Intetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla wama-25 kweyeSilimela yowama-2014

Uluvo lweKhabhinethi kwimiba ebalulekileyo kwiimeko ezigqubayo

1.1 IKhabinethi iyibulele iNtetho kaMongameli engoBume beSizwe yesixhenxe ebeyenziwe nguMongameli uJacob Zuma ngoLwesibini, umhla we-17, kweyeSilimela yowama-2014. Iinkqubo ebezigxininiswe nguMongameli nezikhokelwa sisiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP) ziza kucaciswa ngakumbi kwezi veki zizayo zintlanganisela zamacandelo wabaPhathiswa. Ngomoya wokuba Sisonke siQhubela uMzantsi Afrika Phambili, iKhabinethi imemelela onke amacandelo oluntu ukuba abambisane noRhulumente ekufekezekiseni iNkqubo yeMisebenzi, esekelwe koko sele kwenziwe kule Minyaka yeNkululeko ingama-20 idlulileyo.

1.2 IKhabinethi ikwamkele ukuphela kogwayimbo oluqhube iinyanga ezintlanu kuMmandla wePlatinam.  Olu gwayimbo lutsale ithuba elide lubachaphazele kakubi abasebenzi, abaqeshi kunye noqoqosho lwethu lulonke. Nakuba ilungelo lokugwayimba likhuselekile ngokoMgaqo-siseko nangokwemithetho yezemisebenzi, iKhabinethi iyababongoza abaqeshi kunye nemibutho yabasebenzi ukuba mabasombulule uthethathethwano ngokukhawuleza ukuthintela iintshukumo zogwayimbo ezitsala ixesha elide. Impumelelo yeenkqubo zethu zophuhliso ixhomekeke kuqoqosho oluzinzileyo noluhlumayo.

1.3 IKhabinethi ikuqaphele ukuthotywa kwezinga loMzantsi Afrika zi-arhente zokuhlela, u-Standard and Poor’s kunye no-Fitch kule veki iphelileyo. IKhabinethi iyakubethelela ukuba urhulumente uyayazi imiceli-mingeni yohlumo ejongene nayo uMzantsi Afrika. Urhulumente ukukhokelisa phambili ukukhawuleziswa kokufezekiswa kwe-NDP), esineziphakamiso ezijonge ekuvuleleni amathuba ohlumo loMzantsi Afrika.

Urhulumente uzibophelele ekuphuculeni imithetho ekhoyo, ukunciphisa ukunqongophala kwezakhono nokukhawulezisa inkqubo yokutyala imali kwiziseko ezingundoqo njengenxalenye yokususa imiqobo edodobalisa uhlumo.

1.4  IKhabinethi iyazamkela iziphumo zoPhando lwaMakhaya Jikelele lowama-2013 ebezisandula ukukhutshwa liziko leNkcukacha-manani loMzantsi Afrika. Ezi ziphumo ziyangqina ukuba ibali elimyoli lemigaqo-nkqubo neenkqubo ezingqingqwa zikarhulumente ziyabuphucula ubomi babemi boMzantsi Afrika.

Olu phando luyangqina ukuba izinga lokufikelela kwiinkonzo ezifana namanzi, ukuthuthwa kwenkunkuma, izindlu kunye nemfundo yasimahla libonakalise ukukhula okuzingisileyo kancinci ngokuhamba kwexesha. Inani labemi boMzantsi Afrika abanamanzi aphuma empompeni linyukile laya kuma-89,9% ngeli xesha inani lamakhaya anombane lona lime kuma-85% kowama-2013. 

Inkqubo yezibonelelo zikarhulemente iyaqhuba ukuba lixhadi lokugqibela ukulwa indlala kwiintsapho naseluntwini ebeziza kuthwaxa yindlala nentswela-ngqesho ukuba ngaba bezingekho.
Inani labantu abaxhamlayo kwezi zibonelelo zikarhulumente linyukile ukusuka kwi-13,7% ngowama-2003 laya kutsho kuma-45,5% ngowama-2013.

1.5 IKhabinethi iliqaphele igqiza eliphezulu loMzantsi Afrika elikhokelwa nguMongameli uJacob Zuma elizimase iNgqungquthela yeMbumba ye-Afrika yama-23 phantsi komxholo othi: “EzoLimo nokuBakho koKutya e-Afrika”. Le ngqungquthela iqhubeka ukusuka ngomhla wama-20 ukuya kowama-27 kweyeSilimela kowama-2014 eMalabo kwi-Republic of Equitorial Guinea.

Njengenxalenye yelizwekazi, uMzantsi Afrika uza kuba usenza igalelo kwiingxoxo ezingophuhliso lwe-Afrika kwaye uza kusebenzisa le Ngqungquthelo ukuphucula iinkqubo zophuhliso zeli lizwe.

1.6 IKhabinethi iliqhwabela izandla iSebe lezoBugcisa neNkcubeko kunye ne-Arente yoPhuhliso loLutsha yeSizwe ngokukhokela iinkqubo zeNyanga yoLutsha phantsi komxholo othi: “ Ulutsha Luqhubela uMzantsi Afrika Phambili”.

Njengoko siqhuba sibhiyozela iNyanga yoLutsha, iKhabinethi iyazibethelela kwakhona iinkqubo zikarhulumente zokusebenzisana nabantu abatsha ukutshintsha ubomi babo nokoguqula eli lizwe. Kule minyaka mihlanu idlulileyo nje yodwa, kwabekelwa bucala i-R2, 7 seebhiliyoni ukulungiselela iinkqubo zokuxhasa ngezimali amashishini olutsha, izibonelelo zemali yokufunda ziphindwe kabini zaza iinkqubo zabantwana abaselula zaphucula isigaba esisisiseko sabantwana abaselula. La maphulo okungenelela urhulumente uza kuhlala egxile kuwo, njengoko sihlaba ikhwelo kulutsha ukuba lube ngamahlakani ethu ekuqhubeleni uMzantsi Afrika phambili.

2.  Izigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1 IKhabinethi yazisiwe ngenkqubela esiyenzileyo ekuqulunqeni uMgaqo-nkqubo wokuHlangabezana nokuTshintsha kweSimo seZulu weSizwe: uHlalutyo lokuNgenelela kwiFuthe loMoya oNgcolileyo (i-GHG). Le ngxelo ihlalutya indlela uMzantsi Afrika oqhuba ngayo kulawulo olululo lwempembelelo yokutshintsha kwesimo sezulu, ize inike neziphakamiso ngegalelo loMzantsi Afrika kumalinge wehlabathi okunciphisa uMoya oNgcolileyo omninzi kumoya osingqongieyo.

2.2 Ukongeza apho iKhabinethi ifumene ingxelo eseluyilo ngoLuhlu loMoya oNgcolileyo lweSizwe loMzantsi Afrika, lwesithuba esisuka kowama-2000 ukuya kowama-2010. Oku kuhambelana nesivumelwano seNkqubo-sikhokelo esiManyeneyo seSizwe esingokutshintsha kweSimo seZulu esaphunyezwa nguMzantsi Afrika  ngowe-1997. Ngokwese Sivumelwano amazwe kufanele afake iingxelo ngenkqubela yawo rhoqo kumnyaka wesibini . Le ngxelo ikhoyo iyiliweyo ikhutshelwe uluntu ukuba luhlomle. Iza kugqityezelwa ukuze ilungelwe ukungeniswa ekupheleni kwalo nyaka.

2.3 IKhabinethi ikwamkele ukuvunywa kommandla ongumda omtsha weNdawo yaMagugu yeHlabathi iMapungubwe yiKomiti yeHlabathi yaMagugu ye-Unesco ebibambe iNtlanganiso yayo yama-38 eDoha, eQatar ukusuka ngomhla we-15 ukuya kowama-25 kweyeSilimela ngowama-2014. Lo mmandla ungumda omtsha usisiphumo senkqubo ende yokubonisana equka abanini-mhlaba, abameli boluntu, imibutho engekho phantsi kukarhulumente, iinkampani zemigodi kunye namabadlali-ndima ababalulekileyo abohlukahlukeneyo bakarhulumente. Ukuphunyezwa kwalo mmandla ungumda omtsha yinto eyamkeleke kakhulu kumalinge oMzantsi Afrika okuphucula ulawulo nokhuselo lweendawo ezingamagugu zehlabathi ngeli xesha uvumela uphuhliso olunenkathalo noluzingileyo.

3. Imisitho ezayo

3.1 UMzantsi Afrika uza kusingatha ngokubambisana iNtlanganiso yeQumrhu leNtsebenziswano nabeNtsebenziswano yooMama, iiNtsana neMpilo yaBantwana kwiZiko leeNgqungquthela lase-Sandton, eGauteng, ukususela ngomhla wama-30 kweyeSilimela ukuya kowokuqala kweyeKhala yowama-2014. Aba beNtsebenziswano ngumbutho wehlabathi ozinze kuMbutho weHlabathi wezeMpilo.

Ukusingatha le Ngqungquthela ngokubambisana kunika iqonga lokugxila kukubaluleka kokugxininisa kwimpilo yoomama, iintsana nabantwana eMzantsi Afrika nokuvuselela  onke amacandelo oluntu ukuba afake isandla kweli phulo.

Ukukhutshwa kweNgxelo yeHlabathi yokuBala ngendlela ihlabathi eliqhuba ngayo ekufezekiseni iiNjongo zoPhuhliso zeNkulungwane eye-4 neye 5 kwaye kuza kunceda ngokwenza nabo bathatha inxaxheba basuka kumacandelo ezempilo nangengawo awezempilo ukuba bakhe bajonge umgama osele uhanjiwe nokufundiweyo kolo hambo.

Kwakhona kuza kukhuthaza nemeko ethe chatha yokuphendula nokuthatha uxanduva ngokubhekisele koomama, iintsana ezisandula ukuzalwa, abantwana nabo bafikisayo, ibancede baliqonde ilungelo labo ngelona zinga lezempilo liphezulu kule minyaka yowama-2015 nangaphaya kwayo.

3.2 UMzantsi Afrika uza kube usingethe uKhuphiswano lweZibalo lweZizwe-ngezizwe (i-IMO). Olu lukhuphiswano lokusombulula ingxaki olubanjwa minyaka le lokubala labafundi abakumabanga emfundo ephakamileyo, elibanjelwa kwilizwe elahlukileyo unyaka ngamnye. Eli lithuba lokubonakalisa ukuba ilizwe lethu linawo amandla okusingatha imisitho ekumgangatho wehlabathi kwaye linika nethuba lokuhlengahlengisa iingcaphephe zezibalo zoMzantsi Afrika. Ngamazwe ali-109 ewonke asele ezibhalisele kolu KhuphiswanoOlimpiki.

4. Izikhundla
IKhabinethi ikuphumezile ukuqeshwa kwaba balandelayo:
4.1 UMnu GO Hollamby njengoSekela Mlawuli-jikelele: EzeMali noLawulo lweNkqubo yokuThenga nokuThengisa kwiSebe leMicimbi yezeKhaya.

4.2  IBhodi yeQumrhu lokuTyalwa kweMali kaRhulumente
a) UMnu Mcebisi Hubert Jonas, njengomlawuli ongekho kwisigqeba solawulo nokwanguSihlalo (ngeli xesha enguSekela Mphathiswa wezeZimali; kunye no
b) Mnu Roshan Morar njengoSekela-sihlalo (isithuba seminyaka emithathu).

4.3 IKomithi ekhethekileyo yoMthetho weeNkampani (isithuba esingekho ngaphezulu kweminyaka emihlanu)
a) Ilungu elingene esikhundleni selinye, uGq. Johannes Erasmus; kunye
b) Nelalela elinye, uNks, Juanita Steenkamp.

Imibuzo:
Phumla Williams (ISithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Umnxeba woqhagamshelwano: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore