INgxelo kaMongameli Cyril Ramaphosa kwiinzame zeSizwe zokunqanda ubhubhane wentsholongwana i-Corona, i-COVID-19

Bemi boMzantsi Afrika,

Sekulixesha oko sagqibela ukubamba intlanganiso yosapho.

Ukugqibela kwam ukuthetha nani, kanye kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo, uMzantsi Afrika ubuchacha kwityeli lesibini elibulalayo lentsholongwana i-corona.

Emva koko, inani losulelo olutsha lwemihla ngemihla beluzinzile kwinqanaba eliphantsi, saze sabeka ilizwe kwisilumkiso senqanaba lokuqala sentsholongwana i-corona.

Ngelixa siqhuba ngokubongoza silumkisa, amanqanaba asezantsi osasazeko losulelo asivumela ukuba sinciphise izithintelo kubungakanani beendibano.

Kodwa ngoku, emva kweenyanga ezininzi zosulelo olusezantsi, inani losulelo liqale ukonyuka ngokuqatha kwiindawo ezininzi zelizwe.

Sikubonile ukwanda okuthe gqolo ukukhula kwezi veki zine zidlulileyo.

Kwiintsuku ezisixhenxe ezidlulileyo, sibone umyinge wosulelo olutsha lwemihla ngemihla olungama-3 745.

Oku kukonyuka ngeepesenti ezingama-31 kwiveki ephelileyo, kunye nokunyuka ngama-66 epesenti kwiveki engaphambi koko.

Umyinge weemvavanyo ze-COVID-19 ezichazayo ziphindaphindwe kabini kwinyanga ephelileyo ukusuka kwi-4% ukuya ngaphezulu kwe-11% nanjengoko sonyuse uvavanyo kwilizwe liphela.
Siyalunyukiswa ukuba inqanaba lokufumana abantu abangaphezulu kwe-5% lingabangela unxunguphalo.

Amaphondo aseFreyistata, uMntla Koloni, uMntla Ntshona kunye neGauteng afikelele kwinqanaba lokungena kwityeli lesithathu losulelo.

Inokuba lixeshana nje phambi kokuba ilizwe, xa lilonke liphelele liya kungena kwityeli lesithathu losulelo.

Ngokutsho kweengcali zethu zezempilo, ukwanda okutsha kosulelo olutsha kungenxa yenani elonyukayo leendibano zentlalo apho abantu bengazikhathalele iinkqubo zempilo eziyimfuneko.

Ezi ndlela zokuziphatha zibandakanya ukunxiba izigqubutheli-buso, ukunika umgama phakathi komnye nomnye, ukuqinisekisa ukungena komoya owaneleyo kunye nemida kwinani labantu abazimase iindibano.
Ezinye iindawo ezinosasazo olwandileyo yimingcwabo kunye neimibhiyozo yasemva kwemfihlo i-‘after tears’, iinkampu kunye nemidlalo ezikolweni.

Ngenxa yokuba amazinga osulelo ebesezantsi kangangexesha elithile, kwaye ngenxa yokuba sonke sinengxaki yokudinwa sesi sifo singubhubhane, siye sathanda ukungakhathali.

Khange sihlale sikuxhobela ukunxiba izigqubutheli-buso zethu ngalo lonke ixesha, khange sizinxweme kwiindawo ezixineneyo, kwaye besisoloko sizonwabisa ngalo lonke ixesha.

Ngenxa yoko, usulelo luyakhula kwakhona.

Ukonyuka kwamanani emihla ngemihla kulandela umkhondo ofanayo nalowo wenzekayo ekuqaleni kwumatyeli amabini angaphambili.

Siye sabona kwamanye amazwe iziphumo ezibi zokuvumela intsholongwane ukuba isasazeke ingathintelwanga.

IKomiti yeeNgcebiso yabaPhathiswa kwi-COVID-19 ke ngoko icebise ukuba ilizwe liphumeze ngokungxamisekileyo eminye imiqobo yokunciphisa ukwanda kosuleleko.

Ibeka le ngcebiso kukwanda okuzinzileyo kwamanani amatsha kwezi ntsuku zili-14 zidlulileyo, ukunyuka kwamanani abantu abamkelwe ezibhedlele phantse kuwo onke amaphondo kunye nokwanda kwenani leemvavanyo ze-COVID-19 ezibonisa intsholongwane.
Ezinye izithintelo ziyafuneka ukuqinisekisa ukuba amaziko ezempilo awafumani xinzelelo kwaye ubomi babantu bunokusindiswa bungalahleki.

Ukulibazisa ukusasazeka kwentsholongwane kubaluleke kakhulu ngoku ukuvumela abantu abaninzi kangangoko ukuba bagonywe ngaphambi kokuba ityeli lesithathu losasazeko lwentsholongwane lifike encotsheni yawo.

Ezi ngcebiso kuxoxwe ngazo kwiBhunga loMlawuli lweSizwe lweNtsholongwane i-Corona kwaye, kutsha nje namhlanje, kunye neeNkulumbuso, oosodolophu kunye neenkokheli zemveli kwiBhunga likaMongameli lokuLungelelanisa.

Ngokusekelwe kwezi ngxoxo, iKhabhinethi ithathe isigqibo sokuba eli lizwe liza kubekwa kwiNqanaba lesiBini loLumkiso oluHlengahlengisiweyo ukusukela ngomso.
Oku kuthetha ukuba:

  • Iiyure zokungahanjwa phandle ziya kuqala ngo-11 ngokuhlwa zize ziphele ngo-4 ekuseni.
  • Iindawo ezingezizo ezoxakeko ezinje ngeeresityu, iibhari kunye namaziko okuzivocavoca aya kufuneka kuvala ngentsimbi ye-10 ngokuhlwa. Oku kukuvumela abasebenzi kunye nabaxhasi ukuba bagoduke ngaphambi kokuqala kwexesha lokuba kungahanjwa phandle.
  • Zonke iindibano ziya kuncitshiswa ukuba zihanjwe ngabantu abangadlulanga kwi-100 ngaphakathi endlini ze ngaphandle kube ngabantu abangama-250.
     

Apho indawo incinci kakhulu ukuba ithwale elo nani ngendlela yokugcina umgama phakathi komnye nomnye, ngoko akusayi kuvumeleka ngaphezulu kwama-50 eepesenti omthamo wendawo leyo enokusetyenziswa.

Oku kubandakanya iinkonzo zonqulo, iminyhadala yezopolitiko kunye nemibutho yasekuhlaleni, kunye neeresityu, iibhari, iindawo zentselo kunye nezinye iindawo ezifanayo nezo.

Amanyathelo aliqela abalulekileyo asekhona aya kuthathelwa ingqalelo.

Kuhlala kunyanzelekile ukuba wonke umntu anxibe isigqubutheli-buso esithi sigqume impumlo kunye nomlomo ngalo lonke ixesha xa sikwindawo kawonke wonke.

Kulityala ukuba awukwenzi oko.

Abanini nabaphathi bezakhiwo zikawonke-wonke, amaziko, iivenkile, iirestyu, iiteksi kunye neebhasi bonke banoxanduva lokuqinisekisa ukuba abantu kwizakhiwo zabo okanye kwizithuthi zabo banxibe izigqubutheli-buso, kwaye amanyathelo afanelekileyo okunika umgama phakathi komnye nomnye ayalandelwa.

Ukuba uvavanye ze wafunywana ukuba unayo i-COVID-19, unokuzigcina uwedwa ekhaya kangangeentsuku ezili-10 ukusukela kumhla wokuqala emva kokubonisa iimpawu zayo.
Ukuba ubukhe wadibana nomntu one-COVID-19, kuya kufuneka uzihlalele kwindawo eyodwa kangangeentsuku ezilishumi emva kokuba sesichengeni, nokuba awubonisi zimpawu.

Ukuchonga nokubeka bucala bonke abathe bahlangana nabo bosulelekileyo yeyona ndlela yethu yokuthintela intsholongwane ukuba ingasasazeki, kwaye kubalulekile kakhulu ukuba sonke siyithobele imithetho yokuba wedwa kwaye ubekelwe bucala.
Imingcwabo iza kuhlala ithintelwe ukuba ihanjwe ngabantu abangaphezu kwe-100, kwaye, njengaphambili, imilindo yasebusuku, iindibano zasemva komngcwabo kunye neendibano 'yemibhiyozo emva komfihlo' azivumelekanga.
Ngelixa ilizwe lifikelela kwityeli lesithathu losulelo, asikabi nalo ulwazi lokuba liza kuba nobuzaza obungakanani okanye ukuba liza kuthatha ixesha elingakanani.

Ngokwenzululwazi ezicebisa urhulumente, ubungqongqo beli tyeli lesithathu buza kugqitywa ikakhulu sisixa sonxibelelwano esinaso nabanye abantu.

Oku kuthetha ukuba elowo kuthi kufuneka acinge ngabo bonke abantu esihlangana nabo mihla le kwaye senze konke esinako ukukhawulela abo sidibana nabo.

Ngamanye amaxesha akunakunqandeka ukudibana nabanye abantu, njengasemsebenzini okanye xa uthenga okanye kuthutho lukawonkewonke.

Kwiimeko ezinjalo, kubalulekile ukuba sizigcine ngokungqongqo zonke iinkqubo zempilo ngokunxiba isigqubutheli-buso, ukugcina umgama wethu kwabanye kunye nokuqinisekisa ukungena komoya okufanelekileyo.

Kodwa naphi na apho kufanelekileyo, kufuneka sinciphise abo sidibana nabo ngeli xesha.
Oko kunokuthetha ukuhlehlisa ukudibana, ukuphepha iindawo zikawonkewonke kwaye ungahambi ngaphandle kokuba kunyanzelekile.

Iindibano zezona zinto zihamba phambili ekusasazeni, nokuba yimitshato, imingcwabo, amaqela ezentlalo, iinkonzo zonqulo, iintlanganiso zopolitiko okanye iindibano zosapho nabahlobo nje.
Kufuneka sikhumbule ukuba intsholongwane ayihamba hambi isuke kwenye indawo iye kwenye; ixhomekeke ekuhambeni kwabantu.
Ukuba asihambi, kokukhona intsholongwane ingezusasazeka.

Kubaluleke ngakumbi ukunqanda ukuhlala ngaphakathi ezindlini, njengoko intsholongwana i-corona isasazeka emoyeni xa umntu ethetha, ekhohlela okanye ethimla.
Ukuba ufuna ukudibana nomntu, kubandakanya ilungu losapho lwakho, kukhuselekile ukwenza njalo ngaphandle kwindawo enomoya.

Abo basemngciphekweni othile, kubandakanya abantu abadala kunye nabo banezigulo abanazo, kufuneka balumke kwaye kufuneka banciphise ukudibana nabanye abantu kangangoko.
Ukuba umntu ngamnye wethu wenza le mzamo ngoku, siyakunceda ekuthambiseni indlela yosulelo.

Siza kunciphisa uxinzelelo kwizibhedlele zethu, kwaye, ngokwenza njalo, siza kusindisa ubomi obuninzi.

Njengokuba siqhuba ukugxila ekwehliseni izinga losulelo kwintsholongwane ngokuziphatha kwethu, siqalise ngenkqubo enkulu yokugonya kwimbali yelizwe lethu.

Kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, siqale inqanaba lesibini lenkqubo yokugonya, sijolise kubungakanani babasebenzi bezempilo bethu ababengagonywanga kwisigaba sokuqala kunye nabo bonke abakweli lizwe abaneminyaka engaphezulu kwama-60 ubudala.
Oku kulandela isigaba sokuqala sale nkqubo, apho baphantse babe ngama-480 000 abasebenzi bezempilo abagonywayo.

Ngaphezulu kwepesenti ezingama-67 zabasebenzi bezempilo boluntu bagonyiwe.

Aba basebenzi bezempilo bafumana ugonyo luka-Johnson & Johnson, befumana isitofu esinye kuphela.

Kuba ubungqina bubonisa ukuba abantu abadala basemngciphekweni omkhulu wokugula nokufa yi-COVID-19, sibeke phambili abantu abadala kweli nqanaba lesibini.

Kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, ngaphezulu kwama-480 000 abantu abafumene isitofu sokuqala sokugonya se-Pfizer njengenxalenye yephulo lokugonya loluntu.

Ngenxa yokuba ichiza lokugonya le-Pfizer lidinga izitofu ezimbini ukubonelela ngokukhuselwa oluphezulu, aba bantu baya kufuna ukufumana isitofu sesibini kwiintsuku ezingama-42 emva kwethamo labo lokuqala.
Bebonke, ngabantu abangaphezulu kwama-960 000 eMzantsi Afrika abafumene isitofu esinye sokugonya.

Kwiintsuku ezimbalwa ezizayo, siza kube sinikezele ngezitofu zokugonya kubantu abangaphezulu kwesigidi esinye abasesichengeni boMzantsi Afrika.

Bekuvuyisa ukubona imifanekiso yabemi bethu abalupheleyo befumana isitofu sokugonya, kunye nokufunda amabali amaninzi obubele kunye nokubumbana kwabo batyelele indawo yokugonya.

Amava amnandi okunikezela ukuza kuthi ga ngoku abonisa ukuzinikela kunye nobungcali kubasebenzi bethu benkathalelo lwempilo, kunye namalungiselelo amakhulu okuqinisekisa ukuba ukunikezelwa kuyaphumelela.
INkqubo ye-Intanethi yeeNkcukacha zokuGonya yenza umqolo kwinkqubo yokulawula ubhaliso kunye nolwabiwo lwezitofu zokugonya.

Inkqubo idibanisa abantu ababhalise kwindawo yokugonya kufutshane nabo.

Le nkqubo yenza ukuba iqela lesizwe libeke iliso ekusetyenzisweni kweyeza nokulihambisa iyeza lokugonya apho lifuneka khona.

Ubhaliso kunye nokugonywa kwabo bangaphezulu kweminyaka engama-60 kuhamba kakuhle.

Ngoku sinabantu abangaphezulu kwezigidi ezithathu ababhalisiweyo kwiNkqubo ye-Intanethi yeeNkcukacha zokuGonya.

Kuba eli lixesha lokuqala ukusetyenziswa kwale nkqubo, kuyaqondakala ukuba kungabakho iingxaki zosungulo, eziye zaphazamisa abantu kwaye ngamanye amaxesha zabangela ulibaziseko.

Ngethamsanqa, ezi ziye zathathelwa ingqalelo ngokukhawuleza kwaye le nkqubo iyaqhuba ilungiswa kwaye isomelezwa ngelixa unikezelo luqhuba.
Kukho eminye imiceli mngeni esizama ukuyilungisa.

Inani elininzi labantu abadala bafumene ubunzima ekubhaliseni kwiNkqubo ye-Intanethi yeeNkcukacha  zokuGonya.

Oku kungenxa yokunqongophala kokufikelela kwizixhobo zokubhalisa kwi-intanethi, njengekhompyutha, ukufikelela kwi-intanethi okanye iselula, okanye ubunzima bokulandela imiyalelo yesiNgesi.

Siya zama ukusombulula ezi ngxaki, kwaye iphulo elikhulu lokuxhasa abantu abadala ukuba babhalise liyaqhuba.

Zine iindlela onokuthi ubhalise ngazo ukuze ufumane isitofu sokugonya se-COVID-19:

  • Ngokusebenzisa iqonga lobhaliso kwi-intanethi elifumaneka kwiwebhusayithi ye-SA Coronavirus
  • Ngokucofa u-*134*832# kwaye ubhalise nge-USSD
  • Ngokuthumela igama elithi "REGISTER" ngo-WhatsApp ku-0600 123 456
  • Ngokutsalela umnxeba kwiziko lesizwe simahla ku-0800 029 999, apho umntu anokukunceda ubhalise kwaye aphendule nayiphi na imibuzo malunga nokukhutshwa kogonyo
     

Umntu ngamnye unokuthi ancede abazali bethu, ootatomkhulu noomakhulu, okanye abantu abadala kuluntu lwethu ukuba babhalise kwinkqubo kwaye bazikhusele.

Zonke izitofu zokugonya ezivunyiweyo ukuba zisetyenziswe eMzantsi Afrika zikhuselekile kwaye ziyasebenza.Ziye zavavanywa ngononophelo ngamanani amakhulu kwaye zijongwe kukuphunyezwa okungqongqo liGunya loLawulo lweeMveliso zezeMpilo eMzantsi Afrika kunye nenani labasemagunyeni kwezempilo kwihlabathi liphela.

Okona kubaluleke kakhulu, kukuba zibonelela ngokhuseleko kukho konke ukugula okunobungozi okanye ukufa ngenxa ye-COVID-19.

Siyaqhubeka neengxoxo nabanye abenzi bezitofu zokugonya ukuze sikwazi ukufaka izitofu ezahlukeneyo kwinkqubo yethu.

Abanye baba bavelisi bakwinkqubo yokufuna iimvume eziyimfuneko kwigunya lemveliso yezempilo.

Iphulo lokugonya abantu abaninzi ngumzamo odibeneyo nawo onke amaqabane ethu.

Ngoku zingaphezulu kwama-400 iindawo zokugonya ezisebenzayo kwilizwe liphela kumacandelo kawonke wonke nawabucala.

Njengoko besixelile ngaphambili, sikhusele izitofu zokugonya ezoneleyo ukufikelela kubo bonke abantu abadala kweli lizwe, abantu abangafikelela kwizigidi ezingama-40.

Oku kubandakanya izitofu ezizigidi ezingama-31 zokugonya zika-Johnson & Johnson, elilithamo elinye, neliza kwenziwa apha eMzantsi Afrika.

Ibandakanya izitofu ezizigidi ezingama-20 zokugonya zika-Pfizer, ezifuna izitofu ezimbini ukubonelela ngokhuseleko olupheleleyo.

Ukuhanjiswa okucwangcisiweyo kwezitofu zika-Johnson & Johnson kuye kwalibaziseka ngenxa yemicimbi yolawulo enxulumene nokunqongophala kokulandelwa kwemigangatho efanelekileyo kumzi mveliso wokuvelisa eMelika.
Silindele ukuba le micimbi isonjululwe ngaphambi kokuba iqela lokuqala lezitofu zika-Johnson & Johnson likhutshwe kweli ziko laseGqeberha eMpuma Koloni.

Ngelixa lo ngumceli mngeni ochaphazele ukubonelelwa kwezitofu zokugonya kumazwe amaninzi hayi kwilizwe lethu kuphela, sihlala sinxibelelana nabasemagunyeni abafanelekileyo ukuqinisekisa ukuba izitofu zethu zinokukhutshwa ngokukhawuleza.
Phantse ne-1.3 yesigidi sezitofu zokugonya zakwa-Pfizer sele zihanjisiwe kwaye ziphantse nje kwama-500 000 anikezelwe.

Izitofu ezilandelayo ezingama-636 000 ezizakufika ngokuhlwanje ngokuhanjiswa rhoqo ngeveki imilinganiselo elinganayo kude kube sekupheleni kweyeSilimela, apho siya kuthi sifumana izitofu zokugonya ezi-2.5 yezigidi.
Ukuxhomekeka kwethu kwisitofu sokugonya sakwa-Pfizer okwangoku kuchaphazele isantya sethu sokuvula iindawo zokugonya.

Ngenxa yolwakheko lwesitofu sokugonya sakwa-Pfizer efuna ubonelelo olugqithisileyo lokubanda, ukubandakanywa kweendawo ezincinci kunye neendawo ezininzi ezisemaphandleni kunqongophele.

Xa iyeza lokugonya lika-Johnson & Johnson livunyiwe, kuya kuba lula kakhulu ukulisebenzisa. Sisitofu sokugonya esinye kwaye sinokugcinwa kwifriji eqhelekileyo.

Ngelixa ukunikezelwa kwesitofu sokugonya kuza kuhambela phambili kwezi veki zizayo, ndiyabongoza wonke umntu ukuba abe nomonde kwaye alinde elakhe ithuba.

Kubalulekile ukuba sivumele abasebenzi bokhathalelo lwempilo kunye nabo bangaphezulu kweminyaka engama-60 ukuba bagonywe kuqala, nanjengoko besemngciphekweni wokugula kakhulu okanye ukulaliswa esibhedlele.
Okwangoku, ngala maqela mabini kuphela anelungelo lokufumana ugonyo kude kubhengezwe amaqela alandelayo.

Ndingathanda ukubulela onke amahlakani ethu kwezentlalo, kubandakanya necandelo labucala, labasebenzi, imibutho yoluntu, amaqela ezenkolo kunye neenkokheli zemveli, ngokuza neendlela ezintsha zokuxhasa eli phulo.
Njengelizwekazi lase-Afrika sityhalela phambili neenzame zokwandisa amandla ethu okuvelisa isitofu sokugonya ngenjongo yokuba sikwazi ukuzimela kwimveliso yezitofu zokugonya.

Sikwinxalenye yelinge lehlabathi lokuqinisekisa ukuba onke amazwe ayafikelela kwizitofu zokugonya ezoneleyo ngokukhawulezisa.

Siyaqhubeka nokubongoza onke amazwe ukuba axhase ukurhoxiswa kwesivumelwano se-TRIPS kuMbutho wezoRhwebo weHlabathi ukuze izitofu zokugonya kunye neyeza lonyango le-COVID-19 liveliswe ngomlinganiselo omkhulu, ngexabiso eliphantsi nangokukhawuleza.

Njengokuba impendulo yethu kulo bhubhane ixhomekeke ekubeni sonke sisebenzisane, ukunikezelwa kwesitofu sokugonya kufuna iinzame zoluntu lonke luphelele ukuze siphumelele.

Okwangoku, eyona nto iphambili kuthi kukwandisa iphulo lethu lokugonya sifikelele kubantu abaninzi kangangoko, ngokukhawuleza, kwiindawo zonke zelizwe lethu.

Nangona kunjalo, kufuneka silibazise ukwanda kosulelo kangangoko sinako ukuvumela uninzi lwabemi bethu abasesichengeni ukuba bakhuselwe.

Veki nganye ukuba siya kulibazisa ukufikelela kwinqanaba eliphezulu letyeli lesithathu oko kuya kusivumela ukuba sigonye amakhulu amawaka abantu, kwaye sinokubusindisa ubomi babo.

Yiyo loo nto kubalulekile kuthi ukuba sithathe amanyathelo ngoku, kwaye sisebenze kunye, sinciphise ukusasazeka kwintsholongwane ngokunxiba isigqubutheli-buso, ukuphepha iindibano nokuhlala kwiindawo ezivalekileyo, ukugcina umgama phakathi komnye nomnye kunye nokuhlamba izandla okanye ukuzicoca ngesibulali-ntsholongwane rhoqo.

Ngokukhawulezisa inkqubo yokugonya, sisondela ngakumbi ekoyiseni ubhubhane.
Asinakunikezela ngoku. Asikwazi kuyekela imixakatho ngoku.

Kuxhomekeke kuye ngamnye wethu ukuzikhusela, iintsapho zethu kunye noluntu lwethu de sigonywe sonke.

Ndiyakucela ukuba ubize amandla akho, isibindi sakho, kunye nokuzimisela kwakho njengabemi boMzantsi Afrika ukuba beme kunye bebambe leli tyeli lesithathu.

Sinako kwaye siya kuphumelela, njengoko siphumelele ngaphambili. Wanga uThixo angaqhuba nokusikelela uMzantsi Afrika kwaye akhusele abantu bakhe.

Enkosi.

Share this page

Similar categories to explore