Umbika njani umntu odukileyo

Ukuba ngaba umntu osisalamane sakho udukile, kubike oko emapoliseni ngoko nangoko xa uthe wamazi ukuba udukile. Akunyanzelekanga ukuba ulindele ukuba kuqale kudlule iiyure ezingama-24.

Ungaqhagamshelana neZiko laBantu abaDukileyo ukuze ubike umntu lowo udukileyo okanye yiya kwisikhululo samapolisa esikufuphi nawe ukuze ubike ukuba ubani udukile ngoko nangoko emva kokwazi kwakho ukuba udukile.

Phatha ifoto yakutsha nje yalo mntu udukileyo ukuze iskenelwe kuvimba weenkcukhacha weZiko laBantu abaDukileyo. Lo vimba weenkcukhacha yiprojekthi  yePhulo lokuNqanda uLwaphulo-mthetho elibizwa u-Crime Stop kwaye amapolisa kweli lizwe jikelele asebenzisa yena. Nikezela ngalo naluphi na ulwazi olunokunceda ekufaniseni umntu lowo, olufana nobudala bakhe, ubude, umbala weenwele, umbala wamehlo, kunye nalo naluphi na uphawu lokumfanisa olufana nesiva okanye ithathu. Usenokunikwa ifomu ukuba uyigcwalise ukunikezela ngalo lonke olu lwazi.  

Elo tyala lakho liza kunikezelwa kumcuphi. Kufanele ukuba uqinisekise ukuba unalo igama neenkcukhacha zoqhagamshelwano zalo mcuphi, uze uhlale uqhagamshelana naye. Kufanele ukuba unike umcuphi lowo naluphi na ulwazi olutsha olufumanayo malunga nomntu lowo udukileyo emva kokuba sele ukubikile ukuduka kwakhe. 

Khumbula ukuwazisa amapolisa xa kunokwenzeka ukuba umntu lowo udukileyo ufumanekile.

Ukufumana ulwazi oluthe vetshe malunga nokubika umntu odukileyo.

 

Share this page