Intetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yangomhla we-17 kweyoMdumba ngowe- 2016

1. Ukuphunyezwa kweenkqubo zikarhulumente ezingundoqo

1.1. IKhabhinethi iyamkele iNtetho engoBume beSizwe kaMongameli Jacob Zuma ayenze ngoLwesine umhla we-11 kweyoMdumba. Le ntetho ibonise indlela mayelana nokusebenza kwenkqubo karhulumente yokungena endimeni.  UMongameli umemelele urhulumente, abasebenzi namashishini ukuba basebenze ngokubambisana ukuze bafumane izisombululo eziza kunceda ekukhuliseni uqoqosho ngokuzingileyo.  IKhabhinethi iyawaxhasa amanyathelo okuthoba inkcitho, manyathelo lawo aza kwaziswa nguMphathiswa wezeMali ngomhla wama-24 kweyoMdumba.  

INtetho yoHlahlo Lwabiwo-malii lowama-2016/17 iza kuphinda ibonise indlela yokwabiwa  kwamancedo ngokweenkqubo ngeenkqubo  zikarhulumente, ngokokugxinisisa kukaMongameli.

1.2. IKhabhinethi iyamkele iNgqungquthela yezeMigodi ebibanjelwe ngempumelelo eKapa  ngomhla we-8 ukuya kowe-11 kweyoMdumba. Abameli abaphambili becandelo lezemigodi noorhululumente abaninzi base-Afrika babelana ngeembono zabo malunga nendlela eli candelo elingaluqhuba ngayo utyalo-mali lixhamle nakumathuba akhoyo e-Afrika. IKhabhinethi ikuqhwabele izandla ukuzinikela korhulumente waseJapan ekunyuseni utyalo-mali lwayo eMzantsi Afrika.

IKhabhinethi iphinde yaqinisekisa ukuzinikela kwayo kwicandelo lezemigodi elizinzileyo neliphumelelayo. IsiCwangciso-sikhokelo sesiVumelwano seCandelo lezeMigodi eliZinzileyo sixhasa icandelo lezemigodi kule meko inzima igqubayo. IKhabhinethi isoloko inika ingcaciso kunye nesiqinisekiso ngemithetho elawula ezemigodi kwaye iza kuqinisekisa ukuqukunjelwa koMthetho osaYilwayo woPhuhliso lweziMbiwa nePetroliyam osePalamente kungoku nje.
 
2. Izigqibo ezingundoqo zeKhabhinethi

2.1. IKhabhinethi iwuvumile uMgaqo-nkqubo wokugqibela weSizwe wokuNgcakaza ojongene nemingeni ethintela ukusebenza kakuhle koMthetho weSizwe wezokuNgcakaza, wowama-2004 (uMthetho uNombolo 7 wowama-2007). Lo mgaqo-nkqubo sele kuboniswene ngawo noluntu. Lo mgaqo-nkqubo uza nezilungiso kwimithetho elawula iibhodi zokungcakaza, kwaye iqinisa imiqathango yolawulo ukuze kuhle ukusetyenziswa kakubi kokungcakaza. Usebenza kwiikhasino, kwi-bingo, koomatshini bokungcakaza abangahlawuli kakhulu nasekubhejeni emidyharhweni yamahashe. Lo mgaqo-nkqubo uza kutshintsha iBhodi yeSizwe yezokuNgcakaza,  ijike ibe nguMlawuli weSizwe wezokuNgcakaza oza kuba phantsi kweSebe lezoRhwebo noShishino.

2.2. IKhabhinethi ivume ukuba iNgxelo engokuPhononongwa kweYona miNyaka iVumelekileyo ukuba uBani angaBekwa iTyala loLwaphulo-mthetho ingeniswe ePalamente ngokommiselo woMthetho wezoBulungisa baBantwana, wowama-2008 (uMthetho uNombolo 75 wowama-2008). Le ngxelo ikhuthaza ukuba ilizwe eli lamkele izinyanzeliso zamazwe ngamazwe nezeengingqi malunga neyona minyaka mincinci ivumelekileyo yabantwana abanokuthi baphule ngayo umthetho.

2.3. IKhabhinethi ivume ukupapashwa kwiphephandaba lombuso kweZiza zokuPhuhliswa kwaMandla aHlaziyekayo (i-REDZ). Ezi ziza ziza kucwangcisa iinkqubo zokumisela imithetho, zichonge iindawo apho ubuxhakaxhaka bobuchwepheshe bomoya nelanga be-photovoltaic bungakhuthazwa khona nalapho bungalawulwa khona.

Ezi REDZ ziza kuqinisekisa ukutshintshela kuqoqosho olusebenzisa ikharbon ephantsi, zikhawulezise uphuhliso lweziseko ezingundoqo, kwaye zibe negalelo kwimithetho evakalayo necacileyo eza kuphugula ubucukubhede  obuhambelana nexabiso lokuthobela..

2.4. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngeziphumo zowama-2014 zeNgxelo yoMzantsi Afrika yeziKhombisi zeNzululwazi, ubuChwephweshe nobuChule bokuYila yeBhunga leSizwe leeNgcebiso ngezokuYila. Le yingxelo yezinto ezenzekayo ekusebenzeni kweNkqubo yeSizwe yezokuYila (i-NSI). Ihlola ukwenza umsebenzi negalelo le-NSI kwizinto eziphambili ezingundoqo kwisiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP).

2.5. IKhabhinethi ivume ukusetyenziswa kwamagosa karhulumente adla umhlalaphantsi nalowo asaqeshiweyo njengabahlohli kwisiKolo sikaZwelonke sikaRhulumente (i-NSG).

I-NSG yaqala ukusebenza ngowama-2013, sithatha indawo yeZiko lokuQeqesha ubuNkokeli noLawulo  (i-PALAMA), kwaye sigunyaziswe ukuba sikhuthaze ukuphuhla okuphucukileyo kwezinto ezingundoqo nemithetho-siseko elawula ulawulo lwamagosa karhulumente kwaye sibe semgangathweni, sibe nefuthe ekuphuhliseni izakhono zabasebenzi kumaziko.

Eli linge liza kukhe livavanywe kuqala nokusebenza kweNKqubo esisiNyanzelo yoQhelaniso yabasebenzi bakarhulumente. Le nkqubo yenza abasebenzi bakarhulumente babe lulutho kwinkonzo karhulumente. Baza kwabelana ngamava abo, ubungcali, izakhono kunye nolwazi ukuze bacebise kwaye bancede abasebenzi bakarhulumente. Eli linge liza kuphinda liphucule kakuhle nangendlela eyonga inkcitho izinga leenkonzo esizinika uluntu.  

2.6. IKhabhinethi ivume iNgxelo yoMzantsi Afrika yesiGaba sesi-3 sokuGqibela engokuPhunyezwa koMbutho weNtsebenziswano noPhuhliso loQoqosho (i-OECD) (iSivumelwano esiChasana nokuNyoba. Le ngxelo iza kungeniswa  kwiQela eliSebenza ngokuNyoba.

Ingxelo le icacisa nenkqubela karhulumente ekungeneleleni kwakhe athintele ukunyotywa ngabamanye amazwe, ngokukubona, ukukuphanda nokubutshutshisa. Ingxelo ikwagqamisa nelinge lokuvula abantu amehlo ngolu lwaphulo-mthetho.

2.7. IKhabhinethi ivume ukuba iSebe lemiCimbi yezeKhaya (i-DHA) lihlelwe ngokutsha  libe phantsi kweNtlanganisela yezoBulungisa, uThintelo lolwaPhulo-mthetho noKhuseleko.   

I-DHA igunyaziswe ukuba ligcine irejista eluqilima, echanekileyo yokuba ngoobani, isithini imeko yabo, bonke abangaphakathi kwemida yeli lizwe, nto leyo encedisa kakhulu kweminye imisebenzi karhulumente. Isebe likwagunyaziswe ukuba liphathe inkqubo yemfuduko, enefuthe ngqo kukhuseleko lwesizwe, ukunamathelana koluntu nokuphumeleliswa kweenjongo zophuhliso.

Kwilixa elingaphambili, eli Sebe lalihlelwe njengelixhasa ngeenkonzo zolawulo linqumbene nezokuPhatha kunye nezoLawulo.

3. Imithetho esaYilwayo

3.1 IKhabhinethi ivume ukungeniswa ePalamente koMthetho osaYilwayo wokuKhusela, ukuKhuthaza, ukuPhuhlisa nokuLawula uLwazi lweMveli.

Lo mthetho osayilwayo injongo yawo kukukhusela, ukukhuthaza ukuphuhliswa nokulawulwa kweenkqubo zoLwazi lweMveli.

Ubonelela ngokusekwa nangemisebenzi yeofisi yeeNkqubo zeSizwe zoLwazi lweMveli, ulawulo lamalungelo abo banolwazi lwemveli, ukusekwa nemisebenzi yabantu aBacebisi malunga neenkqubo zolwazi lwemveli.

Ukwavumela ukufikelela kunye nemiqathango yokufikelela kulwazi ngabahlali bomthonyama nabendawo, ukusekwa kwenkqubo yesizwe yokurekhoda iinkqubo zolwazi  lwemveli, ukubhalisa, ukugunyazisa nokunikwa kweencwadi ezifaneleyo iincutshe zemveli, ukulungiselela nokulungelelanisa ulwazi lwemveli olungqiyame ngezinto ezintsha. Lo mthetho osayilwayo uza kufezekisa iSilungiso seMithetho yoLwazi olungoloMqambi walo kuphela we- 2013 (uMthetho wama-28 we- 2013).

IKhabhinethi ivume ukupapashwa kweSilungiso soMthetho osaYilwayo wokuBhaliswa kweeNcwadi zeZiqinisekiso zeMihlaba zowe-2015 ukuze uluntu luphefumle ngaso. Lo Mthetho osaYilwayo ulungisa uMthetho wokuBhaliswa kweeNcwadi zeZiqinisekiso zoMhlaba we-1937 (uMthetho wama- 47 we-1937) ukuze iofisi yezi ncwadi ibe yala maxesha asebenzisa ubuxhakaxhaka beinthanethi. Loo nto ijonga imiba yokhuseleko ngokubonelela ngokubhaliswa kwabo bancutsheza ngokususa umhlaba komnye umntu uye komnye njengabagunyaziswe ukusebenzisa le nkqubo yokubhaliswa kwemihlaba ngobuxhakaxhaka beinthanethi.

3.2 IKhabhinethi ivume ukungeniswa ePalamente koMthetho osaYilwayo weMpilo yeZityalo yowe-2015. Lo mthetho osayilwayo ulungelelanisa umthetho woMzantsi Afrika nezinyanzeliso kunye nemigangatho efaneleyo ukulungiselela urhwebo olukhuselekileyo nolungakhethi cala lamazwe ngamazwe ukuqinisa urhwebo lwasekhaya nolwamazwe ngamazwe lwezityalo neziveliso zezityalo.    Wakuba uphunyeziwe lo mthetho osayilwayo, uMzantsi Afrika uza kukwazi ukuthintela ukungena kwezitshabalalisi zasemazweni ezivalelweyo ngenxa yezifo ezibulalayo kwanezifo ezinokusasaza izitshabalalisi ezinobungozi nezifo zezityalo elizweni.   

3.3 IKhabhinethi ivume ukungeniswa ePalamente koMthetho osiSilungiso osaYilwayo weeNkundla zamaTyala we-2015.

Lo Mthetho osaYilwayo ulungisa uMthetho weeNkundla zeeMantyi we-1944 (uMthetho wama-32 we-1944) noMthetho osiSilungiso weeNkundla eziPhakamileyo we-2013 (uMthetho we-10 we-2013).

Ezi zilungiso zijonge ukwenza lula imeko yabakwelitayo abazifumana bengamaxhoba okuphathwa kakubi yinkqubo yokuqokelelwa kwamatyala kwiinkundla zemantyi. Zikwajonge nokulungiselela iprojekthi yeSebe lezoRhwebo noShishino yokuguzula iinkcukacha ezimbi zesikweliti somthengi. Lo Mthetho osaYilwayo ufuna ukulungisa amacandelo athile oMthetho weeNkundla zeeMantyi we-1994 (uMthetho wama-32 we-1994) ukuze ujongane nokuphathwa kakubi kwiziHlomelo zeMiyalelo yokuNyanzelisa ukuHlawulwa (i-EAO).  

Lo Mthetho osaYilwayo ujonge kwanokuphelisa izigwebo eziwiswa ngokungekuko, isikakhulu ngoomabhalane abangenaliso lamthetho, kumaxa amaninzi ngenxa yokungabi namava okanye ngokwenza igumgedle nabakwelitwayo, amagqwetha abo okanye abaqokeleli bezikweliti.  Lo Mthetho osaYilwayo uza kuqinisekisa ukuba abakwelitwayo bagwetyelwa ngendela ehambelana nomyalelo wokuhlawula ngezavenge okanye i-Emoluments Attachment Order ekwimida esemthethweni yokuhlawula ngezavenge.  

4. Imisitho ezayo

4.1 Impelaveki yokuqala yokubhaliswa kwabavoti bebhaliselwa uNyulo lowe-2016 loRhulumente waseKhaya iza kuba ngomhla we-5 ukuya kowe-6 kweyoKwindla kowe-2016. IKhabhinethi imemelela bonke abahlali boMzantsi Afrika ukuba baluxhamle kwaye baluzimase olu lawulo lwentando yesininzi olufumaneke nzima ngokuthi baphume balisebenzise ilungelo labo lolawulo lwentando yesininzi babhalise kwaye bavote kolu nyulo luzayo.

4.2 UMongameli Zuma uza kutyelela ngokwaseburhulumenteni e-Islamic Republic of Iran ukususela ngomhla wama- 28 ukuya kowama-29 kweyoMdumba ngowe- 2016.
Olu tyelelo luza kuqinisa ukunxibelelana okusoloko kuqhubeka kwezopolitiko noqoqosho ne-Iran kwaye luvuselele nobudlelwane phakathi kwamazwe aseZantsi kunye naseNtla kwe-Ikhweyitha.

NjengeNkumanda ePhezulu yoMbutho weSizwe wezoKhuselo woMzantsi Afrika (i-SAND), uMongameli Zuma uza kuphatha umcimbi woSuku lwecandelo loMkhosi lesihlanu. Kuza bhiyozwa eBhayi,eMpuma Koloni ngomhla wama-21 kweyoMdumba kowe-2016. Lo mbhiyozo owenziwa unyaka nonyaka ubonisa inkxaso nombulelo kumadoda namabhinqa oMkhosi weSizwe woKhuselo woMzantsi Afrika.

4.3 UMongameli Zuma uza kuthetha xa kuvulwa iNdlu yeSizwe yeeNkokheli zeMveli ePalamente eKapa ngomhla wama-26 kweyoMdumba kowe-2016. Ubudlelwane phakathi korhulumente neenkokheli zemveli bubaluleke kakhulu kuba zisebenzela ukuphucula ubomi babantu.

4.4 NgoMgqibelo umhla wama-20 kweyoMdumba kowe-2016, uSekela-Mongameli uCyril Ramaphosa uza kukhokhela igqiza laBaphathiswa ukuya kuMboniso kaMongameli woPhuhliso loLutsha eGrace Bible Church ePimville, eSoweto. Lo mboniso uxhaswa ngamasebe emiCimbi yaseKhaya, ezabaSebenzi, oPhuhliso loLuntu noKhuselo.

IKhabhinethi imemelela bonke abantu abatsha baloo ndawo ukuba baye kulo mboniso oza kubonelela ngolwazi lokuqhubela phambili ezifundweni,ukuqala amashishini abo okanye ukuncedwa ngamalinge karhulumente enkxaso.  

4.5 IKhabhinethi ivume ukubanjwa kweNdibano ye-Afrika engokuKhuselwa kwaBantu ngokweNdlela abaziBona, Abazichaza nabaZazi ngayo iSini sabi yiKhomishoni yoMzantsi Afrika yamaLungelo oLuntu ukususela ngomhla we-3 ukuya kowe-6 kweyoKwindla kowe-2016. Le semina iza kulungiselela uthethathethwano ukuze kubekho kuqondwe ngakumbi oyena nobangela ongundoqo wale mingeni nokuzibonakalisa kwayo ukuze kufumaneke izisombululo ezibonakalayo nezinto ezikhoyo okunokukhethwa kuzo nguRhulumente ukujongana nolu lwaphulo.

4.6 IKhabhinethi  inqwenelela impumelelo bonke abafundi ababhala iimviwo zabo zokuxabangela iBanga le-12.  Abafundi bakhuthazwa ukuxhamla iNkqubo esandula ukusungulwa enika abafundi umnyinyiva wesibini wokubhala iimviwo zebanga le-12. Ikho kuwo onke amaphondo kwaye inceda abafundi ezifundweni zabo ngezixhobo. Injongo yeli Thuba lesiBini lokuBhala iBanga le-12 kukunika abantu abatsha abangaliphumelelanga ibanga le-12  umnyinyiva wesibini wokupasa, ngaloo ndlela baphucule izinga lobomi babo. Iimviwo zokuxabangela ziyinxalenye yeNkquba yokuNika iThuba lesiBini lokuBhala iiMviwo zeBanga le-12 yesebe kwaye inceda abo bangaphumelelanga nabangafumananga ziqinisekiso, kodwa befuna ubuncinane izifundo ezibini ukuze babe bapasile. Ibanika ithuba lokwenza oko.

IKhabhinethi yamkela isibhengezo sikaMongameli samagama amalungu eKhomishoni yoPhando ngeMfundo ePhakamileyo. Imemelela bonke abanomdla nabachaphazelekayo kwiMfundo ePhakamileyo ukuba babe negalelo emsebenzini wekhomoshoni ukuze kufunyanwe isisombululo esiza kuhlala sihleli semingeni ejongene nayo iMfundo ePhakamileyo

5.1 Uluvo lweKhabhinethi malunga nemiba esematheni

UMphathiswa weSebe lemiThombo yeziMbiwa uMosebenzi Zwane, ovela kwiSebe likaMongameli uSusan Shabangu noMphathiswa weSebe loPhuhliso loLuntu uBathabile Dlamini—abakhethwa nguMongameli Zuma ukubonelela ngenkxaso urhulumente wephondo, abasebenzi-mgodini neentsapho ezichaphazelekayo emva kwentlekele kuMgodi iLiily Gold Mine eBarberton – bachazele iKhabhinethi ngokutsha okwenzekayo. IKhabhinethi yazibandakanya noMongameli ekumemeleleni isizwe ukuba sicinge ngabasebenzi-mgodini abathathu abasabambeke phantsi komhlaba kwaye sibathandazele.

IKhabhinethi isoloko ixhalabile yimbalela esachaphazela  iindawo ezithile zelizwe. Ibulela bonke abahlali boMzantsi Afrika abaxhasa amalinge okunceda kule mbalela.
IKhabhinethi ivakalisa uvuyo lwayo kwabo basabele ikhwelo lokuxela ukuvuza kwamanzi ngolo hlobo bexhasa iPhulo loMphathiswa waManzi noCoceko   uNomvula Mokonyanene. IKhabhinethi ivuyela umoya wobuntu obubonakaliswe liphulo elikhokhelwa yiOperation Hydrate nelenze umahluko kubahlali ababandezelekileyo.

5.2 IKhabhinethi ixoxile yaqwalesela iziphumo ngokupheleleyo zokuqalisa koMthetho osisiLungiso seMithetho yeRhafu we-2014.  Ngokwalo Mthetho, ukuhlawulwa kwemali esisigxina kwingxowamali egciniweyo kuza kuqalisa ngomhla wokuqala kweyoKwindla ngo-2016. Loo nto ithetha ukuthi ukususela ngaloo mhla amancedo aloo ngxowa aza kufana nawomhlala-phantsi lo uqhelekileyo kuba amalungu aloo ngxowamali xa athatha umhlalaphantsi aza kuvunyelwa ukuba athathe isambukru esiziinkozo esisinye esithathwini kumancedo. Imali esalayo kuza kufuneka amalungu ayisebenzise athenge imali enikwa umntu ngomnyaka ebomini bakhe bonke. Kwalo mmiselo mnye nguwo osebenzayo kungoku nje kwingxowamali yomhlalaphantsi lo uqhelekileyo.

Ezi nguqu emthethweni zichaphazela abo bamkela kakhulu nabanye abangamalungu engxowamali esisigxina.

Imibutho eminizi nabantu bavakalise inkxalabo ngokusebanza kwalo mthetho mtsha kwaye bathethe norhulumente ngawo. Kuyacaca ukuba noxa kwathethathethwana kakhulu phambi kokuba lo mthetho uphunyezwe, kusekho inkxalabo kwaye kufuneka ijongwe ngokukhawuleza ukuze kuqinisekiswe ukuba xa uqala ukusebenza lo mthetho iinguqu kumancedo engxowamali esisigxina zisebenza  ngokulula nakakuhle.

Ngeso sizathu, iKhabhinethi igqibe kwelokuba yandlale ngokungxamiseke kakhulu isilungiso kuMthetho osiSilungiso seMithetho yeeRhafu ungaqalisi ukusebenza loo mthetho ngomhla wokuqa kweyoKwindla kowe-2016, koko uqale ukusebenza ngomhla wokuqala kweyoKwindla kowe-2018 ukwenzela ukuba kuphinde kuthethathethwane nabachaphazelekayo. Olo thethathethwano lungenza ukuba imithetho le iphinde ilungiswe. UMthetho osaYilwayo osiSilungiso uza kuthiwa thaca ePalamente kungekudala.

6. Amazwi ovelwano

6.1 IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano ngokubhubha koHloniphekileyo uBhishophu Glayton Modise weInternational Pentecostal Holiness Church. UBhishophu Modise ukhokhele ibandla elinamalungu angaphezu kweemiliyoni ezintathu kumazantsi eAfrika, emva kokubhubha kukayise nongumseki waloo cawe oHloniphekileyo uComforter Frederick Modise ngowe-1996.

6.2 IKhabhinethi ikwavakalisa uvelwano lwayo olunzulu ngokubhubha kutsha nje kwayesakuba nguNobhala-jikelele weZizwe eziManyeneyo, iNkosi Boutros Boutros-Ghali.  Ungene kweso sikhundla ngowe-1992 xa ifuthe lo mbutho lo likhula emva kwemfazwe yeGulf, wasebenza iminyaka emihlanu. Ubhubhe kwisibhedlele saseCairo eneminyaka engama- 93. Uza kukhunjulwa ngegalelo lakhe kuxolo nolawulo lwentando yesininzi.   

7. Imiyalezo yokuvuyisana

7.1 IKhabhinethi ivuyisana noMnu. Kevin Govender we-Cape Town-based Office of Astronomy for Development and the International Astronomical Union oza kuwonga ngembasa enodumo iEdinburgh Medal yowe-2016 ngokuseka iOffice of Astronomy for Development eKapa. UGovender ngummi wokuqala waseMzantsi Afrika ukufumana le mbasa yodumo ngempumelelo kwezenzululwazi netheknoloji, nto leyo ebenegalelo ekuqondeni uluntu nempilo yalo.

IKhabhinethi ithi halala kuLeroy Mokgatle ongumdanisi weballet nominyaka ili-16 owine imbasa iAudience Favourite nemali yokufunda kukhuphiswano i-International Ballet Competition eSwitzerland. Ngummi wokuqala waseMzantsi Afrika owine le mali yokufunda kwiminyaka engama- 28 kwaye ngowesibini ukwenza oko kwimbali yeli lizwe.

IKhabhinethi izibandakanya noMongameli Zuma ngokuvuyisana nabo baphumelele i-2nd Annual Ubuntu Awards. Ezi zimbasa eziwonga iinkokheli zoshishino zaseMzantsi Afrika nabantu ababalaseleyo ngenxa yegalelo labo ekukhuthazeni izinto zethu zesizwe nezo zobomi ezingundoqo ehlabathini liphela.   

IKhabhinethi ivuyisana nombethi-mbande uWouter Kellerman, cappella group Ladysmith Black Mambazo nomculi wegospile uNeville D ngokuba ngabakhethiweyo kwiGrammy yowe-2016. Ezi ngcali ziyakhuthaza kwaye zibeka uMzantsi Afrika emagqabini.

8. Izikhundla

Ukuqeshwa kuzo zonke izikhundla kuxhomekeke ekuqinisekisweni kwezifundo nokuba msulwa okufaneleyo.

8.1 IBhodi yeLepelle Northern Water
a) Obekekileyo uThovhele Tshivhase (USihlalo);
b) UMnu. Matsebe Ivor Phasha (uSekela-sihlao);
c) UMnu.Thandeka Thembekile Celiwe Hlongwa (ilungu);
d) UMnu. Boxing Phillemon Sebola (ilungu);
e) UMnu. Ntale Herold Matsepe (ilungu);
f) UNksz Mankone Mabataung Ntsaba (ilingu);
g) UNksz L Malamba (ilungu);
h) UNksz Josephine Mampheri Letsoalo (ilungu);
i) UNksz Makgetsi Annabelle Mphahlele ilungu).

8.2 UAdvocate JB Skosana uqeshwe njengeSekela-Mlawuli Jikelele (i-DDG) kwiSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.  

8.3 UNksz GB La Foy uqeshwe njenge-DGG: UPhuhliso loMgaqo-siseko kwiSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqosiseko

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams
(ISithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Cell: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore