INtetho kwiNtlanganiso yeKhabinethi yangomhla we-9 kweyoMsintsi ngowama-2015

Ukuphunyezwa kweenkqubo ezingundoqo zikarhulumente

1.1 IKhabhinethi iyasibethelela isicelo sikaMongameli Jacob Zuma sokuba sonke sisisizwe masisebenzisane sixhase uqoqosho sisindise imisebenzi kwezi meko zoqoqosho olutsala nzima.

Isivumelwano phakathi kukarhulumente, iinkampani zemigodi nemibutho yabasebenzi sibonakalisa ukuzibophelela kwawo onke amacandelo kwidabi lokulwa ukuphela kwemisebenzi nokuphungula ulwamvila lwentsokolo eza nokuphela kwemisebenzi.

IKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bakuxhase ukusetyenziswa kwesi sivumelwano. Esi sivumelwano sisebenza njengesikhokelo kuwo onke amacandelo ajongene neengxaki ngokuthintela ukuphela kwemisebenzi.

1.2 IKhabhinethi ifumene iiNgxelo zeziPhumo zeKota zesithuba esiphakathi komhla woku-1 kwekaTshazimpunzi nomhla wama-30 kweyeSilimela. IKhabhinethi yanelisekile yinkqubo eyenziweyo kwaye iziqaphele neendawana ezifuna kungenelelwe. IiNkonzo yezoNxibelelwano neNkqubo yoLwazi kaRhulumente (i-GCIS) iza kuququzelela iintlanganiso noonondaba zokubanika ulwazi oluthe vetshe ngamanyathelo okuphumeza iinkqubo zikarhulumente. Uluhlu lwamaxesha nemihla ezi ntlanganiso luza kukhutshwa kwalapha ethubeni.

1.3 IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngentlanganiso yamazwe e-G20 ibibanjelwe e-Ankara, e-Turkey, ukusuka ngomhla wesi-3 ukuya kowesi-5 kweyoMsintsi kowama-2015. Le ntlanganiso ibizinyaswe nguMphathiswa wezeMali, owezabaSebenzi kunye neRhuluneli yeBhanka enguVimba yoMzantsi Afrika. Intlanganiso ibiphakathi kwabaPhathiswa bezeMali kunye nabezabaSebenzi ibingezicwangciso-qhinga namacebo okudala imisebenzi emininzi nangakambi nengcono, ukuphungula ukungalingani nokuxhasa uhlumo loqoqosho oluxhanyulwa nguye wonke.

1.4 Intlanganiso yabaPhathiswa bezeMali kunye neeRhuluneli zeeBhanki ezinguVimba ibixoxa, phakathi kwezinye, ngoqoqosho lwehlabathi, isicwangciso-sikhokelo sohlumo olulinganayo noluzinzileyo, utyalo-malo neziseko zophuhliso, imiba yehlabathi ngerhafu, ukuxhasa ngemali uphuhliso, kunye nokuguqu-guquka kwemozulu. IKhabhinethi ikuqaphele ukuba uqoqosho lwehlabathi alukhuli ngesantya esilindelekileyo. Noko kunjalo, iKhabhinethi iyasamnkela isibhambathiso esitsha nokuzimisela kwamazwe e-G20 ukuba aza kuqhubeleka elubeke phantsi kweliso elibukhali uphuhliso, aqwalasele izinto ezifuna ukuphambuka zingalawuleki aze angenelele elungisa ezo zinto zinokuba yimiqobo kuhlumo nozinzo kuqoqosho.

Amazwe e-G20 ayazamnkela neziphumo ezincumisayo zeNkomfa yase-Addis Ababa ebingokuXhaswa ngeMali kwamaPhulo oPhuhliso apho uMzantsi Afrika udlale indima enkulu njengoko ungusihlalo wamazwe e-G77 aquka neChina.

1.5 IKhabhinethi ukuvulwa ngokusesikweni nokulayitwa kombane eKouga Wind Farm eMpuma Koloni ngomhla wesi-4 kweyoMsintsi ngowama-2015.

I-Kouga Wind Farm iza kuvelisa umbane ococekileyo oziyure zegigawathi ezingama-300 ngonyaka. Oku kuza kusa umbane kumakhaya aqikelelwa kuma-50 000. Oku kuyinxalenye yezicwangciso zesizwe zokusebenzisa imithombo eyahlukeneyo yombane ngendlela engazikuwa esithubeni.

Ekuqaleni kwalo inyaka, iSebe lezaMandla liye lamema necandelo labucala ukuba nalo lincedise ekuveliseni umbane ngokwamnkela abaPhehli baMandla oMbane Abazimeleyo abatsha abali-13 abavelisa umbane ohlaziyekayo abaza kugalela iimegawathi ezingama-5 243 kwiziko lombane lesizwe.

1.6 IKhabhinethi iwuqaphele umba wabafuduki e-Europe obonisa iingxaki ekugaganwa nazo xa kulawulwa imiba yezemfuduko kunye neendlela echatshazelwa ngayo yimigaqo-nkqubo yezangaphandle yamazwe achaphazelekayo.

UMzantsi Afrika usoloko uzama ukuba imiba yezemfuduko ilawulwe ngendlela ebonakalisa ubuntu kangangoko. Ingxaki yabafuduki e-Europe yingxaki echaphazela la ngingqi iyonke kwaye amazwe kufuneka asebenzisane ukuyisombulula. Kufuneka oorhulumente basebenzisane noluntu, abahlali uluntu kunye nemibutho yoluntu ukufuna izisombululo zale ngxaki yemfuduko.

1.7 IKhabhinethi iyiqhwabela izandla iBhodi yokuCandwa kweMida yooMasipala (i-MDB) esanda kugqiba ukucanda nokucanda ngoku ngokutsha imida yoomasipala kumaphondo asibhozo eli.
I-MDB yenze umsebenzi wayo ngokwamagunya omthetho enawo yaze yasebenzisa amagunya enawo ngokomthetho ukuthatha izigqibo.

IKhabhinethi ivakalisa ukukhathazeka okukhulu ngendlela amanye amaqela ezopolitiko ayihlasela ngayo i-MDB kuba efuna ukuyanyelisa nokuyijongisa ngoluntu njengonopopi otsalwa ngempumlo.
IKhabhinethi iyawacela onke amaqela ezopolitiko ukuba ahlukane nokujongela phantsi umsebenzi owenziwa liziko elizimeleyo elilixhadi elibalulekileyo kulawulo lwethu lentando yesininzi. Zikhona iindlela anokwenza ngazo ngokomthetho xa enekhwiniba ngezigqibo ze-MDB.

1.8 Ixesha lokungeniswa kweengxelo ngomgaqo-nkqubo wolungelelwaniso kwezengqesho (i-EE) livulwe ngomhla woku-1 kweyoMsintsi kowama-2015, lezo zingeniswa ngesandla okanye ngokuzithumela nge-intanethi, liza kuvala ngomhla woku-1 kweyeDwarha (ezo zingeniswa ngesandla) nomhla we-15 kweyoMqungu kowama-2016 (ezo zithunyelwa nge-intanethi).

IKhabhinethi ikhumbuza bonke abaqeshi ukuba bangenise iingxelo zabo ze-EE kwiSebe lezabaSebenzi. Iingxelo ezifana nezi zinceda isizwe ukuba sibeke iliso kumgama osele uhanjiwe nohanjwayo malunga nokusiphula neengcambu ucalucalulo nokungalingani.

ISebe lezabaSebenzi liza kuthatha iphulo lokujikeleza lifundisa ngalo mba phantsi komxholo othi: “Iinguqu – zibalulekile ukukhuthaza ukuphunyezwa komgaqo-nkqubo nokuqinisekisa ukuba uyathotyelwa.

2. Izigqibo ezingundoqo zeKhabhinethi

2.1 IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngeNgxelo eQoshelisiweyo yeeNjongo zoPhuhliso zeNkulungwane (ii-MDG) yoMzantsi Afrika. IKhabhinethi iyiphumezile ingxelo eqoshelisiweyo yee-MDG eyidrafi eza kunikezelwa kwiZizwe eziManyeneyo emaphelweni alo umiyo.

Ngokwale ngxelo, emva kweminyaka engama-20 yophuhliso, uyabonaka umgama osele uhanjiwe kwisizwe sisonke malunga nokuhanjiswa kweenkonzo ezisisiseko nokulwa leya indlala ibomvu. Noko kunjalo, uMzantsi Afrika usajongene nengxaki entlantlu-ntathu yendlala, ukungalingani nentswela-ngqesho.

Le ngxelo isikhokelo samalinge ophuhliso asebenzayo emva kowe-2015 kunye neenjongo zophuhliso ezizinzileyo ezihambelana nawo.

2.2 IKhabhinethi izivumile iziphakamiso zoMphathiswa wezoThutho zokuba kutyikiwe isivumelwano sokuqeshisa esikhawulezileyo ne-Tag Yachts (PTY) Ltd).  Injongo yesi sivumelwano kukuqalisa kokwenziwa kohlobo lamaphenyana ii-catamaran zodidi oluphezulu kwiZibuko laseBhayi. Eli lilinge lokunika umsebenzi iCandelo leemveliso zaselwandle phantsi kwe-Operation Phakisa wokuba limisele iZiko Lokwakha Amaphenyane eMpuma Koloni. Ukuvunywa kwesi sivumelwano kwenziwe ngokweCandelo lama-57 elingxamisekileyo loMthetho wamaZibuko eSizwe, wowama-2005 (uMthetho uNombolo 12 wowama-2005);

2.3 IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa koMqulu wase-Afrika ngeeNkcukacha-manani ePalamente ukuze uphunyezwe ngokusemthethweni.

Lo mqulu yinkqubo-sikhokelo yomgaqo-nkqubo wokubalwa kweenkcukacha-manani e-Afrika, obeka imithetho esesikweni yokulawula iindlela ezibalwa zilawulwe ngayo iinkcukacha-manani ngamazwe, zinginngqi kunye nelizwekazi.

Iinkcukacha-manani zibaluleke kakhulu kumalinge okuhlolwa nokuvavanywa, kwaye ziqinisekisa ukuba iinjongo nemibono ziyazalisekiswa kwaye ziyaphunyezwa. Lo mqulu unezikhokelo zokubalwa nokukhutshwa kweenkcukacha-manani ezikumgangatho ophezulu ezifunakyo ukubeka iliso kwiNkqubo yeSizwe yoPhuhliso (i-NDP), iinkqubo zikarhulumente nalo miba ayikhokelise phambili.

2.4 IKhabhinethi ivumile ukuba iSebe lezokuCwangciso, ukuHlola nokuVavanya (i-DPME) liqhubele phambili i-Twende Mbele Programme ukuze kukhuthazwe intsebenziswano kwimiba yezokuhlola nokuvavanya kwi-Afrika iphela.

I-Twende Mbele Programme iza kunceda uMzantsi Afrika ukuba wakhele kwizivumelwano ezingatyikitywanga, kodwa zityikitywe ngokusesikweni, ezinokuquka izivumelwano zamazwe ngamazwe. Oku kukuphosa igade kumalinge okulwela ubomi obungcono eMzantsi Afrika, into ihambelanayo nedabi lokulwela i-Afrika engcono kwihlabathi elingcono.

3. Imithetho esayilwayo

3.1 IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-sihlomelo osaYilwayo woKwandiswa kwamaLungelo okuMa eMhlabeni wowama-2015.
Lo mthetho usayilwayo ulungisa uMthetho woKwandiswa koKhuselo lokuMa eMhlabeni wowe-1997 (uMthetho uNombolo 62 wowe-1967) ukuze womeleze, ucacise ukhusele amalungelo abo bakuwo.

Ezi zilungiso, zisukela kuMgaqo-nkqubo woKhuselo lokuMa nokuSuswa eMhlabeni kwiMimandla yeeFama eziRhwebayo, zilungiselelwa ukukhangela izisombululo kwiingxaki zelungelo lokumma emhlabeni ngokudibanisa amalinge okwabiwa kwakhona komhla kunye nemithetho kunye neendlela zokusombulula iimbabano.

Izixhobo ezikhoyo kumaziko afanelekileyo azinamagunya aneleyo ukungenelela kwiimbambano ezingamalungelo omhlaba nokhuselo lwelungelo lokuma kuwo kwimimandla eneefama ezirhwebayo.
 
4. Imisitho ezayo

4.1 Njengenxalenye yemibhiyozo yeNyanga yaMafa ngeyoMsintsi, uMongameli Jacob Zuma uza kuvula ngokusesikweni iZiko lesiKhumbuzo saseMatola eMozambique ngoLwesihlanu umhla we-11 kweyoMsintsi ngowama-2015 kunye noMfanekiso oQingqiweyo weNkosi uBhambatha eGreytown, KwaZulu-Natal ngomhla wama-22 kweyoMsintsi kowama-2015.

4.2 UMongameli uza kuba sisithethi sembeko ngoSuku lwaMafa eVleifontein, eMakhado eLimpopo ngomhla wama-24 kweyoMsintsi ngowama-2015. Umxholo wemibhiyozo yeNyanga yaMafa uthi: “Ulwazi lwethu lwemveli, ilifa lethu: Sikwindlela eya ekukhangeleni, ekukhuthazeni nasekulondolezeni amafa aphilayo oMzantsi Afrika.

Abemi beli bayakhuthazwa ukuba babonakalise umdla kumafa ethu endalo ngokutyelela imiyezo yesizwe ekuza kungenwa kuwo simahla ukusuka ngomhla we-14 ukuya kowe-18 kweyoMsintsi ngowama-2015, njengenxalenye yeVeki ye-10 yeMiyezo yeSizwe yoMzantsi Afrika ebanjwa minyaka le.

4.3 ISebe leMfundo esiSiseko liza kuqhuba uHlolo loNyaka leSizwe (i-ANA) lwesihlanu ngenyanga yoMsintsi yowama-2015 ngeenjongo zokuvavanya iziphumo zokufunda zelitherasi nezibalo kwibanga loku-1 ukuya kwele-9.

I-ANA ikhupha ubungqina obufanayo obusesikweni bokuhlola iindlela aqhuba ngayo amanyathelo okungenelela karhulumente kwaye isebenza nanjengesikhokelo sokuqulunqa amanye amacebo okungenelela.
Abazali nabagcini-bantwana bayakhuthazwa ukuba babaxhase abafundi ngeli thuba leemviwo kwaye baqinisekise ukuba iziphumo zisetyenziselwa ukujonga iindawo inkqubo yabafundi eqhwalela kuzo. Imihla namaxesha eemviwo ze-ANA ziyafumaneka kule webhusayithi: www.education.gov.za

IKhabhinethi ihlaba ukhwelo kootitshala ukuba bakhokelise iimfuno zabafundi phambili ngokuqinisekisa ukuba iimviwo ze-ANA ziyaqhuba ngaphandle kokuphazanyiswa.

4.4 IKhabhinethi ibamba ngazibini kubo bonke abemi boMzantsi Afrika abathathe inxaxheba kuSuku lweHlabathi lweLitherasi ebelibanjwe ngomhla wesi-8 kweyoMsintsi ngowama-2015 ukukhuthaza ukuthanda ukufunda nokugxininisa ukubaluleka kwezakhono zokukwazi ukubhala nokufunda. Amaxwebhu olu Lawulo lweNtando yesininzi olusekelwe kulo, uMqulu weNkululeko uthi siza kulwelwa ukuba “iingcango zemfundo ziyakuvulelwa bonke abantu.

ISebe leMfundo esiSiseko liyacela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bathathe inxaxheba kumaphulo elitherasi anjongo zawo ikukukhuthaza ukuthanda ukufunda kwiindawo esihlala kuzo. IKhabhinethi icela wonke umntu anikele ngeencwadi kumathala eencwadi ezikolo, sonke sifake isandla ngokusebenzisa ixesha lethu sifundele abantwana iincwadi kwiindawo esihlala kuzo.

4.5 IVeki yeSizwe yeThusong Service Centre eBanjwa minyaka le ukusuka ngomhla we-13 ukuya kowe-18 kweyoMsintsi iza kucacisa iinkonzo ezifumaneka kula maziko kunye nee-ofisi ezingomahamba-nandlwana ezisondeza iinkonzo zikarhulumente kufutshane nabemi boMzantsi Afrika. Oku kuyinxalenye yeNyanga yeeNkonzo zikaRhulumente.

IKhabhinethi ikhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise iinkonzo ezahlukeneyo kunye nolwazi olufumaneka kwii-Thusong Service Centre ukuba batyebise ulwazi lwabo.

IKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bakhumbule abasebenzi bakarhulumente okanye amaziko karhulumente agqwesayo kwimisebenzi yawo ngokuphakamisa amagama abo phambi komhla wama-30 kweyoMsintsi ngowama-2015 ukuba abe sethubeni lokuwongwa ngeeMbasa zesithathu zeSizwe zokuGqwesa zeBatho Pele zowama-2015 eziza kubanjwa phantsi komxholo othi: IBatho Pele – Ukubeka Abantu Phambili”. Ulwazi oluthe vetshe liyafumaneka kule webhusayithi: www.dpsa.gov.za

4.6 IKhabhinethi ikuqaphele ukuba iSeshoni yesiQhelo yama-70 yeNtlanganiso eNkulu yeZizwe eziManyeneyo (i-UNGA 70) iza kuvulwa ngomhla we-17 kweyoMsintsi ngowama-2015 kuNdlunkulu we-UN eNew York. Ukusuka ngomhla wama-25 ukuya kowama-27 kweyoMsintsi ngowama-2015, iNgqungquthela eza kuxovula umba woKwamnkelwa kwe-Ajenda yoPhuhliso yaseMva kowama-2015 iza kubanjwa.

IiNgxoxo Gabalala zeSeshoni yama-70 ye-UNGA ziza kuqhuba ukusuka ngomhla wama-28 kweyoMsintsi ukuya kowesi-6 kweyeDwarha ngowama-2015. INgqungquthela yeMbumba ye-Afrika (i-AU) yokugqibela ebibanjelwe eMzantsi Afrika yamelelela amazwe angamalungu e-AU ukuba alisebenzise kangangoko eli thuba kwiNtlanganiso eNkulu ye-UN aphakamise imiba emalunga neengungqu kwiBhunga loKhuselo njengenxalenye yemiba ayiphakamisayo emalunga nemigaqo-nkqubo yawo yangaphandle xa ebambe iingxoko namazwe angongawase-Afrika, ingakumbi baquke kwiziphakamiso zabo ngethuba leengxoxo zeNtlanganiso eNkulu ye-UN  ukuba kukho imfuneko emandla yokulungisa ububi nenkohlakalo eyenziwa kwilizwekazi lase-Afrika ngaphambili.

4.7 IKhabhinethi ikuqaphele ukuba uMzantsi Afrika uza kusingatha iNgqungquthelo yesiBini yeQonga leNtsebenziswano phakathi kwe-Afrika ne-China (i-FOCAC) ngomhla wesi-4 ukuya kowesi-5 ngeyoMnga kowama-2015. URhulumente woMzantsi Afrika uza kusebenzisana kakhulu noRhulumente wase-China, iQela looNozakuzaku base-Afrika eBeijing nase-Addis Ababa, kunye neKomishini ye-AU kumalungiselelo ale Ngqungquthela ye-FOCAC. Kulindeleke ukuba iNgqungquthela ye-FOCAC yamnkele isiBhengezo kunye nesiCwangciso sokuSebenza (sowama-2016-2018) esitsha. UMzantsi Afrika sithetha nje usebenzisana nabo bonke abachaphazelekayo ukugqibezela ukulungisa la maxwebhu eziphumo mabini abalulekileyo.

Imiyalezo yokuvuyisana

4.8 IKhabhinethi iyakwamnkela ukwaziswa kweDurban ngokuba iza kusingatha iMidlalo yaMazwe Ayesakuba ngamaThanga yowama-22 yiNtlanganiso eNkulu yoMfelandawonye weMidlalo yaMazwe Ayesakuba ngamaThanga, into leyo ethetha ukuba kuza kuba kokokuqala ezimbalini le midlalo ibaluleke kangaka ibanjelwa kwilizwekazi i-Afrika.

I-Durban iza kusebenzisa iziseko zophuhliso zeNdebe yeHlabathi ye-FIFA yama-2010 ukusingatha le midlalo, ekulindeleke ukuba igalele iibhiliyoni zeerandi ezingama-20 kuqoqosho, into leyo ngamanye amazwi ezinye iibhiliyoni zeerandi ezili-11 kuhlumo lwesambuku semveliso yelizwe (i-GDP).

4.9 IKhabhinethi iqhwabela izandla iimbaleki zeli ngokuphuma kwindawo ye-13 kwiMidlalo yeeMbaleki yeHlabathi ye-13 eBeijing eChina nokuphumelela imbasa enye yegolide nezimbini zebronzi.

4.10 IKhabhinethi ifuna ukuthi huntshu kwiBafana Bafana ngokuphumelela umdlalo wama-21 we-Mandela Challenge, ngokubetha iSenegal ngelinye eqandeni. Le mpumelelo ilandela emva kokubethwa yiMauritania kule mpelaveki igqithileyo, ke ngoko siyathemba ukuba le mpumelelo iza kulivuselela eli qela likwazi ukuphumelela ukuze likwazi ukuya kudlala kwimidlalo yeNdebe yeZizwe zase-Afrika.

Ngokuphumelela i-Mandela Challenge, uMbutho weBhola eKhatywayo woMzantsi Afrika (i-SAFA) unyuse imali obinze ngayo kwiNgxowa-mali yaBantwana kaNelson Mandela yasuka kwisigidi seerandi yaya kutsho kwisigidi seerandi esiyi-1.5.

4.11 IKhabhinethi ifuna ukunqwenelela i-Springbok impumelelo kwiMidlalo yesi-8 yeNdebe yeHlabathi yoMbhoxo eza kubanjelwa eNgilani ukusuka ngomhla we-18 kweyoMsintsi ukuya kowama-31 kweyeDwarha ngowama-2015 kwaye imemelela abemi boMzantsi Afrika ukuba bamanyane baxhashe iqela lethu lesizwe.

4.12 IKhabhinethi nayo izeka mzekweni njengoMongameli ekuqhwabeleni izandla iDyunivesiti yaseWitwatersrand ngokubhaqa amathambo amadala kakhulu eMaropeng kwiSiza seHlabathi saMafa i-Cradle of Humankind eNtshona-Randi, eGauteng.

La mathambo angaqhelekanga kwaye alibhaqo langenene alandela uphando olunzulu ngoompondo-zihlanjiwe boosonzululwazi zixhaswa liSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe kunye neZiko lokuGqwesa loMbutho weSizwe woPhando kwiDyunivesiti yaseWitwatersrand.

4.13 IKhabhinethi, njengoMongameli, iqhwabela izandla iCawa yamaKatolika ngokwamnkela ngokusesikweni uMnu Tshimangadzo Samuel Benedict Daswa njengomntu oyiNgcwele wokuQala eMzantsi Afrika. Lo msitho uza kubanjelwa eThohoyandou, eLimpopo ngomhla we-13 kweyoMsintsi ngowama-2015.  ICawa yamaKatolika iza kusingatha umsitho wenyathelo lokuqala lokuvuma ngokusesikweni ukuba uMnu Tshimangadzo Samuel Benedict Daswa umphefumlo wakhe ungomnye wabo bangcwele ezulwini. UMnu Daswa wayeyinqununu yesikolo kwiPhondo laseLimpopo. Wabethwa, waxulutywa ngamatye watshiswa wada wabhubha ngenxa yenkolo yakhe yobuKatolika ngeyoMdumba kowe-1990.

5. Imiba engundoqo esematheni

5.1 IKhabhinethi iyazamkela iziphakamiso ezicetywayo phakathi koMbutho woLawulo lweMithetho yezeNdlela kunye namagosa ezendlela ephondo zokuqalisa amaxesha okusebenza atsala imini nobusuku ngelokuzama ukulwa iingozi ezimasikizi ezindleleni.

IKhabhinethi ifuna ukukhumbuza bonke abasebenzisi bendlela ukuba ukhuseleko ezindleleni luxanduva lomntu wonke kwaye amaphulo okukhuthaza ukhuseleko ezindleni aya kuba yimpumelelelo kuphela ukuba sonke siyayithobela imithetho yezendlela. Njengoko ngoku singena kwixesha leeholide zesikolo, iSebe lezeNdlela liza kuba ngathi liyawaqinisa amaphulo alo okhuseleke ezindleleni.

IKhabhinethi icela bonke abaqhubi ukuba baziphelise iingozi ezindleleni ngokuthobela imithetho yendlela, bangaqhubi besele iziselo ezinxilisayo, iimoto ezingekho ndleleni azivumelakanga ukuba ziqhutywe ezindleleni.

5.2 IKhabhinethi iyiqaphele iNkongolo yeHlabathi yezaMahlathi ye-XIV eqhubayo sithetha nje e-Durban ezinyaswe ngabathunywa abangama-3 200. Le nkongolo, iyeyokuqala ukubanjelwa e-Afrika, izinyaswe ngabantu abamele amacandelo ahlukeneyo afana norhulumente, kunye nelenzululwazi okanye imibutho yeengcali. Ukuthatha inxaxheba kwamacandelo ahlukeneyo kunye neengxoxo eziquka amacandelo ahlukeneyo kuza kwenza ukuba ezamahlathi zibe yeminye imiba ephambili kwimiba esematheni yehlabathi engophuhliso oluzinzileyo kunye nokungena kwizivumelwano zentsebenziswano.

5.3 IKhabhinethi isiqaphele isaziso esikhutshwe yiNdlu yoZakuzo yaseMelika elapha eMzantsi Afrika esilumkisa ngokuba abanqolobi baceba ukuhlasela abemi namashishini aseMelika eMzantsi Afrika.
IKhabhinethi iyabethelela kwakhona ukuba uMphathiswa woKhuseleko leSizwe uyaluqinisekisa uluntu ukuba ukhuseleko lwabo bonke abemi boMzantsi Afrika ngumba ophambili weSebe lakhe. Ii-arhente zogcino-mthetho zeli zihleli zibaze iindlebe namehlo ngeenjongo zokukhusela abemi beli kunye neempahla zabo.

Amazwi ovelwano

5.4 IKhabhinethi, njengoMongameli Zuma, ivakalisa amazwi ovelwano kusapho, izihlobo namaqabane ngokusweleka kweJaji uThembekile Lewis Skweyiya. Ube negalelo elimandla kweli lizwe njengegqwetha elalichasene nocalucalulo, itshantliziyo lamalungelo oluntu, iJaji kwiNkundla ePhakamileyo kunye neJaji kwiNkundla yoMgaqo-siseko.

5.5 IKhabhinethi ikwathumela amazwi ovelwano kusapho nesizwe saBatlokwa ba Mota eFreyistatha ngokukhothama koMntwan’egazi, uKumnkani Lekunutu Cavendish Mota.

6. Izikhundla

Ukuqeshwa kuzo zonke izikhundla kuxhomekeke ekuqinisekisweni kwezifundo nokuba msulwa okufaneleyo.

6.1 UNksz Mmabatho Ramagoshi – ISekela-Mlawuli-Jikelele: UkuLungelelanisa uMgaqo-nkqubo kunye nokuLawulwa koLwazi kwiSebe labaseTyhini.
6.2  INtloko kuZwelonke: ICandelo loPhando lwamaTyala Aphambili. UMphathiswa wezamaPolisa uza kukhupha isaziso ngale njikalanga.

Imibuzo:
UNksz Phumla Williams (iSithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Inombolo yomnxeba: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore