INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla wama-20 kweyeNkanga kowama-2013

21 Nov 2013

1. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba ebalulekileyo kwiimeko ezigqubayo nezingundabamlonyeni

1.1. IKhabhinethi yalamkela inani elikhulu labantu abafanele ukuvota abasabele ikhwelo lokubhalisa ngexesha lokuqala lokubhalisa  ngomhla we-9 nowe-10 kweyeNkanga kowama-2013. Abantu abafanele ukuvota abangekabhalisi bayakhunjuzwa ukuba ixesha lokubhalisa liyaqhubeka kude kubhengezwe umhla wonyulo olulandelayo lwesizwe.

IKhabhinethi iyawuncoma umsebenzi weKomishini yoNyulo eZimeleyo, kwaye ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise ilungelo labo lolawulo lwentando yesininzi lokuvota, elafunyanwa ngenxa yomzabalazo wokulwela inkululeko nolawulo lwentando yesininzi.

1.2. IPhulo lweeNtsuku ezili-16 loKulwa uBundlobongela obuchasene naBasetyhini naBantwana liza kuqala ngomhla wama-25 kweyeNkanga ukuya kowe-10 kweyoMnga kowama-2013 phantsi komxholo othi: “VIKELA MZANSI – Kwanele: Uluntu lumanyene ekuthinteleni ubundlobongela obuchasene nabasetyhini nabantwana.”

IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise eli thuba lokuhlaziya ukuzinikela kwethu, ukuphelisa indlela ekhohlakeleyo neyonyelisa isidima somntu eyenziwa ngabanye bethu kwiindawo esihlala kuzo nokunikela ngokutsha ilizwe lethu kumalungelo angenakwehluthwa wabasetyhini nawabantwana.

1.3. USekela Mongameli uKgalema Motlanthe uza kukhokela isikhumbuzo soSuku lukaGAWULAYO lweHlabathi eMkhondo, kwiSithili i-Gert Sibande, eMpumalanga ngomhla woku-1 kweyoMnga kowama-2013 phantsi komxholo othi: “Yiba nobulumko. Vavanywa. Yoluka.”

Eli qonga liza kusetyenziswa ukwazisa isizwe ngamalinge karhulumente okulwa ubhubhane, okwandisa ukwazisa, nokuqinisa iinzame zokwandisa ungenelelo lokunqanda lo bhubhane. Oku kuhambelana nesiCwangciso-qhinga seSizwe se-HIV noGAWULAYO sowama-2012 -2016.

Olu Suku lukaGAWULAYO lweHlabathi luza kusetyenziswa nasekuvuseleleni iphulo leNtetho-ntuthezelo noVavanyo lwe-HIV (i-HCT) nokusungula ngokusesikweni iphulo lokwaLuka kwabeSini sesiDoda eSibhedlele.

IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba babelane ngesondo ngendlela ekhuselekileyo; bavavanyelwe i-HIV kanye ngonyaka ubuncinane ukuze bathathe izigqibo ngento abanolwazi lwayo xa bethatha amanyathelo okuzikhusela, ngonyango, ngenkathalelo nokuxhasa; aze amadoda namakhwenkwe asebenzise iinkonzo zokwaluka esibhedlele.

Abemi boMzantsi Afrika kufanele badlale indima yabo baze baquke isicwangciso-qhinga sika-ABC (Ukuzila ukwabelana ngesondo, ukuthembakala, ukusebenzisa ikhondom) njengendlela yokuphila.

1.4. IKhabhinethi ibalule ukuqiniswa kwesandla okungqongqo kulwaphulo-mthetho olwenziwa zithuthi ezindleleni, oluyinxalenye yePhulo leXesha leziYunguma u- Fika uPhila - phantsi komxholo othi ‘Xa Sisebenzisana SingaSindisa iziGidi ngeziGidi zoBomi baBantu’, kwaye ihlaba ikhwelo kubo bonke abasebenzisi zindlela ukuba babenendlela yokucinga enenkathalo ngakumbi beqonda ngokupheleleyo ukuba ukuntlithana kweemoto kutshabalalisa ubomi.

1.5. IKhabhinethi incoma inkqubela-phambili eyenziwe ngendlela elandelweyo yee-arhente ezininzi ethe yamkelwa ngongenelelo olwenziwe nguMongameli kwekaCanzibe kowama-2013 e-Eldorado Park, lokuqubisana neziyobisi nobundlobongela obenziwa ngamaqela nemingeni ebangelwa bubume bentlalo nezoqoqosho.

Oku kubangele ukuba kubanjwe abantu abali-1 431, i-1 098 kubo lilindele ukuxoxwa kwamatyala wabo, i-1 095 liye lafumana ibheyile, abathathu baseseluvalelweni baze abangama-289 bathe bafunyaniswa benetyala lokwaphula umthetho.

IKhabhinethi ibongoza uluntu ukuba luyeke ukuzohlwayela ngokwalo okanye lufune ubulungisa ngaphandle kwenkqubo yezomthetho, njengoko oku kungekho semthethweni kwaye kuligalelo kulwaphulo-mthetho. IKhabhinethi ikhuthaza uluntu ukuba lusebenzisane namapolisa ukuze kuncothulwe neengcambu abanini beziyobisi nabathengisi bazo abenza ukuba imisebenzi yolwaphulo-mthetho iqatsele.

1.6. IKhabhinethi ivakalise amazwi ovelwano kwiintsapho nakwizihlobo zabo basweleke ngenxa yokuwa kwesakhiwo ebesisakhiwa e-Tongaat, KwaZulu-Natal; inqwenelela abo bathe bonzakala ukuba bachache ngokukhawuleza.

IKhabhinethi igxininise ukuba kukho imithetho yezabasebenzi ekhusela amalungelo abasebenzi kwaye ibagxeka kakhulu abo babangele le ntlekele. IKhabhinethi inyanzelise ukuba lo mba ulandelwe ngendlela engqongqo.

1.7. IKhabhinethi ikwamkele ukuvulwa kweZiko leeNkumbulo zikaNelson Mandela. Eli ziko ligcine eminye yemithombo yamagugu abaluleke kakhulu aneembali zengxelo ngobomi nokuphila kukaTata Nelson Rolihlahla Mandela.

Le mithombo yinxalenye ebalulekileyo yamagugu esizwe sethu, ingakumbi igugu lethu lomzabalazo. Abubutyebi besizwe sethu kwaye kufuneka alondolozwe. Urhulumente uza kuqhubeka nokuwonga uNelson Mandela neenkokeli zexesha lakhe ngegalelo elikhulu ezilenze kwinkululeko yethu.

1.8. IKhabhinethi iqhwabela izandla ukufezekiswa okuqhubekayo, kwenkqubo yeziseko ezingundoqo kawonkewonke yiKomishini eQuquzelela iziSeko ezinguNdoqo kaMongameli nekhokelwa nguMongameli uJacob Zuma exabisa izigidi ngezezigidi zeerandi.

Ukuvulwa kweDama i-Spring Grove nguMongameli kwenzelwe ukuba negalelo kunkinkisho lwamanzi olwandayo koomasipala abathandathu, abangaba uMasipala oMbaxa waseThekwini, weSithili uMgungundlovu, waseKhaya uMsunduzi, waseKhaya i-Ugu, nooMasipala baseKhaya iSisonke neLembe.

Urhulumente utyale ngaphezu kwebhiliyoni e-1 yeerandi kule projekthi, ekwajolise ekudalweni kamathuba emisebenzi. Ngeli xesha bekusakhiwa idama kuye kwaqesha abantu abangama-960 bebonke.

1.9. UMongameli uJacob Zuma uza kutyelela uMasipala i-King Sabatha Dalindyebo, kwiPhondo leMpuma Koloni, ngomhla wama-22 kweyeNkanga kowama-2013 njengenxalenye yeNkqubo yokuHlola ye-Ofisi kaMongameli iSiyahlola.

Oku kuza kuquka utyelelo lwaseMthatha ukuze kuhlolwe iinkqubela-phambili kwisikhululo seenqwelo-moya nezinye iiprojekthi zeziseko ezingundoqo eziphantsi kwe-ofisi kaMongameli kula ndawo. UMthatha wabhengezwa njengeNdawo eDinga uNgenelelo lukaMongameli olukuMgangatho oPhezulu noluKhawulezileyo ngowama-2009 kwaye amangenelelo ajoliswe ekulungiseni ukusilela kwezisekelo ezingundoqo nemingeni kunikezelo lweenkonzo ukuze kuvuselelwe uMthatha ngokupheleleyo.

UMongameli kananjalo uza kuhlola ngokwakhe inkqubela-phambili eyenziwe kwiiprojekthi zeziseko ezingundoqo zikarhulumente ngokumayela nokubonelelwa ngamanzi, umbane neendlela kwindawo leyo.

Ukukhanyiswa ngokusesikweni okuzakwenziwa nguMongameli uJacob Zuma kwisitishi esincinci sombane i-Thornhill kuza kubonelela ngamandla othungelwano ukuhlangabezana nokusilela kumakhaya amalunga nama-25 000.

1.10. UMongameli uJacob Zuma uza kuqalisa uTyelelo lwaseBurhulumenteni oluya e-Accra, eGhana ukusuka ngomhla wama-26 ukuya kowama-27 kweyeNkanga yowama-2013. Olu tyelelo luza kuzikisa ubudlelwane bethu bamacala amabini obuqinileyo obusele bukhona kuthi neGhana luze luqhubele phambili urhwebo phakathi kwilizwekazi.

1.11. UMongameli uJacob Zuma ucwangciselwe ukuba abe ngusihlalo weKomishini yaMazwe amaBini uMzantsi Afrika-Botswana (i-BNC) ngowama-21 kweyeNkanga yowama-2013.

Oku kuza kuphucula ubudlelwane nentsebenziswano yamacala omabini phakathi kwamazwe amabini angabamelwane. Le BNC yonyaka kwinqanaba looMongameli beSizwe yamiselwa kunyaka ophelileyo ukuphakamisa iwonga leKomishini esisiGxina yeNdibano yeNtsebenziswano neKomishini esisiGxina yeNdibano yeNtsebenziswano yoMkhosi noKhuseleko.

1.12. IKhabhinethi iyakwamkela ukonyulwa koMzantsi Afrika kwiBhunga lamaLungelo oLuntu kwiZizwe eziManyeneyo (ngowe-12 kweyeNkanga yowama-2013). Ixesha lethu elimiselweyo liqalisa ngomhla woku-1 kweyoMqungu yowama-2014 eyenzeka ngexesha elinye nemibhiyozo yelizwe yeMinyaka yeNkululeko engama-20. Oku kungqina ukuzimisela kwethu kukufezekiswa kwamalungelo abantu abo bonke abemi, abemi belizwekazi lase-Afrika nabemi behlabathi.

1.13. IKhabhinethi izimanya namazwe ehlabathi ekuvakaliseni umbulelo wokunyaniseka kwiMibutho oNgengokaRhulumente ebenegalelo kuncedo olukhawulezileyo lwezizwe, kwabo bachaphazeleke kwiSitshingitshane i-Haiyan e-Philippines

Umoya woBuntu uza kuba negalelo ukuthomalalisa intlungu yabantu base-Philippine ngeli xesha lenzima.

1.14. IKhabhinethi iyasamkela isaziso somnye umgama osele uhanjiwe kukuphila kweProjekthi yokuPhuculwa koHola weNdlela waseRhawutini, ngokurhafiswa kumacandelo amiselweyo eNdlela eNqumla Phezulu yaseRhawutini ukuqala ngowe-3 kweyoMnga wowama-2013.

Abaqhubi zimoto abangekabhaliseli i-e-tolling bayakhuthazwa bakwenze oko, ukuqinisekisa ukuba bayilungele imilinganiselo yezaphulelo.

1.15. IKhabhinethi iincoma iSebe leNzululwazi noBuchwephetshe neMfundo ePhakamileyo noQeqesho kwakunye neDyunivesithi yezoBuchwephetshe i-Cape Peninsula ngokwenza imbali ngokuqalisa i-CubeSat yokuqala kweli lizwe, ngowama-21 kweyeNkanga yowama-2013, eRashiya.

Isathelayithi, eza kubonelela idatha yemozulu yasesithubeni esisesibhakabhakeni enexabiso, ibonisa amandla oMzantsi Afrika kwicandelo lezenzululwazi nobuchwephetshe basesithubeni esisesibhakabhakeni.

1.16. IKhabhinethi iyalwamkela unyulo loMphathiswa wezeMfundo esiSiseko, u-Angie Motshekga njengosihlalo weNdibanisela yamaQumrhu yokuHlola uMgangatho wezeMfundo  we-Afrika eseMazantsi neseMpuma (i-SACMEQ) ngexesha leNkomfa Jikelele yama-37 ye-UNESCO; oku kunika amandla okuzithemba kwinkqubo namaziko ezemfundo wethu.

Injongo ye-SACMEQ kukuqalisa uphando oludityanisiweyo nemisebenzi yoqeqesho eza kwandisa amathuba abacwangcisi nabaphandi bezemfundo bafumane uqeqesho kwizakhono zobuchwephetshe ezifunekayo ukuhlola, ukuvavanya nokuthelekisa iimeko jikelele zokufunda nomgangatho wezemfundo esisiseko.

1.17. IKhabhinethi iyakwamkela ukukhokela koMphathiswa wezeMfundo ePhakamileyo noQeqesho, uBlade Nzimande intlanganiso yaBaphathiswa bezeMfundo bamazwe e-BRICS eyenza izigqibo ezinemfundiso ezitsha. Le ntlanganiso yaququzelelwa kwimida yeSeshoni yama-37 yeNkomfa Jikelele ye-UNESCO. Imiba eyaxoxwayo ibiquka: Ukuqinisa intsebenziswano phakathi kweedyunivesithi zamazwe e-BRICS intsebenziswano nokutshintshiselana ngolwazi.

Abaphathiswa bavumelana ngemfuno yokumisela indlela ekwelona nqanaba liphezulu lezepolitiki nobuchwephetshe khona ukuze kuququzelelwe kuze kuphunyezwe iindawo zentsebenziswano ezichongiweyo neziza kuququzelelwa nguMzantsi Afrika njengoSihlalo wangoku wamazwe e-BRICS. Kubekho nokuvumelana phakathi kwala mazwe mahlanu angamalungu ngokubaluleka kokunyusa intsebenziswano phakathi kwamazwe e-BRICS ne-UNESCO kwezemfundo.

1.18. IKhabhinethi iyiqwalasele ingxelo yelizwe loMzantsi Afrika eya kwi-Unesco ukuba ngabantu abadala aba-3,3 sezigidi abafumene izidanga kwiPhulo lokuFundisa iKha Ri Gude. Oku kusondeza uMzantsi Afrika kwisibophelelo seZizwe eziManyeneyo: seMfundo kubantu Bonke – sokwehlisa ngesiqingatha amaqondo okungakwazi ukufunda elizwe ngowama-2015. Iphulo lasungulwa ngokusesikweni kweyoMdumba ngowama-2008, ngenjongo yokuvumela abantu abadala aba-4,7 sezigidi abaneminyaka engaphezu kweminyaka eli-15 ukuba bakwazi ukufunda nokubala ngelinye leelwimi ezilishumi elinanye ezisesikweni.

1.19. IKhabhinethi iyavuyisana nabaphumelele Amawonga okuGqwesa kokuSungulwa ngokuSesikweni kweBatho Pele eSizwe asebenza ngokukhusela ukusebenza ngobungcali, ahloniphe, awonge, avume aze akhuthaze ukugqwesa kwiNkonzo kaRhulumente nokuqinisekisa ukuba ifikelela kumanqanaba asenkcochoyini.

1.20. IKhabhinethi iyawuncoma umsebenzi omhle wakutsha nje owenziwe yiBafana Bafana, i-Proteas namaBhokobhoko yaze yavuyisana no-Itumeleng Khune, othe wachongwa njengoMdlali wezeMidlalo oBalaseleyo woMzantsi Afrika kowama-2013. Igxininisa ukuba sisisizwe esiphumelelayo, iKhabhinethi ikuqaphele ukuba uMzantsi Afrika uvuke ngomoya ophezulu ngoLwesithathu emva kwempumelelo yeBafana Bafana ephumelele ngo-1-0 ibetha i-Spain. Ikhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba badlale indima yabo ekuxhaseni amaqela esizwe.

1.21. IKhabhinethi ifumene amagqabantshintshi ngeCandelo laBaphathiswa bezobuLungisa uThintelo lolwaPhulo-mthetho noKhuselo (i-JCPS) ngengxelo yoMkhuseli woLuNtu engamanyathelo okhuseleko kwikhaya likaMongameli uJacob Zuma eNkandla. IKhabhinethi ifumene amagqabantshintshi okuba ukuzibandakanya kukarhulumente noMkhuseli woLuntu ngalo mba bekusekelezelwe kukhuseleko lukaMongameli welizwe. IKhabhinethi iye yafumana amagqabantshintshi kananjalo okuba ingxelo yeqela likarhulumente ebelichophele umsebenzi ongokuhlaziya ukhuseleko eNkandla isiwe kwiKomiti esiSigxina yamaQela ejongene nemicimbi yezobuNtlola ethe emva koko yapapasha iNgxelo yayo eYodwa ngalo mba. Iqela likarhulumente ebelichophele umsebenzi linike ingxelo kwiKomiti esiSigxina yamaQela yezobuNtlola yokuba khange kubekho bungqina bubonisa ukuba iSebe leMisebenzi yoLuntu lihlawulele ukwakhiwa komzi kaMongameli. Abaphathiswa abakwiCandelo le-JCPS baye bamenywa koku fumana kwamagqabantshintshi yiKhabhinethi kwaye bayafumaneka ukuze baphendule imibuzo ngalo mba.

2. Iingxoxo kunye nezigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1. IKhabhinethi ivume iPhepha loMgaqo-nkqubo eliyilwayo elingezeMfundo noQeqesho emva kweMfundo yaseSikolweni: “Ukwakha iNkqubo eYandisiweyo, eSebenzayo neDibeneyo eMva kweMfundo yaseSikolweni noQeqesho”

IPhepha loMgaqo-nkqubo eliyilwayo licacisa izicwangciso-qhinga zokwandisa isibonelelo sangoku sezemfundo noqeqesho eMzantsi Afrika. Lizama ukuphucula umgangatho, lidibanise izigaba ezahlukeneyo zenkqubo zasemva kwemfundo yasesikolweni, nokucacisa iziqulatho zeendlela apho abaqeshi kwicandelo labucala nelikawonke wonke bangadlala khona indima ebalulekileyo ekudalweni kwabasebenzi abanezakhono.

Eli phepha ligxininisa kuhlumo oluquka konke nengqesho ebalulekileyo kwisiCwangciso soPhuhliso seSizwe. ISebe lezeMfundo ePhakamileyo noQeqesho liza kunika amagqabantshintshi ngokuthe chatha.

2.2. IKhabhinethi yazisiwe ngengxelo yeKomiti yaBaphathiswa ngoPhononongo lweNkxaso-mali yeeDyunivesithi yaze yavuma ukuba ingxelo ikhutshwe ukuze iidyunivesithi zivakalise izimvo zazo.

Inkxaso-mali yeedyunivesithi ayahlukanga kwimingeni ebanzi ejongene neli lizwe, kwaye iquka ukulungisa umngcipheko wamaziko ahlelelekileyo ngeli xesha kuqinisekiswa ukuba iinguqu ezenziwa kulwabiwo lwemithombo aziphazamisi amandla wamaziko angahlelelekanga ukuba ahlale eqondwa ehlabathini nakukhuphiswano.

2.3. IKhabhinethi isiphumezile isiCwangciso-qhinga sezoQoqosho olusekwe kuphando lwezeNzululwazi soMzantsi Afrika.

IsiCwangciso-qhinga soqoqosho olusekwe kuphando lwezenzululwazi sisicwangciso esisekwe kwinzululwazi ukubeka ukuveliswa kwezinto ezitsha okusekelezelwe kwinzululwazi njengentsika ebalulekileyo kumasebe ngamasebe. Ikwasebenza njengobambiswano namashishini amakhulu ukuqinisekisa ukuba ubuchwephetshe benzululwazi nokuveliswa kwezinto ezintsha okusekelezelwe kwinzululwazi ziyahambelane norhwebo kwaye zikufumana kulula ukusetyenziswa eMzantsi Afrika.

IsiCwangciso-qhinga soQoqosho olusekwe kuphando lwezenzululwazi soMzantsi Afrika sibonelela ngesiseko esingumbindi wezoqoqosho kuqoqosho olutsha elizakuthi libonelele ngesiseko sohlumo kwixesha elizayo.

2.4. IKhabhinethi ikuvumile ukufezekiswa kweNqanaba eliPhakamileyo lesiNdululo seSigaba sesi-3 seNkqubo yeMisebenzi yoLuntu eNantyisiweyo (i-EPWP) (sowama-2014-2019).

Inani ebekujoliswe kulo lamathuba emisebenzi ibi-7.5 sezigidi kwisithuba seminyaka emihlanu (2014/2015 – 2018/2019) lisekwe kwiiNkqubo zeNgqesho zoLuntu ixesha elisikwe kwisiCwangciso soPhuhliso seSizwe.

IKhabhinethi ikuvumile ukusungulwa kweKomishini eQuquzelela iNgqesho yoLuntu kaMongameli ukuba iququzelele ize inike ingxelo ngeenkqubo zengqesho yoluntu. Oku kuza kwenziwa kuhambelane nomsebenzi weKomishini eQuquzelela iziSeko eziNdoqo kaMongameli.

I-EPWP ijolise ekukhuliseni igalelo layo ukuze kulungiswe imingeni entlantlo-ntathu yendlala, intswela ngqesho nowokungalingani. Ukudodobala kwangoku kwezoqoqosho kube nempembelelo embi kwezengqesho elizweni kwaye kwandise ukubaluleka kwe-EPWP njengenyathelo elikhulu likarhulumente lokuba negalelo lokuphuhlisa nelokunciphisa intswela ngqesho.

2.5. IKhabhinethi ivumile ukuba kwaziswe iSixhobo sokuHlomela uMgaqo-siseko woMbutho wezaBasebenzi weZizwe ngezizwe, we-1986, ePalamente ukuba  uvunywe.

Eyona njongo iphambili yokuphakanyiswa kwesi siHlomelo kukwenza ubulungu beQonga eliLawulayo loMbutho wezaBasebenzi weZizwe ngezizwe umelwe ngakumbi ngokubonelela iindlela zokwenyula ezithathela ingqalelo imidla emininzi efana nobume bendawo, ezoqoqosho neyokuhlala kumaqela enqila.

Ngokuqhubela phambili i-Ajenda ye-Afrika ukuba nje isiHlomelo soMgaqo-siseko sowe-1986 sisebenze, uMzantsi Afrika uza kuxhamla ngookwempawu ezizodwa njengoko kucacisiwe kwisixhobo, unyulelwe kwisihlalo esisigxina.

2.6. IKhabhinethi ikuqwalasele ukwamkelwa kweziNdululo zeNqanaba lokuQala loKhuseleko lwezeNtlalo nguMbutho wezaBasebenzi weZizwe ngezizwe yaze yakuvuma ukwaziswa kwesi siNdululo ePalamente ukuba sivunywe.

INqanaba lokuQala loKhuseleko lwezeNtlalo yindlela yendibanisela yemigaqo-nkqubo eyilelwe ukuqinisekisa ukufumaneka kwengeniso nokufikelela kwiinkonzo zezentlalo ezibalulekileyo kubantu bonke, kunikwe ingqalelo emandla kumaqela abuthathaka nokukhusela nokuxhobisa abantu mbombo-zone zokuphila.

2.7. IKhabhinethi ivumile ukuba uMzantsi Afrika usingathe iNgqungquthela yesi-4 yoKhuphiswano yaMazwe ngamazwe e-BRICS ngowama-2015.

Le Ngqungquthela ibonelela ngeqonga lokutshintshiselana ngeembono phakathi kokhuphiswano lwee-arhente nabacebisi bemibutho engekho phantsi kukarhulumente abakumazwe e-BRICS. Oku kuqinisa amakhonkco amaziko akhokelela kwintsebenziswano yamazwe ngamazwe aphakathi kwala mazwe angamalungu. Ibanjwa rhoqo kunyaka wesibini kwaye isingathwa ngooGunyaziwe boKhuphiswanobo Khuphiswano bamazwe angamalungu e-BRICS.

2.8. IKhabhinethi ikuvumile ukwaziswa koMgaqo-nkqubo wokoNyulwa kwabaSebenzi abajongene nokuBhanga ngokwaseZimalini nguMgcini-mafa weNkundla ePhakamileyo ePalamente nokupapashwa kwiPhephandaba loMbuso.

Ingqwalasela yoMgaqo-nkqubo kukukhuthaza ukwenza ngokufanayo,  ngokungenakhethe, elubala nokuzuza ukulingana kwabantu ababekade behlelelekile ngaphambili ngenxa yocalulo olungenabulungisa.

AbaGcini-mafa beeNkundla eziPhakamileyo kwii-ofisi ezahlukahlukeneyo zabaGcini-mafa ngaphambili babeziphethe bezigqibela ngendlela abawucacisa ngayo ngayo umthetho ngendlela abasebenza ngayo nomgaqo omawulandelwe kwii-ofisi zabo.

2.9. IKhabhinethi ikuvumile ukubekwa ngokusesikweni ukusuka komhla wesi-3 kweyeNkanga ukuya kowe-3 kweyoMnga njengeNyanga yeSizwe yokwaZisa ngaMalungelo okuKhubazeka nokubhengeza ngokusesikweni umhla wesi-3 kweyoMnga njengoSuku lweSizwe lwaBantu abaKhubazekileyo.

INyanga yeSizwe yokwaZisa ngamaLungelo aBantu abaKhubazekileyo iqukunjelwa ngoSuku lwesizwe lwaBantu aBakhubazekilo, ibonelela ngexesha lengqalelo lesizwe ukubonisa size sibhiyozele inkqubela eyenziwe ngokubonelela abantu abakhubazekileyo ngokufikelela okulinganayo kwimfundo, umsebenzi onesidima, impilo nophuhliso lwamaphandle nokusingqongileyo okukhuselekileyo, phakathi kokunye.

2.10. IKhabhinethi iluvumile uyilo lwemali ezinkozo enqabileyo yesikhumbuzo nokukhutshwa kokhozo lwe-R2 yiNkampani ye-Minti yaseMzantsi Afrika.

a) Ukuhanjiswa koKhozo lwe-R2: “isikhumbuzo seminyaka eli-100 zezaKhiwo zoMdibaniso”
b) UKhozo lweSikhumbuzo lwe-R2 iSithsaba seSilivere: “isikhumbuzo seminyaka eli-100 zezaKhiwo zoMdibaniso”
c) Udederhu lweeNkozo zesiHlunga: “uBomi beGqala: uNR Mandela” (ubuntwana bakhe)
2.11. IKhabhinethi ikwaluvumile uyilo lokhozo olunqabileyo noluxabisekileyo olusisikhumbuzo sama-2014 noluzakukhutshwa:
a) Udederhu loKhozo lwesiHlunga: “uBomi beGqala: uNR Mandela” (imfundo yakhe)
b) Udederhu loKhozo lweNdalo: "Abazingeli ngoBusuku"
c) Udederhu loKhozo lweGolide lwe-R1: “IziSasazi zoMzantsi Afrika”
d) Udederhu loKhozo lweGolide lwe-R2: "Ukufunyanwa kweGolide eMzantsi Afrika”
e) Udederhu loKhozo lweSithsaba neTiki lweSilivere: “OoLoliwe boMzantsi Afrika”
f) Udederhu loKhozo lweSilivere oluXabisekileyo: “Iindawo zeeLwandle eziKhuselekileyo zoMzantsi Afrika”
g) Ukhozo lweGolide lweSikhumbuzo lwe-R200: Iminyaka engama-20 yoLawulo lweNtando yeSininzi"
h) Isikhumbuzo soKhozo lweSilivere lweSithsaba oluXabisekileyo lwe-R2 iSithsaba: Iminyaka engama-20 yoLawulo lweNtando yeSininzi"
i) Ukwenziwa kweKhozo lwe-R5: Iminyaka engama-20 yoLawulo lweNtando yeSininzi"

Uyilo lokhozo kunye neZaziso zalo ziza kushicilelwa kwiPhephandaba loMbuso. Emva koko iinkozo zizakuveliswa ze zithengiswe ngamajelo aqhelekileyo.

3. Izikhundla

3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukuqeshwa kukaNksz Gugulethu Brightness Nokukhanya Khoza njengoMlawuli-Jikelele woGunyaziwe wezoHambo ngoMoya woMzantsi Afrika.

3.2. IKhabhinethi izivumile ezi zikhundla zilandelayo kwiBhodi yeQumrhu yoTyalo-mali loLuntu (i-PIC):
a) uMnu Roshan Morar (uqeshiwe kwakhona)
b) uMnu Sebenzile Patrick Mngconkola (uqeshiwe kwakhona)
c) uNksz. Dudu Hlatshwayo
d) uNksz. Sibusisiwe Nkosinomusa Ngubane
e) uMnu. Trueman Tandabantu Goba

3.3. IKhabhinethi ikuqaphele ukuqeshwa kwaba bantu balandelayo kwiBhodi yeQumrhu le-Inshorensi yeSaphulelo kwiMpahla eThunyelwa kuMazwe angaPhandle yaseMzantsi Afrika:
a) uMnu. Motshoanedi Johannes Lesejane (uSihlalo uqeshiwe kwakhona)
b) uNksz Vuyelwa Viola Matsiliza (kubaLawuli abaNgekho kwiSigqeba soLawulo)
c) uNksz. Fagmeedah Petersen (kubaLawuli abaNgekho kwiSigqeba soLawulo)
d) uNksz Siobhain O’Mahony (kubaLawuli abaNgekho kwiSigqeba soLawulo)

Imibuzo:
Phumla Williams (ISithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Umnxeba woqhagamshelwano: 083 501 0139

Issued by: Government Communications

Share this page

Similar categories to explore