INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ibibanjwe ngoLwesithathu, wama-28 kweyoMdumba 2024. 

A.    Imiba enguNdaba-mlonyeni 

1.    Ezoqoqosho
1.1.    INtetho yoHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe

1.1.1.    IKhabhinethi ilwamkele uHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe lowama-2024, olubonisa ukuzimisela okungagungqiyo kukarhulumente ekulawuleni uqoqosho lweli lizwe kunye nokuthatha izigqibo ezinzima zokuqinisekisa ukuba alikhuli kakhulu ityala likarhulumente ngeli thuba ezama ukukhulisa uqoqosho.

1.1.2.    Olu Hlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe liyaqhubeka nokugxininisa kwizinto ezingundoqo eziphambili ngeli thuba lixhasa nabo bangathathi ntweni kweli zwe lakuthi. Lunikezela ngezibonelelo zentlalo ukuze kuphucuke iimeko abaphila phantsi kwazo abemi boMzantsi Afrika abangathathi ntweni. Aba baquka abemi boMzantsi Afrika abangaphangeliyo, abantwana abazinkedama nabangenabani kunye nabo bahlala kumakhaya angenabantu badala.
1.1.3.    Ukudityaniswa kunye nokuthiwa thaca koHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe lowama-2024 kubalulekile kakhulu kolu hlobo lolawulo ngentando yesininzi luvulelekileyo futhi luphendulayo. IKhabhinethi iqinisekile ukuba le mali ijolwe kuHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe iza kunceda uqoqosho ize iluphucule.

1.2.    IziVumelwano zeNtsebenziswano phakathi koRhulumente neCandelo labuCala
1.2.1.    IKhabhinethi isamkele isivumelwano sentsebenziswano esifana sodwa phakathi kukaSasol noTransnet Freight Rail esiza kuphucula imizila kaloliwe.
1.2.2.    Kwesi sivumelwano seminyaka emihlanu, uTransnet Freight Rail uza kusebenzisa izigadla zakhe ze-ammonia ezili-128 ukuthutha i-ammonia isuka kumaziko kaSasol iye ebantwini, aze uSasol abhatale ngokulungisa nokuzigcina ezi zigadla zisemgangathweni.
1.2.3.    Esi sivumelwano sentsebenziswano sincedisa kumalinge e-Freight Logistics Roadmap okubuyisela eli candelo kwimo yalo yesiqhelo. Esi sivumelwano sibonisa ukuba ngokusebenzisana singazisombulula lula iingxaki esijamelene nazo.

1.3.    UPhando lweKota lwezeMisebenzi (i-QLFS)
1.3.1.    I-QLFS yakutsha nje yeziko leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika (i-StatsSA) ebonise ukuba linyuke kancinci inani labantu abaphangelayo kweli kwikota yesine yowama-2023 laya kutsho ku-32.1% lisuka ku-31.9% kwikota yesithathu, iyasikhuthaza njengorhulumente ukuba senze konke okusemandleni ukufaka abantu kwizithuba zomsebenzi.
1.3.2.    Nangona uqoqosho lwethu luqhubeleka ukudala imisebenzi, alikafiki kweli zinga lifunwa ngurhulumente ukuze akwazi ukulwa le ngxaki yentswela-misebenzi. Le QLFS ibonise ukuba inani labantu abasebenza kwicandelo elingabhaliswanga ngokusesikweni lidale imisebenzi engama-124 000, laze elezemali ladala engama-128 000, elezothutho, engama-57 000, elezemigodi engama-37 000 laze elabantu abancedisa emakhaya ladala imisebenzi engama-18 000.
1.3.3.    IKhabhinethi imemelele onke amacandelo ukuba axhase isiCwangciso sokuVuselela nokuHlaziya uQoqosho, esincedisayo ekudaleni imisebenzi namathuba empilo kwizigidi zabemi boMzantsi Afrika.

1.4.    IsiKhumbuzo semiNyaka engama-20 seNkqubo yeMisebenzi yoLuntu eNatyisiweyo (i-EPWP)
1.4.1.    Lo nyaka wama-2024 ngowama-20 i-EPWP iqhuba, eyenye yeenkqubo eziqhuba kakuhle kakhulu zoMzantsi Afrika zikarhulumente zokuqeshwa kwabantu abaninzi kwaye ilelona phulo likhulu lokulwa indlala.
1.4.2.    IKhabhinethi inikwe ingxelo ngendlela eqhuba ngayo i-EPWP kunye neziphumo ezihle zayo, eliphulo likarhulumente eliphambili elidalele abemi boMzantsi Afrika abangasebenziyo izigidi zamathuba emisebenzi ukususela oko yaqaliswayo.
1.4.3.    Kule minyaka ingama-20 idlulileyo i-EPWP idale amathuba emisebenzi ezizigidi ezili-14, into leyo yenze eli phulo lalelinye lawona maphulo makhulu karhulumente kwihlabathi eliqhube ixesha elide lidala imisebenzi. Lo msebenzi mngaka wenzeke ngenxa yentsebenziswano kunye necandelo labucala nemibutho yoluntu. La mathuba emisebenzi ancedisile kuphuhliso lwezakhono zabo bebexhamla kwimisebenzi edalwe ziprojekthi ze-EPWP kwicandelo lezokhenketho, elezolimo, eleziseko ezingundoqo, iiprojekthi zentlalo kunye nezinye iiprojekthi ezikhokelwa ngamanina. 
1.4.4.    IKhabhinethi yazisiwe ukuba kudalwe amathuba emisebenzi angama-4 609 000 kwisiGaba 4 sexesha eliphakathi le-EPWP, isithuba eso sisuka kowama-2019-2020 siye kutsho kowama-2022/23. Eli nani libonisa ukuba le projekthi ifikilelele kwi-92% kwiphupha obuzibekele lona lo Mbuso wathatha intambo zolawulo ngowama-2019 lokudala amathuba emisebenzi azizigidi ezihlanu. Sele zenziwe izicwangciso zokudala la mathuba emisebenzi ashiyekileyo angama-390 973 phambi kwenyanga yoKwindla 2024.
1.4.5.    Kwezi zithuba zemisebenzi zingama-4 609 000, amaphondo angawona adale awona mathuba emisebenzi maninzi yiKwaZulu-Natal, yona edale amathuba angama-1 064 00 (23%), ilandelwe yiMpuma Koloni, yona edale angama-903 789 (20%) ize ibe yiNtshona Koloni, yona edale angama-508 954 (11%).
1.4.6.    Nangona uninzi lwala mathuba angawethutyana kunye neenyanga ezimbalwa, amanye aye ayimisebenzi esisigxina. Iingxelo zithi abantu abayi-20% yabo babexhamle kwi-EPWP baye bafumana eminye imisebenzi engeyiyo eye-EPWP.
1.4.7.    Abantu abaninzi ababesebenza kwi-EPWP bakwazi ukuphumelela izifundo zediploma kwezobungcali bezokupheka kwaye abanye bafumana imisebenzi esisigxina kwicandelo lezokutenda iindwendwe. Ukongeza kula mathuba emisebenzi, i-EPWP inegalelo elikhulu ekuhanjisweni kweenkonzo, ukuphuculwa kwezinto eziluncedo kwiindawo ezihlala abantu bakuthi kunye nokudala ubomi obungcono.
1.4.8.    KwisiGaba IV se-EPWP kuchithwe imali engaphezulu kweebhiliyoni zeerandi ezingama-52 kwimivuzo yabasebenzi.
1.4.9.    Ukongeza, kuvulwe namashishini angaphezulu kwama-600 ngenxa ye-EPWP.

2.    IMiba kaRhulumente

2.1.    UNyulo-Jikelele lowama-2024
2.1.1.    IKhabhinethi iyasamkela isibhengezo esisesikweni esenziwe nguMongameli uCyril Ramaphosa ebeka uLwesithathu, umhla wama-29 2024 njengomhla woNyulo-Jikelele, emva kokuba engqubanise iintloko kunye neKhomishoni yoNyulo yoMzantsi Afrika kunye neeNkulumbuso ezisithoba zamaphondo onke malunga nesigaba akuso amalungiselo okulungela ulonyulo lukazwelonke nolwamaphondo.
2.1.2.    IKhabhinethi imemelela wonke umntu, ingakumbi abantu abatsha, ukuba baxhamle ilungelo labo lokuvota. Iminyaka emininzi yokuzinikela uncame konke neyomzabalazo wenkululeko yazala ilungelo lokuvota elixhanyulwa sisininzi sabemi boMzantsi Afrika ngowe-1994. Umzabalazo wethu wenkululeko wazala ilungelo elixhanyulwa nguye wonke ummi woMzantsi Afrika lokuba athathe inxaxheba ngokugcweleyo kwinkqubo yethu yolawulo ngokwentando yesininzi.

2.1.3.    Ulonyulo lwalo nyaka luza kubanjwa kanye xa kubhiyozelwa imiNyaka engama-30 yeNkululeko, into leyo ebaluleke kakhulu kuMzantsi Afrika njengoko iza kusinika ithuba lokuba sicamngce sihlalutye le misebenzi mihle sele siyenzile size sipheke nezisombululo kwezi ngxaki sijongena nazo.

2.2.    IGqiza likaMongameli eliJongene neeNgxaki zikaMasipala wase-eThekwini
2.2.1.    IKhabhinethi iyiqaphela intlanganiso yangoLwesihlanu, umhla wama-23 kweyeDwarha 2024 uMongameli Ramaphosa ebeyibambe neDurban Chamber of Commerce and Industry yokugwadla amalinge akhokelwa ngurhulumente kazwelonke okuncedisa uMasipala oMbaxa wase-eThekwini ukuba alungise ezi ngxaki zezamanzi, umbane kunye neziseko ezingundoqo ajongene nazo ngoku. 
2.2.2.    UMongameli useke iGqiza likaMongameli eliJongene neeNgxaki zase-eThekwini lokukhawulezisa ukusombulula ezi ngxaki zambethe uMasipala oMbaxa wase-eThekwini. Eli gqiza – liquka abaPhathiswa, kunye noMasipala oMbaxa wase-eThekwini kunye namagosa ecandelo lezoshishino – liza kunika uMongameli iingxelo rhoqo.

2.3.    INgqungqthela ye-14 yeQonga loMgaqo-nkqubo (i-PDF) yeQela leHlabathi eliJongene looTitshala kwezeMfundo
2.3.1.    IKhabhinethi ivile ngokubanjwa ngempumelelo kwe-PDF ye-14 yeQela leHlabathi eliJongene nooTitshala kwezeMfundo ebibanjelwe eSandton, eRhawutini, ngoMvulo umhla wama-26 kweyeDwarha 2024.  Kule ndibana bekukho amahlakani ezemfundo aphuma mbombo zonke zehlabathi azokubethelela ukufundisa, ukwabelwana ngolwazi kunye nokubeka iliso kumsebenzi osele wenziwe ngokweNjongo yoPhuhliso oluZinzieyo 4 malunga nomgangatho wemfundo.
2.3.2.    I-PDF ikhuphe iNgxelo yeGqiza eliPhezulu malunga neKhondo lobuTitshala futhi yaphehlelela neNgxelo yeHlabathi ngokunqongophala kootitshala.

3.    Ukulwa ulwaphulo-mthetho
3.1.    IKhabhinethi iwuqhwabela izandla uMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) ngomsebenzi wawo omhle, okhokele ekubeni kubanjwe abantu abasixhenxe ngokunxulumene nokubulawa kukaKiernan ‘AKA’ Forbes kunye nomhlobo wakhe uTebello ‘Tibz’ Motsoane. Abarhanelwa ababini babanjwe Eswatini kwaye basezakubuyiselwa kweli lizwe. 
3.2.    Ukubanjwa kwaba barhanelwa kwenzeke ngenxa yomsebenzi wamapolisa obusenziwa ngocoselela iinyanga eziliqela. Aba barhanelwa babanjiweyo baquka umququzeleli, abadubuli, unobonisela, kunye nalo waqesha imoto wafuna nemipu.

4.    EzobuDlelwane baMazwe ngaMazwe

4.1.    INgqungquthela yama-37 yeMbumba ye-Afrika (i-AU)
4.1.1.    IKhabhinethi iyawubulela umsebenzi osele wenziwe kwiNgqungquthela yama-37 ye-AU ebibanjelwe e-Addis Ababa, e-Ethiopia, ngomhla we-17 nowe-18 kweyoMdumba 2024, ethe yanika iingcaciso ngemiba ekhokeliswe phambili yi-Afrika kulo wama-2024 kunye neminye iminyaka elandelayo. UMongameli uRamaphosa uye wazimasa le Ngqungquthela nezinye iinkokeli zase-Afrika apho bekugwadla imiba ephambili kweli lizwekazi equka uxolo nokhuseleko, uguqu-guquko lwemozulu, uphuhliso loqoqosho kunye nendima ye-Afrika kwimiba yamazwe ehlabathi.
4.1.2.    Le ngqungquthela iye yamkela isiCwangciso seSibini semiNyaka eli-10 sokuPhunyezwa kwesiCwangciso sowama-2063., into leyo eza kwenza kukhawuleziswe iiprojekthi eziphambili ezifana neyoMmandla weliZwekazi le-Afrika ongaHlawulisani Rhafu yezoRhwebo (i-ACFTA), odlala indima ephambili uMzantsi Afrika kuyo. 
4.1.3.    UMongameli Ramaphosa uye wanika nengxelo ngamanyathelo athatyathwe leli lizwekazi ekulweni ubhubhane weSifo seNtsholongwane ye-Corona kunye namalungiselo asele enziwe okulwa ezinye iingxaki zempilo ezingekaziwa, ekwenza oku njengeNtshatsheli yamanyathelo e-AU okulwa i-COVID-19. Le ngqungquthela ikubethelele nokubaluleka kokuvuselelwa kwezoqoqosho nezentlalo emva kwe-COVID-19, kunye nezinto ezifundiweyo ngokwenza amalungiselo okuqulela ubhubhane kunye nokhuseleko kweli lizwekazi. 
4.1.4.    UMongameli uhlaba ikhwelo kwiinkokeli zase-Afrika ukuba ziqule  futhi zihlale zibaze amehlo ukulalisela oobhubhane abasezayo kwaye wacela nokuba samkelwe isiCwangciso soLuvo oLunye lwe-Afrika kumaLungiselelo nokuSabela kooBhubhane. 

4.2.    UMzantsi Afrika uza kusingatha iQela laMazwe angamaShumi amaBini (i-G20) kunye nokuba nguMongameli wayo ngowama-2025

4.2.1.    IKhabhinethi iyifumene yaze yayiqwalasela ingxelo engamalungiselo oMzantsi Afrika okusingatha iNgqugquthela ye-G20 yowama-2023 kunye nawokuthatha isikhundla sokuba nguMongameli wayo. Ngumsitho obaluleke kakhulu lo kuMzantsi Afrika njengoko uza kuba lilizwe lokuqala e-Afrika ukusingatha le ndibano, kwaye eli wonga aliqhelekanga nje kuphela ngenxa yabantu ekuqikelelwa ukuba baza kuwuzimasa koko nomahluko omkhulu ekulindeleke ukuba wenzeke. 
4.2.2.    IKhabhinethi iqinisekile ukuba uMzantsi Afrika uza kuyisingatha ngempumelelo le iNgqungquthela ye-G20, njengoko wawenzile ngaphambili kwiNgqungquthela ye-Brazil, Russia, India, China noMzantsi Afrika (i-BRICS) kunye neNdibano yoMthetho woHlumo kunye namaThuba se-Afrika (i-AGOA). Ukuba nguMongameli we-G20 kuza kunika uMzantsi Afrika ithuba lokuba ukhokelise phambili amaphupha amazwe asahlumayo.

4.2.3.    Ngethuba kubanjwe le ndibano, uMzantsi Afrika uza kuqinisekisa ukuba ugxininisa kakhulu kwizinto ezilulutho kuwo nakweli lizwekazi le-Afrika. 

B.    Izigqibo zeKhabhinethi

1.    Ukusingatha intlanganiso yesithoba yonyaka ye-New Development Bank (i-NDB)
1.1.    IKhabhinethi iye yaqwalasela yaze yamkela ukusingathwa kwentlanganiso yonyaka ye-NDB eMzantsi Afrika ngeyeSilimela 2024.
1.2.    Sele kuyiminyaka elishumi amazwe angamalungu e-BRICS athi atyikitya amaXwebhu esiVumelwano se-NDB kwiNgqungquthela yesi-6 ye-BRICS eyayibanjelwe eFortaleza, eBrazil ngomhla we-15 nowe-16 kweyeKhala 2024. Eli nyathelo laseka iziko lezophuhliso lamazwe ngamazwe lokuqala elikhokelwa ngamazwe asahlumayo. Ukuza kuthi ga ngoku, uMzantsi Afrika sele uncedise ngemali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-25 kwiMali-Nkunzi ebhatalwa kule bhanki. UMzantsi Afrika sele ukulungazelela ukusingatha le ntlanganiso ye-NDB kwaye uzimisele ukusebenzisana nale bhanki kunye namazwe angamalungu wayo ukuze kwenzeke uphuhliso oluzinzileyo kudalwe nelizwekazi le-Afrika elingcono.

2.    IsiCwangciso sokuQeshwa kooNontlalontle (ii-SSP)

2.1    IKhabhinethi isivumile isiCwangciso sokuQeshwa kwee-SSP njengenxalenye yokwandisa inani labasebenzi bakarhulumente, bemibutho engekho phantsi kukarhulumente kunye nabecandelo labucala ukuze kuliwe ezi ngxaki zezentlalo zimbi eli lizwe lijongene nazo.
2.2    Esi sicwangciso sisithembiso esenziwe ngumntu wonke sokwakha icandelo lezenkonzo zoluntu elisabelayo kwiimfuno zabantu nokulwa imikhutyana emibi ekuhlaleni efana nolwaphulo-thetho, ubundlobongela obusekelwe kwisini nokubulawa kwamanina, ukumitha kwabantwana abaselula, ukuvuyelela, amakhaya angenabantu badala, iingxaki zempilo yengqondo kunye nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi.

2.3    Esi sicwangciso sikwasisiqalelo sesizwe esingabukuli mntu nesinekamva elikwaziyo ukumelana neenzima.

3.    IPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo weziBonelelo zezeNtlalo eziBanzi

3.1.    IKhabhinethi iqwalasele yaze yakuvuma ukupapashwa kunye nesibhengezo sokuba uluntu luhlomle kwiPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo weziBonelelo zezeNtlalo eziBanzi elihlaziyiweyo leli lizwe. 
3.2.    Eli phepha lizama ukuqalisa inkqubo esisinyanzelo yomhlala-phantsi osisibonelelo sezentlalo esiquka izibonelelo zomhlala-phantsi, zokukhubazeka kunye nemali yomngcwabo sabo bonke abasebenzi. Abasebenzi abamkela imivuzo ephantsi baza kuncediswa ngesibonelelo ngokwale mithetho yezabasebenzi ikhoyo. Eli phepha likwaphakamisa nokuba kwenziwe uhlenga-hlengiso kwirhafu ehlawulwa ngabantu abadala kunye nakwizibonelelo zezentlalo zikarhulumente ukuze kulungiswe le ngxaki yokutsalelwa irhafu engalinganiyo kwabantu abadala. 
3.3.    Ukongeza, eli phepha likwafuna ukuba kwenziwe neenguqu ukuze kube nokuhambelana kumgaqo-nkqubo wezibonelelo zezentlalo ukuze kube lula ukuzilawula, ukuphuculwa kwendlela yokuhanjiswa kwenkonzo kunye nokuqinisekisa ukuba kukho imithetho esebenzayo, ulawulo kunye nokuhlolwa kuzo zonke izibonelelo zezentlalo. 

C.    Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1.    Ukuqeshwa kukaMnu Snike Thulani Sibuyi njengoNobhala weNkonzo yobuPolisa kwi-Ofisi kaNobhala woLuntu kwiNkonzo yobuPolisa.
2.    Ukuqeshwa kukaMnu Xolile Sizani njengoGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO) ePetroSA.
3.    Ukuqeshwa Nks Nombulelo Guliwe njenge-CEO ye-South African Tourism. 
4.    Ukwandiswa kwesivumelwano sengqesho sikaNks Totsie Memela-Khambula njenge-CEO ye-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo zoMzantsi Afrika (i-SASSA).
5.    Ukuqeshwa kukaNks Mapatane Elizabeth Kgomo njenge-CEO ye-Municipal Infrastructure Support Agency.
6.    Ukuqeshwa kwakhona kweBhodi ye-Central Energy Fund (CEF) kunye nokuqeshwa kukaNks Ayanda Noah njengoSihlalo.

7.    Ukuqeshwa kwamalungu eBhodi ye-South Africa Tourism: 
7.1.    Nks Makhosazana Khanyile (uSihlalo); 
7.2.    Adv Lizelle Dominique Jordaan (Usekela-Sihlalo);
7.3.    Gq Gregory J Davids;
7.4.    Mnu Ikaneng Ephraim Pilane;
7.5.    Njing Motlhago Stella Bvuma;
7.6.    Nks Nqabomzi Haya;
7.7.    Mnu Rajesh Mahabeer;
7.8.    Mnu Ayanda V Mazibuko;
7.9.    Nks Maija de Rijk-Uys; 
7.10.    Gq Mzolisi Michael Toni; kunye 
7.11.    noNks Uveshnee Pillay njengommeli weSebe lezoKhenketho. 

8.    Ukuqeshwa kukasiHlalo weBhodi yamaLungu eTrasti ye-Independent Development Trust: 
8.1.    Adv Kwazikwenkosi Mshengu (uSihlalo); kunye
8.2.    noNks Karabo Siyila (uSekela-Sihlalo).

D.    Imisitho Ezayo

1.    INyanga yamaLungelo oLuntu
1.1.    Umsitho wokukhumbula iNyanga yamaLungelo oLuntu noSuku lwamaLungelo oLuntu ngomhla wama-21 kweyoKwindla uza kubanjwa iintsukwana nje ezimbalwa phambi kombhiyozo wemiNyaka engama-30 yeNkululeko ngoTshazimpunzi.
1.2.    Phantsi komxholo othi: Iminyaka engama-30 yokuHlonipha nokuLwela amaLungelo oLuntu,” iKhabhinethi imemelela wonke umntu ukuba adlale indima ekumiliseleni amalungelo oluntu ethu kunye nokuhlonipha inkululeko yethu kunye nolawulo lwentando yesininzi, olwalelwa kabuhlungu.

2.    Imbizo kaMongameli yoHlobo loPhuhliso oluKhokelwa ziziThili (i-DDM)
2.1.    UMongameli uza kubamba iMbizo kaMongameli ye-DDM ye-12 ngoLwesine, umhla wesi-7 kweyoKwindla 2024, kuMasipala wesiThili saseNkangala eMpumalanga. 
2.2.    Le Mbizo iza kudibanisa iinkokeli ezivela kuwo onke amaqoqo karhulumente ukuba zikwazi ukuxoxa noluntu ngeengxaki ezinxulumene nokuhanjiswa kweenkonzo ize iqulunqe izicwangciso zokuphucula ukuhanjiswa kweenkonzo nophuhliso loluntu kula mmandla. 
2.3.    Le Mbizo kaMongameli ye-DDM kunye namaphulo okuya kuhlola sele eqhutyiwe kuwo onke osithoba amaphondo njengenxalenye yamalinge okuphucula iimpilo zabemi beli.

2.4.    IKhabhinethi icela abahlali bakaMasipala wesiThili saseNkangala kunye neendawo ezimngqongileyo ukuba bazimase le Mbizo baze bababuze imibuzo abameli boluntu ngezinto ezibakachaphazelayo.

3.    INgqungquthelo yoPhuhliso lweziSeko ezinguNdoqo ngokuZinzileyo eMzantsi Afrika (i-SIDSSA) yowama-2024

3.1.    Onke amalungiselelo agqityiwe e-SIDSSA yowama-2024, eza kubanjelwa eKapa ukusuka ngomhla we-17 ukuya kowe-19 kweyoKwindla 2024. I-SIDSSA idibanisa abathathi-nxaxheba ababalulekileyo kwicandelo leziseko ezingundoqo nabaphambili ekukhawuleziseni utyalo-mali kwiziseko ezingundoqo kweli lizwe 
3.2.    Uphuhliso lweziseko ezingundoqo oko kuphambili kulo rhulumente nalo mbuso wathatha iintambo zolawulo ngowama-2019, njengoko lunegalelo kuhlumo loqoqosho nokudalwa kwemisebenzi. I-SIDSSA iza kubonisa umsebenzi osele wenziwe wokuzalisekiswa kwesiCwangciso soTyalo-mali seziSeko ezinguNdoqo esavunywa yiKhabhinethi ngoCanzibe wama-2020.

4.    INkomfa yesibini yooSomashishini abaKhulu abaMnyama nabaThumela iiMpahla kuMazwe angaPhandle
4.1.    INkomfa yesibini yooSomashishini abaKhulu abaMnyama nabaThumela iiMpahla kuMazwe angaPhandle iza kubanjelwa eSandton Convention Centre eRhawutini ngoLwesithathu, umhla wama-20 kweyoKwindla 2024. 
4.2.    Le nkomfa iza kuhlonipja imisebenzi egqwesileyo kwezoshishino ize iwonge namashishini akhokelisa phambili impumelelo nobuchule boyilo, adala imisebenzi, abonakalisa intembeko kwindlela aqhuba naxabise ngayo umgangatho ophezulu. Amashishini amakhulu abantu abamnyama angaphezulu kwama-600 ancediswe liSebe lezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano enza imali engaphezulu kweebhiliyoni zeerandi ezingama-80 kunyaka-mali wama-2023/24, into leyo ebonakalisa iziphumo ezincumisayo ngokungenisa oosomashishini abamnyama kwicandelo lezemizi-mveliso. 

E.    Imiyalezo

1.    Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana neminqweno emihle:

1.1.    kuNks Michelle Phillips ngokuqeshwa kwakhe njenge-CEO kaTransnet kunye noNks Nosipho Maphumulo njengoGosa eliyiNtloko leziMali likaTransnet. Ukuqeshwa kwaba bantu kubalulekile kulo msebenzi uqhubayo wokuxhobisa uTransnet ngezakhono njengenxalenye yokubuyisela uzinzo kwincadelo lokuthuthwa kwemithwalo, oololiwe nokuhanjiswa kweempahla. 
1.2.    kuMnu Wamkele Mene, ngokonyulwa kwakhona njengoNobhala-Jikelele we-AFCTA.
1.3.    kuMnu Sibusiso Ngalwa, nonguSihlalo we-South African National Editor’s Forum (i-SANEF) ngoku, ngokutyunjwa kwisiGqeba soLawulo se-African Editor’s Forum.
1.4.    kwiBanyana Banyana, iqela lesizwe lebhola ekhatywayo lamanina, ngokuphumelela umjikelo wesibini weMidlalo ye-CAF yokulungiselela ukuThatha iNxaxheba kwi-Olimpikhi. Eli qela liphumelele umdlalo obunemilenze emibini ngamanqaku amane ewonke eqandeni, ngoku liza kudlala neNigeria kumjikelo wokugqibela ngoTshazimpunzi 2024.

2.    Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ivakalise amazwi ovelwano kwizihlobo noogxa:

2.1.    BakaCaptain Simon Mkhulu Bobe kunye no-Lance Corporal Irven Thabang Semono abangamajoni oMkhosi weSizwe woKhuselo woMzantsi Afrika (i-SANDF) aswelekele eDemocratic Republic of the Congo ngomhla we-14 kweyoMdumba 2024. La majoni ebeyinxalenye yamaJoni aTyalwe nguMbutho woPhuhliso lwamaZwe asemaZantsi e-Afrika e-DRC obizwa ngokuba yi-SAMIDRC, atyalelwe ukuzisa ukhuseleko, uxolo nozinzo ngokoMbono we-AU “Wokuphelisa iiMfazwe ngowama-2030”. IKhabhinethi inqwenelela ukuba achache ngokukhawuleza amanye amajoni amathathu athe onzakala kolwa hlaselo.

2.2.    Kubantu abasithoba baseMpumalanga abasweleke kwingozi yebhasi embi ePaulpiertersburg, kwiphondo laKwaZulu-Natal ngethuba bebuya kumbhiyozo we-African National Congress ububanjelwe eThekwini.

Imibuzo:
Nks Nomonde Mnukwa 
isiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 653 7485

Share this page

Similar categories to explore