Bhalisa inkampani eNgenaNzuzo

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokubhalisa iNkampani eNgenaNzuzo

Ukuze umbutho wakho wasekuhlaleni uthathwe njengosemthethweni, kufuneka uwubhalise njengeNkampani eNgenaNzuzo (NPC) kwiKomishoni yeeNkampani noBunini bobuKrelekrele (CIPC).

IiNkampani eziNgenaNzuzo yimibutho esekelwe ukunceda abantu, ikhusele okusingqongileyo okanye ifuna inkxaso kwiphulo elithile. Ezi nkampani ziquka iicawe, imibutho yesisa kunye nemibutho yenkcubeko. Eyona njongo isisiseko yeNkampani eNgenaNzuzo kukunceda uluntu, asikokufumana nzuzo.

Ingeniso kunye nezinto ezizezayo azinakwabiwa phakathi kwababandakanyiweyo, amalungu, abalawuli okanye amagosa enkampani eNgenaNzuzo, ngaphandle kwembuyekezo ebonakalayo ngeenkonzo abazinikezeleyo. Zonke izinto zenkampani eNgenaNzuzo kunye nengeniso kufuneka zisetyenziswe ukuqhubela phambili iinjongo zenkampani ezichaziweyo, njengoko zichaziwe kuYilo lwemvumelwano yokuBandakanywa (MOI).

Ubuncinane bathathu ababandakanyiweyo ekufuneka batyikitye uYilo lwemvumelwano, MOI. Kufuneka kuqeshwe ubuncinane abalawuli abathathu.                                 

Iinkampani ezingenanzuzo kufuneka ngalo lonke ixesha zibe nobuncinane umlawuli omnye (ngaphandle kokuba uYilo lwemvumelwano, MOI, lubonisa inani labalawuli elingaphezulu ubuncinane). Ukuqeshwa komphicothi-zincwadi okanye unobhala akunyanzelekanga kodwa bayazikhethela.                                 

Ungabhalisa iNkampani eNgenaNzuzo njenge:

  • Nkampani eNgenaNzuzo esemgangathweni  (enamalungu)
  • Nkampani eNgenaNzuzo esemgangathweni  (engenamalungu) 
  • Nkampani eNgenaNzuzo eyakhiwe ngokwentando yomthengi (enamalungu), 
  • Nkampani eNgenaNzuzo eyakhiwe ngokwentando yomthengi (engenamalungu).

Igama lenkampani enganganzuzo liya kuphela ngegama elithi “NPC”.   

Ofanele kukwenza

  1. Bhalisa ngomnathazwe njengomxhasi kwi-CIPC ukuze ukwazi ukwenza ushishino nabo okanye ubhalise njengomxhasi osele ekhona umzekelo cela umcwangcisi-zimali wakho ukuba akubhalisele
  2. Gcina igama lenkampani ngokuzalisa iSicelo sokuGcinelwa iGama, uXwebhu CoR 9.1.  Ukugcinelwa igama kusemthethweni inyanga ezintandathu. 
  3. Hlawula umrhumo ongama-R75 ukuba ufaka isicelo ngesandla ize ibe ngama-R50 ukuba usifaka ngekhompyutha.    
  4. Faka la maxwebhu alandelayo nesicelo sakho:
    • Iikopi eziqinisekisiweyo zencwadana yokundwendwela (ukuba umngummi wangaphandle) okanye iikopi zeZazisi eziqinisekisiweyo (ukuba ungowaseMzantsi Afrika) zabo bonke abalawuli bokuqala kunye nababandakanyiweyo
    • Ikopi eqinisekisiweyo yeSazisi salowo ufaka isicelo ukuba isicelo asenziwa ngomnye wabaphathi okanye omnye wababandakanyiweyo.
    • Ukuba obandakanyiweyo ngumntu ongumqondisi –mthetho, igunya lokuba ngummeli lomelweyo ligunyaziswa ngumntu lowo ongumqondisi-mthetho ukubandakanya inkampani kunye nokutyikitya onke amaxebhu anxulumene nenkampani 
    • Ukuba ngomnye umntu obandakanya inkampani kwaye etyikitya onke amaxwebhu anxulumene nokubandakanywa kwenkampani egameni lakhe nawuphi na obandakanyiweyo kunye nomlawuli, igunya lokuba ngummeli kunye nekopi yeSazisi eqinisekisiweyo saloo mntu iyakufuneka 
    • Ukuba igama beligciniwe phambi kokufaka amaxwebhu okubandakanywa, kufuneka uxwebhu lokugcinelwa igama elisemthethweni.
  5. Ukuba ubhalisa inkampani eNgenaNzuzo esemgangathweni (engenamalungu), faka okulandelayo:
    • CoR15.1C 
    • CoR 14.1 
    • Amaxwebhu axhasayo 
    • La maxwebhu alandelayo angafakwa kunye ne-CoR15.1C:
      • CoR14.1 Isihlomelo A  
      • CoR14.1 Isihlomelo B  ukuba igama liza kugcinelwa xa kubandakanywa
  6. Ukuba kuqeshwe umphicothi-zincwadi, ikomiti yokuphicotha iincwadi kunye/okanye unobhala wenkampani
  7. Ukuba ubhalisa iNkampani eNgenaNzuzo (engenamalungu) eyakhiwe ngokwentando yomthengi
    • CoR15.1D 
    • CoR 14.1 
    • Amaxwebhu axhasayo 
    • La maxwebhu alandelayo angafakwa kunye ne-CoR15.1D:
      • CoR14.1 Isihlomelo A 
      • CoR14.1 Isihlomelo B  ukuba igama ligcinelwe xa kubandakanywa
      • CoR14.1 Isihlomelo C  ukuba kukho iimeko zezimali ezibekelwe bucala ukwenza okuthile 
      • CoR14.1 Isihlomelo D ukuba umphicothi-zincwadi, ikomiti yokuphicotha incwadi kunye/okanye unobhala wenkampani uqeshiwe
  8. Ukuba ubhalisa iNkampani eNgenaNzuzo (enamalungu) eyakhiwe ngokwentando yomthengi, faka okulandelayo:
    • CoR15.1E 
    • CoR 14.1 
    • Amaxwebhu axhasayo
    • La maxwebhu alandelayo angafakwa kunye ne-CoR15.1E:
      • CoR14.1 Isihlomelo A 
      • CoR14.1 Isihlomelo B  ukuba igama beligcinelwe ukubandakanywa
      • CoR14.1 Isihlomelo C  ukuba kukho iimeko zezimali ezibekelwe bucala ukwenza okuthile
      • CoR14.1 Isihlomelo D ukuba umphicothi-zincwadi, ikomiti yokuphicotha incwadi kunye/okanye unobhala wenkampani uqeshiwe
  9. Ukuba ubhalisa iNkampani eNgenaNzuzo (engenamalungu) eyakhiwe ngokwentando yomthengi,faka okulandelayo
    • CoR15.1D 
    • CoR 14.1 
    • Amaxwebhu xhasayo
    • La maxwebhu alandelayo angafakwa kunye ne-CoR15.1E:
      • CoR14.1 Isihlomelo A 
      • CoR14.1 Isihlomelo B  ukuba igama beligcinelwe ukubandakanywa
      • CoR14.1 Isihlomelo C  ukuba kukho iimeko zezimali ezibekelwe bucala ukwenza okuthile 
      • CoR14.1 Isihlomelo D ukuba umphicothi-zincwadi, ikomiti yokuphicotha incwadi kunye/okanye unobhala wenkampani uqeshiwe   

Nceda qaphela: ukuba igama elicetywayo likhatyiwe, inkampani ingabhaliswa ize inombolo yokubhalisa ibe ligama lenkampani xa kubandakanywa, de kufike ixesha lokugcinelwa okanye lokwamkelwa kwegama elifanelekileyo.  

Ixesha elimiselweyo

  • Kuthatha iintsuku zokusebenza ezi-5 ukuya kwezi-10 ukugcinelwa igama lenkampani.
  • Kungathatha iintsuku zokusebenza ezi-5 ukubhalisa inkampani eNgenaNzuzo.

Ingaba kubiza malini na

  • R175 – uYilo lwesivumelwano sokuBandakanywa (kuxhomekeke kwisaphulelo esivumelekileyo) senkampani eNgenaNzuzo esemgangathweni  (CoR 15.1C).  
  • R475 - uYilo lwesivumelwano sokuBandakanywa (kuxhomekeke kwisaphulelo esivumelekileyo) kwinkampani eyakhiwe ngokwentando yomthengi enamalungu (CoR 15.1D)  okanye engenamalungu (CoR 15.1E).  
  • R50 ukufaka isicelo sokugcinelwa igama ngekhompyutha. 
  • R75 ukufaka isicelo sokugcinelwa igama ngesandla.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Amaxwebhu okufaka isicelo ayafumaneka kwi-ofisi  Companies and Intellectual Property Commission / http://www.cipc.co.za ekufutshane nawe.

Ungaqhagamshela nabani

 

Tel: 086 100 2472
Physical address: 77 Meintjies Street, Block F, Sunnyside, Pretoria, 0001
Postal address: Companies and Intellectual Property Commission, P.O. Box 429, Pretoria, 0001

Offices with self-service terminals

Share this page