Bhalisa iYeza leMfuyo

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokubhalisa iyeza lemfuyo

Ukungenisa, ukwenza, ukuvelisa okanye ukuthengisa iyeza lemfuyo eMzantsi Afrika, kufuneka ubhalise kwiGosa loBhaliso loMthetho wama-36 we-1947.

Amayeza emfuyo asetyenziswa kwizilwanyana zasekhaya, imfuyo yasefama, iinkukhu, iintlanzi okanye kwizilwanyana zasendle uku:

  • Thintela, ukunyanga kunye nokuphilisa izifo/ iimeko zokungabikho sempilweni
  • Ukukhusela, ukukhulisa, ukuvelisa kunye nokuphucula impilo yezilwanyana

Inkampani yelizwe laphesheya ayikwazi ukufaka isicelo sobhaliso eMzantsi Afrika. Ungakwazi kuphela ukufaka isicelo ukuba inkampani yakho ibhaliswe eMzantsi Afrika okanye ukwiqumrhu elisemthethweni elibhaliswe eMzantsi Afrika.

Kufuneka ube nezi  mfuneko zilandelayo:      

  • Iinkcukacha zenzululwazi ezibonisa ukuba iYeza leMfuyo ofuna ukulibhalisa livavanyiwe lahlolwa kwaye liyasebenza. Ukuba ufuna ukubhalisa amaYeza eMfuyo ohlukileyo, kufuneka ufake iinkcukacha zenzululwazi zeyeza ngalinye. Iinkcukacha zenzululwazi kufuneka zicacise ukhuseleko, ubulunga, ukusebenza kakuhle kweyeza kunye nalo naliphi na ifuthe elinokubakho kurhwebo elisisiphumo sokusetyenziswa kweyeza lemfuyo elo kwizilwanyana ezivelisa ukutya (umzekelo iMida yeYona Ntsalela ininzi). Iinkcukacha kufuneka zityikitywe yindlu yophando lwenzululwazi esemthethweni.
  • Incwadi yengcaciso ebhalwe kwiphepha elinophawu lwenkampani echaza iyeza elo ufuna ukulibhalisa.
  • Amagama/iimpawu ekucetywa ukuba aya/ziya kubhalwa kwimveliso (ukuba kuyimfuneko).

Ukuba ufuna ukubhalisa iYeza leMfuyo elikhoyo/ elibhaliswe egameni lenye inkampani okanye omnye umntu, kufuneka ube nemvume ebhaliweyo evela kumnini wobhaliso phambi kokuba ubhalise.

Ofanele kukwenza

  1. Bhala incwadi yengcaciso eya kwiGosa loBhaliso loMthetho wama-36 we-1947. Incwadi kufuneka:
    • Ingabhalwa ngesandla. 
    • Ibhalwe umhla kanye okanye okufutshanenokufakwa kwayo kuLawulo loBhaliso.    
    • Ityikitywe ngumntu onyulwe yinkampani ukuba kuqhagamshelwane naye.
    • Iinkcukacha zoqhagamshelwano zaloo mntu unyulwe yinkampani kufuneka nazo zibe khona kwincwadi leyo.
    • Cacisa izizathu zokufakwa kwesicelo, umzekelo uBhaliso lweMveliso eNtsha njalo njalo.
    • Chaza ngokufutshane iyeza (ubungakanani bomthamo).  
  2. Yenza ikopi ibenye yencwadi yengcaciso uze ufake incwadi ngokuphindwe kabini (eyoqobo kunye nekopi yayo)
  3. Kopa uxwebhu lwesicelo olungezantsi uze uluzalise. Yenza iikopi ezimbini zoxwebhu. 
  4. Hlawula umrhumo omiselweyo ngetshekhi, iphetshana eliyimali yaseposini, iphetshana elingumyalelo wemali kuMlawuli Jikelele: iSebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba. Ukuba uza kusizisa ngokwakho isicelo sakho kunye nomrhumo, kufuneka uqinisekise ukuba ufumana ubungqina bentlawulo (irisiti). Ukuba uhlawula umrhumo wakho ngekhompyutha, kufuneka uwuhlawule kule akhawunti ilandelayo:
    Iinkcukacha zebhanki yeSebe ziquka isazisi ngokweemfuneko zokufaka ezilandelayo:Igama le-akhawunti: NDA-ACT36 of 1947
    Inombolo ye-akhawunti: 011203102
    Inombolo yesazisi: 15ST1
    Inombolo yesebe: 010845
    Igama lesebe: Arcadia
    Igama lebhanki:  Standard Bank
  5. Faka uxwebhu lwesicelo ngokuphindwe kathathu (esoqobo kunye neekopi ezimbini). Qhoboshela iincwadi zengcaciso kunye nobungqina bentlawulo. Ungasithumela isicelo kunye namaxwebhu aqhotyoshelweyo ngeposi kwi: Gosa loBhaliso loMthetho wama-36 we-1947, Private Bag X343, Pretoria 0001 okanye uwazise ngokwakho kwiGosa loBhaliso loMthetho wama-36 we-1947,  Agriculture Place, 20 Steve Biko Street, Pretoria.

Ixesha elimiselweyo

I-ofisi yeGosa loBhaliso ithumela rhoqo ngonyaka iincwadi zohlaziyo kunye namaxwebhu ezicelo kubo bonke abantu ababhalisileyo.

Ingaba kubiza malini na

Imali ehlawulwayo yowama- 2024/25

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Registration of a Stock Remedy

Ungaqhagamshela nabani

 

Directorate Agriculture Inputs Control

Tel: 012 319 7103/7847
E-mail address: AICHelpdesk@daff.gov.za
Physical address: 20 Steve Biko Street, Arcadia, Pretoria
Postal address:  Department of Agriculture, Forestry and Fisheries, Private Bag X343, Pretoria

 

Share this page