Ukubhalisa njengomntu onikezela inkonzo yokukhathalela abadala

Malunga | Ofanele kukwenza | Ixesha elimiselweyo | Ingaba kubiza malini na | Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa | Ungaqhagamshela nabani

Malunga nokubhalisa njengomntu onikezela inkonzo yokukhathalela abadala

Ukuba ufuna ukunikezela inkathalo esekelezwe ekhaya kubantu abadala, kufuneka ubhalise  njengomntu onikezela inkathalo kwi-ofisi yeSebe lezoPhuhliso loLuntu ekufutshane nawe.

Ukuze ubhaliswe njengomntu okhathalela abadala liSebe lezoPhuhliso loLuntu, lowo ubonelela ngeenkonzo okuqeshileyo kufuneka aqinisekise ukuba ufumene uqeqesho lokukhathalela abo basekhaya kwaye unesiqinisekiso esibonisa ukuba uqeqesho lwakho ulufumene kwiziko eligunyazisiweyo nguGunyaziwe wezeMfundo eMzantsi Afrika.

Umntu okhathalela abanye ngumntu obonelela ngoncedo komnye umntu ongakwaziyo ukuziphilela ngokuphelelyo nangokungaxhomekeki ngenxa yokukhubazeka ngokwasemzimbeni okanye ngokwasengqondweni.

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kwi-ofisi yeSebe lezoPhuhliso loLuntu ekufutshane nawe.
  2. Zalisa uxwebhu 7
  3. Faka oku kulandelayo:
    • ikopi eqinisekisiweyo yesazisi sakho okanye imvume yokuba ngumhlali osisigxina
    • ikopi eqinisekisiweyo njengobungqina ekhutshwa liziko loqeqesho apho ufumene khona uqeqesho njengomntu okhathalela abanye.
  4. Xa uthe wabhalisa uya kunikwa isiqinisekiso sokubhalisa.
  5. Ungakwazi ukufaka isicelo sekopi ukuba silahlekile okanye sitshabalele eso sokuqala

Ixesha elimiselweyo

Kungathatha malunga neentsuku ezintlanu ukkusichophela isicelo sakho.

Ingaba kubiza malini na

Akukho xabiso lihlawulwayo.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Onke amaxwebhu ayafumaneka kwi-ofisi yeSebe lezoPhuhliso loLuntu ekufutshane nawe.

Ungaqhagamshela nabani

 

Share this page