INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-18 kweyoMsintsi wama-2013

23 Sep 2013

1. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba ebalulekileyo kwiimeko ezigqubayo nezingundabamlonyeni

1.1 Phantsi kobunkokheli bukaMongameli uJacob Zuma, urhulumente uqalisa inkqubo yezisekelo ezingundoqo zoluntu exabisa izigidi zetriliyoni ejoliswe ekuvuleleni amathuba emisebenzi nokuzisa iinkonzo kubemi bonke boMzantsi Afrika.

Ngezi nkqubo urhulumente unikezela ngeenkonzo kwisibophelelo sakhe sokudala amathuba emisebenzi emininzi. Ukusukela kwathi kwamkelwa uMgaqo-nkqubo weNdlela eNtsha yoHlumo lwezoQoqosho imisebenzi yande ngama-750 000, ngaphantsi nje kwesiqingatha sale misebenzi, iveliswe kwicandelo leenkonzo zabasebenzi, ingakumbi phakathi kwezikhundla zabasebenzi bezempilo, ezootitshala  nezamapolisa.<

Ezi nkqubo zibeka phambili uphuhliso lwamashishini amancinci alicandelo elibalulekileyo lokuvula amathuba ezoqoqosho.

IKhabhinethi ivakalisa amazwi ombulelo kulo macandelo abehlulelani asebenzisana norhulumente ukuze kufezekiswe olu phuhliso lukhulu lweziseko ezingundoqo kwaye ihlaba ikhwelo lentsebenziswano ngakumbi yokukhawulezisa iinzame zokudala amathuba emisebenzi nokwenza inguqu kuqoqosho nakuluntu lwethu.

Njengenxalenye yokuqaliswa kweziseko ezingundoqo zoluntu uMongameli uJacob Zuma ngomhla wama-20 kweyoMsintsi uza kuba evula iSikhululo saMandla oMbane saseGrootvlei aze ahlole isiza solwakhiwo lomzila kaloliwe eMpumalanga.

IKhabhibethi iyakwamkela ukwakhiwa kweDyunivesithi i-Sol Plaatjie entsha eKimberley eMntla Koloni ekulindeleke ukuba luqalise phambi kokuba kuphele eyoMsintsi wama-2013.

Esi sisiganeko esibalulekileyo kuhlumo nakuphuhliso lwecandelo lwezemfundo ephakamileyo yoMzantsi Afrika. Umsitho wokuphethulwa kwesoyi uphawule ukuqaliswa ngokusesikweni kokwakhiwa kweli ziko.

Uphuhliso lwedyunivesithi entsha luchongiwe lwaze lwabekwa phambili kwakwiiProjekthi eziDityanisiweyo zesiCwangciso-qhinga (i-SIP 14) yiKomiti yokuQuquzelela iziSeko ezinguNdoqo kaMongameli (i-PICC).

1.2 UMongameli uJacob Zuma kunye neKhabhinethi yakhe baza kunika imbeko kubemi abasebekhulile boMzantsi Afrika kwiNdlu yokwaMkela iiNdwendwe kaMongameli i-Sefako M. Makgatho ePitoli ngomhla wama-29 kweyoMsintsi yowama-2013. Oku kuyinxalenye yokubhiyoza igalelo elenziwe ngabemi abasebekhulile kuphuhliso loluntu nolwelizwe lethu. Oku kuphawula isiqalo seVeki yabaNtu aBadala, ephela ngomhla we-6 kweyeDwarha, oluluSuku looMawokhulu.

1.3  UMongameli uJacob Zuma uza kuba esenza intetho kwiNgxongxo Jikelele yeSeshoni yama-68  yeNgqungquthela Jikelele yeZizwe eziManyeneyo (i-UNGA68) eNew York ngomhla wama-24 kweyoMsintsi wama-2013.

Umxholo walo nyaka uthi: “I-Ajenda  yoPhuhliso eMva kowama-2015:  Ukulungiselela iQonga!” neengqwalasela kwixesha elibekiweyo lowama-2015, kwiiNjongo zoPhuhliso zeMileniyam (ii-MDG) kwakunye ne-Ajenda yoPhuhliso ukuya phambili.

I-UNGA68 ibonelela uMzantsi Afrika ngeqonga lokuqhubela phambili nendlela yethu yezicwangciso-qhinga ekufezekiseni ii-MDG ne-Ajenda yoPhuhliso eMva kowama-2015. Ukuthatha inxaxheba kwethu nako kuza kuxhomekeka kwiimfunozesizwe nemiba ephambili, kwakunye nezibophelelo zethu zommandla nezelizwekazi.

1.4 IKhabhinethi ikugxeka kakhulu ukonakaliswa ngabom kwegridi yombane ngabagwayimbi abangekho semthethweni okubangele ukuba kungabikho mbane kwiindawo eziseRhawutini. Izenzo ezinjalo ezenzeka ngexesha ilizwe lisiya ngasekuzinziseni ukubonelelwa ngombane azinakho ukutyeshelwa kwaye kufuneka ziphathwe ngendlela yokuba umthetho udlale indima yawo.

1.5  Ukukhutshwa kweeNkcukacha-manani zolwaPhulo-mthetho zeSizwe zoMzantsi Afrika zonyaka wama-2012/13 kuqinisekisa ngokutsha isiqinisekiso sethu sokuba xa sisebenza kunye siza kuyiphumeza injongo yethu yoluntu olungenalwaphulo-mthetho, olutsala utyalo-mali oluqinisekisa uxolo nozinzo kuluntu lwethu.

IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abadlali ndima ababalulekileyo ukuba bazibandakanye ngendlela eyakhayo nezi ziphumo. URhulumente ukhupha ezi nkcukacha-manani kanye ngonyaka ngeenjongo zokubonelela uluntu ngolwazi oluhlaziweyo lomlo wokulwa nolwaphulo-mthetho elizweni, kananjalo nokuqwalasela ezinye izicwangciso-qhinga ezikhoyo ekulweni ulwaphulo-mthetho. Iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zikwasetyenziswa imihla yonke njengesixhobo sezolawulo ukukhokela izicwangciso zokusebenza kweNkonzo yezobuPolisa yaseMzantsi Afrika  (i-SAPS).

IKhabhinethi iyayincoma imizamo yokungadinwa kwabe-SAPS kunye nayo yonke imibutho ehleliweyo noluntu olusebenzisana norhulumente kumlo wokulwa nolwaphulo-mthetho. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba bazibandakanye kumlo wokulwa nolwaphulo-mthetho. Xa sisebenzisana siza kuqinisekisa ngoMzantsi Afrika apho wonke ummi woMzantsi Afrika eziva ekhuselekile kwaye engenaxhala.

1.6 IKhabhinethi ivakalise inkxalabo enkulu ngenyhikityha yeengozi zezithuthi zendlela yakutsha nje.  Iingozi ezinjalo zishiye ezinye iintsapho zilambatha kwaye  zinempembelelo embi enobuzaza kwezoqoqosho.  IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abaqhubi beemoto ukuba baqinisekise ukuba iimoto zabo zikulungele ukusetyenziswa esitratweni kwaye baqiniseke ukuba  banoxanduva xa beqhuba. Kangangokuba iKhabhinethi ihlaba ikhwelo koogunyazisiwe  bezendlela ukuba baqhubekeke ukungazinyamezeli tu izithuthi ezingalungelanga ukuba sezindleleni nokuqhuba phantsi kweempembelelo zotywala.   IKhabhinethi ikwahlaba ikhwelo kubahambi ngeenyawo bahloniphe imithetho yendlela.

1.7 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba babhiyozele uSuku lwaMagugu, lwama-24 kweyoMsintsi wama-2013 ngokutyelela amaziko awohlukahlukeneyo wamagugu wethu atyebileyo nawohlukileyo mbombo-zone zeli lizwe kubhiyozelwa imiNyaka yeNkululeko engama-20.  Bonke abemi boMzantsi Afrika, izikolo, amashishini noluntu bayacelwa baphephezelisele ibhanile yethu phezulu njengophawu lombhiyozo wethu wemiNyaka yeNkululeko engama-20 baze baxhase iphulo lika‘Lwesihlanu weNkululeko’ osungulwe ngowama-20 kweyoMsintsi wama-2013.

1.8 IKhabhinethi ivuyisana noLucas Sithole ngokuphumelela intshinga yabadlala bebanye yomdlalo wesitulo esinamavili kuMnyhadala weNtenetya obizwa i-US Open  eNew York.     Isikhundla sehlabathi sikaSithole senyukele kwindawo yesibini kulandela uloyiso lwakhe,  iyeyokuqala intshinga enkulu yeManyano yeNtenetya yeZizwe-ngezizwe ukuba iphunyelelwe ngumdlali wase-Afrika naseMzantsi Afrika.

IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baxhase abadlali abakhubazekileyo bethu abaqhubekeka besenza ilizwe lethu libe nebhongo ngokubonakalisa umdlalo wodidi lwehlabathi kwaye besikhuthaza sonke ukuba sifikelele kumaqondo aphezulu.

1.9 IKhabhinethi yamkela iMbizo  yokuPhuhliswa  kwabaNtsundu kwezoQoqosho ngokuBanzi yeSizwe (i-BBBEE) ezakubanjwa usuka kowe-3 ukuya kowe-5 kweyeDwarha wama-2013 phantsi komxholo:  “ImiNyaka eliShumi yokuXhotyiswa kwezoQoqosho”.

Isixhobo somgaqo-nkqubo wokuPhuhliswa kwabaNtsundu kwezoQoqosho ngokuyimfuneko sisicwangciso-qhinga esibalulekileyo sohlumo olujongiswe ekwenzeni banzi isiseko sezoqoqosho selizwe ngokujolisa ekungalingani okuhlala kuyinto ebuthathaka kuqoqosho loMzantsi Afrika.

Le mbizo iza kuhlola inkqubela-phambili yokufezekiswa kwe-BBBEE emva kwesikhumbuzo seminyaka eli-10 sukela kwathi kwamiselwa uMthetho we-BBBEE ngowama-2003. Abadlali ndima ababalulekileyo  bamaQumrhu, abameli bemibutho yabasebenzi, amaqela opolitiko nemibutho yoluntu yasekuhlaleni iza kuthatha inxaxheba ekunikeni uMzantsi Afrika amalungelo okuphindaphindwa kathathu kophuhliso lwabantsundu kwezoqoqosho ngoMthetho ohlonyelweyo we-BBBEE noMgaqo wokuziPhatha kaKuhle we-BBBEE.

1.10 IKhabhinethi iqhwabela izandla iSebe loPhuhliso lwezeNtlalo kwisicwangciso-qhinga sokuphucula ukuziswa kweenkonzo olubizwa iProjekthi Mikondzo eza kongeza ukufikelela kweenkonzo zezentlalo kwabahluphekileyo nabahlelelekileyo mbombo-zone zoMzantsi Afrika.

Ngexesha leNyanga yoPhuhliso lwezeNtlalo, iSebe loPhuhliso lwezeNtlalo likunye namaqurhu alo, i-Arhente yoKhuseleko lwezeNtlalo yoMzantsi Afrika ne-Arhente yoPhuhliso lweSizwe, liza kuqhubekeka nokuqalisa iProjekthi Mikondzo kwezona wadi zisokolayo ezili-1 300 kwiZithili zooMasipala ezingama-23 njengoko zichongiwe zaza zabekwa phambili yiKhabhinethi.

1.11  IKhabhinethi ikhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba bathathe inxaxheba kwiVeki yeMbizo yokuGqalisisa ezayo phakathi komhla we-7 nowe-13 kweyeDwarha kowama-2013.

Kulandela impumelelo yeVeki yeMbizo yokuGqalisisa yeSizwe kweyeSilimela yowama-2013, le Veki yokuGqalisisa yesibini iza kubonelela ngeqonga iiNkokeli zezoPolitiko ukuba zizibandakanye ngakumbi noluntu.

Eli thuba libonelela abemi ngenye indlela ukuba badibane naMalungu eKhabhinethi, ukuze babhiyozele izinto abaphumelele kuzo baye bathethe ngemingeni esekuphunyezweni kweenkqubo zikarhulumente. Iindawo neenkqubo zeVeki ziza kupapashwa xa sele kusondele ixesha.

2 Iingxoxo kunye nezigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1 IKhabhinethi iphumeze  uMgaqo-Nkqubo weSizwe ongokuFumaneka koKutya neSondlo, isiCwangciso-qhinga sokuFumaneka koKutya  neSondlo kwiMizi kunye nongenelelo lweMveliso yoKutya i-Fetsa Tlala.

UMgaqo-nkqubo weSizwe ufuna ukuhlangabezana nemingeni emininzi enxulumene nokungafumaneki kokutya eMzantsi Afrika.  Uxhaswa zizicwangciso-qhinga zongenelelo ezithile ukuze kuhlaselwe imingeni yokunsilela kokutya emakhaya kwanokwandisa imveliso yokutya, ukuze kupheliswe indlala ngowama-2030. IsiCwangciso-qhinga neMveliso yoKutya i-Fetsa Tlala ziinkqubo eziphakathi kwaMasebe ngaMasebe axhasa lo Mgaqo-nkqubo.

Kuza kubakho ukusungulwa okuzakwenziwa ukuze kucaciswe lo Mgaqo-nkqubo neeNkqubo.

2.2 IKhabhinethi wamkele iNkqubo-sikhokelo yoMzantsi Afrika yokudibana noMbutho weNtsebenziswano kwezoQoqosho noPhuhliso (i-OECD) kwisithuba sowama-2013/14 – 2016/17.

UMzantsi Afrika ufuna ukusebenzisa obu budlelwane ukuze uphumeze iinjongo ezintathu ezibalulekileyo:
i) uhlumo lwezoqoqosho oluphezulu oluquka konke,  imfuno yokuhlangabezana nentswela-ngqesho, ubuhlwempu nokungalingani;
ii) abasebenzi abanezakhono nabanakho ukusebenza, ukuxhasa kokunikezelwa kwamaxesha asikiweyo ophuhliso; no
iii) kuQhubela phambili ne-Ajenda yase-Afrika, apho uMzantsi Afrika uza kufuna ukusebenzisa kakhulu impembelelo ye-ajenda yehlabathi apho uqoqosho lwamazwe ase-Afrika lungaxhamlayo khona.

Amazwe e-OECD ahlala elurhwebo olubalulekileyo noomahlulelane botyalo-mali kuMzantsi Afrika. Kuqikelelwa ukuba amazwe e-OECD enza igalelo elingaphezulu kwama-65% kwiMveliso yaNgaphakathi iPhelele kwihlabathi jikelele ngowama-2011.

Le ndlela ibonelela inkqubo-sokhokelo kumasebe karhulumente ukuze alawule ukuzibandakanya kwawo ngokwahlukeneyo ne-OECD. Le ntsebenziswano ixhotyisiweyo kurhulumente iza kubangela ukuba kubekho iinzuzo enokuxhanyulwa kangangoko kule ntsebenziswano.

3 IMithetho eYilwayo

3.1 IKhabhinethi iphumeze uMthetho oYilwayo weRhafu yeNkuthazo yeNgqesho ukuba upapashwe ukuze uluntu luvakalise izimvo zalo ngawo.

Lo mthetho uyilwayo wazisa inkuthazo ejolise ingakumbi ekukhuthazeni abasebenzi ukuba baqeshe ulutsha olufuna imisebenzi nelinamava angabheke phi. Le nkuthazo yenye kwezininzi eza kuba phantsi kwesicwangciso-qhinga sikaRhulumente sokuqesha ulutsha kwaye iza kuhambelana neenkqubo esele zikho zikarhulumente.

Irhafu yenkuthazo yengqesho yolutsha ijoliswe kubantu abatsha abangena kumrhibe wezemisebenzi nabamkela ngaphantsi kwabantu abahlawuliswa irhafu. Ekwenzeni njalo, ijolisa kubantu abanesakhono esingabheke phi, abamkela imivuzo engabheke phi. Inkuthazo iza kudala iimeko ezinceda ukudalwa kwamathuba emisebenzi kunye nokuphucula izithembiso zengqesho kubasebenzi abahleleleke njalo.

Ukukhutshwa kwamagqabantshintshi okucwangcisiweyo kuza kuqhutywa  ukuze kucaciswe uMthetho oYilwayo.

3.2   IKhabhinethi iphumeze uMthetho oYilwayo weKomishoni yoLawulo lweMihlaba, wama-2013 ukuba khutshwe ukuze uluntu luvakalise izimvo zalo ngawo.

Phakathi kokunye, uMthetho oYilwayo wekoMishini yoLawulo lweMihlaba wama-2013 ujolise ekusekeni iKomishoni yoLawulo lweMihlaba. IKomishoni yoLawulo lweMihlaba kuza kufuneka igwebe kwiimbambano zobunini bemihlaba apho iziqinisekiso zobunini ezimbini okanye ezingaphezulu ezinokuthi zibe zikhutshelwe umhlaba omnye.

IKomishini kananjalo kuza kufuneka isungule ize igcine uvimba weenkcukacha obanzi karhulumente womhlaba karhulumente uwonke obhaliswe egameni lesebe kuquka nawo nawuphi na umhlaba karhulumente ocandiweyo ongabhaliswanga.

3.3   IKhabhinethi iphumeze ukufakwa koMthetho oYilwayo woNcedo lwezoMthetho ukuba ufakwe ePalamente.

Lo Mthetho uYilwayo ujoliswe ekuguzulweni koMthetho woNcedo lwezoMthetho, we-1969 (uMthetho ongunombolo 22 we-1969) ngokwemeko ezigqubayo, ingakumbi ngexesha elitsha elilawulwa ngokomgaqo-siseko, nokwenza lula ngakumbi ukusetyenziswa kwawo.

UMthetho oYilwayo ujoliswe ukuba uxhobise impumelelo yokusebenza nokuvelisa iziphumo ezifunwayo zoNcedo lwezoMthetho lwaseMzantsi Afrika, ezakuthi nayo ibe neziphumo zexesha elide ezintle kuluntu luphela. Ingadityaniswa nexesha elimiselweyo elibalulekileyo lokukhusela inkqubo yokhuseleko ekuhlaleni nokhuseleko lwasekuhlaleni lwabahluphekayo namanye amaqela ahlelelekileyo, nokuqondakala korhulumente ophuhlayo, okwaziyo nokufanelekileyo ophatha abemi bakhe ngesidima.

3.4  IKhabhinethi iphumeze ukupapashwa koMthetho oYilwayo weMigaqo yezeMpilo yeZizwe-ngezizwe wama-2013, kwiPhephandaba loMbuso ukwazisa uluntu ukuba luvakalise izimvo zalo.

Lo Mthetho uYilwayo ujonge ukuguzula uMthetho weMigaqo yezeMpilo yeZizwe-ngezizwe we-1974 (uMthetho onguNombolo 28 we-1974) kwanokuquka iMigaqo yezeMpilo yeZizwe-ngezizwe wama-2005 kumthetho wesizwe.

Imigaqo yezeMpilo yeZizwe -gezizwe (2005) ngumthetho wezizwe-ngezizwe onceda amazwe ukuba asebenze kunye ekuphuculeni ubomi neendlela zokuphila kwiziganeko ezibangelwe kukusasazwa kwezifo ehlabathini nezinye iingozi zempilo.

3.5 IKhabhinethi iphumeze ukwaziswa koMthetho-sihlomelo waMayeza noLwelo oluNxulumeneyo wama-2012 ePalamente.

Lo Mthetho-sihlomelo ulungisa uMthetho waMayeza noLwelo olunxulumeneyo we-1965 (uMthetho onguNombolo 101 we-1965) njengoko uhlonyelwe nguMthetho wama-72 wama-2008.

Ukufikelela kumayeza akhuselekileyo, afikelelekayo nakhuselekileyo nakwizixhobo zonyango ezisemgangathweni yintsika ebalulekileyo yempilo yoluntu kwaye kunegalelo kwinzuzo yenjongo kaRhulumente yokwandisa ixesha lokuphila lwabemi boMzantsi Afrika.

3.6 IKhabhinethi iphumeze ukupapashwa koMthetho oYilwayo woLawulo lokuThengiswa kweZiselo ezinoTywala wama-2013, kwiPhephandaba loMbuso ukwazisa uluntu ukuba luvakalise izimvo zalo.

Utywala sisithintelo esikhulu ekufikeleleni kwisiphumo sikarhulumente sokuzuza ubomi obude nobunempilo kubantu bonke. Lo Mthetho uYilwayo ufuna ukunciphisa umonakalo onxulunyaniswa notywala ngokulawula ukuthengiswa iziselo ezinotywala.

Ngeli xesha urhulumente engenakho ukuvala ukuthengiswa kotywala kananjalo akanakho ukuvumela ngokusesikweni akhuthaze ukusetyenziswa kotywala ngokuvumela uluntu ingakumbi ulutsha ukuba lukholelwe ukuba ubomi babo buza kuphucuka ekubeni ngokwenene luza kuba nomphumela ongemhle.

Olu ngenelelo akufunekanga lubonwe lulodwa kodwa njengenxalenye yamanyathelo apheleleyo karhulumente okunciphisa umonakalo onxulunyaniswa notywala.

Ukukhutshwa kwamagqabantshintshi okucwangcisiweyo kuza kuqhutywa  ukuze kucaciswe uMthetho oYilwayo.
3.7 IKhabhinethi iphumeze ukupapashwa kweMithetho eYilwayo emibini, yomibini ehlomela uMthetho waBantwana wama-2005, (uMthetho onguNombolo wama-38 wama-2005) njengoko uhlonyelwe nguMthetho wama-41 wama-2007 ngokweCandelo lama-75 loMgaqo-siseko neCandelo lama-76 ukuba uluntu luvakalise izimvo zalo.

Lo mthetho uyilwayo ufuna ukufakela inkcazelo yolwaphulo-mthetho yokwabelana ngesondo ukuqinisekisa ukuba nawuphi na umntu ofunyaniswe enetyala lwalo naluphi na ulwaphulo-mthetho njengoko lucaciswe kuMthetho sihlomelo (uLwaphulo-mthetho lokwaBelana ngesondo neMiba enxulumeneyo) woLwaphulo-mthetho onguNombolo 32 wama-2007, uthathwa njengongafanelekanga ukusebenza ngabantwana.

Lo Mthetho uYilwayo uhambelanisa isigwebo esithathwe yiNkundla yoMthetho noMgaqo-siseko sokubonelela ngophononongo lwezigwebo ezithathwe zijaji isigqibo sokususa nokubeka umntwana kwindawo ekhuselekileyo yokhathalelo lomntwana yexeshana ngomyalelo wenkundla nangaphandle kwayo kwakwixesha elithile elichaziweyo.

  UMthetho-sihlomelo wesiBini waBantwana wama-2013 ujolise ukuqinisekisa ukuba bonke abantwana bayaxhamla kwiinkonzo nezibonelelo ezijoliswe ekuququzeleleni ufikelelo kukhuseleko nokhathalelo lwezentlalo nokudala inkqubo esebenzayo yezentlalontle yoluntu. Ukwafuna ukubonelela ngendawo ekhuselekileyo nekhuselayo yokubekwa kwabantwana abafunyaniswa bedinga ukhathalelo nokhuselo.

4 Izikhundla

4.1 IKhabhinethi iphumeze ezi zikhundla zilandelayo kwiSebe leMicimbi yezaManzi:
a) uMnu. uJohannes David Mahlangu kwisikhundla sikaSekela Mlawuli-Jikelele: IiNkonzo zeQumrhu
b) uMnu. U-Anil Bijman Singh kwisikhundla sikaSekela Mlawuli-Jikelele: Imigaqo noThotyelo
c) uNkszn uDeborah Gabaakelwe Mochotlhi kwisikhundla sikaSekela Mlawuli-Jikelele: UCwangciso neeNkcukacha.

4.2 IKhabhinethi iphumeze ezi zikhundla zilandelayo kwiSebe lezeMisebenzi:
a) uNkszn. u-Agnes Moiloa kwisikhundla seGosa eliyiNtloko leMisebenzi.
b) uMnu. uThobile Maxin Lamati kwisikhundla sikaSekela Mlawuli-Jikelele: IiNkonzo zokuHlola nokuPhumeza.

4.3 IKhabhinethi iphumeze ukuqeshwa kwaba bantu balandelayo kwiBhodi yaBalawuli ye-Arhente yoBugcisa noLwazi (iSITA):
a) uGq. Anna Mokgokong
b) u-Adv Mantshare Beatrice Matlejoane
c) u-Adv Thabani Masuku
d) uMnu. Zukile Nomvete
e) uNkszn. uSeadimo Chaba
f) uMnu. Ganelang Zeth Malele
g) uMnu. uGraeme Alvan Victor
h) uNkszn. uNozipho January-Bardill
i) uNkszn. Sindi Mabaso-Koyana
j) uNkszn. uVuyokazi Felicity Mahlati
k) uNkszn. uStadi Mngomezulu
l) uNkszn. uMichelle Oddette Williams
m) uMnu. uDavid  Clephane Niddrie  (uMmeli osuka kwezoNxibelelwano)
n) uMnu. Nkhangweleni Walter Mudau (uMmeli we-DPSA)
o) uMnu. uGeoffrey Rothschild.

4.4 IKhabhinethi phumeze ukuqeshwa kwakhona kwala malungu alandelayo kwiBhodi yeeNkonzo zeZimali.
a) uNkszn. uJabu Mogadime
b) uNkszn. uHilary Wilton (uSekela-Sihlalo)
c) uNjingalwazi uPhillip J Sutherland
d) uNkszn. uZarina Bassa
e) uNkszn. uDi Turpin
f) uMnu. u-Ismail Momoniat
g) uMnu. u-Olano Makhubela (oTshintshanayo)
h) uNkszn. uDudu Msomi
i) uMnu. u-Abel Sithole (uSihlalo)

4.5 IKhabhinethi iqaphele ukuqeshwa kwakhona kukaNkszn. Hlonela Lupuwana njengeGosa eliyiNtloko elikwiSigqeba soLawulo lwe-Arhente yoPhuhliso lwamaShishini amaNcinci kwisithuba seminyaka emihlanu.

4.6 IKhabhinethi iqaphele ukuqeshwa kwakhona kukaGq. Prins Nevhutalu njengoSihlalo weBhodi kwiZiko leSizwe le-Metrology loMzantsi Afrika.

4.7 IKhabhinethi ivume ukuqeshwa kwaba bantu balandelayo kwiKomishoni yeNkonzo yoMkhosi woKhuselo kwisikhundla esingesosigxina kangangesithuba esingathinga kwiminyaka emithathu.
a) uNkszn. uMagirly Rebecca Mokoape;
b) uNkszn uLindiwe Daphney Zulu
c) uNkszn. uDipuo Mvelase

Imibuzo: Phumla Williams (ISithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Umnxeba woqhagamshelwano: 083 501 0139

Issued by: Government Communications

Share this page

Similar categories to explore