Intetho yeNtlanganiso yeKhabinethi yomhla wesi-7 kweyeSilimela kowama-2017

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso yayo ngoLwesithathu, umhla wesi-7 kweyeSilimela kowama-2017, eTuynhuys, eKapa.

1. Imiba engundaba-mlonyeni

1.1. IKhabhinethi iyalibethelela ikhwelo ebelihlatywe nguMongameli Jacob Zuma lokuba abemi boMzantsi Afrika babambisane balwe ubundlobongela noxhatshazo olwenziwa kwabasetyhini nabantwana, kwaye icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bathathe amanyathelo akhawulezileyo okusiphula neengcambu lo mkhuba mbi kangaka kwisizwe sethu.

Oku kulandela utyelelo obelwenziwe nguMongameli lusiya e-Elsies River eKapa ngeenjongo zokuxhasa iMbizo yokuLwa uLwaphulo-mthetho.

Le Mbizo iphinde yawucacisa ngokuphandle umba wokuba sesichengeni kwabasetyhini nabantwana kweli lizwe lethu.

UMongameli waye wathembisa ukuba uza kuphinda eze kule ndawo aze kuqwalasela iingxaki zeziganeko ezininzi zolwaphulo-mthetho nokubulawa kwabantu, ingakumbi abantwana kunye nokuba ii-arhente zogcino-mthetho zingenza njani ukuze ziphucule indlela ezisebenza ngayo ukunceda uluntu.

1.2. IKhabhinethi iyakwamkela ukukhutshwa koPhando lowama-2015 ngaMakhaya Ngokubanzi, olubonisa inkqubela kumba wokufezekiswa kweenkqubo zikarhulumente ukuze kuphuculwe ubomi babemi boMzantsi Afrika, ingakumbi abantu abaphuma kwmimandla eyayihlelelekile ngaphambili.

Iinkcukacha-manani zibonakalisa ukuba liyanda inani labantu elakhelwe izindlu ngurhulumente, kangangokuba inani labantu beli abahlala kwizindlu ezisisibonelelo sikarhulumente linyuke lisuka kwi-5% ngowama-2002 laya kutsho kwi-13,5% ngowama-2016.

Olu phando lubonakalisa nokuba iinkqubo zezibonelelo zikarhulumente zinyuke zisuka kwi-12,7% ngowama-2003 laya kutsho kuma-29,7% ngowama-2016.

Kwakhona nenani labantu abafakelwe amanzi, umbane kunye nezindlu zangasese ezigungxulwayo linyuke kakhulu, into eluphawu olubalulekileyo olubonisa ukuzimisela kukaRhulumente woMzantsi Afrika ukulungisa umonakalo owashiywa ngumbuso wocalu-calulo ngokusa iinkonzo ezisisiseko kubo bonke abantu.

IKhabhinethi iqaphele nokuba nangona inani labantwana ababhalisela ukufunda kumaziko emfundo ephakamileyo linyuka, noxa linyuka kancinci, ngabantu abantsundu abaneminyaka yobudala eli-18 ukuya kwengama-29 abayi-3,3% kuphela abafundayo xa kuthelekiswa ne-18,8% yamaNdiya nama-Asiya kunye ne-17,5% yabamhlophe nabo abayile ntanga. Abantwana bebala abebefunda ngowama-2016 bona bebeyi-3,5% kuphela.

Olu phando luphinde labonakalisa ukuhla kwenani lamakhaya athwaxwa yindlala lisuka kuma-23,8% laya kutsho kwi-11,8%, into leyo ebonakalisa ukuba uyabonakala umsebenzi owenziwayo ukulwa indlala kwimimandla ethwaxwa kakhulu yindlala.

1.3. IKhabhinethi iluqaphele uPhando lweKota leCandelo lezeMisebenzi lekota yokuqala yonyaka olubonisa ukuba uqoqosho lweli ludale imisebenzi engama-144 000. Umtyhi oze nenani lezi zithuba zemisebenzi uphinde waphelela emoyeni ngenxa yenani labantu abafuna imisebenzi elinyukileyo, langabantu abangama-433 000.

IKhabhinethi iyaphinda iyakubethelela ukuzibophelela kwayo kumba wokusebenzisa namashishini abucala kunye nabasebenzi kumalinge ayo okulwa ingxaki ehlupha ilizwe yokunqongophala kwemisebenzi.

1.4. IKhabhinethi iyakwamkela ukuvulwa kweBabelegi Industrial Park elungiswe ngokutsha eseHammanskraal njengenxaleye yezicwangciso zikarhulumente zokukhawulezisa uphuhliso loqoqosho nokudala imisebenzi kulo mmandla.

Le projekthi ityabule imali ezizigidi ezingama-42 zeerandi iyinxalenye yeNkqubo kaRhulumente yokuVuselela imiMandla yeMizi-mveliso kwaye iyenye yeeprojekthi ezintandathu zemimandla yemizi-mveliso ehlaziyiweyo kwilizwe liphela ukuze incedise kuphuhliso olubanzi loqoqosho namashishini.

IKhabhinethi ikhuthaza imizi-mveliso namashishini eli ukuba acinge ngokuvula amanye amasebe namacandelo kule mimandla yemizi-mveliso ukuze nawo axhamle kwezi zibonelelo zenkxaso zikwezi ndawo ukuze bakhulise nangakumbi amashishini wabo.

1.5. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi nguMphathiswa wezeMali, uMnu Malusi Giba malunga namanani akutsha nje eMveliso yeLizwe yoNyaka (i-GDP) yoMzantsi Afrika, enciphe ngo-0,7% kwikota yokuqala yowama-2017.

Esi siphumo se-GDP sibi kuneso besilindelwe singaphantsi kakhulu kuHlahlo Lwabiwo-mali oluHlaziyiweyo lowama-2017, ebeliqikelele ukuba i-GDP yowama-2017 iza kuhluma ngo-1.3%. I-GDP yenziwe ngenxa yokungaqhubi kakuhle kwecandelo lezemizi-mveliso, elezorhwebo, elezokutyisa nelezokuhlalisa iindwendwe.

Noko kunjalo, uqoqosho luxhaswe luhlumo kwicandelo lezemigodi nelekwari wona akhule nge-12,8%. Icandelo lezolimo, elezamahlathi kunye nelezokuloba aqhube kakuhle kwikota yokuqala yowama-2017 kuba akhule nge-22.2%.

Zikhona iimpawu ezibonakalisa ukuthembisa eli lizwe elinokuzisebenzisa ukunceda uhlumo loqoqosho lwalo. Ezi ziquka uhlumo oluncumisayo loqoqosho lwehlabathi, ukuphucuka kwamaxabiso ezimbiwa, iimeko zezulu ezintle, imeko yombane ezinzileyo kunye nobudlelwano obuhle phakathi kwabasebenzi nabaqeshi.

IKhabhinethi icela amashishini, imibutho yabasebenzi kunye noluntu ngobubanzi ukuba basebenzisane norhulumente ukuze kuqiniswe inkqubo yokuhlumisa uqoqosho nokunyusa izinga eli lizwe elithenjwe ngalo ngabatyali-mali ukuze sinqade ukuwa koqoqosho size ngolo hlobo sibuyisele uqoqosho lweli kwimeko yohlumo, ukuze kubekho uhlumo oluxhanyulwa ngumntu wonke.

Konke oku kufuneka kwenziwe ngaphandle kokuphozisa amaseko. Ke ngoko uMphathiswa wezeMali uza kudibana neenkokeli zezoshishino bagwadle iqhinga lokulwa le ngxaki yokudodobala koqoqosho lutshintshe luhlume ngenxela eza kuxhanyulwa ngumntu wonke.

IKhabhinethi ivumile ukuba uMphathiswa wezeMali abambe intlanganiso nonoondaba aze axelele abemi boMzantsi Afrika ngamanyathelo okungenelela urhulumente aza kuwathatha kolu hlahlo lwabiwo-mali lwalo nyaka-mali. IKhabhinethi iyaphinda iyazibophelela ekubeni iyaluxhasa uhlahlo lwabiwo-mali lweli lizwe. 

1.6. I-arhente zokuhlela amazwe u-Fitch kunye no-Standard & Poor’s aziyitshintshanga indawo obekwa kuyo uMzantsi Afrika ngokwasakhono sokubhatala isikweliti setyala langaphandle, indawo leyo engu-‘BB+’.

Oku kwenzeke ngenxa yeentlanganiso uMphathiswa Gigaba ebezibambile namashishini abucala ukuqinisekisa ukuba umsebenzi oqhutywa ngokubambisana phakathi kukarhulumente, amashishini, imibutho yabasebenzi kunye nemibutho yoluntu uyaqhubeka, kwaye nezithembiso ezenziweyo ziyazalisekiswa.

IKhabhinethi iyakubethelela ukuba abemi boMzantsi Afrika kufuneka batsale ngamxhelo-mnye, ingakumbi ngala maxesha anzima futhi basebenze ngokuzimisela ukuqinisekisa ukuba eli lizwe libuyiselwa kwiindawo yalo ngokwesakhono sokukwazi ukubhatala izikweliti.

1.7. IKhabhinethi iyazamkela iingxoxo zendibano yeKomiti yoLawulo eHlangeneyo phakathi koMbutho ongaHlawulisani Rhafu yoRhwebo wamaZwe elizwekazi leMelika eseMazantsi (i- (MERCOSUR) noMbutho wamaZantsi e-Afrika ongaHlawulisani Rhafu yoRhwebo (i-SACU) ebibanjwe kwezi ntsuku zimbalwa zidlulileyo kweli.

Amazwe abekulo ndibano avumile ukuba kufuneka asebenzisane akhangele amathuba okukhuthaza isiVumelwano sokweNzelelelana kwezoRhwebo (i-PTA) se-MERCOSUR ne-SACU ngokubandakanya ii-arhente zezorhwebo, amaqumrhu ezoshishino, amashishini abucala kunye namaziko kunye nezindlu zozakuzo zamazwe angaphandle. Isivumelwano esiphakathi kwe-MERCOSUR ne-SACU siza kunika oosomashishini beli abarhweba ngokuthumela iimpahla ngaphandle ithuba lokuba bathengisele abantu abazizigidi ezingama-280 iimveliso zabo.

IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke oosomashishini abarhweba ngokuthumela iimpahla kumazwe angaphandle lokuba mabawasebenzise la mathuba eza ne-PTA njengoko iimveliso zeli zikwazi ngoku ukuthunyelwa kumazwe angamalungu e-MERCOSUR zibhatalelwe irhafu yorhwebo enesaphulelo.

1.8. IKhabhinethi ivakalise ukudana sisigqibo esithathwe yi-United States of America (i-USA) sokurhoxa kwisiVumelwano saseParis.

IsiVumelwano saseParis, esiza kuqala ukusebenza ngokupheleleyo ngowama- 2020, sixhomekeke kwimali ehlawulwa ngamazwe angamalungu elungiselelwa ukufezekisa iinjongo zamazwe ehlabathi ekuvunyelwene ngazo.

UMzantsi Africa ucela i-USA ukuba isicingisise esi sigqibo isithathileyo ibuyele kwakhona kwesi sivumelwano samazwe ngamazwe.

1.9. IsiVumelwano sokuQondana phakathi kukaNovartis, iBhunga loMzantsi Afrika loPhando ngezoNyango kunye neSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe, siza kunceda ukwandisa umthamo nokuphucula umgangatho wamaphulo ophando ngezonyango futhi siqeqeshe abantu kwizakhono zezophando kweli lizwekazi.

Esi sivumelwano siza kunceda ukuba kuqhutywe amaphulo ophando ngokubambisana ngezifo ezithile ezosulelayo nezingosuleliyo, kuphuculwe indlela izigulane zoMzantsi Afrika eziwafumana ngayo amayeza aluncedo, nokwakha izakhono zezophando nophuhliso zeli lizwekazi.

IKhabhinethi ikholelwa ukuba akhona namathuba okungena kwizivumelwano zentsebenziswano phakathi kukarhulumente namashishini abucala, kwaye iqinisekile ukuba izivumelwano ezifana nezi zingaluncedo kakhulu ekusombululeni imingeni enzima emininzi esijamelene nayo.

1.10. IKhabhinethi iyayamkela iNgxelo yowama-2017 yoMbutho weeNkomfa neeNggqungquthela zeHlabathi, ebeka uMzantsi Afrika kwiindawo ephezulu kumazwe okubamba imisitho yezoshishino e-Afrika nakuMbindi-Mpuma. Le ngxelo ikhutshwe ngoCanzibe wowama-2017 eFrankfurt, eGermany.

UMzantsi Afrika uselelinye lamazwe athandwa kakhulu ngabakhenkethi kwaye usabambe indawo yokuqala kuluhlu lwehlabathi lokhuphiswano kwezohambo nokhenketho olupapashwa liQonga leHlabathi lezoQoqosho (i-WEF) ngekaTshazimpunzi ngowama-2017.

IKhabhinethi ifuna iidolophana nezixekwana ezincinci zaseMzantsi Afrika ukuba zifake izicelo zokusingatha iintlanganiso ezincinci eziza kukwazi ukumelana neendleko nezinye izinto eziza kufuneka ukusingatha umsitho lowo.

Oku kuza kunceda ukuba amaqithi-qithi ecandelo lezokhenketho kunye nemali eyingeniso eyenziwa ngokusingatha le misitho ixhanyulwe kwiindawo zonke zeli ingapheleli nje kwizixeko ezikhulu ezaziwayo.

1.11. IKhabhinethi ilumkisa abemi boMzantsi Afrika ukuba bahlale bevundlile bakwazi ukuzihluza iindaba zokwenyani kwezingeyonyani, ingakumbi ngoku sekukho iimbalelwano ezingenabunyani ezipapashwa kumakhasi onxibelelwano ezimalunga namantombazana nabantu basetyhini ekuthiwa balahlekile, babiwe nekuthiwa baxhwiliwe.

Udushe oluqhambuke kutsha nje KwaMashu, kufutshane neDurban olubangelwe zingxelo ezingeyonyani zabantwana abaxhwiliweyo kula ndawo kunye nezentombazana yaseNaledi eSoweto ekutyholwa ngokuba ixhwilwe ngabantu abahamba ngemoto eyi-Toyota Quantum ekuye kwakhutshwa nenombolo yayo yokubhalisa bezigcwele kumakhasi onxibelelwano. Ezi ngxelo kuye kwaphinda kwafumaniseka ukuba aziyonyani.

Ukusasazwa kwezi ndaba zingeyonyani nolwazi olububuxoki kubangela ukuba abantu bakuthi bahlale besexhaleni besoyika kwaye oku kuchitha ixesha labantu futhi kudlala ngamapolisa.

Siyababongoza abantu ukuba bangazigqithisi futhi bazisasaze kumakhasi onxibelelwano iindaba ezingeyonyani, phambi kokuba baziqinisekise ukuba ziyinyani na ngenene.

1.12. IKhabhinethi ikhathazekile zingxelo zoonondaba ezimalunga nee-imeyile ezipapashwe ngaphandle kwemvume ekuthiwa zinezityholo ezijoliswe kuBaphathiswa, amagosa karhulumente kunye nabanye abantu ezimalunga nezenzo ezinxamnye nomthetho.

IKhabhinethi izimisele kulawulo olungenaziphene kwaye ifuna nokugxininisa ukuba ngokoMgaqo-siseko weli abantu bathathwa ngokuba bamsulwa kude kuziswe ngaphambili ubungqina obuzeleyo obuthi banetyala.

IKhabhinethi icela bonke abanolwazi olumalunga nezenzo ezinxamnye nomthetho ezenziwayo ngamagosa karhulumente okanye abaphathiswa ukuba balugqithisele kwii-arhente zogcino-mthetho ukuze ziphandwe.

IKhabhinethi iyakuqonda ukuba akhona amanye amatyala asele evuliwe, kwaye namapolisa sele eqalisile ngophando. Bonke abo banamagama akhankanyiweyo bayacelwa ukuba basebenzisane nee-arhente zogcino-mthetho.

UMongameli Zuma uzikhabile izityholo ezipapashwe kumaphephandaba angeCawa zokuba uthenge indlu eDubai e-United Arab Emirates.

2. Izigqibo zekhabhinethi

2.1. IKhabhinethi ixelelwe ngeengxelo zekota zesine zenkqubo yomsebenzi zowama-2016/17 (eyoMqungu ukuya kweyoKwindla ngowama-2017) malunga nokufezekiswa kweenjongo eziphambili.

Indima edlalwa yiKhabhinethi yokuba liliso elijonge ukuphunyezwa kwesiCwangciso-sikhokelo esiQiqiqisiweyo sesiGaba esiPhakathi, ikhokelele ekubeni iphucuke indlela ezihanjiswa ngayo iinkonzo.

Oku kusenza ukuba sibe secicini lokuzalisekisa iphupha loMbono wama-2030 wesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP). IKhabhinethi sele yenze umsebenzi obonakalayo ekuphumezeni iziphumo eziphambili ezili-14 nokuqhubela phambili iinjongo ze-NDP.

Ziboniwe iingxaki nemingeni ekugaganwa nayo xa kuphunyezwa i-NDP kwaye ayaziwa namanyathelo afuna ukuthathwa ukuze kuphuculwe ukuhanjiswa kweenkonzo.

IZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS) lenza amalungiselelo eentlanganiso noonondaba eziza kubanjwa zintlanganisela zamasebe ezahlukeneyo, ekuhlelwe ukuba ziza kubanjwa ukusuka ngomhla wesi-9 ukuya kowe-18 kweyeSilimela ngowama-2017. Uluhlu olunamaxesha nezinye iinkcukacha ezichanekileyo liza kupapashwa kule webhusayithi: www.gov.za.

3. Imisitho ezayo

3.1. UMongameli Zuma uphehlelele iNyanga yoLutsha phantsi komxholo othi: “UNyaka ka-OR Tambo: Ukuqhubela Phambili uPhuhliso loLutsha ngezoQoqosho”, ngokuthi abambe intlanganiso yeQela lekaMongameli leMiba yoLutsha. Kule ntlanganiso bekudibene urhulumente kunye neenkokeli zemibutho yolutsha, ezithe zahlalutya zaphonononga umgama osele uhanjiwe kwidabi lokuphuhlisa ulutsha kwezentlalo nezoqoqosho.

AbaPhathiswa namaSekela abo baza kuba yinxalenye yamaphulo alungiselelwe ukukhuthaza uphuhliso lolutsha. Umsitho wokukhunjulwa koSuku leSizwe loLutsha uza kubanjelwa eVentersdorp, eMntla Ntshona ngomhla we-16 kweyeSilimela ngowama-2017.

Kulo nyaka kuza kuphawulwa isikhumbuzo seminyaka engama-41 seziDube-dube zaseSoweto kwaye esi sikhumbuzo sisikhumbuza ukuba abantu abatsha beli badlala indima enkulu kuMzabalazo wethu.

IKhabhinethi ikhuthaza bonke abantu abatsha ukuba bathathe inxaxheba kwimisitho yoSuku loLutsha kwaye baqinisekise ukuba bayazisebenzisa zonke izibonelelo ezikhutshwa ngurhulumente kunye noncedo olukhoyo bazivulele amathuba futhi baqinisekise ukuba izingqi zabo kuqoqosho lweli ziyavakala kwaye indima yabo iyabonakala.

3.2. Inkomfa yoomasipala yezolutsha

UMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano nelezeMicimbi yeMveli, uMnu Des van Rooyen, uza kubamba iNkomfa yooMasipala yezoLutsha ukusuka ngomhla we-19 ukuya kowama-22 kweyeSilimela ngowama-2017, phantsi komxholo othi “Abantu abatsha bakhokela uphuhliso”. Le nkomfa iza kuphehlelela iQonga looMasipala loPhuhliso loLutsha. 

Oku kuza kunceda abantu abatsha ukuba bakwazi ukuhlalutya inkqubela eyenziweyo ngoomasipala xa ithelekiswa nezinto ezizalisekisiweyo zoMgaqo-nkqubo weSizwe woLutsha wowama-2020. Kuza kuphucula nendlela ekusetyenziswana ngayo ngurhulumente, amashishini kunye noluntu ekuphuhliseni iinkokeli eziselula koomasipala.

3.3. UMphathiswa wezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo, uNksz Faith Muthambi, iza kukhokela igqiza loMzantsi Afrika eliza kuya kuzimasa umsitho  woSuku lwe-Afrika lweeNkonzo zikaRhulumente eKigali, eRwanda ukusuka ngomhla wama-21 ukuya kowama-23 kweyeSilimela ngowama-2017.

Umxholo walo nyaka uthi: “Ukubethelela iiNkqubo zokuHanjiswa kweeNkonzo eziGxininisa kubaHlali: Ukubambisana noLutsha ukuze kuTshintshwe i-Afrika.” Lo mxholo unika ithuba lokuba kuphendlwe indlela ooRhulumente abayibona futhi basabele ngayo le nkqubo yokuhambisa iinkonzo igxininisa kubahlali echazwa yile ndlela izinto zenziwa ngayo ngoku.

4. Amazwi ovelwano

4.1. IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kusapho nezihlobo zomkhweli osweleke kwingozi yokutshayisana koololiwe ababini bakwaMetrorail abatshayisene ngakwisitishi sase-Elandsfontein e-Ekurhuleni kwaye inqwenelela abo bonzakeleyo kule ngozi ukuchacha ngokukhawuleza.

IKhabhinethi iphakamisa ukuba le ngozi iphandwe ngokukhawuleza kukhangelwe oyena nobangela wayo ukuze kuthintelwa ukwenzeka kweengozi ezikhokelela ekuswelekeni kwabantu ezifana nale.

4.2. IKhabhinethi nayo njengehlabathi ilugxeka kabukhali uhlaselo lobunqolobi oluqhutywe e-United Kingdom (e-UK). Esi senzo sohlaselo, esenzeke ngobusuku bomhla wesi-3 kweyeSilimela ngowama-2017 kwisiXeko saseLondon, sibulele abantu saze sashiya abanye bonzakele.

Olu hlaselo lwenzeke eLondon zingaphelanga iiveki ezimbini emva kolu lwalenzeke eManchester, apho abantu abaninzi, ulutsha nabantwana ingakumbi, bathi basutywa kukufa.
IKhabhinethi ithi mabalale ngenxeba abantu kunye norhulumente wase-UK, ingakumbi iintsapho nezizalwana zabo bathe baphulukana nobom, kwaye inqwenelela abo bonzakeleyo ukuchacha ngokukhawuleza.

4.3. IKhabhinethi ithi akuhlanga lungehlanga kusapho nezalamane zikaNjing Babatunde Osotimehin, osweleke kule veki iphelileyo.

UNjing Osotimehin ebenguMlawuli wesiGqeba seNgxowa-mali yoLuntu yeZizwe eziManyeneyo. Wayephambili kwiphulo lokulwela imiba yempilo yezesondo nokuzala kubantu basetyhini nabantu abatsha e-Afrika nakwihlabathi liphela. Wawalwela kakhulu amalungelo abantu abathandana nesinye esinye, abanezini ezibini, abazithatha njengabantu abangenasini nabatshintshe isini.

4.4. Inkanyamba ekapa nemililo eknysna

IKhabhinethi iyiqaphele imozulu ibimbi inemimoya nenkanyamba eNtshona Koloni kunye nomonakalo ewenzileyo. IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kwintsapho ezinabantu bazo abaphulukene nobomi babo nezinto zabo ngenxa yale ntlekele; iingxelo zakutsha nje zithi basibhozo abantu abaswelekayo.

Iziko loLawulo lweeNtlekele laseKapa liyakhuthazwa ukuba lenze konke okusemandleni alo ukusindisa abantu nezinto zabo, kuquka nezabo bakummandla waseKnysna apho kukho imililo edwanguzwaya engacimekiyo. Siyabacela abantu ukuba bamamele abasemagunyeni xa bebalumkiso ngeendlela zokuhlala bekhuselekile.

5. Amazwi ovuyiswano

5.1. IKhabhinethi iyasamkela isigqibo sikaMongameli Jacob Zuma sokuqesha uLieutenant General Lesetja Mothiba njengoMkomishinala omtsha weSizwe wamaPolisa oliBambela.
5.2. IKhabhinethi iqhwabela izandla iimbaleki kunye nabadlali amagama abo akhethiweyo kwizigaba ezisibhozo kwiiMbasa zoNyaka zeNgingqi zezeMidlalo zowama-2017, eziza kubanjelwa eMzantsi Afrika.

U-Region 5 weBhunga lezeMidlalo leMbumba ye-Afrika (i-AU) yenye yeengingqi ezintlanu ezithwaliswe uxanduva lokuphuhlisa ezemidlalo phantsi kwe-AU. Amazwe angamaSlungu ale ngingqi yi-Angola, Botswana, Lesotho, Malawi, Mozambique, Namibia, uMzantsi Afrila, Swaziland, Zambia neZimbabwe.

  • UWayde van Niekerk uphumelele iMbasa yokuba nguSaziwayo wezeMidlalo oyiNdoda oBalaseleyo woNyaka
  • UCaster Semenya uphumelele iMbasa yokuba nguSaziwayo wezeMidlalo onguMfazi oBalaseleyo woNyaka
  • U-Anna Botha uphumelele iMbasa yokuba nguMqeqeshi woNyaka
  • IMamelodi Sundowns iphumelele iMbasa yokuba liQela loNyaka.

5.3. IKhabhinnethi ithumela amazwi ovuyiswano kubantu baseLesotho ngokubamba olunyulo obelunoxolo kwaye ivuyisana neNkulumbuso eza kubekwa esihlalweni uMnu Thomas Thabane kunye neqela lakhe ngokuphumelela ulonyulo.

6. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

6.1. UMlawuli-Jikelele (i-DG): ISebe lezokuCwangcisa, ukuHlola nokuVavanya, Nksz Nompumelelo Zandile Mpofu.
6.2. U-DG: ISebe lezeMali, uMnu Dondo Mogajane.

Imibuzo: UNksz Phumla Williams
uMlawuli-Jikelele oliBambela (we-GCIS)
Inombolo yomnxeba: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore