Intethoo yeNtlanganiso yeKhabinethi yomhla wama-24 kuCanzibe kowama-2017

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso ngoLwesithathu, umhla wama-24 kuCanzibe kowama-2017, eTuynhuys, eKapa.

1. Imiba engundaba-mlonyeni

1.1. IKhabhinethi ixhalabile ziziganeko ezifuna ukuthatha unyawo zoxhatshazo kunye nobundlobongela obujoliswe kwabasetyhini kweli lizwe. Iziganeko zakutsha nje ziquka ubundlobongela obenziwa zizinqanda-mathe ezithe zakhokelela ekubeni abantu basetyhini abaninzi babonakalise isibindi nokungoyiki ngokuthi bathethe phandle bekhalimela ukunyhashwa kwamalungelo abo.
 
1.2. IKhabhinethi iyavuma ukuba njengelizwe siyaqhubeleka nokuba sisizwe esilawulwa ngogonyamelo labantu abangamadoda kangangokuba iyakubethelela ukuba kuninzi ekufuneka kwenziwe ukulwa umkhuba wokubulawa ngolunya kwabantu basetyhini kunye nokurhweba ngabantu.

1.3. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuwo onke amacandelo kweli lizwe ukuba abambisane kuliwe nalo mkhwa mbi kangaka, azikhabe zonke iintlobo zobundlobongela ezenziwa kwabasetyhini nabantwana, nokuba asebenzisane namapolisa kunye necandelo leenkundla ukuze bonke abenzi bobubi badityaniswa nomthetho.

1.4. UMongameli uJacob Zuma umemelele ukuba mawuphele lo mkhuba uqhubekekayo wokuxhatshazwa kwabantu basetyhini nabantwana. IKhabhinethi iyalele iNtlanganisela yoKhuseleko ekuHlaleni, uPhuhliso loLuntu naBantu ukuba imisele inkqubo yokusebenza eza kuba sisikhokelo esiza kunceda isizwe kwidabi lokulwa ukuxhatshazwa kwabasetyhini nabantwana.

1.5. IKhabhinethi iyazamkela iziphumo zoPhando loMzantsi Afrika lowama-2016 leNani laBantu nezeMpilo liziko lezeNkcukacha-mani loMzantsi Afrika (i-Stats SA), eliphonononga imeko yempilo yabemi boMzantsi Afrika, kunye nomgangatho kunye nenani labantu abaxhamlayo kwiinkqubo zezempilo.

Olu phando, phakathi kwezinye izinto, lunike ingxelo ezichaza ukuba inani labantwana abaswelekayo lihle ngama-20% nokuba elabantu basetyhini namadoda abatshaya icuba lona lihle nge-11%.

Ezi ziphumo zibonakalisa ukuba imigaqo-nkqubo emiselwe ngulo mbuso uphantsi kukaMongameli Zuma iza neziphumo ezincumisayo.

Noko kunjalo, iKhabhinethi ixhalabile linani labemi beli ababelana ngesondo namaqabane amaninzi ahlukeneyo bengasebenzisi zikhuseli. Abantu basetyhini abangama-32% kunye nabangamadoda abangama-42% bathe zange baye kuhlolela iNtsholongwana kaGawulayo (i-HIV) nangoku sele kukho amaphulo amaninzi karhulumente okufundisa abantu malunga nokubaluleka kokuvavanyelwa i-HIV.

IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba bayazi into yokuba impilo yabo kunye nobomi babo busezandleni zabo, nokuba mabasebenzise izikhuseli xa besabelana ngesondo futhi bazihlole i-HIV kunye nazo zonke ezinye izifo ezosulelayo nezingosuleliyo.

1.6. IKhabhinethi icela abazali nabagcini-bantwana ukuba baqinisekise ukuba abantwana babo bazigonyelwe izifo zabantwana. IKhabhinethi isazimisele ukuqinisekisa ukuba bayagonywa ukuze kuliwe izifo ezosulelayo eziyingozi. IKhabhinethi iqinisekisa abazali kunye nabagcini-bantwana ukuba amayeza akhutshwa liSebe lezeMpilo awanabungozi.

1.7. IKhabhinethi iyasamkela isigaba sokuqala sokuhlaziywa kweMizi-mveliso yaseVulindlela Heights eMthatha eMpuma Koloni. Oku kuyinxalenye yeNkqubo yesizwe yokuHlaziya imiMandla yeMizi-mveliso. Lo msebenzi ngowesibini eMpuma Koloni futhi lo mmandla wemizi-mveliso ngomnye wemithandathu evuselelwayo kweli lizwe.

Urhulumente uhlaziya imimandla yemizi-mveliso ukuze kudaleke imisebenzi futhi kubekho nohlumo oluxhanyulwa ngumntu wonke. Ukususwa kwemizi-mveliso norhwebo ezidolophini nako kuyinxalenye yamalinge karhulumente okuzisa iinguqo zezoqoqosho.

Iinkcukacha malunga nokuba ubani angawasebenzisa njani amathuba akhoyo kule mimandla yemizi-mveliso, ukufumana inkxaso karhulumente kunye neenkqubo zezibonelelo zikarhulumente, kunye namathuba otyalo-malo kumacandelo ahlukeneyo ziyafumaneka kule webhusayithi: www.thedti.gov.za okanye ngokutsalela umnxeba kwiZiko lemiBuzo leSebe lezoRhwebo noShishino (i-dti) kule nombolo: 0861 843 384.

1.8. IKhabhinethi ivile futhi idanisiwe sisigqibo sika-General Motors South Africa (GMSA) (Pty) Ltd sokuyeka ukwenza kunye nokuthengisa iimoto zakwa-Chevrolet kweli lizwe.
Oku kuzindaba ezimbi ngenene kuqoqosho lweli kwakunye nabo baza kuphulukana nemisebenzi.

Urhulumente nangoku usazimisele ukuxhasa icandelo lezeemoto, elilicandelo elibaluleke kakhulu kuqoqosho lweli kunye nakumalinge okudala imisebenzi.

I-dti iyaqhubeleka nokusebenzisana nawo onke amahlakani ukuba enze iinzame zokuphungula umonkalo oza kwenziwa koku. Ukunyusa izinga lokuvelisa, ukudala imisebenzi nokunyusa umthamo wempahla zorhwebo ezithunyelwa kumazwe angaphandle, siphehlelele isigaba sesithoba sesiCwangciso sokuSebenza soMgaqo-nkqubo wezoShishino (i-IPAP) ukuze sibe sisikhokelo sethu.

IKhabhinethi ikuqaphele ukuba inkampani yakwa-Isuzu, ebikade isebenzisana no-GMSA iminyaka emininzi eMzantsi Afrika, yiyo ngoku eza kungena endaweni ka-GMSA.

1.9. IKhabhinethi iwuqaphela umba wembalela ethathe unyawo eNtshona Koloni naseMpuma Koloni. IKhabhinethi icela uluntu ukuba nalo luncedise kwiinkqubo eziqaliswe ngala maphondo zokunciphisa indlela amanzi ankinkishwa ngayo.

Iqela elakhiwe ngamagosa aphuma kwiSebe lezaManzi noGutyulo, kunye neKomiti yeSizwe yoLawulo lweeNtlekele lisebenzisana namaphondo kunye noomasipala, lifakana imilomo ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba izisombululo ezikhawulezileyo nezexesha elide ziyakhawuleziswa ukuze kuqinisekiswe ukuba kukho amanzi aneleyo kula maphondo aza kusetyenziswa ixesha elide.

IKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika kuquka nabantu emakhaya, kwicandelo lezoshishino, elezemigodi, elezamandla kunye nelezolimo ukuba basebenzisane futhi basebenzise amanzi ngononophelo.

1.10. IKhabhinethi iyakwamkela ukukhutshwa koxwebhu ekuza kuxoxwa phezu kwalo lesiCwangciso-qhinga sokuLwa noRhwaphilizo, eliza kusetyenziswa njengesikhokelo sesiCwangciso-qhinga seSizwe sokuLwa noRhwaphilizo.

IKhabhinethi icela uluntu ukuba luhlomle luvakalise izimvo zalo ngolu xwebhu ngokuthumela ezo zimvo kwiwebhusayithi yeSebe lezokuCwangcisa, ukuHlola nokuVavanya ethi: www.dpme.gov.za.

Idabi lokulwa urhwaphilizo lusengumba ophambili kurhulumente. Urhwaphilizo nokungathenjwa kwabasemagunyeni kurhulumente nakwicandelo lamashishini kuneziphumo ezibi kuphuhliso lwelizwe.
1.11. IKhabhinethi ivakalise ukuxhalaba sisenzo sakutshanje sobukrelemqa kweze-intanethi kwihlabathi, esichazwe njengesona senzo sobukrelemqa kweze-intanethi esakhe sasikhulu ezimbalini.

IKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba balumke kangangoko xa besebenzisa ubuxhaka-xhaka beteknoloji xa benxibelelana okanye bethumela, bekhupha okanye befakelwa imali. Abantu bayakhuthazwa ukuba basebenzise iinkqubo zekhompyutha ezinesakhono esihlaziywa rhoqo sokulwa nezinye iinkqubo zekhompyutha ezinjongo yazo ikukuba nokutshabalalisa ulwazi olukwikhompyutha.

1.12. IKhabhinethi ixhalatyisiwe zizinto ezenzeka kwa-Eskom. IKhabhinethi iyakuqonda ukuba umba wokuqeshwa kwakhona kukaMnu Brian Molefe njengeGosa eliPhezulu lesiGqeba (i-CEO) usezinkundleni zamatyala nasePalamente ke ngoko ayizikuphazamisana neenkqubo zala macandelo karhulumente.

Noko kunjalo, uMongameli umisele iKomiti yaBaphathiswa (i-IMC) eyakhiwe nguMphathiswa wamaShishini kaRhulumente, owezaMandla, owezeMali kunye nowezobuLungisa neeNkonzo zoLuleko.

Le IMC inikwe umsebenzi wokuqokelela iinkcukacha eziza kunceda iKhabhinethi ukuba ikwazi ukusombulula nokuphendula imiba efana nale kwixa elizayo. Umququzeleli wale IMC nguMphathiswa wezobuLungisa neeNkonzo zoLuleko uMichael Masutha.

2. Izigqibo zekhabhinethi

2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa ngowama-2017 koMqulu oHlaziyiweyo wezoPhuhliso oluBanzi lwabaMnyama kwezoQoqosho wecandelo lezeMigodi neziMbiwa loMzantsi Afrika.

UMphathiswa wemiThombo yeziMbiwa uza kunika amagqabantshintshi wakuba lo mqulu upapashiwe kwigazethi.

2.2. IKhabhinethi isivumile isiCwangciso seSizwe saMaz’omoya ezoNxibelelwano sowama-2017 esamkelwe liSebe leziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi.  Lo mthamo wamaza omoya eli lizwe liwabelwe kwiNkomfa yeHlabathi yezoNxibelelwano ngaMaz’omoya uza kudlala indima enkulu kuhlumo loqoqosho loMzantsi Afrika.

IsiCwangciso seSizwe saMaz’omoya ezoNxibelelwano sowama-2017 sisikhokelo esityebileyo esicacisa indlela amaza omoya abiwe ngayo esabelwa iinkonzo ezahlukeneyo ezisebenzisa amaza omoya kwezonxibelwano.

IsiCwangciso seSizwe saMaz’omoya ezoNxibelelwano sowama-2017 siza kuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika uthobela iMithetho yeHlabathi yezaMaz’omoya eyamkelwa kwinkomfa yowama-2015 yoMfelandawonye weHlabathi weziSeko zoNxibelelwano.

2.3. IKhabhinethi isamkele isiCwangciso-qhinga soKhuseleko kwiMijelokazi neMilambo Emikhulu. Esi sicwangciso-qhinga, ngokusebenzisa iQumrhu loMzantsi Afrika lezoKhuseleko eManzini, simisela imigangatho kwaye siphucula iinkqubo zokunika amaphepha-mvume kunye neelayisenisi kumaphenyane asebenza kule milambo mikhulu nemijelokazo.

Oku kuza kuqinisekisa ukuba la maphenyana asebenza kule milambo mikhulu nemijelokazi akhuselekile.

2.4. IKhabhinethi isivumile isiCwangciso-qhinga sokuHambisa imiThwalo eziNdleleni. Esi sicwangciso-qhinga silungiselelwe ukubhala imithetho ehlanginisiweyo kunye nesicwangciso sokusebenza, into leyo eza kubangela ukuba uMzantsi Afrika ukwazi ukufikelela kumgangatho wehlabathi ophezulu kwezokuhanjiswa kwemithwalo ezindleleni.

Iziphakamiso ezi kwesi sicwangciso-qhinga ziza kuphucula indlela imithetho enyanzeliswa ngayo, zikhuthaze ukhuseleko ezindleni, zikhokelise phambili ukukhuselwa kweziseko ezingundoqo, kuphungulwe umonakalo kwindalo, zidale isicwangciso esihlangeneyo sokhuphiswano olusekelwe kwiimveliso neenkonzo ezisemgangathweni icandelo lezohanjiso lweempahla ezindleleni eliza kulusebenzisa ukuze lizalisekise izidingo zoqoqosho loMzantsi Afrika.

2.5. IKhabhinethi ilwamkele uhlobo lwengqekembe olwenziwe yi-South African Mint Company lweengqekembe zowama-2017 nowama-2018 ezisisikhumbuzo neziza kusetyenziswa luluntu.

Ngokusebenzisana neKhabhinethi, olu hlobo lutsha lweengqekembe lwenzelwe ukuphawula inkcubeko, inkululeko nolawulo lwentando yesininzi phantsi komxholo othi: “Ukubhiyozela uMzantsi Afrika”. Isikhumbuzo seminyaka elikhulu sokuzalwa kweGqala loMzabalazo u-Oliver Reginald Tambo sakhethwa njengomba ekuza kusekelwa phezu kwawo xa kuzotywa ezi ngqekembe.

Ukuqaliswa kwengqekembe ye-R50 entsha (i-1oz, nesilivere ye-sterling), ingqekembe ye-R500 (i-1oz, negolide eneekharathi ezingama-24) kunye nengqekembe ye-R50 (eyenziwe ngesinyithi) zokubhiyozela iminyaka elikhulu yokuzalwa kuka-OR Tambo.

2.5.1. Zenziwe iintlobo zengqekembe zezi ngqekembe zesikhumbuzo zilandelayo zowama-2017 nowama-2018:

a. Iingqekembe zowama-2017: Umbhiyozo wemiNyaka eliKhulu ka-Oliver Reginald Tambo;
b. Iingqekembe zowama-2017 eziza kusetyenziswa: ingqekembe ye-R5 ebonisa imbasa i-Order of the Companions of OR Tambo;
c. Iingqekembe ze-Protea zowama-2017: Ubomi beSithwalandwe – uNelson Mandela;
d. Iingqekembe ze-R1 zowama-2017: Izirhubuluzi zoMzantsi Afrika - Irhamba;
e. Iingqekembe zowama-2018 zaBantu neBhayosfiye zoMbutho we-UN wezeMfundo, ezeNzululwazi nezeNkcubeko: UMyezo weBhayosfiye waseWaterberg;
f. Iingqekembe zowama-2018: i-National Geographic Society ‘iPhulo leziLwanyana eziziKati zaseNdle eziNkulu - Ingonyama;
g. Ingqekembe yowama-2018: i-2018 FIFA World Cup RussiaTM.

3. Imisitho ezayo

3.1. IKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bayixhase iVeki yokuKhuselwa kwaBantwana eza kuqala ngomhla wama-28 kuCanzibe iphele ngomhla wesi-4 kweyeSilimela phantsi komxholo othi: “Sonke masikhusele abantwana ukuze siqhubele uMzantsi Afrika phambili”. Umba wokukhuselwa kwabantwana ngumsebenzi noxanduva lwabemi boMzantsi Afrika, abazali, abagcini-bantwana, abantu kunye noluntu.

Njengesizwe sinoxanduva lokwenza konke esinakho ukwenza ukuze siqinisekise ukuba abantu abasemngciphekweni wokuba ngamaxhoba okuxhatshazwa kwesi sizwe abaxhatshazwa baphathwe kakubi. Kusezandleni zethu ukuba siphelise umkhuba oxakileyo wokungakhathalelwa, ukuxhatshazwa, ubundlobongela nokuphathwa kakubi kwabantwana.

IKhabhinethi icela ukuba bonke abantu kweli lizwe badale iimeko ezikhuselekileyo nezifanelekileyo zokunceda abantwana bakhule, bantingele ezinkwenkwezini.

3.2. Kule mibhiyozo yeminyaka elikhulu yokuzalwa kuka-OR Tambo, uMzantsi Afrika uza kubhiyozela iNyanga yoLutsha ngeyeSilimela yowama-2017 phantsi komxholo othi: “UNyaka ka-OR Tambo: Ukuqhubela Phambili Indima Edlalwa Lulutsha kuQoqosho.”

Ngale nyanga, urhulumente uza kubamba iindibano eziliqela, eziquka imiboniso engezolutsha, iindibano zokubonisana kunye neengqungquthela ezingendima yolutsha kwezoshishino ukuze kucaciswe ngamathuba akhoyo okunceda abantu abatsha, futhi nokubakhuthaza ukuba bafunde iimpawu zobunkokeli ezibonakalisa nezixabise imfundo, izakhono ezo u-OR Tambo naye awayesimelele ngazo.

IKhabhinethi ikhuthaza bonke abantu abatsha ukuba bazisebenzise iinkqubo zoncedo nezemfundo eziqulunqwe ngurhulumente ukulungisela bona ukuze kuphuculwe izakhono zabo ukuze amathuba abo okuthatha inxaxheba evakalayo kuqoqosho abe mahle.

3.3. IKhabinethi icela bonke abaqeshi ukuba bafake isandla kwiphulo elibizwa i-Take a girl child to work ngomhla wama-25 nowama-26 kuCanzibe. Injongo yeli phulo kukunika abantwana abangamantombazana abafunda kwiBanga le-10 nele-12 ithuba lokuba bazibonele ngokwabo iintlobo zamakhondo ezahlukeneyo.

3.4. UMongameli Zuma ngoLwesine, umhla wama-25 kuCanzibe wowama-2017, uza kubamba umsitho wokubhiyozela uSuku lwesizwe lwe-Afrika eSefako Makgatho Presidential Guesthouse ePitoli. Lo msitho uza kube uluvuthondaba lwemibhiyozo neenkqubo eziphawula iNyanga ye-Afrika phantsi komxholo othi: “UNyaka ka-OR Tambo: Ukwakha i-Afrika eNgcono kunye neHlabathi eliNgcono”. Lo mbhiyozo woSuku lwe-Afrika ubanjwa rhoqo ngonyaka uphawula ukusungulwa koMbutho weMbumba ye-Afrika (i-OAU) ngowe-1963.

Xa siqukumbela le Nyanga ye-Afrika, iKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba babambisane namanye ama-Afrika ahlala apha eMzantsi Afrika nabo bakwamanye amazwe kweli lizwekwazi ukuze kuqinisekiswe ukuba lo mmandla wethu kunye ne-Afrika iphela inekamva eliqaqambileyo nelizele amathamsanqa.

Kubalulekile nokuba bonke abo bahlala ngaphakathi kwemida yeli, oko kukuthi abemi boMzantsi Afrika kunye nabanye abantu bamazwe angaphadle abakweli, bayihloniphe futhi bayithobele imithetho yeli lizwe. Sisonke masilwe isihelegu sokurhweba ngabantu, ukuthinjwa kunye nokuxhatshazwa kwabasetyhini nabantwana.

4. Amazwi okuvuyisana

4.1. IKhabhinethi ilothulela umnqwazi iqela leengcungela zoogqirha  leDyunivesiti yaseStellebosch kunye ne-Tygerberg Academic Hospital eliquka uNjing Andre van der Merwe, uGq Alexander Zuhlke, uNjing Rafique Moosa, uGq Amir Zarrabi  kunye noGq Zamira Keyser.

Basandula ukwenza utyando nofakelo lwelungu lobudoda lwesibini, into leyo eyenze esi yasisibhedlela sokuqala ehlabathini ukwenza olu qhaqho-tyando ngempumelelo izihlandlo ezibini.

Ukwenza lo msebenzi ungaka ngempumelelo usenziwa zingcali zoqhaqho-tyando zeli kububungqina bokuba ngenene icandelo lezempilo loMzantsi Afrika kumaziko karhulumente lineengcaphephe ezingoompondo-zihlanjiwe ezikumgangatho wehlabathi.

4.2. IKhabhinethi ithumele amazwi okuvuyisana kwi-iSimangaliso Wetland Park ngokufumana iMbasa yokuGqwesa kwezoPhicotho-zincwadi kumsitho we-South African Institute of Chartered Accountants (i-SAICA) weeMbasa zokuGqwesa kuRhulumente ekuqaleni kule nyanga.

Le mbasa bawongwe ngayo ngokuba befumene iziphumo zophicotho-ncwadi ezingenachaphaza nezingabonisi nasikhwasilimo iminyaka emihlanu ilandelelana. Umyezo iSimangaliso Wetland Park wabhengezwa njengeSiza esiliLifa seHlabathi sokuqala soMzantsi Afrika ngeyoMnga ngowama-1999.

4.3. IKhabhinethi iyavuyisana nenkqubo yokuSebenza ngoMlilo ngokufumana imbasa kuRhulumente wePhondo lase-Alberta eCanada ngoncedo lwayo kumsebenzi omkhulu wocimo-mlilo kweliya Phondo ngowama-2016. Inkqubo yokuSebenza ngoMlilo yinxalenye yeNkqubo eNatyisiweyo yeMisebenzi kaRhulumente (i-EPWP) enjongo zayo ikukunika amathuba emisebenzi kubantu abatsha basetyhini nabangamadoda.

5. Amazwi ovelwano

5.1. IKhabhinethi nayo njengoMongameli Zuma kunye nehlabathi jikelele ilugxeka kabukhali uhlaselo lobunqolobi olwenziwe eManchester Arena eManchester e-England, elikhokelele kwintlungu yokusweleka nokonzakala kwabantu abatsha nabantwana abaninzi.

IKhabhinethi ithi tutwini kurhulumente nakubantu base-United Kingdom, ingakumbi iintsapho, izizalwane nezalamane zabo bathe baphulukana nobomi babo, kwaye inqwenelela abo bathe bafumana umonzakalo ukuba bachache ngokukhawuleza. Izenzo zobundlobongela nobunqolobi obugqithisileyo azamkelekanga kwaphela kwaye ziphazamisa uxolo, ukhuselo nophuhliso. 

Imibuzo:
UNksz Phumla Williams (uMlawuli-Jikelele oliBambela (we-GCIS)
Inombolo yomnxeba:
083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore