzi-mveliso weVolkswagen Group South Africa's (i-VWSA) eTinarha eMpuma Koloni ngumzi-mveliso ophambili ngowama-2015 kuyo yonke imizi-mveliso ye-VW ehlabathini. I-VWSA ifumene amanqaku ali-113.2% phakathi kwemizi-mveliso eli-13 kwihlabathi liphela.
c. Abacimi-mlilo baseMzantsi Afrika abangama-301 abaphuma kwiNkqubo yokuSebenza ngoMlilo yeSebe lezeNdalo, abebeye eCanada, ukuya kuncedisa eliya lizwe ebelixakene nomlilo wamadlelo onesithuba senyanga usitsha. IKhabhinethi ibanqwenelela okuhle kodwa nokuba babuye bengenawo nomkrwelo. 
d. Ukwambeswa ngeWonga lokuGqibelela koMphathiswa uDerek Hanekom, elilona wonga liphezulu ilizwe laseGermany elilinika umntu ngenxa yomsebenzi wakhe ogqibeleleyo kwezopolitiko, ezoqoqosho, ezentlalo nakwezobukrelekrele bengqondo. Eli wonga linikwe uMphathiswa uHanekom ngenxa yegalelo lakhe kwintsebenziswano phakathi koMzantsi Afrika neGermenay ngethuba enguMphathiswa wezeNzululwazi nobuChwepheshe. 
e. Abantu benkolo yobuSilamsi ukuba babe neRamadan esikelelekileyo.

5.2. Sidlulisa amazwi ovelwano kwaba balandelayo:
a. Abantu baseSahrawi ngokushiywa nguMongameli Mohamed Abdelaziz.
b. Kusapho lakwaBrowde ngokusweleka kuka-Advocate Jules Browde SC owamela amawaka abantu ababekhutshwa ngesixhanti kumakhaya abo phantsi koMthetho wokwaHlula Abantu ngokweBala ngethuba urhulumente wocalucalo esakhonya. U-Advocate Browde wamela ezinkundleni amatshantliziyo ayechasane nocalucalulo, kuquka ooMongameli bangaPhambili be-African National Congress uNelson Mandela no-Oliver Tambo. Wayekwangomnye wabo baseka umbutho wamaGqwetha amaLungelo oLuntu.
c. Usapho, abahlobo kunye namabandla ezenkolo ngokusweleka kukaMfundisi uGq Simon Gqubule. Ebeyenye yeenkokeli eziphambili zezenkolo kweli lizwe. Ebekwangumhlohli kumaziko emfundo ephakamileyo kunye negqala lomzabalazo wenkululeko. UGq Gqubule wawongwa nge-Order of Luthuli iSilivere, ngomhla wama-28 kwekaTshazimpunzi nguMongameli, ngenxa yegalelo lakhe elibalaseleyo kumzabalazo wenkululeko nakwezemfundo nezenkolo.
d. Usapho nabahlobo begqala lomdlali wemiboniso bhanya-bhanya nomlawuli uNyembezi Kunene, othe wahlulwa kukufa emva kwengulo ende. UKunene ube ngumdlali wemiboniso bhanya-bhanya obalaseleyo ixesha elide kwaye wanegalelo elimandla kumaphulo okuphucala icandelo lemiboniso bhanya-bhanya yeli lizwe.
e. Usapho nabahlobo balowo wayesaya kuba ngumqeqeshi waBafana Bafana uTed Dumitru, nowayengumqeqeshi ophambili kwiKaizer Chiefs, iMamelodi Sundowns kunye ne-Orlando Pirates. Wayekhe waqeqesha neBafana Bafana kwimidlalo yeNdebe yaMazwe ase-Afrika yowama-2006.
f. Usapho, abahlobo nabantu baseNigeria ngokusweleka komakhwekhwetha webhola ekhatywayo waseNigeria uStephen Keshi. Waphumela iNdebe yaMazwe ase-Afrika njengomdlali nanjengomqeqeshi, kwaye wabanegalelo elikhulu kwibhola ekhatywayo kwi-Afrika nehlabathi liphela.
g. Nathi, njengehlabathi, sigxwala emswaneni kwaye sivakalisa umothuko nentlungu ngokusweleka kowasekuba yintshatsheli yodidi lwabanzima kwezamanqindi nosaziwayo kwezemidlalo kwihlabathi liphela uMuhammad Ali. U-Ali wayengumzekelo ongenasiphako kubantu abaninzi kwihlabathi liphela kwaye wasebenzisa udumo lwegama lakhe ukulwela amalungelo oluntu, ubulungisa kunye nolingwano.

6. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo

6.1. INgxowa-mali yeSizwe yokuXhobisa ngezoQoqosho (i-NEF):
UNksz Philisiwe Mthethwa uqeshiwe kwakhona njengeGosa eliPhezulu lesiGqeba (i-CEO).
6.2. I-Arhente yokuPhuhliswa kwamaShishini Asakhasayo (i-SEDA):
UNksz Nondumiso Mandisa Tshikwatamba njenge-CEO.
6.3. I-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo noMhlala-phantsi yaseMzantsi Afrika (i-SASSA):
UMnu Thokozani William Magwaza njenge-CEO.
6.4. ISebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba:
UMnu Michael Mlengana njengoMlawuli-Jikelele (i-DG).

Imibuzo: UNksz Nebo Legoabe (I-DG eliBambela le-GCIS)
Iselula: 082 453 2874

Share this page

Similar categories to explore