INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla we-17 kweyoMsintsi ngomawa-2014

1. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba egqubayo

1.1 ILesotho

IKhabinethi iyawubulela umsebenzi kaMongameli Zuma ebambisene neCandelo loPhuhliso lwaMazwe e-Afrika eseMazantsi (i-SADC) wokuzama ukubiyisela uxolo eLesotho. IKhabhinethi iyazixhasa izigqibo zeNgqungquthela yakutsha nje eye yagunyazisa uSekela Mongameli weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, oHloniphekileyo uCyril Ramaphosa, encediswa liQumrhu loLawulo kunye neqela leengcali eziphuma kuMazwe angaMalungu e-Troika, asebenze njengoMququzeleli we-SADC kwiLizwe laseLesotho. USekela Mongameli, iQumrhu loLawulo kunye neengcali baneMiqathango yokuSebenza ecacileyo yokuququzelela iinzame zokubuyisela uzinzo lwezopolitiko nezokhuseleko kwiLizwe laseLesotho, kwixesha elifutshane nelide.

1.2 Umboniso weenkampani zoMzantsi Afrika eRussia

IKhabhinethi iqhwabela izandla iinkampani zoMzantsi Afrika eziwongwe ngokuba nowona mboniso ugqwesileyo kumboniso i-World Food Show eMoscow. Zisebenzisana neSebe lezoRhwebo noShishino, Iimveliso zoKutya zalapha eMzantsi Afriika zithandiwe ngabarhwebi boKutya baseRussia abathenga ukutya okuveliswe kumazwe angaphandle. Eli wonga lehlabathi lifika kanye emva kokuba uMongameli uZuma ebetyelele kwiRiphablikhi yaseRussia kutsha nje. Kulo nyaka bangama-3 000 abashishina ngokutya ebebonisa ngeemveliso zabo. Iinkampani zoMzantsi Afrika ezingama-21, zixhaswa ngeNgxowa-mali yokuThengisa Abashishina naMazwe angaPhandle noTyalo-mali (i-EMIA), bezibonisa ngemisebenzi yecandelo lokucolwa nokusetyenzwa kweemveliso zolimo.

1.3 Ukhuphiswano lwezincoko ngoNat Nakasa nosele sikuzuzile ngeNkululeko noLawulo lweNtando yesininzi

IKhabhinethi ibothulela umnqwazi abaphumelele ukhuphiswano lokuqala lwezincoko ebezingobomi bukaNat Nakasa, intatheli eyaziwayo amathambo ayo abuyiselwa ekhaya eMzantsi Afrika emva kweminyaka engama-50 ngomhla we-19 kweyeThupha ngowama-2014. Eli phulo leSebe lezobuGcisa neNkcubeko likhumbuza ulutsha lwakuthi ngomzabalazo wenkululeko kwaye lilubalisela ngembali yokubhala nobuntatheli eMzantsi Afrika. Abafundi abafundela ubuntatheli, uSbongakonke Mbatha, uQiniso Mbili noNkamogeleng Lebeloane, emnye kubo, baphumelela ithuba lokufunda beqeqeshwa kunye nekhompyutha ephathwayo, i-laptop.

Olunye uhlobo lokhuphiswano ibiyingxoxo-mpikiswano yabafundi apho bebexovula umgama osele uhanjiwe ngeNkululeko noLawulo lweNtando yesininzi. Iinjongo zolu khuphiswano ziquka ukufundisa ngendima yeentatheli ngethuba kusiliwa umzabalazo wenkululeko eMzantsi Afrika. Abaphumelelayo uMfundo Radebe, uDumisa Nzama, uDanielle Dallas, u-Olivia Habonimana, uFaith Marthinussen noCebisa Ncube bafumana ikhompyutha ephathwayo, i-laptop, emnye kubo.

2. Izigqibo zeKhabhinethi ezinguNdoqo

2.1 Ukukhutshelwa kweZabelo zeSebe lezeMpilo kwiNkampani yakwaBiovac
IKhabhinethi ikwamkele ukukhutshelwa kwezabelo zeSebe lezeMpilo ezikwiziko i-Biological and Vaccines Institute (i-Biovac) yaseMazantsi e-Afrika kwiSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe.

IBiovac isisiphumo sentsebenziswano yamashishini abucala norhulumente phakathi kukaRhulumente woMzantsi Afrika neBiovac Consortium. Izabelo zikaRhulumente woMzantsi Afrika zibandakanya i-12,5% yeSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe kunye nama-35% eSebe lezeMpilo. 
Ukukhutshelwa kwezi zabelo ibilinyathelo lokulungisa ingxakana eyayiphawulwe nguMbutho wezeMpilo weHlabathi (i-WHO) kunye neNgxowa-mali yaBantwana yeZizwe eziManyeneyo (i-Unicef) yokuba iSebe lezeMpilo ngale ndlela izinto zime ngayo ngoku linakho ukuba ngumdlali nosompempe njengoko lidlale indima yokuba ngumnikazi zabelo nomthengi. I-WHO ifuna ukuba ugunyaziwe olawulayo (apha sibhekisa kwiBhunga loLawulo lwaMayeza eliyinxalenye yeSebe lezeMpilo) kunye nendima yakhe yokuba liliso mazingabiyinxalenye yawo nawuphi na umzi-mveliso wamayeza – apha ke sibhekisa kwabakwa-Biovac. Ukukhutshelwa kwezi zabelo zeSebe lezeMpilo kwelezeNzululwazi nobuChwepheshe, kuza kunceda abakwaBiovac ukuba bathumele ngaphandle amayeza abo kumazwe axhamlayo kwiinkqubo zogonyo ze-WHO ne-Unicef.

AbakwaBiovac yinkampani ethengisela urhulumente amayeza okugonya akumgangatho ophezulu, ekulungileyo ukuwasebenzisa nancedayo kwaye yinkampani ephambili iNkqubo eYandisiweyo yoGonyo (i-EPI) karhulumente efumana kuyo amayeza okugonya abantwana. Esebenzisa iSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe, urhulumente ngoku uza kuba nama-47,5% kwizabelo zakwaBiovac ngelithuba ezingama-52.5% ziza kube zikwaBiovac Consortium.

2.2 U-ESKOM

Njengokuba bekwazisiwe kule veki iphelileyo, iKhabhinethi iluvumile uluhlu lwamanyathlo okuzisa uzinzo kwezombane, uzinzo kwizimali zakwa-Eskom, nokuqinisekisa ukuba umbane weli lizwe awucimi. Konke oku kufuneka kwenziwe ngendlela engazikutyabula isizwe imali. Ngaxeshanye, urhulumente ufuna ukuqinisekisa ukuba uza kwenza kangokuba impokotho yakhe ivuma ukunceda amakhaya angathath’intweni ukuba angathwaxwa kakhulu kukunyuka kwamaxabiso ombane.

Isigqibo seKhabhinethi sisekelwe kwiziphakamiso zeKomiti yaBaphathiswa (i-IMC) eyaphonononga amanyathelo amaninzi akhoyo anokuthathwa ukuqinisekisa ukuba umbane awucimi. I-IMC iyaqhubeleka ilibeke esweni icandelo lezombane.
  
Iinkcukacha ngala manyathelo aza kuthathwa zikhona kwiwebhusayithi kaNondyebo weSizwe.

Ngokufutshane, la manyathelo aquka, phakathi kwezinye, ukuncediswa kuka-Eskom ngurhulumente ngenye imali ukumnceda ukuba imeko yezimali yakhe (u-Eskom) incumise, aze akwazi ukuya kuboleka enye imali kwamanye amaziko ezezimali. Ukuqinisekisa ukuba impokotho karhulumente ayigungxuki kakhulu, le mali iza kugalelwa kwa-Eskom iza kwenziwa ngokuba urhulumente amise ngeenkampani ezingenakwenza monakalo mkhulu kwizimali zikarhulumente ukuba zithathelwe imali.  Iinkcukacha ezithe vetshe ngoku ziza kunikwa nguMphathiswa wezeMali ngethuba esithi thaca iNtetho ngeNkqubo-sikhokelo yoHlahlo lwabiwo-mali lweSigaba esiPhakathi (i-MTBPS) ngomhla wama-22 kweyeDwarha.

Amanye amasolotya ala manyathelo aquka: ukuphucula ngokumandla indlela u-Eskom asebenza ngayo nto leyo iza kuphungula iindleko; ukunyusa ngeebhiliyoni ezingama-R50 ityala lemali eza kubolekwa ngu-Eskom esebenzisa igama likarhulumente (lokuqinisekisa); inkxaso karhulumente kwisicelo esifakwe ngu-Eskom kuGunyaziwe wezaMandla weSizwe woMzantsi Afrika (i-Nersa) zokuba konyuswe amaxabiso ombane, nto leyo ihambelanayo nemithetho eqhelekileyo; ukuphucula iindlela zokulawula; ukuhlalutyisisa imigaqo-nkqubo elawula amandla; nokwandiswa kwenkqubo yomvelisi wamandla ozimeleyo.
 
Ngokwamanyathelo aza kuthathwa ukunceda amakhaya asokolayo, urhulumente uza kubeka esweni isibonelelo sombane osisiseko wasimahla. Oku kuza kuqinisekisa ukuba ezi zibonelelo zombane zabiwa ngokufanelekileyo kuze kwakhona kukhuthaze oomasipala ukuba baphucule indlela ababunonophela ngayo ubuxhaka-xhaka babo bombane nabanikezela ngayo umbane eluntwini. La manyathelo ayimfuneko ukuze uMzantsi Afrika ukhulise izinga lokuhluma koqoqosho libe lelikulungeleyo ukudala imisebenzi emininzi, lilwe indlala nokungalingani.

2.3 Ukutshintshwa kwemisebenzi yolawulo kwi-Ofisi yeJaji eyiNtloko

IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngokuqala kwesigaba sokuqala sokutshintshwa kwemisebenzi yezolawulo nabasebenzi abakwiiNkundla eziPhakamileyo basuke kwiSebe lezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko baye kwi-Ofisi yeJaji eyiNtloko. Oku kuphumeza uMthetho-sihlomelo weShumi elinesiXhenxe woMgaqa-siseko, wowama-2012 kunye noMthetho weeNkundla eziPhakamileyo, uMthetho Nombolo 10 wowama-2013.

UMthetho weeNkundla eziPhakamileyo uphucula ulawulo lobumantyi ngokubeka oomantyi kuwo onke amaCandelo eNkundla ePhakamileyo phantsi kolawulo lalo Jaji yoNgameleyo ichaphazelekayo. Lo mthetho unika amagunya nemisebenzi i-Ofisi yeJaji eyiNtloko eyayimiselwe njengeziko lesizwe elilodwa elilingana (ngamagunya namandla) nesebe ngokwesiBhengezo sikaMongameli ngowama-2010. Oku kungqina ukuzibophelela kukaRhulumente kummiselo wokuzimela kweCandelo leeNkundla njengoko kugxininiswa nguMgaqo-siseko wethu.
  
2.4 Ukusekwa kwe-ofisi yolawulo lweeprojekthi yePhulo likaMongameli lokuKhokela uLwakhiwo lweziSeko ezinguNdoqo

IKhabhinethi ikuvumile ukusekwa kwe-Ofisi yoLawulo lweeProjekthi yeMbumba ye-Afrika yePhulo likaMongameli lokuKhokela uLwakhiwo lweziSeko ezinguNdoqo eza kukhokelwa nguMongameli uZuma. Le yinkqubo yeziseko ezingundoqo ekhokelwa ngama-Afrika enjongo yayo ikukukhokela imisebenzi yophuhliso lweziseko ezingundoqo phakathi kwamazwe ngamazwe eza kuvusa amathuba ezoqoqosho eli lizwekwazi kwaye izise amathuba ophuhliso kuluntu, izixeko nemimandla.

IKhabhinethi ikuvumile ukusekwa kwe-Ofisi yoLawulo lweeProjekthi yePhulo likaMongameli lokuKhokela uLwakhiwo lweziSeko ezinguNdoqo ngenkxaso yamasebe karhulumente afanelekileyo. I-Ofisi yoLawulo lweeProjekthi iza kuncediswa kukumiselwa kweKomiti yabaPhathiswa kwiMbumba ye-Afrika yePhulo likaMongameli lokuKhokela uLwakhiwo lweziSeko ezinguNdoqo eMzantsi Afrika. USihlalo wale Komiti iza kuba nguMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli woCwangciso, uHlolo noVavanyo.

2.5. Ukusekwa koluhlu lukaRhulumente lweengcali zezomthetho nendlela yokuphathana emsebenzini

IKhabhinethi ikuvumile ukusekwa koluhlu lwangaphakathi lukaRhulumente lweengcali zezomthetho nezeendlela zokuphathana emsebenzini zizame ukulwa nomsebenzi omninzi wamatyala abasamisiweyo njengenyathelo lokuqala kwinkonzo karhulumente. La manyathelo okungenelela ajonge ekwenzeni uRhulumente ukuba asebenze ngokuhlakanipha nangokuqiqa ngokunciphisa ixesha elithathwayo ukuxoxa imibandela yezoluleko, ingakumbi apho umsebenzi ebhatalwa ngeli thuba asamisiweyo.

Eli phulo lifuna nokuqinisekisa ukuxoxwa kusongwe amatyala ezoluleko ngokumisela ixesha elizinyanga ezintathu (iintsuku ezingama-90) ukuqinisekisa ukuba umbandela woluleko uyalawuleka. Olu luhlu lweengcali zezomthetho nezeendlela zokuphathana emsebenzini ziza kuquka amagosa kaRhulumente azingcaphephe kweli candelo, kuquka nabecuphi, abatshutshisi kunye namagosa ongamelayo ukuqinisekisa ukuba bonke abafunekayo kwezokuphathana emsebenzini bakhona.

3. Imithetho esayilwayo

3.1 IKhabhinethi ikuvumile ukuthiwa thaca ePalamente koMthetho Sihlomelo oSayilwayo woLawulo lweeNtlekele (UMthetho uNombolo 57 wowama-2002). UMthetho woLawulo lweeNtlekele uNombolo 57 wowama-2002 ucacisa phandle indlela ehlanganisiweyo nelungelelanisiweyo yokulawula iintlekele nokunciphisa imingcipheko yeentlekele kuwo onke amaqoqo karhulumente nokubandakanywa kwamahlakani afanelekileyo.

4.  Izikhundla

4.1 IKhabhinethi iyakuvuma ukuqeshwa kwamalungu ali-15 noSihlalo weBhodi ye-Arhente yeSizwe yezezaseMajukujukwini yoMzantsi Afrika.
a) UNksz Joy-Marie Lawrence (USihlalo)
b) UNjing Ramashwar Bharuthram
c) UMnu Johan Prinsloo
d) UMnu Willie van Biljon
e) UNksz Mbaliyethu Mfeka
f) UMnu Eugene Jansen
g) UMnu Potlaki Maine
h) UNksz Gaborekwe Khambule
i) UMnu Lindelwa Simphiwe Hamilton
j) UMnu Mmuso Riba
k) UMnu Ashley Desmond Naidoo
l) UGq Nozibele Mjoli
m) UNksz Matsie Matooane
n) UMnu Vincent Gore (uqeshiwe kwakhona)
o) UMnu Marius Rezelman (uqeshiwe kwakhona)
p) UMnu Omar Latiff

Imibuzo:
Phumla Williams (ISithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Umnxeba woqhagamshelwano: 083 501 0139

Issued by: Government Communications

Share this page

Similar categories to explore