INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla wesi-3 kweyoMsintsi kowama-2013

1. Ukuphunyezwa kweNkqubo eziNgundo zikaRhulumente

1.1. IKhabhinethi iyakwamkela ukuvulwa ngokusesikweni nguMongameli uJacob Zuma kwesiBhedlele i-Dr Harry Surtie e-Upington, eMntla Koloni, ngomhla wesibini kweyoMsintsi kowama-2014. Oku kwenzeke kwintsuku ezine emva kokuba esinye isibhedlele esitsha sivulwe nguMphathiswa wezeMpilo uGq. Aaron Motsoaledi eNatalspruit, eGauteng. Le yeminye yemisebenzi ebalulekileyo kwinkqubo yesizwe karhulumente yeziseko ezingundoqo eza kukhokelela ukuba kwakhiwe izibhedlele ezingama-43 neekliniki ezingama-213 kule minyaka mihlanu izayo ukuze kwaneziswe iimfuno zenkqubo ye-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe.

1.2 IKhabhinethi ikuqhwabela izandla ukubanjwa nokuthinjwa ngephulo iProject Darling kunye nokubanjwa kwemigulukudu ekrokrelwa ngokuqweqedisa iiloli. Iphulo iProject Darling likhokelele ukuba kufunywana iidayimani ezingekho mthethweni kunye nokuthathwa kwempahla exabisa izigidi ezingama-R50, izindlu ezili-15 kunye nemali yangaphandle ezizigidi ezingama-R43.

Ekupheleni kwale nyanga amapolisa aza kukhupha iinkcukacha-mani zolwaphulo-mthetho. La manani asekelwe kumanani okwenene amatyala amangalelwe emaPoliseni, kwaye aza kubonakalisa amaphulo abe yimpumelelo kunye nemingeni.

Ukupapashwa kwala manani kuza kusinceda ukuba sikwazi ukuba sixoxe ngento esiyaziyo ngendlela zokuqinisa intsebenziswano esinayo noluntu malunga nephulo likarhulumente elibanzi lokulwa nolwaphulo-mthetho. Ukuze eli lizwe lilwe ulwaphulo-mthetho ngempumelelo, iKhabhinethi icela uluntu ukuba nalo ludlale eyalo indima ngokuxela izenzo zolwaphulo-mthetho nokuxhasa imibutho yasekuhlaleni elwa nolwaphulo-mthetho njengokuba idabi lokulwa ulwaphulo lifuna kuphume wonke ubani ekuhlaleni.

Urhulumente uyazigxeka izenzo zokuhlasela ngolunya amalungu abeNkonzo yobuPolisa yoMzantsi Afrika besemsebenzini. NgeCawe, umhla wesi-7 kweyoMsintsi ngowama-2014 urhulumente uza kuhlonipha unike nembeko kula mapolisa aphulukene nobomi bawo esemsebenzini. IKhabhinethi icela isizwe ukuba naso sibonise imbeko kula mapolisa awe esemsebenzini ezama ukugcina umthetho.

1.3 IKhabhinethi iyakwamkelwa ukwaziswa kweziko elixabisa iibhiliyoni ezi-R2 lokufuya ezaselwandle kuMmandla woPhuhliso lwamaShishini oseNgqurha eMpuma Koloni elibekele bucala iihektara ezingama-80 ukulungiselela ukukhulisa amangquba ngowama-2020 ize idale imisebenzi esisigxina engama-2 080. Le projekthi iyinxalenye ye-Operation Phakisa enjongo zayo ikukukhangela ubutyebi obunokufunyanwa kwiilwandle zoMzantsi Afrika. Le projekthi inakho ukugalela iibhiliyoni ezili-R177 kuqoqosho ize idale imisebenzi enokufika kwisigidi ngowama-2033. IKhabhinethi icela nabanye abatyali-zimali ukuba bankampane noRhulumente kula mathuba matsha ohlumo loqoqosho.

1.4 IKhabhinethi iyakubulela ubukho begqiza leengcaphephe zoogqirha loMzantsi Afrika kumazwe eziseNtshona ye-Afrika iGuinea, iSierra Leone kunye neLiberia ezincedisa kwidabi lokulwa nokunwenwa kweNtsholongwane i-Ebola. Eli gqiza leengcaphephe ezizingcungela linelebhu engumahamba-nandlwana kwaye oko bephaya kweziveki zidlulileyo zimbini (ezi-2) bencedisa kwiphulo lokuxilonga nokubona esi sifo kuwo wonke la Mmandla.

1.5 IKhabhinethi iyakwamkela ukusungulwa kweSigaba 1A, seprojekthi ebizwa i-Pongolapoort Bulk Water Supply. Le projekthi kuqikelelelwa ukuba iza kuxabisa ibhiliyoni e-R1,5 iza kukhokelela ukuba kunikezelwe ngamanzi aselwayo nokufakelwa kobuxhaka-xhaka bokucoca nokugcina amanzi asisixa ukulungiselela abantu abangama-134 864 kumakhaya angama-16 200. Le projekthi iza kuzisela amanzi uluntu loMasipala waseJozini, KwaZulu-Natal. 

2. Izigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1 IKhabhinethi ikuvumile ukukhutshwa kwesiCwangciso-sikhokelo esiHlanganisiweyo soPhuhliso lweDolophi esiseluyilo esiza kusetyenziselwa ukufakana indlebe namahlakani aphambili kunye nokwenzela intsebenziswa entle phakathi kwamaqoqo karhulumente. Oku kuza kunceda ukuba kuvisiswane ngomba weenguqu kwiidolophi zoMzantsi Afrika. Esi siCwangciso-sikhokelo sisabela kwikhwelo likaMongameli uJacob Zuma sokuba makubekho isicwangciso-sikhokelo sesizwe esihlanganisiweyo sophuhliso lweedolophi ukuze kuliwe nomonakalo owenziwa ngurhulumente wocalucalulo owakha iidolophi ngokocalucalulo  kunye nokunceda oomasipala bakwazi ukumelana ngokokuko nombandela wokuthontelana kwabantu ezidolophini. Umbono wesi siCwangciso-sikhokelo kukuba izixeko needolophi kuyaphileka kuzo, azicaluli mntu kwaye zakhiwe ngokufanelekileyo. Esi siCwangciso siza kulungisa le ndlela igwenxa kwakusakhiwa ngayo iidolophi yayicalula ngebala nangokufuma kweempokotho size sakhe izixeko needolophi ezinobumbano nezingacaluli bani.

2.2. IKhabhinethi iyamkele  iNgxelo yeSizwe ngezeZindlu noPhuhliso lweeDolophi eza kunikezelwa kwiNkomfa yeZizwe eziManyeneyo (i-Habitat III) ngowama-2016. Inkomfa yeZizwe eziManyeneyo yokuqala yamalungiselelo iza kubanjwa ngomhla we-17 nowe-18 kweyoMsintsi ngowama-2014. Le ngxelo kulindeleke ukuba izale i-Ajenda eNtsha yeeDolophi yenkulungwane yama-21 yokujongana nemingeni amazwe afumileyo nasakhulayo ajamelana nayo, yamkele indima eya isiba nkulu edlalwa zizixeko kwimiba edla ihlabathi efana nokutshintsha kwemozulu, iintlekele, uphuhliso loqoqosho kunye namalungelo oluntu. Amalungiselelo e-Habitat III afika kanye ngexesha apho uMzantsi Afrika uxakekile ubhala isiCwangciso-sikhokelo soMgaqo-nkqubo oHlanganisiweyo sawo kwaye uqalisa ngamalungiselelo ePhepha logayo-zimvo lezokuHlaliswa koLuntu.

2.3 IKhabhinethi ikuvumile ukusungulwa kwe-Arhente yokuLawula iiMpahla zeSizwe eza kujonga ulawulo lweempahla zikarhulumente. Le arhente iza kuba liCandelo likaRhulumente eliphantsi kolawulo loMphathiswa weMisebenzi kaRhulumente. UMphathiswa uNxesi uza kunika iinkcukacha ezithe vetshe ngalo umba.
2.4 IKhabhinethi iwamkele uMgaqo-nkqubo olungisiweyo wokuqeshwa kwabaSebenzi bokuBhangisa eza kupapashwa ngesaziso kwiPhephandaba lakwaRhulumente. Lo Mgaqo-nkqubo ujolise ekukhuthazeni ukungaqu-guquki, ubulungisa, nokudandalazisa elubala kunye nokuphumeza ulingwano kubantu ababehlelelekile ngaphambili ngokucalu-calulwa ngolunya. Olona tshintsho lukhulu luza nesi silungiso kukususwa kwenkqubo ebizwa ngokuba kukufaka iBango ngeenjongo zokuqhubela phambili neenguqu. Lo mgaqo-nkqubo uza kusetyenziswa kuphela kwabo baqeshwe  ngokoMthetho wokuBhangisa, uMthetho weeNkampani kunye noMthetho wamaQumrhu aQingqiweyo. 

3. ImiThetho esaYilwayo

3.1 IKhabhinethi ivumile ukuba uMthetho osaYilwayo wokuThathwa koMhlaba, wowama-2014 uthiwe thaca ePalamente. UMthetho wokuThathwa koMhlaba wowama-1975 ngowaphambi koMgaqo-siseko wowama-1996 oko kwenze ukuba kufuneke kulungelelwaniswe imithetho ephambili elawula ukuthathwa komhlaba ngokwemimiselo nezibonelelo zoMgaqo-siseko.  UMphathiswa uNxesi uza kunika iinkcukacha ezithe vetshe ngalo umba

4. ULuvo lweKhabhinethi kwiMiba eGqubayo

4.1 IKhabhinethi iyakhuthazwa luhlumo oluncumisayo kuqoqosho kwikota yesibini yonyaka phantsi kweemeko zoqoqosho ezinzima kweli lizwe nakwihlabathi. Isantya sokukhula kokoqoqosho sisephantsi ukuba singamelana nemingeni yendlala, ukungalingani kunye nentswela-misebenzi. Urhulumente uyakukhawulezisa ukufezekiswa kwesiCwangciso soPhuhliso seSizwe ukukwazi ukulwa neengxaki ezondeleyo, lunyuse isantya esinokuhluma ngaso ngokusisigxina kudaleke nemisebenzi yabantu bakuthi. Malunga noku, iimali esizigalela kwiziseko ezingundoqo – umbane, ezothutho, amanzi, iindlela, izikolo nezibhedlele -  zisisakhelo soqoqosho oluhluma ngokukhawuleza, nolubandakanya wonke ngakumbi.

Umthamo wonyaka wemali etyalwa kwiiprojekthi ezinkulu lisebe lamashishini karhulumente unyuke ngaphezu kwama-260% ngokokwenyani kule minyaka ilishumi edlulileyo. Inkcitho yonyaka yoomasipala basemakhaya kwiziseko ezingundoqo ikhule ngokuphindwe kabini ngokokwenyani ukususela ekupheleni kweminyaka yeyawama-1990. Urhulumente sele egalele imali engaphaya kwetriliyoni zeerandi kwiziseko ezingundoqo ukusukela ngowama-2009 nowama-2010. Silindele ukuba uhlumo kwisiqingatha sesibini sonyaka luza kuncumisa njengoko icandelo lemigodi nelezemveliso zibuyela kwimeko yesiqhelo. Kwaye urhulumente uza kuqhubekeka esebenzisana namashishini nemibutho yabasebenzi ukudala iimeko ezifanelekileyo zotyalo-mali nohlumo loqoqosho.

4.2 IKhabhinethi iyazikhalimela izenzo neentetho zakutsha nje zokudala uqhushululu nto leyo ingahambisaniyo nomoya womgaqo-siseko kwaye inokusibuyisela emva sisizwe. Lo mkhwa mtsha wokutshiswa kweebhasi eNtshona Koloni nawo ugxekwa kabukhali.

IKhabhinethi ibothulela umnqwazi abazali abazixeleleyo ukuba bazakungenelela baqinisekise ukuba abantwana bayaya esikolweni eMntla Koloni. IKhabhinethi ibamba ngazibini kubazali abathe bangenelela befuna ukuqinisekisa ukuba ikamva labantwana babo aliphazanyiswa kwaye ikwabongoza ukuba amalungelo abantwana angaze aphinde anyhashwe kwakhona okanye abantwana basetyenziswe kumadabi okuhlala. IKhabhinethi iyabamemelela abemi boMzantsi Afrika ukuba balihloniphe igama leli lizwe lokukwazi ukuhlala etafileni kuboniswane ngendlela eyakhayo nokusombulula iimbambano nokuba zezikabani na ngolo hlobo siqhubuele uMzantsi Afrika Phambili

4.3 IKhabhinethi iyawamkela amanyathelo angqongqo athathwe licandelo loXolo noKhuseleko le-SADC kwizixholo-xholo zopolitiko zakutsha nje eLesotho kwaye iyakubethelela kwakhona ukuba iluxhasa ngokungagungqiyo uluvo lwe-SADC lokuzikhaba ngawo omane iinzame zokutshintsha umbuso ngokungekho mthethweni. Ke ngoko iKhabhinethi imelelela bonke abachaphazelekayo ukuba basebenzisane ukubuyisela ulawulo lwentando yesininzi eLesotho kwaye ilandelwe imiqathango yesivumelwano necandelo le-SADC.

4.4 IKhabhinethi ikuqaphele ukulahla emsebenzini kukaSihlalo weKomishini yoNyulo eziMeleyo, u-Advocate Pansy Tlakula. Ukulahla kwakhe kulandela uNyulo lukaZwelonke lowama-2014 olaliyimpumelelo olalukhokelwe nguye. Udlale indima enkulu ekuqinisekiseni ukuba ulawulo wentando yesininzi luluqilima. IKhabhinethi iyalibulela igalelo elenziwe ngu-Advocate Tlakula kwaye iyambulela naye ngokuzinikela kumsebenzi wakhe wokuqinisa ulawulo lwentando yesininzi kwaye imnqwenelela okuhle kodwa.

4.5 IKhabhinethi iyasamkela isigwebo esiwiswe yiNkundla yoMgaqo-siseko esingqina ukuba ulungile umgaqo-nkqubo karhulumente wokunikezelwa kwamathuba kwabo babehlelelekile. Urhulumente umi akajiki kwinkqubo yakhe yokulungisa umonakalo wokungalingani ekuhlaleni ingakumbi emisebenzini. Esi sigwebo sikwangqina nokuba okuyinenene inkqubo yokunika amathuba kwabo babahlelelekile ngaphambili kunye neminye imithetho yolungelelwaniso lwezengqesho ikhuthaza iinguqu kwaye ixhobisa abo babehlelelekile ngaphambili.

5. Imisitho ezayo

5.1 ISebe lezeMfundo esiSiseko liza kuqhuba uHlolo loNyaka likaZwelonke (i-ANA) lesine ukusuka ngomhla we-16 ukuya kowe-19 kweyoMsintsi ngowama-2014 ukuvavanya indlela inkqubo yeziphumo zokufunda kubantwana abafunda kumaBanga eloku-1 ukuya kwele-6 kunye nabeBanga le-9 njengenxalenye yamalinge okuphucula umgangatho wemfundo. Kulo nyaka (wama-2014) iSebe lezeMfundo esiSiseko liza kuqalisa ngelinge lokuhlola abafundi abathile abakhethiweyo beBanga le-7 nele-8. Isigqibo ngolu uhlolo siza kuthathwa ngowama-2015. 

I-ANA isinika ubungqina obugcweleyo ukuze sikwazi ukulandelela sijonge ukusebenza ngempumelelo kwamanyathelo okungenela kaRhulumente okuphucula umgangatho wokukwazi ukufunda nokubhala kunye nezibalo kubafundi kwaye inceda nootitshala ukuba bazibone iindawo ezifuna ukugxininiswa ngakumbi. IKhabhinethi ikhuthaza abazali nabagcini-bantwana ukuba babancedise abantwana babo ukuze baqinisekise ukuba iziphumo zabo zingasetyenziswa ukujonga iindawo ababetheka kuzo abantwana. Imihla namaxesha okubhala e-ANA kunye nezixhobo eziza kufuneka ziyafumaneka kule webhusayithi: www.education.gov.za

5.2 UMphathiswa woPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo lweMihlaba uGugile Nkwinti uza kusingatha iNgqungquthela yoBunini boMhlaba yowama-2014 e-Birchwood Hotel nakwiZiko leeNkomfa i-OR Tambo, eBoksburg ukusuka ngomhla we-4 ukuya kowe-6 kweyoMsintsi ngowama-2014. Le Ngqungquthela iza kugxila kumanyathela neendlela zokujika zicime imisebenzi yeli lizwe yobukholoniyali nocalucalulo eyabangela ukuba ama-75% abantu abamnyama bazibone sebengenamihlaba, bengenazindlu, bengaxhotyiswanga ngazakhono benganawo namalungelo okuba nomhlaba ongowabo. IKhabhinethi imemelela bonke abachaphazelekayo ukuba basebenzisane noRhulumente baphumeze izivumelwano zokujongana nomba welungelo lokuba nomhlaba ongowakho. 

5.3 Inkqubo yeNyanga yeeNkonzo zikaRhulumente ukusuka ngomhla woku-1 ukuya kowama-30 kweyoMsintsi kowama-2014 phantsi komxholo othi: “Ukutshintsha iNdlela abaSebenzi bakaRhulumente abaSebenza ngayo: Batho Pele “‘Khokelisa Abantu Phambili’”, iza kugxila kwiphulo lokuphucula nangakumbi indlela inkonzo ezihanjiswa ngayo ingakumbi ngabo basemehlweni abantu. IKhabhinethi imemelela bonke abemi boMzantsi Afrika bahloniphe abo basebenzi bakarhulumente okanye amaziko kaRhulumente asebenze ngokuzinikela ngokungenisa amagama abo ukuze abe nokubandakanywa kwiMbasa zokuGqwesa zeSizwe zeBatho Pele phambi komhla wokuvala wama-30 kweyoMsintsi ngowama-2014.

5.4 Inyanga yamafa ibhiyozelwa ukusuka ngomhla woku-1 ukuya kowama-30 kweyoMsintsi ngowama-2014 phantsi komxholo othi “Ukubhiyozela imiNyaka engama-20 yoLawulo lweNtando yesininzi: Balisa iBali Lakho eliQhubela uMzantsi Afrika Phambili”. IKhabhinethi ikhuthaza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba babhiyozele indalo namasiko ethu anzulu natyebileyo, iinkolelo nezithethe ezahlukeneyo njengabantu ababumbeneyo abafuna ukwazana. INyanga yaMafa kulo nyaka ithatha ixesha kanye ngethuba sibhiyozela imiNyaka engama-20 yoLawulo lweNtando yesininzi nto leyo isichukumisayo ukuba sikhumbule sisonke umzabalazo wokukhuthaza ubunye kwisizwe. 

IKhabhinethi ikhuthaza abemi boMzantsi Afrika, ingakumbi ulutsha ukuba luyamkele ngezandla ezishushu imbali yoMzantsi Afrika efanayo baze basebenzise amasiko ethu ahlukeneyo akhuthaze ukwakha isizwe, abemi abangabukulaniyo nemvano kuluntu. Abemi boMzantsi Afrika bayacelwa ukuba bonwabele ubutyebi nobuhle beli lizwe ngokundwendwela kwimiyezo yesizwe ekungenwa kuyo simahla ukusuka ngomhla we-8 ukuya kowe-12 kweyoMsintsi kowama-2014 njengenxalenye yeVeki yeMiyezo yeSizwe yoMzantsi Afrika (i-SANParks) yoNyaka yesiThoba. IKhabhinethi iyasixhasa naso isimemelelo sePalamente sokuba bonke abemi boMzantsi Afrika bakhusele amafa esizwe sethu.

5.5 IKhabhinethi inqwenelela aBafana Bafana okuhle kwimidlalo ebalulekileyo emibini ezayo abaza kuyidlala neSudan ngomhla we-5 kweyoMsintsi eKhartoum ongumdlalo wokuzibekela indawo kwimidlalo yokhuphiswano yeli lizwekazi kulo nyaka uzayo kunye nowe-Nigeria ngomhla we-10 kweyoMsintsi ngowama-2014 eKapa. IKhabhinethi ikwaqhwabela izandla aBanyana Banyana naMajita kwaye ibanqwelela okuhle phambi kweetumente ezinkulu abaza kuthatha inxaxheba kuzo. ABanyana Banyana baza kudlala kwimiDlalo yobuNtshatsheli yabaseTyhini yase-Afrika yesi-9 eza kubanjelwa eNamibia ngenyanga yeDwarha kwaye bakwasecicini lokufumana indawo kwiNdebe yeHlabathi yabaseTyhini ye-FIFA ngowama-2015 eCanada, wona Amajita, iqela lesizwe labaneminyaka engaphantsi kwama-20,  sebeyifumene indawo yokudlala kwimidlalo yobuntshatsheli yase-Afrika ngowama-2015 eSenegal. IKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baxhase la maqela njengoko esiya emadabini okulelwa ezi ndebe.

IKhabhinethi yamnkela abo baza kuthatha inxaxheba besuka kwiimbombo zonke zomhlaba kwiTumente yeNdebe yeHlabathi yeKarate iKyokushin yesi-4 eza kubanjwa ngomhla we-6 kweyoMsintsi ngowama-2014 kwiZiko leNgqungquthela laMazwe ngamazwe iLuthuli, eThekwini. Le tumente iza kuvulwa ngokusesikweni nguMongameli uJacob Zuma kwaye injongo zayo kukukhuthaza ikarati njengohlobo lomdlalo wolutsha njengoko inceda ukukwenza isimilo, ukukwazi ukuzikhusela kwaye iza kunceda nakumaphulo okulwa ulwaphulo-mthetho.

5.6 IKomishini yezoKhuphiswano iza kusingatha iNkomfa yoNyaka yesiBhozo neMbhiyozo weMinyaka eliShumi elinesiHlanu ukusuka ngomhla we-4 ukuya kowe-5 kweyoMsintsi kowama-2014. Le nkomfa iza kuvulwa ngokusesikweni nguMphathiswa u-Ebrahim Patel amnkele abathunywa, kuquka nabo basuka kwi-arhente zezokhuphiswana kwi-Afrika iphela kunye ne-arhente enye yezokhuphiswano yengingqi, iKomishoni yezoKhuphiswano yeMimandla yoRhwebo eMinye yeMpuma namaZantsi e-Afrika.

6. Izikhundla

6.1 IKhabhinethi iyavumelana nokuqeshwa kukaMnu Attwell Sibusiso Makhanya njengeGosa eliyiNtloko loLawulo loMhlathuze Water.

Imibuzo:
Phumla Williams (ISithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Umnxeba woqhagamshelwano: 083 501 0139

Issued by: Government Communications

Share this page

Similar categories to explore