Ukubhalisa ikhaya la bantwana















Bhalisa umbutho ongenanzuzo 


Malunga nokubhalisa umbutho ongenanzuzo 


Ukuba umbutho wakho awunanzuzo kwaye awukho phantsi kolawulo lukarhulumente, ungafaka isicelo sokuwubhalisa. Ungafaka isicelo sakho sombutho ongenanzuzo kwi-ofisi yePhondo yeSebe loPhuhliso loLuntu ekufutshane nawe.


Bhalisa umbutho wakho ukuze uthembeke emehlweni abo basenokuba ngabaxhasi.

Imibutho engenanzuzo iquka iitrusti, iinkampani okanye iimanyano ezisekelwe iinjongo zoluntu.


Ukubhalisa umbutho wakho ongenanzuzo kuluncedo kuba isiqinisekiso sawo:


  • Siphucula ukuthembeka kwakho kunye namathuba okufumana inkxaso-mali

  • Sivumela umbutho wakho uvule i-akhawunti ebhankini

  • Sinceda umbutho wakho ukhuthalele ukuhlawula irhafu


Ukuze ubhalise, kufuneka ube ngomnye waba:   


  • UMbutho ongalawulwa nguRhulumente (NGO)

  • Umbutho osekwe ekuHlaleni  (CBO)

  • Umbutho osekwe kwiNkolo  (FBO)


[Entla]


Ofanele kukwenza


  • Zalisa  uxwebhu lwesicelo soMbutho oNgenaNzuzo  uze ulifake kwi-ofisi yePhondo yeSebe loPhuhliso loLuntu ekufutshane nawe.

  • Faka uxwebhu lwesicelo soMbutho oNgenaNzuzo oluzalisiweyo kunye neekopi ezimbini zamaxwebhu okusekwa kwalo mbutho.

    • ITrasti – iNcwadi yesigqibo seTrasti kunye nencwadi yokugunyazisa vela enkundleni

    • ICandelo 21 – Isiqinisekiso sokungeniswa nememorandamu kunye nenqaku lomanyano

    • IManyano ngokuzithandela – uMgaqo-siseko

  • Iincwadi zokusekwa kombutho kufuneka zibe nezibonelelo zeCandelo 12 (AO) zoMthetho weMibutho engenanzuzo, wowe-1997. Ukuba akuphumeleli ukwenza oko, isicelo sakho siya kubekelwa ecaleni.

  • Ukuba awanelisekanga kukuba isicelo sakho sibekelwe ecaleni okanye kwacinywa isiqinisekiso sombutho wakho, ungabhena kumalungu angabalamli.

  • Kanye ukuba ubhalise, umbutho wakho kulindeleke ukuba ufake ingxelo yawo yonyaka kwiinyanga ezilithoba emva kokuphela konyaka-mali wawo. Le ngxelo yonyaka kufuneka ibe yebalisayo kunye neyezimali.

  • Ungasifaka isicelo sakho kwi-ofisi ekufutshane nawe yePhondo yesebe loPhuhlido loLuntu okanye uyithumele ngeposi ku:


Mlawuli oPhetheyo

Non-profit organisations

Department of Social Development

Private Bag X901

Pretoria

0001


Okanye uyizise ngokwakho kwi:


Sebe lpPhuhliso loLuntu

134 Pretorius Street

HSRC Building

Pretoria


Qaphela:


  • Lulwaphulo-mthetho olubanjelwayo ukuba umbutho ongenanzuzo usebenze uhanahanisa ngokungathi nguMbutho oNgenaNzuzo obhalisiweyo.

  • Amasebe karhulumente aliqela abonelela ngenkxaso-mali kwiinkonzo ezahlakileyo.


[Entla]


Ixesha elimiselweyo


  • Kungathatha malunga neenyanga ezimbini ukuchophela ukubhaliswa ngokupheleleyo.

  • Kanye ukuba isicelo sakho sifunyanwe, isebe liya kuthumela incwadi eyazisa umbutho ukuba sifunyenwe, emva koko kuya kukhutshwa isiqinisekiso ukuba isicelo sakho siyanelisile imiqathango yoMthetho weMibutho eNgenanzuzo, wowama-1997.


[Entla]


Ingaba kubiza malini na


Le nkonzo isimahla.


[Entla]


Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa


(Ezi fom zifumaneka nge PDF. Ukuze uvule imiqulu ye-PDF, kufuneka ufakelwe kwikhompiyutha yakho i-Adobe Acrobat Reader 4 okanye uhlobo olungaphezulu kwayo. Iyakuvulela imiqulu nqo kwisikhangeli sakho.)


Isicelo sokubhalisa umbutho ongenanzuzo   


[Entla]


 

Share this page