Inkqubo yokuphucula ukusebenza kweMpahla nokuthungwa kwamalaphu (CTCP)

Inkqubo yokuphucula ukusebenza kweMpahla nokuthungwa kwamalaphu (CTCP) inenjongo zokunika amava kubathungi kunye nakwezinye iindawo zamalaphu nezisebenza nazo eMzantsi Afrika, ukubanika ithuba lokuthi bakwazi ukwanelisa abathengi kwaye bakwazi ukukhuphisana kwinqanaba lomhlaba. Ukukwazi ukukhuphisana kuquka amaxabiso, Umgangatho, ukumelana neemeko ezijikayo, ukwethembeka, ukunyamezela nokukwazi ukuziphucula.

Emveni kokuba urhulumente enyanzelise ukuba zonke iimveliso zenziwe apha kweli, icandelo lempahla, amalaphu olukiweyo, isikhumba nezihlangu lithe lakwazi ukuvelisa kwakhona ezo mveliso zeli ebezimisiwe. Ezi ziquka amalaphu ezobugcisa, izihlangu zokuzikhusela, amalaphu okwenza izinto zozikhusela kunye namalaphu enziwe ngomqhaphu nelineni.

Olu ngenelelo, olukwaxhaswa yiNkqubo yokuPhucula uKhuphiswano kwicandelo leMpahla naMalaphu olukiweyo, luncedisile ekuguquleni eli candelo. Ukwehlisa nokumelana nezinga lempahla exabisa kancinci engena kweli lizwe, urhulumene wonyuse irhafu yokungenisa impahla kweli nge-45% ngokuhambelana nemimiselo yoMbutho woRhwebo weHlabathi

Fumana ngokubanzi ngale nkqubo kwisebe lezorwebo nophuhliso (the dti).

 

the dti Customer Contact Centre
Tel: 0861 843 384

Share this page