Kufuneka uthini ukuze ube lipolisa elililalela

Ukuba ufuna ukusebenzela abeNkonzo yamaPolisa yoMzantsi Afrika (i-SAPS) ngokuzithandela njengepolisa kufuneka ufake isicelo sokuba lipolisa elililalela.

Ipolisa elililalela ngumntu olilungu lasekuhlaleni owenza imisebenzi yobupolisa ngexesha eliqingqiweyo (iiyure ezili-16 ubuncinane ngenyanga) encedisa abe-SAPS ngokuzithandela engazikuhlawulwa.

Awunakukhethwa njengepolisa elililalela ukuba:

  • wayekiswa emsebenzini ngenxa yempilo ngumqeshi wakho wangaphambili
  • wawulilungu le-SAPS elisicelo salo sokuqeshwa kwakhona sakhatywayo
  • unesikhundla osibambileyo kwiqela lezopolitiko
  • uyintatheli okanye unondaba osebenza isigxina
  • ungumfundi
  • ungunogada
  • ulilungu labenkonzo yamapolisa kamasipala.

Ukuze ube lipolisa elililalela kufuneka:

  • ubengummi osisigxina weRhiphabliki yoMzantsi Afrika
  • ubuncinane ube neminyaka eli-18 nengaphantsi kwengama-70 ubudala
  • ungabinakuphazamiseka engqondweni, sifo okanye zinkathazo zokuguga zinokukuphazamisa kumsebenzi wakho
  • ube ngumntu onesimilo esingenachaphaza kwaye nobungqina ngoku bube nokufumaneka xa bufuneka.
  • wenziwe ngempumelelo uhlolo lwengqondo oluza kulungiselelwa ngumkomishinala wesizwe
  • ube unaso isiqinisekiso sebanga le-12 okanye isiqinisekiso semfundo esilingana naso ekufuneka uze namaxwebhu abubungqina baso.
  • ukwazi ukuthetha, ukufunda nokubhala, ubuncinane, ngesiNgesi njengelinye leelwimi ezisemthethweni
  • uvume ukuba kuthathwe umfanekiso woshicilelo lweminwe yakho kwaye ube kanti zange ufunyaniswe unetyala lokwaphula umthetho okanye ube usatshutshiswa ezinkundleni zamatyala
  • ube kanti ukulungele ukuqeqeshwa
  • uthathe isifungo
  • awunamibhalo ibonakalayo emzimbeni

Ubani uyakhuthazwa ukuba abe neencwadi zokuqhuba nangona oku kungengommiselo wokuba lipolisa elililalela.

Khangela ezinye iinkcukacha ngeendlela zokuba lipolisa elililalela okanye qhagamshelana nabeNkonzo yamaPolisa yoMzantsi Afrika.

 

Share this page