INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi umhla wama-30 kweyeDwarha yowama-2019

IKhabhinethi ibidibene ngoLwesithathu, umhla wama-30 kweyeDwarha yowama-2019 eTuynhuys eKapa

A.  Imiba enguNdaba-mlonyeni

1.  INkomfa yoTyalo-mali yoMzantsi Afrika (i-SAIC)


1.1.  IKhabhinethi ilinde ngomdla iNkomfa yoTyalo-mali yoMzantsi Afrika yeSibini eza kubanjwa kule veki izayo ukusuka ngomhla wesi-5 ukuya kowesi-7 kweyeNkanga 2019 eSandton Convention Centre eGauteng phantsi komxholo othi: “UkuKhawulezisa ukuKhulisa uQoqosho ngoKwakha ubuHlakani”.

1.2.  I-SAIC yowama-2019 iza kuqhubeka ne-SAIC yokuqala eyayibanjwe kwinyanga yeDwarha 2018, eyathi yatsala imali engama-300 ezigidi-gidi zeerandi kwizithembiso zotyalo-mali. Ezi zithembiso ziquka esenziwa yinkampani enkulu yonaniselwano nge-intanethi i-Amazon emisele iziko leekhompyutha ezinobuxhaka-xhaka bokugcina ulwazi eMzantsi Afrika; esenziwe yinkampani yezemigodi yehlabathi ebizwa ngokuba yiVedanta Resources sokutyala imali kwicandelo leli lonyibilikiso lwesinyithi; inkampani yezobugcisa yaseRwanda, iMara Corporation, ukwenza iiselula ezikwizinga eliphezulu lobuchwepheshe kunye nenkampani yamachiza i-Aspen Pharmacare etyale imali  kwizinto zokubulala iintsholongwane.  

1.3.  Nathi, njengabemi boMzantsi Afrika, siza kwamkela ngezandla ezishushu abathunywa abali-1500 abamele oosomashishini abangamanina nabangamadoda balapha nabamazwe ngamazwe ekulindeleke ukuba bazimase le Nkomfa yoTyalo-mali.

1.4.  Ngomhla wesi-7 kweyeNkanga, le nkomfa iza kuqhubeka kwiDyunivesithi yaseRhawutini kwiKhampasi yaseSoweto, eya kuthi igxile kurhwebo, ukuvelisa izinto ezintsha kunye nokukhulisa amashishini asakhasayo.

2.  INgqungquthela yoTyalo-mali yase-Afrika (i-AIF)

2.1.  IQela leBhanki yoPhuhliso yase-Afrika liza kubiza iNgqungquthela yoTyalo-mali yase-Afrika ukususela ngomhla we-11 ukuya kowe-13 kweyeNkanga wowama-2019 eRhawutini. Eli lelinye lamathuba otyalo-mali apho uMzantsi Afrika uza kuxhamla kwimali elungiselelwe ukuphucula iziseko zoncedo e-Afrika.  

2.2.  Le ngqungquthela idibanisa kunye amaqumrhu alawula iimali zomhlala-phantsi, iimali zobutyebi obuzimeleyo, abatyali-mali babucala, iifemu zabucala ezirhweba ngezabelo kunye neentloko zoorhulumente Iiza kugxila ekuphuhliseni nasekuphumeleliseni izivumelwano ukuvula amathuba otyalo-mali azizigidi-gidi zeedola e-Afrika.

2.3   Ukuzama ukuzalisekisa injongo yethu echaziweyo yokuqalisa amaphulo okwakha iziseko zophuhliso zikarhulumente nezabucala, urhulumente ubekele bucala imali ezizigidi-gidi ezili-100 zeerandi isithuba esingaphezu kweminyaka eli-10 kwiNgxowa-mali yeziSeko zoNcedo zeSizwe, futhi ukungxamele ngolangazelelo ukusebenza nabatyali-zimali babucala kunye namaziko ezemali amazwe ngamazwe ukunyusa imali kuphuhliso lweziseko zoncedo zelizwe lethu.

3.  INtetho ngoMgaqo-nkqubo woHlahlo lwaBiwo-malo lwesiGaba esiPhakathi (i-MTBPS)

3.1.  IKhabhinethi iyamkele i-MTBPS yowama-2019 ethiwe thaca nguMphathiwa weziMali uTito Mboweni eyenziwe kanye ngethuba uqoqosho lwasekhaya nolwehlabathi luphantsi kobunzima. I-MTBPS yowama-2019 iphakamisa amanyathelo okulwa inkcitho karhulumente kunye netyala elikhula ngokukhawuleza xa lithelekiswa ne-GDP.

3..2  IKhabhinethi kwakhona iqaphele ukuba iziphumo zoPhononongo lwaBasebenzi ngeKota kwikota yesithathu yowama-2019 ezikhutshwe liZiko leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika (i-Stats SA) ezibonisa ukuba izinga elisemthethweni lentswela-ngqesho linyuke ngepesenti e-0,1 laya kutsho kwi-29,1% xa lithelekiswa nelekota yesibini yowama-2019.

3.3.  IKhabhinethi inethemba lokuba ukuba bonke abemi boMzantsi Afrika banokusebenzisana norhulumente ekumiliseleni izibophelelo ezichawe kwi-MTBPS yowama-2019, singawunceda sonke uMzantsi Afrika ukuba ukhulise uqoqosho lwethu nenani lemisebenzi edingeka kakhulu elizweni.  

4.  U-Eskom

4.1.  IKhabhinethi ilamkele iphepha elinesihloko esithi: “Roadmap for Eskom in a Reformed Electricity Supply Industry”, elakhutshwa nguMphatshiswa wezaMashishini kaRhulumente uPravin Gordhan ngoLwesibini, umhla wama-29 kweyeDwarha yowama-2019.

4.2.  Oku kulandela isaziso esenziwa nguMongameli uRamaphosa kwiNtetho yakhe engoBume beSizwe (i-SoNA) kweyoMdumba yowama-2019 ukuba ukuphucula ukusebenza ngokukuko, u-Eskom uza kwahlukaniswa aze ahlula-hlulwe abe ngamacandelo amathathu angala: elokuhambisa umbane, elokuvelisa umbane kunye nelokusasaza umbane.

4.3.  IKhabhinethi iyazivumela iziphakamiso kuhlobo loshishino luka-Eskom, ezisisicwangciso sakamva nje sokubeka u-Eskom kwindlela esingise kuhlumo. Esi sicwangciso sineenjongo zokuvelisa nokuphehla umbane ngendlela engatyabuli kakhulu, ukuqinisekisa ukuba kukho umbane owaneleyo kunye nemithombo eyahlukeneyo yeentlobo zamandla (umbane) ngokuhambelana nesiCwangciso sesiBonelelo esiDibeneyo, esipapashwe kwigazethi ekuqaleni kwale nyanga kwaye sanika ingcaciso egcweleyo ngeentlobo ezahlukeneyo zamandla aza kusetyenziswa kweli lizwe kule minyaka ili-10 izayo.

4.4.  Sihlaba ikhwelo kuwo onke amahlakani kwicandelo lezamandla ukuba akuxhase oku kumiselwa kwesi sicwangciso.

5.  Umdlalo wamanqam weNdebe yeHlabathi yeBhola yoMbhoxo (i-RWC)

5.1.  IKhabhinethi ivuyisana neqela lesizwe lebhola yombhoxo, i-Springboks, ekufikeleleni kwimidlalo yamanqam ye-RWC yowama-2019. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika nabaxhasi bethu kwihlabathi liphela ukuba baxhase iqela lethu, i‘Boks’, futhi babonakalise inkxaso yabo kubantu belizwe labo ngokuthatha inxaxheba kwiphulo lokunxiba umbala oluhlaza ngooLwezihlanu, i-Green Friday, kunye nokwabelana ngemiyalezo yenkxaso kumakhasi onxibelelwano   besebenzisa i-hashtag #StrongerTogether, #Bokke, #Rugbyworldcup.

5.2.  UMongameli uRamaphosa uza kuzimasa umdlalo wamanqam eJapan ukunika inkxaso eluqilima kwiqela lethu lesizwe.

5.3.  IKhabhinethi kwakhona iyasamkela isigqibo esithathwe yi-SABC sokusasaza ngqo umdlalo wamanqam ophakathi koMzantsi Afrika ne-England ngoMqibelo, umhla wesi-2 kweyeNkanga, ukusuka ngentsimbi ye-11h00.

6.  Ulondolozo lwamanzi

6.1  IKhabhinethi ikhuthaza bonke abantu eMzantsi Afrika ukuba baqhubeke nokonga nokulondoloza amanzi. Oku kulandela ukuhla kwamaqondo amanzi emadamini elizwe okuchazwe kutshanje. UMzantsi Afrika uphakathi kwawona mazwe angama-30 ome kakhulu ehlabathini. Imvula ethatha ixesha elide kunesiqhelo inganethi kwezinye indawo zelizwe, idibene namaqondo obushushu akutshanje anyukileyo, yenze imeko yamaxongo ngakumbi.

6.2.  Ngelixa iSebe lezaManzi noGutyulo liqalise izicwangciso zokulalelisela, iKhabhinethi iyasibongoza sonke ukuba sisebenzisane ukuze siqinisekise ukuba siwasebenzisa ngononophelo la manzi anqabileyo futhi ayimpilo. Iingcebiso zokulondoloza amanzi ziquka ukujonga ukuvuza, ukusebenzisa amanzi asebenzileyo xa unkcenkceshela egadini phambi kwentsimbi yesi-6:00 okanye emva kwensimbi yesi-18:00 emva kwemini nokulima izityalo ezikwaziyo ukumelana nembalela. Sonke kufuneka sidlale indima yethu yokulondoloza amanzi.  

7.  Izivumelwano ezibalulekileyo zokusebenzisana neChina

7.1   USekela-Mongameli uDavid Mabuza ukutyelelo lwaseburhulumenteni ePeople’s Republic of China, apho aza kuba ngomnye woosihlalo kwiSeshoni yesi-7 yeKhomishoni yaMazwe aMabini, uMzantsi Afrika neChina (i-BNC) eqhubeka ngomhla wesi-3 kweyeNkanga yowama-2019. I-BNC yoMzantsi Afrika neChina yasekwa ngowama-2002 ukusebenza njengeqonga elibalulekileyo lokushukuxa imiba etshisa ibunzi kula mazwe omabini efana nokukhuthaza urhwebo kunye nokusebenzisana ngezoqoqosho.

7.2.  Iinkampani zoMzantsi Afrika ezimalunga nama-26 zizonke zityale imali eChina. Imali eziyichithe kweliya lizwe phakathi kweyoMqungu yowama-2003 neyeThupha yowama-2019 izizigidi-gidi ezingama-88 eerandi. Kwelinye icala, iinkampani zaseChina ezingama-88 zityale imali apha eMzantsi Afrika, kwaye nazo zichithe imali ezizigidi-gidi ezili-116 zeerandi ngeli xesha linye.  

7.3.  IKhabhinethi yamkela ukutyikitywa kwesivumelwano sentsebenziswano esibalulekileyo phakathi kwequmrhu lezoKhenketho laseMzantsi Afrika nenkampani yaseChina, iTencent, engumnikazi wekhasi lezonxibelelwano, i-Wechat. Esi sivumelwano seminyaka emibini siza kunika uMzantsi Afrika ithuba lokuba unxibelelane ngqo nezigidi zabantu baseChina abanokuba ngabakhenkethi abeza kweli behambela ezoshishino okanye behambela ukuzikhupha nokuzonwabisa, ukuthengisa eli njengelizwe umntu anokujonga kulo kuqala xa efuna ukuthatha uhambo.

7.4   UMzantsi Afrika uzimisele ukuphinda kabini inani labakhekethi bamazwe ngamazwe abangena kweli lisuke kwizigidi ezili-10 liye kwizigidi ezingama-21 ngonyaka wama-2030.

7.5.  IKhabhinethi kwakhona iyalamkela inyathelo lokuqala leSebe lezeMfundo lokuxhobisa abaphathi bezikolo, ngobambiswano norhulumente waseChina, apho iinqununu ezingama-25 zithe zabelana kwaye zabonisana ngeendlela ezikumgangatho ophezulu zokuphatha isikolo noogxa bazo baseChina kwindibano ebibanjelwe eShangai, eChina.

8.  Uthintelo lolwaphulo-mthetho

8.1.  IKhabhinethi iyaqaphela ukuba iphulo elaziwa ngokuba yi-Operation O Kae Molao, elikhokelwa yiNkonzo yezaMapolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) futhi iyaqhuba nokwenza inkqubela engummangaliso ekulweni nolwaphulo-mthetho eGauteng.  

8.2.  Amakhulu abarhanelwa kulo lonke iphondo abanjelwe iintlobo ezahlukileyo zolwaphulo-mthetho. Aba barhanelwa baquka abarhanelwa abangama-717 abebekade befunwa, abangama-90 abasabayo befunelwa amatyala anxulumene nobundlobongela obugxile kwezesini (i-GBV).  

8.3.  IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baqhubeke nokuxhasa kunye nokuthatha inxaxheba kumaphulo okulwa ulwaphulo-mthetho ngokuthi baxele izenzo zolwaphulo-mthetho kwii-arhente zogcino-mthetho. Abemi kwakhona bangasebenzisa i-app entsha ye-SAPS yokulwa ulwaphulo-mthetho, i-MySAPS, bahlebele amapolisa ngolwazi olunxulumene nolwaphulo-mthetho ngaphandle kokunikezela ngeenkcukacha zabo, bakwazi ukukhangela isikhululo samapolisa esikufutshane kubo okanye bathumele izilumkiso kunye nemiyalezo engxamisekileyo. IKhabhinethi izimisele ekuqinisekiseni ukuba uluntu luphila ubomi kwiindawo ezikhuselekileyo.

9.  Ubundlobongela obugxile kwezesini nokubulawa kwamanina ngamadoda

9.1.  IKhabhinethi iyazamkela izigwebo ezingama-20 zobomi kunye nesigwebo seminyaka engama-758 esinikwe umdlwenguli ogqugqisileyo, uBongani Lucky Masuku, kunye nesigwebo sobomi entolongweni esinikwe umdlwenguli uNicholas Ninow. Oku kuthumela umyalezo ongqongqo kubaphuli-mthetho wokuba inkqubo yethu yobulungisa kulwaphulo-mthetho ayisoze ilunyamezele ulwaphulo-mthetho oluchasene namanina kunye nabantwana.

9.2.  Urhulumente uzibophelele ekuboneleleni ngononophelo kumaxhoba kwaye ukwakhuthaza amaxhoba e-GBV ukuba asebenzise iinkonzo ezinikezwa liZiko loNcedo le-GBV. Eli ziko lisebenza imini nobusuku, yonke imihla. Amaxhoba angatsalela kule nombolo: 0800 428 428 okanye athumele umyalezo wokutsalelwa umnxeba kule nombolo: *120*7867# okanye angene kwikhasi lwebhusayithi elithi: www.gbv.org.za. UMongameli uRamaphosa namhlanje uza kwazisa iPalamente nesizwe ngeenzame zokuphelisa i-GBV kunye nokubulawa kwamanina ngamadoda xa ephendula imibuzo kwiNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe (i-NA).

B.  Izigqibo zeKhabhinethi

1.  IsiCwangciso esiKhulu seziYobisi seSizwe (i-NDMP) 2019-2024

1.1.  IKhabhinethi iyamkele i-NDMP yowama-2019-2024 nesicwangciso sokuyiphumeza, esinika iingcaciso ngamacebo okulwa nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi eMzantsi Afrika. Le NDMP yowama-2019-2024 ilandela uvavanyo lwe-NDMP yowama-2013-2017.  
1.2.  Esi sicwangciso siphakamisa iinjongo ezisixhenxe ezibalulekileyo zokulwa nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi kwiindawo esihlala kuzo. Kwakhona sikwaphakamisa ukujongana nokuncitshiswa kwenani labantu abathenga nabasebenzisa iziyobisi, ukuqinisa ulawulo lweziyobisi ezenzelwe ukusetyenziselwa unyango, kunye nokulawulwa, ubunkokeli kunye noxanduva lokuphunyezwa kwe-NDMP.  

2.  UMgaqo-nkqubo weSizwe wokuKhathelela kunye nokuKhusela uMntwana (i-NCCP)

2.1.  IKhabhinethi iyayamkela i-NCCP, ephumeza uMthetho waBantwana, wowama-2005 (uMthetho wama-38 owama-2005). Icandelo lama-28 woMgaqo-siseko weRiphabhliki yoMzantsi Afrika wowe-1996 ligxininisa ilungelo labo bonke abantwana lokufumana izibonelelo zikarhulumente kunye nokukhuselwa kubundlobongela, ukuphathwa kakubi, ukungakhathalelwa kunye nokuxhatshazwa.

2.2.  Ukwamkelwa kwe-NCCP komeleza ukulungelelaniswa kwenkqubo yokhathalelo lwabantwana kunye nenkqubo yokhuseleko, kwaye kuqinisekisa ukusetyenziswa ngokugqibeleleyo kwezixhobo ezikhoyo zeenkonzo eziphuculiweyo ezikhuthaza ukukhula kwabantwana. Lo mgaqo-nkqubo ukwasabela kwisigwebo seNkundla ePhakamileyo yaseMntla Gauteng esayalela uMphathiswa wezoPhuhliso loLuntu ukuba enze izilungiso eziqinisa inkqubo yokhathalelo lwabantwana.

3.  IPhepha-Mvume eliKhethekileyo laseLesotho (i-LSP)

3.1.  IKhabhinethi iyakwamkela ukwandiswa kwe-LSP ngeminye iminyaka emine. Le nkqubo yamaphepha-mvume yangoku iyaphelelwa ngomhla wama-31 kweyoMnga kowama-2019. Ukwandiswa kuza kulivumela iSebe leMimcimba yezeKhaya (i-DHA) ukuba ligqibezele umsebenzi walo wokufumana iindlela zokushukuxa imiba yokufuduka, ingakumbi kubemi abasuka kwingingqi yoMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC).

3.2.  Ulwandiso lusebenza kuphela kubanini be-LSP abakhoyo. I-DHA iza kunika iinkcukacha ezithe vetshe ngenkqubo eza kulandelwa.

C.  Imisitho Ezayo

1.  Ukuvulwa kweNkundla ePhakamileyo
 
1.1.  UMongameli uRamaphosa uza kuvula ngokusesikweni iNkundla ePhakamileyo eMbombela, ngoLwesihlanu, umhla wesi-8 yowama-2019. UMongameli uza kube ephelekwe nguMphathiswa wezoBulungisa neeNkonzo zoLuleko uRonald Lamola kunye noMphathiswa weMisebenzi kaRhulumente neziSeko zoPhuhliso uPatricia de Lille xa esiya kulo msitho uyimbali kwinkqubo ejolise ekuqinisekiseni ukuba wonke umntu eMzantsi Afrika uyazixhamla iinkonzo zobulungisa. Eli linqanaba lokugqibela lenkqubo yokuqinisekisa ukuba lineNkundla ePhakamileyo iphondo ngalinye kula alithoba oMzantsi Afrika.

1.2.  Ngoku abantu baseMpumalanga baza kuba neNkundla ePhakamileyo eyiyeyabo ke ngoko akuzikubakho mfuneko yokuba babhatale iimali ezinkulu zokukhwela besiya kufuna uncedo lwezomthetho ePitoli.

D.  Imiyalezo

1.  IKhabhinethi idlulisa imiyalezo yovuyiswano:

1.1.  Ku-Olwami Shangase oneminyaka eli-12 ubudala ophuma kwiphondo laKwaZulu-Natal, opapashe incwadi enesihloko esithi: Rejected Treasure ejolise ekufundiseni wonke umntu, ingakumbi abantwana, malunga namandla okuxolela nothando.

1.2.  Ku-Amahle Zezile oneminyaka eli-11 ubudala ophuma eKapa, omenyelwe ukuba ayokumela uMzantsi Afrika kwi-African Youth Chess Tournament eza kubanjelwa eNamibia kwinyanga yoMnga.

1.3.  Kumvelisi nomqambi waseMzantsi Afrika, uMnu Lebohang Morake, oqinisekise ukuba ikwayala iDrakensberg Boys Choir iliphakamisele phezulu igama loMzantsi Afrika ngethuba ibinika imbeko ekhethekileyo kumdlalo weqonga i-Lion King eLondon.

1.4.  KuMongameli uMokgweetsi Masisi kunye nabantu baseBotswana kolunye ulonyulo lukamongameli oluqhutywe ngoxolo, olomeleza ngakumbi inkqubo yolawulo lwesininzi eBotswana. UMzantsi Afrika ngomso uza kuthumela igqiza ukuba libe yinxalenye yokuBekwa ngokuSesikweni koMongameli waseBotswana, ngomhla woku-1 kweyeNkanga yowama-2019. Sijonge phambili ekuqhubekeni nobudlelwane bethu kwezentlalo, ezoqoqosho, ezopolitko kunye nezozakuzo neBotswana.

E.  Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1.  IBhodi kaGunyaziwe weKhowudi yoMzantsi Afrika ye-Intanethi (i-ZA Domain):

1.1.  UNksz Palesa Legoze (uSihlalo)
1.2.  UNksz Veronica Motloutsi
1.3.  UNksz Sizo Mzizi
1.4.  UNjing Kasturi Moodaliyar
1.5.  UNksz Malekgoloane Malapane
1.6.  UNjing Daniel Mashao
1.7.  UNksz Anriette Esterhuysen
1.8.  UMnu Rendani Mbuvha, kunye
1.9.  NoMnu Nicholas Msibi (oqeshwe kwakhona)

2.  UNksz Mmakgomo Anna Tshatsinde, uSekela-Mlawuli-Jikelele (u-DDG): IiNkonzo zeCandelo lokuBeka iLiso, iSebe lezoCwangciso, ukuHlola noVavanyo (i-DPME).

3.  UMnu Blake Keith Mosley-Lefatola, u-DDG: wokuHlolwa kweCandelo loLuntu kunye noPhuhliso lwezaKhono, i-DPME.

4.  UMnu Luambo Thomas Sigama, DDG: weCandelo leeNkonzo zoLuntu, e-DHA.

Imibuzo: Nksz Phumla Williams – isiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore