Ingxelo kaMongameli u-Cyril Ramaphosa ngeNkqubela-phambili kwiiNzame zeSizwe zokuNqanda Ubhubhane we-COVID-19

Bemmi boMzantsi Afrika,

Ngokuhlwa nje, ndingathanda ukuthetha nani malunga nemiba emine ebalulekileyo ekulweni ubhubhane we-COVID-19 kunye nokubuyela esiqhelweni koluntu kunye noqoqosho lwethu.

Le miba yile, okokuqala, kukuqinisa kwephulo lethu lokugonya kukazwelonke; okwesibini, ngamanyathelo esiza kuwathatha ukuvula uqoqosho lwethu nangakumbi; okwesithathu, kukwaziswa kwesatifikethi sokugonya; kwaye, okwesine, kukuzibandakanya kwethu ne-United Kingdom ukubuyisela uhambo, ukhenketho kunye norhwebo.

Kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo, i-COVID-19 Modeling Consortium yoMzantsi Afrika iqinisekisile ukuba uMzantsi Afrika uvela kwityeli lesithathu losuleleko lwe-COVID-19.

Eli tyeli, elaliphenjelelwa ludidi lwe-Delta, lalimandundu kakhulu kunamatyeli amabini angaphambili.

Eli tyeli lesithathu lahlala ngaphezulu kweentsuku ezili-130, kwaye lalimalunga neeveki ezimbini ubude kunamatyeli nganye angaphambili.

Kwincopho yetyeli lesithathu, besibhala malunga nama-20 000 eemeko ezintsha zosuku ngalunye.

Kwiintsuku ezisixhenxe ezidlulileyo, umndilili wenani leemeko ezintsha wawumalunga ne-1 800 ngosuku.

Kukwakho nokwehla okuzinzileyo ekulalisweni esibhedlele kunye nokusweleka nge-COVID-19 kuwo onke amaphondo.

Ezi ziindaba ezamkelekileyo kuthi sonke.

Besiphila phantsi kwethunzi lobhubhane kangangeentsuku ezingama-574 ngoku, kwaye sonke sifumene uxinzelelo.

Siye sahlangabezana nobunzima obukhulu, kwaye obona bunzima kwezi zinto zizalamane ezininzi, abalingane kunye nabahlobo esiphulukene nabo kulo bhubhane.  Sililela umntu ngamnye kubo.

Ngokwendalo sonke sifuna ukuqhubeka nemisebenzi emininzi esingakwazanga ukuyenza kule minyaka mibini idlulileyo.

Sifuna ukwenza amasiko emveli, amatheko okuzalwa, imitshato kunye neminye imisebenzi yezentlalo ngokukhululekileyo kunye nabahlobo neentsapho zethu.

Silangazelela ixesha apho singaya ecaweni, kwi-mosque, kwi-shul nasetempileni ngaphandle kwemiqobo, kwaye sibenakho ukuwola kwaye sixhawule izandla ngaphandle kokukhathazeka ngokugula.

Abalandeli bezemidlalo phakathi kwethu abanakho ukulinda ukuze babuyele e-FNB, e-Moses Mabhida, e-Royal Bafokeng, e-Newlands, nase-Loftus ukuze bavuyisane namaqela ethu.

Sifuna ukonwaba ngokukhululekileyo kwakhona kwiivenkile zokutyela, kwiindawo zentselo nakwiithiyetha, kwaye sifuna ukuhamba ngokukhululekileyo nanini na kwaye naphi na apho sikhetha ukuya khona.

Ezi nkululeko, sizilangazelelayo sonke, zikufutshane kuthi.

Kodwa siza kuba nakho ukufika apho ukuba sonke sigonyiwe kwaye sonke siyaqhubeka nokulandela iinkqubo ezilandelwayo zempilo.

Ukusukela oko sasungula iphulo lethu lokugonya likazwelonke, bekusenzeka ngokukhawuleza okukhulu.

Ukuza kufikelela ngoku sikhuphe ngaphezulu kwe-17 lezigidi zamathamo eyeza lokugonya.

Ngaphezulu kwabantu abayi-8.6 yezigidi bagonywe ngokupheleleyo, iyinto engaphezulu kwesinye kwisihlanu sabemmi babantu abadala.

Ngokubalulekileyo, ama-60% abemmi boMzantsi Afrika abangaphezulu kweminyaka engama-60, kunye nama-50% abantu abaphakathi kweminyaka engama-50 ukuya kwengama-59 ngoku bafumene ithamo elinye yokugonya.

La manani asinika ukuzithemba kunye nethemba.

Sizibekele ugqaliselo lokugonya olungama-70% lwabemmi abadala eMzantsi Afrika ekupheleni konyaka.

Ukuba siyafikelela kolu gqaliselo, iSebe lezeMpilo liqikelele ukuba singasindisa ukuya kufikelela kuma-20 000 obomi babantu.

Oko kumele abantu abangama-20 000 - oomama, ootata, oonyana neentombi - ukufa kwabo bekungathintelwa ukuba uninzi lwethu lukhetha ukugonywa.

Ukufikelela kwinjongo yethu kufuneka sikhuphe amathamo eyeza lokugonya ongezelelweyo azizigidi ezili-16 kulo nyaka, ezixa ezimalunga nama-250 000 amayeza okugonya ethamo lokuqala rhoqo ngosuku lomsebenzi olunye rhoqo ngeveki kude kube phakathi kweyoMnga.

Siyazi ukuba xa kungona ubamdala, kungona kubakho umngcipheko wokuba ungaguliswa kakhulu yi-COVID-19 okanye kuza kufuneka ukuba ulaliswe esibhedlele.

Siyazi nokuba umngcipheko wokuswelekiswa yi-COVID-19 uphezulu kubantu abadala kunabantu abancinane.

Ukusindisa ubomi kunye nokuthintela amaziko ethu ezempilo kunye nabasebenzi ekoyisakaleni, ngenxa yoko sibeke phambili abo bangaphezulu kwama-50 kunye nabo bangaphezulu kwama-60 ukuze bagonywe.

Oku akuthethi ukuba abantu abangaphantsi kwama-50 abekho emngciphekweni.

Kwiinyanga zakutsha nje, siye sabona inani elandayo labantu abancinane belaliswa esibhedlele kwaye besweleka yi-COVID-19.

Kungenxa yesi sizathu sokuba ukusukela ngomhla wama-20 kweyeThupha siye sandisa inkqubo yethu yokugonya kubo bonke abantu eMzantsi Afrika abangaphezulu kweminyaka eli-18 ubudala.

Ngelixa senze inkqubela-phambili ebalulekileyo, kwaye sakhusela amathamo eyeza lokugonya aneleyo abemmi ekugqaliselwe kubo, inkqubo yethu yokugonya isacotha kakhulu.

Ngoko ke sigqibe ukuba sinyuse iphulo lethu lokugonya ngokusungula iphulo elithi ‘Vooma Vaccination Weekends’ ukusukela ngomso.

Iphulo le-Vooma Vaccination Weekends liza kuba liphulo lelizwe lonke lokukhuthaza abantu bethu ukuba bagonywe.

Siyazi ukuba ukuya kwiziko lokugonya phakathi evekini kunokuba nzima kubantu abaninzi, ingakumbi kwabo basebenzayo, ekufuneka behambe imigama emide, okanye benamaxanduva eentsapho.

Abo bangenakubanakho ukuyokufumana iyeza lokugonya evekini kufuneka balithathe eli thuba.

Ngomso, umhla woku-1 kweyeDwarha nangoMgqibelo womhla wesi-2 kweyeDwarha, siza kube sivula amaziko okugonya kwilizwe jikelele ukuze sifikelele kubantu abangaphezulu kwesiqingatha sesigidi.

ISebe lezeMpilo liqwalasele izithili eziphambili kwiphondo ngalinye ngokusekelwe kwinani labantu abangagonywanga kunye nobungakanani bokugonywa kwangoku kwisithili ngasinye.

Le iza kuba yi-Vooma Vaccination Weekend yokuqala kuthotho lweenkqubo zokufikelela ebantwini.

Iinkokheli ezivela kumacala ohlukeneyo ezopolitiko, imibutho yoluntu, iinkokheli zenkolo, iinkokheli zemveli, abasebenzi kunye namashishini bazakuququzelela uluntu ukuba luhlale lukhuselekile ngokuthi lugonywe.

Mna kunye noSekela-Mongameli, kunye naBaphathiswa, amaSekela-Baphathiswa, iiNkulumbuso, ii-MEC, ooSodolophu kunye nooCeba, nabo bazakube bekwiindawo zasekuhlaleni ngoLwesihlanu nangoMgqibelo ukukhuthaza abemmi ukuba bagonywe.

Ugonyo lusimahla kumntu wonke ohlala eMzantsi Afrika, nokuba ungummi waseMzantsi Afrika okanye uvela kwelinye ilizwe.

Ungaya kurhulumente okanye kwiziko labucala lezempilo elinikezela ngesitofu, nokuba awunayo i-inshurensi yezonyango (i-Medical Aid).

Ungangena kwiziko elikufutshane nawe lokugonya kunye noXwebhu lweSazisi sakho okanye esinye isiqinisekiso sesazisi kwaye ubhalise kwelo ziko.

Ii-Vooma Vaccination Weekends zikwalithuba lokuqaphela ukubaluleka kwegalelo elikhulu elenziwe ngabasebenzi bezempilo kunye nabaphathi beenkonzo zempilo – ukusuka kubasebenzi bethu bezempilo basekuhlaleni abangena indlu ngendlu bekhuthaza abantu ukuba baye kumaziko ogonyo ukuya kutsho kubasebenzi bethu abakulawomaziko kunye nezithuthi zokufikelela nakumaziko ezempilo kwilizwe jikelele.

Sikwafuna ukuqaphela ukubaluleka kwenani elikhulu lamavolontiya athe anceda kunye namaphulo amaninzi enziwe ziinkokheli zasekuhlaleni.

Kufuneka siqhwabele izandla iinzame ezenziwa lushishino lokuba kugonywe abasebenzi babo.

Sicela onke amashishini ukuba aququzelele ukugonywa kwabasebenzi babo kwaye akhuthaze abasebenzi babo ukuba bagonywe.

Ukubandakanyeka kwawo onke amacandelo oluntu kumzamo wesizwe kuya kuba kubaluleke ngakumbi xa kusenziwa unyulo loorhulumente wengingqi kweyeNkanga.

Imisebenzi yephulo ibeka umngcipheko omkhulu kugaleleko losuleleko olutsha.

Wonke umntu kuthi – ukusukela kwiinkokheli zombutho kunye nabaququzeleli ukuya kubaxhasi kunye nabasebenzi bonyulo – unoxanduva lokuqinisekisa ukuba imigaqo iyalandelwa kwaye zonke iinkqubo ezilandelwayo zempilo ziyalandelwa ngexesha lephulo lonyulo.

IKomishini yoNyulo eziMeleyo ibeka amanyathelo okuqinisekisa ukuba wonke umvoti angalisebenzisa ngokukhululekileyo ilungelo lakhe lentando yesininzi ngaphandle kokuvezwa kumngcipheko ongeyomfuneko.

Bemmi boMzantsi Afrika,

Ndithe xa ndibhengeza ngomhla we-12 kweyoMsintsi ukuba ilizwe lizakudlulela kwiNqanaba lesiBini leSilumkiso esiNyenyisiweyo, ndathi sizakuyijonga le meko emva kweeveki ezimbini.

Iintsingiselo zangoku zokuqhubela-phambili kobhubhane zithetha ukuba uninzi lwemiqobo ekhoyo inokuncitshiswa, ngokweengcebiso zeKomiti yeeNgcebiso yabaPhathiswa nge-COVID-19.

Ukulandela iintlanganiso zeBhunga loMyalelo weSizwe ngentsholongwane ye-Corona kunye neBhunga lokuLungelelanisa likaMongameli, IKhabhinethi igqibe ekubeni iwushenxise uMzantsi Afrika kwiNqanaba lesiBini leSilumkiso esiNyenyisiweyo uye kwiNqanaba lokuQala leSilumkiso esiNyenyisiweyo ukusuka ezinzulwini zobusuku ngokuhlwanje.

La manyathelo alandelayo aza kusebenza njengenxalenye yeNqanaba lokuQala leSilumkiso:

  • Iiyure zommiselo wexesha lokubasekhaya ziza kutshintsha, ukusuka kwintsimbi ye-12 ezinzulwini zobusuku ukuya kwintsimbi yesi-4 ekuseni.

Iindawo ezingezizo undoqo ezinje ngeendawo zokutyela, iindawo zentselo kunye namaziko okuzilolonga kuza kufuneka ukuba zivalwe ngentsimbi ye-11 ngokuhlwa ukuvumela abasebenzi kunye nabaxhasi babo ukuba bagoduke ngaphambi kokuqala kommiselo wexesha lokubasekhaya.

  • Elona nani liphezulu labantu abavunyelweyo ukuba bahlangane ngaphakathi liza kunyuka ukusuka kuma-250 ukuya kuma-750, kwaye elona nani liphezulu labantu abavunyelweyo ukuba bahlangane ngaphandle liza kunyuka ukusuka kuma-500 ukuya kuma-2 000.

Apho indawo ithi ibencinci kakhulu ukuba ihlalise lamanani ngokuqelelana okufanelekileyo, emva koko akukho ngaphezulu kwama-50% omthamo wendawo enokusetyenziswa.

Oku kuquka iinkonzo zonqulo, iminyhadala yezopolitiko kunye neendibano zasekuhlaleni, kunye neevenkile zokutyela, iibhari, iindawo zentselo kunye neendawo ezifana nezo.

  • Elona nani liphezulu labantu abavunyelweyo emngcwabeni lizakunyuka ukusuka kuma-50 ukuya kwi-100. Njengaphambili, imilindo yasebusuku, iindibano zasemva komngcwabo kunye neendibano ze-'after tears' azivumelekanga.
  • Ukuthengiswa kotywala – kokubini kwindawo engeyiyo eyokusela nakwindawo yokusela – ziza kuvunyelwa, ngokwezibonelelo eziqhelekileyo zelayisensi.  Nangona kunjalo, akukho tywala bunokuthengiswa emva kwentsimbi ye-11 ngokuhlwa.
  • Ukunxiba izigqubutheli-buso kwiindawo zasesidlangalaleni kusesisinyanzelo, kwaye ukusilela ukunxiba izigqubutheli-buso xa kufuneka oko kuhlala kululwaphulo-mthetho.

Njengenxalenye yomzamo wokubuyisela ezona ndawo zichaphazelekileyo kwezoqoqosho ekusebenzeni, sijonge ekunyenyiseni imiqobo, ingakumbi ngokubhekisele kwimidlalo nakwiminyhadala yenkcubeko.

Njengoko benditshilo ngaphambili, sonke silangazelela ukubuya kwenkululeko yethu, kwaye ukuba siyaqhubeka sisebenza kunye njengoko besisenza, iindawo ezininzi zomsebenzi ziza kuvuleka.

ISebe lezeMpilo kungekudala liza kukhupha isatifikethi sokugonya, esiza kukunika ubungqina obukhuselekileyo nobuqinisekisa ngokugonywa.

Singasetyenziselwa ukuququzelela uhambo, ukufikelela kumaziko nakwiindibano nakwezinye iindlela zomsebenzi ezifuna ubungqina benqanaba lokugonywa.

Indlela yethu isekelwe kwizikhokelo zoMbutho wezeMpilo weHlabathi kwaye iyahambelana nezona ndlela zibalaseleyo zokuziphatha.

Ukulungelelaniswa kakuhle kunye nokubekwa emgangathweni kobungqina bokugonywa kuza kunceda kakhulu ekunyenyisweni koninzi lwemiqobo yokuhambela kumazwe aphesheya kunye nakwilizwe lethu.

Ukugonywa ayikokukhusela wena kunye nabo bakungqongileyo kuphela.

Kukwa malunga nokuthintela iindidi ezintsha nezinobungozi kakhulu ezivelayo, njengoko intsholongwane inakho ukusasazeka kwaye iziguqule kubantu abangagonywanga.

Nangona kunjalo, kufuneka sikhumbule ukuba nokuba sigonyiwe, kufuneka siqhubeke nokubambelela kwizilumkiso ezisisiseko zokunciphisa ukusasazeka kwentsholongwane ukusuka komnye umntu ukuya komnye.

Siyazi ukuba iindibano zangaphakathi, ingakumbi kwiindawo ezingangenisi umoya kakuhle, zingunobangela ophambili woqhambuko kunye neziganeko zosasazeko olukhulu.

Kufuneka siqhubeke nokunxiba izigqubutheli-buso zethu ngalo lonke ixesha xa sisesidlangalaleni, sigcine umgama kwabanye abantu kwaye sihlale siqinisekisa ukuba iifestile zivulekile kwaye kukho ukuhamba komoya ohlaziyekileyo

Ukuba siyaqhubeka nokulandela le mimmiselo, ukuba sigcina izinga losuleleko liphantsi, kwaye okona kubaluleke kakhulu ukuba sigonya amanani amaninzi abemmi babantu abadala, siza kuwugcina lo bhubhane ukude kwaye ekugqibeleni siwunyanzele ukuba wehle.

Kumzamo wokuthintela ukwanda kosuleleko, uninzi lwamazwe kwihlabathi jikelele lukhethe ukuthintela ukuhambela kwamanye amazwe.

I-United Kingdom inyanzelise ukubhangiswa kokuhamba kwabemmi boMzantsi Afrika ngokungavunyelwa kwelizwe lethu.

Oku kusibeke kwindawo ehlelelekileyo, ekubeni i-United Kingdom ingowona mthombo umkhulu wezokhenketho woMzantsi Afrika ukusuka kwisiqingatha somhlaba saseNtla kwaye uliqabane lethu elibalulekileyo kwezorhwebo.

Ngelixa iinzululwazi zase-UK bezixhalabile ngobukho bodidi lwe-Beta eMzantsi Afrika, inyani kukuba udidi lwe-Delta ngoku lolona didi luphambili kweli lizwe.

Ngaphambili namhlanje bendisemnxebeni kunye neNkulumbuso yaseBritane u-Boris Johnson ukuba sixoxe ngalo mbandela.  Ndiyithe thaca imeko yoMzantsi Afrika kuye, athe wayiqonda kakuhle kakhulu.

Sobabini siye savumelana ukuba izigqibo ezilolu hlobo kufuneka zibenengqiqo yezenzululwazi kwaye sinethemba lokufumana isiphumo esincumisayo xa lo mbandela uza kuphononongwa kwiintsuku ezizayo.

Bemmi boMzantsi Afrika,

Eyona nto iphambili kakhulu kuthi ngoku kukuqinisekisa ukuba uqoqosho lubuyela esiqhelweni ngokukhawuleza, ukuze sikwazi ukudala imisebenzi nokunceda amashishini ukuba abuyele esiqhelweni ngokupheleleyo.

Indlela ekukuphela kwayo esinokuthi senze ngayo oku kukuba ukuba abemmi boMzantsi Afrika abaninzi bakhethe ukugonywa, ngokukhawuleza okukhulu.

Ukuba uninzi lwabemmi bethu luyagonywa, singabhengeza uMzantsi Afrika njengendawo yokufikela ekhuselekileyo kwaye samkele abakhenkethi ukuba babuye ngexesha lasehlotyeni.

Singayiqala kwakhona iminyhadala yezemidlalo kunye neekonsathi, siphakamise imiqobo kwiindawo zokutyela nakwiindawo zentselo, kwaye sikhuthaze abantu ukuba babuyele bekhuselekile kwiindawo abasebenza kuzo, ezivenkileni nakwiindawo zasesidlangalaleni.

Ukuba sinokufikelela kugqaliselo lwethu lokugonya ekupheleni kwalo nyaka, singayiphepha eminye imiqobo kwaye sibuyisele esiqhelweni uqoqosho lwethu kwinqanaba eliphezulu.

Ndifuna ukunibongoza nonke ukuba nisebenzise ithuba le-Vooma Vaccination Weekends.

Masiphume sonke siyokugonya.

Masithathe abahlobo kunye nosapho lwethu abangekagonywa bayokugonywa.

Masifikeleleni ngaxeshanye kugqaliselo lwethu olungama-70% kweyoMnga.

Masihambe ngokukhawuleza.  Masi-Voome.

Wanga uThixo angawusikelela uMzantsi Afrika kwaye abakhusele abantu bakhe.

Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore